INgxelo engeNtlanganiso yeKhabhinethi ebibanjwe ngonxibelelwano lwevidiyo ngoLwesine, umhla wesi-7 kweyeKhala 2022

A.    Imiba engundaba-mlonyeni
1.    Ezintsha malunga neSifo seNtsholongwane ye-Corona (i-COVID-19)


1.1.    IKhabhinethi iyababulela bonke abantu eMzantsi Afrika abathe bakhetha ukuzigonya nokuthobela imiqathango ye-COVID-19 into leyo ebangele ukuba eli lizwe likwazi ukunqanda ukunyuka kwamanani abantu abasolulelwa okokuqala yi-COVID-19 ngethuba lomsinga wesihlanu walo bhubhane.
1.2.    Noko kunjalo, kufuneka singayekeleli umxakatho njengoko i-COVID-19 isagquba. Nangona eli lizwe likuphelisile ukunxitywa ngokunyanzelekileyo kwesifonyo esidlangalaleni, abantu abanezifo ezinganyangekiyo kunye nabo bagulayo bayakhuthazwa ukuba baqhubeleke nokunxiba izifonyo. Futhi kufuneka siqhubeleke nokuhlamba izandla okanye nokuzifefa ngesibulala-ntsholongwane, futhi singasondelelani zize neendawo esikuzo zibethe umoya. 
1.3.    Ugonyo lixhadi esinalo elikuphela kwalo eliqinisekisiweyo zinzululwazi lokulwa i-COVID-19 kwaye iKhabhinethi ikhuthaza bonke abantu abangagonywanga ukuba baye kugonya ngokukhawuleza baze bona abo sele begonyiwe baye kufumana ichiza elisimahla lokomeleza amajoni omzimba kumaziko akufutshane okugonya.

2.    Isifo i-Monkeypox

2.1.    IKhabhinethi inikwe ingxelo malunga nezintsha ngokunwenwa kwesifo se-Monkeypox kweli lizwe emva kokufunyanwa komntu wesibini onesi sifo kweli lizwe. Aba bantu bafunywenwe banesi sifo kungokunje bazivalele bodwa kumawabo kwaye kusalandelelwa kubo bonke abantu abadibene nabo ukukhangela ukuba ingaba bakhona na abanye abantu abosulelwe sesi sifo.
2.2.    ISebe lezeMpilo kunye neZiko leSizwe leziFo ezoSulelayo (i-NICD) basebenzisana noMbutho wezeMpilo weHlabathi (i-WHO) ukujonga amathuba okunwenwa kwesi sifo kweli njengoko isitsho iMigaqo yezeMpilo yeHlabathi.
2.3.    Intsholongwane ye-monkeypox ayosuleli lula, yosulela xa abantu bethe basondelelana kakhulu besenza izinto ezifana nokuphuzana, ukucofa-cofana okanye ukubamba-bambana amalungu omzimba anamaqhakuva esi sifo. Abantu abangenazimpawu ze-monkeypox abayisasazi le ntsholongwane. 
2.4.    IKhabhinethi icebisa abantu ababonakalisa iimpawu zomkhuhlane ezithi zilandelwe ngamaqhakuva angathi ngamadyunguza ukuba baye kwiziko lezempilo elikufutshane ukuze baxilongwe baze banyangwe.

3.    Inyhikityha enyenzeke kwibhari yaseMonti

3.1.    Inyhikityha embi eyenzeke e-Enyobeni eMonti kwiphondo laseMpuma Koloni ngeCawe, umhla wama-26 kweyeSilimela 2022 apho kusweleke abantu abatsha abangama-21, ilishiye eli lizwe lidandathekile. Ayinakulinganiswa intlungu azibona ekuyo la makhaya ashiywe ngabantwana bawo kabuhlungu kangaka. 
3.2.    IKhabhinethi ithi akuhlanga lungehliyo kwiintsapho eziphantsi kwelifu elimnyama kwaye ibulela wonke umntu othe wanikezela ngoncedo lwezentlalontle kwezi ntsapho zisentlungwini.
3.3.    Iyaxhalabisa into yokuba iimveku ezineminyaka eli-13 zivunyelwe ukuba zingene kule ndawo yentselo zize zivunyelwe nokuba zisele utywala. Sicela uluntu ukuba nalo luncedise ludlale indima yalo ngokuthi luqinisekise ukuba abantwana bakhuselekile ngalo lonke ixesha. 
3.4.    Abantwana abaneminyaka engaphantsi kwe-18 abavumelekanga ukuba bangene kwiithaveni, izimokolo, iipotsoyi zotywala nasezibharini. Oosomashishini botywala abafunyaniswe besophula nawuphi na kule mithetho baza kubekwa ityala zize iilayisenisi zabo zotywala zithathwe.

4.    Iziphumo zeNgqungquthela yeeNkokeli zamaZwe aTyebileyo asi-7 (i-G7)

4.1.    UMongameli Cyril Ramaphosa uthabathe inxaxheba kwiNgqungquthela yeeNkokheli ze-G7 ebibanjelwe e-Bavaria, e-Germany, ngomhla wama-27 kweyeSilimela 2022. UMongameli – othathe inxaxheba kwiintlanganiso ebezigwadla imiba enxulumene nemozulu, ezamandla, ezempilo, amaphulo okuqinisekiswa ukuba kukho ukutya okwaneleyo kwihlabathi kunye nolingwano ngokwesini – ebemenywe yiNgqonyela u-Olaf Scholz, ebinguye ebesingathe le Ngqungquthela.
4.2.    I-G7 liqumrhu lezopolitiko loorhulumene abahlukeneyo eliquka i-Canada, France, Germany, Italy, Japan, United Kingdom kunye ne-United States.

B.    Izigqibo zeKhabhinethi
1.    ImiGaqo eYilwayo yeCandelo lezoMthetho (i-LSC eYilwayo)


1.1.    IKhabhinethi ivumile ukuba ipapashwe i-LSC eYilwayo ukuze uluntu luhlomle. Iinjongo zale migaqo kukukhokela amaphulo okwenza iinguqu kwicandelo lezomthetho ukuze zonke iintlanga zeli lizwe zikwazi ukuthatha inxaxheba kulo ngokulinganayo. Le migaqo iza kuqinisekisa nokuba kuswekwa iqumrhu eliza kuvelisa iingcali zezomthetho eziqeqeshwe zacokiswa futhi nezinezakhono ezigqibeleleyo.
1.2.    Inkqubo yokuqulunqa le-LSC iYilwayo ibikhokelwa liBhunga leCandelo lezoMthetho, eliliqumrhu elisemthethweni elisekwe ngokweCandelo 4 loMthetho weCandelo lezoMthetho, wowama-2014 (uMthetho uNombl 28 wowama-2014) likhokelwa nguMthetho woPhuhliso oluBanzi lwabaMnyama ngezoQoqosho (i-B-BBEE), wowama-2013 (uMthetho uNombl 46 wowama-2013).
1.3.    UMthetho we-B-BBEE wowama-2013 ugunyazisa uMphathiswa wezoRhwebo, uShishino noKhuphiswano ukuba akhuphe imigaqo yokuziphatha ngokufanelekileyo ngokumayelana nokuphuhliswa kwabamnyama ngezoqoqosho kumacandelo athile. Amalungu ecandelo lezomthetho kungokunje awanayo imigaqo yokuziphatha yecandelo ezakuwakhokhela kumalinge okulungisa nokungalingani nokungaxhamli ngokulinganayo kwicandelo lezomthetho.
1.4.    I-LSC eYilwayo iza kupapashwa kwiGazethi kaRhulumente iintsuku ezingama-60 ukwenzela ukuba uluntu luhlomle. 

2.    Iingxelo zonyaka-mbini zenkqubo yomsebenzi

2.1.    IKhabhinethi izivumile iingxelo zikanyaka-mbini zenkqubo yomsebenzi zesithuba esisuka kwinyanga yeDwarha yowama-2021 ukuya kweyoKwindla wowama-2022. Ezi ngxelo ziyinxalenye yesiCwangciso-sikhokelo esiQiqisiweyo saPhakathi koNyaka (i-MTSF) sowama-2019-2014. I-MTSF yowama-2024 sisicwangciso sokuphumeza kunye nesikhokelo sokuhlola ukuze kufezekiswe izinto ezikhokeliswe phambili zalo mbuso uthathe iintambo zolawulo ngowama-2018 zesiCwanciso soPhuhliso seSizwe (i-NDP): uMbono wama-2030.
2.2.    Ezi ngxelo zigxininisa kwimiba ephambili esixhenxe karhulumente, eyile (1) iiNguqu kwezoQoqosho nokudalwa kwemisebenzi; (2) ezeMfundo, izakhono nezempilo; (3) Ukuhlawulwa kwezibonelelo-mali zentlalo ngokuthi kusetyenziswa iinkonzo ezisisiseko ezisemgangathweni nezithembekileyo; (4) Ukuhlaliswa kwabantu abahlukeneyo endaweni enye, ukuhlaliswa koluntu kunye norhulumente wengingqi; (5) Ukuhlalisana ngoxolo kweentlanga ezahlukeneyo nokhuseleko loluntu; (6) umbuso onezakhono, othembekileyo nokhokelisa phambili uphuhliso; kunye (7) ne-Afrika kunye nehlabathi elingcono, kunye namanye amanyathelo okungenelela alo mbuso wathatha imikhala yolawulo ngowama-2018.
2.3.    IKhabhinethi iyayibulela inkqubela eyenziwe kwezo ndawo zithile ngokweenjongo ebezibekiwe zeli xesha kubhekiswa kulo. IKhabhinethi ivile nangendawo ezifuna ukuba kungenelelwe ukuze kulungiswe ezi zinto zibangele ulibaziseko ebeziphazanyiswe ngubhubhane we-COVID-19.
2.4.    AbaPhathiswa baza kubamba iindibano noonondaba ukuba banikwe iinkcukacha ezigcweleyo ngeengxelo zabo bacacise nezo ndawo zifuna ukuba kungenelelwe.

C.    Umsitho ozayo
1.    INkomfa yooSomashishini Abamnyama abaRhweba namaZwe angaPhandle (i-BIEC)


1.1.    I-BIEC yokuqala iza kubanjelwa e-Sandton International Convention Centre eRhawutini ngoLwesithathu, umhla wama-20 kweyeKhala 2022.  
1.2.    Le nkomfa iza emva kokusekwa ngokusesikweni ngurhulumente ekuqaleni kulo nyaka kweQumrhu looSomashishini Abamnyama abaRhweba Namazwe Angaphandle, elixhasa oosomashishini abamnyama ukuze bakwazi ukukhangela amazwe amatsha abanokurhweba nawo, bakwazi nokufumana inkxaso-mali kunye neendlela zokuzithengisa. 

D.    Umyalezo
1.    Amazwi okuvuyisana


IKhabhinethi ithumele amazwi okuvuyisana kunye neminqweno emihle:

  • kwi-Springboks, ngokuphumelela abethe i-Wales ngomzuzu wokugqibela kumdlalo ubutakisa iintlantsi wokuqala wemidlalo yovavanyo emithathu e-Loftus Verveld ePitoli ngoMgqibelo, umhla wesi-2 kweyeKhala 2022. 
  • kwi-Banyana Banyana, ngokuphumelela bebetha i-Nigeria ngamabini kwelinye ngoMvulo, umhla wesi-4 kweyeKhala 2022, kumdlalo wawo wokuqala we-Women’s Africa Cup of Nations ebanjelwe e-Morocco.

E.    Izikhundla
Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.

1.    UGq Nyameko Barney Pityana njengoSihlalo we-National Lotteries Commission. 
2.    U-Adv Rory Voller njengoMkhomishinari we-Companies and Intellectual Property Commission. 

Imibuzo: uNksz Phumla Williams – IsiThethi seKhabhinethi
Iselula: 083 501 0139
 

Share this page

Similar categories to explore