Kweekhwalifikheyshini Zamazwe Angaphandle

Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga nokuhlalutya izifundo zangaphesheya

Ukuba unomnqweno wokufunda kwiziko lemfundo okanye ukusebenza kweli lo-Mzantsi Afrika uze ubhalise usebenzisa amaphepha emfundo yakumazwe angaphandle, kungafuneka ukuba ufake isicelo kwi  i-SAQA (South African Qualifications Authority (SAQA) ukuze izifundo zakho zihlalutywe. 

Xa  ufaka isicelo semvume yokusebenza kweli lo-Mzantsi Afrika, umthetho elawula imida yeli inyanzelisa ukuba  ufake isiqinisekiso sokuba uhlalutywe yi SAQA nje ngenxalenye yesicelo.

Phambi kokuba ufunde kwiziko lemfundo elise-Mzantsi Afrika, i-SAQA kufuneka ihlalutye amaphepha ezifundo zakho ngentando yesikolo onqwenela ukuba ngumfundi kuso. Neendawo ezifana neenkampani zemisebenzi yobuchwepheshe zingakunyenzalisa oku kwi-SAQA phambi kokuba uqashwe.

Ngaphandle koko, ukuhlalutywa akunyanzelekanga nto nje yongeza ulwazi malunga nomgangatho wemfundo yangaphesheya.

Le nkonzo iyafumaneka kwisebe lokuhlalutywa kwezifundo zangaphandle i-), Directorate of Foreign Qualifications Evaluation and Advisory Services (DFQEAS) yakwa SAQA.

Qaphela: Ukuze ufake isicelo, funda imiqathango (procedural guidelines) kwakunye neentlawulo (tariff structure) eziqukathwe kwixwebhu  lokwenza isicelo (application form). 

Ofanele kukwenza

Iziqinisekiso zeelwimi zangaphesheya kufuneka zikhatshwe yinguqulelo yesingesi efungelweyo.

Qaphela: U-SAQA uwafuna omabini amaxwebhu athe atolikwa.

Ixesha elimiselweyo

  • Isicelo  iintsuku: eziyi-30.
  • Isicelo esingxamisekileyo: iintsuku eziyi-20.
  • Isicelo  esikhawulezayo: iintsuku eziyi-10.
  • isicelo esikhethekileyo: iiyure ezingama-48hrs.

Ingaba kubiza malini na

Saqa website.

Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa

Evaluation of foreign qualifications (Uhlautywa Kwezifundo Zangaphesheya)

Ungaqhagamshela nabani

 

National office
Tel 012 431 5070
Fax 012 431 5147
E-mail verifications@saqa.co.za
City/town Pretoria
Province Gauteng
Physical address South African Qualifications Authority, Quality Assurance and Development, Hatfield Forum West, 1067 Arcardia Street, Hatfield, Pretoria
Postal address Postnet Suite 248, Private Bag X06, Waterkloof, 014
Website https://www.saqa.org.za/

 

Share this page