Ingxelo ngeNtlanganiso yeKhabhinethi yangoLwesithathu, umhla wama-29 kweyoKwindla 2023

A.  Imiba enguNdaba-mlonyeni 

1.  Ezombane 
1.1.  UMphathiswa weZombane, uGq. Kgosientsho Ramokgopa, wenze utyelelo kwizikhululo zombane ezili-14 ukuze azibonele ngokwakhe imingeni egxalathelene no-Eskom kumgangatho wezikhululo zombane. 
1.2.  Olu tyelelo lunike uMphathiswa amathuba okuthetha nabaphathi, abasebenzi kunye neemanyano zabasebenzi, ngeenjongo zokuqala intsebenziswano kumgangatho wezikhululo zombane, njengenxalanye yenkqubo yokuphucula amandla okuvelisa kuze ekugqibeleni kulungiswe ukunqongophala kombane. 
1.3.  IKhabhinethi ihambisana noMphathiswa ekuphawuleni ukuba ngabasebenzi baka-Eskom ababalulekileyo ekusombululeni le mingeni yethu yombane. 

2.  UPhando lweMarike yaBasebenzi lwaRhoqo ngeKota (i-QLFS) ngamanani emisebenzi
2.1.  IKhabhinethi iyivuyele indlela anyuka ngayo amanani ezengqesho kweli lizwe njengokuba i-QLFS yenze ingxelo yokunyuka kwenani lemisebenzi ngama-48 000 kwicandelo loshishino lwezolimo elisesikweni, kule kota yesine yowama-2022. Ukwanda kwemisebenzi kuye kwaphembelelwa lurhwebo, ziinkonzo zoshishino kunye necandelo leshishini lezimbiwa, nezithe zenza umlinganiselo wengqesho kweli lizwe waya kufikelela phantse kwizigidi eziyi-10.
2.2.  Oku kunyuka ngokuthe chu kwinani lemisebenzi lubangelwa yintlanganisela yeenzame zawo onke amaqela abandakanyekayo, esebenzisana norhulumente ekuphunyezweni kweSicwangciso soKwakhiwa Ngokutsha nokuVuselelwa koQoqosho (i-ERRP).
2.3.  La manani emisebenzi ekota yesine ongeze kwingeniso eluqilima yezengqesho, ngemisebenzi engama-648 000 kwikota yesibini yowama-2022 kunye nemisebenzi engama-204 000 edalwe phakathi kwekota yesibini neyesithathu yowama-2022.
2.4.  Oku kuphunyezwa kwe-ERRP kugqalileyo kubangela ifuthe elimandla kukudalwa kwemisebenzi nokulwa ukungaphangeli kunye nobuhlwempu.

3.  INgqungquthela noMboniso wokuKhuthaza ukuThenga ezasekuHlaleni oqhutywa yi-Proudly South African 
3.1.  IKhabhinethi iyiqhwabele izandla iNgqungquthela noMboniso ye-11 yokuKhuthaza ukuThenga ezaseKuhlaleni eqhutywa yi-Proudly South African nebibanjwe eRhawutini phantsi komxholo othi: “Ukukhulisa uqoqosho nokudala imisebenzi ngokwenza izinto ekuHlaleni”, nethe yafumana intetho evela kuSekela-Mongameli, uMnu. Paul Mashatile, ngowama-28 kweyoKwindla 2023.
3.2.  Lo Mboniso ubonise ngaphezu kwama-200 eemveliso neenkonzo zezinga eliphezulu ezenziwe apha ekhaya, ukusukela kwithoyizi, izinto zezemfundo, ifenitshala, ukutya kunye neemveliso eziziziselo ukuya kwezobuxhakaxhaka, nto leyo ebonise ukuthembisa okukhulu kwetalente yaseMzantsi Afrika kwezobuchule, utshintsho lwezemveliso kunye nezakhono zabavelisi basekuhlaleni.
3.3.  IKhabhinethi ikhuthaze amashishini kunye nabemi beli ukuba bathenge iimveliso zasekuhlaleni njengoko ngesihlandlo ngasinye sokuthenga okanye sokufuna ngokumandla iimveliso neenkonzo zasekuhlaleni, siba negalelo kukuvuselelwa koqoqosho nakwinkxaso yokudalwa kwemisebenzi. 

4.  Ubudlelwane phakathi koMzantsi Afrika ne-Belgium
4.1.  IKhabhinethi ikwamkele ukuzethemba okuboniswe nguMzantsi Afrika ngexesha loTyelelo lweSizwe lukaKumkani noKumkanikazi u-Mathilde, boBukumkani base-Belgium, abebemenywe nguMongameli Cyril Ramaphosa, ukusukela ngowama-22 ukuya kowama-27 kweyoKwindla 2023. 
4.2.  Ubudlelwane obumandla macala nobujolise kurhwebo, utyalo-mali ngqo kwezangaphandle kunye nokhenketho, bulomelezile oluTyelelo lweSizwe lokuqala. Ukongeza, iQonga Leshishini loMzantsi Afrika ne-Belgium libonelele ngeqonga lotshintshiselwano kunye neencoko zamacandelo oshishino zokuphucula ubudlelwane bezorhwebo notyalo-mali, nobuthembisayo ukuba bungakhuthaza ukwandiswa kwemizi-mveliso eMzantsi Afrika.
4.3.  I-Belgium lelinye lamahlakani oMzantsi Afrika abaluleke kakhulu kwezoqoqosho nokuthunyelwa ngaphandle kwemveliso. Ngowama-2020 uMzantsi Afrika uthumele iimveliso ezingangebhiliyoni ezi-$2.38 e-Belgium kumacandelo ezoshishino afana neledayimani, iitraka zemithwalo, imichiza yendalo kunye nemvuthuluka yezinyithi ezixabisekileyo. Kukwakho namathuba amaninzi phakathi kwala mazwe mabini otyalo-mali kwezombane, iziseko ezingundoqo kunye nonakekelo lwempilo.

5.  INkomfa kaZwelonke malunga noMgaqo-siseko
5.1.  IKhabhinethi izamkele iingxoxo malunga noMgaqo-siseko ebezibanjwe kwiNkomfa kaZwelonke (ngomhla wama-22 ukuya kowama-24 kweyoKwindla 2023) yeentsuku ezintathu phantsi komxholo othi: “IiNgcinga malunga noMgaqo-siseko: Umgaqo womthetho, uxanduva, ubulungisa bezentlalo nezoqoqosho”. Iingxoxo zibonise ukucingisisa ngale minyaka ingama-25 idlulileyo yoMgaqo-siseko zaza zenza isicwangciso sezinto ekusafuneka zenziwe.
5.2.  UMgaqo-siseko usahlel’ uhleli njengoxwebhu oluphilayo nolubaluleke kakhulu ekuzunguleni kukarhulumente ukuguqula ubomi babemi boMzantsi Afrika ukuze bube ngcono.

6.  INkomfa yezoBulungisa kweZesini kunye neZenzala 
6.1.  Ukufikelela kuMalungelo eZempilo eZesini neZenzala ibiyinto ekujoliswe kuyo kwinkomfa ebibanjwe ukusuka ngomhla wama-22 ukuya kowama-24 kweyoKwindla, nebikhokelwa nguMphathiswa weSebe lezeNtlalo, uNksz. Lindiwe Zulu. Urhulumente uzinikele ekuqinisekiseni ukuba bonke abantu bayakwazi ukwenza izigqibo ezisempilweni kwaye banezixhobo zokwenza oko ngemizimba yabo, ezesini kunye nezenzala. 
6.2.  Kuye kwasungulwa nengxelo yesibini yale Khomishoni yeZinga eliPhezulu leNgqugquthela yase-Nairobi kwi-International Conference on Population and Development enesihloko esithi ‘uBulungisa kweZesini neZenzala njengendlela yokufezekisa iziBophelelo zeNgqungquthela yase-Nairobi’. Oku kubonelela ngezikhokelo zokufezekisa ubulungisa kwezesini nezenzala kubo bonke aboMzantsi Afrika. 

7.  Izikhukula nemozulu embi ngokumandla 
7.1.  UMongameli u-Cyril Ramaphosa undwendwele e-Port St. Johns eMpuma Koloni ngomhla wama-28 kweyoKwindla 2023 ukuze ahlolisise ukusabela kukarhulumente kunye nemibutho yezoluntu kwimeko eye yalandela emva komonakalo omkhulu obangelwe zizikhukula kulo mmandla. UMongameli uluqinisekisile uluntu lwalapha ngenkxaso karhulumente kwaye uwuqhwabele izandla umsebenzi wesebe leenkonzo zongxamiseko neliye lancedisa kwiinzame zokuhlangula emva kwezikhukula e-Port St. Johns nakwimimandla eyingqongileyo, nezibangele ukudilika komhlaba, ukuncothuka kwemithi neengcambu, ukuxineka kweendlela zaza zabuphazela qatha ubomi babantu balapho. 
7.2.  IZiko loLawulo lweeNtlekele likaZwelonke liququzelela ukusabela kukarhulumente osebenza nephondo leMpuma Koloni kunye namaziko olawulo lweentlekele esithili sase-OR Tambo ukuze kunyinwe ifuthe elibi lezi zikhukula kuluntu lwethu. IKhabhinethi iqaphele ukusetyenziswa kwenzululwazi kukusabela nokwenza imizamo yokunciphisa ifuthe kumsebenzi owenziwa yi-Council for Scientific and Industrial Research, udibene ne-South African National Space Agency, i-South African Environmental Observation Network (i-SAEON) ne-South African Weather Service. 
7.3.  Ngefuthe lemozulu eliya lisiba qatha, indima yezenzululwazi, ubuchwepheshe nobuchule ekuncitshisweni kwefuthe leentlekele, ukusabela kunye nothintelo, kwiimeko ezithile, ziya zibaluleka nangakumbi.
7.4.  IKhabhinethi ikhumbuze abantu abahlala kwimimandla esezantsi nefane ifunyanwe zizikhukula ukuba bahlale belumkile kwaye balandele izilumkiso zemozulu. 

8.  Uthethathethwano ngezemivuzo yabasebenzi bakarhulumente 
8.1.  IKhabhinethi iye yachazelwa malunga nothethathethwano ngezemivuzo yabasebenzi bakarhulumente yaza yazamkela izalathiso zasebutsheni bezi ngxoxo zamathuba okuba kungafikelelwa kwisivumelwano neemanyano zabasebenzi ezimele uninzi lwabasebenzi bakarhulumente.

9.  Ukusabela kweQela lezoBulungisa, uThintelo loLwaphulo-mthetho (i-JCPS) kunye noKhuseleko kuQhankqalazo lwangomhla wama-20 kweyoKwindla 
9.1.  IKhabhinethi iziqhwabele izandla iinzame zeQela le-JCPS neCandelo leSizwe lokuSebenza kunye nobuNtloli zokuqinisekisa ukuba uqhankqalazo lwangomhla wama-20 kweyoKwindla 2023 ludlule kungakhange kubekho nto ibikwayo. 
9.2.  Nangona kuvunywa ukuba imisebenzi elolu hlobo akunakuqhayiswa ngayo mihla le, iKhabhinethi iye yakhupha umyalelo wokuba iQela le-JCPS liphuhlise kwaye lidandalazise iSicwangciso soThintelo loLwaphulo-mthetho esihlanganisiweyo nesisekelwe kulwazi lobuntloli ukuze sihlangabezane nolwaphulo-mthetho olulungelelanisiweyo, nokhuseleko nokunqatyiswa kwabantu baseMzantsi Afrika ngokukhawuleza nangempumelelo. 
9.3.    IKhabhinethi iphinde yavakalisa umbulelo wayo ngobumbano oluboniswe luninzi lwabemi boMzantsi Afrika ngokwala ikhwelo lokuba kuvalwe ilizwe nangokukhusela intando yesininzi yethu ekumgaqo-siseko. 

10.  Umba wophando loMdlwenguli ka-Facebook uThabo Bester
10.1.  IKhabhinethi iye yachazelwa ngenkqubela yeenzame zokubamba lowo ufunwa ngamapolisa uThabo Bester, onguMdlwenguli waku-Facebook owabhungca entolongweni ephethwe yi-G4S.
10.2.  IKhabhinethi iyalele iSebe leeNkonzo zoLwaluleko ukuba likhawulezise ligqibe le nkqubo yokuthabathela kulo imisebenzi yezi ntolongo zimbini ziphethwe ziinkampani zabucala lize liqinisekise ukuba kukho imiphumela kubo bonke ababandakanyekayo kule nyewe.   

11.  Ukubulawa kuka-Messrs Cloete no-Thomas Murray
11.1.  IKhabhinethi ikugwebile ukubulawa kukaMnu. Cloete Murray nonyana wakhe u-Thomas, iingcali zezokubhanga ebezibandakanyeka kumatyala okubhanga kwabantu abaziwayo, kwaye ithumela imiyalezo yovelwano kusapho lwakwa-Murray ngokulahlekelwa kwalo.
11.2.  IKhabhinethi iyalele ii-arhente zonyanzeliso-mthetho ukuba zigqogqe yonke indawo zize zibabambe kwaye zibazise ngaphambili ngokukhawuleza aba bulali kunye nabo babaqeshileyo ukuba benze oku.  

12.  I-Arhente yoLawulo lweMida (i-BMA)
12.1.  IKhabhinethi iwuqhwabele izandla umsebenzi omkhulu wamalungiselelo okuqinisekisa ukuba i-BMA iyaqalisa ukusebenza njengequmrhu elizimele geqe, ukusukela ngomhla woku-1 kuTshazimpunzi 2023. 
12.2.  I-BMA lilungu elibalulekileyo lomsebenzi karhulumente wokukhusela kakuhle imida yoMzantsi Afrika ngendlela ekhusela iimfuno zesizwe nephucula ukhuseleko lukazwelonke. 

B.  IZigqibo zeKhabhinethi

1.  Inkqubela yokuFudukela kuSasazo oluDijithali (i-BDM)
1.1.  IKhabhinethi ifumene iindaba zamvanje malunga nenkqubo ye-BDM njengokuba ilizwe lilungiselela ukuCinywa kwe-Analogu nokubonana nala maqela achaphazelekayo, kuquka namalungu oluntu.
1.2.  IKhabhinethi iyiqaphele inkqubela eyenziweyo ngokufakelwa kweebhokisi ezibekwa ngaphezulu zamakhaya abaxhamli afanelekayo nathe afaka izicelo zoncedo lukarhulumente.
1.3.  IKhabhinethi ikhuphe isivumelwano sokuba uMphathiswwa weSebe loNxibelelwano noBuchwepheshe beDijithali apapashe kwigazethi umhla wokuCinywa kwe-Analogu eMzantsi Afrika. 

2.  IPhepha leNgcaciso yoMgaqo-nkqubo ngeeNcoko nokuSetyenziswa ngokuZinzileyo kweeNtlobo-ntlobo zeNdalo yaseMzantsi Afrika 
2.1.  IKhabhinethi ivume iPhepha leNgcaciso yoMgaqo-nkqubo ngeeNcoko nokuSetyenziswa ngokuZinzileyo kweNdalo Eyahlukileyo yaseMzantsi Afrika. 
2.2.  UMzantsi Afrika ngomnye wamazwe aneentlobo-ntlobo zendalo ehlabathini liphela kwaye leli Phepha leNgcaciso yoMgaqo-nkqubo liza kunceda eli lizwe lixhamle kwezi ntlobo-ntlobo zendalo zingaka. Libabaza ukubaluleka kwecandelo loshishini lweentlobo-ntlobo zendalo kukukhula koqoqosho lwaseMzantsi Afrika. Leli Phepha leNgcaciso yoMgaqo-nkqubo likwabalula nokubaluleka kokukhusela ulwazi kunye neentlobo-ntlobo zendali eziphuma kweli. 

3.    UMgaqo-nkqubo oYilwayo weNkxaso-mali yaMashishini amaNcinci, aPhakathi naMancinane neMifelandawonye (ii-SMME)
3.1.  IKhabhinethi ivume ukupapashwa koMgaqo-nkqubo oYilwayo weNkxaso-mali yee-SMME ukuze uluntu lube nokunika uluvo. Lo mgaqo-nkqubo uyinxalenye yolunye ungenelelo lokuxhasa amashishini amancinci, kuquka neNkqubo-sikhokelo yeSizwe eDityanisiwe  yoPhuhliso lwamaShishini amaNcinci eyavunywa yiKhabhinethi ngowama-2022. 
3.2.  Lo mgaqo-nkqubo uyilwayo uphakamisa iindlela ezibalulekileyo zokungenelela ezili-17 neziza kwenza ezi-SMME ziqikelelwa kwizigidi ezi-3.2 nemifelandawonye engama-43 000 ikwazi ukuba nempumelelo. Ezi ndlela zokungenelela ziquka ukujongana nezixhobo zenkxaso-mali ezithe saa, ukuqulunqa uvimba weengcombolo wamashishini amancinci, ukuphucula ukufikelela kwimali yokuqala amashishini nokwandisa inkxaso yokukhulisa ushishino. 
3.3.  Urhulumente uye wayibeka phambili inkxaso yee-SMME nemifelandawonye kuba la mashishini adala eyona misebenzi mininzi kwaye abonelela ngamathuba okuba abantu bakwazi ukwenza imali yokuphila. 
3.4.  Umgaqo-nkqubo oyilwayo uya kupapashwa kwiPhephandaba likaRhulumente nakwiwebhusayithi yeSebe loPhuhliso lwaMashishini amaNcinci ku-www.dsbd.gov.za

4.  INkqubo-sikhokelo yaManzi noGutyulo 
4.1.  IKhabhinethi iyivumile iNkqubo-sikhokelo yaManzi noGutyulo eza kusetyenziswa njengesikhokelo sendlela ekucwangciswa, kuphathwe kuze kulawulwe ngayo iinkonzo zogutyulo ngokufanayo nangokuhambelana nophuhliso lobuchwepheshe.
4.2.  INkqubo-sikhokelo iphuhliselwe nokuba isabele kwimingeni yokuhanjiswa kweenkonzo ebonwa kwiziseko ezingundoqo ezigugayo neziphelelwayo ezingalondolozwa kakuhle, kunye neziseko ezingundoqo ezazingayilelwanga ukuhambisa iinkonzo kubantu abaninzi. 
4.3.  Le Nkqubo-sikhokelo iza kusetyenziselwa nokujongana nezikhewu kwinkqubo yokuhanjiswa kweenkonzo kwaye ibonelela neendlela zokuthoba eli nani liphakamileyo lamakhaya angazifumaniyo iinkonzo zogutyulo ezaneleyo nezikhuselekileyo apha eMzantsi Afrika, kwaye oku kuquka nokupheliswa kwamabhakethi kwiindawo ezinamatyotyombe. 
4.4.  Le Nkqubo-sikhokelo iyaqhubeka imisele iimpepha namava afunekayo ubuncinane kubasebenzi bolawulo lwenkqubo kwiziko logutyulo lwamanzi amdaka kunye namava afunekayo kubaphathi bomzi-mveliso wokugutyula amanzi amdaka. 

5.  UMgaqo-nkqubo neSikhokelo soMgaqo-nkqubo sokuHanjiswa ngokuKhawuleza koThungelwano neziXhobo noNxibelelwano lweeKhompyutha 
5.1.  IKhabhinethi iwuvumile uMgaqo-nkqubo neSikhokelo soMgaqo-nkqubo sokuHanjiswa ngokuKhawuleza koThungelwano neziXhobo zoNxibelelwano lweeKhompyutha. 
5.2.  Injongo yalo Mgaqo-nkqubo neSikhokelo soMgaqo-nkqubo kukuyalela iGunyabantu lezoNxibelelwano eliziMeleyo laseMzantsi Afrika (i-ICASA) ukuba limisele imigaqo ngeenkqubo ezilandelwayo nezokusebenza ezenzelwe ukusombulula impikiswano enokuthi ivele phakathi komnini welayisensi yeenkonzo zonxibelelwano lokuthungelana ngeekhompyutha kunye nawuphi na umnini womhlaba ngexesha lokuhanjiswa kothungelwano nezixhobo zonxibelelwano lweekhompyutha.  
5.3.  Ukuhanjiswa kakuhle kothungelwano lonxibelelwano lweekhompyutha yinto ephambili kurhulumene kuba kuxhasa amanyathelo elizwe lethu okusondela kwezoqoqosho lwedijithali.  

C.    Izikhundla
Zonke izithuba zengqesho zixhomekeke ekungqinisisweni kweziqinisekiso kunye nokukhutshwa okufanelekileyo.

1.  UNksz. Hapiloe Sello njenge-CEO ye-South African National Parks. 

2.    IBhodi yaBalawuli abaNgekho kwiSigqeba yakwa-Sentech:
(a)    UNksz. Sedzani Faith Mudau (uyaphinda ukuqeshwa kwaye nguSihlalo); 
(b)    UNosz. Veronica Mmakoma Motloutsi (uyaphinda ukuqeshwa);
(c)    UMnu. Themba Phiri (uyaphinda ukuqeshwa);
(d)    UNksz. Mapuleng Moropa (uyaphinda ukuqeshwa);
(e)    UGq. Tshavhuyo Sesane (uyaphinda ukuqeshwa);
(f)    UMnu. Mbasa Metuse (uyaphinda ukuqeshwa); 
(g)    U-Adv Nkhumeleni Anderson Mudunungu (uyaphinda ukuqeshwa);
(h)    UMnu. Luyolo Keyisa; kunye
(i)    noMnu. Kiruben Pillay. 

D.  Imithetho esaYilwayo

1.    Uyilo loMthetho-sihlomelo osaYilwayo woMbane 
1.1.  IKhabhinethi ithe yavuma uYilo loMthetho-sihlomelo osaYilwayo ukuba lungeniswe ePalamente.
1.2.  Iinjongo zalo Mthetho-sihlomelo osaYilwayo zenzelwe:
1.2.1.  ukomeleza indima yoMlawuli woMbane kaZwelonke waseMzantsi Afrika,
1.2.2.  ukomeleza amagatya anxulumene nemisetyenzana enokunikwa ilayisensi nengenakuyinikwa (exolelwayo);
1.2.3.  ukuqulunqa amagatya amanyathelo amiselwe utshintsho ukwenzela ukudalwa kwe-Transmission System Operator (i-TSO); kunye
1.2.4.  nokucacisa imisebenzi ye-TSO nethi, phakathi kwezinye izinto, iquke ukubonelelwa kweqonga lokurhwebelana ngombane kwiimarike ezininzi, nokubonelelwa kofikelela kunxibelelwano lokugqithiswa kombane ngaphandle kocalucalulo. 

2.  UMthetho-sihlomelo oYilwayo waBaphathi boLawulo lukaRhulumente (i-PAMA) wowama-2023 
2.1.  IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa ePalamente koMthetho osaYilwayo we-PAMA wama-2023.  
2.2.  Injongo engundoqo yalo Mthetho usaYilwayo kukuphucula ukuhanjiswa kweenkonzo ngokulungelelanisa ngcono abasebenzi, ulawulo kunye namalungiselelo afanelekileyo kuwo omathathu amanqwanqwa karhulumente. 
2.3.  Lo Mthetho usaYilwayo ukwasusa ukungalingani okungenabulungisa kolawulo loluntu kwaye ubonelela ukudalwa kwenkqubo-sikhokelo yothethathethwano oluhlanganisiweyo.

3.  UMthetho-sihlomelo oYilwayo weeNkonzo zoLuntu wowama-2023
3.1.  IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa ePalamente koMthetho-sihlomelo osaYilwayo weeNkonzo zoLuntu wowama-2023.
3.2.  Lo Mthetho usaYilwayo ujolise ekucaciseni izikhundla nemisebenzi zoogunyaziwe abaphetheyo ngokunxulumene neeNtloko zamaSebe (ii-HoD) kwaye ubonelela ngamagunya athile ezolawulo aza kunikwa ii-HoD, abe amagunya eqhinga lomsebenzi ehleli koogunyaziwe abakwisigqeba.
3.3.  Lo Mthetho usaYilwayo ukwandisa isikhundla soMlawuli Jikelele kwi-Ofisi kaMongameli ukuze kudalwe iNtloko yoLawulo loLuntu kwaye ucacisa isikhundla seKhomishoni yeeNkonzo zoLuntu ngokuphathelene nezikhalazo zabasebenzi.

4.  UYilo loMthetho-sihlomelo oYilwayo woNxibelelwano ngeeKhumpyutha
4.1.  IKhabhinethi ikuvumile ukufakwa kwigazethi koMthetho-sihlomelo oYilwayo woNxibelelwano ngeeKhumpyutha ukwenzela ukufumana izimvo zoluntu. 
4.2.  Injongo yezi zilungiso ziphakanyiswayo kukudala umgangatho wokhuphiswano kwicandelo loshishino lonxibelelwano ngeefowuni kuze kuhliswe amaxabiso. 
4.3.  Umthetho-sihlomelo woNxibelelwano ngeeKhompyutha uza kuvumela iGunyabantu lezoNxibelelwano eliziMeleyo laseMzantsi Afrika likwazi ukushukushukuma xa lilawula imiba yokhuphiswano kweli candelo loshishino.
 
E.  Imisitho Ezayo

1.  Iiholide zeSikolo 
1.1.  IKhabhinethi inqwenela bonke abafundi kunye nootitshala ikhefu elinenzolo.
1.2.  Ukhuseleko lwabantwana bethu kumele luhlale luyinto ephambili nokuba seyiziiholide zesikolo.

2.  IPasika ne-Ramadan
2.1.  IKhabhinethi inqwenela amaKhrestu nama-Muslim ngeli xesha lePasika ne-Ramadan ngokulandelelana kwazo. 
2.2.  IKhabhinethi iyabongoza kwabo baza kube besezindleleni ngeli xesha leeholide ukuba bahloniphe abanye abasebenzisi beendlela kwaye bathobele imigaqo yendlela. Abaqhubi kufanele bathobele imida isikelwe isantya kwaye baqinisekise ukuba iinqwelo zabo zikulungele ukuba sendleleni, kwaye bangaqhubi besele. 

3.  INkomfa yoTyalo-mali yaseMzantsi Afrika (i-SAIC)
3.1.  UMongameli u-Cyril Ramaphosa uya kukhokela ukusindleka koMzantsi Afrika inkomfa ye-SAIC yesi-5 ngomhla we-13 kaTshazimpunzi 2023 e-Sandton Convention Centre eRhawutini. 
3.2.  Ukusukela kwinkomfa yokuqala yotyalo-mali ngowama-2018, uMzantsi Afrika uye watsala i-R1, 14 trillion yezibophelelo. Oku kumele iipesenti ezingama-95 yomsebenzi ebesijolise kuwo kuqala kwaye ithetha ukuba kukho utyalo-mali kuludwe olubanzi lwamacandelo oqoqosho. 
3.3.  Kwezi zibophelelo zili-152 zenziweyo ngaphambili, iiprojekthi ezingama-45 ziye zagqitywa, ibe ezinye iiprojekthi ezingama-57 zisakhiwa okwangoku. Olu tyalo-mali luphele ngokwakhiwa kwemizi-mveliso emitsha, amaziko eminxeba, imizi-mveliso yombane osuka elangeni, iingcingo zefayibha ezihamba phantsi kolwandle, ukwandiswa kwemveliso kunye nokuthabathelwa kobuxhakaxhaka obutsha.
3.4.  Ngexesha leNtetho ngoBume beSizwe, uMongameli wabhengeza imali ekujoliswe kuyo engange-R2 trillion ukwenzela umjikelo omtsha wesithuba sokuhlanganisa utyalo-mali. 

4.  IQonga loShishino loMmandla weliZwekazi i-Afrika ongaHlawulisi iRhafu yoRhwebo (i-AfCFTA) 
4.1.  UMzantsi Afrika uza kusindleka iQonga loShishino le-AfCFTA elicwangciselwe ukubanjwa e-Cape Town International Convention Centre ukusukela ngomhla we-16 ukuya kowe-19 kaTshazimpunzi 2023, ngokubambisana neQumrhu loLawulo lwe-AfCFTA.
4.2.  IQonga loShishino le-AfCFTA liza kusebenza njengeqonga lokuba amashishini nabatyali-mali badibane namaqabane kunye nabathengi abatsha, bandise umzila wabo kwaye bafikelele kwiimarike ezintsha kula macandelo oshishino aphambili achongiweyo. 

5.  Inyanga yeNkululeko
5.1.  UMzantsi Afrika uza kwenza isikhumbuzo seNyanga yeNkululeko ngenyanga kaTshazimpunzi ukuphawula ukutshintsha kweli lizwe ukusuka kulawulo loorhulumente bocalucalulo ukuya kwilizwe elinentando yesininzi. Namhlanje, bonke abemi baseMzantsi Afrika bafumana ukhuselo loMgaqo-siseko kwaye sikhululekile ukuba sibe ngaba bantu singabo kwaye sileqe amaphupha ethu ngaphandle kokophula umthetho.  
5.2.  Esi sisikhumbuzo yinto esikhumbuza ngabantu nezinto ezininzi eziye zalidini ukuze sifumane inkululeko yethu neye yakhokelela kunyulo lokuqala lwentando yesininzi yeli lizwe lethu ngomhla wama-27 kaTshazimpunzi 1994, umbhiyozo weengeniso zenkululeko yethu kunye nokuzimisela kwethu sisonke ukusebenza nzima nangakumbi ukuze sijongane nemingeni esanamathele eli lizwe lethu kwaye siqinisekise ukuba asishiyi namnye ngemva.

F.  Imiyalezo

1.  Amazwi okuvuyisana
IKhabhinethi ithumela amazwi okuvuyisana kunye neminqweno emihle kwaba: 

  • Iqhula lalapha eMzantsi Afrika, u-Trevor Noah, nowawina imbasa yaseYurophu ehloniphekileyo, i-Erasmus Prize, nto leyo emenza abe liqhula lokuqala ukuwina le mbasa emva ko-Charlie Chaplin ngo-1965. I-Erasmus Prize libhaso laminyaka le elinikwa abantu okanye amaziko enze igalelo elingummangaliso kwezenkcubeko, kwezentlalo okanye kwezenzululwazi yentlalo eYurophu nasehlabathini liphela.
  • abamkeli be-Inaugural Charlotte Maxeke African Women Leadership Awards, ebibanjwe nguMphathiswa wezoBudlelwane neNtsebenziswano yaMazwe ngaMazwe, uGq. Naledi Pandor. Lo msitho ubalula kwaye uhlonipha iinkokeli ezibalaseleyo ezingamaBhinqa ase-Afrika ethe impumelelo, impembelelo negalelo lawo laqhubela phambili ukukhula kwe-Afrika kumacandelo ahlukileyo oluntu. Ezi Mbasa zikwabalule negalelo kukuqhubela phambili impatho elinganayo yobuni kunye nokuxhotyiswa kwamabhinqa.
  • I-Banyana Banyana, njengokuba belungiselela ukuvela kwabo okwesibini kwiNdebe yeHlabathi ye-FIFA. Baza kuthatha uhambo oluya e-Serbia ukuya kudlala umdlalo wolonwabo ngomhla we-10 kaTshazimpunzi 2023.
  • I-Bafana Bafana eye yafaneleka ukungenela i-2023 Africa Cup of Nations emva kokuwina 2-1 kumdlalo wayo ne-Liberia e-Monrovia ngomhla wama-28 kweyoKwindla 2023.
     

2.  Amazwi ovelwano
IKhabhinethi igqithise amazwi ovelwano kusapho nabahlobo: 

  • bakaNozakuzaku u-Moosa “Mosie” Moolla (88) owathi ngowama-2013 wanikwa iwonga i-Order of Luthuli ngeSilivere ngomsebenzi wakhe wobugorha nobalaseleyo kwimibutho yomzabalazo nehlala ibeka ubomi bakhe emngciphekweni omkhulu nangokumela iimfuno zemibutho yomzabalazo noMzantsi Afrika kuluntu lwamazwe ngamazwe. Wayengomnye yamatshantliziyo kaKhongolose ali-155 awabanjwa ngezityholo zokuNgcatsha uMbuso kweyoMnga ngowe-1956. 
  • babantu bathathu baphuncukana nobomi ngexesha lezikhukula e-Port St. John’s nemimandla eyingqongileyo.
  • babantu bahlanu babulawayo naba bathathu bonzakalayo kwizehlo ezibini ezahlukeneyo zokudubulana e-Tongaat, KwaZulu-Natal ngomhla wama-23 kweyoKwindla 2023.
  • bakaMnu. Randall Robison (81), itshantliziyo laseMelika kunye nomseki we-TransAfrica, umbutho owaziwa kakhulu ngokuphembelela inkxaso e-Washington nowanceda ukumilisa ngokutsha umgaqo-nkqubo wezangaphandle ngokubhekiselele kuMzantsi Afrika wexesha localucalulo.
     

IKhabhinethi ikwavakalise namazwi ovelwano:

  • kurhulumente kunye nabantu base-India, e-Pakistan nase-Afghanistan ngokulahlekelwa ngabantu emva kwenyikima eye yakho kulo mazwe. 

Imibuzo: Mnu Michael Currin – iBambela leSithethi sikaRhulumente 
Iselula: 082 462 7896
 

Share this page

Similar categories to explore