INtetho kwiNtlanganiso yeKhabhinethi yomhla we-14 kweyeKwindla wama-2018

IKhabhinethi ibihlangene ngoLwesithathu, umhla we-14 kweyoKwindla ngowama-2018, eTuynhuys, eKapa

A. Imiba Esematheni
1. Uhlumo Loqoqosho

1.1. IKahbhinethi iyazamkela indaba ezincumisayo zokuhluma koqoqosho ngesantya esiyi-1.3% ngowama-2017. Esi santya sinyuke nge-0.3% ngowama-2016. Le ndlela luqhuba ngayo uqoqosho phantsi kwezi meko zinzima iza kube negalelo elihle kwindlela eliza kuqhuba ngayo kule minyaka izayo.
1.2. La manani abonakalisa ukuba uqoqosho lweli luyakhula, futhi uNondyebo weSizwe ulindele ukuba lukhule nge-1.5% kulo nyaka, luze lukhule nge-2.1% ngowama-2020.
1.3. IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kumacandelo ahlukeneyo kweli ukuba akhele kwesi santya sohlumo sowama-2017, asebenzisane norhulumente kutshintshwe izicwangciso zakhe zingabi yimibono nje esephepheni koko zibe ngamanyathelo abonakalayo aza kunceda ukwenza ukuba singehli esi santya sohlumo futhi kudaleke nemisebenzi.

2. Ubuyekezo loMhlaba

2.1. IKhabhinethi iyasamkela esi siphakamiso senziweyo sokuba kutshintshwe uMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi Afrika wowe-1996 wenziwe ukuba ukuvumele ukuthathwa komhlaba ngaphandle kwembuyekezo.
2.2. Ukususela ngowe-1994, urhulumente ebesebenza ubusuku nemini ezama ukulungisa intlungu yokuhluthelwa kwabantu umhlaba ngumbuso wobukholoniyali nowocalucalulo. Mninzi umsebenzi urhulumente asele ewenzile ukuqinisekisa ukuba umhlaba uyaqhubeka nokuvelisa ukutya ngeli xesha sikhawulezisa amaphulo okubuyisela umhlaba abo bantu babehluthelwe umhlaba. Konke oku urhulumente ukwenza ngokusemthethweni.
2.3. Lo mba ugqithiselwe kwiKomiti yokuHlaziya uMgaqo-siseko, yona ekufuneka inike ingxelo ePalamente ngomhla wama-30 kweyeThupha ngowama-2018. Izindululo zeNdlu yoWiso-mthetho yeSizwe ziza kusekelwe kwiziphumo zeendibano zokufakana imilomo nokubonisana eziza kubanjwa nolunto, zona eziza kulandelwa zintlanganiso zeekomiti.
2.4. IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kuwo onke amahlakani ukuba athathe inxaxheba kwezi ndibano kuba zizo eziza kuza nezisombululo kulo mba. Njengorhulumente onenkathalo nosekelwe kwintando yoluntu, bonke abachapahzelekayo baza kunikwa ithuba lokuba bavakalise izimvo zabo ngethuba kubanjwe ezi ndibano.
2.5. IKhabhinethi icela noluntu ukuba lahlukane nokungena emihlabeni engeyoyabo ngokungekho mthethweni. Sisisizwe esiwuhloniphileyo umthetho nesithanda uxolo futhi nesineendlela ezifanelekileyo zokusombulula izinto, kuquka nomba womhlaba.
2.6. UMzantsi Afrika uyaqhubeka nokwenza imisebenzi yawo yemihla ngemihla kwaye utyalo-mali kwezolimo nezokuvula iifama lufunwa ngamehlo abomvu. Kubalulekile eMzantsi Afrika ukuba abekho amafama arhwebayo kwaye le nkqubo yokubuyiselwa komhlaba iza kuqinisekisa ukuba liyanda inani lamafama aqhuba kakuhle.

3. I-Double Drift Wildlife Economy Project yabantu baseNofingxana

3.1. IKhabhinethi iyakwamkelwa ukuphehlelelwa kweDouble Drift Wildlife Economy Project yabantu baseNofingxana eDouble Drift Nature Reserve eMpuma Koloni nguMphathiswa wezeNdalo uGq Edna Molewa. Lo msitho ubuquka ukunikezelwe kwelungelo lobunini-mhlaba kwiLikhaya Lethu Communal Property Association (i-CPA) egameni loMphathiswa woPhuhliso lwamaPhandle noBuyekezo lwemiHlaba, uNksz Maite Nkoana-Mashabane.
3.2. Abantu baseDouble Drift bahluthelwa umhlaba wokuhlala namadlelo okutyisa imfuyo nguMthetho weMihlaba wowe-1913. Ngowe-1994, abantu balapha bafaka ibango lomhlaba owathi wabuyiselwa ngowama-2012, into leyo eyabangela ukuba kuswekwe iLikhaya Lethu CPA.
3.3. ILikhaya Lethu CPA inabantu baseDouble Drift abali-1 500 kwaye bafumene imali ezizigidi ezithandathu zeerandi kwiSebe lezeNdalo yokuba baqalise ishishini elime ngezilwanyana zasendle kwifama iNaudeshoek (ezihektare ezili-1 400). Ngethuba kusenziwa yonke le nkqubo yokubuyiselwa kwalo mhlaba bekusetyenziswa iSebe loPhuhliso lwamaPhandle noBuyekezo lweMihlaba.

4. I-VBS Mutual Bank
4.1. IKhabhinethi ivile ngesaziso esenziwe yiBhanki yoMzantsi Afrika enguVimba malunga ne-VBS Mutual Bank. Lo mgcini ubekiweyo uza kuxhasa i-VBS Mutual Bank itsho ilungise iingxaki zayo zezimali iqhubeleke inikezela ngenkonzo eluntwini kunye nabo bagcinise imali yabo kuyo. IKhabhinethi isazibophelele kwiphupho layo lokuba icandelo lezimali livuvuleleke kubantu abahlukeneyo futhi liqalise iinguqu, oku kwenzeke ngaphandle kokubeka izimali zabantu ezigcinwe ezibhankini emngciphekweni.

5. Iphulo lotyalo-mali

5.1. IKhabhinethi iyalamkela iphulo i-‘CEOs Know’ eliqhutywa yiBrand South Africa, ibambisene neBusiness Leadership South Africa (i-BLSA), lokuthengisa uMzantsi Afrika njengelizwe elinamathuba amaninzi otyalo-mali.
5.2. Oku kwakhela kwiziseko ezingundoqo zeli ezikumgangatho wehlabathi ezize neziko elinakho konke, i-InvestSA One-Stop Shop, izakhono zophando-nzulu, uphuhliso nokuqamba izinto ezintsha kunye neziseko zemizi-mveliso zokuxhasa abatyali-zimali. Amacandelo amatsha anamathuba avulelekile kuqoqosho lwaselwandle, kumandla ombane ohlaziyekayo, uqoqosho olungenzi monakalo kwindalo kunye namaphulo okukhangelwa kwesheli-gesi.
5.3. Eli phulo liqhutywa ziZikhulu eziPhezulu zeziGqeba (ii-CEO) zeenkampani ezinkulu ezirhweba kwihlabathi ezilapha eMzantsi Afrika apho zithi zibalise ngezinto ezidibana nazo kunye namanye amaqithi-qithi afumanekayo ngokutyala imali eMzantsi Afrika.
5.4. IKhabhinethi ikhuthaza bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba mabavuselelwe ngulo moya woku-‘Thuma Mina’ ugqubayo kulo lonke eli, badlale eyabo indima ngokubalisa awabo amabali amnandi ngezinto abagagene nazo ukuze bancedise ekuthengiseni nasekubabazeni eli lizwe lize liqhubeleke nodumo lwalo lokwaziwa njengelizwe elithandwa ngabatyali-zimali.

6. INkqubo yokuThenga kubaVelisi boMbane Abazimeleyo (i-IPP)

6.1. IKhabhinethi ivile ngetyala elifakwe kwiNkundla ePhakamileyo yimibutho engekho phantsi kukarhulumente (ii-NGO) emibini elimalunga nesigqibo sikarhulumente sokutyikitya izivumelwano zee-IPP ezingama-27 zokuthenga umbane. Lo mba uza kuqukunjelwa yiNkundla ePhakamileyo ngomhla wama-27 kweyoKwindla ngowama-2018. Kuba sililizwe elihlonipha umgaqo-siseko kunye nemithetho yeli, ukutyikitywa kwezi zivumelwano kumisiwe.
6.2. IKhabhinethi iyaqinisekisa ukuba izibophelele ekusombululeni iingxaki ezihambelana nezi nkqubo. INkqubo yokuThenga kubaVelisi Abazimeleyo boMbane oHlaziyekayo iza kuqinisekisa ukuba abathengi kweli lizwe bayawufumana umbane ongabizi kakhulu futhi nongenabungozi kokusingqongileyo, kwaye kuza kuzisa utyalo-mali olufunwa ngabomvu eMzantsi Afrika. Ezi projekthi ziza kudala imisebenzi esisigxina engama-61 600, futhi kule misebenzi, engama-95% iza kubanjwa ngabemi boMzantsi Afrika, kwaye iza kunikwa ulutsha ikakhulu.
6.3. IKhabhinethi isazibophelele kwizivumelwano ezingqingqwa zentsebenziswano phakathi kukarhulumente necandelo labucala njengoko ngoku singena kwixesha lokusebenzisa iintlobo ezahlukeneyo zombane zale mihla kunye nobomi obungcono babo bonke abantu kweli. Oku kubalulekile kuba kuza kususa oku kungaqondi nokungaqiniseki kukhoyo ngeyona mithetho iza kulandelwa kweli, kuze kuwugcine uMzantsi Afrika ulilizwe elithandwayo ngabatyali-zimali becandelo lezamandla.

7. I-Listeriosis

7.1. IKhabhinethi ithi akuhlenga lungehlanga kwizihlobo neentsapho zabo babulewe yi-Listeriosis, kwaye inqwenelela abo balele ngandletyana-nye ngenxa yesi sifo ukuba bachache ngokukhawuleza. Bangaphezulu kwe-180 abantu abasweleke ngenxa yesi sifo baze babengama-940 abantu abafunyaniswe benesi sifo eMzantsi Afrika.
7.2. IKhabhinethi iwaqhwabela izandla amalinge eSebe lezeMpilo, iZiko lesiSizwe leziFo ezoSulelayo (i-NICD) kunye noMbutho wezeMpilo weHlabathi (i-WHO) okunqanda intsholongwane ye-Listeriosis ukuba yande. Ukuphucula la malinge nangakumbi, uMphathiswa wezeMpilo, uGq Aaron Motsoaledi, uza kuba nentlanganiso neBhunga laBongikazi loMzantsi Afrika (i-SANC) ngoLwesine, umhla we-15 kweyoKwindla kowama-2018.
7.3. IKhabhinethi iyawubona umsebenzi owenziweyo ekukhangeleni unobangela we-Listeriosis nasekuxeleleni uluntu ngaye. Ukuyalelwa kweevenkile ukuba ziyeke ukuthengisa ukutya okwenziwa kwimizi-mveliso emithathu yakwa-Enterprise no-Rainbow ehlela iimveliso zenyama – apho intsholongwane ye-Listeriosis ibhaqwe khona – kube linyathelo elikhulu kwimizamo yokuthintela ukunwenwa kwesi sifo. Esi sifo sifumaneka ekutyeni saqala ukubonwa ngeyeSilimela ngowe-2017.
7.4. I-Listeriosis sisifo esiyingozi kodwa esithintelekayo esinokunyangwa siphele ngee-antibiotics. Abona bantu bahlaseleka lula sesi sifo ngoomama abakhuleleweyo, iintsana, abantu abadala kunye nabantu abanamajoni omzimba angomelelanga. Abantu ababonisa iimpawu zomkhuhlane, izihlunu ezibuhlungu, isicaphu-caphu okanye ukuhambisa mabaye kwagqirha okanye kwiklinikhi ekufutshane.
7.5. IKhabhinethi inethemba lokuba esi sifo siza kuliwa sohlulwe kwaye icela abantu ukuba balandele le miqathango mihlanu xa bephethe ukutya:

  • Hlamba izandla ngesepha namanzi phambi kokuphatha ukutya nasemva kokusebenzisa indlu yangasese;
  • Ukutya kuphekisise futhi ungakutyi ukutya okungavuthisiswanga njengoko intsholongwane ye-Listeria isifa xa ukutya kuphekisisiwe;
  • Ungaphathi ukutya okukrwada nokuphekiweyo ngexesha elinye;
  • Ukutya kugcine kumaqondo obushushu afanelekileyo;
  • Uqinisekise nokuba zonke iimveliso zobisi zibilisiwe uze ukutya okungaphekwayo ukuhlambe ngamanzi acocekileyo phambi kokuba ukutye okanye ukuhlambe ngamanzi aqale abiliswa.

7.6. Abo bangaqinisekanga nge-Listeriosis bangaqhakamshelana ne-NICD ku-011 386 6400.

8. Izibonelelo-mali zikarhulumente

8.1. IKhabhinethi inikwe amagqabantshintshi ngamalungiselelo esele iwenzile i-Arhente yeziBonelelo zeNtlalo noMhlalapantsi kaRhulumente (i-SASSA) okuqalisa le nkqubo intsha yokubhatala imali yendodla nenkam-nkam ebantwini ngomhla woku-1 kuTshazimpunzi ngowama-2018. Oku kuhambelana nesigwebo esiwiswe yiNkundla yoMgaqo-siseko (i-ConCourt) esinyanzelise ukuba sandiswe esi sivumelwano sikhoyo ngoku noCash Paymaster Services (u-CPS) siqhube kude kufike umhla wama-31 kweyoKwindla ngowama-2018.
8.2. IKhabhinethi iyaphinda iyazibophelela kwelokuba izimisele ukuhambisa izibonelelo-mali zikarhulumente, kuba amaphulo karhulumente okulwa indlala emi ngezi zibonelelo futhi zibuyisela nabantu bakuthi izidima zabo. IKhabhinethi yanelisekile yindlela aqhuba ngayo amalungiselelo kwaye iqinisekile ukuba imali yenkam-nkam iza kuhlawulwa kubantu bayo ngomhla woku-1 kuTshazimpunzi ngowama-2018.
La makhadi ka-SASSA akhoyo ngoku aseza kusetyenziswa kude kufike inyanga yoMnga yowama-2018. Inkqubo yokutshintsha amakhadi ka-SASAA iza kuqhutywa ngendlela engenamagingxi-gingxi nengazikuphazaminisa inkqubo yokuhlawulwa kwemali yenkam-nkam. Bonke abantu abafumana imali yenkam-nkam baza kuyifumana imali yabo kwiindawo abaqhele ukuyifumana kuzo, eziquka iibhanki, iPosi yoMzantsi Afrika (i-SAPO) nasezivenkileni ezinkulu.
8.3. IKhabhinethi icela bonke abo bangenazo ii-akhawunti zebhanki ukuba baye kwiPosi yoMzantsi Afrika ekufutshane nabo bayokuvula i-akhawunti. IKhabhinethi iyalele u-SASSA kunye neZiko lezoNxibelelwano nokuSasazwa koLwazi lukaRhulumente (u-GCIS), ukuba benze konke okusemandleni ukuqinisekisa ukuba abantu abamkela imali yenkam-nkam bayaziswa ngotshintsho olunokuthi lwenzeke ngeli thuba kutshintshwayo kwinkqubo yangaphambili yokusebenzisa u-CPS kusiwa kule intsha. IKhabhinethi izimisele ukuyihlonipha imiqathango nemiyalelo yesigwebo se-ConCourt. Ii-ofisi zika-SASSA ziza kuvulwa futhi ziza kukwazi nokuqwalasela izicelo ezitsha.
8.4. IKhabhinethi icela abantu ngokubanzi, ingakumbi abo bamkela imali yenkam-nkam kunye neentsapho zabo, ukuba baqhakamshelane no-SASSA kule nombolo: 0800 60 10 11 okanye baye kwi-ofisi ka-SASSA ekufutshane ukuze bafumane ulwazi oluthe vetshe.

9. Ukubhalisela uvoto

9.1. IKhabhinethi nayo njengeKhomishini eziMeleyo yoNyulo (i-IEC) kunye noMongameli Cyril Ramaphosa ibabulela bonke abemi boMzantsi Afrika abalisabeleyo ikhwelo lokuba baphume ngobuninzi babo baye kubhalisela uvoto okanye baye kulungisa iinkcukacha zedilesi zabo kwiphulo lale veki iphelileyo lokubhalisela uvoto. Eli linye lamanqanaba abalulekileyo kumalungiselelo onyulo lukazwelonke nolwamaphondo oluza kubanjwa ngowama-2019.
9.2. Abantu abazizi-2 767 139 bebonke baye kwizikhululo zovoto kule mpela-veki igqithileyo.
9.3. Kubantu abangaphezulu kwizigidi eziyi-2.76 abaye kwizikhululo zovoto:

  • Abangaphezulwana nje kwizigidi eziyi-1.3 babhalisile kwakhona kwizithili zovoto zabo ngoku;
  • Abangaphezulu kwama-800 000 batshintshe izithili zovoto ababebhalise kuzo ngaphambili babhalisa kwezitsha;
  • Abantu abamalunga nama-500 000 ibingabavoti abaza kuvota okokuqala;
  • Kwaba bantu baza kuvota okokuqala, ama-82% ngabantu abaneminyaka yobudala engaphantsi kwama-30 futhi abamalunga nama-54% ibingabantu basetyhini;
  • Abantu abaninzi ababebhalisa okokuqala ibingabephondo laseGauteng. Bebeyi-23.69%, baze balandelwe ngabephondo laKwaZulu-Natal bona abebeyi-18.78%, kuze iLimpopo yona ibinabantu abayi-17.03%.
     

9.4. Iphondo laseMpuma Koloni belinabona bantu baninzi bebephumile ukuyobhalisa. Bebeyi-87%, baze balandelwe ngabaseFreyistatha bona abebengaphezulwana nje kwi-82%, ize iKwaZulu-Natal, Limpopo kunye noMntla Koloni zona zibe ne-79%. Abantu abebephumile baya kubhalisa kwiphondo laseGauteng bebeyi-67.3%.
9.5. I-IEC inike ingxelo ethi umqulu woluhlu lwabavoti ngoku unabavoti abazizi-26 250 939, into leyo ethetha ukuba le yi-75% yabantu bebonke abanelungelo lokuvota. La manani asekelwe kuqikelelo lweziko lezeeNkcukacha-manani zoMzantsi Afrika (i-StatsSA) lwabantu abakwiminyaka ekuvumelayo ukuvota.
9.6. Abemi beli abangama-300 000 abaye kwizikhululo zovoto bayinxalenye yabavoti abaphantse babe zizigidi eziyi-2.8 i-IEC ibingenazo iidilesi zabo phambi kwale mpela-veki yobhaliso.
9.7. Umqulu woluhlu lwabavoti oneenkcukacha ezichanekileyo wenza ukuba umqulu woluhlu lwabavoti uthembakale kwaye oku kudlala indima enkulu ukuphucula ulawulo lwethu lwentando yesininzi ngokuqinisekisa ukuba kukho unyulo olukhululekileyo, olungenzi makhwiniba futhi noluthembakeleyo.
9.8. IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubo bonke abemi boMzantsi Afrika abangakhange bakwazi ukuya kwizikhululo zovoto zabo kule mpela-veki igqithileyo ukuba baye kwi-ofisi ye-IEC ekufutshane nabo baye kuqinisekise futhi balungise iinkcukacha zedilesi zabo. Kungenjalo, abo babhalisileyo bangasebenzisa iwebhusayithi ye-IEC eyile: www.elections.org.za/MyIEC nanina ukujonga nokulungisa iinkcukacha zabo zedilesi.

10. Iminqweno emihle kwimbaleki uMhlengi Gwala

10.1. IKhabhinethi nayo njengoMphathiswa wezeMidlalo noLonwabo, uNksz Thokozile Xasa, ibugxibha kabukhali ubundladiya nobundlavini obenziwe kwimbaleki eselula yeentlobo ezahlunekeyo zombaleko uMhlengi Gwala ngokuthi ahlaselwe ngesarha yetsheyina ngethuba ekhwele ibhayisekile kwiphondo laKwaZulu-Natal.
10.2. IKhabhinethi inqwenelela le mbaleki ukuba ichache ngokukhawuleza kwaye ibulela nakoogqirha base-St Augustine Hospital abamnyangayo.
Ulwaphulo-mthetho alwamkelekanga kwaphela kweli lizwe kwaye iKhabhinethi icela uluntu ukuba lusebenzisane nee-arhente zogcino-mthetho kuzingelwe ezi zigila-mkhuba zibanjwe.

11. Imbalela ibhengezwe ngokusesikweni njengentlekele yesizwe

11.1. Phantsi koMphathiswa woLawulo lweNtsebenziswano nezeMicimbi yeMveli, uMnu Zweli Mkhize, urhulumente uye wabhengeza ngokusesikweni ukuba sikwisimo yentlekele yesizwe ukuze sikwazi ukulwa ingxaki yembalelo nokunqogophala kwamanzi.
11.2. IKhabhinethi ibulela ngokungazenzisiyo kwabo bantu eMzantsi Afrika baqhubekayo nokonga amanzi kwakunye nomsebenzi omhle kakhulu owenziwe yiKomiti yabaPhathiswa eJongene noMba weMbalela, kunye nawo onke amahlakani kuwo onke amaqoqo karhulumente nakwisizwe ngokubanzi, wokulwa nale mbalela ingapheliyo ithwaxa indawo ezithile kweli.
11.3. Ngaphandle kokuba uMzantsi Afrika ulilizwe elinengxaki yokunqongaphala kwamanzi, iKhabhinethi iqinisekile ukuba siselilizwe elithandwa kakhulu ngabakhenkethi.

B. Izigqibo zeKhabhinethi

1. IKhabhinethi ivumile ukuba isiVumelwano esiLungisa isiHlomelo 1 (iNtsebenziswano kwezoTyalo-mali) sesiVumelwano soMbutho woPhuhliso lwaMazwe aseMazantsi e-Afrika (i-SADC) seziMali noTyalo-mali (i-FIP) masithiwe thaca ePalamente ukuze siqinisekiswe ngokusesikweni.
1.1. Injongo ye-FIP kukulungelelanisa imigaqo-nkqubo yezimali neyotyalo-mali yaMazwe angamaLungu e-SADC ukuze ihambelane neenjongo eziphambili ze-SADC. Oku kuza kuqinisekisa naluphi na utshintsho kwimigaqo-nkqubo yezezimali neyotyalo-mali olwenziwe lelinye iLizwe eliliLungu alunyanzelise ukuba kwenziwe utshintsho olungafunekiyo kwimigaqo-nkqubo yamanye amaZwe angamaLungu.
1.2. Ezi zilungiso zilungiselelwe ukukhusela ilungelo loorhulumente lokumisela imithetho eza kuba lunceda kubantu belo lizwe, futhi nokuqinisekisa ukuba amalungelo noxanduva lwabatyali-zimali nawoorhulumente ayahambelana.

2. IKhabhinethi ivumile ukuba kungeniswe ePalamente imiThetho eyiYona isiSiseko eHlaziyiweyo neThiywe ngokuTsha yeZizwe eziManyeneyo (i-UN) yeNdlela yokuPhathwa kwamaBanjwa (“iMithetho kaNelson Mandela”).
2.1. Ukunikwa igama elitsha kwemiThetho eyiYona isiSeko kuthiwe “yiMithetho kaNelson Mandela” kuhlonipha igama nemisebenzi yalowo wayenguMongameli, futhi nowachitha iminyaka engama-27 ethothoza entolongweni.
2.2. Wongeziwe umxholo woSuku lweHlabathi lukaNelson Mandela, olubhiyozelwa ngaMazwe angamaLungu e-UN rhoqo ngomhla we-18 kweyeKhala, ukuba ngoku uquke ukulwela ukuphucula iimeko amabanjwa agcinwa phantsi kwazo ezintolongweni, ukufundisa amabanjwa ngokubaluleka kokuthatha inxaxheba kwizinto ezenziwa luluntu kunye nokuhlonipha nokuxabisa umsebenzi wabantu abasebenze ezintolongweni uthathwe njengokuba ngumsebenzi wenkonzo yezentlalo.
2.3. Le mithetho iza kunceda uMzantsi Afrika ukuba ulikhawulezise iphulo lawo leenguqu ezifuna ukufikelela kwinkqubo yezoluleko yokuphuhlisa ehambelana nemigaqo nemimiselo yehlabathi.

C. ImiThetho eYilwayo

1. IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa ePalamente koMthetho oYilwayo wowama-2018 wokuThintela nokuLwa uLwaphulo-mthetho lweNtiyo neNtetho yeNtiyo. Lo Mthetho uYilwayo uneenjongo zokwenza ukuba ulwaphulo-mthetho oluphenjelelwe yintiyo nentetho yentiyo luthathwe njengetyala, kunye nokumisela amanyathelo okuthintela nokulwa ezi ntlobo zamatyala. Ulungiselelwe ukulwa ingxaki yobundlobongela obenziwa ebantwini kuba becalulwa. Uza kusabela ngqo kuxanduva loMzantsi Afrika olunikwe ngokwemithetho nemigaqo-nkqubo yehlabathi yamalungelo oluntu.

2. IKhabhinethi ivumile ukuba ungeniswe ePalamente uMthetho oYilwayo wowama-2018 weZiko leSizwe lezaKhono zobuChwepheshe i-iKamva (i-INeSI). Lo Mthetho uYilwayo unika amagunya okuba kumiselwe i-iNeSI njengequmrhu elisemthethweni elinemithetho yalo elilawulayo ukuze kungenelelwe kule ngxaki yokunqongophala kwezakhono zale mihla zobuchwepheshe kweli lizwe. Ukuphuhliswa kwezakhono zobuchwepheshe kubonwa njengomnye wemiba ekhokeliswe phambili ngulurhumente kumalinge okwakha uqoqosho oluxhanyulwa ngumntu wonke, kunye nokwakha urhulumente onezakhono nogxininisa kuphuhliso.
I-iNeSI iza kusebenza njengequmrhu lesizwe elikhokela utshintsho, kumaphulo okuxhobisa abantu namasebe karhulumente ngezakhono zobuchwepheshe bale mihla.

3. IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa ePalamente koMthetho oYilwayo wowama-2018 weNzululwazi ngeeMeko zaseLwandle, i-Hydrography. Lo Mthetho uYilwayo wenzelwe ukunika i-Ofisi yeNgcali yoMkhosi ngeeMeko zaseLwandle, i-Hydropher, isidima negunya elisemthethweni. Le Ofisi iyinxalenye yeSebe lezoKhuselo (kuMkhosi woMzantsi Afrika waseLwandle) yabakho oko eMzantsi Afrika kwaqaliswa ngeenkonzo zenzululwazi ngeemeko zaselwandle.

Lo Mthetho uYilwayo uza kwenza iNgcali yoMkhosi yeeMeko zaseLwandle yoMkhosi waseLwandle woMzantsi Afrika ukuba yaziwe futhi ihlonitshwe njengeNgcali yoMkhosi yeSizwe yeeMeko zaseLwandle. Uza kuqinisekisa ukuba umsebenzi wecandelo leenkonzo zenzululwazi ngeemeko zaselwandle waziswa ngokusesikweni futhi ubhaliswa ngokusemthethweni. Oku kuhambelana nemigaqo yoMbutho weHlabathi wezaseLwandle (i-IMO) kunye nesiVumelwano seHlabathi sokuKhuselwa kwaBantu eLwandle, esisisivumelwano sehlabathi ngemiba yaselwandle esinika imiqathango nezikhokelo emazilandelwe zokhuseleko xa kusakhiwa iinqanawa nezixhobo ezisetyenziswa kwiinqanawa ezirhweba elwandle kwakunye nendlela ezisetyenziswa ngayo.

D. Imisitho ezayo

1. INyanga/uSuku lwamaLungelo oLuntu
Imibhiyozo yeNyanga/yoSuku leSizwe lwamaLungelo oLuntu iza kubanjwa phantsi komxholo othi: UNyaka kaNelson Rolihlahla Mandela: ukukhuthaza nokubethelela uthando lwamalungelo oluntu kwisizwe siphela”.

Umsitho wesizwe uza kubanjwa ngomhla wama-21 kweyoKwindla ngowama-2018 eGeorge Thabe Cricket Pitch, eSharpeville eVereeniging. IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kuye wonke umntu ukuba aluhloniphe olu suku. Olu suku lubhiyozela imizamo namalinge enziwe nguMzantsi Afrika ukulwela amalungelo oluntu kwaye luhlonipha amaqhawe afana noMadiba namanye awawayo anikela ngobomi bawo esilwela le nkululeko siyixhamlayo namhlanje.

2. IVeki yeSizwe yokuGxininisa kwiiMbizo

IVeki yeSizwe yokuGxininisa kwiiMbizo iza kubanjwa ukusuka ngomhla wesi-9 ukuya kowe-15 kuTshazimpunzi kowama-2018 phantsi komxholo othi: “Sisonke siqhubela uMzantsi Afrika phambili”. Kulo nyaka, iveki yokugxininisa kwiimbizo iza koyama kakhulu kumbhiyozo wemiNyaka eliKhulu yokuZalwa kukaMandela, phantsi komxholo othi: “Yiba ngumzekelo wemisebenzi yakhe”. IKhabhinethi nooSekela-Baphathiswa baza kubamba iindibano zokufakana imilomo nokubonisana noluntu kwiindawo ezahlukeneyo kweli lizwe. Iinkcukacha ngemihla neendawo abaPhathiswa abahlunekeneyo abaza kuya kuzo ziza kwaziswa kwalapha ekuhambeni kwexesha.

3. Ingqesho yolutsha  

3.1. UMongameli Ramaphosa kulindeleke ukuba amisele iphulo elilingwayo leeNkonzo zokuQeshwa koLutsha kwiziko iRiversands Incubation Hub eDiepsloot ngomhla wama-27 kweyoKwindla ngowama-2018. Eli phulo, lenziwa ngokubambisana phakathi kwecandelo labucala, lilungiselelwe ukuxhobisa ngezakhono abantu abatsha abasisigidi kule minyaka mihlanu izayo batsho bakwazi ukuthatha inxaxheba ngamandla kuqoqosho weli, nokuba baza kuba bengabasebenzi okanye benamashishini wabo okanye beqhubeleka nezifundo zabo.

4. Uhambo lwaseburhulumenteni oluya eMozambique naseZimbabwe

UMongameli Ramaphosa uza kuthatha uhambo lwaseburhulumenteni oluya kwiRiphablikhi yaseMozambique nakwiRiphablikhi yaseZimbabwe ngoMgqibelo, umhla we-17 kweyoKwindla ngowama-2017. Olu hambo luya kula mazwe liza kugxininisa ikakhulu ekuqiniseni ubudlelwane nala mazwe akhankanywe apha ngasentla.

UMongameli uza kubamba neengxoxo ngemiba yoxolo nokhuselo kulo mmandla nakwilizwekazi futhi uza kuphinda agwadle eminye imiba edla la mazwe.

E. Imiyalezo

1. IKhabhinethi imqhwabela izandla uNtsiki Biyela, umntu wasetyhini wokuqala eMzantsi Afrika ukuba ngumdidiyeli olichule lokwenza iwayini nothe waqalisa ukuvelisa uhlobo lwewayini phantsi kwegama lakhe. Eli gqiyazana linesidanga kwi-Viticulture elasiphumelela kwiDyunivesiti yaseStellenbosch futhi nelineminyaka eli-13 yamava omsebenzi ngaphezulu, iwayini zakhe ebizwa ngokuba yi-Aslina Wines iza kuthengisa iibhotile ezingama-12 000 e-United States of America, Germany, Taiwan naseGhana kulo nyaka wama-2018.
2. IKhabhinethi imothulela umnqwazi uCaster Semenya ngokwaphula irekhodi loMzantsi Afrika lomgama oyi-1 000m ebekusele kuyiminyaka engama-35 lihleli kumdyarho weembaleki i-Athletix Grand Prix ububanjelwe eTuks ePitoli. Eli gqiyazana liphumelele lo mdyarho ngokubaleka ixesha eliyi-2:35:44, esophula irekhodi lika-Ilze Wicksell lowe-1985, ngexesha eliphantse libe yimizuzwana emibini yonke. IKhabhinethi iyamncoma uCaster nangokuzalisekisa iphupha lakhe lokuphumele iziqinisekiso zemfundo zasedyunivesiti ngokuthi aphumelele i-Diploma in Sports Science kwiDyunivesiti yaseMntla Ntshona ePotchefstroom.
3. IKhabhinethi ithi tutwini kwizihlobo nosapho leLungu eliBekekileyo lePalamente, uLoliwe Fazeka, osweleke kwingozi yemoto eMpuma Koloni, kule veki iphelileyo.
4. IKhabhneithi ithi akuhlanga lungehlanga kwizihlobo nezalamane zikaNozakuzaku woMzantsi Afrika eSweden, uNksz Faith Radebe, osweleke ngoLwesibini, umhla we-13 kweyoKwindla ngowama-2018. Wayekhe wasebenza njengoMhloli-Jikelele wezobuNtlola eMzantsi Afrika.

F. Izikhundla

Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala emfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.
1. UGq Philemon Mjwara njengoMlawuli-Jikelele weSebe lezeNzululwazi nobuChwepheshe, isivumelwano sakhe sengqesho sandiswe ngesithuba seminyaka emithathu, ukusukela ngomhla woku-1 kuTshazimpunzi ngowama-2018.
2. UNksz Memme Sejosengwe njengoNobhala-Jikelele kwi-Ofisi yeJaji eyiNtloko. Uza kuqala ukusebenza ngomhla woku-1 kuTshazimpunzi ngowama-2018.
3. UNksz Thuli E Radebe, njengoMlawuli oPhezulu kwiziko iCentre of Public Service Innovation ixesha elongezelelwe ngesithuba esizinyanga ezintandathu kwisivumelwano sakhe sengqesho.
4. UMnu Thilivhali Archibald Ramawa njengeGosa eliyiNtloko leziMali (i-CFO) kwiziko iNational Electronic Media Institute of South Africa.

5. IBhodi yeSentech SOC Limited:
a. UMnu Magatho Mello (uqeshiwe kwakhona njengomlawuli ongeyonxalenye yesigqeba solawulo nanjengoSihlalo);
b. UMnu Lumko Mtimde (ukuqeshwa kwakhona njengomlawuli ongeyonxalenye yesigqeba solawulo);
c. UGq Sandile Malinga (umlawuli ongeyonxalenye yesigqeba solawulo); kunye
d. noNksz Elizabeth Malaka (umlawuli ongeyonxalenye yesigqeba solawulo).

6. IBhodi yeBroadband Infraco:
a. UMnu Mandla Ngcobo (uqeshiwe kwakhona njengomlawuli ongeyonxalenye yesigqeba solawulo nanjengoSihlalo);
b. Ms Nokuthula Selamolela (uqeshiwe kwakhona njengomlawuli ongeyonxalenye yesigqeba solawulo);
c. Mr Gift Mphefu (umlawuli ongeyonxalenye yesigqeba solawulo);
d. Ms Zandile Matilda Kabini (umlawuli ongeyonxalenye yesigqeba solawulo); kunye
e. noNksz Jennifer Schreiner (umlawuli ongeyonxalenye yesigqeba solawulo).

7. IBhodi ye-SAPO:
a. uMnu Comfort Ngidi (uqeshiwe kwakhona njengoSihlalo);
b. Ms Nomahlubi Simamane (uqeshiwe kwakhona njengoSekela-Sihlalo);
c.  U-Adv Juliana Galetlane Rasethaba (umlawuli ongeyonxalenye yesigqeba solawulo); kunye
d. noGq Charles Nwaila (umlawuli ongeyonxalenye yesigqeba solawulo).

Imibuzo:
Nksz Phumla Williams – IsiThethi seKhabhinethi esiliBambela (GCIS)
Iselula: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore