INtetho kwintlanganiso yeKhabhinethi yangomhla we-5 kweyoKwindla kowama-2014

1. Uluvo lweKhabhinethi kwimiba egqubayo neziganeko ezizayo

1.1 IKhabinethi iyalibethelela kwakhona ikhwelo elihlatywe nguMongameli uJacob Zuma kurhulumente, abezoshishino kunye nabasebenzi ukuba basebenzisane ukukhulisa uqoqosho ngeqondo elinokubanakho ukudala eminye imisebenzi.

INtetho engoBume beSizwe kunye noHlahlo-lwabiwo-mali zakhe isiseko sokuba isiCwangciso soPhuhliso seSizwe siphunyezwe ngaphezulu kumbuso wolawulo omtsha wePalamente ezayo

UHlahlo-lwabiwo-mali lwama-21 lwalo rhulumente wentando yesininzi ngokwenene lubalisa ibali elincumisayo ngendlela esiliguqula siliphucula ngayo eli lizwe kunye nendlela esiqhubela phambili ngayo ukulwa nemingeni yendlala, ukungalingani kunye nentswelo-ngqesho – kwaye, okubalulekileyo, sikwenza oku ngoko kuncinane sinako.

1.2 IKhabinethi ivakalise ukubindeka kwayo ngokungcola nokubulawa kwamantombazana aselula amabini kutshanje kumkhwa ekutyholwa ukuba udibene nonqulo. Imikhwa enjalo ayinandawo kwilizwe lethu. Njengoko uMgaqo-siseko ulikhusela ilungelo lobomi, nabani na ofunyenwe esaphula umthetho uza kujongana nengalo yomthetho.

1.3 IKhabinethi ibamba ngazibini kubo bonke abemi baseMzantsi Afrika kunye nabezoshishino ngamaphulo okonga amandla ombane, ingakumbi xa iziko lesizwe leenkonzo zombane beliphantsi konxinzelelo. Nangona ilizwe linakho ukuvelisa umbane owaneleyo ofunekayo, bonke abasebenzisi bombane bayakhuthazwa ukuba baziqhelise iindlela zokonga umbane kwaye bakuphile oko.

1.4 IKhabinethi ivuyisana nezikolo nootitshala abaye boyulelwa ukufumana iiMbasa zobuTitshala zeSizwe yowama-2013: IiMbasa zakwa-Via Afrika zabaKhethwe ngaBantu, theko elo liza kubanjwa ngomhla we-6 kweyoKwindla kowama-2014 kwiZiko leeNkomfa iBirchwood eGauteng. Ezi mbasa zeyenye indlela iSebe lezeMfundo esiSiseko elibulela nelikhuthaza ngayo ootitshala abazinikeleyo nabanenkathalo kwiinzame zabo zokuphuhlisa abafundi ukuba babe ngabemi abanoxanduva besizwe soMzantsi Afrika esilawulwa yintando yesininzi, esinganabuhlanga nesingacalucaluli ngokwesini. IKhabinethi iyawagxininisa kwakhona amalungelo abantwana okufunda kwindawo ekhuselekileyo nefanelekileyo.

1.5 IKhabinethi ibulela iSebe lezeNzululwazi nobuChwepheshe ngokuqhubeka lixhasa uMnyhadala weNzululwazi weSizwe, obizwa ngokuba yi-Scifest Africa, oza kubanjwa ngomhla we-12 ukuya kowe-18 kweyoKwindla kowama-2014 eRhini eMpuma Koloni phantsi komxholo othi “Sisinge eMajukujukwini”. Lo mnyhadala waminyaka le ukhuthaza inzululwazi, ubuchwepheshe, ubunjineli kunye nezibalo njengamakhondo ulutsha lwethu olunokuwalandela kwaye uzama nokunceda uluntu loMzantsi Afrika ukuba luwaqonde ngcono la macandelo. URhulumente uyaqhubeka ukukuthatha njengokubalulekileyo kunye nokukuxhasa ukulandelwa kweZibalo kunye neNzululwazi njengenxalenye yokuphuhlisa izakhono ezinqongopheleyo ezibalulekileyo nezifunekeyo kolu qoqosho lwethu lusakhulayo.

1.6 IKhabinethi isichulumancele isibhengezo esenziwe nguMbutho i-CAPRISA ngokufunyanwa kwezithinteli-ntsholongwane ezinamandla ezintsha zentsholongwane i-HIV. Olu phando lubonisa indlela umzimba womfazi waKwaZulu-Natal owalwa ngayo wakuba wosulelwa yintsholongwane i-HIV ngokuzenzela izithinteli-ntsholongwane. Olu phando, olupapashwe kwijenali yenzululwazi ehlonitshwe kakhulu esihloko sithi Nature, luchaza indlela iqela lengcaphephe zabaphandi elafumana laze lachonga ngayo ezi zithinteli-ntsholongwane kwigazi lalo mfazi laze lenza amawele afana twatse nazo elebhu. Ezi zithinteli-ntsholongwane zingamawele afana twatse zaye zasetyenziswa kumalinge emifuniselo amaninzi elebhu ngeenjongo zokucacisa indlela amajoni omzimba alo mfazi azenza ngayo ezi zithinteli-ntsholongwane zinamandla. Ulwazi olutsha olufunyenwe ngophando kulo mfazi waKwaZulu-Natal ngendlela amajoni omzimba alwa ngayo intsholongwane i-HIV lunika ithemba ngeendlela zobuchule ezizayo zokuthintela nokunyanga intsholongwane kaGawulayo. Kodwa ke, oku kufunyenweyo akuthethi ukuba iNtsholongwane kaGawulayo noGawulayo ziyanyangeka, (HIV/AIDS) kwaye urhulumente ke ngoko usahlaba ikhwelo kubemi boMzantsi Afrika ukuba baqhubeke bezivavanyela intsholongwane kaGawulayo okanye baqhubeke besebenzisa amayeza athomalalisa ulwamvila lwentsholongwane kaGawulayo  anikwa abo bafunyaniswe benale ntsholongwane emva kovavanyo.

1.7 UMongameli uJacob Zuma kulo nyaka uza kwenza intetho kwimibhiyozo yoSuku lwamaLungelo oLuntu ngomhla wama-21 kweyoKwindla kowama-2014 phantsi komxholo othi: “Ukubhiyozela iminyaka engama-20 yokutshintsha ubomi babantu sisebenzisa amalungelo oluntu!” kumaBala eQakamba aseSharpeville eGauteng. IKhabinethi ihlaba ikhwelo kubo bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba babhiyozele ukuphila kwilizwe eliqinisekisa ukuba abusoze ubuntu bethu buthathwe kuye nawuphi na ummi woMzantsi Afrika, nokuba ungowoluphi na uhlanga, isini, inkolo okanye umntu okhetha ukuthandana nasiphi na isini. Sonke sinoxanduva lokuqinisekisa ukuba imbali yethu yamalungelo oluntu igciniwe kwaye iyabethelelwa ukulungiselela izizukulwana ezizayo.

1.8 IVeki yaManzi yeSizwe iza kuphehlelelwa eBushbuckridge ngomhla we-14 kweyoKwindla kowama-2014.  Eli theko lokusungula liza kube limalunga nokuthotywa kweempompo kwi-South Vertical Shaft yomgodi omdala i-ERPM ukuze kujongwane nengxaki yaManzi ane-Asidi atsitsa eMgodini kwiCentral Witwatersrand Basin. Ngezinye intsuku zale veki kuza kunikezelwa ngezixhobo zokucoca amanzi amdaka kunye neeprojekthi zokubonelela ngamanzi amaninzi kumaphondo aliqela. Umxholo walo nyaka uthi “Amanzi abuBomi – ImiNyaka engama-20 yokuNikezelwa kwaManzi kuPhuhliso lweNtlalo noQoqosho”.    

IKhabinethi icela bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba balondoloze amanzi kwaye iyakubethelela kwakhona ukubaluleka kokulawulwa ngokuzinzileyo kwemithombo yawo ebalulekileyo nenqongopheleyo, ukuze zifikelelwe kwaye zixhanyulwe ngabemi boMzantsi Afrika abangaphezulu.

1.9 IKhabinethi yaziswe ngempumelelo yeNgqungquthela yoLutsha kaMongameli ebanjelwe e-Ekurhuleni ukususela ngomhla wama-28 kweyoMdumba ukuya kowe-3 kweyoKwindla ngowama-2014. Le ngqungquthela ibisindlekwe yi-ofisi yoBongameli, iSebe loPhuhliso lwezoQoqosho kunye ne-Arhente yeSizwe yoPhuhliso loLutsha. Le ngqungquthela iphumeze iSivumelwano seNgqesho yoLutsha esasityikitywe kuTshazimpunzi wama-2013 ngurhulumente, abazoshishino nabasebenzi. UMongameli uJacob Zuma ebesisithethi sembeko kule ngqungquthela, ebizinyaswe ngabantu abatsha abamalunga nama-500 bephuma kuwo onke amaphondo eli. Abaphathiswa abohlukeneyo bathathe inxaxheba kwiingxoxo zamaqela ngeenjongo zokwenza amagqabantshintshi becacisela ulutsha ngeenkqubo zikarhulumente ezijongene nokuqeshwa kolutsha. Ukongeza koku, kwavunyelwana ngamacebo amatsha nabambekayo apho uMongameli kunye naBaphathiswa abohlukeneyo baza kusebenzisana rhoqo nolutsha kwiphulo lokudala imisebenzi ngokwenene.

1.10 IKhabinethi iqaphele ukuzinyaswa ngamanani avisayo nempumelelo yeNkomfa yeSizwe yokuCebisana ngePhepha loGayo-zimvo olungoMgaqo-nkqubo oHlanganisiweyo woBuchwepheshe boLwazi noNxibelelwano (i-ICT) weSizwe, ebibanjwe ngomhla we-3 kweyoKwindla kowama-2014. IKhabinethi iyalukhuthaza uluntu ukuba luthathe inxaxheba kwiindibano zovakaliso-zimvo zamaphondo zePhepha loGayo-zimvo eziza kuqala eRustenburg ngomhla we-7 kweyoKwindla. IPhepha loGayo-zimvo liza kukhokelela ekugqityezelweni kwePhepha leNgcaciso yoMgaqo-nkqubo phakathi kulo nyaka, lona liza kubonelela ngenkqubo-sikhokelo yokutshintsha umthetho ngeendlela ezakuthathela ingqalelo izinto ezininzi ezitshintshileyo kushishino lwe-ICT kule minyaka imbalwa idlulileyo.

1.11 IKhabinethi ichulumancile kukwazi ukuba ukususela oko kwamkelwa i-“SA Connect”, IsiCwangciso-qhinga noMgaqo-nkqubo wobuXhaka-xhaka boNxibelelwano, ngomhla we-4 kweyoMnga wama-2013, izikolo ezingama-782 zineekhompyutha ezisebenzayo kunye namagumbi okuzisebenzisa; iziko elibizwa ngokuthi i-Ikamva e-Skills Institute laphehlelelwa, laze iBhunga leeNgcebiso ngobuXhaka-xhaka boNxibelelwano lweSizwe lasekwa.

1.12 ISebe lezeNdalo liza kusingatha iNkomfa yaMazwe ngaMazwe ye-11 (i-COP11)  ukususela ngomhla we-17 ukuya kowama-21 kweyoKwindla kowama-2014, kwiZiko leNgqungquthela laMazwe ngamazwe laseKapa, phantsi komxholo othi: “Ukuxhasa ukuKhula kwezoLwandle e-Afrika: Indlela eya kuLawulo oluZinzileyo lweZidalwa zaseLwandle”. Le nkomfa, i-COP11, ibanjwa rhoqo emva kweminyaka emibini, idibanisa aBaphathiswa bokusingqongileyo abasuka kumazwe angama-22 atyikitya iSivumelwano seNtsebenziswano soKhuselo, uLawulo noPhuhliso lwezaseLwandle noNxweme lwe-Atlantic olukuMmandla oseNtshona, eMbindini naseMazantsi e-Afrika. Le nkomfa yowama-2014 iza kuhlaziya imisebenzi nezigqibo ezazithathwe kunyaka wama-2012 nowama-2013; uhlahlo-lwabiwo-mali lowama-2014 nowama-2015, ithathe nesigqibo ngamanyathelo afunekayo ukuphumeza isiVumelwano kwakunye noMkhomba-ndlela waso. Iza kucebisa nokuba amazwe ngamazwe angenza njani ukwamkela lo mxholo wokuKhula kwezoLwandle njengendlela yokulawula ubuncwane baselwandle naselunxwemeni ngokuzinzileyo.

1.13 IKhabinethi iyavuyisana neqela loMzantsi Afrika leQakamba labangaPhantsi kweminyaka eli-19 ngomsebenzi omhle kakhulu wokuphumelela iNdebe yeHlabathi yabo yokuqala yabangaPhantsi kweminyaka eli-19 yeBhunga laMazwe ngaMazwe leQakamba eDubai. Ukudlala weli qela okuvuselelayo kudlala indima enkulu yokukhathaza zonke iimbaleki ezilula ukuba nazo zizeke mzekweni, basebenzele ukunqandwa zinkwenkwezi.

1.14 IKhabinethi iqaphele uSuku lwaMazwe ngaMazwe looMama oluzayo – ngomhla we-8 kweyoKwindla ngowama-2014. Olu suku lubonelela ngethuba lokuba abemi boMzantsi Afrika bancome impumelelo nokuzincama kwabasetyhini kuluntu lwethu. Abemi boMzantsi Afrika kufuneka bacinge ngenkqubela eyenziwe ngabahlali, uluhlu ngokubanzi kunye nelizwe lonke ekuqhubeleni phambili idabi lamalungelo abasetyhini.

1.15 Nangona uMgaqo-siseko usibonelela ngeenqobo ezisisiseko nemithetho-sisekelo, luxanduva lwethu sonke ukukhusela abasetyhini nokuqinisekisa ukuba bayaxhotyiswa ukuze bakwazi ukuthatha inxaxheba kuphuhliso loqoqosho nelizwe lethu njengabemi abalingana nomntu wonke.

2. Iingxoxo kunye nezigqibo zeKhabhinethi

2.1 IKhabinethi ikuphumezile ukuqaliswa kwenkqubo yothethathethwano ebanzi yeengcebiso ngenjongo yokuvelisa iingcali ezinezidanga ezingaphezulu. Oku kuza kuqalisa isicwangciso-nkqubo sokusebenzisana ngamandla nokululungelelanisa intsebenziswano ngokuphucukileyo phakathi kwamaqumrhu ezifundiswa, amabhunga okuhlola umgangatho, urhwebo, amaziko ezemfundo ephakamileyo kunye norhulumente.

Oku kuza kuba negalelo kwiphulo lokuphuhlisa abasebenzi abanezakhono nabakwaziyo ukusebenza ukuze kuxhaswe ukuhluma okubandakanya wonke ubani.

2.2 IKhabinethi iwamkele uMthetho Sihlomelo we-Inshorensi yabaNgasebenziyo wowama-2014 ukuba ungeniswe ePalamente. Esi sisilungiso sesibini kuMthetho we-Inshorensi yabaNgasebenziyo, uMthetho Nombolo 63 wowama-2001.

Izilungiso ziyanaba ngokubangula ifuthe elinobungozi kwezoqoqosho nakwezentlalo elibangelwa kukungaphangeli, ngokulandela uMbutho wabaSebenzi waMazwe ngaMazwe, ngokuthi kubandakanywe abafundi abasagqibezela izifundo besemisebenzini kunye nabasebenzi bakarhulumente bona abangakhankanywanga ngokwalo Mthetho.

Ukuphunyezwa kwalo Mthetho Sihlomelo, ngowama-2014, phakathi kwezinye izinto, kuza kwandisa ixesha lokuhlawulwa kwezibonelelo-mali kumsebenzi obe negalelo lwentlawulo, ukususela kwiinyanga ezisi-8 ukuya kwezili-12, oko kubenza ukuba bakhangele omnye umsebenzi abe esamkela imali ixesha elide.

Umsebenzi onegalelo lwentlawulo uza kuba nexesha elandisiweyo lokufaka isicelo sebango, ukususela kwiinyanga ezi-6 ukuya kwezili-12. Oku kuza kuvumela nokuba konyulwe abo baza kuxhamla kwiimali eziphuma xa kubhujiwe.

3. Izikhundla

IKhabinethi ikuphumezile ukuqeshwa kwaba balandelayo:

3.1 UMnu Daan du Toit njengeSekela Mlawuli-Jikelele: INtsebenziswano yaMazwe ngamazwe kunye noButyebi kwiSebe lezeNzululwazi nobuChwepheshe.

3.2 UMnu Garth Strachan njengeSekela Mlawuli-Jikelele: UPhuhliso loMgaqo-nkqubo wezoPhuhliso lwezoShishino kwiSebe lezoRhwebo noShishino.

3.3 UNksz Malebo Mabitje-Thompson uSekela Mlawuli-Jikelele: ULawulo lweMbuyekezo neNkuthazo yoPhuhliso lwezoShishino kwiSebe lezoRhwebo noShishino.

3.4 IBhodi yoMbutho we-Inshorensi yezoMngcipheko oKhethekileyo yoMzantsi Afrika kwiiNkampani zamaShishini kaRhulumente
a) Ukuqeshwa kwakhona kukaMnu Cedrick Mnwabisi Masondo njengoMlawuli oyiNtloko nanjengoMlawuli okwiSigqeba soLawulo kwiBhodi
b) Ukuqeshwa kwakhona kukaNks Karen Pepler njengoMlawuli okwiSigqeba soLawulo kwiBhodi
c) Ukuqeshwa kukaNks Tando Mbatsha njengoMlawuli ongekho kwiSigqeba soLawulo.
d) Ukuqeshwa kukaNks Tshwarelo Moutlane njengoMlawuli ongekho kwiSigqeba soLawulo.

Imibuzo: Phumla Williams (ISithethi seKhabhinethi esiliBambela)
Umnxeba woqhagamshelwano: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore