INgxelo yeNtlanganiso yeKhabhinethi ebibanjwe ngoLwesithathu, umhla wesi-3 kweyeSilimela 2021

A. Imiba yokusiNgqongileyo

1. Inqanaba lesilumkiso lesi-4 elilungelelanisiweyo lokuvalwa kwesizwe 

1.1. Ikhabhinethi iqinisekisile kwakhona ukuba inyathelo lokuya kwinqanaba lesilumkiso lesi-4 elilungelelanisiweyo njengoko kwabhengezwa ngeCawa umhla wama-27 kweyeSilimela 2021 nguMongameli obekekileyo uCyril Ramaphosa, linyathelo eliyimfuneko kwidabi lokulwa nomsinga wesithathu wentsholongwane i-COVID-19 eMzantsi Afrika.

1.2. Ukuqiniswa kwezithintelo kuya kusinika amandla ekunciphiseni ukunyuka kolosuleleko, ngaloo ndlela siyakuthi sikwazi ukunciphisa umthwalo kwicala lezempilo elisele lisoyisakala ngoku. 

1.3. Izithintelo ezongezelelweyo ziya kuhlolwa emva kweentsuku ezili-14 kwaye kuthathelwe ingqalelo indlela yokunciphisa iimpembelelo kwezoqoqosho njengoko kuzanywa ukusindiswa kobomi babantu nendlela yabo yokuphila kananjalo.

1.4. Ikhabhinethi iphinde yakugxininisa ukuba umahluko nge-Delta kukuba idluliseka (igqithiseka) msinya kunolunye uhlobo lwangaphambili, kwaye ke ngoko kufuneka siqaphele ngakumbi kunxibelelwano lwethu lwemihla ngemihla kuba abantu abaninzi abosuleleke yi-COVID-19 ababonakalisi zimpawu.

1.5. Izikhokelo eziHlanganisiweyo zoKhuseleko lwezeMpilo eMsebenzini nguMphathiswa wezeNgqesho nowezaBasebenzi zibonelela ngemigaqo elungelelanise imfuneko yokugcina amashishini eqhuba ngelixa kuqinisekiswa impilo nokhuseleko lwabo bonke abantu abasemsebenzini.

1.6. Ngeli xesha eliyingozi, kuyacetyiswa kwaye kubaluleke kakhulu ukuba kusindiswe ubomi babantu ngokuthi uphephe iindawo zikawonke-wonke kangangoko kunokwenzeka, ngokuthobela imiMiselo yokuLawulwa kweNtlekele ye-COVID-19 kunye nangokubambelela ekunxibeni isigqubutheli-buso xa uphakathi kwabantu, ekuhlambeni izandla rhoqo ngesepha namanzi okanye usebenzise isibulali zintsholongwane, kwaye ugcine umgama ongange 1.5 yeemitha maxa onke.

2. Ukukhutshwa kweyeza lokugonya le-COVID-19  

2.1. UMzantsi Afrika uyaqhubekeka nokuqinisa iNkqubo yokuKhutshwa kweYeza lokugonya le-COVID-19 ukukhusela abemi kwiziphumo ezimbi ezishiywa yile ntsholongwane. Ukususela ngomhla wama-30 kweyeSilimela 2021, bangaphezulu kwezigidi ezi-3 (3 026 636) zabantu abagonywayo kwaye oku kubandakanya abasebenzi bezempilo, abantu abaneminyaka engama-60 nangaphezulu, nootitshala. Ootitshala abangama-238 315 sele begonyiwe.

2.2. IKhabhinethi income iSebe lezeMpilo nelezeMfundo esisiSeko ngokuphendula ngokufanelekileyo kwiimfuno zootitshala nezabanye abasebenzi abakwicandelo lezemfundo yabucala nelikarhulumente ngokuthi benze inkqubo ebanzi yokugonya.

2.3. Ugonyo lwabasebenzi bezokhuseleko luza kuqala ngamalungu eeNkonzo zesiPolisa zoMzantsi Afrika ngoMvulo umhla wesi-5 kweyeKhala 2021, ngoLwesine umhla wesi-8 kweyeKhala 2021 iyakuba ngamalungu oMkhosi woKhuselo woMzantsi Afrika.

2.4. Ubhaliso lokugonywa kwi-EVDS luvulelwe ukubhalisela abantu abaneminyaka engama-50 nangaphezulu, kwaye ugonyo lwabo lucwangciselwe ukuba luqale ngoLwesine, umhla we-15 kweyeKhala 2021. Abantu abakule minyaka yobudala bayakhuthazwa ukuba babhalise besebenzisa i- https://vaccine.enroll.health.gov.za  okanye i-WhatsApp: 0600 123456.

2.5 Imihla yokugonywa kwabasebenzi abakumacandelo oqoqosho oveliso afana nemigodi, abasebenzi abasezivenkile kunye nabanye iya kubhengezwa kwi-IMC yezigonyo echotshelwa nguSekela Mongameli.

3. USuku loLutsha

3.1 IKhabhinethi ibamba ngazo zozibini kubo bonke abemmi boMzantsi Afrika ngokuzibandakanya kwimibhiyozo yoSuku loLutsha lakweli nebibhiyozelwa ngoLwesithathu, umhla we-16 kweyeSilimela 2021 phantsi komxholo othi: “Unyaka kaChorlotte Mannya Maxeke: Ukukhulisa ingqesho yoLutsha ukuze kubekho uluntu oluqukayo noluguqulweyo”.

3.2 UMongameli Ramaphosa uvule iqonga lokufunda nge-intanethi kunye neqonga lokukhangela izithuba zemisebenzi, i-SA Youth kunye ne-mPowa, ngokwenza oku uzama ukudalela ulutsha amathuba enkxaso-mali kunye nawemisebenzi ngokubadibanisa nabo banokuba ngabaqeshi kunye nabo banobaxhasa ngemali. Ulutsha lungenza iprofayili, lujonge amathuba okufunda kunye nawokufumana imivuzo, kwaye bafumane inkxaso ngeendlela ezininzi kula maqonga.

3.3 Ndwendwela i- http://SAYouth.mobi okanye utsalele le nombolo yasimahla: 0800 72 72 72 ukuze ufikelele kumathuba awahlukeneyo kunye nenkxaso ngoNgenelelo lukaMongameli lokuQeshwa koLutsha.

B.  Izigqibo zeKhabhinethi

1. Ingxelo ngooRhulumente bamaKhaya

1.1 IKhabhinethi ixoxe ngemeko yoorhulumente bamakhaya ngokweengxelo ezivela kwiSebe loLawulo lweNtsebenziswano neMicimbi yezeMveli, uNondyebo weSizwe nakuMphicothi-zincwadi Jikelele woMzantsi Afrika.

1.2 IKhabhinethi inike ingqalelo imeko emandundu yabanye oomasipala kwaye kwezinye iimeko, urhulumente kazwelonke kuya kunyanzeleka angenelele ngokukuko ukuze aphucule ukuhanjiswa kweenkonzo namandla oomasipala abathile ngokuhambelana nezibonelelo zeCandelo le-139 (7) loMgaqo-siseko weRiphabliki yoMzantsi Afrika ka-1996.

1.3 Ukongeza, urhulumente kazwelonke okhokelwa lwiSebe loLawulo lweNtsebenziswano neMicimbi yezeMveli, uNondyebo weSizwe kunye namasebe anikezela ngeenkonzo aza kuqinisa inkxaso yabo koomasipala ngokuhambelana neModeli yoPhuhliso esekwe kwiSithili (District-based Development Model) kunye noxanduva lwabo njengoko kubonelelwe kwiCandelo le-154 loMgaqo-siseko.

2. Ungenelelo loMbutho woPhuhliso lwamaZwe aseMazantsi e-Afrika (i-SADC) eMozambiki

2.1 IKhabhinethi izamkele izigqibo zeNgqungquthela engaQhelekanga yeeNtloko zemiBuso nooRhulumente be-SADC ebibanjelwe eMaputo, eMozambiki ngoLwesithathu, umhla wama-23 kweyeSilimela 2021.

2.2 Le ngqungquthela ivume ukuba amazwe ayingxenye ye-SADC ayakuthatha inxaxheba kungenelelo lokuzinzisa imeko yaseMozambiki. UMzantsi Afrika njengenxalenye ye-SADC, uzakuthatha inxaxheba kula maphulo enzelwe ukubuyisela uzinzo kula mmandla.

3. Ukusingathwa kweNkomfa yama-21 yamaZwe-ngamaZwe ngoGawulayo kunye neZifo eziSulelana ngokweSondo e-Afrika (i-ICASA)

3.1 IKhabhinethi ivumile ukuba uMzantsi Afrika usingathe i-ICASA yama-21, eza kubanjelwa eThekwini ukusukela ngomhla we-6 ukuya kowe-11 kweyoMga 2021.

3.2 Ukusingathwa kwe-ICASA kuza kunika uMzantsi Afrika ithuba lokubonisa ukuzibophelela kwayo ekuphenduleni iithagethi zonyango ezingama-90-90-90 zoMbutho weZizwe eziManyeneyo ukunceda ukuphelisa ubhubhane we-AIDS. UMzantsi Afrika wenze inkqubela ebonakalayo ekulweni i-HIV ne-AIDS, kodwa kusekuninzi ekufuneka kwenziwe ukuze kuncitshiswe inani lolosuleleko olutsha.

3.3 Kwakhona, le nkomfa iya kuthi inike iqonga leengxoxo kunye namathuba okufunda ngokubhekisele kwiindlela zokuthintela i-HIV kunye nee-STI kwimeko yesifo se-COVID-19.

4. Amazwi ovelwano kubantu base-Zambia

4.1 IKhabhinethi ivakalise amazwi ovelwano kusapho kunye nakubantu base-Zambia ngokusweleka kukaMongameli owasungula iRiphabliki yase-Zambia, uGqr Kenneth ‘KK’ Kaunda (97), ngoLwesine, umhla we-17 kweyeSilimela 2021. UGqr Kaunda wayengomnye wabameli abaphambili bePan-Africanism, kwaye ekwayiyo nentshatsheli enguvulindlela we-Afrika engalawulwa ngamanye amazwe, emanyeneyo kunye nephumelelayo.

4.2 Ukumnika imbeko, uMongameli Ramaphosa ubhengeze iintsuku ezili-10 zokuzila ukususela ngolwesiHlanu, umhla we-18 kweyeSilimela 2021 kude kube ngokuhlwa ngeCawa, umhla wama-27 kweyeSilimela 2021, kwaye kuthotywe iiflegi kangangesiqingatha kuzo zonke izikhululo ezineflegi.

4.3 Kubo bonke ubomi bakhe, uGqr. Kaunda wasebenza nzima esebenzela inkqubela phambili kwezoqoqosho, kwezentlalo kunye nakwezopolitiko e-Afrika, kwaye ebeyingxilimbela yomZabalazo we-Afrika ekhululekileyo kulawulo lwamanye amazwe nelocalucalulo. Ebekhuthaza kakhulu Ubuntu be-Afrika, kwaye uya kukhunjulwa ngobunkokheli bakhe obubalaseleyo ekusekeni i-Non-Aligned Movement kunye nombutho owawusaziwa njengoMbutho woBumbano lwe-Afrika (ngoku ubizwa ngokuba yiManyano yase-Afrika i-African Unity).

4.4 IKhabhinethi ivume inkqubo ekhokelwe liSebe lezeMidlalo, ubuGcisa neNkcubeko ukunika imbeko kubomi negalelo likaGqr Kaunda kwinkululeko yelizwe lakhe nelezwekazi i-Afrika, ingakumbi kwingingqi yaseMazantsi e-Afrika. UMongameli Ramaphosa uzokuzimasa umgcwabo oza kubanjelwa eLusaka ngoLwesithathu, umhla wesi-7 kweyeKhala 2021.

C. IMithetho eYilwayo

1. UMthetho oYilwayo wokuBhaliswa kweeTayitile ulungisiwe

1.1 IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa koMthetho oYilwayo wokuBhaliswa kweeTayitile olungisiweyo ukuze uluntu luhlomle. Lo Mthetho uYilwayo ulungisa uMthetho woBhaliso lweeTayitile, ka-1937 (uMthetho wama-47 ka-1937) osele uphelelwe lixesha kwiinkqubo zawo. 

1.2 Ngaphandle kokutshintsha iinkqubo zokusebenza kwe-Ofisi yoBhaliso lweeTayitile, lo Mthetho uYilwayo ukwazisa inkqubo yokungeniswa ngekhompyutha, eza kuthi yenze uhlobo lokuhambisa iinkonzo kuluntu ngokubanzi lilungele amaxesha angoku. Ikwacebisa ukuba kuqeshwe uMgcini zincwadi zobhaliso lweeTayitile, uSekela Mgcini zincwadi zobhaliso lweeTayitile kunye noMncedisi woMgcini zincwadi zobhaliso lweeTayitile.

2. Uqulunqo loMthetho oYilwayo weQumrhu lezoSasazo lwaseMzantsi Afrika (i-SABC) wama-2020

2.1 IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa koMthetho oYilwayo we-SABC ka-2020 ukuze kulunywane iindlebe noluntu kwaye luhlomle. Wakuba upasisiwe wanguMthetho, lo Mthetho uYilwayo uza kukhokelela ekurhoxisweni koMthetho wezoSasazo okhoyo, ka-1999 (uMthetho we-4 ka-1999). Injongo yawo kukuqinisa ukusebenza kakuhle kweziko losasazo loluntu.

2.2 Lo Mthetho uYilwayo uceba, phakathi kwezinye izinto, ukufezekisa iBhodi ye-SABC, iqinise uxanduva lwayo kwaye ikwazi ukumela izenzo zayo. Ukwaceba ukubamba ngokutsha imodeli yenkxaso-mali ye-SABC kunye nenkqubo yelayisensi kamabonwakude.

D. Imicimbi Ezayo

1. Inyanga kaNelson Mandela

1.1 Rhoqo ngonyaka ngomhla we-18 kweyeKhala, abemi boMzantsi Afrika kunye noluntu lwehlabathi lunika imbeko kowayesakuba nguMongameli weli kwaye eliqhawe lamazwe ngamazwe - uGqr Nelson Rolihlahla Mandela - ngokuthi kubhiyozelwe, uSuku luka-Nelson Mandela lwamaZwe ngamaZwe.

1.2 Kula maxesha obunzima, sixhomekeke kumoya wethu wobumbano kuzwelonke kunye nokungacingeli thina sodwa njengoko uMadiba engumfuziselo woko. Ngomoya kaMadiba, iKhabhinethi ikhuthaze abemi boMzantsi Afrika ukuba bajongane nalo mngeni kwaye baxhase abo kwindawo zethu zokuhlala abo banikezelayo ngenxa yeziphumo ze-COVID-19. Singamkela uhlobo uMadiba wayesekele ubomi bakhe ngalo sihloniphe ilifa lakhe ngezenzo zozondelela amalungelo abantu kunye namanyathelo axhasa abo bacinezelwe yimpembelelo yentsholongwane.

2. Ixesha leRhafu

2.1 Ixesha lokugcwaliswa kweerhafu lowama-2021 liza kuvulwa ngoLwesine, umhla woku-1 kweyeKhala 2021 kude kube ngoLwesibini umhla wama-23 kweyeNkanga 2021. Abarhafi bayakhuthazwa ukuba bagcwalise iifomu zabo zerhafu kwi-eFiling (www.sars.gov.za) okanye kwi-South African Revenue Service Mobi-App.

2.2 Kulo nyaka inani labarhafi liza kuphinda livavanywe ngokuzenzekelayo ukwenza lula le nkqubo. Ukungeniswa kwangexesha nongokuchanekileyo kweembuyekezo zerhafu kuqinisekisa ukuba abarhafi bahlala bethobela kwaye banceda urhulumente ukuba ahambise iinkonzo kubemmi boMzantsi Afrika abazidinga kakhulu.

E. Imiyalezo

1. Uvuyiswano

  • IKhabhinethi idlulise amazwi ovuyisana neminqweno emihle:
  • kuMnu Nicholas Dlamini, umntu wokuqala omnyama woMzantsi Afrika ukubaleka kukhuphiswano lwe-Tour de France.
  • kwi-Kaizer Chiefs FC ngokufumana iindawo kwiintshatsheli ze-CAF Champions League eza kubanjelwa e-Morocco ngoMgqibelo, nge17 kweyeKhala 2021, kunye noMqeqeshi uPitso okhokele i-Ahl Aly FC yase-Egypt kumdlalo wokugqibela we-CAF Champions.
  • kuMnu Lesetja Kganyago, iRhuluneli yeBhanki enguVimba yoMzantsi Afrika (i-SARB), othe wawongwa njengeRhuluneli weBhanki yoNyaka kuhlelo lwama-2021 lweeMbasa zeBhanki zase-Afrika. Phantsi kobunkokheli bakhe, i-SARB yathatha isigqibo esisiso ngokuchasene nefuthe le-COVID-19 kuqoqosho.
  • kuGqr. Ngwako Stephen Sebopetsa, iNqununu yeSikolo samaBanga aPhantsi i-Rathaga kwiSekethe 1 yaseRakwadu, kwiSithili se-Mopani East, eLimpopo, ngokufumana iMbasa yeNqununu yeHlabathi ngenxa yobuchule bobunkokheli obugqwesileyo, umsebenzi obalulekileyo kunye negalelo kwinkalo yemfundo.
  • kwi-SARB, kwimibhiyozo yekhulu leminyaka eyaphawulwa ngoLwesithathu, umhla wama-30 kweyeSilimela 2021. Ibhanki yavula iingcango zayo ngomhla wama-30 kweyeSilimela 1921 kwaye yeyona bhanki inkulu endala e-Afrika. I-SARB ibambe igunya elibalulekileyo lomgaqo-siseko lokugcina uzinzo lwamaxabiso ngenjongo yokukhulisa uqoqosho olungeleleneyo noluzinzileyo. Ibhanki ikhuphe ingqekembe entsha yesikhumbuzo ye-R5 ukunika imbeko iminyaka eli-100 ikhona.

2. Amazwi ovelwano

IKhabhinethi idlulise amazwi ovelwano kusapho nakubahlobo baka:

  • Gqr. Jabu Mabuza (63), usomashishini ophumeleleyo woMzantsi Afrika kunye nenkokheli yezoshishino owayesebenza njengeGosa eliyiNtloko lesiGqeba le-Tsogo Sun Holdings, ekwanguye noSihlalo weBhodi ka-Eskom kananjalo enguMongameli woBumbano lwezoShishino eMzantsi Afrika i-Business Unity South Africa.
  • Njing. Mzilikazi Khumalo (89) kunye nomfazi wakhe Mama Rose Khumalo (88). UNjing Khumalo wayengoyena mntu ubalaseleyo kwizifundo, kwinkcubeko kunye nakwimbonakalo. Wayesaziwa ngokuba ngumlungelelanisi weengoma zomculo, umqambi wekwayala kunye nomphathi wekwayala. Uncede ukudibanisa i-opera yokuqala yesiZulu, iNkosazana Magogo kaDinuzulu. Ngokuqaphelekayo, uNjing. Khumalo wayeyinxalenye yekomiti eyayidibanisa uNkosi Sikelel’ iAfrika kunye nomhobe wexesha localucalulo, u-Die Stem, ukuyila umhobe wobandlululo eMzantsi Afrika.

F. Ukuqeshwa

Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamaphepha ezemfundo kunye nokunye ukuqinisekiswa okafanelekileyo.

1. Nks Tirhane Alinah Fosi njenge-CEO weZiko loShicilelo lweMisebenzi kaRhulumente i-Government Printing Works, kangange minyaka emihlanu.

Imibuzo:
Phumla Williams- Usomlomo weKhabhinethi
Iselula: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore