Isicelo semvume yokuqokelela incindi yobudoda

Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga nesicelo sokuvunyelwa ukusebenzisa isilwanyana njengomnikeli ngencindi zemveliso

Khon’ukuze ubenako ukuqokelela incindi yemveliso kwisilwanyana, kufuneka ufumane imvume kuMbhexeshi wophuculo lwezilwanyana.

Kufuneka uthathe umlinganiselo wegazi njengomzekelo wegazi lesilwanyana eso ofuna ukusisebenzisa ukuqokelela incindi zemveliso. Thumela umlinganiselo lowo wegazi kwicandelo elivunyiweyo lokuvavanya incindi zomzimba ukwenza uvavanyo. Icandelo elo lovavanyo lizakukunika isiqinisekiso esinenkcukacha zonke zomzimba ngesilwanyana eso. Isiqinisekiso siyafuneka ukuze abazalisi bemfuyo baqinisekise ngomnombo nobunjani besilwanyana.

Kuzokufuneka ugqirha wezilwanyana karhulumente asihlole isilwanyana eso. Qhagamshelana negosa lonyango lwezilwanyana kwiSebe leZolimo, kwiphondo okulo. Khon’ukuze isilwanyana sivumeleke ukuba sinikele ngencindi zemveliso kufuneka sibekanti sikwimo entle empilweni kwaye asinazifo. Ugqirha wezilwanyana uyakuhlola incindi zemveliso zesilwanyana eso ukuqinisekisa ukuba sikumgangatho oncomekayo kwaye siyazifikelela zonke imfuno. Emva kohlolo ugqirha wezilwanyana uzakugcwalisa  atyikitye isigaba isinikezela ngemvume soxwebhu. Usenokuzichongela owakho ugqirha wezilwanyana wabucala ukuba akutyikityele isiqinisekiso eso.

Xa sele usifakile isicelo sakho, umbhesexhi nentlanganisela yabazalisi bezilwanyana bazakuqinisekisa ubunyani benkcukacha ozifakileyo zikagqirha wezilwanyana nezo zisuka kwiziko lezovavanyo lwencindi zomzimba. Ukuba banelisekile zinkcukacha ezo, umbhexeshi uzakukwazisa ukuba uzise isilwanyana eso kugqirha wezilwanyana sivavanywe, khon’ukuze ufumane isiqinisekiso sovavanyo.

Ukuba kubekho ukungahambisani ngendlela ekudibaneni kwencindi zemveliso kuhlobo oluthile lwesilwanyana, uMbhexeshi uyawukukwazisa ukuba ufake isiqinesikiso sobume bencindi zesini zesilwanyana eso sisetyenzisiweyo. Ukuba uMbhexeshi kunye nentlanganisela yabazalisi bezilwanyana abanelisekanga, bayakukwazisa.

Qaphela: Ukuba ufuna ukusebenzisa izilwanyana ezibini nangaphezulu ukuqokelela incindi ezo zemveliso, kufanele ufake isicelo esahlukileyo ngesilwanyana ngasinye.

Ofanele kukwenza

  1. Thatha umlinganiselo wegazi njengomzekelo wegazi lesilwanyana eso ofuna ukusisebenzisa ukuqokelela incindi zemveliso, uwuse kwiziko elivunyiweyo lokuvavanya incindi zomzimba.
  2. Qhagamshelana neSebe leZolimo, kwiphondo okulo, khon’ukuze udibane negosa lonyango lwezilwanyana.
  3. Bhatala imali eyintlawulo ngetsheke, ngeodolo yeposi, okanye uhlawule ngqo kuMlawuli Oyintoko: Isebe leZolimo, Amahlathi, NokuLoba. Ukuba uzakusifaka ngokwakho ngesandla isicelo eso nemali eyintlawulo, kufuneka uqiniseke ukuba ufumana isiqinisekiso sentlawulo: Ukuba uhlawula ngomtshini (Electronic Transfer Account), kufuneka usebenzise ezinkcukacha zebhanki zilandelayo: Mlawuli jikelele: Isebe lezolimo, Amamhlathi nokuloba, Standard Bank, inombolo yeakhawunti: 011219556, Igatya: Arcadia, inombolo yegatya: 000845/010845. Ref: Igama lakho nefani.
  4. Fumana uxwebhu lwesicelo olufaneleyo kwikhompuyutha. Gcwalisa isigabasokuqala nesesithathu kuxwebhu.
  5. Ncamathisela isiqinisekiso sencindi zomzimba zesilwanyana kunye nesiqinisekiso sentlawulo kuxwebhu lwakho lwesicelo.
  6. Thumela amaxwebhu akho esicelo ngeposi ku: Private Bag X138, Pretoria, 0001, okanye uzise ngqo ngesandla kuledilesi: Delpen Building, Cnr Annie Botha Avenue and Union Street, Riviera, Pretoria.

Ixesha elimiselweyo

Iintsuku ezingamashumi amathathu.

Ingaba kubiza malini na

R620

Ungaqhagamshela nabani

 

Registrar: Animal Improvement

Tel.: 012 319 7424/34
Fax: 012 319 7570/7425

Physical address: Delpen Building, Cnr Annie Botha Avenue and Union Street, Riviera, Pretoria
Postal address: The Registrar of Animal Improvement, Private Bag X138, Pretoria, 0001.

 

Share this page