INtetho kwintlanganiso yeKhabhinethi yangomhla wesi-7 kweyeThupha wama-2013

1. Uluvo lweKhabhinethi kwimiba ebalulekileyo kwiimeko ezigqubayo nezingundabamlonyeni

1.1. IKhabhinethi ivuyisene nabantu baseZimbabwe namaqela ezopolitiko ekubambeni ukhetho lwepalamente noloomasipala olube nemvisiswano nempumelelo.

IKhabhinethi income iinzame zikaMongameli Jacob Zuma njengoMququzeleli weCandelo loPhuhliso lwamaZwe e-Afrika eseMazantsi ngoThethathethwano lwaseZimbabwe ekuqinisekiseni ukuba onke amaqela ezopolitiko ebezinikele kukhetho olunoxolo.

1.2.  IKhabhinethi igxeke uhlaselo ngesiqhushumbisi kwisakhiwo esihlala abasebenzi boZakuzo baseTurkey eMogadishu, eSomalia, kwaye ivakalise amazwi ovelwano kooRhulumente nabantu baseSomalia nabaseTurkey.

1.3.  Phambi kokubhiyozela imiNyaka engama-20 eNkululeko yethu, iKhabhinethi izibandakanya nesizwe ekubhiyozeleni iNyanga yabaseTyhini phantsi komxholo othi “IKhulu leMinyaka yokuSebenzisana ngasekuXhobiseni kwabaseTyhini okuZinzileyo nokuLingana ngokweSini”.

IKhulu leminyaka linika ingqalelo imigushuzo eyasungulwa ngabasetyhini ukusukela ngexesha itshantliziyo uCharlotte Maxeke,  wathi wakhokela iqela labasetyhini kumngcelele woqhankqalazo eBloemfontein eyayichasene nemithetho yamapasi ngowe-1913.

Igalelo elenziwa ngabasetyhini ekulweni imithetho yamapasi nakwezinye iinkalo  zomzabalazo wenkululeko ziyinxalenye ebalulekileyo yempembelelo evuselele ukuba kwenziwe iSazisi esiliKhadi esisanda kusungulwa.

Njengoko isizwe sibhiyozela abasetyhini, iKhabhinethi ikwahlaba ikhwelo kubo bonke abemi boMzantsi Afrika balwe naluphi na uhlobo lokuxhatshazwa kwabasetyhini nabantwana kwaye bahloniphe amalungelo abasetyhini akhuselwe kuMgaqo-siseko wethu.

1.4.   IKhabhinethi iphindaphinde umbulelo wangaphambili kaMongameli Jacob Zuma  kwisizwe kunye nakuluntu lwamazwe ngamazwe ngokwenza uSuku lukaNelson Mandela lwaMazwe ngamazwe lube ngowona mbhiyoza mkhulu womhla wokuzalwa kukaMadiba owakhe wakho. Ngomhla we-18 kweyeKhala, amawaka abantu kuMzantsi Afrika uphela nakwihlabathi athatha ixesha lokubhinqa omfutshane anceda abantu abangathathi ntweni.

IKhabhinethi ihlabe ikhwelo kubemi boMzantsi Afrika ukuba baxhase ukusungulwa koSuku lukaNelson Mandela lwezeMidlalo neNkcubeko Kwibala lezeMidlalo iFNB, eRhawutini, ngomhla we-17 kweyeThupha. Amabhokobhoko aza kudlala ne-Argentina, aBafana Bafana baza kudlala neBurkina Faso ize iqela loompondo zihlanjiwe beBhola eKhatywayo baseMzantsi Afrika lidlale ne-Italy, ngokuhlwa ulandelwe yikonsathi yomculo enoludwe lweemvumi ezininzi.

Yonke ingeniso iza kuya kwiprojekthi yesibhedlele sabantwana kaNelson Mandela.

IKhabhinethi iphindaphinde ikhwelo kubemi boMzantsi Afrika ukuba “baThathe amaNyathelo; Baphembelele iNguqu; beNze Yonke iMihla ibe luSuku lukaMandela”.  

IKhabhinethi iqhubeka nokuhlaba ikhwelo kubemi bonke boMzantsi Afrika ukuba baqhubeke nokucinga kunye nokubeka owayesakuba nguMongameli uNelson Mandela emithandazweni njengoko elulama kunyango anikwa lona.

1.5. IKhabhinethi ilusizi ngokusweleka kwalowo owayesakuba yiJaji eyiNtloko uPius Langa ongcwatywe ngomhla wesi-3 kweyeThupha wama-2013 ngoMgcwabo wasebuRhulumenteni Owodwa. IKhabhinethi ivakalisa amazwi ovelwano kusapho, kubahlobo nakoogxa bakhe.

Owayesakuba yiJaji eyiNtloko uPius Langa uya kukhunjulwa ngegalelo lakhe kuMzabalazo wenkululeko, ukukhusela kwakhe intando yesininzi esekelezelwe kumgaqo-siseko wethu, kwaye kutshanje, umsebenzi wakhe kwiKomishoni yeNkululeko yamaPhepha-ndaba.1.6 IKhabhinethi yamkela amanyathelo athembisayo kwicandelo lezemfundo, ingakumbi ukuxhotyiswa kweNkcazelo yePolisi yeKharityhulam nokuHlola nenkxaso eqhubekekayo yootitshala ekufezekisweni kwayo. IKhabhinethi yamkele ukusungulwa kweQela elijongene noMsebenzi wokulawula ufezekiso lwekharityhulam yoLwimi lweZandla loMzantsi Afrika ngowama-2014 ukusukela kumaBanga R ukuya kwele-12, ngokuhambelana nekhwelo likaMongameli lokuba ulwimi lwezandla lubhengezwe njengelisesikweni. Ikharityhulam entsha iza kubonelela ngofikelelo lwamathuba angcono ezemfundo kumntu wonke.

1.7 IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubo bonke abafundi abenza imatriki ngowama-2013 ukuba babhalisele ngoku ukufunda kowama-2014 kumaziko ezemfundo ephakamileyo ngokuhambelana nePhulo iKhetha loKwenza iSicelo Ngoku! leSebe lezeMfundo ePhakamileyo noQeqesho.

Abafundi bakhuthazwa ukuba baqwalasele ngononophelo amakhondo omsebenzi abanokukhetha kuwo kwaye bahlole iimfuneko zabo zezimali. Abafundi bakhunjuzwa ngeSkimu soNcedo lwezeziMali saBafundi seSizwe esibonelela ngoncedo lwezezimali kubafundi bemfundo ephakamileyo abafanele ukuncedwa nabadingayo ngokwezimali.

1.8 IKhabhinethi ivuyisana nokusungulwa yiBhodi yeQumrhu yoSasazo yoMzantsi Afrika kwejelo leendaba likamabonakude elisebenza iiyure ezingama-24 elisabela kwimfuno emandla yosasazo lweendaba ezisematheni ngokubaluleka kweziganeko zesizwe nezamazwe ngamazwe kwaye inika ilizwi neqonga kubo bonke abemi boMzantsi Afrika.

1.9 IKhabhinethi ivuyisana neendadi uCameron van der Burgh, uChad le Clos noGiulio Zorzi abenze ilizwe laneqhayiya ngokuphumelela kuMnyhadala weHlabathi weManyano yezokuQubha yeZizwe ngezizwe eBarcelona (i-FINA).

1.10 IKhabhinethi ivakalise iminqweno emihle kuma-Muslim oMzantsi Afrika njengoko ebhiyozela i-Eid. IKhabhinethi ikwanqwenela uLuntu lwamaJuda oMzantsi Afrika iminqweno emihle yenyanga u-Elul.

2. Iingxoxo kunye nezigqibo zeKhabhinethi ezingundoqo

2.1. IKhabhinethi ivume ukuqaliswa kwenkqubo yofakano-milomo yeziKhundla zeSizwe zoMgaqo-nkqubo waManzi liSebe leMicimbi yezaManzi.

Injongo yolu phononongo lomgaqo-nkqubo kukusungula kunye nokulungisa nazo naziphi na iziphumo ebezingalindelekanga nemisantsa kwimigaqo-nkqubo yangoku yezamanzi.

Oku kujoliswe ekufikeleleni kwinjongo kaRhulumente yofikelelo olulinganayo noluzinzileyo emanzini.

Izikhundla zomgaqo-nkqubo ezihlaziweyo ziza kuncedisa kulwabiwo ngokutsha lwamanzi phakathi kwabanye, abasebenzisi bamanzi abebekade behlelelekile ngaphambili. Kananjalo ziza kuqinisekisa ukuba akukho zisekelo ezingundoqo zamanzi ezizakudlula eluntwini, ingakumbi kuluntu lwasemaphandleni ngaphandle kwemithombo yamanzi.

2.2. IKhabhinethi ivume ukupapashwa koMgaqo-nkqubo weSizwe wobuNini boBukrelekrele,  ukuba uluntu luvakalise izimvo zalo kangangeentsuku ezingama-30.

UMgaqo-nkqubo ujolise ukulungelelanisa ngokupheleleyo kunye nokulungisa imiba ngemiba enxulumene nobunini bobukrelekrele, ochaphazela imigaqo ngemigaqo, kuquka: ezorhwebelwano, ezenzululwazi, ezolimo kunye nezempilo. Ngoko ke kukho isidingo sokulandela umgaqo-nkqubo omnye kwinqanaba lesizwe kunye nelamazwe ngamazwe ukusuka kuRhulumente.

2.3.  IKhabhinethi ivume isikhokelo-nkqubo somgaqo-nkqubo sohlolo olusekelezwe kubemmi esinesihloko esithi “Isikhokelo-nkqubo sokuXhobisa intsebenziswano phakathi kwaBemmi noRhulumente sokuHlola Ngaphambili ukuHanjiswa kweeNkonzo”.

Amasebe karhulumente abandakanyeka ekuhanjisweni kweenkonzo eluntwini, kufuneka alungise izikhokelo-nkqubo zawo zokuhlola nokuvavanya ziquke izixhobo zokubandakanya izimvo namava abemi ngokuhanjiswa kweenkonzo. Oku kumisela isiseko sokubandakanya uhlolo olusekelezwe kubemi kwindlela karhulumente yokuhlola.

Kwesi sikhokelo-nkqubo, uhlolo olusekelezwe kubemi lucacisa indlela yokuhlola ukusebenza kukarhulumente egqalisa kumava abemi abaqhelekileyo ukuze kuxhotyiswe ukuphendula eluntwini nokukhokelisa ukuphucula ukuhanjiswa kweenkonzo.

2.4.  IKhabhinethi ivume iMigomo yoLawulo loLuntu nooGunyaziwe boLawulo lweziMali.

IMigomo ibonelela ngesikhokelo ngendlela amagunya eSigqeba soLawulo esinika ngayo amagunya kwiGosa eliPhendulayo nakumaqonga asezantsi njengoko kumiselwe kuMthetho weeNkonzo zoLuntu (i-PSA) noMthetho woLawulo lweeMali zoLuntu (i-PFMA).

IMigomo yenza inkqubo yokunika amagunya ibe lula noko, nto leyo ezakukhuthaza ukuhanjiswa kweenkonzo ngendlela esebenza ngokuthe chatha nenempumelelo.

UMphathiswa weeNkonzo zikaRhulumente noLawulo uza kucacisa ngakumbi iMigomo nemiphumela yayo ekuhambeni kwexesha.

2.5.  IKhabhinethi ivume ukuba ezi zivumelwano zilandelayo zivunywe kwiPalamente ngokweCandelo lama-231 loMgaqo-siseko woMzantsi Afrika: Okokuqala, ukufikelela koMzantsi Afrika kwiSivumelwano sokusungula iKomishoni ye-Tuna yoLwandlekazi i-Indiya (i-IOTC), okweSibini iNkomfa yoLondolozo lwe-Bluefin Tuna yaseMazantsi (i-CCSBT) kwaye; okweSithathu siVumelwano samaNyathelo wamaZibuko kaRhulumente okuThintela nokuPhelisa ukuLoba okuNgekho mthethweni nokuNgalawulwayo (i-IUU) soMbutho woKutya nezoLimo weZizwe eziManyeneyo (i-FAO).

UMphathiswa weZolimo, amaHlathi nezokuLoba naye uzibandakanye kule ndibano imfutshane ecwangcisiweyo ukuze anabe ngexabiso oku okuzokuza nalo kwishishini lokuloba nakwigalelo lako ekuhlumiseni uqoqosho lwethu.

2.6. IKhabhinethi ivume ukuba uMzantsi Afrika uza kusindleka iNkomfa yamaQela (i-COP) ye-11 kwiNkomfa yase-Abidjan eKapa ukusukela ngomhla wama-24 ukuya kowama-28 kweyoKwindla kowama-2014.

INkomfa yase-Abidjan yenye yeeNkomfa zeeLwandle zeNgingqi ezili-18 apho izicwangciso zokuthatha amanyathelo zayilwa yiNkqubo yokusiNgqongileyo yeZizwe eziManyeneyo (i-UNEP) njengenxalenye yofezekiso lwe-Agenda yaseStockholm yowe-1972.

INkomfa ibonelela ngesikhokelo-nkqubo sezomthetho sentsebenziswano yengingqi phakathi kooRhulemente abaxhalabileyo bathathe amanyathelo besebenzisana ngasekusombululeni iingxaki ezibadibanisayo zonxweme nokusingqongileyo kweelwandle ababelana ngazo.

Owona mbutho uphezulu othatha isigqibo se-COP yase-Abidjan, intlanganiso yonyaka-mbini ehlanganisa aBaphathiswa bezokusiNgqongileyo neengcaphephe zobuxhakaxhaka ezisuka kumaqela akwiSivumelwano, kwakunye noRhulumente abakhe umkhanyo, okanye ii-arhente zeZizwe eziManyeneyo nemibutho engajonganga nzuzo.

2.7. IKhabhinethi iye yachazelwa ngamafutshane ngengxelo yokuthatha inxaxheba kwabathunywa boMzantsi Afrika kwiSeshoni yama-57 yeKomishoni yeZizwe eziManyeneyo ngoBume babaseTyhini ebibanjwe ngomhla wesi-4 ukuya kowe-15 kweyoKwindla kowama-2013.

Iseshoni yama-57 ibibanjwe kuNdlunkulu weZizwe eZimanyeneko eNew York, kwaye umxholo obuphambili ubusithi “Ukuphelisa ubuNdlobongela obuJoliswe kwabaseTyhini namaNtombazana”.
Izibophelelo eziliqela zenziwa zaze zamkelwa njengezindululo ngabathathi-nxaxheba ekupheliseni ubundlobongela obujoliswe kwabasetyhini nakumantombazana. IKhabhinethi ihlabe ikhwelo kuwo onke amasebe karhulumente ukuba abe negalelo ngasekufezekiseni ezi zibophelelo.

2.8. IKhabhinethi ivume ukufakwa kwengxelo yenkqubela-phambili yokuPhonononga iMeko kaGawulayo yeHlabathi yeXesha eliphakathi yoMzantsi Afrika kwiNgqungquthela-Jikelele yeZizwe eziManyeneyo. Ingxelo iphendula kwiSibhengezo sezoPolitiko ngezinto ekujoliswe kuzo zeNtsholongwane kaGawulayo kunye noGawulayo ezilishumi ezisuka kwiqela lweempawu ezingundoqo.  IKhabhinethi income isebe lezeMpilo ngengxelo ebonisa ukuba uMzantsi Afrika usekhondweni lokufikelela kwiimpawu ezingundoqo ezininzi ngexesha elimiselweyo lowama-2015.

2.9  IKhabhinethi iye yachazelwa ngamafutshane ngofezekiso lweCandelo le-100 (1) (b) longenelelo kwiPhindo laseLimpopo. Yaziswe ngeziphumo ezibalulekileyo ngengxelo yokuhlaba amadlala, ungenelelo olucetywayo olwenziweyo nenkqubela-phambili eyenziweyo kude kube ngoku. Bazisiwe kananjalo ngemiba engekenziwa esafuna ukuqukunjelwa.

Ngokomhla wama-31 kweyeKhala yowama-2013 ikhredit bhalansi ibiziBhiliyoni ezi-R3,3 xa uthelekisa ne-overdraft yeBhiliyoni e-R1,7 xa ibisiya phantsi kolawulo lwesizwe kweyoMnga wama-2011.

Ikhabhinethi iwancomile amanyathelo okulungisa asetyenziswe kumasebe amahlanu aphantsi kolawulo lwesizwe, iKhabhinethi ivume ukuba iKomiti yaBaphathiswa iqalise nenkqubo yenguqu yeenyanga ezintandathu yokunikezela ulawulo lwaseLimpopo kwiNkulumbuso nakwiSigqeba soLawulo esitsha.  

IKhabhinethi ivumile ukuba olunye uphando kufanele luqhube kwimiba efuna ukusungula ukungalungelelani nalapho abantu bathe bafunyaniswa bebhude imigaqo yokufumana inkqubo yokululekwa iza kusebenza. Inkcazelo engekho mfutshane yeKomiti yaBaphathiswa iza kuqhuba ngexesha elifanelekileyo.

3. IMithetho esaYilwayo

3.1. IKhabhinethi ivumele ukuba uMthetho osayiLwayo we-Legal Metrology ukuba ufakwe ePalamente.

UMthetho osaYilwayo wenzelwe ukukhokela onke amanyathelo enziwe ngamashishini amakhulu xa kurhwetywa kusetyenziswa izikali, imilinganiselo yobude nezinye izixhobo zokuthatha umlinganiselo ngokuchanekileyo. UMthetho osaYilwayo ujonge ukukhuthaza urhwebo olunobulungisa, nokukhusela impilo yoluntu nokhuseleko nokusingqongileyo. Lo Mthetho osaYilwayo uza kulungisa ukungangqinelani koMthetho we-Trade Metrology we-1973 okhoyo.

UMthetho osaYilwayo yinto efunekayo kwinkqubo yokusebenzisa iSisekelo esingundoqo sobuxhakaxhaka soMzantsi Afrika esiquka iMigangatho, ukuQinisekiswa koBulunga, iziQinisekiso neSixokelelwano sezikali nemilinganiselo (i-SQAM).

3.2. IKhabhinethi ivume ukufakwa koMthetho-Sihlomelo waMachiza noLwelo oluNxulumeneyo wama-2012 ePalamente.

UMthetho osaYilwayo uhlomela uMthetho waMachiza noLwelo oluNxulumeneyo we-1965 (uMthetho Nombolo 101 we-1965) njengoko uhlonyelwe nguMthetho wama-72 wama-2008. UMthetho osaYilwayo ujonge ukusungula ugunyaziwe onamadla,osebenzayo nonempumelelo olawula amachiza.

4. Izikhundla

IKhabhinethi ivumelene nokuqeshwa kwaba bantu balandelayo kwezi zikhundla:

4.1. UNjingalwazi Edith Veronica Vries kwisikhundla sokuba nguMlawuli-Jikelele kwiSebe lezoLimo, amaHlathi nezokuLoba.

4.2. uNks. Duduzile Charity Baby Mbongwa kwisikhundla sokuba nguSekela Mlawuli-Jikelele: Iziko lesiCwangciso-qhinga nokuSebenza kwi-Ofisi yobuMongameli.

4.3. uNks. Loraine Elzabe Rossouw esikhundleni sokuba liGosa lezeziMali eliyiNtloko  kwiSebe lezoBulungisa noPhuhliso loMgaqo-siseko.

4.4. IKhabhinethi ivumelana nesiphakamiso sokuba uMongameli aqeshe uNjingalwazi Fiona Tregenna njengelungu elingelosigxina kwiNkundla yamatyala woKhuphiswano kangangesithuba seminyaka emihlanu ukususela kumhla woku-1 kweyoMsintsi wama-2013.

4.5.  IKhabhinethi iqaphele ukuqeshwa kwaba balandelayo ukuze basebenze kwiBhodi ye-Arhente yoPhuhliso lwamaShishini amaNcinane kangangesithuba seminyaka emithathu ukususela ngomhla woku-1 kweyoMsintsi wama-2013 ukuya kumhla wama-31 kweyeThupha wama-2016.

a) UGq. Ivor Zwane (ukuqeshwa kwakhona)
b) UGq. Marius Venter (ukuqeshwa kwakhona)
c) UMnu. Mojalefa Mohoto (umthunywa weSebe lezoRhwebo noShishino).

4.6. IKhabhinethi iqaphele ukuqeshwa kukaNks. Thabang Sophie (Peppy) Kekana njengelungu leBhodi yeSizwe ye-Lotto kangangesithuba seminyaka emihlanu ukusukela ngomhla woku-1 kweyoMsintsi wama-2013 ukuya kumhla wama-30 kweyeThupha wama-2018.

Share this page

Similar categories to explore