INgxelo yeNtlanganiso yeKhabhinethi ebibanjwe kwi-Intanethi ngoLwesithathu, mhla we-24 kweyoKwindla 2021

A. Imiba kokusiNgqongileyo

1.    Inkqubo yokuNikezelwa kogonyo
1.1.    Inkqubo yeSisonke yokunikezelwa kwezitofu zokugonya zeSifo seNtsholongwane ye-Corona (i-COVID-19) yandiselwe kwiindawo ezingama-54 zokugonya kwilizwe liphela. Le nkqubo ukuza kuthi ga ngoku iye yagonya abantu abangaphezu kwama-207 808. 
1.2.    Izigaba ezithathu zenkqubo yoGonyo yoMzantsi Afrika zezi zilandelayo: 

  • Isigaba soku-1: Siza kuphunyezwa kwiinyanga ezintathu ukusuka kweyoMdumba ukuya kuTshazimpunzi 2021, kujoliswe kubantu abangaphezulu kwe-1,5 yezigidi (608 295 ababhalisiweyo) abangabasebenzi benkathalelo lwezempilo kwilizwe liphela. ISebe lezeMpilo lisendleleni yokugonya bonke abasebenzi benkathalelo lwezempilo ekupheleni kweSigaba soku-1.
  • Isigaba sesi-2: Siya kuphunyezwa kwiinyanga ezintandathu, ukusuka kuCanzibe ukuya kweyeDwarha ka-2021. Esi sigaba siza kubandakanya ngaphezulu kwama-13 350 140 amaqela asemngciphekweni, abasebenzi bemisebenzi ephambili kunye neqela labasebenzi ngezempilo emisebenzini kunye nokhuseleko; abasebenzi kumacandelo abaluleke kakhulu ekuvuseleleni uqoqosho afana nemigodi, ukwamkelwa kweendwendwe, ishishini leeteksi, iivenkile ezithengisa ukutya nempahla kunye nezipaza, abathengisi beziqhamo nemifuno, amajelo eendaba nabanye abaxhamli abafanelekileyo. 

Iindawo zokugonya zeSigaba sesi-2 nesesi-3 ziya kwandiswa ziye kuma-2085 kwaye ziya kubandakanya neendawo zecandelo labucala ukuphucula imfezeko ekusebenzeni nokukhawulezisa kwenkqubo yokunikezelwa kogonyo.

  •  Isigaba sesi-3: Siya kuphunyezwa kwiinyanga ezintathu (kweyeNkanga 2021 - kweyoMdumba 2022) ukuquka intsalela yabo bonke abantu eMzantsi Afrika, kubandakanya nabo bangakhange bagonywe kwiSigaba sesi-2, kujoliswe kubantu abangama-22 600 640.
     

1.3.    IKhabhinethi iyakwamkela ukufika okuthe gqolo kwamayeza okugonya ka-Johnson & Johnson (i-J&J) elizweni, oku kuqinisekisa inkqubela phambili ekuphunyezweni kweSigaba soku-1 senkqubo yokuqalisa ugonyo yeSisonke. 
1.4.    IKhabhinethi iqinisekile ngenkqubela phambili ebonakalayo eyenziwe nguGunyaziwe woLawulo lweeMveliso zeMpilo eMzantsi Afrika (i-SAHPRA) ekugunyaziseni kweyeza lika-J&J lokugonya uninzi lwabantu. Ukuvunywa kwakutshanje yi-SAHPRA kwesitofu se-COVID-19 se-Pfizer / BioNTech kufuneka kunike ilizwe ukufikelela kwizitofu ezisindisa ubomi ngakumbi. 
1.5.    IKhabhinethi ingathanda ukuqinisekisa abemi boMzantsi Afrika ngesakhono seSebe lezeMpilo, lisebenzisana namashishini abucala, ngokuqalisa ukunikezela kogonyo xa iSigaba sesi-2 siqalisa.

1.6.    IKhabhinethi ilwamkele utyelelo kwiZiko lweMveliso le-Biovac eNtshona Koloni ngoLwesine, umhla we-18 kweyoKwindla 2021 nguSihlalo weKomiti yabaPhathiswa ehlangeneyo (i-IMC) yoGonyo lwe-COVID-19, uSekela Mongameli uDavid Mabuza. Utyelelo olo luye lwavavanya ubuchule beziko ekuveliseni isitofu, iziseko zophuhliso kunye notyalo-mali ukuxhasa imveliso kunye nophuhliso lwezitofu. 

1.7.    Ubambiswano phakathi kwe-Biovac kunye nenkampani esekwe eMelika yoNyango lwamaJoni omzimba, i-ImmunityBio, iza kuphucula amandla oMzantsi Afrika ekuveliseni kwamayeza okugonya i-COVID-19, oku kuya kubangela izitofu zomnombo wesibini  we-ImmunityBio we-COVID-19 zenziwe kweli lizwe.

1.8.    IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubo bonke abemi boMzantsi Afrika nabo bonke abantu abakweli lizwe ukuba badlale eyabo indima kwaye bayithobele ngokulandela imimiselo yezithintelo zokuvalwa kwelizwe - ingakumbi ngexesha lemibhiyozo yezenkolo ye-Pesach, iPasika kunye ne-Ramadan- ukunciphisa ukubuyela kwakhona kwesifo esosulelayo se-COVID-19 nokukhusela ityeli lesithathu elinokubakho. 

1.9.    IKhabhinethi iphinde yakubethelela ukubaluleka kokujonga imithetho yokuziphatha engeyiyo yamayeza ezempilo ukuthintela usuleleko yi-COVID-19 ngokuqhuba nokunxiba izigqubuthelibuso kwiindawo zikawonke-wonke, ukugcina umgama ubuncinci oyi-1,5 imitha phakathi komnye nomnye, ukuhlamba izandla ngesepha namanzi rhoqo okanye ukusebenzisa isibulali ntsholongwane sezandla esine-alcohol, kunye nokuthintela iindibano ezinkulu. 

2.    EzaMandla
2.1.    IKhabhinethi iyayazi impembelelo embi kwezentlalo nezoqoqosho, ekuphazamisekeni kunye nokukhupha endleleni okubangelwe kukuncitshiswa kombane kubemi abaqhelekileyo nakumashishini kwezi veki zimbalwa zidlulileyo.

2.2.    Kwenziwa konke okusemandleni ukusombulula imiceli mngeni yangoku yombane nokuzisa ezinye iindlela zokuzisa amandla ombane amatsha ngexesha elifutshane elinokubakho, nto leyo ebaluleke kakhulu ekuvuseleleni uqoqosho loMzantsi Afrika. Kwangaxesha-nye, urhulumente uyaqhubeka ukuxhasa iinzame ezimanyeneyo zokuzinzisa u-Eskom nokumbeka kwindlela ezinzileyo yokukhula.

2.3.    IKhabhinethi isamkele isibhengezo esenziwe nguMphathiswa weZimbiwa nezaMandla, uGwede Mantashe sabafaki-zicelo abasibhozo ababonwa befanelekile abafuna ukubonelela ngombane ongxamisekileyo ongangeemegawathi ezongezelelweyo ezingama-2 000 eziza kunceda ukuxhasa igridi yesizwe kwixesha elifutshane.

2.4.    Aba bafaki zicelo ababonwa befanelekile bokwenza lo msebenzi abavela kwiNkqubo yaBavelisi bezaMandla abaZimeleyo kulindeleke ukuba bafumane la mandla kwilanga, kumoya, kwigesi yendalo engamanzi kunye nalawo agcinwa kwibhetri. Unxibelelwano lokuqala kwigridi lubekelwe eyeThupha ka-2022.

2.5.    Ezi projekthi zisibhozo zizakufaka i-R45 yebhiliyoni kuqoqosho, ngomyinge wama-50% wemveliso yasekhaya kwaye zidale amathuba emisebenzi angama-3 800 ngexesha lolwakhiwo. Kuza kudaleka amanye amathuba emisebenzi ali-13 500 ngeXesha leminyaka engama-20 lesiVumelwano sokuThenga aMandla.
 
2.6.    Ungenelelo lobuchule olwenziwa ngurhulumente lokulungisa ngokutsha nokomeleza inkqubo yombane luza kuphucula ubukhulu becala amandla elizwe okuvelisa amandla ombane. Inkqubela phambili ebonakalayo eyenziwayo ibonisa ukuba iinzame zethu zokujongana nemiceli mngeni yamandla ombane ziyakhula kwaye zifumana amandla.

2.7.    IKhabhinethi ikwahlaba ikhwelo kuthi sonke ukuba sixhase ungenelelo lokuqinisa ukusebenza kuka-Eskom ngokuchaza kwii-arhente zogcino-mthetho abo benza izixokelelwano zombane ezingekho semthethweni, ukuphazanyiswa kweemitha zombane kunye nokuthengiswa ngokungekho mthethweni kweevawutsha zombane ohlawulelwa ungekasetyenziswa. Kufuneka sonke sibe ngabasebenzisi bombane abanoxanduva ngokuhlawula iindleko zethu zombane zenyanga.

3.    Intlawulo ehambelana neeyunivesithi  
3.1.    IKhabhinethi isazimisele ekufumaneni isisombululo esigcinekayo nesiza kuhlala sihleli kwinkxaso-mali yemfundo ephakamileyo, ukuqinisekisa ukuba bonke abafundi abafanelekileyo ngenkxaso yemali ngokwasezifundweni ababekelwa bucala ngokwezemali zokufunda. 

3.2.    Intlawulo ekuvunyelenwe ngayo phakathi kweSebe leMfundo ePhakamileyo noQeqesho (i-DHET) kunye namaziko emfundo ephakamileyo ilungelelaniswe nokunyuka kwamaxabiso, njengenxalenye yokwenza imfundo ephakamileyo ifikeleleke. 

3.3.    IKhabhinethi ixhalabile kukwanda kwamatyala abafundi kwinkqubo yemfundo ephakamileyo. I-DHET kungokunje iqokelela idatha kwiiprofayili zabafundi abachatshazelweyo leli tyala, neliza kuba yinxalenye yoqwalaselo olucwangcisiweyo lomgaqo-nkqubo wenkxaso mali yabafundi ukuze kuqaliswe indlela yenkxaso-mali ezinzileyo yemfundo ephakamileyo. 

3.4.    Okwangoku, iKhabhinethi ikhuthaza amaziko emfundo ephakamileyo ukuba azibandakanye namaqumrhu abafundi ukuze bafumane izisombululo eziza kuvumela abafundi abaninzi ukuba babhalise. 

3.5.    IKhabhinethi yamkele uphando olukhawulezileyo nokubanjwa kwamapolisa amane ngezityholo zokubulala uMnu Mthokozisi Ntumba (35) kuqhankqalazo lwabafundi lwakutshanje ngaphandle kweYunivesithi yaseWits eRhawutini. Ngapha koko, iKhabhinethi ikwamkele ukubanjwa kwabo baphembelela ubundlobongela eluntwini kunye nokuqhuba kokuhlaselwa kwamapolisa ngexesha loqhankqalazo. 

3.6.    IKhabhinethi iyalihlonipha ilungelo lomgaqo-siseko loqhankqalazo olunoxolo phantsi komthetho. Nangona kunjalo, ii-arhente zogcino-mthetho azisayi kuvumela amaqela olwaphulo-mthetho ukuba athathe ithuba loqhankqalazo olusemthethweni kwaye abangele isiphithiphithi ngokutshisa nangokutshabalalisa izinto zabucala nezikarhulumente.

4.    Ukubulawa kwamapolisa
4.1.    IKhabhinethi isahleli ixhalabile luhlaselo oluchazwayo kumalungu eNkonzo yamaPolisa oMzantsi Afrika. Amagosa asebupoliseni abeka ubomi babo emngciphekweni mihla le ukuqinisekisa ukhuseleko loluntu kunye nelizwe. 
4.2.    Kwinyanga ephelileyo, ukusukela ngomhla wama-25 kweyoMdumba 2021, amapolisa ali-12 athe abulawa ngokungenalusini esemsebenzini okanye engekho msebenzini kwiindawo ezahlukeneyo zelizwe. 
4.3.    Zonke izenzo zobundlobongela kunye nokubulala ezijoliswe kumagosa asebupoliseni azibobugwala kuphela kodwa zibonisa ukungcatsha ilizwe, kwaye oko akumele kuvunyelwe kuluntu lwethu. IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kwii-arhente zogcino-mthetho ukuba ziqinisekise ukuba ubulungisa buyabonakala benzelwa amapolisa awileyo. 

4.4.    Njengoluntu oluthobelayo noluluthandayo uxolo, sonke masibonise ukuba siyakucekisa ukubulawa kwamapolisa ngokunika ingxelo ngabo bonke abenzi bobubi nabo babaleka umthetho kwii-arhente zogcino-mthetho. Ukufa kwegosa lamapolisa elinye yinto enkulu kakhulu leyo. 

5.    USuku lwamaLungelo oLuntu
5.1.    IKhabhinethi ibabulele bonke abemi boMzantsi Afrika abathe bazibandakanya kwimibhiyozo yoSuku lwamaLungelo oLuntu yeli ngeCawa, umhla wama-21 kweyoKwindla 2021 phantsi komxholo othi: “UNyaka kaCharlotte Maxeke: Ukukhuthaza amaLungelo oLuntu ngeXesha le-COVID-19”. Isikhumbuzo salo nyaka singqamana nesikhumbuzo seminyaka engama-25 sokwamkelwa koMgaqo-siseko weRiphabhlikhi yoMzantsi Afrika yowe-1996. 

5.2.    Olu suku lusikhumbuze ngoxanduva lwethu lokuziphatha kakuhle njengesizwe siqhube nokulwa ubuhlanga, isini, intiyo kubemi bangaphandle kunye nako konke ukunganyamezelani okunxulumene noko, oku kubandakanya ubundlobongela obusekelwe kwisini kunye nentsalela yenkohlakalo yamapolisa. 

5.3.    IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubo bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba basebenzise iintsuku eziseleyo zeNyanga yamaLungelo oluNtu ukukhuthaza umanyano kwezentlalo, ukwakha isizwe kunye nokwabelana ngobuzwe. 


B.    Izigqibo zeKhabhinethi
1.    Idatha kaZwelonke kunye noMgaqo-nkqubo wogcino lwazi ngobuchwephesha

1.1.    IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa kwigazethi koMgaqo-nkqubo osayilwayo weSizwe kunye noMgaqo-nkqubo wogcino lwazi ngobuchwephesha ukuze uluntu luhlomle. Umgaqo-nkqubo ufuna ukulungelelanisa imigaqo-nkqubo esele ikho nemithetho ukuqinisekisa ukuba ilizwe lithatha ithuba elipheleleyo ngokuqhubekayo kuqoqosho lwedijithali. 

1.2.    Iinkcukacha zeDatha kunye nogcino lwazi ku-Cloud zizinto eziphambili kuqoqosho lwedijithali. Lo mgaqo-nkqubo ukwakuqinisekisa ukuba ilizwe lithatha inxaxheba ngokupheleleyo kweli xesha ledatha litsha. Wakuba wamkelwe, lo mgaqo-nkqubo uza komeleza amandla oMbuso okuhambisa iinkonzo kubemi bawo.

2.    Uyilo lweGalelo eliZimiseleyo kuZwelonke (i-NDC) kwimpendulo yehlabathi kutshintsho lwemozulu
2.1.    IKhabhinethi ivume uyilo oluhlaziyiweyo lwe-NDC malunga nokusabela kutshintsho lwemozulu ukuze uluntu luthethathethane. Isivumelwano i-Paris Agreement malunga notshintsho lwemozulu sifuna ukuba uMzantsi Afrika ungenise iiNDC ngamaxesha athile ezicacisayo kujoliswe kuko ukunciphisa umda wokukhutshwa kwegesi ezivala ubushushu belanga. 

2.2.    Ukusukela ekwamkelweni kwesiVumelwano i-Paris Agreement ngeyoMnga yowama-2015, uMzantsi Afrika wenze inkqubela ebonakalayo ekujongeni ukuphuhlisa nasekuphumezeni ii-NDC zawo.

2.3.    Uyilo oluhlaziyiweyo lwe-NDC luthathela ingqalelo iimeko zesizwe soMzantsi Afrika, iimfuno zomthetho zesiVumelwano i-Paris Agreement, ulingano kunye nenzululwazi yamva nje.

3.    I-IMC kwiNdebe yeHlabathi yeBhola yoMnyazi yowama-2023 (i-NWC)
3.1.    IKhabhinethi ikuvumile ukusekwa kwe-IMC ye-2023 NWC yokusingathwa kwe-2023 NWC. I-IMC iya kuqhuba umsebenzi wokulungiselela ukuya kulo msitho. 
3.2.    UMzantsi Afrika, noza kuba lilizwe lokuqala e-Afrika ukusingatha i-NWC, uza kusingatha amazwe ali-16 akhuphisanayo. 

4.    Umboniso wamaZwe ngamaZwe weZitampu (i-IPEX) 
4.1.    IKhabhinethi ikuvumile ukusingathwa kwe-IPEX, ekwabizwa ngokuba ngumboniso wezitampu, eKapa ukususela ngomhla we-9 ukuya kowe-19 kweyoMnga 2021 phantsi komxholo othi: “Indlela eya kwiNtando yesininzi”. I-Federation of International de Philatelie (i-FIP) ekuqaleni yayiceba ukuqhuba umcimbi eKapa ukusuka ngomhla we-17 ukuya kowe-20 kweyoKwindla 2021 kodwa wasiwa kumhla olandelayo ngenxa ye-COVID-19. 
4.2.    ISebe lezoNxibelelwano kunye neTekhnoloji yeDijithali liza kuququzelela kwaye libambe lo msitho ngokusebenzisana nekomiti eququzelela i-FIP. 

4.3.    Izitampu eziqokelelweyo ziya kubonisa amaxesha abalulekileyo, abantu kunye neziganeko ezenze igalelo ekuphuculeni intando yesininzi eMzantsi Afrika. Iindwendwe ezilindelweyo ziya kuba negalelo kukhenketho lweli lizwe, zikhulise uqoqosho lwasekhaya, kwaye zikhuthaze inkcubeko nobumbano lwentlalo. 

5.    ISicwangciso soPhunyezo lweeNzululwazi, iTekhnoloji kunye nokuyila okuTsha (iSicwangciso seMinyaka eliShumi se-STI)
5.1.    IKhabhinethi ivume isiCwangciso-qhinga se-STI seMinyaka eliShumi ukusuka kowama-2021 kuya ku-2031 sokuphunyezwa kwezenzululwazi kunye nokuyila okutsha. Isicwangciso silandela iPhepha leNgcaciso-nkqubo lezeNzululwazi nokuYila okutsha oko kwamkelwe yiKhabhinethi ngowama-2019.

5.2.    Umgaqo-nkqubo uphendula kwinkqubela phambili yezobuchwephesha kunye nezixhobo ze-STI kuphuhliso lwezentlalo noqoqosho lweli lizwe. Esi siCwangciso seMinyaka eliShumi siza kusebenza njengesicwangciso sikarhulumente, esiya kubandakanya amanye amasebe afana neSebe lezoLimo, uHlaziyo loMhlaba noPhuhliso lwamaPhandle; Izimbiwa nezaMandla; Ezempilo, ezoRhwebo, ezoShishino noKhuphiswano. Uphunyezo luya kwenziwa ngentsebenziswano nawo onke amasebe afanelekileyo.

C.    Imisitho Ezayo
1.    IQela likaMongameli lokuFunda eliboniswa ngoBuchwephesha

1.1.    IKhabhinethi ikhuthaze abemi boMzantsi Afrika ukuba bajoyine iseshoni yesine yeQela likaMongameli lokuFunda ngoLwesine, umhla wama-25 kweyoKwindla 2021 ukususela nge-16:30 ukuya nge-18:30, ngokusebenzisa i-Microsoft Teams ku-(https://nrc.org.za/).
1.2.    Le seshoni iza kufunda iincwadi zakudala zoluncwadi lwaseMzantsi Afrika ezithi The Suit ebhalwe ngu-Can Themba kunye nethi I am not a Tramp ebhalwe ngu-Leslie Sehume. 
1.3.    Ukusukela oko yasungulwa ngowama-2019, uManyano lokuFunda lweSizwe luxhase iPhulo le-Read to Lead kunye nekhwelo likaMongameli Cyril Ramaphosa lokuphucula ukufunda kuzwelonke - ukusuka kwigumbi lokufundela ukuya ekhaya. 
1.4.    Ngokusebenza kunye sinokwakhela kobu buchule busisiseko kwaye sidale ukufikelela kumathuba amakhono emisebenzi.

D. Imiyalezo
1.    Iminqweno emihle

IKhabhinethi ivuyisana kwaye ihambisa iminqweno yayo emihle ku: 

  • UGqr Patrice Motsepe, usomashishini owaziwayo obe ngowokuqala eMzantsi Afrika ukunyulwa njengoMongameli weNdibano yeBhola eKhatywayo yase-Afrika. 
  •  IKhabhinethi inqwenelele bonke abemi boMzantsi Afrika iholide yePasika emyoli nekhuselekileyo, kunye noluntu lwenkolo enentlonipho kunye neyasemoyeni we-Pesach. 
     

2.    Amazwi Ovelwano 
IKhabhinethi ivakalise amazwi ovelwano kusapho nakubahlobo baka: 

  • UMhlekazi IKumkani uGoodwill Zwelithini kaBhekuzulu, obe ngoyena kumkani ophathe ixesha elide kunabo bonke kubukumkani bamaZulu bangaphambili. UMongameli Ramaphosa unike uMhlekazi oSishiyileyo uMngcwabo oSesikweni oGunyazisiweyo: Inqanaba loku-1, elibandakanya ukuwongwa ngokwasemkhosini. UbuKhulu bakhe buya kukhunjulwa njengenkosi yombono eyamanyanisa abantu bakwaZulu, iinkokheli zemveli yaze yanegalelo kwimpumelelo yamaZulu.
  • Ohloniphekileyo uMongameli uJohn Pombe Magufuli weRiphabhlikhi eManyeneyo yaseTanzania. UMzantsi Afrika umanyene kwintlungu kaRhulumente nabantu baseTanzania njengokuba begqunywe lilifu elimnyama ngeli xesha. Ekuhlonipheni uMongameli Magufuli, uMongameli Ramaphosa uthe: “Sibulela kakhulu kubantu baseTanzania ngobubele nangokuzincama besenzela inkululeko yethu. Yile nkqubela idlulileyo ekwabelwana ngayo esenza ukuba thina, njengabemi boMzantsi Afrika, sive kubuhlungu ukulahlekelwa nguMongameli Magufuli ngokunzulu ngakumbi nangakumbi. I-Tanzania ilahlekelwe ngutata kunye nomntakwayo, i-Afrika ilahlekelwe yinkokheli eyimboni, kwaye uMzantsi Afrika ulahlekelwe ngumhlobo osenyongweni.” 
  • UMnu Menzi Ngubane, umdlali weqonga ophumelele iimbasa obengumdlali obalaseleyo kunye negcisa eligqwesayo. Wenze igalelo elikhulu kuphuhliso lobugcisa ngokusebenza njengegcisa ngaphandle nangaphakathi komabonakude bethu. Umsebenzi wakhe njengegcisa uya kuqhuba ukhuthaza abaninzi kwishishini lobugcisa.
  • UNks Noxolo Maqashalala, owayengumdlali weqonga oselula okrelekrele ovele ngobuchule komabonakude bethu ngokubonisa kwakhe italente ekhethekileyo. 
  • UGqr Nawal El Saadawi, owasetyhini wase-Egypt, umlweli wamalungelo oluntu, umbhali kunye nogqirha wengqondo. Wenza igalelo kwidabi lokulwa nengcinezelo yabasetyhini ngokubhekisele kwinkcubeko, inkolo kunye nolwakhiwo loluntu ngokubhala kwakhe kunye nokusebenza. Wayedume umhlaba wonke ngomsebenzi wakhe ngokuchasene nokususwa kwamalungu angasese kwabasetyhini.
  • UMnu Pathasarvasan Govender, okwaziwa njengo "Charm Govender”, Itshantliziyo loMzabalazo laseChatsworth KwaZulu-Natal, owayelilungu le-Natal Indian Congress kunye netshantliziyo le-African National Congress (ANC).
  • UMnu Cecyl Esau, owayeligorha lomzabalazo kwaye elalisakuba libanjwa lezopolitiko e-Robben Island kwaye wayesakuba lilungu lophiko lomkhosi we-ANC, Umkhonto weSizwe. Umnumzana u-Esau wachitha bonke ubomi bakhe bobutsha kunye nobudala besilwela uMzantsi Afrika okhululekileyo, ongacaluli ngokobuhlanga nangokwesini.
     

E. Izikhundla
Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwemigangatho yemfundo 
kunye nokuqinisekiswa ngokufanelekileyo.

1.    UNks Nolwazi BK Gasa njengeSekela Mlawuli-Jikelele (u-DDG): UCwangciso, uMgaqo-nkqubo kunye nesiCwangciso kwi-DHET.
2.    UMnu Samuel Zamokuhle Zungu njenge-DDG: Imfundo yobuGcisa kunye neMisebenzi yoQeqesho kwi-DHET.
3.    UNks Pretty Nozipho Makukule njengeGosa eliphethe i-ofisi zemali kwi-DHET. 
4.    UNks Memme Sejosengwe, onesivumelwano njengoNobhala-Jikelele kwiOfisi yeJaji eyiNtloko sandisiwe. 

Imibuzo:
Nks Phumla Williams - Isithethi seKhabhinethi  
Iselula: 083 501 0139
 

Share this page

Similar categories to explore