INgxelo engeNtlanganiso yeKhabhinethi ebibanjwe ngonxibelelwano lwevidiyo ngoLwesithathu, umhla wama-29 kweyoMsintsi 2021

A.    Imiba enguNdaba-mlonyeni

1.    IPhulo lokugonyela isiFo seNtsholongwane ye-Corona (i-COVID-19)
1.1.    IKhabhinethi iyazibulela izigidi zabantu eMzantsi Afrika abakhethe ukugonyela i-COVID-19, kangangokuba amathamo echiza lokugonya angaphezulu kwezigidi ezili-17 sele esetyenzisiwe ukuza kuthi ga ngoku. 
1.2.    IKhabhinethi ibamba ngazibini kwimibutho yeemvamba ngeemvaba, ngokunjalo nakwabecandelo lezemidlalo nezenkcubeko, ngokuqhuba amaphulo ogonyo okukhuthaza abantu ukuba bagonye.
1.3.    Xa lithe lenyuka inani labantu abagonyayo, nemiqathango yesiGaba sesiBini sokuLumkisa esiHlenga-hlengisiweyo iza kunyenyiswa ngokukhawuleza. Nakanjani oku kuza kukhokelela ekubeni avulwe onke amacandelo ezoqoqosho ukuze nalo uqoqosho lukwazi ukuhluma futhi kudaleke nemisebenzi efunwa ngabomvu ngabantu.
1.4.    IKhabhinethi iyasiphinda isimemezelo eyasisenzile sokuba lakuthi lize lihle inani labantu abosulelwa yile ntsholongwane, siqhubeleke sonke ngokunxiba izigqubutheli-buso esidlangaleni, sihlambe izandla zethu ngesepha namanzi okanye ngesibulali-zintsholongwane esinomlinganiselo we-alkhoholi ongama-70%, futhi singasondelelani njengoko ezi izizikrweqe zethu zokuqina nokugqibela esizisebenzisayo ukuphungula inani labantu abosulelwa okokuqala yile ntsholongwane. 

2.    IPhulo lokuGonya leMpelaveki elibizwa nge-Vooma Vaccination Weekend eliza kuqala ngowoku-1 liye kowesi-2 kweyeDwarha 2021
2.1.    IKhabhinethi icela abemi boMzantsi Afrika kunye nabanye abantu abahlala eMzantsi Afrika abangagonyanga ukuba basebenzise eli thuba liza ne-Vooma Vaccination Weekend, eliphulo elikhulu lokuGonya leMpelaveki neliza kuqhutywa kulo lonke eli lizwe ngoLwesihlanu, umhla woku-1 nangoMgqibelo, umhla wesi-2 kweyeDwarha 2021.
2.2.    I-Vooma Vaccination Weekend liphulo lesizwe elixhaswa ngawo onke amahlakani ezentlalo, aquka imibutho yezakwalizwi, iinkokeli zomthonyama, imibutho yabasebenzi neyamashishini. Eli phulo liceba ukugonya abantu abasisiqingatha sesigidi ngale mpelaveki.
2.3.    Eli lithuba lokuba bonke abantu abadala bagonywe simahla futhi bengenzanga nedinga kumaziko okugonya karhulumente, awabucala kunye nalawo wethutyana agxunyekwe kwiindawo ezahlukeneyo.
2.4.    Awunyanzelekanga ukuba ube lilungu lesikimu sezonyango ukuze ugonywe. Iinkokeli zikarhulumente, amashishini, imibutho yabasebenzi kunye neyoluntu ziza kuncedisa kumaphulo okukhuthaza bonke abantu mbombo zone zeli ukuba bagonye bazokutsho bakhuseleke.
2.5.    Eli phulo le-Vooma Vaccination Weekend lingasinceda sitsho siyoyise le ntsholongwane igqugqise isithuba esingaphezulu konyaka. Imbila yaswel’ umsila ngokuyalezela, ke ngoko ungaphoswa. Sonke Masihlale Sikhuselekile.

3.    Utyelelo lukaMongameli kwiBhulorho yaseMsikaba
3.1.    UMongameli Cyril Ramaphosa ukhe waya kuhlola umsebenzi wophuhliso lweziseko ezingundoqo kwiBhulorho yaseMsikaba eLusikisiki, kwiphondo laseMpuma Koloni ngoLwesine, umhla wama-23 kweyoMsintsi 2021. Le projekthi ityabule imali eyibhiliyoni yerandi eyi-1.65 iyinxalenye ye-N2 Wild Coast Road Project. Ngaphandle kokuba iza kunceda ukuba abantu bakwazi ukuhamba-hamba ngokulula ngokuba iza kudibanisa iilali kunye nezixeko kulo lonke ilizwe, le bhulorho iza kuvuselela utyalo-mali nohlumo.
3.2.    I-N2 Wild Coast Project yenye yeeProjekthi eziHlangeneyo eziBalulekileyo ezikhwezela uhlumo loqoqosho kwisizwe sonke, ephondweni nakoomasipala. IKhabhinethi yonelisekisile yindlela oqhuba ngayo umsebenzi kweli phulo lotyalo-mali kwiziseko ezingundoqo, eliyintsika yesiCwangciso sokuVuselela noKwakha Ngokutsha uQoqosho (i-ERRP), eyongeza kwezinye iiprojekthi ezingama-88 ezixabisa imali ezitriliyoni zeerandi eziyi-2.3 ezisezayo.

4.    Ezobudlelwane bamazwe ngamazwe, ezorhwebo kunye nezokhenketho
4.1.    IKhabhinethi isamkele isigqibo seGermany sokususa uMzantsi Afrika kuluhlu lwamazwe anobungozi kakhulu anokutyelelwa kunye nesicwangciso se-United States of America sokuvuma ukubamkela abakhenkethi abagonywe ngokugcweleyo kweliya lizwe. 
4.2.    Noko kunjalo, iKhabhinethi ivakalise udano sisigqibo se-United Kingdom (i-UK) sokugcina uMzantsi Afrika kuluhlu lwamazwe anobungozi kakhulu. Akukho sizathu sivakalayo sokugcina uMzantsi Afrika kolu luhlu ingakumbi xa kujongwa umsebenzi osele uwenzile kumalinge okulwa lo bhubhane we-COVID-19 kunye nenani elihla ngokukhawuleza labantu abosulelwe yile ntsholongwane kunye nephulo elingqingqwa lokugonya eliqhubayo.
4.3.    IKhabhinethi inikwe namagqabantshintshi liSebe lobuDlelwane baMazwe ngaMazwe neNtsebenziswano malunga nomsebenzi osele wenziwe kwimizamo yokususa uMzantsi Afrika kuluhlu lwamazwe anobungozi ukuba angandwendwelwa. IKhabhinethi iyathemba ukuba uRhulumente wase-UK uza kukhe asiqwalasele kwakhona esi sigqibo sidlela indlala eli lizwe, singachaphazeli nje kuphela icandelo lezokhenketho koko namashishini, iintsapho kunye namanye amacandelo ezoqoqosho ala mazwe omabini.

5.    Uhlumo loqoqosho
5.1.    IKhabhinethi iyakwamkela ukuvulwa kweQonga lokuBhalisa iLahleko yamaShishini eliza kubhalisa amashishini achatshazelwe zizidube-dube ezenzeka phakathi komhla wesi-9 nowe-19 kweyeKhala kwiphondo laKwaZulu-Natal, elase-Gauteng nakwezinye iindawo ezachaphazelekayo.
5.2.    Eli qonga lobhaliso liza kuqokelela iinkcukacha zamashishini achaphazelekileyo into leyo eza kunceda ukwenza ukuba amanyathelo oncedo asengele thungeni linye futhi akwazi ukusebenziseka nakumalinge akumila kunje kwixa elizayo. Liza kusetyenziswa njengesiza esinye solwazi sobhaliso apho amashishini eza kunika ingcaciso egcweleyo ngomthamo welahleko aphulukene nayo.
5.3.    IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubo bonke abanikazi-mashishini abachaphazelekileyo ukuba babhalise kule webhusayithi ithi: www.relief4sa.co.za. Kungenjalo, bangatsalela le nombolo: 080 006 00850 phakathi kwentsimbi yesi-08:00 neyesi-17:00 phakathi evekini ukuze bafumane uncedo.
5.4.    ISebe loPhuhliso lwamaShishini amaNcinci sele lifumene izicelo ezili-192 ezivela kubanikazi bamashishini amancinci ukuya kwaphakathi abachatshazelwe zizidube-dube zakutsha nje. IKhabhinethi ivuyisiwe zindaba zokuba imali ezizigidi zeerandi ezingama-54.2 sele ivunyiwe ukuba inikwe aba banikazi-mashishini.
 
6.    Ukuvuselelwa kwakhona kweNkampani yezoPhapho yoMzantsi Afrika (i-SAA).
6.1.    IKhabhinethi iyakubulela ukuphindela esibhakabhakeni kweenqwelo-moya ze-SAA, ezihamba ngeentsuku ezithile phakathi kweRhawuti neKapa. Iinqwelo-moya zale nkampani yezophapho yesizwe ziza kuya nakwezinye izixeko ezikhulu zeli lizwekazi lase-Afrika ezifana ne-Accra (e-Ghana), i-Kinshasa (e-Democratic Republic of Congo), i-Harare (e-Zimbabwe) i-Lusaka (e-Zambia) kunye ne-Maputo (e-Mozambique). Ziza kongezwa ezinye iindawo eziza kungena kuzo ezi nqwelo-moya xa icandelo lezophapho liqalisa ukuzinza. 
6.2.    IKhabhinethi icela bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba bamxhase lo SAA wakhiwe ngokutsha, osisiqalo sexesha elitsha kwezophapho eMzantsi Afrika. 

7.    ICandelo likaRhulumente loNcedo ngeMigaqo yokuziPhatha, iNtembeko neSimilo (i-PA-EID-TAU)
7.1.    IKhabhinethi ikwamkele ukusekwa kwe-PA-EID-TAU, eza kuba negalelo elimandla kumaphulo karhulumente okulwa urhwaphilizo kwiiNkonzo kaRhulumente.
7.2.    I-PA-EID-TAU iza kukhokela amaphulo okufezekisa imigaqo-nkqubo yemigaqo yokuziphatha neyokulwa urhwaphilizo kurhulumente efana nokuqhuba ushishino noMbuso, ukwenza eminye imisebenzi ehlawulayo, iinkqubo zoluleko kunye nokuqaliswa kwamaphulo okuphanda ngendlela abaphila ngayo abasebenzi bakarhulumente. 
7.3.    IKhabhinethi icela ukuba abasebenzi bakarhulumente baqhubeleke nokusiphula neengcambu urhwaphilizo. Ngokuthi ibe ngabo abakhokela phambili ngokudiza izenzo ezinxulumene norhwaphilizo ezenzeka kumaziko karhulumente, singaqinisekisa ukuba ikamva leli lizwe liqaqambile futhi sishiyele izizukulwazi ezizayo ilifa eziya kulixhamla naphakade. 

8.    UNyulo looRhulumente basemaKhaya lowama-2021 (i-LGE)
8.1.    IKhabhinethi ibamba ngazibini kubantu abasisigidi esiyi-1.7 abaza kuvota okokuqala ababhalisileyo ngempelaveki yomhla we-18 nowe-19 weyoMsintsi yobhaliso lwabavoti. Le ibiyindlela abantu abatsha abathi ngayo nabo bafuna ukudlala indima kulo mbuso wethu ulawulwa ngokwentando yesininzi ngokuthi bonyule ngokwabo iinkokelo zoorhulumente basemakhaya.
8.2.    Njengokuba abantu abatsha bengabona baninzi apha kweli, umdla abawubonisileyo kwizinto ezinxulumene nonyulo ufanele ukuqhwatywelwa izandla futhi ungajongelwa phantsi.
8.3.    UNyulo looRhulumente basemaKhaya lowama-2021 oluza kubanjwa ngomhla woku-1 kweyeNkanga 2021 luza kunika abemi boMzantsi Afrika ithuba lokuba basebenzise ilungelo labo elikumgaqo-siseko lokonyula abantu abaza kubamela kurhulumente. 
8.4.    Abavoti abangazikukwazi ukuvota ngoMhla woNyulo kunye nabo bangazi kukwazi ukuya kwizikhululo zovoto ngenxa yokuba imizimba namathambo engavumi okanye bekhubazekile bangavota ngethuba loNyulo oluKhethekileyo oluza kuqhutywa ngeziya ntsuku zimbini ziphambi koMhla woNyulo. Izicelo zevoti ezikhethekileyo zivulwe ngomhla wama-20 kweyoMsintsi 2021 kwaye ziza kuvalwa ngomhla wesi-4 kweyeDwarha 2021 ngentsimbi ye-17:00.
 
9.    Ubundlobongela obusekelwe kwisini nokubulawa kwamanina (i-GBVF)
9.1.    IKhabhinethi iyakwamkela ukugwetywa ubomi izihlandlo ezibini kukaMnu Sibusiso Nkosi (oneminyaka engama-36) yiNkundla ePhakamileyo yaseMpumalanga ngoMvulo umhla we-13 kweyoMsintsi 2021, ngetyala lokudlwengula nokubulala uNks Nomcebo Simelane (owayeneminyaka engama-23) ngomhla wesi-5 kweyoMsintsi ngowama-2020.
9.2.    Le nkundla igwebe lomdlwenguli nokwangumbulali ubomi izihlandlo ezibini kunye neminye iminyaka emithathu yetyala lokuba, izigwebu ezo ziza kuqhuba ngaxesha nye. 
9.3.    Esi sisilumkiso esingqingqwa esiya kwabo benza i-GBVF ukuba bazi ukuba baza kubanjwa baze badityaniswe nomthetho. Ngokusebenzisana namapolisa kunye nee-arhente zogcino-mthetho, singakwazi ukuqinisekisa ukuba izitalato zethu kunye neendawo esihlala kuzo zikhuselekile kumntu wonke. 
9.4.    Xela izenzo ezinxulumene ne-GBVF emapoliseni okanye utsalele iZiko leSizwe le-GBVF ku: 0800 428 428 okanye ku-STOP Gender Violence Helpline ku: 0800 150 150 / *120*7867#

10.    Ukubhaliswa kwemitshato yesintu
10.1.    IKhabhinethi ivile ngesigwebo seNkundla ePhakamileyo yaKwaZulu-Natal kwityala ebeliphakathi kommangali, uNks Phumza Ethel Mankayi kunye nabamangalelwa, abanguMphathiswa weMicimbi yezeKhaya, uNks Ntombizakhe Portia Miya kunye neGosa eliPhezulu leNkundla ePhakamileyo yoMzantsi Afrika. Esi sigwebo siyasikhumbuza ukuba asakhuselekile amalungelo abantu abatshate phantsi koMthetho wokuHlonitshwa kweMitshato yesiNtu, wowe-1998 (uMthetho uNombl. 120 wowe-1998).
10.2.    IKhabhinethi imemezela abantu abatshatileyo ukuba babhalise imitshato yabo yesintu kwiSebe leMicimbi yezeKhaya zingaphelanga iinyanga ezintathu betshatile. UMphathiswa weMicimbi yezeKhaya ulandisile ixesha elisikelwe ukubhalisa le mitshato layo kutsho kumhla wama-30 kweyeSilimela ngowama-2024. Oku kwenzelwe ukunceda abo banemitshato engazange ibhaliswe phambi kokuba liphele ixesha leenyanga ezintathu. Xa befuna ukubhalisa abantu kufuneka beze nobungqina beengxoxo zelobola okanye ileta kunye nengxelo efungelweyo evela koonozaku-zaku kunye namangqina omtshato wabo, echaza ukuba ngenene nenyaniso kwakutshatiwe ngokusesikweni. 
10.3.    Yimitshato engama-99 491 esele ibhalisiwe kwiSebe leMicimbi yezeKhaya ukuza kuthi ga ngoku ukususela oko lo mthetho wathi waqala ukusebenza ngenyanga yeNkanga yowama-2000.

B.    Izigqibo zeKhabhinethi

1.    INkomfa yoTyalo-mali yoMzantsi Afrika (i-SAIC)
1.1.    IKhabhinethi isamkele isicwangciso esithi i-SAIC mayibanjwe ngenyanga yoKwindla ngowama-2022. Le nkomfa iqhuba unyaka wesithathu kungoku nje kwaye ineenjongo zokubizela kweli utyalo-mali oluxabisa imali eyitriliyoni eyi-1.2 yeerandi kwisithuba seminyaka emihlanu. Eli phulo lotyalo-mali liyaqhubeleka nokwakhela kwezi-SAIC zangaphambili zaqhuba kakuhle kakhulu. Iinkcukacha ezithe vetshe malunga nale nkomfa kunye nomhla eza kubanjwa ngayo ziza kupapashwa ekuhambeni kwethuba. 

2.    Inkqubo yokuFudukela kuHlobo loSasazo oluDijithali (i-BDM)
2.1.    IKhabhinethi inikwe ingxelo ngenkqubo ye-BDM yesizwe. Mkhulu umsebenzi osele wenziwe ekufuduseni iindawo ezithile zelizwe zisuka kuhlobo losasazo olu-analogi ziye koludijithali.
2.2.    IKhabhinethi isamkele isicwangciso esihlaziyiweyo esihlangeneyo sokupheliswa kohlobo losasazo olu-analogi, esihlele ukuqukumbela lo msebenzi kwezi ndawo zishiyekileyo ngenyanga yoKwindla yowama-2022. UMzantsi Afrika ulelinye lamazwe amaninzi ehlabathi azimiseleyo ukuqukumbela le nkqubo yokutshintshela kuhlobo losasazo oludijithali, into leyo iza kukhokelela ekubeni lucinywe olu lu-analogi ngonyaka wama-2022.
2.3.    IKhabhinethi iyamkele le ndlela yokusebenzisana ikhethiweyo iza kunceda ekukhawuleziseni le nkqubo yokufudusa ilizwe lisuswe kwinkqubo yosasazo e-analogi liye kwedijithali.

3.    UMgaqo-nkqubo weSizwe wokuLwa nokuLawula ukuKhulelwa kwabaFundi eziKolweni
3.1.    IKhabhinethi iwuvumile uMgaqo-nkqubo weSizwe wokuLwa nokuLawula ukuKhulelwa kwaBafundi eziKolweni. Lo mgaqo-nkqubo usabela kwisiGwebo seNkundla sowama-2012 esabeka ityala iSebe leMfundo esisiSeko ngamasolotya athile anyanzelisa abantwana ukuba bangayi esikolweni isithuba esinokude sifike kwiminyaka emibini emva kokuba bebelekile.
3.2.    Lo mgaqo-nkqubo uza kuxhasa abafundi futhi uthintele nokucalulwa kwabafundi abakhulelweyo. Uza kunika nengcaciso ngendlela zokusasaza ulwazi olumayelana nocwangciso oluzeleyo; izikhokelo zoluleko-ngqondo nokongiwa, kwakunye nokumisela amaqumrhu aza kuqinisekisa ukuba lo mgaqo-nkqubo usetyenziswa ngokufanelekileyo.
3.3.    Onke amahlakani afanelekileyo alifumene ithuba lokuwugwadla kangangoko lo mgaqo-nkqubo kwaye uyahambelana nemithetho enxulumene nawo. 

4.    Ukuvuma ngokusesikweni ukutyikitya isiVumelwano sowama-2003 soMbutho wezeMfundo, ezeNzululwazi kunye nezeNkcubeko weZizwe eziManyeneyo (i-UNESCO) sokuKhusela amaFa ezeNkcubeko angaBambekiyo (i-ICH)
4.1.    IKhabhinethi ikwamkele ukuba uMzantsi Afrika uvume ngokusesikweni ukutyikitya isiVumelwano sowama-2003 se-UNESCO sokuKhusela i-ICH. Esi sivumelwano sinika ingcaciso ngendlela yokukhusela, ukulondoloza kunye nokulwelwa kwe-ICH ngamazwe atyikitye esi sivumelwano.
4.2.    I-ICH iquka amaziko oluntu ezenkcubeko, ulwazi, izinto kunye neminye imisebenzi yobugcisa ekuhlaleni.
4.3.    Esi sivumelano sinyanzelisa amazwe asityikityileyo ukuba achonge, achaze aze eze namanyathelo aza kuwathatha ukulondoloza i-ICH. Sikwakhuthaza namazwe ukuba aziqulunqele imithetho, imigaqo yokulawula aze futhi abekele nemali bucala, konke oku ekwenzela ukukhusela nokulwela i-ICH. Esi sigqibo sokuvuma ngokusesikweni ukutyikitya siza kuthiwa thaca ePalamente ukuze samkelwe ngokusesikweni.

5.    IsiVumelwano se-UN sokulwa uRhwaphilizo (i-UNCAC)
5.1.    IKhabhinethi ivumile ukuba kupapashwe iNgxelo eHlaziyiweyo yoMzantsi Afrika malunga nokuphunyezwa kwesi siVumelwano. UMzantsi Afrika wayivuma ngokusesikweni i-UNCAC ngowama-2004. Amazwe atyikitye esi sivumelwano ahlolwa ngamanye amazwe ayinxalenye yesi sivumelwano ngendlela asiphumeza ngayo esi sivumelwano.
5.2.    UMzantsi Afrika wahlolwa okokuqala ngowama-2012 malunga nendlela owaqalisa ngayo amanyathelo ogcino-mthetho nawokubhengeza urhwaphilizo njengolwaphulo-mthetho, kwakunye nendlela osebenzisana ngayo namazwe ehlabathi. Le ngxelo ikhoyo yowama-2019/20 igxila kwimiba enxulumene namanyathelo okuthintela nawokuthinjwa kweempahla.
5.3.    Le nkqubo yokuhlaziya ikhuthaza ukuba kubekho intsebenziswano phakathi kwamazwe atyikitye esi sivumelwano ngokuthi ibonelele ngeenkqubo zoncedo ngobuchule.

6.    Ukumiswa kokubanjwa koMsitho woSuku lweHlabathi lwezeeLwandle (i-WMDPE) nguMzantsi Afrika
6.1.    UMbutho wezeeLwandle weHlabathi unike uMzantsi Afrika kwakhona ilungelo lokumisa ukubanjwa kwe-WMDPE ngenxa ye-COVID-19. Ukumiswa kwalo msitho ubuza kubanjwa ngeyeDwarha 2021 ukuba ubanjwe ngeyeDwarha kowama-2022, kulandela ukumiswa kowokuqala wowama-2020 nawo owamiswayo ngenxa yalo bhubhane. 

C.    IMithetho eYilwayo

1.    UMthetho oYilwayo wowama-2021 weBhunga leSizwe le-GBVF
1.1.    IKhabhinethi ivumile ukuba uMthetho oYilwayo wowama-2021 weBhunga leSizwe le-GBVF upapashwe kwiPhephandaba loMbuso ukuze uluntu luhlomle. 
1.2.    Lo Mthetho uYilwayo usabela kanye kumyalelo ongqingqwa osuka kwisiCwangciso-qhinga seSizwe esinge-GBVF esavunywa yiKhabhinethi ngenyanga yoKwindlwa ngowama-2020. Lo Mthetho uYilwayo uphakamisa ukuba kusekwe ibhunga elizimeleyo elinamahlakani ahlukeneyo eliza kubeka iliso kwi-NSP ye-GBVF.

2.    UMthetho-sihlomelo oYilwayo weSizwe woMlilo wamaDlelo namaHlathi (i-NVFFA) wowama-2021 
2.1.    IKhabhinethi ivumile ukuba kungeniswe ePalamente uMthetho-sihlomelo oYilwayo weSizwe woMlilo wamaDlelo namaHlathi wowama-2021. Lo Mthetho uYilwayo wangeniswa okokuqala ePalamente ngowama-2017 waze waphinda wabuyiswa kusenzelwa ukuba uluntu lukhe luphinde liwuphendle.
2.2.    Phakathi kwezinye izinto, lo Mthetho uYilwayo ukhululela ukuba kusekwe amaqumrhu karhulumente nawoluntu aza kusebenzisana ukuze kuphungulwe izinto ezibangela imililo yamadlelo, futhi ukhuthaza nokuba ithotyelwe imithetho futhi kuthathwe amanyathelo aza kunyanzelisa ukuba ithotyelwe. 
2.3.    Imililo yamadlelo ezidwanguzelayo ingalawulwa itshabalalisa okusingqongileyo, ibangela ukuba abantu baphelelwe yimisebenzi, bangabi nazindawo zokuhlala, futhi ibangela umonakalo nakwiziseko zophuhliso, ibulala imfuyo, iindawo zokuhlala kunye neentlobo ezahlukeneyo zezityalo nezilwanyana.

D.    Imisitho Ezayo

1.    INkomfa yoMzantsi Afrika yoPhuhliso oluZinzileyo lweziSeko ezinguNdoqo (i-SIDSSA)
1.1.    UMzantsi Afrika uza kusingatha i-SIDSSA yowama-2021 ngoLwesithathu, umhla wesi-6 nangoLwesine, umhla wesi-7 kweyeDwarha 2021. Le nkomfa iza kunika ithuba lokuba amahlakani ahlukeneyo abonisane ukuze kuvuselelwe amaphulo okuphuhlisa iziseko ezingundoqo.
1.2.    Amaphulo eziseko ezingundoqo e-SIDSSA afuna ukufaka igalelo kulwakhiwo lwemizi-mveliso namashishini futhi adale nemisebenzi njengoko isitsho i-ERRP kunye nesiCwangciso esiQulunqwe ngokuTsha sezoShishino. La manyathelo aza kuthatyathwa afuna ukwandisa izinga ezifunwa ngalo iziseko ezingundoqo kunye nokuqinisekisa ukuba kukho intsebenziswano emandla kuwo onke amahlakani achaphazelekayo kulwakhiwo lweziseko ezingundoqo. Siyathemba ukuba la manyathelo aza kufaka isandla kumalinge okwakha uqoqosho olukwazi ukumelana nobunzima ngokuthi kukhawuleziswe ulwakhiwo lweziseko ezingundoqo. I-SIDSSA yowama2021, iza kubanjwa phantsi kwalo mxholo: “Iziseko ezingundoqo ezisemgangathweni eziza kunceda kuphuhliso, uvuselelo nohlumo oluza kuxhanyulwa nguye wonke”.
2.    INyanga yezoThutho yowama-2021
2.1.    EyeDwarha yinyanga ebekelwe bucala ukuze kugxininiswe kwimiba enxulumene nezothutho kweli lizwe. Lo ngunyaka we-16 eli lizwe libhiyozela iNyanga yezoThutho. IKhabhinethi iwamkele umxholo walo nyaka othi: “Sibambisene, masilungise ezothutho”. Intyontyelo leli phulo liza kuthi: “Brika Bova: Siyaqhuba kwindlela eya kwizithuthi ezingcono zangomso”.
2.2.    Icandelo lezothutho libaluleke kakhulu kuqoqosho nentlalo eMzantsi Afrika. Eli phulo lalo nyaka liza kugxila kumba wokubeka icandelo lezothutho njengelibaluleke kakhulu kuvuselelo loqoqosho lwelizwe; liza kufundisa ngokhuseleko kuzo zonke iintlobo zezithuthi, kwaye liza kubonakalisa nemisebenzi esele yenziwe ukuphucula icandelo lezothutho.
2.3.    ISebe lezoThutho liza kupapasha isicwangciso esinoluhlu lwezinto eziza kwenziwa kule nyanga kunye nezinye iinkcukacha ezithe vetshe kwiwebhusayithi yalo ethi: www.transport.gov.za.

E.    Imiyalezo

1.    Amazwi okuvuyisana
IKhabhinethi ithumela amazwi ovuyiswano kunye neminqweno emihle:

  • Kwiqela loMzantsi Afrika lee-Olimpikhi zabaKhubazekileyo i-Paralympics ngokuliphakamisela phezulu igama loMzantsi Afrika emva kokuba liphumele iimbasa ezisixhenxe – ezine zegolide, eyesilivere kunye nezimbini zebronzi. Abaphumelele ezi mbasa e-Tokyo kweli qela loMzantsi Afrika nguNtando Mahlangu (ezegolide ezimbini), u-Pieter du Preez (eyegolide), u-Anrune Weyers (eyegolide), u-Louzanne Coetzee (eyesilivere neyebronzi) kunye no-Sheryl James (eyebronzi).
  • KuNks Verity Price, isithethi nomququzeleli oqeqeshiweyo ngokuphumelela i- Toastmasters World Champion of Public Speaking. Ngumntu olinina wesithandathu ukuphumelela le Mbasa yeHlabathi kule minyaka ingama-80 olu khuphiswano lwaqalayo kwaye ungumntu wokuqala ophuma e-Afrika ukuyiphumelela. 
  • Iqela le-Springbok Sevens, ngokuphumelela i-HSBC World Rugby Sevens Series yesine ngethuba ligqugqisa kuzo zombini ezi tumente bezibanjwe eMntla-Melika ngokuthi liphumelele itumente yesibini ye-HSBC Canada Sevens yona ibibanjelwe e-Edmond.

2.    Amazwi ovelwano
IKhabhinethi ithumele amazwi ovelwano kusapho nabahlobo baka:

  • Njing Hlengiwe Buhle Mkhize (obeneminyaka engama-69), uSekela-Mphathiswa kwi-Ofisi kaMongameli ebejongene nezaManina, uluTsha kunye naBantu abaKhubazekileyo. Kwimpilo yakhe yonke wazibalula njengetshantliziyo elizinikeleyo elichasene nocalu-calulo nelilwela amalungelo oluntu, kunye negorhakazi elilwela ukuphelisa ukungalingani ngokwesini.
  • Mnu Karabo Gungubele (obeneminyaka engama-32), unyana woMphathiswa kwi-Ofisi kaMongameli, uMnu Mondli Gungubele. 
  • Nks Zanele kaMagwaza-Msibi (obeneminyaka engama-59), obeyinkokeli ye-National Freedom Party ekwanguSekela-Mphathiswa wangaphambili wezeNzululwazi nobuChwepheshe, owazinikela kumaphulo amaninzi enza igalelo kurhulumente wethu olawulwa ngentando yesininzi nakwisizwe. 
  • Mnu Jolidee Matongo (obeneminyaka engama-46), obenguSodolophu oMkhulu wesiXeko saseRhawutini, nowazinikela kwidabi lokuphucula iimeko nelokudalela amathuba bonke abantu baseRhawutini kunye namahlakani akulo masipala umbaxa. 

F.    Izikhundla

IKhabhinethi ikwamkele ukuqeshwa koMkhomishinara kunye neSekela-Mkhomishanara we-Arhente yoLawulo lweMida (i-BMA)
1.    UGq Nakampe Michael Masiapato njengoMkhomishinara we-Arhente yoLawulo lweMida (i-BMA)
2.    UMajor-General David Chilembe njengeSekela-Mkhomishinara eliJongene nezeMisebenzi e-BMA.
IKhabhinethi ivumelene ngokuqeshwa kwamalungu eBhodi kodwa oku kuza kuxhomekeka ekuqinisekisweni kwamabakala emfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.
3.    IBhodi yabalawuli yeMiyezo yeSizwe yoMzantsi Afrika (i-SanParks):
(i)    Nks Pamela Bulelwa Yako;
(ii)    Nks Gertrude Bulelwa Koyana;
(iii)    Nks Nandi Nyameka Mayathula-Khoza;
(iv)    Nks Yolan Friedmann;
(v)    Nks Zukisa Millicent Ramasia;
(vi)    Mnu Jeoffrey Godfrey Mashele;
(vii)    Nkosi Livhuwani Lyborn Matsila;
(viii)    Mnu Lourence Bernad Mogakane;
(ix)    Mnu Fulufhelo Edgar Neluchalani;
(x)    Mnu Ntsako Brian Ngobeni; kunye
(xi)    noNks Hulisani Helen Mushiane.
4.    IBhodi yabalawuli ye-South African Biodiversity Institute:  
(i)    Nks Joanne Yawitch; 
(ii)    Nks Beryl Delores Ferguson;
(iii)    Gq Pulane Elsie Molokwane;
(iv)    Gq Lesley Thulani Luthuli;
(v)    Mnu Paul Graeme Daphne;
(vi)    Njing Azwihangwisi Edward Nesamvuni;
(vii)    Gq Mmaphaka Ephraim Tau; kunye
(viii)    NoGq Reginald Sethole Legoabe.

5.    UMlawuli-Jikelele: ISebe leMfundo ePhakamileyo noQeqesho uGq Nkosinathi Sishi
6.    USekela-Mlawuli-Jikelela: IziThuthi zaseLwandle ISebe lezoThutho uMnu Mthunzi Edmund d Madiya
7.    USekela-Mlawuli-Jikelele: IziThuthi eziHamba ngeSiporo iSebe lezoThutho   uMnu Ngwako Wilson Makaepaea

Imibuzo: Nks Phumla Williams – IsiThethi seKhabhinethi
Iselula: 083 501 0139
 

Share this page

Similar categories to explore