Ukuba ngaba ufumene iincwadi zenkohliso yokuhlawuliswa umrhumo wobumenemene kuqala neenombolo zelotho zenkohliso kufuneka ukuba uthumele wonke loo maxwebhu nembalelwano kwiZiko lamaPolisa eZizwe-ngezizwe (i-Interpol).
I-Interpol iza kwaziswa iCandelo loLwaphulo-mthetho lwezoRhwebo leNkonzo yezobuPolisa yoMzantsi Afrika ngayo yonke imiba emalunga nenkohliso yobumenemene.
Iinkcukhacha zoqhagamshelwano ze-Interpol zezi zihamba ngale ndlela:
Inombolo yomnxeba: (+27) 12 309 3866
Inombolo yefaksi: (+27) 12 309 3003/4
I-imeyli: vdventera@saps.org.za
Inkohliso ikwa yaziwa ngokuba yi- ‘419 scam’ kwaye iqhutywa yinkuntsela yemenemene, ngokwesiqhelo liba lilungu lombutho wabophuli-mthetho. Obu bumenemene busuka e-Nigeria kodwa imibutho yabophuli-mthetho kwamanye amazwe iye yabandakanyeka kwinkohliso yobumenemene bomrhumo ohlawulwayo kuqala. Ngokwesiqhelo buza njengencwadi, i-imeyli okanye i-SMS enesiphakamiso sezoshishino apho ixhoba licelwa ukuba malifake imali kwi-akhawunti yebhanki.
Obe-Lotto ubumenemene bubandakanya i-imeyli okanye i-SMS apho ixhoba lixelelwa ukuba liphumelele i-Lotto.
Ukufumana ulwazi oluthe vetshe ngokubika ubumenemene benkohliso yokuhlawulisa umrhumo kuqala nobumenemene be-Lotto.