Ingxelo ngeNtlanganiso yeKhabhinethi ebibanjwe kwiqonga le-intanethi NgoLwesithathu, 17 KweyeThupha 2022

A.  Imiba Engundaba-mlonyeni
1.  Amandla ombane

1.1.  IKhabhinethi ilwamkele ungenelelo oluziswe ngurhulumente njengeenzame zokulungisa iingxaki zombani ezigubungele eli lizwe. Lamanyathelo azakuthatha igxatho elizakufikelela kumgama okude nozakuvula indlela yokunciphisa ukucinywa kombane, ukuza neenguqu kweli candelo lombane kunye nokuqinisekisa ukuba amandla ombane akhona ngokungaphazamisekiyo ixesha elide.

1.2.  Ekuxhaseni iziko lombane kunye nokunceda ilizwe lethu ngobonelelo lwalo lombane osele luphantsi koxinzelelo kakade, kufuneka sinciphise ukusetyenziswa kombane elizweni jikelele ngeemegawathi ezingama-600 kwezi nyanga zintathu zizayo.

1.3.  Ngamaxesha apho wonke umntu esendlini esebenzisa umbane, amakhaya angadlala indima yawo ekongeni amandla ombane ngokucima zonke izibane ezingabalulekanga kunye nezixhobo ezisebenzisa amandla ombane kakhulu. Amashishini nawo ayakhuthazwa ukuba asebenzise ubuchwepheshe bokuvelisa umbane obonga amandla ombane, kwaye athathe inxaxheba kumanyathelo okunciphisa imfuno yombane kwishishini.
 
2.  I-Operation Vulindlela
2.1.  IKhabhinethi iyamkele inkqubela-phambili eyenziwe phantsi kwe-Operation Vulindlela yokucima imiqobo kuwo onke amacandelo ombane, ezonxibelelwano, awamanzi nokhenketho ukuze kuvuselelwe uqoqosho.

2.2.  Izakhiwo-nguqu ezisithoba kwezingama-26 ziye zaphunyezwa, kwezi zakhiwo-nguqu ezili-11 zithe chu ngcembe ziqhuba kakuhle kakhulu. Impumelelo ikwa quka ukolula umda wokukhutshwa kweelayisenisi yokuveliswa kombane okuzinzisiweyo, ukuguqulwa koshishino  lukaGunyaziwe wamaZibuko kaZwelonke akwa-Transnet, ukukhutshwa koluhlu lwezakhono ezibalulekileyo nezihlaziyiweyo kunye nokuphunyezwa kwenkqubo ye-e-Visa kumazwe ali-14, kuquka iimarike ezinkulu zabakhenkethi ezintsha ezifana neTshayina, i-Indiya, i-Kenya ne-Nigeria.
 
3.  UbuNdlobongela obuSekwe kwiSini kunye noKubulawa kwabaseTyhini (i-GBVF)
3.1.  IKhabhinethi ivakalise umsindo wayo ngenkohlakalo yesenzo sokudlwengulwa ngokungenalusini kwabasetyhini abasibhozo kutsha nje e-Krugersdorp e-Gauteng. Ezi zenzo zimbi nokuphathwa gadalala kwabasetyhini zinyhasha izinga lemeko-mpilo yeli lizwe. IKhabhinethi iphinde yancoma iNkonzo yaMapolisa oMzantsi Afrika ngokubamba ngokukhawuleza iqela labarhanelwa abanxulumene nolu lwaphulo-mthetho lumasikizi kangaka. 

3.2.  IKhabhinethi ibongoze uluntu ukuba lusebenzisane nee-arhente zogcino-mthetho ngokwabelana ngalo naluphi na ulwazi okanye ukunika ingxelo ngezinto ezikrokrisayo. Ngokusebenzisana, singenza iingingqi zethu zibeziindawo ezikhuselekileyo kubantu basetyhini nabantwana.

3.3.  Wonke umntu waseMzantsi Afrika unoxanduva lokuthatha amanyathelo ngakubenzi bobundlobongela ngendlela yokulandela umthetho. Xela zonke iziganeko ezinxulumene ne-GBVF kwisikhululo samapolisa sasekuhlaleni okanye utsalele umnxeba kule nombolo ingahlawulelwayo ye-Crime Stop: 0860 01 0111, iziko le-National GBVF Command: 0800 428 428 okanye umnxeba woncedo we-Stop Gender Violence: 0800 150 150.

4.  Inyanga yabasetyhini
4.1.  INyanga yabaseTyhini ebanjwa minyaka le ngenyanga yeThupha, inika imbeko kwabasetyhini abathatha inxaxheba kumzabalazo wenkululeko kunye nawo onke amanina kuluntu lwethu ngokubanzi.

4.2.  Kulo nyaka, inyanga yabaseTyhini ibhiyozelwa phantsi komxholo othi: “AmaLungelo eNtlalo noQoqosho lwabaseTyhini kunye nokuXhotyiswa: Ukwakha Ngcono kwaKhona ukuze kuPhucuke abaseTyhini abazoKomelela”.

4.3.  Abasetyhini abangaphezu kwama-20 000 ababematsha ukuya kwiZakhiwo zoMdibaniso ePitoli ngomhla we-9 kweyeThupha ngonyaka ka-1956 baba negalelo elikhulu ekuqinisekiseni ukuba ukulingana ngokwesini nokuxhotyiswa kuhlala kungumba ophambili nongundoqo kwintando yesininzi yoMzantsi Afrika. 

4.4.  Izenzo zabo zobugorha zakhuthaza abasetyhini ngokubanzi ukuba bathathe indawo yabo efanelekileyo ePalamente, kurhulumente nakwimibutho yoluntu, kwaye sisathe gqolo sisakha phezu kwezi nkqubela-phambili ukusukela oko safumana inkululeko ngo-1994.

5.   Isikhumbuzo saseMarikana
5.1.  NgoLwesibini, umhla we-16 kweyeThupha 2022, urhulumente uzimanye nelizwe lonke  liphela ekukhumbuleni idyikitya eyathi yenzeka e-Marikana eMntla Ntshona ngowama-2012. Intlungu eyaviwa ngabasebenzi, iintsapho zabo kunye nesizwe ngokubanzi iyakuhlala iqingqiwe kwimbali yethu.

5.2.  Inkqubo yoHlaziyo lwase-Marikana iphunyeziwe ukuze kwakhiwe ngokutsha nokudala imeko-bume evumela ukuba kuphuculwe ubomi boluntu lwase-Marikana. Kulo nyaka uphelileyo urhulumente uhlawule i-R176 yezigidi zeerandi njengembuyekezo kwiintsapho zamaxhoba kwaye amanye amatyala asaseleyo    alindeleke ukuba aqukunjelwe ekupheleni kwale nyanga yeThupha yalo nyaka yowama-2022.

5.3.  Sele kukho inani lezindlu ezilungisiweyo okanye ezisanda kufunyanwa ezinikezelwe kubahlolokazi base-Marikana kwaye ezinye ziza kugqitywa kulo nyaka. Le projekthi yolwakhiwo lwezindlu ezityabule izigidi ezingama-R700 iza kuqinisekisa ukuba abasebenzi-mgodini babonelelwa ngezindlu ezisemgangathweni onesidima. Kwakhona iziseko ezingundoqo zentlalo nazo kuzakubonelelwa ngazo ukuze kuphuculwe iimeko zokuhlala zoluntu oluhlala kwiindawo zabasebenzi-mgodini.  

6.  IMbizo kaMongameli yeNkqubo yoPhuhliso lweZithili (i-DDM) e-Gauteng
6.1.  Emva kwempumelelo yeeMbizo zikaMongameli ezintathu ze-DDM ezidlulileyo ebezisindlekwe eMntla Ntshona, eFreyistata naseMpumalanga ngokulandelelanayo, uMasipala weSithili sase-Sedibeng e-Gauteng uye wabamba isiqendu sesine sezi DDM ngoLwesihlanu, umhla we-12 kweyeThupha 2022.

6.2.  Phantsi komxholo othi: “Kungashiyeki mntu ngasemva”, uMongameli Cyril Ramaphosa ukhokele igqiza eliquka amagosa aphezulu kurhulumente kazwelonke, owephondo nowengingqi. Kuhlanganiswe abemi boMzantsi Afrika abaphuma kwinkalo zonke zamacandelo-ngamacandelo ohlukeneyo ukuze basebenze kunye ngokuchasene nokonyuka kwamazinga entlupheko kunye nokuswela okubangelwa yimingeni yeemeko zoqoqosho.

6.3.  ISithili sase-Sedibeng senze inkqubela phambili eqinisekisa ukusebenza kwe-Vaal River Special Economic Zone (i-SEZ), lo mmandla usisizinda esibambe isakhono sokwenziwa ngokutsha koshishino lwesithili, iphondo kunye nelizwe. Le-SEZ iceba ukusingatha la macandelo abalulekileyo alandelayo: IsiXeko esitsha sase-Vaal River esihambisa iinkonzo ngothungelwano lwedijithali; Isizinda esiphehla umbane ococekileyo ngamanzi; indawo yolimo lwentsangu; Ukusebenza kwekhonkco lonikezelo lweemveliso zezolimo; ummandla wedolophu ongqongwe sisikhululo seenqwelomoya; ibala leenqwelomoya; ukuthuthwa kwempahla ngenqwelomoya kwakunye nokuvuselelwa kwecandelo lokuvelisa intsimbi.

7.   Ingqungquthela kaMongameli yeCandelo lezeNtlalo
7.1.   INgqungquthela kaMongameli yeCandelo lezeNtlalo ebibanjelwe e-Ekurhuleni, e-Gauteng ukusuka ngomhla wesi-4 ukuya kowe-5 kweyeThupha 2022 phantsi komxholo: “Ukukhuthazwa kweNtsebenziswano yoLuntu ukuze kuvuleke iNtatho-nxaxheba yeNtlalo noQoqosho kuluntu”, Le ngqungquthela idibanise amahlakani achaphazelekayo asuka kwiinkalo zemisebenzi ezahlukeneyo ukuze akwazi ukusebenzisana norhulumente. Phakathi kwezinye iinjongo zale ngqungquthela, kukujongana nemingeni yentlalo noqoqosho kunye nokudibanisa izixhobo ezingahlangabezana neemfuno zoluntu. 

7.2.   Le ngqungquthela ithathele ingqalelo iingxelo zengxoxo ezivela kumaphondo alithoba malunga nemingeni yawo, equka ukufikelela kwinkxaso-mali, imiba yolawulo, inguqu yecandelo lezentlalo ngenjongo yokukhuthaza intsebenziswano phakathi koluntu norhulumente ukuze kulungiswe imingeni enxulumene nendlala, ukungalingani nentswela-ngqesho.

7.3.  IKhabhinethi ihlabe ikhwelo kwimibutho yoluntu kunye nabemi ukuba badlale indima ebonakalayo ekuqinisekiseni ukuba sakha ingomso elingcono, njengoko kubonisiwe kwisiCwangciso soPhuhliso seSizwe: uMbono wowama-2030.
 
B.  Izigqibo zeKhabhinethi
1.  Isicwangciso esingundoqo samaShishini eNkcubeko noBuchule

1.1.  IKhabhinethi isamkele isiCwangciso esinguNdoqo samaShishini eNkcubeko noBuchule ukuba siphunyezwe. Esi sicwangciso sigxile kubugcisa obubonakalayo; ubugcisa bezandla; imidiya yesandi nemifanekiso kunye neyonxibelelwano; ukonwabisa eqongeni kunye nemibhiyozo, kubandakanywa nomculo, upapasho kunye nemidiya eshicilelweyo.

1.2.   Esi sicwangciso singundoqo siza kungenelela kula macandelo ngeenjongo zokwakhiwa kwecandelo eliguquliweyo oluza kwamkelwa kwihlabathi jikelele kwaye lukwazi ukukhuphisana jikelele. Siza kusebenzela ukuba ishishini lamaciko oMzantsi Afrika likwazi ukufikelela kwiintengiso zasekhaya nezamazwe -ngamazwe.
 
2.  INkqubo-sikhokelo eHlaziyiweyo yoMgaqo-nkqubo wokuBoleka kukaMasipala kunye noNgxamiseko lwezeMali
2.1.  IKhabhinethi izamkele izihlomelo kwiNkqubo-sikhokelo yoMgaqo-nkqubo okhoyo ngoku wokuBoleka kooMasipala kunye nooNgxamiseko lwezeziMali. Izilungiso ezi kwesi sikhokelo ubukhulu bazo zigxile kwicandelo lokuboleka. Phakathi kwezilungiso ezicetyiweyo lixesha lokuboleka elide ukuze lihambelane nexabiso lexesha elihlalwa zizixhobo  ezixhaswe ngemali. Ezi zihlomelo zikwacacisa indima yophuhliso lwamaziko emali ekubolekiseni ngemali koomasipala.

2.2.  ICandelo lama-230 loMgaqo-siseko weRiphabhlikhi yoMzantsi Afrika ka-1996 likhuthaza oomasipala ukuba banyuse iimali-mboleko kwiinkunzi zabo okanye inkcitho ekhoyo. Umgaqo-nkqubo wokuqala wavunywa yiKhabhinethi ngowama-2000 ukuze ukhokele iSahluko sesi-6 nese-13 soMthetho wezeMali kaMasipala, wama-2003 (uMthetho wama-56 wama-2003). Izilungiso ezivunyiweyo zifuna ukukhuthaza ababolekisi-mali abaninzi kwicandelo likamasipala kodwa zikwa qhubekeke nokugcina imithetho-ndoqo esisiseko yokuboleka imali kamasipala.
 
3.  Ikhalenda ekhutshwe ngaphambi kwexesha yokupapashwa kweenkcukacha-manani olwaphulo-mthetho arekhodiweyo ekota kunyaka-mali wama-2022/23
3.1.   IKhabhinethi ikwamkele ukupapashwa ngaphambi kwexesha kwekhalenda ecetywayo equlathe iinkcukacha-manani olwaphulo-mthetho ekota kunyaka-mali wama-2022/23. Ithi ke lento iKhabhinethi ikwamkele ukutshintshwa kwamaxesha okupapashwa kweenkcukacha-manani olwaphulo-mthetho elizwe nebekhutshwa rhoqo ngonyaka, ngoku azakukhutshwa rhoqo nge kota.
3.2.   Upapasho lwekhalenda ecetywayo equlathe iinkcukacha-manani olwaphulo-mthetho izakuba yinyanga yeThupha 2022 kwikota yokuqala  ze kuthi kwikota yesibini ibeyinyanga yeNkanga 2022. Iinkcukacha-manani olwaphulo-mthetho ekota yesithathu nekota yesine wona azakukhutshwa ngenyanga yoMdumba kunye nekaCanzibe 2023 ngokulandelelanayo.
 
4.   Ukuphela kweMo yeNtlekelele eSizweni (i-NSoD)
4.1.   IKhabhinethi ikwamkele ukuphelelwa kwexesha kwemo yentlekelele esizweni (i-NSoD) le mo yayibhengezwe emva kwezikhukula ezatshabalalisayo eMpuma Koloni naKwaZulu-Natal.

4.2.   I-NSoD iphelelwe lixesha nge-18 kweyeThupha 2022 oku kusemva kokuba ixesha le-NSoD laloluliwe nge-18 kweyeKhala 2022. Olu lwalulo lwaluqwalasele imfuneko yokuqhubeka nokwandisa amanyathelo akhoyo okukhawulelana nemeko kaxakeka asele ethathiwe ngamasebe ombuso ngelokunciphisa nokujongana nefuthe lemozulu embi kumaphondo achaphazelekayo.

4.3.   IKhabhinethi ikwamkele oku ngenxa yokuba ngoku imeko azisawanyanzeli noko amanyathelo angaphaya kwesiqhelo njengoko amasebe karhulumente, icandelo labucala kunye nemibutho yoluntu eqhubeka nokuqinisekisa, ukuhlanjululwa kunye nokwakhiwa ngokutsha.

C.    Imithetho esayilwayo
1.   UMthetho-sihlomelo osaYilwayo wokuBhaliswa koMhlaba wama-2022

1.1.   IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa koMthetho-siHlomelo oYilwayo wokuBhaliswa kweMihlaba wowama-2020 ePalamente ukuze uqwalaselwe ngakumbi. IKhabhinethi iwamkele lo Mthetho uYilwayo kweyeSilimela ngowama-2020 ukuze kuphinde kuboniswane ngawo noluntu.
1.2.   Ezi zilungiso zicetywayo ziza kuphumeza ukufezekiswa kwengqesho yomhlaba ekhuselwe ngokusemthethweni kwiCandelo lama-25(6) loMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi Afrika wowama-1996. Lo Mthetho usaYilwayo ubonelela ngokuqokelelwa kweenkcukacha-manani ngokobuhlanga, isini, ubuzwe nobumi babantu abanamalungelo omhlaba eMzantsi Afrika. Esi sibonelelo siza kwenza ukuba kufumaneke iingxelo ezichaneke nangakumbi zophicotho-mhlaba kunye novavanyo kwilixa elizayo olumalunga nokuguqulwa kobunini bomhlaba.
 
2.   Umthetho osaYilwayo we-Arhente yeSizwe yeziSeko Ezingundoqo zaManzi wama-2022 (i-NWRIA)
2.1.   IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa koMthetho osaYilwayo we-NWRIA wowama-2022 isithuba seentsuku ezingamashumi alithoba (90)  ukuze uluntu luhlomle. Lo Mthetho usaYilwayo uphakamisa ukusekwa kwe-NWRIA eza kuba noxanduva lokucwangcisa, ukuxhasa ngemali kunye nophuhliso lweziseko zamanzi ezingundoqo zelizwe. Kwakhona iza kuba noxanduva lokugcinwa kweziseko zamanzi ezingundoqo ezikhoyo ngoku.

2.2.  Le arhente inoxanduva lokuqinisekisa ngonikezelo lwamanzi oluzinzileyo, olulinganayo noluthembekileyo ngokuhambelana nezibophelelo zomgaqo-siseko zokuba wonke umntu afikelele ekufumaneni amanzi kunye nokusingqongileyo kwentlalo okukhuselekileyo nokunempilo. Le arhente iza kusekwa njengeQumrhu likaRhulumente phantsi kweShedyuli yesi-2 yoMthetho woLawulo lweMali kaRhulumente, ka-1999 (uMthetho 1 ka-1999). I-arhente iza kuthatha imisebenzi eyenziwa  yi-Trans-Caledon Tunnel Authoriry.

3.    UMthetho-sihlomelo oYilwayo waMandla eMali kaMasipala kunye neMisebenzi yowama-2022
3.1.  IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa kwawo ePalamente lo MthethosiHlomelo oYilwayo waMandla eMali kaMasipala kunye neMisebenzi yowama-2022 . Lo Mthetho usaYilwayo uhlomela uMthetho waMandla eMali kaMasipala nemiSebenzi, wama-2007 (uMthetho we-12 wama-2007).
3.2.  Ezi zihlomelo zilawula amagunya oomasipala ekuhlawuliseni iintlawulo zophuhliso ngokubhekiselele kwizicelo zophuhliso lomhlaba ezifakwe koomasipala. Ezi zihlomelo ziza kuqinisekisa ukuba oomasipala bazisebenzisa ezi ntlawulo ngobulungisa, ngokungafihlisiyo nangempumelelo. IKhabhinethi iwamkele ngonyaka wama-2020 lo Mthetho uYilwayo ukuze kuboniswane noluntu. 
 
4.    Umthetho-sihlomelo osaYilwayo woLungiso lweMiba yezeMali wowama-2022
4.1.  IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa ePalamente koMthetho-sihlomelo oYilwayo weMiba yezeMali, wama-2022. Lo Mthetho uYilwayo uphakamisa isihlomelo kwiMithetho esixhenxe, eyile, (1) uMthetho weNgxowa-mali yoMhlalaphantsi wamaZiko aDityanisiweyo, we-1963 (uMthetho wama-41 wowe-1963); (2) uMthetho wemali yoMhlalaphantsi woMkhosi, ka-1976 (uMthetho wama-84 ka-1976); (3) uMthetho woMhlalaphantsi wabaSebenzi bakaRhulumente ka-1996; (4) uMthetho weKhomishini yezeMali, ka-1997 (uMthetho wama-99 ka-1997); (5) uMthetho weBhanki yoPhuhliso lwezoLimo, ka-2002 (uMthetho we-15 wama-2002); (6) uMthetho woMsebenzi woPhicotho-zincwadi ka-2005 (uMthetho wama-26 ka-2005) kunye (7) noMthetho woLungiso loMsebenzi woPhicotho-zincwadi wama-2021 (uMthetho we-5 ka-2021).
4.2.  Ezi zilungiso zicetywayo zingaphantsi koMthetho woMhlalaphantsi waseMkhosini ka-1996, ziquka ukubandakanywa kweqabane kwiinzuzo ukususela ngomhla wama-27 kuTshazimpuzi ka-1994. Ezi zilungiso zemithetho yomhlalaphantsi zizakwenza ukuba amaqabane afumane inzala yawo yomhlalaphantsi ngoko nangoko emva kokuqhawulwa komtshato.
4.3.  Ukongeza nokucacisa indima yoMphathiswa wezeMali kunye nophicotho-zincwadi, izilungiso zikwalungelelanisa amagunya ekomiti yonyanzeliso xa umphicothi-zincwadi evuma ukuba kukho ityala. Lo Mthetho usaYilwayo wapapashwa ngenyanga yoMdumba 2022 ukuze nalo uluntu luhlomle kuwo. 
 
5.  UMthetho-sihlomelo Oyilwayo weMithetho Jikelele (echasene nokuThutyeleziswa kweMali kunye nokuLwa nokuXhaswa kwabanqolobi ngeMali ) wowama-2022.
5.1.  IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa ePalamente koMthetho-sihlomelo oYilwayo wowama-2022 weMithetho Jikelele (YokuLwa nokuThutyeleziswa kweMali kunye nokuLwa nokuXhaswa kwabaNqolobi ngeMali ) wowama-2022 ukuze uqhubeke uqhutywe.

5.2.  Lo nguMthetho osaYilwayo wezinto zonke olungisa iMithetho ekhoyo ngoku eyile (i) uMthetho weZiko lobuNtlola kwezeZimali, wama-2001 (uMthetho wama-38 wama-2001); (ii) uMthetho woMbutho ongajonganga nzuzo, 1997 (uMthetho wama-71 ka-1997); (iii) uMthetho woLawulo lwePropati, ka-1988 (uMthetho wama-57 ka-1988); (iv) uMthetho weeNkampani, wama-2008 (uMthetho wama-71 ka-2008) kunye (v) noMthetho weMigaqo yeCandelo lezeMali, wama-2017( uMthetho we-9 wama-2017).

5.3.  Ezi zihlomelo zisabela kwiintsilelo eziboniweyo ngelixa lovavanyo  obelusenziwa phakathi koMzantsi Afrika namanye amazwe lusenziwa nguMbutho wokuSebenza kwezeziMali (i-FATF). Ingxelo ephume emva kwezivumelwano yenze izindululo ezingama-40 eziza kunceda ekwenzeni ukuba uMzantsi Afrika ukwazi ukulungelelaniswa nemilinganiselo yamazwe ngamazwe yokulwa nokuthutyeleziswa kwemali kunye nokuxhasa abanqolobi ngemali.

5.4.  UMzantsi Afrika ufunyenwe usilela kwiindawo ezingama-20. Lo Mthetho usaYilwayo ujongana neendawo ezimalunga ne-14 eziyinxalenye yolu silelo. UMzantsi Afrika wabalilungu le-FATF ukusukela ngowama-2003.
 
6.  UMthetho-siHlomelo osaYilwayo wowama-2022 wokuVeliswa kwamaChiza kunye nokuThengiswa kwamaChiza
6.1.  IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa ePalamente koMthetho-siHlomelo oYilwayo wamachiza wowama-2022 ukuze kuqhutyekwe nawo. Lo mthetho wenza kube lulwaphulo-mthetho ukuveliswa nokunikezelwa kwalo naliphi na ichiza elibandakanyiweyo phantsi kweShedyuli yoku-1 kunye neShedyuli yesi-2 yalo Mthetho.


6.2.  Ezi zihlomelo zijongene nokungabi semthethweni kweCandelo lama-63, elifunyaniswe lingahambisani noMgaqo-siseko emva kokuba uMphathiswa ongoyena onikwe amalungelo okulungisa iishedyuli wakwenza oko ngaphandle kokulandela inkqubo yowiso-mthetho.
6.3.  Ngo-2020, iNkundla yoMgaqo-siseko yabhengeza ukuba iCandelo lama-63 loMthetho wamachiza nokuthengiswa kwamachiza  ka-1992 alihambisani nomgaqo-siseko yaze emva koko yakunqumamisa ukusebenza kwawo ngomhla we-17 kweyoMnga ka-2022 ngelokulungiselela ukuba iPalamente ilungise eso siphene.

D.  Umsitho ozayo
1.  Indebe yeHlabathi yoMbhoxo ye-Sevens 2022

1.1.  UMzantsi Afrika uza kusingatha iNdebe yeHlabathi yoMbhoxo ye-Sevens 2022 eKapa phakathi komhla we-9 nowe-11 kweyoMsintsi 2022. Le ndebe ibanjwa okokuqala kwilizwekazi lase-Afrika kwaye izakusingatha ukhuphiswano lwamaqela angama-24 amadoda kunye ne-16 yabasetyhini aphuma kwihlabathi liphela.

E.  Imiyalezo
1.  Imivuyo neminqweno emihle

IKhabhinethi igqithise amazwi ombulelo kunye neminqweno emihle kwaba:
●    I-Banyana, ngokwenza imbali kunye nokuphumelela iNdebe yeZizwe zase-Afrika yokuqala yabaseTyhini yase-Afrika (i-WAFCON), kumdlalo wamagqibela kankqoyi we-WAFCON wowama-2022 obubanjelwe e-Rabat, e-Morocco ngoMgqibelo, umhla wama-23 kweyeKhala 2022. Kwangaxeshanye, le mpumelelo ibenza bakulungele ukuba yinxalenye yeNdebe yeHlabathi ye-FIFA yabasetyhini kulo nyaka uzayo ezakusingathwa ngokudibeneyo yi-Australia kunye ne-New Zealand ukusuka nge-20 kweyeKhala ukuya nge-20 kweyeThupha 2023.
●    Iqela loMzantsi Afrika, ngokuphumelela iimbasa ezingama-27 kumacandelo ahlukeneyo kwiMidlalo ye-Commonwealth ka-2022 ebibanjelwe e-Birmingham, eNgilane ukusuka ngomhla wama-28 kweyeKhala ukuya kowesi-8 kweyeThupha 2022. Baphume kwindawo yethoba xa bebonke befumene iimbasa zegolide ezisixhenxe, zesilivere ezili-11 kunye ne-11 yobhedu.
●    Iqela labasethyini le-Springbok, ngokuphumelela kwalo litywatyushe i-Spain kumdlalo walo wokuqala wovavanyo lwe-Women’s Winter Series, obubanjelwe  e-Emirates Airline Park e-Rhawutini.
●    UNksz Ndavi Nokeri (23), ngokuthweswa isitshaba sokuba ngu-Miss South Africa 2022 omtsha.
●    UNksz Ashleigh Buhai, ngokuphumelela i-AIG Women’s Open yowama-2022 le mpumelelo imbeke endaweni yokuba ngowesithathu owasetyhini waseMzantsi Afrika ukuphumelela ubuntshatsheli obukhulu begolide.

2.  Amazwi ovelwano
IKhabhinethi ivakalise amazwi ovelwano kusapho nezihlobo zika:
●  UTokollo “Magesh” Tshabalala (46), imvumi nombhali weengoma owaduma ngethuba yena ekunye nabahlobo bakhe ababini basungula iqela labo lomculo we-kwaito ngo-1996 elalibizwa ngokuba yi-TKZee.
 
2.  Ingqesho
1.  Zonke izikhundla zixhomekeke ekungqinisisweni kwamabakala ezemfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.

1.1.  UNksz Zenkosi Dumile Mhlongo njengoSekela Mlawuli-Jikelele (i-DDG): uPhando loMgaqo-nkqubo noLawulo kwiSebe lezeMisebenzi yoluNtu neziSeko ezinguNdoqo (i-DPWI).
1.2.  UGq Bongani Elias Sithole njenge-DDG: iZiko leSizwe loLawulo lweNtlekele kwiSebe loLawulo lweNtsebenziswano.
1.3.  UMnu Adam Mthombeni njenge-DDG: uBudlelwane phakathi kooRhulumente kwi-DPWI. 

2.  IKhabhinethi ivume ukuqeshwa kwaba balandelayo:
2.1.  UGq Zwanani Titus Mathe njengeGosa eliyiNtloko yesiGqeba seZiko loMzantsi Afrika loPhuhliso lwezaMandla.

2.2.   Amalungu angesosigxina oLawulo lweSizwe lwaMandla oMzantsi Afrika:
a.  UMnu Thembani Bukula (uSihlalo);
b.  UNksz Zandile Mpungose (uSekela Sihlalo);
c.  UNksz Precious Sibiya;
d.  UNksz Thembeka Semane; kunye no
e.  UMnu Fungai Sibanda (ophinde waqeshwa kwakhona).

2.3.  USihlalo kunye nelungu leBhunga leBhodi yobuChwepheshe beZimbiwa:
a.  UGq Thibedi Ramontja (Usihlalo); kunye no
b.  Njing Lwazi Ngubevana.

2.4.  UNksz Cladie Thamo Hloniphile Mzobe njengoMphathi wesiGqeba kwi-Arhente yoKhuseleko lwezeNtlalo yaseMzantsi Afrika kuMmandla waKwaZulu-Natal.

Imibuzo: UNksz Phumla Williams – iSithethi seKhabhinethi
Umnxeba: 083 501 0139
 

Share this page

Similar categories to explore