Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani
Malunga nokubhalisa kwiziko le-AET
Ingaba ungumntu omdala okanye ungumntu omtsha ofuna ukufumana imfundo esisiseko Ixesha lisekhona; ungabhalisa kwiziko lezeMfundo noQeqesho lwabaDala (i-AET).
I-AET yinkqubo egxile kwiziphumo enjongo zayo ikukubonelela ngezixhobo zokufunda ezingundoqo, ulwazi nezakhono, ize ikuxhobise ngesiqinisekiso sebakala lezemfundo esamkeleke kwisizwe jikelele.
Nabani na ongakhange ayigqibe imfundo esesikweni, abe efuna ukufumana isiqinisekiso sebakala lezemfundo kwiindawo elungele imeko yakhe, angabhalisa nakweliphi na iziko le-AET. Amaziko e-AET asenokubhalisa uvavanyo lokukhangela ukuba ufanele ukungena kweliphi na inqanaba le-AET kukho elokuqala, elesibini okanye elesithathu.
Kokuphi omawukwenze
- Bhalisa kwiziko le-AET elikufutshane nawe.
- Faka isatifikethi sokuzalwa sakho okanye incwadi-saziso yakho kunye nayo nayiphi na ingxelo yakho yesikolo.
Kuthatha ixesha elingakanani ukubhalisa
Ukubhalisa kungathatha iveki enye ukuya kwezimbini.
Kubiza malini
Imirhumo yokubhalisa yohluka ngokweziko ngalinye.
Iifomu emazigcwaliswe
Ifomu yokubhalisa ungayifumana kumaziko eMfundo esiSiseko yaBadala noQeqesho (i-ABET).
Ungaqhagamshela nabani
Official |
Province |
Tel |
Fax |
Mrs Z Mgoduka |
Eastern Cape |
040 608 4024 |
040 608 4660 |
Ms NF Gxwati |
Free State |
051 404 8800 |
051 430 0863 |
Ms T Masondo |
Gauteng |
011 355 0753 |
011 355 0343 |
Mr Muzi Mahlambe |
KwaZulu-Natal |
033 341 8506 |
033 341 8802 |
Ms SR Mantshiu |
Limpopo |
015 291 2564 |
015 291 2012 |
Ms N Molemane |
Mpumalanga |
013 766 5370 |
013 766 7231 |
Mr R Phillips |
Northern Cape |
053 839 6349 |
053 830 2308 |
Ms J Mekgoe |
North West |
018 389 8130 |
018 389 8246 |
Mr A Damon |
Western Cape |
021 467 2606 |
021 467 9385 |