Yenza isicelo sokubhalisa izichumisi ezikuHlelo 1

Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga nokubhalisa isichumiso esikwiQela loki-1

Ukwenza okanye ukuthengisa isichumiso esikwiqela loku-1, kufuneka ubhalise kwiGosa loBhaliso loMthetho wama-36 we-1947. Izichumiso zeqela loku-1 ziqulathe ngaphezulu kwe-100kg zenitrogen (N), phosphorus (P) nepotassium (K) njengezithako eziphambili. Zisekwaziwa njengezichumiso ezingengowo umgquba.
                                                                      
Kufuneka ube ne-ofisi esemthethweni eMzantsi Afrika okanye umntu wasemthethweni one-ofisi eMzantsi Afrika ukuze ube selungelweni.                                                                                                                
Ukuba isichumiso ofuna ukusibhalisa sesibhaliswe ngomnye umntu, kufuneka ufumane imvume ebhaliweyo evela kulowo ubhalise isichumiso phambi kokuba usibhalise.
                                                                    
Kufuneka uthumele isichumiso kuyo nayiphi na indlu yophando lwenzululwazi esemthethweni phambi kokufaka isicelo. Indlu yophando lwenzululwazi iya kuhlalutya kwaye ivavanye isichumiso ize ikunike isiqinisekiso sohlalutyo. IGosa loBhaliso aliyi kusamkela isicelo sakho ngaphandle kwesiqinisekiso sohlalutyo esivela kwindlu yophando lwenzululwazi esemthethweni.
                                   
Qaphela: Kufuneka uhlaziye ubhaliso lwakho rhoqo emva kweminyaka emithathu phambi kwama-31 kweyoMnga.     

Ofanele kukwenza

  1. Thatha isichumiso usise kwindlu yophando lwenzululwazi esemthethweni ukuze ihlalutywe ukuze ufumane isiqinisekiso sohlalutyo.                                                                                                        
  2. Bhalela iGosa loBhaliso incwadi yengcaciso. Incwadi yakho kufuneka iquke ezi nkcukacha zilandelayo:                                                                                                                 
    • Igama lesichumiso 
    • Inombolo yobhaliso lwesichumiso ukuba sele sibhalisiwe nesizathu sobhaliso (oko kukuthi wongeza esinye isichumiso kwisichumiso esesibhalisiwe)
    • Ukuba unemvume ebhaliweyo, ukuba isichumiso sesibhaliswe ngomnye umntu     
    • Unesiqinisekiso sohlalutyo 
    • Uhlawule isixamali esipheleleyo kwaye unenombolo yesazisi. Oku akuyomfuneko ukuba isicelo sakho usizisa ngokwakho uhlawule umrhumo omiselweyo ngemali ezinkozo kwiSebe lezoLimo, amaHlathi kunye nokuLoba.                                                        
  3. Kopa uze uzalise uxwebhu lwesicelo olungezantsi ngokupheleleyo, uquka iinkcukacha zemveliso kunye nokwenziwa kwayo                                                                                                     
  4. Qhoboshela incwadi yengcaciso, igama elibhalwe kwimveliso, iSiqinisekiso sokuBandakanywa kunye nesiqinisekiso sendlu yophando lwenzululwazi kuxwebhu lwesicelo sakho. Yenza ikopi ibenye yesicelo.                                                                      
  5. Faka amaxwebhu esicelo ngokuphindwe kabini (uxwebhu loqobo kunye nekopi yalo) kunye namaxwebhu aqhotyoshelweyo kwi: Gosa loBhaliso: Act No. 36 of 1947, Private Bag X343, Pretoria, 0001 okanye ungawazisa ngokwakho kwi: Gosa loBhaliso: Act No. 36 of 1947, Agriculture Place, 20 Beatrix Street, Arcadia Pretoria
  6. Hlawula umrhumo omiselweyo ngetsheki, iphetshana eliyimali yaseposini, iphetshana elingumyalelo wemali kuMlawuli Jikelele: iSebe lezoLimo, amaHlathi nokuLoba. Ukuba isicelo kunye nomrhumo wesicelo uza kuzizisa ngokwakho, qinisekisa ukuba ufumene iphetshana elibubungqina bentlawulo (irisiti). Ukuba uza kuhlawula ngekhompyutha, kufuneka uhlawule kule akhawunti:    
  7. Igama le-akhawunti: NDA-ACT36 of 1947
    Inombolo ye-akhawunti: 11 2031 02
    Isazisi: Igama lenkampani yakho, Inombolo yesebe: 01 0845, Igama lebhanki: Standard Bank.

Ixesha elimiselweyo

Iinyanga ezintathu ukuya kwezintandathu

Ingaba kubiza malini na

Imali ehlawulwayo yowama-2024/25

Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa

Application for the Registration of a Group 1 Fertilizer

Ungaqhagamshela nabani

 

Directorate Agriculture Inputs Control
Tel: 012 319 7103/7847
E-mail: AICHelpdesk@daff.gov.za

Physical address: 20 Steve Biko Street, Arcadia, Pretoria
Postal address:  Department of Agriculture, Land Reform and Rural Development, Private Bag X343, Pretoria 0001

Share this page