Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani
Malunga nokufaka isicelo semvume yokuba ngumqhubi
Ukuze uqhube endleleni kawonke-wonke uthutha impahla, izinto ezinobungozi okanye abakhweli eMzantsi Afrika, oko ukwenzela ingeniso, kufuneka ube nemvume yokuqhuba njengengcali esisigxina (PrDP).
Le mvume ikhutshwa njengesongezo phezu kwephepha-mvume lakho lokuqhuba eliqhelekileyo. IMvume yokuQhuba njengoMqhubi oyiNgcali esisigxina ifuneka xa uqhuba ezi ndidi zezithuthi:
- isithuthi sokuthutha impahla esibunzima bungaphezu kwama-3 500 kg
- isithuthi esitsala ezinye ezonakeleyo okanye uduladula/ibhasi
- iteksi/uduladula omncinane (ibhasi encinane) ebunzima bungaphaya kwama-3 500 kg okanye eyenzelwe ukuthwala abantu abali-12 okanye ngaphezulu (kuquka nomqhubi)
- iimoto ezincinane, ziboniswe kwicandelo lwezoqoqosho njengezithutha abakhweli, oko zikwenzela inzuzo (iiteksi ezizimoto ezincinane)
- isithuthi esenzelwe ukuthwala abantu abali-12 okanye ngaphezulu
- nasiphi na isithuthi ekufuneka sikhutshelwe iphepha-mvume ukuze sisebenze
- isithuthi esithutha izinto ezinobungozi (umzekelo esithutha ipetroli njalo njalo).
Ubudala obumiselwe ngokwasemthethweni bokuqhuba iindidi zezithuthi bobu bulandelayo:
- izithuthi ezithwala impahla - kufuneka ube neminyaka eli-18 okanye ngaphezulu
- izithuthi ezithwala abakhweli - kufuneka ube neminyaka engama-21 ubudala okanye ngaphezulu
- izithuthi ezithwala izinto ezinobungozi - kufuneka ube neminyaka engama-25 okanye ngaphezulu.
Ungakwazi ukufumana iMvume yokuQhuba njengoMqhubi oyiNgcali esisigxina ukuba:
- unephepha-mvume elisemthethweni lesithuthi eso kuthethwa ngaso
- uqinisekiswe ngugqirha ukuba ngokwasempilwleni ukulungele ukuqhuba eso sithuthi
- uqinisekiswe liqumrhu elifanelekileyo loqeqesho (oku kufunwa kuphela xa uqhuba izithuthi (ezithutha izinto ezinobungozi) ezikwicandelo D)
- akuzange wabanjwa wagwetyelwa ulwaphulo-mthetho kwiminyaka emihlanu edlulileyo elolu hlobo:
- ukuqhuba isithuthi uphantsi kweempembelezo zotywala okanye isiyobisi esinefuthe lokudakumbisa
- ukuqhuba isithuthi lo gama ubungakanani botywala egazini okanye kumphefumlo budlulile kumlinganiselo omiselwe ngokwasemthethweni
- kwimeko yokufaka isicelo semvume yecandelo P kunye no-D, ityala apho ubundlobongela bebuyinxalenye
- alizange laxhonywa iphepha-mvume lakho
- akuzange wagwetyelwa ulwaphulo-mthetho okanye wahlawula isohlwayo sokuvuma ityala.
Njengosebenzisa okanye njengomnini wesithuthi ekufuneka enemvume yokuba ngumqhubi oyiNgcali esisigxina, awunakho ukuvumela omnye umntu aqhube isithuthi kwindlela kawonke-wonke, ngaphandle kokuba naye unemvume esemthethweni yokuqhuba njengomqhubi oyingcali esisigxina yodidi olufanelekileyo lwesithuthi.
Ofanele kukwenza
- Yiya kwiziko lovavanyo lwelayisenisi yokuqhuba (i-DLTC) uze ugcwalise ifomu (i-PD1) yokuFakaisiCelo sePhepha-mvume lokuqhuba ngobuchule.
- Gcwalisa ifomu (i-NCP) yesaziso sokutshintshwa kwedilesi okanye iinkcukhacha zomntu okanye umbutho.
- Phatha oku kulandelayo:
- Incwadi yesazisi (i-ID), ikhadi lelayisenisi yokuqhuba, okanye ipaspoti yoMzantsi Afrika esemthethweni.
- Iifoto zakho ezine ezifanayo ezingenambala. Kufuneka uqale ngokuqinisekisa kwiziko le-DLTC ukuba bafuna iifoto ezingaphi phambi kokuthatha iifoto.
- Ilayisenisi yokuqhuba esemthethweni (ikhowudi yesithuthi esifanayo neso ufaka isicelo saso)
- Isatifikethi soqeqesho (ukuba ngaba siyafuneka)
- Isatifikethi sikagqirha (kuphela ukuba ngaba asinaxesha lingaphezulu kweenyanga ezimbini sikho)
- Elinye iphepha-mvume lokuqhuba ngobuchule okanye iphepha-mvume lokuqhuba kawonkewonke onayo
- Isiqinisekiso sedilesi yeposi nesendawo ohlala kuyo umz., ileta ye-akhawunti kamasipala. Ukuba ngaba ayibhalwanga ngegama lakho, umnikazi wayo kufuneka enze inkcazelo efungelweyo echaza ukuba uhlala kulo dilesi ize ileta ye-akhawunti leyo ihambe nale nkcazelo ifungelweyo.
- Ukuba ngaba uhlala endaweni engamatyotyombe, kufuneka uze nencwadi engqina idilesi yakho yeposi nendawo ohlala kuyo enestampu esisesikweni esigximfizwe nguceba wewadi.
- Umrhumo wentlawulo omiselweyo.
- Uza kwenza uvavanyo lwamehlo kwiziko lokuvavanya. Kungenjalo, ungalenza kugqirha wamehlo ofanelekileyo uvavanyo uze ungenise ifomu.
- Emva kokuhlawula, uza kuthunyelwa kwisikhululo samapolisa esikufutshane uyokucela ingxelo yokugwetywa ngenxa yolwaphula-mthetho. Ukuba ngaba i-DLTC inecandelo lokufaka iinkcukhacha ngoko nangoko (i-LCU), ingxelo yolwaphula-mthetho iza kuthunyelwa ngekhompyutha kwisikhululo samapolisa.
- Kufuneka ufake umrhumo wokufaka isicelo ebhankini kule akhawunti ingezantsi phambi kokuba kusetyenzwe ngesicelo sakho.
Iinkcukhacha zebhanki zokufaka umrhumo wokufaka isicelo:
Igama le-akhawunti: IdecoAFISwitch (Pty) Ltd
Ibhanki: ABSA
Isebe: Business Banking Johannesburg North
Uhlobo lwe-akhawunti: Cheque
Inombolo ye-akhawunti: 4074078548
Ikhowudi yesebe: 630256
Ireferensi: Bhala inombolo ye-ID yomfaki-sicelo. - Uza kwaziswa xa ikhadi le-PrDP lilungele ukulandwa. Phatha isazisi esifana ne-ID xa ulanda ikhadi lakho. Nawaphi na amakhadi angalandwanga kwiintsuku ezi-120 aya kutshatyalaliswa.
Ingaba kubiza malini na
Qhagamshelana ne-ofisi yakho yasekuhlaleni ekhupha iimpephamvume uze ufumane amaxabiso.
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
- Uxwebhu lwesicelo semvume yokuba ngumqhubi oyingcali esisigxina (PD1)
- Uxwebhu lwesicelo sesiqinisekiso sikagqirha (MC)
La maxwebhu ayafumaneka kulo naliphi na iziko lokuvavanyelwa iphepha-mvume lokuqhuba kunye ne eNatis.
Contact the relevant municipality