Isicelo sokubhalisa izichumisi ezikuHlelo 2

Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga nokubhalisa isichumiso esikwiQela le-2

Ukwenza okanye ukuthengisa isichumiso esikwiqela le-2, kufuneka ubhalise neGosa loMthetho wama-36 we-1947. Isichumiso seqela le-2 siqulathe ngaphantsi kwe-100kg yenitrogen (N), phosphorus (P) okanye ipotassium (K) njengezona zithako ziphambili. Ezi zichumiso zisekwaziwa njengomgquba.
Kufuneka ube ngummi waseMzantsi Afrika okanye umntu womthetho one-ofisi  eMzantsi Afrika ukuze ebe selungelweni.

Ukuba isichumiso ofuna ukusibhalisa sesibhaliswe ngomnye umntu, kufuneka ufumane imvume ebhaliweyo evela kulowo ubhalise isichumiso phambi kokuba usibhalise.

Kufuneka uthumele isichumiso kwindlu yophando lwenzululwazi esemthethweni phambi kokufaka isicelo. Indlu yophando lwenzululwazi iya kuhlalutya kwaye ivavanye isichumiso ize ikunike isiqinisekiso. Kwisicelo sakho esiya kwiGosa loBhaliso, kufuneka uqhoboshele isiqinisekiso sohlalutyo.

IGosa loBhaliso aliyi kusamkela isicelo sakho ngaphandle kwesiqinisekiso sohlalutyo esivela kwindlu yophando lwenzulwazi esemthethweni.

Qaphale: Kufuneka uhlaziye ubhaliso lwakho rhoqo emva kweminyaka emithathu phambi komhla wama-31 kweyoMnga.

Ofanele kukwenza

  1. Thatha isampulu yesichumiso uyise kwindlu yophando lwenzululwazi ihlalutywe ukuze ufumane isiqinisekiso sohlalutyo
  2. Bhalela iGosa loBhaliso incwadi yengcaciso. Incwadi yakho kufuneka iquke ezi nkcukacha zilandelayo:
    • Igama lesichumiso
    • Inombolo yobhaliso lwesichumiso ukuba sele sibhalisiwe (oko kukuthi wongeza esinye isichumiso kweso sesibhalisiweyo)
    • Ukuba unemvume ebhaliweyo, ukuba isichumiso sakho sele sibhaliswe ngomnye umntu
    • Unesiqinisekiso sohlalutyo
    • Uhlawule ngokupheleleyo kwaye unayo inombolo yesazisi. Oku akuyomfuneko ukuba isicelo sakho uza kusizisa ngokwakho uhlawule isixamali esimiselweyo ngeenkozo kwiSebe lezoLimo, amaHlathi kunye nokuLoba.
  3. Kopa uze uzalise uxwebhu lwesicelo olungezantsi ngokupheleleyo, uquka iinkcukacha zemveliso kunye nokwenziwa kwayo
  4. Qhoboshela incwadi yengcaciso, igama elibhalwe kwimveliso, iSiqinisekiso sokuBandakanywa kunye nesiqinisekiso sohlalutyo sendlu yophando lwenzululwazi kuxwebhu lwesicelo sakho. Yenza ikopi ibenye yesicelo.
  5. Faka amaxwebhu esicelo ngokuphindwe kabini (uxwebhu lwesicelo soqobo kunye nekopi yalo) kunye namaxwebhu aqhotyoshelweyo kwi: Gosa loBhaliso: Act No. 36 of 1947, Private Bag X343, Pretoria, 0001 okanye ungawazisa ngokwakho kwi: Gosa loBhaliso : Act No. 36 of 1947, Agriculture Place, 20 Beatrix Street, Arcadia Pretoria
  6. Hlawula umrhumo omiselweyo ngetsheki, iphetshana eliyimali yaseposini, iphetshana elingumyalelo wemali kuMlawuli Jikelele: iSebe lezoLimo, amaHlathi nokuLoba. Ukuba isicelo kunye nomrhumo wesicelo uza kuzizisa ngokwakho, qinisekisa ukuba ufumene iphetshana elibubungqina bentlawulo (irisiti). Ukuba uza kuhlawula ngekhompyutha, kufuneka uhlawule kule akhawunti:
  7. Igama le-akhawunti: NDA-ACT 36 of 1947
    Inombolo ye-akhawunti : 11 2031 02
    Isazisi: Igama lenkampani yakho 
    Inombolo yesebe: 01 0845
    Igama lebhanki: Standard Bank

Ixesha elimiselweyo

Iinyanga ezintathu ukuya kwezine

Ingaba kubiza malini na

Imali ehlawulwayo yowama- 2025/26

Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa

Application for the Registration of a Group 2 Fertilizer (Isicelo sokubhalisa isichumiso esikwiqela le-2)

Ungaqhagamshela nabani

 

Directorate Agriculture Inputs Control

Tel: 012 319 7103/7847
E-mail address: AICHelpdesk@daff.gov.za
Physical address: 20 Steve Biko Street, Arcadia, Pretoria
Postal address:  Department of Agriculture, Forestry and Fisheries, Private Bag X343, Pretoria 0001

Share this page