INgxelo eyenziwe nguMongameli Cyril Ramaphosa ngeNkqubela-phambili kwiiNzame zeSizwe zokuNqanda ukwanda koBhubhane we-COVID-19

Bemi boMzantsi Afrika, 

Ziinyanga ezili-15 ngqo oko sabhengeza iMeko yeSizwe yeNtlekele njengempendulo kubhubhane wentsholongwane ye-corona. 
Zange sakhe saba namava entlekele yezempilo engqongqo ngolu hlobo ngaphambili, nethabatha ixesha elide ngaka.

Iyaqondakala into yokuba uninzi lwabemi boMzantsi Afrika ludiniwe ngoku.

Sizilela ubomi babantu abaninzi esiphulukene nabo, kwaye siyasokola ukumelana nefuthe obenalo lo bhubhane kwiindlela zokuziphilisa zezigidi zabantu. 

Ndiyazi ukuba siphelelwe ngumonde wezithintelo ezibekwe kubomi bethu. 

Ndiyiqonda kakuhle into yokuba nixhalabile malunga nezithintelo ezithintela inkululeko yenu yokukhenketha, ukudibana, ukudibanela ulonwabo, ukunqula kwaye, kwamanye amatyeli, kanti nokwenza imali yokuziphilisa.  

Nangona kunjalo, siyazi ukuba ezi zithintelo zimiselelwe ukunqanda ukwanda kwale ntsholongwane.

Sigqithe saza sanyamezela amatyeli amabini atshabalalisayo osulelo.

Kodwa siye sasebenzisana sehlisa usulelo saza sathintela ilahleko yobomi babantu abaninzi. 

Siyazi ukuba nangona bezinzima ezinyanga zili-15 ezigqithileyo, siqalile ukuchacha nokwakha kwakhona.  

Nangona iye yamane idibana neengxaki ezininzi ebeziyibuyisela emva inkqubo yethu yokugonya iinginginya, ifumana amandla kwaye ekugqibeleni sisendleleni eya ekusilawuleni esi sifo.  

Kodwa nangona sinesizathu sokuba nethemba, kusekho intaba ekufuneka siyonyukile.

Ityeli lesithathu losulelo lisongamele. Kufuneka sinqande ukwanda kweli tyeli litsha losulelo. 

Oko ndigqibele ukuthetha nani kwiiveki ezimbini ezigqithileyo, umyinge wenani losulelo olutsha ngosuku liphindwe kabini.

Emveni koko, besifumene ingxelo yosulelo olumalunga nama-3 700 ngosuku. 

Kwezi ntsuku zisixhenxe ezigqithileyo, sifumene ingxelo yomyinge wosulelo olungama-7 500 ngosuku.

Inani labantu abalaliswe ezibhedlele ngenxa ye-COVID-19 kwezi ntsuku zili-14 ezigqithileyo lingaphezulu ngeepesenti ezingama-59 kuneentsuku ezili-14 eziphambi kwazo.

Umyinge wenani labantu abasweleka ngenxa ye-COVID-19 usuku ngalunye wonyuke ngeepesenti ezingama-45 ukususela kuma-525 kwiiveki ezimbini ezigqithileyo ukuya kuma-791 kwiintsuku ezisixhenxe ezigqithileyo.

Ngaphandle kwakuMntla Kapa, inani losulelo liyonyuka kuwo onke amaphondo.

Amaphondo amane – iRhawuti, iFreystatha, uMntla Ntshona kunye noMntla Kapa – akwityeli lesithathu ngokusesikweni, ngethuba amanye elichwechwela.

Inani lovavanyo lwe-COVID-19 eliphume linayo le ntsholongwane – elibizwa ngokuba lizinga losulelo – liyaqhubeka nokonyuka eRhawutini, eLimpopo, eNtshona Koloni, eFreystatha naKwaZulu-Natal. 

Kwezi, iRhawuti lelona lichaphazeleka kakhulu. 

Phantse isibini kwisithathu sezehlo esitsha ezifunyenwe kule veki iphelileyo ziphaya.

Ukwanda kosulelo eRhawutini ngoku kuyakhawuleza kwaye konyuka ngaphezulu kwexesha elifanayo kumatyeli agqithileyo. 

Kwisithuba nje seentsuku, ilindelekile into yokuba inani lezehlo ezitsha eRhawutini liza kugqitha inkcochoyi yetyeli lesibini.

Izibhedlele zabucala kweli phondo sele zinike ingxelo yokuba sele kukufutshane ukuba zigcwale.
Kufuneka sisebenze ngengqiqo nangokukhawuleza ukuze sisindise ubomi babantu.

Kwaye ukwenza oku, kufuneka sibuyele kwizinto ezisisiseko.

Kufuneka sizikhumbuze ukuba le ntsholongwane isasazeka njani ukuze umntu ngamnye kuthi aqinisekise ukuba uziphatha ngendlela ecutha amathuba osulelo. 

Kufuneka sizinanze iindlela zokulumka ezisisiseko esizaziyo ukuba zibalulekile. Iinzululwazi zethu zisixelela ukuba le ntsholongwane isasazeka ngenxa yendlela esiziphatha ngayo.

Kufuneka sikhumbule ukuba abantu abaninzi abane-COVID-19 ababonakalisi zimpawu.

Umntu onokuba uhleli ecaleni kwakho eteksini, onokuba ngugxa wakho emsebenzini okanye ongumhlobo, okanye nelungu losapho kwindibano yobumnandi usenokuba wosulelekile

Ungosuleleka ngethuba uhamba ngeteksi eneefestile ezivaliweyo.

Ungafumana le ntsholongwane kugxa wakho emsebenzini ongasinxibiyo isigqubutheli-buso ngendlela eyogquma impumlo nomlomo wakhe.

Umhlobo wakho okanye ilungu losapho mhlawumbi khange lizihlambe izandla okanye lisebenzise isibulali-ntsholongwane phambi kokuba likugqithisele isiselo okanye ipleyti yokutya, ze uphethe usosuleleka. 
Mhlawumbi ungaya kundwendwela abazali bakho abolupheleyo okanye abazali babo, ungazi ukuba wosulelekile ze ubosulele nabo. 

Ungandwendwela isizalwane sakho esinesifo seswekile, uxinzelwelo lwegazi okanye esinye isigulo aphila naso ze umosulele, nangona uziva uphilile.

Ungaya ecaweni okanye etyalikeni, okanye kwirestyu egcweleyo okanye kwindawo yokuthenga ube ngalo lonke eli xesha ugqithisa le ntsholongwane ubeka impilo nobomi babanye abantu emngciphekweni.

Ngelishwa, kulula ngolo hlobo ukugqithisa esi sifo.

Xa sisazi ukuba siye sadibana nomntu owosuleleke yi-COVID-19, kufuneka silandele umthetho wokuzivalela iintsuku ezilishumi nokuba kuyinkxamleko engakanani na kuthi.

Le yenye yezona ndlela zilungileyo zokunqanda le ntsholongwane inganweni nangakumbi.

Utshintsho olungephi kwindlela esiziphatha ngayo lungenza umohluko omkhulu kakhulu. 

Sekukaninzi sithetha ngale nto, kodwa iyakufuna ukuphidwa ngoba amaxesha amaninzi siba nakho ukusilela kwindlela esiziphatha ngayo.

Kufuneka sikhuthale nangakumbi, singaguquguquki sizinanze nangakumbi iintshukumo zethu.

Ukuba siyaqaphela kwaye siyakhuthala singalucutha usulelo ze sehlise izinga lalo.

Okona bebambalwa abantu abosulelekayo ngexesha, kokona besiba mbalwa abantu abagulayo, babembalwa abantu abadinga ukulaliswa esibhedlele, babembalwa abadinga inkathalo ephantsi kweliso elibukhali, babembalwa abantu abadinga oomatshini bokuphefumla.  

Into esiyaziyo ngenxa yala matyeli mabini osulelo agqithileyo, nakumava ehlabathi liphela, kukuba xa amaziko ezempilo onganyelwe, siphulukana nobomi babantu abaninzi. 

Into engundoqo kuthi ngoku kukuqinisekisa ukuba kukho iibhedi zesibhedlele ezaneleyo, abasebenzi bezempilo aboneleyo, oomatshini bokuphefumla aboneleyo nomoya owaneleyo ukunika eyona nkathalo ilungileyo ekwazekayo kumntu ngamnye oyidingayo.

Oku kwanda kakhulu ngesaquphe kosulelo olutsha kuthetha ukuba kwakhona kufuneka siqinise izithintelo zeentshukumo zabantu kunye neendibano.

Sidinga ukubethelela ukuthotyelwa kwezithintelo ngendlela engqongqo nangakumbi kwaye sidinga ukuthabatha amanyathelo angqingqwa ngakwabo bangayilandeliyo imimiselo.

Ngenxa yokonyuka kosulelo, sithabathe isigqibo sokusa ilizwe kwiNqanaba lesi-3 lesiLumkiso.

Oku kuza kuqala ekuhambeni kobu suku banamhlanje emveni kokuba le mimiselo ipapashwe kwiphephandaba lakwarhulumente.
Oku kuthetha ukuba:
- Iiyure zexesha lokuba sendlini ziza kuqala ngentsimbi yeshumi ebusuku ziphele ngeyesine kusasa.
- Iindawo ezingesosiseko ezifana neerestyu, iibhari, iindawo zokuzilolonga kuza kufuneka ukuba zivalwe ngentsimbi yethoba ebusuku ukuvumela abasebenzi nabaxhasi ukuba bakwazi ukuya kufika emakhaya phambi kokuba ziqale iiyure zokuba sekhaya.
 
- Zonke iindibano ziza kugqingqwa kwinani labantu abangama-50 xa zingaphakathi nekhulu xa ziphandle.  
Xa indawo ingekho nkulu ngokwaneleyo ukuba ingasingatha la manani kube kukho ukuchaselana okwaneleyo, mayingagcwali ngaphezulu kwesiqingatha somthamo wayo.

Oku kuquka iinkonzo zezenkolo, imisitho yezopolitiko kunye neendibano zolonwabo, kunye neerestyu, iibhari, iithaveni kunye neendawo ezifana nazo.

- Abantu abasezingcwabeni nakutshiso lwemizimba mabangabikho ngaphezulu kwama-50 kwaye yonke imithetho yokuchaselana neyezempilo kufuneka ilandelwe. 

Imilindo, kunye neendibano zasemveni kwesingcwabo azivumelekanga.

- Ukuthengiswa kotywala obuza kusetyenziswa kwenye indawo ezivenkileni kuza kuvunyelwa phakathi kuka-10 kusasa no-6 emalanga, ukususela ngoMvulo ukuya kutsho ngoLwesine.

Oku akuzibandakanyi iintsuku zeeholide zoluntu.

Ukuthengiswa kotywala obuza kuselelwa kuloo ndawo kuza kuvunyelwa ngokwemiqathango yeempepha-mvume zalo ndawo buselelwa kuyo de kube ngo-9 ebusuku. 

Ukuselwa kotywala kwiindawo zoluntu, ezifana namalwandle, neepaki, akuvunyelwanga konke konke. 

Kuzo zonke iimpendulo zethu kulo bhubhane, siye sazama ukuthabatha amanyathelo afanelekileyo nalingana nogrogriso losulelo.

Ukuba siphendula ngokungxama, okanye simisele amanyathelo aqatha kakhulu, uqoqosho lwethu luza kusokola.

Ngaxeshanye, ukuba siphendula kade, okanye ukuba impendulo yethu i-ethe-ethe, sizibeka emngciphekweni wokulahlekelwa lulawulo lwale ntsholongwane.

Ngoko ke, sizibeke iliso lokhozi iinkcukacha saza sazithathela ingqalelo iingcebiso zeenkcutshe kunye neenzululwazi zethu.

Amanyathelo esiwabekayo ngoku afanele inqanaba lomngcipheko elidingekayo ukuze sisindise ubomi babantu.

Ngaphaya koko, amanyathelo amaninzi abalulekileyo aza kuhlala enjalo.

Kusanyanzelekile ukuba wonke umntu anxibe isigqubutheli-buso esigquma impumlo nomlomo ngawo onke amaxesha kwiindawo zikawonke-wonke.

Kululwaphulo-mthetho ukungenzi ngolu hlobo.

Abanikazi kunye nabalawuli bezakhiwo zikawonke-wonke, iindawo zokuthenga, iivenkile, iirestyu, iiteksi kunye neebhasi bonke banoxanduva lokuqinisekisa ukuba abantu abakwiindawo zabo okanye kwizithuthi zabo banxiba izigqubutheli-buso. 

Kufuneka baqinisekise ukuba kukho amanyathelo okuchaselana afanelekileyo nokuba ayalandelwa.

Kubalulekile ukukhumbula ukuba kululwaphulo-mthetho ukuba inani labantu abakwezi ndawo bogqithe umlinganiselo wenani labathengi okanye abasebenzi abavumelekileyo ukuze kubekho ukuchaselana okukuko.

Ukutshintshela kwiNqanaba lesi-3 lesiLumkiso kuza kuchaphazela inani leenkalo zobomi bethu kwaye kungadinga ukuba kubekho utshintsho kwizinto ebesicwangcise ukuzenza.

Oku kuquka, umzekelo, amalungiselelo esikhumbuzo soSuku loluTsha, ebesihlelelwe ukubanjelwa eMgungundlovu ngomso.

Lo msitho ngoku uza kuba ntlangothi mbini, nto leyo eza kucutha inani labantu abakho ngobuqu ngokumandla, kunye nentetho kaMongameli ye-intanethi.

Umntu ngamnye kuthi unoxanduva lokuthabatha amanyathelo ayimfuneko ukukhusela thina kunye nabanye abantu.

Kukuthi singabanye ukucutha umngcipheko kuthi nakwabanye abantu.

Sonke siyayiqonda into yokuba inkqubo yethu yokugonya iye yaba nokulibaziseka okuninzi.

Ukulibaziseka kwethu kokuqala kwakusemveni kokuba kufike isixa sethu sokuqala samachiza okugonya, iinzululwazi zethu zafumanisa ukuba ichiza lokugonya eliyi-AstraZeneca esasilithenge kwi-Serum Institute yaseNdiya zange linike ukhuseleko ngakuhlobo olubalaseleyo eMzantsi Afrika.

Sikwachatshazelwe kakhulu kukungabikho kwamachiza okugonya oneleyo kwihlabathi liphela, nto leyo eye yabasisithintelo kwiinkqubo zokuthintela kwi-Afrika iphela nakwamanye amazwe anengeniso ephantsi okanye ephakathi.

Emva kokulibaziseka kwe-AstraZeneca, ichiza lokugonya lakwa-Johnson & Johnson laye labangathi lelona lilungele eli lizwe kuba likhusela ngakolu hlobo, kuba lifuna ithamo elinye kuphela kwaye kulula ukuligcina nokulithutha.

Kodwa, ukufumaneka kwamachiza okugonya akwa-Johnson & Johnson kwaye kwabanjezelwa luphando lokungcoliseka kwezithako kumzi-mveliso afumana kuwo izithako e-Baltimore eMelika.

Kude kube ngoku, inkqubo yethu yokugonya iinginginya kuye ngenxa yoko kwafuneka ixhomekeke kwichiza lokugonya lakwa-Pfizer, elifuna amathamo amabini.

Nangona kunjalo, ukuza kuthi ga ngoku abasebenzi bezempilo abangama-480 000 balifumene ichiza lokugonya lakwa-Johnson & Johnson njengenxalenye yesiGaba sokuQala sale nkqubo.

Njengenxalenye yesiGaba sesiBini, abanye abasebenzi bezempilo kunye nabantu abangaphezulu kweminyaka engama-60 abazizigidi eziyi-1.5 sele befumene ithamo lokuqala lechiza lokugonya lakwa-Pfizer.
Oku kwenza ukuba inani elipheleleyo labantu abafumene ithamo lokuqala liphantse libe zizigidi ezibini.

Isantya sokugonya sonyuke ngokuthe chu, kwaye ngoku sigonya malunga nabantu abangama-80 000 ngosuku kumaziko angaphaya kwama-570 kwicandelo likarhulumente nelabucala.
Eli nani lizakwanda ngokukhawuleza kwezi veki zizayo, ngethuba sijolise ekukhuseleni abantu abasesichengeni abaninzi kangangoko.

Iingxaki zechiza lokugonya lwakwa-Johnson & Johnson zisonjululwe ngoku.

Ngenxa yezi ngxaki, amathamo azizigidi ezibini ebesele evelisiwe awasebenziseki.

Umzi-mveliso wakwa-Aspen oseGqeberha eMpuma Koloni ngoku uyakwazi ukuqhubeka nokuvelisa amathamo amatsha.

Le nkampani izibophelele ekukhawuleziseni uphuhliso ngokumandla nokuqalisa ukuvelisela ilizwe kwezi ntsuku zimbalwa zizayo. 

Ukuza kuthi ga ngoku, sesifumene amathamo echiza lokugonya lakwa-Pfizer azizigidi ezingama-2.4.

Silindele ukuba ithi iphela eyeSilimela sibe sesifumene amathamo akwa-Pfizer azizigidi ezingama-3.1.

Sifumene isalathiso kwa-Johnson & Johnson sokuba ulindele ukuzisa malunga nezigidi ezibini zamachiza okugonya eMzantsi Afrika xa iphela le nyanga.

Amathamo okuqala esiwafumana kwa-Johnson &Johnson aza kusetyenziselwa ukugonya abafundisi-ntshapho ezikolweni zethu ze emveni koko ibe ngabasebenzi bezokhuseleko abahamba phambili.

Njengokuba ngoku ukulibaziseka kokufumana amachiza okugonya esombululekile ikakhulu, umsebenzi esijongene nawo ngoku kukugqiba ukugonya bonke abo bangaphezu kweminyaka engama-60 ngaphandle kokulibaziseka.

Kuqikelelwa ukuba ngoku sinamandla okugonya ubuncinane babantu abangama-150 000 ngosuku, kwaye sizimisele ukonyusa siye kubantu abangama-250 000 ngosuku ngokukhawuleza okukhulu.

Ngoko ke ndihlaba ikhwelo kumntu wonke kweli lizwe oneminyaka engaphaya kwama-60 ukuba abhalise – nokuba kukwi-intanethi, nge-SMS, ngomnxeba okanye ngenkqu – ze agonywe ngaphandle kokulibaziseka.

Ndihlaba ikhwelo kubo bonke abanye abantu, ukuba wazi umntu oneminyaka engaphaya kwama-60 ongagonywanga, nceda umncede ukuba abhalise ze agonywe.

Njengokuba sibona izinga losulelo lisanda kwilizwe liphela, kukho inkcukacha-nani enye enika isizathu esicacileyo sokuba nethemba.

Kwindawo efanayo ekonyukeni kwetyeli lesibini ekuqaleni kweyoMnga kunyaka ophelileyo, bekukho abasebenzi abangama-640 abosuleleke yi-COVID-19 kwisithuba seentsuku ezisixhenxe.
Kwezi ntsuku zisixhenxe zigqithileyo, bangama-64 kuphela abasebenzi bezempilo abosulelekileyo.

Ngethuba kufuneka singagungqi ekuzimiseleni kwethu ekuqinisekiseni ukuba abekho abasebenzi bezempilo abosulelekayo, oku kukucutheka okukhulu kusulelo, nto leyo eyenzeka ngenxa yesigaba sokuqala senkqubo yethu yokugonya.

Obu bubungqina bokuba amachiza okugonya ayasebenza.
Kufuneka kusikhuthaze ukuba sikhawulezise ukukhutshwa kwamachiza okugonya nokuqinisekisa ukuba bonke abantu abafanelekileyo bayabhalisa ze bafumane ichiza lokugonya.

Kwiinyanga ezilishumi elinesihlanu ezigqithileyo, xa ndandithetha nesizwe ndikwiZakhiwo zoMdibaniso, ndathi:
“Lo bhubhane uza kugqitha.

“Kodwa isigqibo sokuba uza kuthabatha ixesha elingakanani, ukuba uza kwenza umonakalo ongakanani, nokuba kuza kuthabatha ixesha elingakanani ukuba uqoqosho nelizwe lethu zichache kwakhona sime nathi.

“Liyinene elithi sijongene nexesha likaxakeka elibi kakhulu.

“Kodwa ukuba sisebenza kunye, ukuba sisebenza ngoku, kwaye ukuba sisebenza ngendlela ethabatha isigqibo, sizakoyisa.”

Emveni kwalo lonke ixesha eligqithileyo, emveni kwayo yonke into esigqithe kuyo, emveni kwayo yonke into esiyenzileyo nesiyiphumeleleyo sisisizwe, la magama aseyinyaniso.

Sinyamezele lukhulu sisisizwe kwaye soyisile.

Asizukonganyelwa kukungaqiniseki, uloyiko, nokuphelelwa lithemba.

Asizikuxhalabiswa bubukhulu nokuntsokotha komsebenzi esijongene nawo.

Ngoku siyayibona indlela eya ekoyiseni lo bhubhane.

Kodwa kusekuninzi ekufuneka sikwenze.
Sibonakalisile ukuba sinakho esikudingayo nomnqweno wokulwa nale ntsholongwane.

Kwaye ndiqiniseke ngakumbi kunakuqala ukuba siza kuphumelela.
Wanga uThixo angasikelela uMzantsi Afrika aze akhusele abantu bakhe.

Ndiyabulela.

Share this page

Similar categories to explore