Faka kweli izilwanyana eziphilayo iinkukhu kunye nencindi yemvelo

Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga nokufaka kwedli isilwanyana esiphilayo, iinkukhu kunye nencindi yemvelo

Ukuba ufuna ukufaka kweli izilwanyana eziphilayo ,inkukhu nencindi yemvelo efana nencindi yobudoda namaqanda obufazi kweliloMzantsi Afrika. Faka isicelo semvume kuMbhexeshi wophuculo lwezilwanyana ukuze ufake izilwanyana kweli okanye incindi yemvelo kweliloMzantsi Afrika. Faka isicelo intsuku ezimgamashumi amathathu phambi kokuba uthenge phesheya.

kufuneka ufake esinye isicelo sesiqinisekiso sonyango lwezilwanyana kuMlawuli wempilo yezilwanyana.

Ofanele kukwenza

  1. Gcwalisa amaxwebu wezicelo olulandelayo:
    • isicelo soku faka kweli izilwanyana nencindi yemvelo
    • isicelo sokufaka kweli inkukhu okanye amaqanda
  2. Ukufaka isilwanyana kweli kufuneka wenze oku kukalndelayo:
    • Fumana isiqinisekiso kumbhexeshi owaziwayo kwilizwe othenga kulo. Isiqinisekiso kufuneka sibonakalise uhlobo lwegazi (DNA) lesilwanyana nembali yobomi besilwanyana. Ukuba awukwazanga kufumana isiqinisekiso, iyakuba luxanduva lwakho ukusa isilwanyana kuvavanya lohlobo llwegazi apha eMzantsi Afrika. Kufuneka usivavanye zingekapheli intsuku ezingama 30 emva kokuba sifikile isilwanyana.
    • Ulwamkelo ngabazalisi bemfuyo base Mzantsi Afrika
    • Namathelisa isiqinisekiso sohlolo lwegazi DNA (ukuba ukwazile ukufumana isiqinisekiso).
  3. Ukufaka kweli isilwanyana esingekazalwa, kufanele wenze okulandelayo:
    • Thinta umbhexeshi owaziwayo kwilizwe ofuna ukuthenga kulo.
    • Umbhexeshi kufanele akunike isiqinisekiso sohlobo lwegazi DNA lwesilwanyana esisetyenzisiweyo kwesi silwanyana singekazalwa. Awukwazi kwenza uvavanyo lwesilwanyana esingeka zalwa kwelo eMzantsi Afrika.
    • Ulwamkelo ngabazalisi bemfuyo base Mzantsi Afrika.
    • Ncamathelisa isiqinisekiso sohlobo lwegazi DNA.
  4. Ukuthenga incindi yemvelo phesheya , kufanele wenze oku kulandelayo:
    • Qasha iArhente yokuthenga phesheya incindi yemvelo, ibhale ize iphawule incindi yemvelo ofuna ukuyifaka kweli.
    • Thinta umbhexeshia owaziweyo welizwe ofuna ukuthenga kulo
    • Umbhexeshi kufanele akunike isiqinisekiso sohlobo lwegazi DNA kunye neenkcukacha ezipheleleyo zesilwanyana ngasinye ekufumenwe kuso incindi yemvelo
    • awukwazi kuvavanya incindi yemvelo kweli lomzantsi Afrika.
    • Ncamathelisa isiqinisekiso sohlobo lwegazi DNA.
    • Ulwamkelo ngabazalisi bemfuyo base Mzantsi Afrika.
  5. Ukufaka inkukhu okanye amaqanda asele elungele ukuzaliswe, kufanele wednze okukulandelayo:
    • Bhalela umlawuli incwadi yezincomo: Inkonzo zonyango lwezilwanyana.
    • Incwadi yakho kufanele ichaze izizathu zokuthi kutheni ufuna ukufaka kweli loMzantsi Afrika amaqanda neenkukhu.
    • Thinta umthengis lowo wangaphandle othenga kuye amaqanda nenkukhu.
    • Umthengise wanga phandle kufanele akunike isiqinisekiso senkukhu nama qanda, eqinisekisa iminyaka yezo nkukhu namqanda.
    • Faka incwadi nesiqinisekiso esisuka kumthengisi waphesheya.
    • ukuba uhlawula nge tsheki okanye idolo yase posini yenze iye kumlawuli jikele wesebe , Department of Agriculture, Forestry and Fishieries bona idilesi ngezantsi.
    • Unga hlawula eofisini yeSebe Lezolimo, Amahlathi nokuloba
    • Uphawu lwempahla ligama nefani ya lowo uthengayo
    • Apho ufakela omnye umntu qinisekisa ukuthi uhlawula egameni lalomntu okanye igama le kampani
    • Umlawuli , wophuculo lwezilwanyana uzakwenza isicelo sakho adlulisele iphepha-mvume lakho  kumlawuli wempilo yezilwanyana.
    • Faka isicelo sesiqinisekiso wogrirha wezilwanya  kumlawuli wempilo yezilwanyana, qhagamshelana nabo kule nombolo (012) 319 7514.
    • Kufuneka uwakhuphe omabini amaphepha mvume uwanike igosa lezonyalo lwezilwanyana kwizibuko longena, kunye nesiqinisekiso sempilo esokhutshwa lilizwe elithumelayo.
    • Asikho isicelo esizakujongwa ngaphandle kobungqina bokuthi khuhlawuliwe.

Qaphela: Ukususela kwizibuko lokungena, iinkhukhu namaqanda aza kuhanjiswa phantsi kweliso logqirha wezilwanyana  okanye ngemoto evalwe ngugqirha.

Ixesha elimiselweyo

Kuza kuthabatha intsuku ezingamashumi amathathu ukugqiba isicelo.

Ingaba kubiza malini na

Tariffs 2023/24

Ungaqhagamshela nabani

Iofisi ka zwelonke

Tel: 012 319 7424/34
Fax: 012 319 7570/7425
City/town: Pretoria
Iphondo: Gauteng
Idilesi yendawo:Delpen Building, Cnr Annie Botha Avenue and Union Street, Riviera, Pretoria
Idilesi yeposi: The Registrar of Animal
Improvement, Private Bag X138, Pretoria, 0001

 

National office

Tel: 012 319 7424/34
Fax: 012 319 7570/7425
City/town: Pretoria
Province: Gauteng

Physical address: Delpen Building, Cnr Annie Botha Avenue and Union Street, Riviera, Pretoria.

Postal address: The Registrar: Animal Improvement, Private Bag X138, Pretoria, 0001.

Share this page