INgxelo yeNtlanganiso yeKhabhinethi ebibanjwe nge-intanethi ngoLwesithathu, umhla wama-23 kweyoKwindla 2022

A.    Imiba enguNdabamlonyeni
1.    IMeko yeNtlekele yeSizwe 


1.1.    URhulumente woMzantsi Afrika usabele kubhubhane wehlabathi weSifo sentsholongwane ye-Corona (i-COVID-19) ngokubhengeza iSimo seNtlekele yeSizwe kweyoKwindla wama-2020, ngokoMthetho woLawulo lweNtlekele, wama-2002 (uMthetho wama-57 wama-2002). Oku kuququzelele impendulo edibeneyo nelungelelanisiweyo yokusindisa ubomi kunye nokuphila. 
1.2.    Ilizwe beliphantsi kwemithetho yeSizwe yeNtlekele ye-COVID-19 ukususela kweyoKwindla wama-2020, xa uMzantsi Afrika wawuchaza izehlo zawo zokuqala zale ntsholongwane. UMongameli ubhengeze amanye amangenelelo enzelwe ukwenza ilizwe ukuba liqalise inqanaba elitsha kulawulo lobhubhane we-COVID-19. 
1.3.    Ukwandiswa kwakutsha nje koBume beNtlekele yeSizwe ukuya kutsho ngomhla we-15 kuTshazimpuzi 2022 kuthathela ingqalelo imfuneko yokuqhubeka nokwandisa umthetho okhoyo kunye namalungiselelo eziganeko ezinokwenzeka athatyathwe ngamaqumrhu karhulumente ukujongana nefuthe lentlekele. 
1.4.    IKhabhinethi ihlabe ikhwelo lokuba kuthathelwe ingqalelo imithetho yezempilo ukuze kulawuleke amanyathelo okhuseleko angengawo awamayeza afana nokunxitywa kwezigqubutheli-buso, ngokuqelelana ekuhlaleni, imida yeendibano kunye nogonyo.  Kananjalo iza kusivumela ukuba siseke iinkqubo zokusabela ezingxamisekileyo, ezikhawulezayo nezisebenzayo ukunciphisa ubungqongqo be-COVID-19. 

2.    Ugonyo lwe-COVID-19 

2.1.    IKhabhinethi ikhumbuze bonke abantu baseMzantsi Afrika ukuba bahlale bephaphile njengoko i-COVID-19 ingekoyiswa, kwaye ihlaba ikhwelo kwabo baneminyaka eli-12 nangaphezulu ukuba bagonye. Ugonyo luhlala lulelona khuselo lwethu kwintsholongwane, kwaye lunciphisa umngcipheko wesigulo esixhalabisayo, ukulaliswa esibhedlele kunye nokufa.
2.2.    Nangona usuleleko kunye nokufa kukwizinga eliphantsi ngoku, sijongene neliza lesihlanu elinokubakho kwezi veki zizayo. Ukhuseleko esinalo ekukuphela kwalo bubungqina bezenzululwazi obubonisa amandla amayeza okugonya okusindisa ubomi.  Ilizwe lethu sele linikezele ngaphezulu kwama-33 ezigidi zamathamo amayeza okugonya e-COVID-19. 
2.3.    IKhabhinethi iphinde yawamkela uMgaqo wokuSebenza kulawulo lokuvezeka kwi-COVID-19 emsebenzini okhutshwe liSebe lezeNgqesho nezaBasebenzi. Umgaqo wokuSebenza waveliswa emva kokubonisana noluntu kunye neBhunga leSizwe loPhuhliso lwezoQoqosho kunye nelezaBasebenzi kwaye liza kuqala ukusebenza xa iSimo seNtlekele yeSizwe sisusiwe. 
2.4.    Umgaqo wokuSebenza uza kukhokela abaqeshi nabaqeshwa ekuqhubeni okanye ekuhlaziyeni isicwangciso sovavanyo lomngcipheko ukunciphisa usuleleko lwe-COVID-19 emsebenzini. Udwelisa amanyathelo afana nogonyo, ukuqelelana ekuhlaleni kunye nococeko lobuqu ukukhusela iindawo zokusebenza.

3.    INkomfa yoTyalo-mali yaseMzantsi Afrika (i-SAIC)

3.1.    IKhabhinethi yamkele abathunywa abavela kwilizwe jikelele nakwihlabathi abeze kwi-SAIC yesine eqhubeka ngoLwesine, umhla wama-24 kweyoKwindla 2022 eRhawutini.
3.2.    Le nkomfa ibonisa amathuba amaninzi otyalo-mali kunye nezinto eziluncedo ezithelekisekayo ezibonelelwa nguMzantsi Afrika kubatyali-mali, kwixesha lokukhula kokudityaniswa kwe-Afrika ngoMmandla woRhwebo Olukhululekileyo weLizwekazi lase-Afrika (i-AfCFTA), ekhuthaza urhwebo phakathi kwamazwe ase-Afrika.
3.3.    Utyalo-mali lwangaphakathi nolwangaphandle ludlala indima ebalulekileyo ekukhuliseni uqoqosho lwethu nokudala imisebenzi ezinzileyo.  I-SAIC ikhuthaza umjikelo wemisebenzi yezoqoqosho, ingqesho kunye nemfuno yabathengi enokuxhasa umkhondo wohlumo welizwe.
3.4.    Iinkomfa zethu zotyalo-mali ezidlulileyo zitsale isixa-mali sisonke esizibhiliyoni ezingama-R774 kwizibophelelo. Kwiiprojekthi zotyalo-mali ezili-152 ezibhengeziweyo, ezingama-45 sele zigqityiwe kwaye ezinye ezingama-57 zisasetyenzwa. 
3.5.    IKhabhinethi iqinisekile ukuba inkomfa yalo nyaka iza kwakhela kuluhlu lwethu lotyalo-mali, njengenxalenye yephulo lethu lesizwe lokutsala i-R1.2 yetriliyoni kutyalo-mali kwisithuba seminyaka emihlanu.  

4.    Ifuthe longquzulwano lwe-Russia kunye ne-Ukraine kuqoqosho 

4.1.    IKhabhinethi ithathela ingqalelo ifuthe eliza kuba nalo ungquzulwano olukhoyo phakathi kwe-Russia kunye ne-Ukraine kuqoqosho lweli lizwe, njengoko iziphumo zalo zibonakala kwiimarike zezemali nakumaxabiso kwihlabathi jikelele.
4.2.    Eyona ndlela ingcono yokukhusela uqoqosho lwethu kunye nentlalontle yabantu bethu kukuqhubeka nokuphunyezwa kweSicwangciso soKwakha ngokutsha kunye nokuVuselelwa koQoqosho (i-ERRP). 
4.3.    Urhulumente uzibophelele ekusebenziseni zonke izinto esinazo ukuthintela abemmi boMzantsi Afrika kwiimpembelelo zokunyuka kweendleko zokuphila nokuqinisekisa ukuba uqoqosho lwethu luyamelana nala maxesha anzima.

5.    Ifandesi yosasazo lwamaza omoya olufunwa kakhulu 

5.1.    IKhabhinethi ikwamkele ukuqukunjelwa okuyimpumelelo kwefandesi yokuqala yelizwe yosasazo lwamaza omoya olufunwa kakhulu liGunyabantu lezoNxibelelwano eliZimeleyo laseMzantsi Afrika (Icasa).  Ingeniso yeebhiliyoni zeerandi ezili-14.4 eqokelelwe kule fandesi iza kuya kwingxowa-mali yesizwe ukuze ixhase imiba ephambili yethu yesizwe, equka ukwakha ngokutsha uqoqosho, ukudala amathuba emisebenzi efuneka ngamandla, nokulwa urhwaphilizo, ulwaphulo-mthetho nobundlobongela obusekelwe kwisini kunye nokubulawa kwabasetyhini. 
5.2.    Ukufumaneka kosasazo lwamaza omoya olufunwa kakhulu olongezelelweyo kuza kukhawulezisa ukukhutshwa kobugcisa obutsha obufana ne-5G, ukunciphisa iindleko zedatha yeselula kunye nokuqinisekisa ukuxhunywa okukhulu kwi-intanethi. Ukukhutshwa kwelayisenisi yosasazo lwamaza omoya olutsha kukhatshwa zizibophelelo zezentlalo ekuvunyelwene ngazo zokuxhuma izikolo zikarhulumente, amaziko ezempilo kunye nezikhululo zamapolisa kwiminyaka emithathu ezayo. 

6.    Usuku lwamaLungelo oLuntu 

6.1.    IKhabhinethi ibulele bonke abemmi boMzantsi Afrika ngokuzibandakanya kwimibhiyozo yelizwe yoSuku lwamaLungelo oLuntu ngoMvulo, umhla wama-21 kweyoKwindla 2022 phantsi komxholo othi:  “Unyaka woManyano kunye noHlaziyo lweSizwe: Ukukhuthaza nokuKhusela Amalungelo Oluntu lwethu.” 
6.2.    Ukuqhubelisa phambili amalungelo oluntu kwilizwe lethu yinkuthazo yokwakhiwa kwelizwe, nto leyo iyinkqubo ekufuneka siqhubeleke ngayo ukuyikhulisa kwaye siyikhusele ngamaxesha onke.  Ngokwahluka kwethu, singaqinisa umanyano lwethu kwaye sakhe uluntu olubumbeneyo. 
6.3.    Ngomoya oqhubekayo wokusebenzisana, njengoko sisiya kwiNyanga yeNkululeko kuTshazimpuzi, iKhabhinethi ihlabe ikhwelo kubo bonke abemmi boMzantsi Afrika ukuba bahlaziye umlo wethu wokuchasa ubuhlanga, ucalucalulo ngokobuhlanga, ukubukulwa kwabemmi bamanye amazwe kunye nako konke ukunganyamezeli okunxulumene noko kukummandla wabo wempembelelo. 

7.    Ukuqeshwa kweJaji eyiNtloko yoMzantsi Afrika

7.1.    IKhabhinethi iqaphele yaze yavuyisana nowayesakuba nguSekela-Jaji oyiNtloko u-Raymond Zondo ngokutyumjwa njengeJaji eyiNtloko entsha yaseMzantsi Afrika, ukususela ngomhla woku-1 kuTshazimpunzi 2022, kwaye umnqwenelela okuhle kodwa kuxanduva lwakhe olutsha. 
7.2.    IKhabhinethi iphinde yaqaphela injongo kaMongameli u-Cyril Ramaphosa yokutyumba uJaji Mandisa Maya, uMongameli weNkundla ePhakamileyo yeziBheno yaseMzantsi Afrika, kwisikhundla sokuba nguSekela-Jaji oyiNtloko xa singenamntu.

8.    Umyalelo wethutyana onikezelwe kuncedo loluntu kwiRiphabhlikhi yase-Cuba

8.1.    IKhabhinethi iwuqaphele umyalelo wethutyana onikwe kwiNkundla ePhakamileyo yasePitoli, unqumamisa ukuphunyezwa koncedo loluntu uMzantsi Afrika ovumileyo ukulunika iRiphabliki yase-Cuba.  Lo mba uzakuphinda ube sezinkundleni zamatyala kwisithuba seentsuku ezingama-20 kwaye urhulumente uza kuthi aveze impikiswano yakhe ngelo xesha. 
8.2.    Amaqhina obudlelwane boMzantsi Afrika ne-Cuba amiliselwe nzulu kumzabalazo wenkululeko wommandla wethu. Ukuba bekungekuko ukungenelela kwabantu base-Cuba kuMazantsi e-Afrika kwiminyaka engamashumi amathathu, ngekuthathe ixesha elide ukukhulula lo mmandla kwingcinezelo yobukoloniyali. Owayesakuba nguMongameli u-Nelson Mandela wayekuqonda oku, yiyo loo nto i-Cuba yaba lilizwe lokuqala langaphandle kwelizwekazi elatyelelwa nguMadiba emva kokukhululwa kwakhe entolongweni ngowe-1990. 
8.3.    I-Cuba yenza idini elikhulu lokulwa kunye nemibutho yenkululeko yase-Afrika ngexesha apho ilizwe lesiqithi esincinane lalitsala nzima phantsi kothintelo loqoqosho lwaseMelika kangangeshumi elinesiqingatha leminyaka.  Ingxaki yezoqoqosho yase-Cuba iye ayabinakho ukukhuseleka kwaye uRhulumente wase-Cuba udinga uncedo.  I-Mexico, i-Bolivia kunye ne-Russia ziphakathi kwamazwe athe abonelela ngoncedo loluntu ukudambisa eyona ngxaki imbi yezoqoqosho kumashumi eminyaka. 
8.4.    IKhabhinethi kule veki izibandakanya nokubhiyozela iDabi lase-Cuito Cuanavale e-Angola elaqhubeka ukusuka kowe-1987 ukuya kutsho kowe-1988. I-Cuba idlale indima ebalulekileyo ekuncedeni imibutho yenkululeko yase-Afrika ukuba ifezekise iinjongo zayo. Akhange kubekho nzuzo iphathekayo kubantu base-Cuba ababeze kusixhasa, kodwa eyona nkuthazo yabo ebaluleke kakhulu yayikukulwela inkululeko yoMzantsi Afrika kwimikhosi yobukoloniyali neyayichase inkqubela yezopolitiko.  Emva koko uMongameli u-Fidel Castro wayephenjelelwa yinzondelelo yenguqu waza waxelela amaqabane akhe ukuba babesilwela “eyona njongo intle yoluntu”.  Ukusuka e-Angola ukuya e-Namibia nase-Algeria ukuya kutsho e-Guinea Bissau, i-Cuba idlale indima eqinisekileyo ekufakeni igxalaba ekukhululweni kwala mazwe ase-Afrika kulawulo lobukoloniyali. 
8.5.    I-Cuba iqhubekile nokubonelela ngoncedo lwezonyango kunye nolunye uncedo kuMzantsi Afrika emva konyaka we-1994, kutsha nje ngexesha lobhubhane we-COVID-19, kwaye kuluxanduva lwethu ukubonisa intsebenziswano nabantu base-Cuba ngeli xesha betsala nzima ukuze baphile.

9.    Ukutyelelwa ngoHloniphekileyo uKumkani Letsie wesi-III  

9.1.    IKhabhinethi iqaphele kwaye yamkele ikhwelo lembeko elivela koHloniphekileyo uKumkani Letsie wesi-III woBuKumkani base-Lesotho kuMongameli uRamaphosa elenzeke ngoLwesihlanu, umhla we-18 kweyoKwindla 2022 ePitoli.
9.2.    UMongameli Ramaphosa, kwisikhundla sakhe njengoMququzeleli woMbutho woPhuhliso lwaMazwe aseMazantsi e-Afrika (i-SADC) kuBuKumkani base-Lesotho, utshintshiselane ngezimvo noHloniphekileyo uKumkani Letsie wesi-III ngobudlelwane bamazwe amabini nangenkqubela-phambili emalunga nenkqubo yokuququzelela i-SADC kuBukumkani base-Lesotho.  Kulindeleke ukuba abeSuthu, ngokuququzelelwa nguMongameli Ramaphosa, bazakusebenza ngokunyanisekileyo ukugqibezela inkqubo yeenguqu phambi kokuba kubanjwe unyulo olulandelayo jikelele olumiselwe eyoMsintsi ngowama-2022.

B.    Izigqibo zeKhabhinethi
1.    Ingqungquthela yaMazwe ngaMazwe yokuPhunyeza Amanyathelo aNxulumene neSivumelwano seRhafu ukuThintela Ukuhanjiswa kweNzuzo Kwamanye aMazwe (i-BEPS MLI)


1.1.    IKhabhinethi ikuvumele ukungeniswa kwe-BEPS MLI ePalamente ukuze iqinisekiswe.  Njengelinye lamazwe angama-95 athatha inxaxheba kwindibano eyaqalwa nguMbutho weNtsebenziswano kwezoQoqosho noPhuhliso (i-OECD) ukunciphisa amathuba okuphepha irhafu kunye nokhukuliseko olusisiseko ziinkampani zamazwe ngamazwe, uMzantsi Afrika utyikitye isivumelwano serhafu kweyeSilimela wama-2017. Xa isivumelwano serhafu siqinisekisiwe, uMzantsi Afrika uza kusisebenzisa kunye nezinye izivumelwano zerhafu ozityikitye namanye amazwe. 
1.2.    UMzantsi Afrika ulilungu le-OECD kwaye uzibophelele ekusebenzisaneni namanye amazwe ukunqanda ukushenxiswa kweenzuzo zeenkampani ngaphandle kwelizwe ngokungekho semthethweni ukuya kubume berhafu obuphantsi okanye obungahlawuliswa kwaphela. 

2.    Ukulungiswa koMgaqo weSivumelwano seRhafu phakathi koMzantsi Afrika ne-Kuwait

2.1.    IKhabhinethi ikuvumele ukungeniswa kweNkqubo yeSivumelwano seRhafu elungisiweyo esayinwe ePalamente phakathi koMzantsi Afrika ne-Kuwait.  Izilungiso kwesi sivumelwano, esaqala ukusebenza ngowama-2006, zenziwa kwaye zatyikitywa ngowama-2021. 
2.2.    Inkqubo elandelwayo yerhafu ejongene nokuphepha ukurhafiswa kabini kunye nothintelo lokuphepha ingxowa-mali karhulumente enxulumene nerhafu kwingeniso phakathi kwamazwe amabini.
2.3.    Ngaphandle kokujongana nokuphepha irhafu, izivumelwano ezinjalo zifuna ukukhuthaza ukungafihlwa kwerhafu phakathi kwamazwe. 

3.    Inkqubo-qhinga eHlangeneyo yoLwaphulo-mthetho kunye nokuThintelwa koBundlobongela (i-ICVPS)

3.1.    IKhabhinethi iyivumele i-ICVPS ukuba iphunyezwe.  Le nkqubo-qhinga iza kusebenza njengesixhobo sokuphumeza iPhepha leNgcaciso yoMgaqo-nkqubo woKhuselo noKhuseleko elamkelwa ngowama-2016. Licebisa ngokuphandle ngenkqubo karhulumente kunye noluntu ngokubanzi ekulweni ulwaphulo-mthetho nasekuthinteleni ubundlobongela.
3.2.    I-ICVPS ineentsika ezintandathu ezixhomekeke enye kwenye nezixhumeneyo ezizezi, (1) ubulungisa bolwaphulo-mthetho obusebenzayo; (2) amangenelelo angethuba ekuthinteleni ulwaphulo-mthetho; (3) amangenelelo enkxaso yamaxhoba; (4) unikezelo lwenkonzo olusebenzayo noluhlangeneyo; (5) ukhuseleko ngokuyilwa kokusingqongileyo kunye (6) nentatho-nxaxheba yoluntu kunye noluntu olusebenzayo. Esi sicwangciso siyayivuma imfuneko yamangenelelo oncedo okujongana nezinto eziphembelela ulwaphulo-mthetho olufana nentlupheko, ukungalingani, intswela-ngqesho, impilo yentlalontle kunye nemfundo.
3.3.    Iqukanisa yonke imimandla yasezidolophini neyasemaphandleni, kuquka namabhunga emveli, njengamaqela achaphazelekayo.  Kuye kwaboniswana ngokupheleleyo nawo onke amanqanaba karhulumente, amashishini, amaziko ophando kunye nemibutho yoluntu. Isicwangciso-qhinga esivunyiweyo singena endaweni yeSicwangciso-qhinga seSizwe sokuThintela uLwaphulo-mthetho.

4.    Isicwangciso-qhinga soTyalo-mali seLizwe laseMzantsi Afrika (i-CIS)

4.1.    Ikhabhinethi ikuvumele ukupapashwa kwe-CIS ukuze uluntu luhlomle. Esi sicwangciso-qhinga sijonge ukubeka eli lizwe njengendawo yomkhethe ephambili yotyalo-mali e-Afrika ngokumisela umgangatho wotyalo-mali oluthe ngqo lwangaphandle nolwasekhaya.
4.2.    Esi sicwangciso similiselwe kumacandelo aphambili otyalo-mali kunye nophuhliso loqoqosho lwelizwe afana (i) nezezimali, i-inshorensi, izindlu nomhlaba kunye neenkonzo zoshishino; (ii) uthutho nolungiselelo, (iii) ukuvelisa; (iv) imigodi nokumbiwa kwemigodi, (v) umbane, igesi namanzi, kunye (vi) nezolimo nokulungiswa kweemveliso zolimo.
4.3.    Ibonelela ngeendlela zotyalo-mali ukutsala amashishini amancinane, aphakathi kunye namancinane kakhulu kwiphulo lokukhula koqoqosho. Esi sicwangciso sikwachaphazela inani lezivumelwano zamazwe ngamazwe, zommandla kunye nezamazwe amabini ezityikitywe nguMzantsi Afrika. 
4.4.    Esi sicwangciso silungelelaniswe neenjongo zeSicwangciso soPhuhliso seSizwe, i-ERRP, iSicwangciso soShishino esiCingwe ngokutsha kunye neSicwangciso seZiseko ezinguNdoqo seSizwe sowama-2050 esamkelwe kutshanje. 
4.5.    Amaphondo alithoba kunye noqoqosho olungundoqo lwezixeko ezimbaxa ezisibhozo lwawo lungundoqo ekuphembeleleni esi sicwangciso, oluza kuba luxwebhu oluphilayo oluya kuhlala luziqhelanisa nommandla oguquguqukayo wezoqoqosho.
 
5.    Inkqubo-sikhokelo eHlaziyiweyo yeZityalo nezilwanyana ezohlukeneyo yeSizwe (i-NBF) 

5.1.    IKhabhinethi iyivumele i-NBF ukuba izalisekiswe.  I-NBF, evunyelwe yiKhabhinethi ukuba idibane noluntu kweyeNkanga wama-2020, yaveliswa ngokuhambelana noMthetho woLawulo lokusiNgqongileyo weSizwe:  UMthetho weZityalo nezilwanyana ezohlukeneyo, wama-2004 (uMthetho we-10 wama-2004). Ubonelela ngendlela edibeneyo, elungelelanisiweyo nefanayo yolawulo lwezityalo nezilwanyana ezohlukeneyo ngawo onke amaziko karhulumente, imibutho engekho phantsi kukarhulumente (ii-NGO), icandelo labucala kunye noluntu.
5.2.    Ngowama-2018, iZiko leZityalo nezilwanyana ezohlukeneyo leSizwe loMzantsi Afrika lenze uhlolo olubanzi lwezenzululwazi ngemeko yezityalo nezilwanyana ezohlukeneyo kunye nenkqubo yendalo eMzantsi Afrika.  Isicwangciso esihlaziyiweyo secandelo le-NBF silungisa izoyikiso eziqatshelweyo kolu hlolo.  
5.3.    Inkqubo-sikhokelo ehlaziyiweyo kwaboniswana ngayo nawo onke amanqanaba karhulumente; amaziko karhulumente (ii-SOE), amaqumrhu olondolozo lwendalo; ii-NGO kunye noluntu lwasekuhlaleni.  Ukuphunyezwa kwe-NBF kukhokelwa sisiCwangciso-qhinga seSizwe seZityalo nezilwanyana ezohlukeneyo kunye neSicwangciso sokuSebenza (sowama-2015 ukuya kowama-2025). UMzantsi Afrika ungumtyikityi weNgqungquthela yeZizwe eziManyeneyo weZityalo nezilwanyana ezohlukeneyo, ekhuthaza ulondolozo lwezityalo nezilwanyana ezohlukeneyo, ukusetyenziswa okuzinzileyo kwamacandelo ayo, kunye nokwabelana okunobulungisa nokulinganayo kweenzuzo ezivela kwimithombo yendalo.

6.    Uyilo lweNkqubo-sikhokelo yoPhuhliso lweSithuba seSizwe (i-NSDF)

6.1.    IKhabhinethi iluvumele uyilo lwe-NBF ukuba luphunyezwe.  Lulungiselelwe ngokoMthetho woCwangciso lweSithuba kunye noMthetho woLawulo lokuSetyenziswa koMhlaba, wama-2013 (uMthetho we-16 wowama-2013) yaza yavumela ukuze kuboniswane noluntu ngowama-2019. Amagalelo afunyenwe kumaqela achaphazelekayo ahlukeneyo, kuquka imibutho yeengcali, onke amanqanaba karhulumente, ii-SOE kunye namalungu uluntu.
6.2.    Inkqubo-sikhokelo ijonge ekusebenzisaneni nokupheliswa kwelifa lobukoloniyali kunye namafa ezithuba zocalucalulo anendlela enocwangco nelungelelanisiweyo.  Ibonelela ngenkqubo yophuhliso ejolise kwisithuba sexesha elide lwesicwangciso nakwinkqubo yolawulo lokusetyenziswa komhlaba.  Olu xwebhu luza kufumaneka kwiwebhusayithi yeSebe lezoLimo, uBuyekezo loMhlaba noPhuhliso lwamaPhandle ku-(www.dalrrd.gov.za).

7.    Umgaqo-nkqubo woLawulo lweSazisi Esisemthethweni  

7.1.    IKhabhinethi ivumele uMgaqo-nkqubo woLawulo lweSazisi Esisemthethweni, kulandela uthethwano olubanzi noluntu ngowama-2021. Lo mgaqo-nkqubo uza kuthatha indawo yoMthetho weSazisi okhoyo ngoku, wowe-1997 (uMthetho wama-68 wowe-1997), oseka iRejista yaBemmi beSizwe (i-NPR) kwaye ukwacacisa ububanzi bayo kwiingxelo ezibhaliweyo zesinyanzelo ezibhalwe kuyo. Lo Mthetho awuhambelani nemithetho-siseko yomgaqo-siseko yokulingana, ukungacalucaluli kunye nesidima soluntu.
7.2.    Umgaqo-nkqubo owamkelweyo uphakamisa i-NPR yedijithali enye yabo bonke abantu - kungakhathaliseki ukuba ngabemmi kunye nesimo sokwabelana ngesondo – abahlalayo nababehlala kweli lizwe.  Ikwabonelela ngeNkqubo yeSazisi yeSizwe yemilinganiselo yebhayoloji (i-NIS) eza kwenza imbonakalo enye yomntu.  I-NIS iza kuba nakho ukusebenzisana nezinye iinkqubo zezazisi zecandelo likarhulumente kunye nelabucala.  
7.3.    Lo mgaqo-nkqubo uza kuqinisekisa ukukhuselwa kwamalungelo amalungu Abasetyhini ababelana ngesondo nabanye abantu basetyhini (i-Lesbian), Amadoda ababelana ngesondo namanye amadoda (i-Gay), Abantu ababelana ngesondo nabasetyhini kunye namadoda (i-Bisexual), abaTshintshe isini (i-Transgender), Umntu ozalwa eneempawu zebhayoloji zamadoda nezabasetyhini (i-Intersex), Uluntu olungaqhelekanga (i-Queer) kunye noluntu ongenazo iimvakalelo zokwabelana ngesondo okanye olungenayo iminqweno (i-Asexual).

8.     Iphepha leNgcaciso yoMgaqo-nkqubo leMitshato eMzantsi Afrika 

8.1.    IKhabhinethi ivumele iPhepha leNgcaciso yoMgaqo-nkqubo leMitshato eMzantsi Afrika ukuba liphunyezwe. Iphepha leNgcaciso yoMgaqo-nkqubo liphendula kwizigwebo ezininzi zenkundla yamatyala ezifumanise ukuba eminye imiba yomthetho okhoyo ngoku womtshato ayihambelani nomgaqo-siseko. Ilungelelanise yonke imitshato ukuba iqukunjelwe ngokungqinelana nemithetho-siseko yolingano, ukungacalucaluli kunye nesidima somntu njengoko kumiselwe kuMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi Afrika wowe-1996.
8.2.    Iphepha leNgcaciso yoMgaqo-nkqubo elivumelweyo liza kuvumela abemmi boMzantsi Afrika kunye nabahlali bazo zonke iindlela zokwabelana ngesini, iimpembelelo zezenkolo nezenkcubeko ukuba liqukumbele amaqhina omtshato asemthethweni ngokuhambelana nemithetho-siseko yomgaqo-siseko. Iphepha leNgcaciso yoMgaqo-nkqubo lichaza namanye amaqhina omtshato angaqukwanga afana nemitshato yabantwana kunye naleyo yenziwa lingekho elinye iqela.

9.    Umgaqo-nkqubo wokuSetyenziswa koMda oMnye (i-OSBP)

9.1.    IKhabhinethi iyivumele i-OSBP kunye nobuchule bayo bokuphumeza. Lo mgaqo-nkqubo ufuna ukulungelelanisa ukuhamba kwabantu neempahla phakathi kwamazibuko omhlaba okungena eMzantsi Afrika nakumazwe ayo angabamelwane. Inika ifuthe kwiNkqubo-sikhokelo yokuSetyenziswa koMda oMnye eyathi yamkelwa yiKhabhinethi ngowama-2018.
9.2.    Ukusetyenziswa kwalo mgaqo-nkqubo kuya kunciphisa ingxinano ekhoyo ngoku kumazibuko omhlaba ethu okungena kubahambi nakubarhwebi abanqumla imida.  La mangenelelo akwangundoqo kwiinzame zelizwe zokuphembelela isivumelwano se-AfCFTA.
9.3.    Sakuba sisebenze ngokupheleleyo ngomthetho ofanelekileyo kunye nophuculo lweziseko ezingundoqo, sicinga ukuba ukulungiswa kwempahla, izithuthi kunye nabantu kuza kwenziwa ngendlela egqibeleleyo nekhawulezayo.

10.    Ukusingathwa kwethutyana kweKomishini yeMozulu kaMongameli 

10.1.    IKhabhinethi ikuvumele ukusingathwa kwethutyana kweKomishini yeMozulu kaMongameli liBhunga loPhuhliso lwezoQoqosho leSizwe kunye nelezaBasebenzi (i-Nedlac). I-Nedlac iza kusingatha le komishini kunye noonobhala bayo kangangeminyaka emibini okanye ngaphantsi ukuze ikwazi ukubhengeza uMthetho wokuTshintsha kweMozulu.
10.2.    Eli xesha liza kunika kananjalo ikomishini – ngentsebenziswano neSebe lezamaHlathi, ezokuLoba kunye nokusiNgqongileyo – ukuba ligqibezele uphononongo lokufaneleka kunye nemeko yoshishino lokusekwa kwekomishini kwixesha elizayo njengoko kumiselwe nguMthetho osaYilwayo wokuTshintsha kweMozulu.

11.    Iphepha leNgcaciso yoMgaqo-nkqubo loMgaqo-nkqubo kaLoliwe weSizwe

11.1.    IKhabhinethi iluvumele uyilo lwePhepha leNgcaciso ngoMthetho osaYilwayo loMgaqo-nkqubo kaLoliwe weSizwe.  Lo mgaqo-nkqubo uza kukhokela ekudaleni inkqubo yezothutho esebenzayo eza kukwazi ukukhuphisana apha ekhaya nakumazwe ehlabathi.
11.2.    Lo mgaqo-nkqubo uphakamisa amangenelelo anomgqaliselo aza kukhuthaza utyalo-mali kuzo zombini iinkonzo zophapho nezabakhweli.  Iza kuphucula ukufikelela emaphandleni kananjalo kwaye yandise ukuhamba ukukhuthaza ukukhula koqoqosho. Iza kuba negalelo elikhulu kananjalo ekunciphiseni ukukhutshwa kwezinto zelizwe njengoko iphakamisa ubugcisa bendalo kaloliwe ekuphuculeni iimpahla zikaloliwe.
11.3.    Lo mgaqo-nkqubo uza kubhengezwa eluntwini lakuba nje iSebe lezoThutho liwupapashile kwiPhephandaba likaRrhulumente.

C.    Umthetho osayilwayo
1.    UMthetho osaYilwayo weGunya loCando lukaMasipala oZimeleyo (i-IMDA) wama-2022 


1.1.    IKhabhinethi ikuvumele ukungeniswa koMthetho osaYilwayo we-IMDA wama-2022 ePalamente ukuze uqwalaselwe nangakumbi.  Lo Mthetho osaYilwayo wapapashwa ukuze uluntu luhlomle kweyeSilimela wama-2020 kunye neengxoxo ezilandelayo malunga nezimvo ezifunyenwe eluntwini.
1.2.    UMthetho osaYilwayo ubonelela ngolawulo lwe-IMDA.  Izindululo zayo ziquka ukucacisa imiqathango yamalungu eBhodi kwaye kufuneka asebenze ngokungesosigxina, ngaphandle koSihlalo onokuthi asebenze ngokusisigxina.  Ukwakhokela i-IMDA kwinkqubo eya ekumiselweni kwemida.

D.    Umsitho ozakulandela
1.    Ukutyelela kuMbindi Mpuma 


1.1.    UMongameli Ramaphosa uza kukhokela igqiza laBaphathiswa kuMboniso weHlabathi wase-Dubai e-United Arab Emirates ngoMvulo, umhla wama-28 kweyoKwindla ngowama-2022. UMzantsi Afrika uthatha inxaxheba kulo mboniso onomboniso obonisa ngenkcubeko etyebileyo yeli lizwe kunye namathuba otyalo-mali. 

E.    Imiyalezo
1.    Uvuyiswano 


Ikhabhinethi ivakalisa ukuvuyisana kunye neminqweno emihle: 

  • Kwiqela leqakamba labasetyhini loMzantsi Afrika, ngokuphaphazelisa phezulu iflegi yesizwe kwiNdebe yeHlabathi yeQakamba yabaseTyhini e-New Zealand. Boyise iiNtshatsheli zeHlabathi zangoku eNgilane kumdlalo wabo wesithathu kwaye bakwazile ukuphumelela imidlalo emine kwitumente ukuza kufikelela ngoku. 

2.    Amazwi ovelwano 

  • IKhabhinethi izibandakanye noMongameli Ramaphosa ekudluliseleni amazwi ovelwano kurhulumente nakubantu beRiphabhliki yase-Zambia kulandela ukusweleka kowayesakuba nguMongameli u-Rupiah Bwezani Banda (85).

Ikhabhinethi ivakalisa amazwi ovelwano kusapho nakubahlobo baka: 

  • Mnu Michael Spicer (68), owayesakuba liGosa eliyiNtloko lesiGqeba (i-CEO) yobuNkokheli boShishino boMzantsi Afrika, nodlale indima ebalulekileyo ekudaleni ubudlelwane obuqinileyo phakathi koshishino norhulumente.
  • Mnu Luzuko Koti (47), owayesakuba nguMlawuli wezoNxibelelwano neNtengiso kwi-Nelson Mandela Foundation kunye noMphathi woShishino lwe-Channel Africa.
  • Mnu Sheik Abdul Gamiet Gabier (86), uMongameli woBomi weBhunga leNkundla lamaSilamsi eMzantsi Afrika, owayesisifundiswa esaziwayo, itshantliziyo loluntu kunye negqala leZiko le-Al-Azhar lase Kapa.

F.    Ukuqeshwa 
Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala emfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuseleko.
1.    Amalungu angengawo eSigqeba seBhodi yeQumrhu lezeMali-mboleko yeZindlu leSizwe: 

(a)    UMnu Luthando Vutula; 
(b)    UMnu Thembinkosi Bonakele;
(c)    UNksz Seithati Bolimpobo;
(d)    UNksz Thembisile Chiliza;
(e)    UNksz Palesa Kadi; 
(f)    UNksz Philisiwe Mthethwa;
(g)    UMnu Thulani Mabaso;
(h)    UMnu Paul Heeger;
(i)    UMnu Velile Cecil Dube;
(j)    UNksz Tshepiso Kobile; kunye no 
(k)    Nks Ayesha Seedat.

2.      UMnu Lwazi Mbhoyi njenge-CEO ye-Cross-Border Road Transport Agency.
3.    UNksz Nozipho Mdawe njenge-CEO ye-Air Traffic and Navigation Services.
4.    UNksz Tshepo Kgare njenge-CEO ye-Railway Safety Regulator. 
5.    UMnu Brenton Van Vrede njengoMphathi wesiGqeba:  Ulawulo lweMisebenzi yeZibonelelo kwi-Arhente yoKhuseleko lwezeNtlalo yaseMzantsi Afrika.

Imibuzo: UNksz Phumla Williams – Isithethi seKhabhinethi 
Iselfowuni: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore