Ingxelo yeNtlanganiso yeKhabhinethi ebibanjwe kusetyenziswa unxibelelwano lwevidiyo ngoLwesithathu, mhla wama-21 kweyeDwarha 2020

A. Imiba enguNdaba-mlonyeni

1. Uqoqosho

1.1. IsiCwangciso soKwakhiwa ngokutsha nokuVuselelwa koQoqosho esibekwe nguMongameli Cyril Ramaphosa kwiNtlangano eDibeneyo ebibanjwe ngoLwesine, mhla we-15 kweyeDwarha 2020, sifuna ukuba onke amacandelo asebenze nzima kwaye asebenzisane ukuzinzisa uqoqosho lwethu.
1.2. Esi sicwangciso songeza phezu kwento ekuvunyelwana ngayo ngabo basebenzisanayo ekuhlaleni – urhulumente, ezomsebenzi, ushishino kunye namaqela oluntu – kwiingxoxo ezinzulu nezintsokothileyo ebeziqhutywa kwezi nyanga zimbalwa zigqithileyo.
1.3. Kukho iindawo ezine ezingundoqo ezisisiseko sesi sicwangciso sokuvuselela, eyokuqala kukuqaliswa okukhulu kweziseko zophuhliso. Eyesibini indawo engundoqo kukwandisa umthamo wokwenziwa kwamandla ombane ngethuba urhulumente ekhawulezisa ukuphunyezwa kweSicwangciso esiDityanisiweyo seziBonelelo. Eyesithathu indawo engundoqo kukuvuselela ingqesho ukudala imisebenzi nokuxhasa iindlela zokuziphilisa. Indawo yesine igxila ekuphuhleni kwezoshishino apho urhulumente aza kuxhasa khona ukukhula kweemveliso zalapha ekhaya futhi enze ukuba iimveliso zeli ezithunyelwa kwamanye amazwe zibe semgangathweni.
1.4. Ezi ndawo zingundoqo zichongiweyo ziza kuba negalelo kukuzithemba nasekubekeni uMzantsi Afrika endleleni entsha yotyalo-mali nokukhula koqoqosho emva kwentshabalalo ebangelwe ngubhubhane weSifo seNtsholongwane i-Corona (i-COVID-19).
1.5. Ukuqinisekisa ukuba ulawulo lokuphunyezwa kwesi sicwangciso, iKhabhinethi iphumeze ukwakhiwa kweBhunga leSizwe lokuVuselelwa koQoqosho. Eli bhunga liza konganyelwa nguMongameli, kwaye liquka uSekela-Mongameli, uMphathiswa kuBongameli nabo bonke abaPhathiswa abakwiQela lezoQoqosho. Eli bhunga liza kudibana kanye ngenyanga ukongamela ukuphunyezwa kwesicwangciso sokwakhiwa ngokutsha nokuvuselelwa koqoqosho kunye nokujongana nabo basebenzisana nabo kuPhuhliso loQoqosho lweSizwe kunye neBhunga lezeMisebenzi.

2. Imo yentlekele kazwelonke

2.1. Ukwandiswa kweMo yeNtlekele kaZwelonke ukuya kutsho kwi-15 kweyeNkanga 2020, ngokoMthetho woLawulo lweNtlekele, wama-2002 (uMthetho 57 wama-2002), kuza kwenza ukuba urhulumente akwazi ukucutha nangakumbi ukusasazeka kwentsholongwane.
2.2 .Nangona uMzantsi Afrika ubone ukwehla okukhulu ekosulelekeni nasekusasazekeni kwe-COVID-19 kwezi nyanga zidlulileyo, le ntsholongwana isekhona phakathi kwethu.
2.3. Ngelixa ilizwe liziqhelanisa nale ‘mpilo intsha’ yokuhlala nale COVID-19 kunye namathuba okuba ingaphinda ibuye kwakhona, iKhabhinethi kwakhona ikhuthaza bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba baqhubeke nokulandela imithetho yokuziphatha yezempilo yokunxiba izigqubuthelo-buso, ukungasondelelani kwabantu esidlangalaleni kunye nokuhlamba izandla rhoqo ngamanzi nesepha okanye ukusebenzisa isibulala-ntsholongwane esine-alkhoholi. Zezi kuphela iindlela zokuthintela ukosuleleka ezikhoyo esingazikhusela ngazo thina, iintsapho zethu nabo sibathandayo ekosulelweni yi-COVID-19.
2.4. IKhabhinethi inqwenelela bonke abo bosulelelweyo yile ntsholongwane, kuquka uMphathiswa wezeMpilo, uGqr. Zweli Mkhize nenkosikazi yakhe, uGqr May Mkhize, impilo ekhawulezileyo.
2.5. IKhabhinethi kwwakhona inqwenela ukubulela bonke oonompilo ebebesebenza ngeli xesha ngokuzibophelela nokuzinikela kwabo okukhokelele ekonyukeni kwamazinga elizwe abo bathe bayoyisayo i-COVID-19 aya kutsho ngaphaya kwe-90% nokugcina izinga lethu lokusweleka likumyinge we-2.6%.

3. Ukugxila kukhuseleko lwasemaphandleni

3.1 .IKhabhinethi iwuxhasa ngokupheleleyo umsebenzi wamapolisa ethu oMzantsi Afrika wokubamba bonke abo bophula umthetho ngeendlela ezimasikizi eziquka ukubulawa nokonzakaliswa kwamafama nabasebenzi basezifama kwilizwe liphela. Uluntu lwasezifama luyinxalenye yoqoqosho lwethu, kwaye ulwaphulo-mthetho ezifama alubeki emngciphekweni ukhuseleko lweziqu zamafama nabasebenzi basezifama nje kuphela, kodwa lubeka ukhuseleko lokutya lwelizwe.
3.2. Urhulumente ukhawulezisa ukuphunyezwa kweCebo loKhuseleko lwaseMaphandleni elihlaziyiweyo ukuphendula kwizidingo zokhuseleko zabo bahlala emaphandleni nokuxhasa uphuhliso loqoqosho lwasekuhlaleni.
3.3. IKhabhinethi ibongoza isizwe ukuba sincedise iNkonzo yamaPolisa oMzantsi Afrika (i-SAPS) ekulweni nolwaphulo-mthetho ngokuzibandakanya namaqonga amapolisa oluntu nokuba umntu axele ulwaphulo-mthetho kwisitishi samapolisa esikufuphi naye, ukutsalela inombolo yasimahla ye-Crime Stop engu-08600 10111 okanye ukuthumela umyalezo oyimfihlo kwiNombolo ye-SMS ye-Crime Line engu-32211 okanye ukusebenzisa i-App ka-MySAPS –yasimahla, yokuchaza ulwaphulo-mthetho efumaneka kuzo zonke iiselula ezikwaziyo ukuba ne-App – ukuxela ulwaphulo-mthetho ngokufihlakeleyo.
3.4. Kufuneka sisebenzisane ukuluncothula neengcambu ulwaphulo-mthetho kwiindawo esihlala kuzo nokwenza ilizwe lethu libe yindawo ekhuseleke nangakumbi kumntu wonke.

4. Ukulwa norhwaphilizo

4.1. IKhabhinethi iyakwamkela ukubanjwa kwabantu ekutyholwa ngokuba babandakanyeka kumatyala ohlukeneyo orhwaphilizo, ubuqhetseba, ukufihlwa kwemali ezuzwe ngokungekho mthethweni kunye nobusela. La matyala aquka, phakathi kwamanye, lawo anento yokwenza nokwebiwa kwemali kwiingxowa-mali zokuncedisana noluntu ngexesha le-COVID-19, ukuthengwa ngobuqhetseba kwezixhobo zokuzikhusela kwi-COVID-19, ihlazo elinento yokwenza neprojekthi yezindlu ye-asbestos kunye nokusilela ukuchaza okanye ukungachazi ngokupheleleyo kwiNkonzo yeNgeniso yoMzantsi Afrika. IKhabhinethi izithathela ingqalelo ngokupheleleyo kwaye iyazixhasa zonke iinzame zokubuyisa iimali zoluntu ezikubo bonke abo babandakanyeka kwezi zenzo zobuqhetseba.
4.2. Oku kubanjwa kusandula ukwenzeka kwabantu bubungqina bokuba akakho umntu ongaphezu komthetho kwaye kubonisa ukuzibophelela kukarhulumente ekuphenduliseni abo baqhubeka nokwaphula umthetho ngokuphanga abemi boMzantsi Afrika abahlelelekileyo uNcedo lukarhulumente abaludinga ngokwenene.
4.3. IKhabhinethi ibongoza uluntu ukuba ludlale indima yalo ngokuchaza abo bophula umthetho ngolu hlobo kwii-arhente zonyanzeliso-mthetho okanye ngokutsalela inombolo ye--Hotline yasiMahla yeSizwe yokuLwa ubuQhophololo engu-0800 701 701.

5. Ubundlobongela obusekelwe kwisini nokubulalwa kwamanina (i-GBVF)

5.1 Isibetho se-GBVF kunye nokuxhatshazwa kwabantwana, izinto uMongameli Ramaphosa azigxekileyo awathi ngubhubhane wesibini emva kwe-COVID-19, ziseyimbandezelo kwiindawo esihlala kuzo kwaye kufuneka senze konke okusemandleni ethu ukuba sizitshabalalise. UMqulu waMalungelo oLuntu okuMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi Afrika wowe-1996 uchaza ngokukodwa ukuba wonke umntwana unelungelo lokukhuseleka ekuphathweni kakubi, ukungahoywa, ukuxhatshazwa okanye ukuthotywa isidima.
5.2 IKhabhinethi ibongoza bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba basebenzisane nee-arhente zethu zonyanzeliso-mthetho ekuqinisekiseni ukuba onke amaqela asesichengeni – ingakumbia abantu abadala, amanina kunye nabantwana – bakhuselekile kubundlobongela kunye nokuhlukunyezwa.
5.3 Ityala lakutsha nje lamantombazana (angamawele) aneminyaka esibhozo aseMpumalanga, ekutyholwa ngelithi axhatshazwe ngutata wawo, lothusa kwaye lixhalabisa kakhulu. Omnye wala mantombazana uchaze esi sehlo kutitshala wakhe esikolweni kwaye siyayincoma indlela esithe sasabela ngayo isikolo ethe yakhokelela ekubanjweni komrhanelwa. Njengelizwe elithobela umthetho nelithanda uxolo, kumelwe ukuba sonke sibumbane silukhuze ulwaphulo-mthetho olumasikizi ngolu hlobo ngendelelo elufaneleyo.

6. Inkululeko yoonondaba

6.1 Isikhumbuzo sama-43 senkululeko yoonondaba, esaziwa ngokuba yi-Black Wednesday eMzantsi Afrika, sibhiyozelwe ngoMvulo, umhla we-19 kweyeDwarha 2020. Olu suku lusikhumbuza ngokubaluleka kwenkululeko yokwazi ukuthetha ngokukhululekileyo ekumqulu wamalungelo oluntu, equka inkululeko yoonondaba njengabahlali ababalulekileyo, kwintando yesininzi ekumgaqo-siseko wethu.
6.2. USuku lweNkululeko yooNondaba luphawula ukuvalwa umlomo kwamaphepha-ndaba amaninzi nokubanjwa kwabahleli bawo ngomhla we-19 kweyeDwarha 1977 ngamapolisa karhulumente wengcinezelo, ngokubhenca inkohlakalo eyenziwa ngumbuso wengcinezelo. Oonondaba basaqhubeka nokudlala indima ebalulekileyo ekonwabiseni, ekufundiseni nasekwaziseni uluntu, kwakunye nasekucaciseni zonke iinkalo zobomi bethu basekuhlaleni nobezopolitiko.
6.3. Oonondaba baseyinxalenye ebalulekileyo yokuqinisa intando yesininzi yethu kunye nokukhuthaza amalungelo abemi beli akumgaqo-siseko. Inkululeko yokwenza imisebenzi yabo iza noxanduva lokuqinisekisa ukuba banika ingxelo ngendlela engenamkhethe nengathathi cala ngalo lonke ixesha.
6.4. IKhabhinethi inika imbeko kubo bonke oonondaba abaphulukene nobomi babo ngeli xesha linzima le-COVID-19, kwaye izibophelela ekuhlonipheni nasekuxhaseni inkululeko yokuthetha ngokukhululekileyo, kuquka inkululeko yoonondaba kwilizwe lethu.

7.  Iimviwo zokuphela konyaka

7.1. IKhabhinethi inqwenelela abafundi beMatriki abasisigidi esi-1.058 699 (abasisigidi esinye esinamashumi amahlanu anesibhozo amawaka anamakhulu mathandathu anamashumi alithoba anethoba) impumelelo ngethuba belungiselela ukubhala iimviwo zabo zokuphela konyaka eziza kuqala ngomhla wesi-5 kweyeNkanga 2020 zize ziphele ngomhla we-15 kweyoMnga 2020. Kulo nyaka iSebe leMfundo eSisiseko liza kuba nelona nani liphezulu labafundi beMatriki abaza kubhala iimviwo zabo zokuphela konyaka.
7.2 Emva kokuphazamiseka konyaka wemfundo ngenxa ye-COVID-19, iKhabhinethi icela bonke abazali nabo bakhathalela abantwana ukuba baxhase abantwana babo ngeli xesha libalulekileyo. Iklasi yematriki yowama-2020 iyakhuthazwa ukuba isebenzise imithombo yolwazi eyinikwe ngurhulumente ngephulo le-Woza Matrics 2020 Catch-Up (wozamatrics.co.za kunye ne #Wozamatrics) ukulungiselela iimviwo seSiqinisekiso esiPhezulu seSizwe.

B. Izigqibo zeKhabhinethi

1. Inkxaso kwishishini le-ferrochrome lasekhaya

1.1. IKhabhinethi iphumeze inani lamangenelelo okuxhasa ukuveliswa kwe-ferrochrome kwalapha ekhaya kunye necandelo layo le-chrome. La mangenelelo aquka ukwaziswa kwesindululo sokuba kuhlawulwe irhafu kwi-chrome ore ethunyelwa kwamanye amazwe, ukusetyenziswa kobuchwepheshe obonga amandla ombane koomatshini bokunyibilikisa isinyithi, kunye nokwamkelwa kokusetyenziswa kobuchwepheshe bokuzibandakanya kunye nokuzenzela.
1.2. Icandelo le-ferrochrome kweli lelona likhulu ehlabathini elivelisa i-ferrochrome kwaye lilo lodwa elivelisa isinyithi. Lelona likhulu elinika ishishini lezezithuthi isinyithi. La mangenelelo andululweyo adityaniswe liqela eliceliweyo elenziwe ngala masebe: eleMithombo yeZimbiwa naMandla oMbane, eloShishino, amaShishini noKhuphiswano, amaShishini kaRhulumente nelikaNondyebo weSizwe.

2. UMgaqo-nkqubo weSizwe woLutsha (i-NYP): 2020-2030

2.1. IKhabhinethi iphumeze uMgaqo-nkqubo weLizwe woLutsha wesithathu ohlaziyiweyo: 2020-2030, ongumgaqo-kqubo osebenza kumacandelo amaninzi owaveliswa ngabamele bamasebe karhulumente, abo basebenzisanayo ekuhlaleni, amaziko emfundo ephakamileyo kunye namaqela ezoshishino. Ithatha indawo yoMgaqo-nkqubo weSizwe woLutsha 2015-2020 oza kuphelelwa ekupheleni kweyoMnga 2020.
2.2. Lo mgaqo-nkqubo uza nezi zinto zintlanu zibalulekileyo: (1) imfundo esemgangathweni, izakhono namathuba esibini; (2) inguqu kuqoqosho, ukurhweba kunye nokuveliswa kwemisebenzi; (3) ukukhuthazwa kwempilo yomzimba neyengqondo, kuquka i-COVID-19; (4) ubumbano ekuhlaleni kunye nokwakhiwa kwesizwe;  (5) neendlela ezisebenzayo zokuphuhliswa kolutsha nezizisa izisombululo.

3. IsiCwangciso seSizwe sokuThabatha amanyathelo ngemiba yaBantwana (i-NPAC) 2019 ukuya kowama-2024

3.1. IKhabhinethi ivume isiCwangciso sesi-4 seSizwe sokuThabatha amanyathelo ngemiba yaBantwana, esiphumeza izibophelelo ze-Ngqungquthela yeZizwe eziManyeneyo ezingamaLungelo oMntwana kunye noMqulu we-Afrika ongamaLungelo neNtlalontle yoMntwana.
3.2. Esi sicwangciso seminyaka emihlanu sondlala izinto ezibalulekileyo neendlela zokuziphumeza ukukhusela nokuqinisa amalungelo abantwana. Esi sicwangciso sihambisana neSikhokelo seQhinga lokuSebenza seSiqingatha soNyaka esichaza amanyathelo aza kuthatyathwa ngurhulumente nezinto ekujoliswe ekubeni ziphunyezwe ngexesha ekonyulwe ngalo. Ziza kuzalisekiswa ndawonye namaqela asekuhlaleni.
3.3. I-NPCA iza kusebenza njengesikhokelo ukubonelela iingxelo zenkqubela yesizwekwiiKomiti yase-Afrika yeeNgcali ngamaLungelo neNtlalontle yoMntwana kunye neKomiti yeZizwe eziManyeneyo engamaLungelo omNtwana.

4. Ukuphunyezwa kovavanyo loMthetho waBantu abaDala wama-2006

4.1. IKhabhinethi ivume ingxelo yovavanyo eyayenziwe ngokuphunyezwa koMthetho waBantu abaDala, wama-2006 (uMthetho 23 wama-2006). Ezi zindululo zicetyiswayo ezingokuphucula ukulandelwa kwemiyalelo zoMthetho waBantu abaDala wama-2006 sele kwabelene ngazo nesebe elichaphazelekayo.
4.2. Le ngxelo iyafumaneka kwiwebhusayithi yeSebe loCwangciso, ukoNgamelo noVavanyo (www.dpme.gov.za).

5. UMlawuli-jikelele (u-DG) woMbutho woRhwebo weHlabathi (i-WTO)

5.1. IKhabhinethi iyabuxhasa ubugqatswa buka Gqr. Ngozi Okonjo-Iweala njengo-DG woMbutho woRhwebo weHlabathi (i-WTO). Wayekhe waba nguMphathiswa wezeziMali e-Nigeria noMlawuli oyiNtloko weBhanki yeHlabathi. Ubugqatswa bakhe bukwaxhaswe nangabaphathiswa boRhwebo base-Afrika obuchotshelwe ngu Mphathiswa u-Ebrahim Patel.

IKhabhinethi imnqwenelela konke okuhle u-Gqr. Ngozi Okonjo-Iweala kwaye inethemba le-WTO ebeka uphuhliso embindini wenjongo yayo nenikela ekuvuselelweni ngokutsha kwezoqoqoqsho emva kwe-COVID-19. Ukuba uyaphumelela kwisigaba esilandelayo senkqubo ye-WTO, uza kuba ngumAfrika wokuqala olibhinqa owonyulelwa kwesi sikhundla se-WTO DG.

C. Imiyalezo

1. Uvuyiswano

1.1. IKhabhinethi ivuyisana noMphathiswa woPhuhliso loLunto uLindiwe Sisulu othe wachongwa njengoSihlalo wabaLingane kuPhuhliso loLuntu (i-PPD) ukususela ngowama-2021 ukuya kowama-2023. I-PPD lumanyano lwamazwe asaphuhlayo angama-27 asebenzisanayo ukukhuthaza intsebenziswano noMzantsi-Mzantsi eluntwini nakuphuhliso, impilo yokuzala nokulingana ngokwesini. UMzantsi Afrika uthabatha apho kuyeke khona oosihlalo abagqithileyo, i-China ne-Indiya.

2. Amazwi ovelwano

Ikhabhinethi ithumele amazwi ovelwano kwaba:

2.1. usapho nabahlobo bakaGqr. Vuyokazi Mahlathi obenguSihlalo wePhaneli kaMongameli yeeNgcebiso ngoHlengahlengiso loMhlaba nezoLimo. Ebekwasebenza kwisihlandlo sesibini kwiKomishoni yoCwangcisa yeSizwe.
2.2. usapho nabahlobo bowayesayakuba ngoMkomishinala wezemiHlaba eNtshona Koloni, uNks. Beverley Jansen, owayengumkhanyiseli wethu kumzabalazo onxamnye nocalucalulo nowadlala indima ebalulekileyo ekuphumeleleni kwamabango emihlaba oluntu kwilizwe liphela.
2.3. usapho, abahlobo noogxa bakaSekela Sihlalo weKomishoni yamaLungelo oLuntu yoMzantsi Afrika, uNozakuzaku Devikarani Priscilla Jana, owayeligqwetha eliphume izandla lamalungelo oluntu nelingenaloyiko elazinikezela ekulweni urhulumente wengcinezelo. UMongameli Ramaphosa unike imvume yokuba abe noMngcwabo oKhethekileyo wePhondo oSesikweni okwiNqanaba lesiBini.
2.4. usapho, abahlobo noonondaba abangoogxa bakaMnu Dumisani Lubisi, obengumhleli olawulayo wephepha-ndaba i-City Press. Ebezinikele ekuqinisekiseni ukuba intlaninge yamazwi iyavakala elizweni lethu.
2.5. usapho, abahlobo noogxa beLungu lePalamente (MP), uNks Dorah Dunana Dlamini, oye waba lilungu kwiPalamente yesithandathu emveni konyulo lowama-2019. Wayelilungu leNdlu yoWiso-mthetho yePhondo laKwaZulu-Natala phakathi kowama-2014 nowama-2019 phambi kokusebenza kwiNdlu yoWiso-mthetho yeSizwe.
2.6. usapho, abahlobo noogxa bakaMnu Zamuxolo Josepha Peter, obelilungu lePalamente yesithandathu emveni kokusebenza kwiindawo ezahlukeneyo, kuquka njengoSodolophu oyiNtloko woMasipala weNgingqi yaseMakana eMpuma Koloni.
2.7. usapho, abahlobo noogxa beLungu lePalamente (MP), uMmeli Hishaam Mohamed, oye waba lilungu kwiPalamente yesithandathu emveni kolonyulo lowama-2019, emveni kokusebenza ixesha elide nangendlela ekhethekileyo njengentloko yephondo kwiSebe lobuLungisa noPhuhliso loMgaqo-siseko eNtshona Koloni.
2.8. usapho, abahlobo noogxa beLungu lePalamente (MP), uNks Thandi Gloria Mphambo-Sibhukwana oye waba lilungu kwiPalamente yesithandathu kwiNdlu yoWiso-mthetho yeSizwe, emveni kokusebenza njengesithunywa esisigxina saseNtshona Koloni kwiBhunga lamaPhondo leSizwe kwiPalamente yesihlanu. Usebenze iminyaka emininzi njengotitshalakazi phambi kokuba abe liLungu lePalamente.

3. Izikhundla

Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo

1. IBhodi yoMbuso yabaRhweba ngeDayimane:

a. Nks Monica M Ledingwane (uSihlalo);
b. Nks Faith T Mokwena;
c. Mnu Levy G Rapoo; kunye no
d. Nks Mpho Mosing.

2. IBhodi yoMzantsi Afrika yabaLawuli beDayimane nesiNyithi esiXabisekileyo:

a. Mnu Morake Abiel Mngomezulu (uSihlalo);
b. Mnu Yershen Pillay;
c. Nks Kanyisa Macingwane;
d. Nks Mpho Mosing;
e. Nkskz Phydelis Zikalala-Mvelase;
f. Mnu Warren Wayne Adams; kunye no
g. Mnu Ernest Blom.

3. Amalungu angekho kulawulo lweBhodi yoLawulo ye-Arhente yooLoliwe babaKhweli yoMzantsi Afrika:

a. Mnu Leonard Ramatlakane (uSihlalo);
b. Mmeli Smanga Sethene;
c. Mnu Matodzi Mukhuba;
d. Nks Boitumelo Mokgoko;
e. Mnu Dinkwanyane K Mohuba;
f. Gqr Alison E Lewis;
g. Nks Nosizwe Nokwe-Macamo;
h. Nks Thinavhuyo N Mpye;
i. Omele iSebe lezoThutho;
j. Omele iSebe lezeziMali; kunye
k. Nomele uMbutho wooMasipala baseMzantsi Afrika.

4. IBhodi yabaLawuli be-Onderstepoort Biological Products (i-SOC) Limited:

a. Nks Rene A Kenosi (uSihlalo);
b. Njngl Khathutshelo A Nephawe;
c. Nks Nona N Sonjani;
d. Mnu Lufuno Nematswerani;
e. Nks Kribashni Naidoo; kunye no
f. Mnu Luvuyo Mabombo.

5. UMnu Pieter Uys Pretorius njengoSekela Mlawuli-jikelele: iiNkonzo zamaQumrhu kwiSebe loLwulo lweNtsebenziswano neMicimbi yeMveli.

6. UNks Nonhlanhla Patience Mkhize njengoSekela Mlawuli-jikelele: iiNkqubo zokusiNgqongileyo kwiSebe lokusiNgqongileyo, ezamaHlathi nokuLoba.

7. UMmeli Martin Mothusi Mafojane njengoMlawuli-mafa oyiNtloko kwiSebe lezoBulungisa noPhuhliso loMgaqo-siseko.

8. UMnu Nakampe Joseph Mogale njengoSekela Mlawuli-jikelele: Iinkonzo zoLawulo lwamaQumrhu kwi-Ofisi yoMgwebi oyiNtloko.

9. UMnu Livhuwani Tommy Makhode njengoMlawuli-jikelele weSebe lezaMakhaya.

Imibuzo:
Nks Phumla Williams – isiThethi seKhabhinethi
Iselula: 083 501 0139

 

Share this page

Similar categories to explore