Ingxelo ngeNtlanganiso yeKhabhinethi yangoLwesithathu, umhla we-15 kweyoKwindla 2023

Kwintlanganiso ebingoLwesithathu, umhla we-15 kweyoKwindla 2023, iKhabhinethi yamkele amalungu asanda kuqeshwa kwaye iwanqwenelela okuhle kodwa kuxanduva lwawo olutsha, kwaye ikwagxininise nemfuneko yokuba iKhabhinethi iyonke iphumeze imiba ephambili karhulumente ngokukhawuleza.

A.     Imiba enguNdaba-mlonyeni

1.    Umbane
1.1.    IKhabhinethi ikwamkele ukuphehlelelwa kweNgxowa-mali yokuHlanganisa iziBonelelo (i-RMF) nguMphathiswa wezoMbane kwi-Ofisi kaMongameli, uGq Kgosientsho Ramokgopa. Le ntsebenziswano phakathi kukarhulumente ne-Business Unity South Africa ijonge ukubonelela ngezixhobo nobuchule ukuze urhulumente akwazi ukuzalisekisa isiCwangciso sokuSebenza kwezaMandla esabhengezwa nguMongameli uCyril Ramaphosa kweyeKhala yowama-2022 kunye nakwiNtetho kaMongameli engoBume beSizwe (i-SoNA) yowama-2023 njengomzekelo wentsebenziswano phakathi kwamahlakani ezentlalo kunye nokuthembeka okuqhubekayo kuMzantsi Afrika.
1.2.    I-RMF iza kukhulisa umsebenzi weKomiti yeSizwe yeNgxaki yezaMandla (i-NECC) ukuze ifezekise injongo yayo yokuphelisa ingxaki kacimi-cimi wombane eMzantsi Afrika. IKhabhinethi ibongoze bonke abachaphazelekayo ukuba bafake isandla ekuphunyezweni kwesiCwangciso sokuSebenza kwezaMandla ukuze kuliwe nomthwalo onzima wengxaki kacimi-cimi wombane kuqoqosho.
1.3.    IKhabhinethi iqaphele inkxalabo ephakanyiswe kutshanje yi-S&P Global Ratings yokuba ukukhula koqoqosho loMzantsi Afrika kubanjezelwa kukunqongophala kweziseko ezingundoqo, ingakumbi ukunqongophala kombane okumandla. Ukukhawulelana nalo mcelimngeni, urhulumente sele eqalise uthotho lwamanyathelo anzima, aquka ukuqiniswa kwezimali, uhlengahlengiso olukhawulezileyo lwezoqoqosho kunye namanyathelo angxamisekileyo ajolise ekunciphiseni ingxaki kacimi-cimi wombane ngoku kunye nokuguqula eli candelo ngokwenza iinguqu kulo ukuze kuqinisekiswe ukuba siza kuba nombane owaneleyo kule minyaka izayo.
1.4.    IKhabhinethi ikwamkele ukuvulwa kwesithuba sokufaka izicelo zokuvelisa iibhetri ezinomthamo wokugcina umbane ozimegawathi (MW) ezingama-513  njengenxalenye yokomeleza indlela esisabela ngayo kumngeni wombane. Umhla wokuvala ukungeniswa kwezicelo ngowe-5 kweyeKhala 2023 ngentsimbi yesi-17:00 kwaye onke amaqela anomdla angayizalisa ifom yobhaliso ekwikhompyutha efumanekayo apha: www.ipp-storage.co.za .
1.5.    IKhabhinethi ikwasamkele isigqibo soMphathiswa wezaMahlathi, wezokuLoba nokusiNgqongileyo, uNksz Barbara Creecy, sokuba u-Eskom angaqukwa kwabo baza kulandela inkqubo ende efunekayo yokwenza izilungiso kwi-Atmospheric Emission Licence yakhe. Ngokuka-Eskom, oku kumnceda akwazi ukusebenzisa isisombululo sexeshana kumonakalo okwiSikhululo soMbane iKusile ngeyeNkanga wama-2023 kwaye ngaloo ndlela ivumele isikhululo sombane ukuba siphinde siqalise ukuvelisa umthamo weemegawathi ezingama-2 100 (MW) nto leyo eya kunciphisa ingxaki kacimi-cimi eMzantsi Afrika ngamanqanaba amabini.

2.    Ugwayimbo lwe-National Education, Health and Allied Worker’s Union (i-NEHAWU).
2.1.    Kugwayimbo lwe-NEHAWU, iKhabhinethi ikwamkele ukutyikitywa kweSivumelwano sokuPheliswa koGwayimbo kwiBhunga loThetha-thethwano loLungelelaniso lweNkonzo kaRhulumente (i-PSCBC) esisombulula iingxoxo zothethathethwano ngemivuzo yowama-2022/23 nokuphelisa ugwayimbo kwakunye nokubuyisela onke amaqela achaphazelekayo kwiBhunga loThetha-thethwano kuxoxwe ngemivuzo yowama-2023/24.
2.2.    IKhabhinethi iphinde yavakalisa umbulelo wayo kwezo manyano zabasebenzi zithe zahlala kwi-PSCBC ukuqhubeka nothethathethwano. Iphinde yakubethelela ukuzibophelela kukarhulumente kwinkqubo yothethathethwano, nokusebenzisana nawo onke amahlakani afanelekileyo ukuqinisekisa ukubaluleka kokusombulula izinto ngokubonisa ukuhlala kuhlonitshwa.
2.3.    Masikucacise ukuba ABASEBENZI ABEBENGAPHANGELANGA NGETHUBA LOGWAYIMBO ABAZIKUBHATALWA. Imali yezi ntsuku bangaziphangelanga iza kuxhuzulwa ngezavenge kwezi nyanga zine zizayo, njengenxalenye yeSivumelwano sokuPheliswa koGwayimbo. ISebe lezaBasebenzi bakaRhulumente noLawulo liya kubeka esweni ukuphunyezwa ngokupheleleyo kwezi zigqibo.
2.4.    Ukongeza, ii-arhente zogcino-mthetho ziza kulandela izenzo zolwaphulo-mthetho ezenziwe ngexesha logwayimbo, ngeli lixa abaphathi abahlukeneyo baya kuhoya izenzo ezaphula uMgaqo wokuZiphatha wabaSebenzi bakaRhulumente.

3.    Uqhankqalazo lukazwelonke
3.1.    IKhabhinethi ivakalise ukuxhalaba ngezimemezo zoqhankqalazo ezicetywayo ngoMvulo, umhla wama-20 kweyoKwindla ngowama-2023 kwaye ithi ukwenza oku kubonakalisa ukungakhathali nokutsalela ecaleni.
3.2.    INtlanganisela yezoBulungisa, uThintelo loLwaphulo-mthetho kunye noKhuseleko (i-JCPS) lizixakekise ngomsebenzi wokuqinisekisa ukuba ulwaphulo-mthetho alunyanyezelwa.
3.3.    Ezi zikhalazo kutyholwa ngazo zimalunga nokupheliswa kokucinywa kombane, iindleko eziphakamileyo zokuphila kunye nenqanaba eliphezulu lentswela-ngqesho zaphendulwa nguMongameli Ramaphosa ngexesha le-SoNA ngomhla we-9 kweyoMdumba 2023. Malunga nomba wengxaki kacimi-cimi  wombane, uMongameli uqeshe uMphathiswa wezoMbane, uGq Ramokgopa, noza kujongana kuphela nokulwa ingxaki kacimi-cimi wombane. Ukuphunyezwa kwesiCwangciso sokuSebenza saMandla esinaManqaku amaHlanu kuyaqhuba ngenzondelelo kwaye uMphathiswa wezoMbane kwiiveki ezizayo uza kubhengeza imisebenzi ejolise kuyo u-Eskom ekupheliseni ukucinywa kombane. 
3.4.    UMongameli kwi-SoNA yakhe yowama-2023 wathetha nangamanyathelo amiselweyo okujongana namazinga aphezulu olutsha olungaphangeliyo kunye neendleko zokuphila. Ngoko ke, isikhalazo esishiyekileyo kwezi zibaliweyo zolu qhankqalazo likazwelonke sesokufuna ukususa uMongameli Ramaphosa esikhundleni ngeendlela ezingavisisaniyo nomgaqo-siseko. Sifuna ukubazisa bonke ukuba UKUTSHINTSHA UMBUSO OPHETHEYO NGOKUSEBENZISA IINDLELA EZINXAMNYE NOMGAQO-SISEKO AKUYI KWENZEKA EMZANTSI AFRIKA. Nabani na oneminqweno yokulawula eli lizwe makalinde ukuze angenele unyulo lowama-2024. Iinzame zokudala uphazamiseko nezidubedube elizweni ziya kuhlangatyezwana nengalo yomthetho. Kufuneka kwakhona sicacise ukuba akukho vuk’engceni wezopolitiko uza kulukuhla abemi boMzantsi Afrika benze izinto ezinxamnye nomthetho.
3.5.    IKhabhinethi iwavile namaqela abhibhidla amazinyo esithi anike iKhabhinethi iintsuku ezisixhenxe ukuba zivalwe izikolo. Ikhalenda yezikolo zaseMzantsi Afrika yezikolo zikarhulumente nezikolo zabucala, eyapapashwa kwigazethi kweyoKwindla 2022, sele iwubeke njengeholide yesikolo eyodwa umhla wama-20 kweyoKwindla 2023. Kudala lo mkhuba wokuqhayisa ngezinto ezingenamsebenzi ukhona, yile nto kanye ngoku aba baphambili kulo mkhuba bafuna ukuyenza, benze ngathi inyanzeliswe ngabo into eqhelekileyo yokwenziwa iholide yesikolo eyodwa kosuku oluphakathi kweentsuku ezimbini zeholide kawonke-wonke. 

4.    Inkqubo kaMongameli yobuNkokheli boLutsha
4.1.    IKhabhinethi ikwamkele ukuphehlelelwa kweNkqubo kaMongameli yobuNkokheli boLutsha nguMongameli Ramaphosa ngomhla we-10 kweyoKwindla 2023, kwiDyunivesithi yase-Walter Sisulu, eMthatha, nalapho kwasekwa inkqubo yobudlelwane phakathi kwe-Afrika yonkana.
4.2.    Oku kube yinxalenye yeseshoni yokusungulwa kweNgxoxo yoLutsha luka-Nelson Mandela phantsi komxholo othi: “Ubunkokeli obusesikweni nobuphakathi kwezizukulwana nge-Afrika engcono”. Eli qonga lobunkokheli phakathi kwezizukulwana lomeleza izicwangciso nezivumelwano ezikhoyo kwilizwekazi ngokubanzi ezifana ne-Ajenda yeManyano ye-Afrika yowama-2063, uMqulu we-Afrika woLutsha kunye neSivumelwano soMmandla woRhwebelwano weLizwekazi le-Afrika.

5.    Isivumelwano seNkqubo-sikhokelo sokwakhiwa kweemoto eMzantsi Afrika
5.1.    IKhabhinethi izamkele iindaba zokuba inkampani yeemoto i-Stellantis South Africa ityikitye isivumelwano sokusebenzisana ne-Industrial Development Corporation kunye neSebe lezoRhwebo, uShishino noKhuphiswano ukuze kwakhiwe iziko elitsha lokuvelisa izithuthi eMzantsi Afrika. I-Stellantis ithengisa i-Jeep, i-Alfa Romeo, i-Fiat, i-Citroën, i-Opel ne-Peugeot eMzantsi Afrika .

6.    Ubudlelwane boMzantsi Afrika ne-Tanzania
6.1.    IKhabhinethi ilwamkele uTyelelo lwasebuRhulumenteni oluza eMzantsi Afrika ngoLwesine, umhla we-16 kweyoKwindla 2023 nguMongameli Samia Suluhu Hassan we-United Republic of Tanzania, ngokumenywa ngugxa wakhe, uMongameli Ramaphosa. Olu tyelelo lulandela iKomishoni yabaPhathiswa boMzantsi Afrika nabaseTanzania (i-BNC) ebibanjelwe ePitoli ngoLwesithathu, umhla we-15 kweyoKwindla 2023. Iza kuthwesa iseshoni yesibini ye-BNC yoMzantsi Afrika ne-Tanzania, equka iikomiti ezine: eyezoPolitiko nezoZakuzo; eyoKhuselo noKhuseleko; eyeMicimbi yezoQoqosho, kunye neyezeNtlalo neNkcubeko.
6.2.    Ukongeza kumsebenzi wokubambisana noMzantsi Afrika kumzabalazo wenkululeko, i-Tanzania lelinye lamazwe aphambili esirhweba nalo, urhwebo lulonke phakathi kwala mazwe mabini lunyuke ukusuka kwimali ezibhiliyoni eziyi-6.89 zeerandi ngowama-2021 laya kutsho kwimali ezibhiliyoni eziyi-8.71 zeerandi ngowama-2022. E-Tanzania kukho iinkampani zoMzantsi Afrika ezingaphezu kwama-250 ezirhweba kumacandelo ahlukeneyo.

7.    Ukudityaniswa kwe-Heineken kunye ne-Distell
7.1.    IKhabhinethi ikwamkele ukuvunywa yiNkundla yezoKhuphiswano kwesigqibo sokudityaniswa kwenkampani edidiyela utywala yaseYurophu, i-Heineken kunye nevelisa utyalwa yoMzantsi Afrika i-Distell Group Holdings.
7.2.    Oku kudityaniswa kwezi nkampani zimbini kuza kudala elona shishini likhulu kweli lizwe elivelisa uhlobo lotywala oluyi-cider, kubekelwe imiqathango ekhokelisa phambili iimfuno zoluntu, eziquka ukuqhutywa kwamaphulo okuphuhlisa ababoneleli-nkonzo, ukuqhubeleka kuthengwa iimveliso zalapha ekhaya, ukukhuthazwa kotyalo-mali kuphando nophuhliso kunye nokwandisa kwesakhono sokuvelisa apha ekhaya.
7.3.    Le nkampani iza kuzalwa zezi nkampani zimbini zidityanisiweyo iza kuqinisekisa ukuba abasebenzi banezabelo kuyo futhi bayinxalenye yebhodi yayo.

8.    UkuHlola iNkqubela ngoNcedo lweZikhukula zowama-2022
8.1.    IKhabhinethi iwamkele umsebenzi owenziwe nguMphathiswa wezokuHlaliswa koLuntu, uNksz Mmamoloko Kubayi kunye namaLungu e-MinMEC yokuHlaliswa koLuntu wokuhlola umsebenzi osele wenziwe malunga nokufunelwa kweendawo zokuhlala ezisisigxina iintsapho ezazichatshazelwe zizikhukula zowama-2022 kwiphondo laKwaZulu-Natal njengoko sele kuzakuphela unyaka kwenzeka ezi zikhukula ngowama-2022.

9.    Iingxelo ezingeyonyaniso malunga neziBonelelo zabaPhathiswa kunye nooSekela-baPhathiswa
9.1.    IKhabhinethi ivakalise ukuxhalaba zingxelo ezingeyonyaniso  ngeziBonelelo zabaPhathiswa nooSekela-Baphathiswa ezicaciswe kwiSikhokelo saMalungu esiGqeba esiLawulayo, esichaza izibonelelo, izixhobo zokusebenza kunye namaqithi-qithi aMalungu eSigqeba ukuze enze umsebenzi wawo ngokufanelekileyo.
9.2.    Isigqibo ngeziNdlu ezisisiBonelelo zabaPhathiswa sathathwa kwisiVumelwano sowe-1910 ngethuba lokusekwa koManyano loMzantsi Afrika apho kwamiselwa ukuba uMzantsi Afrika uza kuba nezixeko ezithathu eziza kudlala indima yokuba likomkhulu: iPitoli iza kuba liKomkhulu likaRhulumente, iBloemfontein yona ibe liKomkhulu leCandelo leeNkundla, ize yona iKapa ibe liKomkhulu lezoWiso-mthetho okanye elinePalamente. Ezi zindlu kuthiwa zifana namabhotwe zonke zathengwa phambi kowe-1994 kwaye urhulumente okhokelwa yi-African National Congress yena uqinisekisa nje ukuba ziyalungiswa ukuze amaxabiso wazo angehli, ahlale esenyuka njengazo zonke izindlu zexabiso.
9.3.    Abaphathiswa kunye nooSekela baPhathiswa abasebenzisa izindlu zombini ezibonelelwe nguRhulumente bahlawula irenti ngendlela efanayo naleyo yenziwa ngamalungu epalamente. Iya kuba yinto engalunganga ukulindela ukuba abaPhathiswa kunye nooSekela baPhathiswa abanemisebenzi engesosigxina ukuba bazifunele ngokwabo iindawo zokuhlala ngelixa besebenzela isizwe.
9.4.    Izithuthi ezisetyenziswa ngabaPhathiswa kunye namaSekela abo zivumelekile ngokwemigaqo ekwiNcwadana yabaPhathiswa futhi ixabiso limiselwa nguMphathiswa wezeMali ngokubonisana noMphathiswa wamaPolisa kwiinkalo zokhuseleko. Ubuxhaka-xhaka nezinye izibonelelo zezokhuseleko ezifakelwa kuzo budlala indima xa kumiselwa ixabiso lazo futhi iziganeko ezibuhlungu zakutsha nje ze-MECs zokuphulukana nobomi babo okanye ukubandakanyeka kwiingozi ezimbi zemoto zigxininisa ukubaluleka kwalo mba kwaye kufuneka ungasetyenziswa njengomba onxulumene nezopolitiko.
9.5.    Onke amalungu ePalamente anelungelo lokuba abenabasebenzi ababancedisayo kwii-ofisi zawo ukuze akwazi ukwenza umsebenzi wawo. Umahluko kwinani labasebenzi abanika inkxaso kwii-ofisi zabaPhathiswa unxulumene nexesha lokuqeshwa koMphathiswa othile, njengoko bonke aba basebenzi beqeshwa kunye nokuqeshwa koMphathiswa othile. Oku kungenxa yokuba iNcwadana yabaPhathiswa luxwebhu oluhlaziywa rhoqo.
9.6.    UMongameli uthumele le Ncwadana yabaPhathiswa ikhoyo ngoku kwiKomishoni eziMeleyo yeMivuzo yabaSebenzi be-Ofisi kaRhulumente, esele ijongene nemivuzo yabo bonke amagosa karhulumente ukuba iphonononge.

B.    Izigqibo zeKhabhinethi

1.    UMgaqo-nkqubo oYilwayo waManina akwiMidlalo
1.1.    IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa kwiphephandaba likarhulumente koMgaqo-nkqubo oyilwayo wamaNina akwiMidlalo ukuze uluntu luhlomle kuwo. Lo mgaqo-nkqubo uchaza uluhlu lwamanyathelo aza kukhuthaza kwaye axhase abasetyhini kwezemidlalo nokuqinisekisa ukuba iinkqubo zikhona ukulungisa ukungalingani ngokwesini kwiintlobo zemidlalo kunye namaqumrhu ezemidlalo.
1.2.    Ikwajongana nemiqobo yokungena kwabasetyhini kwezemidlalo efana nokunqongophala kwenkxaso-mali, izibonelelo zemali kunye nomvuzo onganelanga. Lo mgaqo-nkqubo ucetywayo unenjongo yokukhuthaza wokunyusa inani labasetyhini abathatha inxaxheba  kwimidlalo nabakwizikhundla zokukhokela ezifana nokuba ngumqeqeshi okanye usompempe.
1.3.    Lo mgaqo-nkqubo uyakuqonda ukuba ukwanda kwenani labantu basetyhini abathatha inxaxheba kwezemidlalo nabakwizikhundla zokukhokela kuzakuphelisa le ngxaki yokungalingani ngokwesini kunye nezinye iintlobo ezahlukeneyo zocalucalulo olujoliswe kwabasetyhini. Ikwafuna ukukhuthaza ulingano kunye nokuqinisekisa ukuba abasetyhini bayayinikwa indawo yabo xa bekwididi labahlawulwayo kwezemidlalo, kuquka nokuhlawulwa imivuzo elinganayo neyabadlali abangamadoda.

2.    Ukubanjwa kweNkomfa yeHlabathi yowama-2023 yeMpilo yooMama AbaKhulelweyo neeNtsana eziSanda kuZalwa
2.1.    IKhabhinethi inike imvume yokuba uMzantsi Afrika ubambe iNkomfa yeHlabathi yooMama Abakhulelweyo neeNtsana Ezisanda kuZalwa ukususela ngomhla we-8 ukuya kowe-11 kuCanzibe ngowama-2023, apho amahlakani angaphezulu kwe-1 000 avela kwihlabathi jikelele aza kudibana ukuze kukhawuleziswe izisombululo zokuphucula umgangatho wempilo yoomama abakhulelweyo kunye neentsana ezisanda kuzalwa, kunye ukuthintela ukuzalwa kwabantwana beswelekile.
2.2.    UMzantsi Afrika wenze inkqubela phambili enkulu ekufezekiseni iinjongo zoPhuhliso oluZinzileyo zeZizwe eziManyeneyo (i-UN) zempilo yoomama abakhulelweyo nabantwana abasanda kuzalwa, kunye nothintelo lokubeleka sele beswelekile. Ilizwe liza kuxhamla kakhulu njengoko abathunywa benkomfa beza kwabelana, phakathi kwezinye izinto, ngezicwangciso zabo ezisebenzayo kunye nezinto ezintsha kwimiba yempilo yoomama  abakhulelweyo nabantwana abasanda kuzalwa.

3.    Iprojekthi ye-Resistance and Liberation Heritage Route (i-RLHR).
3.1.    IKhabhinethi ifumene ingxelo yenkqubela eneenkcukacha malunga nokuphunyezwa kweprojekthi ye-RLHR. IKhabhinethi ikwavumile ukuba uMphathiswa wezoBudlelwane baMazwe ngaMazwe neNtsebenziswano kunye kunye nowezoBulungisa kunye neeNkonzo zoLuleko babe yinxalenye yeKomiti yabaPhathiswa (i-IMC) ejongene ne-RLHR.
3.2.    I-RLHR yiprojekthi yesikhumbuzo yesizwe ejolise ekukhumbuleni nasekubhiyozeleni indlela yoMzantsi Afrika esa enkululekweni. IKhabhinethi iseke i-IMC ukuba yongamele le projekthi kwaye ibonelele ngobunkokeli bezopolitiko.
3.3.    Le projekthi ijonge ukuquka iintlobo ngeentlobo zezikhumbuzo zezinto ezancanywa ngamajoni enkululeko esenzela  uMzantsi Afrika ukuba ukhululeke kwaye ube nentando yesininzi. Ukwavumela ulwakhiwo lweemyuziyam, amatye ezikhumbuzo, amathala eencwadi noovimba, kwaye jolise ekuqondeni umoya wembumba yamanyama nentsebenziswano phakathi kwama-Afrika. Ivunywe yi-UN kwaye inamandla okuqinisa intsebenziswano phakathi kwabantu ngokusebenzisa inkcubeko kunye nelifa lemveli kwilizwekazi lonke.
3.4.    Imisebenzi emininzi eyenzekileyo ngowama-2022 iquka utyelelo lwabaPhathiswa eBotswana naseZimbabwe kwakunye nokwenza amalungiselelo okubamba iintlanganiso e-Angola nase-Tanzania.
3.5.    Imisebenzi ejikeleze le projekthi ijolise ekudibaniseni onke amazwe akuMazantsi e-Afrika kunye nokufundisa abantu abatsha malunga nomzabalazo wokulwa ubukoloniyali kunye nobuhlanga. Lo mgaqo-nkqubo uza kuvulela nokuba kubuyiswe amathambo amajoni enkululeko aseMzantsi Afrika angcwatywa kumazwe angaphandle. Kukho amangcwaba amalunga ne-11 aziwayo ukuba ngawabemi boMzantsi Afrika athe abhaqwa e-Zambia, aquka elo legqala loMzabalazo uMnu Duma Nokwe.

4.    UMgaqo-nkqubo weSizwe wokuFakwa kwiKhompyutha koLwazi lwezoBugcisa, iNkcubeko kunye namaFa eMveli
4.1.    IKhabhinethi iwamkele uMgaqo-nkqubo weSizwe wokuFakwa kwiKhompyutha koLwazi lwezoBugcisa, iNkcubeko kunye namaFa eMveli ukuba uphunyezwe. Lo mgaqo-nkqubo uzalisekisa  uMgaqo-nkqubo weSizwe wokuFakwa kwiKhompyutha koLwazi ngamaFa eMveli owaqulunqwa  liSebe langaphambili lezoBugcisa neNkcubeko ngoko ngowama-2011. Lo mgaqo-nkqubo umalunga nokufakwa kwikhompyutha kolwazi olunxulumene namafa emveli kusenzelwa ukuba lugcinwe, lufumaneke lula futhi kwaziwe nabanikazi balo.
4.2.    Nangona inkqubo yokufaka kwikhompyutha iyinkqubo yokuguqula ulwazi olushicilelwe emaphepheni lube lulwazi olushicilelwe kwikhompyutha, kuquka amaphepha aselugcinweni aneenkcukacha, i-microfiche kunye neteyiphu ezingashicilelwanga kubuxhaka-xhaka bale mihla,  lomgaqo-nkqubo uye wayihlomela le nkcazelo yaquka nemithombo yolwazi eshicilelwe ngobuxhaka-xhaka bale mihla kwasekuqaleni efana nolwazi oluveliswa ngeekhompyutha, lona olungasoze lushicelelwe ephepheni okanye kwesinye isixhobo esibambekayo.
4.3.    Ukufakwa kolwazi kwikhompyutha kuza kulinceda kakhulu eli lizwe njengoko kuza kwenza ukuba kube lula ukufumana imithombo yolwazi, ingakumbi leyo igcinwe koovimba bolwazi, amathala eencwadi kunye neemyuziyam. Lo mgaqo-nkqubo uza kusetyenziswa ngurhulumente wonke nakuluntu ngokubanzi.

C.    Umthetho osaYilwayo

1.    UMthetho-siHlomelo oYilwayo weMiba yeeNkundla wowama-2023
1.1.    IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa ePalamente koMthetho-siHlomelo oYilwayo weMiba yeNkundla wowama-2023. Lo Mthetho uYilwayo ujolise ekuhlomeleni iMithetho emininzi elawulwa liSebe lezoBulungisa noPhuhliso loMgaqo-siseko ngokujongana nemiba yobugcisa kunye nemiba echaphazela ukusebenza ngokubonakalayo kwale Mithetho.
1.2.    Lo Mthetho usaYilwayo uqulathe amagatya angama-37 aphakamisa izilungiso ukulungisa iindawo ezinxamnye nomgaqo-siseko kwiMithetho eyahlukeneyo.

D.    Imisitho ezayo

1.    Usuku lwamaLungelo oLuntu
1.1.    UMongameli Ramaphosa uza kwenza intetho ephambili kumsitho wesizwe woSuku lwamaLungelo oLuntu lowama-2023 ngoLwesibini, umhla wama-21 kweyoKwindla 2023 e-De Aar West Stadium, eMntla Koloni.
1.2.    Umxholo walo nyaka uthi: “UkuBethelela nokuKhusela amaLungelo oLuntu kuLungiselelwa Amangomso”, njengoko sikhumbula inyhikityha  yokubulawa kwentlaninge yabantu e-Sharpeville nakwaLanga, kunye neminye imingcelele eyathi yaqhutywa ngomhla wama-21 kweyoKwindla kowe-1960 kwilizwe liphela.
1.3.    Njengorhulumente, sihlala sizibophelele kuxanduva lomgaqo-siseko lokukhusela amalungelo abantu bonke elizweni. Masisebenzisane ukuqinisekisa ukuba asishiyi namnye ngasemva ekwenzeni izibonelelo zoMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi Afrika wowe-1996 kunye noMqulu wamaLungelo oLuntu zibe yinyani ephilayo kumntu wonke.

2.    Usuku lwaManzi lweHlabathi
2.1.    UMzantsi Afrika uza kuphawula iVeki yeSizwe yaManzi ukusuka ngomhla wama-20 ukuya kowama-26 kweyoKwindla 2023 phantsi komxholo othi: “UkuKhawulezisa iiNguqu”.
2.2.    Le veki ingqamana noSuku lwaManzi lweHlabathi olungomhla wama-22 kweyoKwindla 2023, oluqaqambisa ukubaluleka kwamanzi abalekayo. Ngaphandle kweemvula ezinkulu zakutsha nje kwiindawo ezithile zeli lizwe, uMzantsi Afrika uselilizwe elinengxaki yokunqongophala kwamanzi kwaye ukwindawo yama-30 kwawona mazwe omileyo ehlabathini.
2.3.    IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubo bonke abemi ukuba balondoloze imithombo yamanzi ebalulekileyo efana neendawo ezilijojo, njengoko le mithombo iza kusinceda ukuba sihlale sinamanzi aneleyo nakule minyaka izayo. Sonke sinendima ekufuneka siyidlalile ekongeni amanzi nokuqinisekisa ukuba amanzi awasipheleli.

3.    Usuku lweHlabathi lweSifo sePhepha (i-TB).
3.1.    Usekela-Mongameli uPaul Mashatile uza kwenza intetho ephambili ngexesha lesikhumbuzo ngokusesikweni soSuku lweHlabathi lweSifo sePhepha ngomhla wama-24 kweyoKwindla ngowama-2023 phantsi komxholo othi: “Ewe! Mna nawe singayiphelisa i-TB”.
3.2.    Kulo msitho karhulumente uza kubanjelwa  e-Thlabane Stadium eMntla Ntshona iBhunga leSizwe likaGawulayo loMzantsi Afrika kunye neSebe lezeMpilo baza  kusungula isiCwangciso-qhinga seSizwe seSifo sePhepha, iNtsholongwane kaGawulayo kunye neziFo ezoSulela ngokwaBelana ngeSondo sowama-2023 ukuya kowama-2028. Oku kwakhela phezu kwenkqubela phambili ebonakalayo kuhlaziywe ingqwalasela ekuthinteleni, kunyango, ekuthatheni, ekufikeleleni nasekubambeleleni, nasekupheliseni ucalucalulo nokubekwa amabala.

D.    Imiyalezo

1.    Amazwi okuvuyisana
IKhabhinethi idlulise amazwi okuvuyisana kunye neminqweno emihle:

  • Kwi-Proteas ezindwendwelwe yi-West Indies kukhenketho lweentlobo ezahlukeneyo zomdlalo weqakamba. IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubo bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba baxhase ii-Proteas njengoko ziqhubeka nokuphakamisela phezulu igama loMzantsi Afrika.

2.    Amazwe ovelwano
IKhabhinethi ithumela amazwi ovelwano kusapho nezihlobo:

  • zoMphathiswa wezeMfundo wePhondo laseFreyistata uTate Makgoe (obeneminyaka engama-60), obe negalelo elikhulu kwicandelo lezemfundo nokhokele ngempumelelo iphondo laseFreyistata ukuba lifumane elona zinga liphezulu lokuphumelela imatriki kwiminyaka emine ilandelelana.
  • zikaNksz Maurencia Gillion, obemele iNtshona Koloni kwiBhunga leSizwe lamaPhondo, kwaye wasebenza kwiKomiti eKhethekileyo yezeMpilo kunye neeNkonzo zeNtlalo. Ebelitshantliziyo elaziwayo kwaye esebenzela abantu baseNtshona Koloni, ingakumbi kwiindawo ezisemaphandleni kweli phondo, iminyaka emininzi.
  • likaMnu John Wills (obeneminyaka engama-66) oligqwetha elaziwayo lamalungelo oluntu netshantliziyo elamela iqela leenkokheli zopolitiko eziquka owayesakuba nguMongameli uNelson Mandela.
  • likaMnu Mark Pilgrim (obeneminyaka engama-54), obengusaziwayo kwezamajelo eendaba owakhuthaza abantu abaninzi kwicandelo lamajelo eendaba.
  • likaNksz Gloria Bosman (obeneminyaka engama-50), imvumi yoMzantsi Afrika yomculo womngqungqo (i-jazz) ephumelele iimbasa ezininzi kunye nomqambi.
     

E.    Izikhundla
Zonke izithuba zengqesho zixhomekeke ekungqinisisweni kweziqinisekiso kunye nokukhutshwa okufanelekileyo.

1.     Amalungu e-Sectional Title Schemes Management Advisory Council:
(a)    Adv Boyce Mkhize (uSihlalo);
(b)    Hosi Pheni Cypraim Ngove (uSekela-Sihlalo);
(c)    UNksz Kagisho Mmaseleke Choenyana;
(d)    UMnu Pieter Jacobus De Beer;
(e)    Adv Nomonde Nokuthula January;
(f)    UMnu Iqbal Mohamed Motala; kwaye
(g)    uGq Vuyisani Moss.

2 .     Amalungu eKhomishini yooMantyi: 
(i)    UNksz Nomzamo Zondo;
(ii)    UMnu Hanif Vally;
(iii)    UGq Cornelia Septemba;
(iv)    UMnu Makgabhana Mokoena (uqeshiwe kwakhona); kunye
(v)    noNjing Estelle Hurter (uqeshiwe kwakhona).

Imibuzo:
UMnu Michael Currin – Ibambela leSithethi sikaRhulumente 
Iselula: 082 462 7896
 

Share this page

Similar categories to explore