Fumana umyalelo wesondlo

Isondlo luxanduva lokubonelela omnye umntu ngeziseko zokuphila, umzekelo umntwana, ubonelelwa ngendawo yokuhlala, ukutya, impahla, imfundo neenkonzo zonyango, okanye ngezixhobo ezibalulekileyo ezifunekayo ukuze ubani akwazi ukuzizamela ezi ziseko zingundoqo zokuphila. Olu xanduva lusemthethweni lokondla lubizwa ‘uxanduva lokondla’ okanye ‘uxanduva lokunika inkxaso’.

Umntwana kufuneka exhaswe okanye ondliwe ngabazali okanye abazali babazali bakhe kwaye kungenziwa umyalelo wesondlo ukubanyanzelisa ukuba bakwenze oko.

Khangela ulwazi oluthe vetshe malunga nokufumana umyalelo wesondlo okanye qhagamshelana neSebe lezobuLungisa noPhuhliso loMgaqo-siseko kule nombolo: 012 315 1512.

 

 

Share this page