Statement on the virtual Cabinet Meeting of 31 August 2022

A.    Imiba enguNdaba-mlonyeni
1.    Uqoqosho 


1.1.    IKhabhinethi ikwamkele ukuhla kancinci kwezinga labantu abangaphangeliyo kweli lizwe, nelihle nge-0.6%, lisuka kuma-34.5% kwikota yokuqala laya kutsho kuma-33.9% kwikota yesibini yowama-2022. Amanani apapashwe kwiiNkcukacha-manani zoMzantsi Afrika zoPhando lweKota lwezaBasebenzi abonisa ukuba eyona nzuzo inkulu ibonakale kwiiNkonzo zoLuntu nezeNtlalo (276 000), kuRhwebo (169 000), kwezeMali (128 000) kunye nakuLwakhiwo (104 000).
1.2.    Inani labantu abasebenzayo bebonke limi kwi-15.6 lezigidi kwikota yesibini ka-2022, kwaye inani labantu abangasebenziyo linyuke nge-132 000 ukuya kwisi-8.0 sezigidi kwikota yesibini ka-2022 xa kuthelekiswa nekota yangaphambili.
1.3.    Ezi nzuzo zincinci kodwa zincomekayo zibonisa ukuba iinzame ezidityanelweyo zikarhulumente kunye namahlakani akhe kwezentlalo okukhulisa uqoqosho nokudala imisebenzi efuneka ngamandla ziyaqalisa ukuvelisa iziqhamo.
1.4.    Obu bubungqina bokuba xa sinosebenzisana sisonke sisebenzise amandla ethu ahlangeneyo, singayoyisa imingeni ejongene noqoqosho lwethu.
1.5.    IKhabhinethi iyawuqonda umsindo wabemi boMzantsi Afrika njengoko besokola ukuqhubeka nobomi babo ngenxa yeendleko zokuphila kunye nentswela-ngqesho ephezulu. Njengorhulumente okhathalayo, sizimisele ukusebenzisana namahlakani ethu kwezentlalo ukwakha ingomso elingcono lomntu wonke. Urhulumente usazimisele ukuxhasa amashishini asekuhlaleni ngokuthenga iimpahla kunye neenkonzo zalapha ekhaya.

2.    Iziseko zophuhliso zoluntu

2.1.    IKhabhinethi ikugxekile ukutshatyalaliswa kweziseko zophuhliso ngabahlali base-Tongaat KwaZulu-Natal ngexesha loqhankqalazo befuna amanzi. IKhabhinethi ihlabe ikhwelo lokuzola kunye nomonde njengoko uqhuba umsebenzi wokubuyisela iMisebenzi yokuCocwa kwaManzi ase-Tongaat.
2.2.    IKhabhinethi iyawuqonda umsindo wabahlali ekuye kwafuneka ukuba basebenzise iitanki zamanzi ukusukela oko kwabakho izikhukula ebutsheni balo nyaka. Nangona kunjalo, ubundlobongela kunye neziphithiphithi azisosisombululo, kwaye ukutshatyalaliswa kweziseko zophuhliso kulimaza kuphela uluntu.

3.    UMthetho oLungisiweyo kwiiNkqubo zikaMasipala kuRhulumente wamaKhaya wama-2022

3.1.    IKhabhinethi iwamkele uMthetho oYilwayo weeNkqubo zooMasipala kuRhulumente wamaKhaya, wama-2022 (uMthetho 3 wama-2022) otyikityiweyo nguMongameli Cyril Ramaphosa. Lo Mthetho ujolise ekuphuculeni amandla kunye nemigangatho yeendlela zokuziphatha zikarhulumente wamakhaya. Lo mthetho uyinxalenye yamalinge karhulumente okwenza iNkonzo kaRhulumente yenziwe ngobuchule kwaye iqinisekise ukubonelela ngeenkonzo okuzinzileyo ebantwini, njengelungelo elisisiseko eliqulathwe kuMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi Afrika we-1996.
3.2.    Lo Mthetho uchaza iinkqubo emazilandelwe xa kuqeshwa kwizikhundla eziphezulu. Ngoku uthintela amagosa aphezulu karhulumente ekubeni abe nezikhundla zopolitiko kumaqela ezopolitiko. Kananjalo kulo Mthetho ukhoyo, izithuba zoomanejala boomasipala ezingenabantu kulindeleke ukuba zipapashwe kuzwelonke ukutsala iqela elibanzi labagqatswa abafanelekileyo.
3.3.    IKhabhinethi iqinisekile ukuba olu tshintsho luza kuqinisekisa ukuba abo banyuliweyo okanye abanyulwe kwezi zikhundla baya kukwazi ukuphumeza izithembiso zabo ukuze wonke umntu azuze ubomi obungcono.

4.    Ulwaphulo-mthetho

4.1.    IKhabhinethi income amagosa eNkonzo yeRhafu yoMzantsi Afrika ngokuthimba i-785 kg ye-crystal meth enexabiso lasesitratweni lezigidi ezingama-R236 kwisikhululo seenqwelomoya i-OR Tambo International ngeCawe, umhla wama-28 kweyeThupha wama-2022. Ukubhaqwa kweziyobisi kuya kuthumela isilumkiso esicacileyo kumaqela abophuli-mthetho ukuba amazibuko ethu okungena kunye nawokuphuma akhuselwe kakuhle kwaye amagosa ethu asebenza nzima ukuphelisa naluphi na ulwaphulo-mthetho. 

B.    Izigqibo zeKhabhinethi

1.    Ingxelo yeBhunga leMfundo ePhakamileyo (i-CHE) ngoMvuzo weeSekela-Tshansela zeeYunivesithi kunye naBaphathi abaPhezulu abaLawulayo eMzantsi Afrika.

1.1.    IKhabhinethi inikwe amagqabantshintshi ngeziphumo zophando lwe-CHE olwagunyaziswa ngowama-2020 nguMphathiswa wezeMfundo ePhakamileyo, ezeNzululwazi kunye noKusungulwa Kwezinto Ezintsha, uGq Blade Nzimande, ukuze kuphononongwe amanqanaba emivuzo kunye neendlela zabaphathi beeyunivesithi kwisithuba seminyaka eli-15 ukusuka ngowama-2005 ukuya kutsho kowama-2019.
1.2.    Uphando ibikukumisela uzinzo, ukusebenza kunye nophuhliso lweeyunivesithi okanye icandelo lemfundo ephakamileyo kweli lizwe. Le ngxelo ichaza iziphumo eziphambili kunye nezindululo zokulungisa.
1.3.    Izindululo ziphakamisa, phakathi kwezinye izinto, inkqubo yomvuzo eqinisiweyo kunye nephandle. Ukusekwa kwesigqeba sokujonga sangaphandle kwaye nesizimeleyo ukojonga inkqubo yokwenziwa kwezigqibo zemivuzo. Zikwaphakamisa nokuqiniswa kweenkqubo zovavanyo lomsebenzi kumaziko. Uphononongo lukwathathele ingqalelo ubungakanani bala maziko kwaye lwenza nokulinganisa lujonga kumazwe ngamazwe.
1.4.    UMphathiswa weMfundo ePhakamileyo, iNzululwazi noKusungulwa Kwezinto Ezintsha kulindeleke ukuba axoxe ngale ngxelo neenkokeli zeyunivesithi njengenyathelo lokomeleza la maziko emfundo. Ingxelo iya kuthi emva koko ipapashwe kwiwebhusayithi yeSebe leMfundo ePhakamileyo noQeqesho: www.dhet.gov.za. 

2.    INguqu eKhawulezayo yoPhando kunye neSakhono sokuFundisa kwiCandelo leMfundo ePhakamileyo

2.1.    IKhabhinethi izixhasile izindululo zamaphononongo amabini awayegunyaziswe ukuba acebise ngamanyathelo aza kuthathwa ukuze kukhawuleziswe inguqu yophando kunye nesakhono sokufundisa kumaziko emfundo ephakamileyo.
2.2.    Ingxelo yokuqala yenziwe liQela laBaphathiswa eliSebenzayo elaphanda ngemiqobo ethintela ukuqeshwa, ukugcinwa kunye nokuqhubela phambili kwezifundiswa ezimnyama zaseMzantsi Afrika. Ingxelo yesibini – egunyaziswe liSebe lezeNzululwazi noKusungulwa Kwezinto Ezintsha kunye neSiseko soPhando lweSizwe – yenziwe yi-Universities South Africa, iqumrhu elimele iiyunivesithi zoluntu ezingama-26 kweli lizwe.
2.3.    Zombini ezi ngxelo zinikeze ngamacebo ongenelelo ukuze kukhawuleziswe inguqu kwimimandla emihlanu ebanzi, esebefumene isidanga sokuqala; ukuthatha inxaxheba kwabasebenzi; inkcubeko kunye nokusebenza kweziko; umgaqo-nkqubo nesicwangciso, kunye nezibonelelo ezingqongopheleyo.
 
3.    ISivumelwano saMazwe ngaMazwe ngeMithombo Yemfuza yeZityalo zoKutya kunye nezoLimo (iSivumelwano)

3.1.    IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa kweSivumelwano ePalamente. Oku kuya kwenza ukuba uMzantsi Afrika ube yinxalenye yamaqela esi Sivumelwano, nesikhokela amazwe angamalungu ekulondolozeni kunye nasekuqinisekiseni usetyenziso oluzinzileyo lwemithombo yemfuza yezityalo ekutyeni nakwezolimo.
3.2.    Ukungena kwesi siVumelwano kuya komeleza ukuzibophelela kwelizwe ngokubhekiselele kulondolozo kunye nokusetyenziswa ngokuzinzileyo kwemithombo yemfuza yezityalo, kwaye sinike inkxaso kuluntu lwasemaphandleni.

4.    ISicwangciso-nkqubo seNguqu eluLungileyo soMzantsi Afrika

4.1.    IKhabhinethi ivume iSicwangciso-nkqubo seNguqu eluLungileyo ukuba iphunyezwe. Esi sicwangciso-nkqubo sibonisa umbono okwabelwana ngawo woMzantsi Afrika olinganayo, nokwaziyo ukumelana nemozulu. Sichaza imigaqo kunye neendawo kumgaqo-nkqubo zokuphumeza oku. Isicwangciso-nkqubo senguqu siza kuchaphazela wonke umntu waseMzantsi Afrika, sinike ithuba lokulungisa ukungalingani okwenziwa yimbali kwaye sidale uqoqosho oluxhamlisa wonke umntu.
4.2.    IKomishoni kaMongameli yeMozulu iqhube inkqubo yothethathethwano ebanzi kunye namahlakani ezentlalo yaze yafumana inkxaso ebanzi ngesi sicwangciso-nkqubo. IKhabhinethi iqinisekisile ukuba inguqu eya kuqoqosho olungenayo ikhabhoni ngowama-2050 kufuneka ixhase iminqweno yophuhliso lwesizwe, kuqukwe imisebenzi endilisekileyo kumntu wonke, ubandakanyo lwentlalo kunye nokupheliswa kwentlupheko.
4.3.    IKhabhinethi ihlabe ikhwelo kuwo onke amahlakani ezentlalo ukuba axhase aze amkele esi sicwangciso-nkqubo. Isicwangciso esineenkcukacha zokuphumeza esi sicwangciso-nkqubo siya kuphuhliswa, kwaye sidityaniswe kwinkqubo yocwangciso kunye neyohlahlo lwabiwo-mali karhulumente.

5.     Ikhadi elitsha leLayisenisi yokuQhuba yoMzantsi Afrika

5.1.    IKhabhinethi ivume ukutshintshwa kweKhadi leLayisensi yokuQhuba elikhoyo ngoku lize lifakwe kwelinye elineempawu ezikhuselekileyo.
5.2.    Le nkqubo yangoku oko yayisebenza ukusukela ngo-1998. Ubuchwephesha ukusukela ngoko sebatshintsha kwaye kuya kuxabisa kakhulu ukugcina iziseko zophuhliso ezikhoyo . Ikhadi elitsha elicetywayo liya kwenza ilayisenisi yokuqhuba yeli lizwe ihambelane ne-International Information Technology Personal Identification Compliant Driving License (i-ISO18013).

6.    UMgaqo-nkqubo weNkqubo eYandisiweyo yeMisebenzi kaRhulumente (i-EPWP).

6.1.    IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa kwiphephandaba likarhulumente loMgaqo-nkqubo oyilwayo we-EPWP ukuze uluntu lubonisane ngawo. I-EPWP yenye yeenkqubo eziphambili zikarhulumente ezijolise ekuboneleleni ukuthomalalisa intlupheko kunye nokuzisa ingeniso ngokudala amathuba emisebenzi ethutyana, ingakumbi kulutsha kunye nabasetyhini.
6.2.    Uyilo lomgaqo-nkqubo omtsha luza komeleza le nkqubo kwaye lunike ingcaciso kwimiba efana nemivuzo, imodeli yenkxaso-mali kunye nokhuseleko loluntu, kwaye lulungelelanise i-EPWP neendlela zokusebenza zale mihla. Luza kukhuthaza intsebenziswano phakathi kukarhulumente kunye necandelo labucala ukuqinisekisa ukuba i-EPWP inegalelo elikhulu ekudalweni kwemisebenzi endilisekileyo kunye nokuphelisa intlupheko. Lo mgaqo-nkqubo uza kukhuthaza ukusungulwa kwezinto ezintsha ekuphunyezweni kweenkqubo zemisebenzi yoluntu kwilizwe liphela.

7.    Izilungiso kuLuhlu lweSine kwiMali eziNkozo zaseMzantsi Afrika

7.1.    IKhabhinethi iwamkele umyinge, uyilo kunye noqulunqo lonyaka wama-2023 lweSine kwiMali eziNkozo zoMzantsi Afrika. Ivume inkqubo ejikelezayo qho ngonyaka yokusetyenziswa kweelwimi ezisemthethweni kuluhlu lwesine lweemali ezinkozo.
7.2.    Igama elithi “uMzantsi Afrika” liya kufakwa kwelinye icala kwimali eyinkozo ze libhalwe ngazo zonke iilwimi ezisemthethweni. Iilwimi ezintathu ziya kusetyenziswa kwi-R5; iilwimi ezimbini kwi-R2; i-50c, i-20c, i-10c kunye ne-R1 ziya kuba ngolwimi olunye. Zonke ezi lwimi ziya kusetyenziswa ngendlela ejikeleziswayo rhoqo ngonyaka kule minyaka ili-10 izayo.

8.    UMgaqo-nkqubo oYilwayo oDityanisiweyo woLawulo loMgangatho waManzi (i-IWQM) wowama-2022

8.1.    IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa kwiphephandaba likarhulumente koMgaqo-nkqubo oYilwayo we-IWQM ukuze uluntu lubonisane. Lo mgaqo-nkqubo ucetywayo uya kuthatha indawo yoMgaqo-nkqubo we-WQM ophelelwe lixesha wama-1991 kunye nesicwangciso-qhinga sawo esamiselwa ngo-2006.
8.2.    Lo mgaqo-nkqubo uchaza uluhlu lwemigaqo eya kuba sisiseko solawulo lomgangatho wamanzi. Uzobonelela ngolungelelwaniso kuyo yonke imithetho efanelekileyo enxulumene namanzi kunye nezibophelelo zelizwe ekuboneleleni nasekulondolozweni kwamanzi njengomthombo onqabileyo.

9.    Uyilo loMgaqo-nkqubo weSizukulwana esiLandelayo seTeknoloji yezoNxibelelwano eSebenza ngaMaza oMoya

9.1.    IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa koyilo loMgaqo-nkqubo weSizukulwana esiLandelayo soMgaqo-nkqubo seTeknoloji yezoNxibelelwano eSebenza ngaMaza oMoya ukuze uluntu luhlomle. Iteknoloji yezonxibelelwano esebenza ngamaza omoya sisixhobo sendalo esibalulekileyo kuhlumo loqoqosho lwedijithali yoMzantsi Afrika kunye nakwisiseko sonxibelelwano.
9.2.    Lo mgaqo-nkqubo ucetywayo ujonge ukuxhasa ulwabiwo lwamaza omoya kunye nokukhutshwa kweelayisenisi ezisisigxina zeselula; zosasazo; zenqwelomoya nezaselwandle; zophando nophuhliso; zokufikelela koluntu, kunye nezamanye amashishini afanelekileyo. Lo mgaqo-nkqubo ukwajonge ukukhuthaza ulingano kunye nolwabiwo olungenamkhethe ukuze lwenze igalelo kwinguqu yeli candelo kunye nakufikeleleka kuqhagamshelwano lwedijithali nakwiindawo ezikude zelizwe.

10.    Umgqatswa woMzantsi Afrika weManyano yoNxibelelwano lweZizwe ngeZizwe (i-ITU) kunye neBhodi yoLawulo kaNomathotholo  

10.1.    IKhabhinethi imamkele umgqatswa woMzantsi Afrika uMnu Mandla Samuel Mchunu kwiBhodi yeMimiselo kaNomathotholo (kwiNgingqi D) ye-ITU. UMnu Mchunu ulilungu lebhodi esebenzayo ngoku. Kwaye kucetywa ukuba aphinde onyulwe kwiBhunga ye-ITU kwixesha lowama-2023 ukuya kowama-2026.
10.2.    Unyulo luya kuqhubeka ngexesha leNkomfa yoNozakuzaku ye-ITU eya kubanjelwa e-Bucharest, e-Romania ukusuka ngomhla wama-26 kweyoMsintsi ukuya kowe-14 kweyeDwarha 2022. UMzantsi Afrika usazibophelele kwiinjongo ze-ITU zokuvala ukwahlukana kwedijithali kunye nokudibanisa bonke abantu behlabathi.

C.    Imisitho ezayo
1.    INyanga yaMafa


1.1.    INyanga yaMafa kweyoMsintsi iza kukhunjulwa phantsi komxholo othi: “UkuBhiyozela ilifa lika-Solomon Linda kunye noMculo weMveli waseMzantsi Afrika”. IKhabhinethi ibongoza bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba basebenzise iNyanga yaMafa ukubhiyozela inkcubeko yethu etyebileyo kunye neyantlukwano enamandla okumanya isizwe sethu. Sonke kufuneka sizibophelele ekusebenzeni kunye nokuphelisa iyantlukwano nokungabikho kobulungisa obenzeka kwixesha eladlulayo kwaye sikhuthaze ukuzingca ngokuba ngummi waseMzantsi Afrika.

D.    Imiyalezo
1.    Uvuyiswano

    IKhabhinethi idlulise amazwi ombulelo kunye neminqweno emihle kwaba balandelayo:

  • Bonke abaphumeleleyo, abaphumelele imbasa kunye nabakhuphisanayo abathathe inxaxheba kumdyarho we-Comrades wama-95, owaziwa njenge “Ultimate Human Race”, ngeCawe, umhla wama-28 kweyeThupha 2022. Ugqatso lwamadoda lwaphunyelelwa ngu-Tete Dijana (kwiiyure ezi-5, imizuzu engama-30, imizuzwana engama-38) osuka e-Mahikeng, eMntla Ntshona ngelixa imbaleki yase-Russia u-Alexandra Morozova (kwiiyure ezi-6, imizuzu eli-17, imizuzwana engama-47) ephumelele ugqatso lwabasetyhini.

1.    Amazwi Ovelwano 
     IKhabhinethi ivakalise amazwi ovelwano kusapho nezihlobo zika:

  • Mama Rita Alice Ndzanga (88), igqala loMzabalazo nokwanguvulindlela wemanyano yabasebenzi owafumana imbasa ye-National Order of Luthuli ngowama-2004 “ngegalelo lakhe kumzabalazo wamalungelo abasebenzi kunye nasekufezekiseni uMzantsi Afrika ongenabuhlanga, ongacaluli ngokwesini, okhululekileyo nonentando yesininzi”.
  • Amagosa amahlanu eNkonzo yesiPolisa yaseMzantsi Afrika (i-SAPS) ebekhwele kwinqwelo-moya ye-SAPS eye yantlitheka kwisikhululo seenqwelo-moya i-Rand Airport, e-Germiston ngoLwesibini, umhla wama-30 kweyeThupha 2022. I-SAPS iyaphanda ngale ngozi. IKhabhinethi inqwenelele umqhubi wenqwelomoya owenzakeleyo kakhulu ukuba achache ngokukhawuleza.


E.    Ukuqeshwa

Zonke izithuba zengqesho zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamaphepha ezemfundo kunye nokunye ukuqinisekiswa okafanelekileyo.
a.    Nks. Gugulethu Abigail Thimane njengeSekela Mlawuli-Jikelele (i-DDG): ukuHlolwa kweCandelo loLuntu kunye noPhuhliso lweZakhono kwiSebe loCwangciso, uHlolo kunye noVavanyo.

b.    Nks. Kwena Komape  njenge-DDG: uPhuhliso lwezoQoqosho, uRhwebo kunye neNtengiso kwiSebe lezoLimo, uBuyekezo lwezoMhlaba noPhuhliso lwamaPhandle.
c.    Gq. Bongani Elias Sithole njenge-DDG: Iziko leSizwe loLawulo lweNtlekele kwiSebe loLawulo lweNtsebenziswano.

2.    IKhabhinethi ivume ukuqeshwa kwabalandelayo:
a.    Mnu. Songezo  Booi njengeGosa eliyiNtloko lesiGqeba (i-CEO): kwiBhunga leSizwe lokuBhalisa abakhi bezindlu.
b.    IBhodi yokuHlola imiGodi eAfrika kunye neQumrhu lezeMali:
(i)    Mnu. Zacharias Bernardus Swanepoel (uSihlalo);
(ii)    Mnu. Mzwandile Zwelinzima Themba Masondo; kunye no
(iii)    Nks. Phumzile Mthombeni (Mlawuli Jikelele).

c.    Mnu. Patrick Dlamini njenge-CEO (Ukwandiswa kweSivumelwano seNgqesho)  ye-Bhanki yoPhuhliso yaseMazantsi e-Afrika. 

Imibuzo: UNksz Phumla Williams – iSithethi seKhabhinethi
Iselfowuni: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore