Ukubhalisa kwiziko lezeMfundo noQeqesho lwabaDala (i-AET)

Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga nokubhalisa kwiziko le-AET

Ingaba ungumntu omdala okanye ungumntu omtsha ofuna ukufumana imfundo esisiseko Ixesha lisekhona; ungabhalisa kwiziko lezeMfundo noQeqesho lwabaDala (i-AET).

I-AET yinkqubo egxile kwiziphumo enjongo zayo ikukubonelela ngezixhobo zokufunda ezingundoqo, ulwazi nezakhono, ize ikuxhobise ngesiqinisekiso sebakala lezemfundo esamkeleke kwisizwe jikelele.

Nabani na ongakhange ayigqibe imfundo esesikweni, abe efuna ukufumana isiqinisekiso sebakala lezemfundo kwiindawo elungele imeko yakhe, angabhalisa nakweliphi na iziko le-AET. Amaziko e-AET asenokubhalisa uvavanyo lokukhangela ukuba ufanele ukungena kweliphi na inqanaba le-AET kukho elokuqala, elesibini okanye elesithathu.

Kokuphi omawukwenze

  1. Bhalisa kwiziko le-AET elikufutshane nawe.
  2. Faka isatifikethi sokuzalwa sakho okanye incwadi-saziso yakho kunye nayo nayiphi na ingxelo yakho yesikolo.

Kuthatha ixesha elingakanani ukubhalisa

Ukubhalisa kungathatha iveki enye ukuya kwezimbini.

Kubiza malini

Imirhumo yokubhalisa yohluka ngokweziko ngalinye.

Iifomu emazigcwaliswe

Ifomu yokubhalisa ungayifumana kumaziko eMfundo esiSiseko yaBadala noQeqesho (i-ABET).

Ungaqhagamshela nabani

 

 

Official

Province

Tel

Fax

Mrs Z Mgoduka

Eastern Cape

040 608 4024

040 608 4660

Ms NF Gxwati

Free State

051 404 8800

051 430 0863

Ms T Masondo

Gauteng

011 355 0753

011 355 0343

Mr Muzi Mahlambe

KwaZulu-Natal

033 341 8506

033 341 8802

Ms SR Mantshiu

Limpopo

015 291 2564

015 291 2012

Ms N Molemane

Mpumalanga

013 766 5370

013 766 7231

Mr R Phillips

Northern Cape

053 839 6349

053 830 2308

Ms J Mekgoe

North West

018 389 8130

018 389 8246

Mr A Damon

Western Cape

021 467 2606

021 467 9385

 

Share this page