Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani
Malunga nokufaka isicelo sokufaka izilwanyana nemveliso
Ukuba ufuna ukufaka kweli loMzantsi Afrika izilwanyana eziphilayo, imveliso yezilwanyana, izinto ezinezifo ezosulelaya, umthetho unyanzelilsa ukuba ufake isicelo kwaye ufumane iphepha mvume lokufaka izilwana kumlawuli wempilo yazilwanyana.
Kufanele ube nalemvume phambi kokuba isilwanyana okanye imveliso ithunyelwe ukuphuma kwelolizwe liyithumelayo.
Ukuba uthenga izilwanyana zefama ezifana neenkomo, iigusha, iibhokhwe, amahashe, iihagu, ingciniba, inkukhu (hayi iikati nezinja) okanye incindi yemvelo yezi zilwanyana. kufanele ufumane imvume kumbhexeshi wophuculo lwezilwanyana kuqala.
Imibuzo malunga nolwazi ngabagunyazisi bophuculo lwezilwanya tsalela umnxeba kule nombolo 319 7434 okanye 012 319 7424.
Kukho imigaqonkqubo yokuthenga izilwanyana nemveliso yezilwanyana kwamanye amazwe. Imibandela yezempilo ihlala iguquka ngako oko qhagamshela icandelo lemithetho yokungena nokuphuma kwe mpahla kubalawuli bempilo yezilwanyana, feksela apha 012 329 6892 ukuze ufumane ulwazi lwamva nje lwemibandela. Kungabakho eminye imithetheo elawula imveliso ezithile ngako oko kufuneka uqinisekise ukuthi uyonelisa yonke imibandela esemthethweni.
Ofanele kukwenza
- Gcwalisa uxwebhu lwesicelo olulandelayo:
- isicelo sokufaka izilwanya nemveliso yezilwanyana kweloMzantsi Afrika (zizakufakwa kukhuseleko lokungasasazi isifo).
- Isicelo sokufaka kweli loMzantsi Afrika izilwanyana okanye imveliso yezilwanyana (zingaphinda zifakwe phantsi kolunye ulawulo).
- Isicelo sokufaka izilwanyana kweli loMzantsi Afrika okanye imveliso yezilwanyana (ezingenawufakwa kukhuseleko lokungasasazi izifo).
- Qhagamshela abalawuli bempilo yezilwanyana ukuba awuqinisekanga ngamaxwebu omawuwagcwalise.
- kufuneka uhlawulele iphepha mvume lokuthenga izilwanyana phesheya (iphinda ubhekwe kokutsha unyaka nonyaka ipapashwe kwigazethi ka rhulumente.
- Hlawula imali yemvume kwibhanki yeSebe:
- Igama le Bhanki: Standard Bank of South Africa
- igama lomnini akhawunti : National Department of Agriculture.
- Inombolo ye akhawunti: 011219556 International Band
Branch: 010845
IB brand 0001982 Centre Code
Swift Code: SBZA-ZAJJ
Name of the branch: Arcadia
Thumela uxwebhu olugcwalisiweyo kunye nobungqina bokuthi uhlawulile kule dilesi:
The Director: Animal Health
Import Export Policy Unit
Private Bag X138
Pretoria
0001
South Africa
okanye Feksela apha 012 329 8292
sicela ucacise kwixwebhu lwesisicelo ukuba ufuna imvume ithunyelwe kuwe okanya uzakuyilanda ngokwakho. - kwilixa apho izilwanyana kufanele zifakwe kukhuseleko lokussulelwa zizifo, kufanele uthinte igosa lonyango lwezilwanyana kwizibuko lokungena:
- Johannesburg Tel: 011 973 2827 or Fax: 011 973 2828
- Cape Town Tel: 021 551 2050 or Fax: 021 551 1378
- indawo yokhuseleko lokuseleleka zizifo yaseThekwini ayisebenzi, kodwa ulwazi lungafumaneka kulenombolo: 031 368 6011 okanye ifeksi: 031 337 7469
- igosa lika rhulumente lonyango lwezinyanya uzakulungiselela ukubekela bucala indawo yokuhlala kwisikhululo sokhuseleko ekuseleleni ngezifo, kwaye kufanele agcwalise uxwebhu olufaneleyo. Oku ke kuza kuthunyelwa kwiofisi ekhupha amaphepha mvume nge feksi ligosa lezonyango lwezilwanyana likarhulumente.
- Gcwalisa uxwebu lokukhulula abagcini (apho izilwanyana okanye intaka ezivela phesheya ziza kugcinwa kwisikhululo sokhuseleko ezifeni) ulufake noxwebu lwesicelo. Ungafumana uxwebhu lokukhulula abagcini kwiofosi ekhupha amaphepha mvumekubalawuli bempilo yezilwanyana.
- Emva kokuba kufunyenwe uxwebhu olugcwalisiweyo lwesicelo kunye nobungqina bokuthi uhlawulile iphepha mvume lokusebenza ngezilwanyana kunye nesiqinisekiso sempilo sezilwanyana esliqingqiweyo (template) siza kukhutshwa luthunyelwe kuwe ngqo.
- isiqinisekiso sempilo sezilwanyana kufanele sigcwaliswe ngesiNgasi ngamagosa ezempilo yezilwanyana belizwe elithumelayo.
- ukuba usafuna ulwazi oluthe vetshe malunga neenkcukacha zesilwanyana ngasinye okanye imveliso yesilwanyana ungafumana ikopi yomzekelo we phepha mvume kunye nesiqiniseko sempilo yezilwanyana kwi ofisi ekhupha imvume.
- kufanele udlulisele oku okulandelayo kwigosa lwezonyango lwezilwanyana eziphuma kumazwe angaphandle kwizibiko lokungena:
- iqobelo lwephepha mvume yokuthenga izilwanyana pheshesheya.
- Iqobeli lesiqinisekiso sempilo sezilwanyana
- nezinye inkcukacha ezibaliweyo, umzekelo uukukhulula abagcini, isiqinisekiso sokuthintelwa kwisifo sezinja amarabi, Imvume ye CITES njalo-njalo.
- Ukuba uthenga amafele amanzi nomilyo, izikhumba, neendebe, igosa lonyango lwezilwanyana engingqini apho kuneziko elivumelweyo kufanele lwamkele isicelo Igosa elifaneleyo lonyango lwezilwanyana kufanele liphinde lityikitye luphinde lifake isitampu kwixwebhu lwesicelo uphinde usiFeksele kwi ofisi yemvume kubalawuli bempilo yezilwanyana. Xa oku konke kugqityiwe iofisi ekhupha iimvume izakukhupha iphephamvume lokuthenga izilwanyana phesheya.
- ukuba uthenga izilwanyana zefama ezifana nee nkomo, iigusha, iibhokhwe, amahashe, iihagu, ingciniba, inkukhu (hayi iikati nezinja) okanye incindi yemvelo yezi zilwanyana. kufanele ugunyaziswe nguMbhexeshi wophuculo lwezilwanyana kuqala phambi kokuba ufumane iphepha mvume likhutshwe.
- Imibuzo malunga nokugunyazwa kophuculo lwezilwanyana tsalela umnxeba kulenombolo :012 319 7434 okanye 012 319 7424.
- omabini amaqobelo eemvume kumele abekhona kwigosa lezonyango lwezilwanyana kwizibuko lokungena kunye nesiqinisekiso sempilo sezilwanyana esikhutshwe lilizwe elithumelayo.
Isaziso esibalulekileyo:
- uphawu lwempahla ligama ne fani zomthumeli wempahla.
- Luxanduva lakho ukuhlawula indleko zebhanki kunye nendleko zebhanki yelinye ilizwe, isebe alinakukhupha iphepha mvume ukuba imali enga nge R120 abayifumananga. (iyaphengululwa unyaka noyaka ipapashwe kwi gazethi ka rhulumente).
- Itsheki ene gama lomlawuli jikele: ISebe lezolimo, Amahlathi nokuloba ingafakwa noxwebhu lwesicelo ithunyelwe ngeposi kule dilesi ingezantsi:
- ungahlawula kwi ofisis ze Sebe lezolimo amahlathi nokuloba ebalwe ngaphantsi kwesihloko esithi Qhamshela.
- Apho ufaka isicelo egameni lomnye umntu qinisekisa ukuba uhlawula egameni lakhe okanye igama lekampani.
- Asikho isicelo esizakuhoywa singekho isiqinisekiso sokuthi kuhlawuliwe. Ubungqina bokuhlawula kufanele bufekselwe kule nombolo: 012 329 8292 egameni lika: Ina Labuschagne
Ixesha elimiselweyo
Ukuba nje igosa lonyango lwezilwanyana kwi ofisi ka zwelonke linga samkela isicelo kuthabatha iintsuku ezintathu ukuya kwekwezintlanu ukugqoba isicelo kukhutshwe ne phepha mvume.
Ingaba kubiza malini na
Imali ehlawulwayo yowama-2024/25
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
- Application to import animals or animal products into the RSA (subjected to quarantine)
- Application to import animals or animal products into the RSA (subjected to further control)
- Application to import animals or animal products into the RSA (not subjected to quarantine)
- https://www.dalrrd.gov.za/Branches/Agricultural-Production-Health-Food-…
Ungaqhagamshela nabani
Contact list: Import and export of animals and animal products