INtetho kwintlanganiso yeKhabhinethi yangomhla wama-23 kweyeDwarha kowama-2013

24 Oct 2013

IKhabhinethi ibambe intlanganiso yayo yesiqhelo eKapa ngomhla wama-23 kweyeDwarha kowama-2013.

1. Uluvo lweKhabhinethi kwimiba ebalulekileyo kwiimeko ezigqubayo nezingundabamlonyeni

1.1. IKhabhinethi iyamkele inkqubela-phambili esiyibona kwiphulo lesizwe lokuqaliswa kweziseko ezingundoqo zoluntu eliququzelelwa yiKomishini kaMongameli yokuLungelelanisa  iziSeko ezinguNdoqo (i-PICC). UMongameli uJacob Zuma kutshanje usungule iiprojekthi ezigqityiweyo ezininzi njengenxalenye yenkqubo yokuPhuhlisa iziSeko ezinguNdoqo. Ezi ziquka umsebenzi kwiindlela engu-R81 nengu-R-71 eLimpopo, isitishi sikaloliwe i-Bridge City esizakunceda Umlazi eDurban nomsitho wokuphethulwa kwesoyi kuMgodi i-De Beers' Venetia eVhembe, eLimpopo.

UMongameli ulindeleke ukuba asungule ezinye iinkqubo zeziseko ezingundoqo ezifana noMmandla woPhuhliso lwaMashishini (i-IDZ)  waseSaldanha Bay eNtshona Koloni; andwendwele isiza kwiDama i-De Hoop, asungule iinqwelo zemoto zokuqala ezakhiwe eMzantsi Afrika eMpuma Koloni, aze avule ngokusesikweni iSibhedlele i-Ladybrand eFreystata.

IKhabhinethi yakwamkele nenkqubela-phambili kwiinkqubo zeeBhasi eziQuqa ziBuyelela (i-BRT) zaseRhawutini, eTshwane, eKapa naseRustenburg. Le nkqubo yeziseko ezingundoqo eqhutywa kwilizwe ngokubanzi exabisa iitriliyoni ezininzi zeerandi ivuselela uqoqosho nenkqubo yezothutho kwilizwe lethu.

Ezi projekthi zibe nefuthe lokubeka uqoqosho kwisimo sotshintsho lohlumo oluphezulwana kwaye ziza kuqhubeka zisiba negalelo kuphuhliso loqoqosho nasekudalweni kwamathuba emisebenzi.

1.2 IKhabhinethi iyalwamkela uHlahlo lwaBiwo-mali lwesiGaba esiPhakathi oluvakaliswe nguMphathiswa wezeZimali.  IKhabhinethi iyawaxhasa amanyathelo angqongqo aziziphakamiso kurhulumente. La manyathelo aza kuhamba indlela ende ekunciphiseni nayiphi na inkcitho kwinkcitho-mali karhulumente. Amanyathelo anjalo aza kuqinisekisa ukuba urhulumente usebenzisa imithombo yakhe  kakuhle nagobuchule. IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kuwo onke amasebe esizwe nawamaphondo, koomasipala, kumaqumrhu oluntu namaziko akhuthaza umgaqo-siseko ukuba afezekise la manyathelo.

1.3 IKhabhinethi izibandakanye noMongameli uJacob Zuma noluntu loMzantsi Afrika ekugxekeni impatho-gadalala, ubundlobongela nokungahoywa kwabantwana. IKhabhinethi income amaziko amele ukuphunyezwa komthetho ngokukhawuleza athathe amanyathelo akhawulezileyo kumatyala achazwe kutshanje.

Njengoko sizakuphawula uSuku lwaBantwana leSizwe ngomhla we-2 kweyeNkanga, iKhabhinethi ibongoza bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba bakhusele abantwana njengoko bezinkokheli zangomso. IKhabhinethi ikwahlaba ikhwelo kuluntu ukuba luqhubekeke nokusebenzisana namaziko amele ukuphunyezwa komthetho ekulweni ulwaphulo-mthetho eluntwini.

Kufanele sikhumbule kananjalo ukuba ukukhuselwa kwabantwana luxanduva lwabazali noluntu. Kufanele sinikezele ngoncedo koomama abadinga uncedo ekukhuliseni abantwana babo.

1.4 IKhabhinethi yamkele isibhengezo esenziwe liziko Umalusi sokuba ilizwe lizilungele iimviwo zeBanga leShumi ukusukela ngomhla wama-28 kweyeDwarha ukuya kowama-29 kweyeNkanga yowama-2013. IKhabhinethi ibanqwenelela okuhle bonke abafundi abangama-707 136, kuquka nabafundi abangafundi sigxina abali-130 000, kwiimviwo zabo

Abazali nabalondolozi babantwana ngokusemthethweni bayabongozwa ukuba baxhase abantwana babo njengoko belungiselela iimviwo zabo. IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kuBafundi beBanga leShumi lowama-2013 ukuba mabenze ilizwe libe neqhayiya nebhongo ngabo.

1.5 IKhabhinethi iyakwamkela ukusungulwa kwenkqubo yokufumaneka kokutya i-Fetsa Tlala (iPhelisa iNdlala) nguMongameli uJacob Zuma eKuruman eMntla Koloni ngomhla wama-24 kweyeDwarha yowama-2013. Le nkqubo iza kunceda uluntu luvelise ukutya kumhlaba woluntu nakomnye umhlaba ongasetyenziswanga. Iza kunceda amafama anemihlatyana emincinci ngeziseko ezingundoqo, ngophuhliso lwenkqubo yezolimo nangophuhliso lweemarike ezintsha, kuquka nokufumana kurhulumente.

1.6 IKhabhinethi ikwamkele ukuvulwa kwe-Indaba ngezeLwandle yase-Afrika ezakuqhutywa eSandton, eRhawutini, ngomhla wama-24 nowama-25 kweyeDwarha yowama-2013.Le Indaba iza kusingathwa nguGunyaziwe woKhuseleko kwezeLwandle zoMzantsi Afrika namashishini ezelwandle. Le nkomfa iza kubonelela abantu abadlala indima ebalulekileyo abaninzi ngeqonga ukuba bayile indlela yokuphuhlisa yeelwandle zase-Afrika baze basungule ubuDlelwane bama-Afrika ukuze kuphuhliswe uqoqosho olusele luphambili ekuphuhleni lwase-Afrika.

1.7 IKhabhinethi iluqaphele uTyelelo lwasebuRhulumenteni oluzayo lukaMongameli uZuma kwi-Democratic Republic of Congo (DRC) ngomhla wama-29 nama-30 kweyeDwarha. Utyelelo luza kuqinisa ubudlelwane bethu bezopolitiko nobezoqoqosho obuphakathi kwala mazwe mabini luphinde luqinise ukuzibophelela kwethu kwiinzame zokugcina uxolo nenkqubo yoKwakha ngoKutsha noPhuhliso eMva kweNgxubakaxaka (i-PCRD) kwela lizwe.

1.8  IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubo bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba baxhase iNyanga yokwaZisa ngamaLungelo waBakhubazekileyo yeSizwe ukusukela ngomhla we-3 kweyeNkanga ukuya kowe-3 kweyoMnga yowama-2013, ekwaphawula uSuku lwaBantu abaKhubazekileyo leZizwe. Inyanga le iza kubhiyozelwa phantsi komxholo othi: "Susa imiqobo, vulela  uluntu oluquka abantu bonke iingcango ”.

1.9  IKhabhinethi ikuqaphele ngenkxalabo ukuvuka kwakho kobundlobongela neemeko ezingentlanga kwiRiphabliki yaseMozambique. IKhabhinethi inqwenela ukugxininisa ukuba i-Mozambique inorhulumente osemthethweni kwaye naluphi na uvukelo lunyhasha inkululeko yorhulumente waseMozambique nabantu bayo. IKhabhinethi ilugxeka kakhulu uhlaselo oluhamba nezenzo zovukelo.

2 Iingxoxo kunye nezigqibo zeKhabhinethi ezingundoqo

2.1 IKhabhinethi ikuvumile ukuvunywa kweSihlomelo seDoha kwiSivumelwano saseKyoto. Ezi zihlomelo ziyinxalenye yeenzame zokunciphisa ukukhutshwa kwegesi lihlabathi ngowama-2013-2020 ezimisela ukuthintela ukuguquguquka kwesimozulu enobungozi ngeli xesha zikhusela izinto eziphambili zophuhliso kumazwe asaphuhlayo.

2.2 IKhabhinethi izivumile iiNgxelo eziDityanisiweyo zokuQala nezamaXesha athile zoMzantsi Afrika ngaphantsi kweSivumelwano esingamaLungelo oluNtu nawoPolitiko angeniswe kwiZizwe eziManyeneyo. Ingxelo iluqikelelo lwezinto esizizuzileyo nemingeni eyanyaniswe nomphumela kumalungelo oluntu nawopolitiko aqulathwe kwiSivumelwano nakuMgaqo-siseko wethu. Inengqalelo ethile kwisidima somntu nelungelo lokuphathwa ngokulinganayo ukusela sathi safumana ulawulo lwentando yesininzi ngowe-1994.

3 IMithetho esaYilwayo

3.1 IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa koyilo loMthetho osaYilwayo wokuKhuthaza noKhuseleko loTyalo-mali, wama-2013 ukuze uluntu luvakalise izimvo zalo ngawo. Lo mthetho uyilwayo ubonelela ngenkqubo-sikhokelo yomthetho wotyalo-mali uze uthethe ngokhuseleko olusemthethweni lwabo bonke abatyali-zimali oluhambelana neemfuno zoMgaqo-siseko.  Lo Mthetho ucingelwayo uza kuqinisa ubuchule bethu bokutsala abatyali-zimali bangaphandle nohlumo lwempahla eya kumazwe angaphandle ukuze kukhuthazwe uhlumo oluzinzileyo eMzantsi Afrika. UMthetho osaYilwayo ngoko ke ujonge ukulungelelanisa okuninzi phakathi kwamalungelo nezibophelelo zabo bonke abatyali-zimali eMzantsi Afrika, isidingo sokubonelela ngokhuseleko olwaneleyo nolulinganayo lwabatyali-zimali bamazwe angaphandle nabalapha ekhaya.

3.2 IKhabhinethi ikuvumele ukufakwa koMthetho-siHlomelo wokuQeshisa ngeziNdlu wama-2013 ukuba ufakwe ePalamente. UMthetho osaYilwayo uthetha ngendlela ethile yokucaciswa nangemiba yokufezekiswa eyavela ukusukela kwathi kwabhengezwa uMthetho wokuQeshiswa ngeziNdlu we-1999 (uMthetho onguNombolo 50 we-1999) (njengoko uhlonyelwe ngowama-2008). Lo mthetho ujolise ukukhuthaza urhwebo oluzinzileyo noluhlumayo oluthe chu ukuhlangabezana nemfuno emandla efihlakeleyo yokuqesha ngezindlu ezifikelelekayo phakathi kwabantu ababehlelelekile ngaphambili ngenxa yocalulo olungenabulungisa.

3.3 IKhabhinethi ikuvumele ukufakwa koMthetho-siHlomelo wamaGqwetha wama-2013 ukuba ufakwe ePalamente. UMthetho oYilwayo uhlomela uMthetho wamaGqwetha, we-1979 (UMthetho 53 we-1979), njengenyathelo lethutyana, kude kumiliselwe kuze kufezekiswe uMthetho oYilwayo ongokuSebenza ngezoMthetho. Uthetha ngemisantsha ngokumayelana namagqwetha nabo basaqeqeshelwa umsebenzi wobugqwetha uze uphelise amaqonga wamagqwetha awadalwa ngokwemida engasebenziyo yenkqubo yamaphandle ozimele geqe (iTranskei, iBophuthatswana, iCiskei neVenda). Ezi zihlomelo ziza kuqinisekisa ukuba ulawulo olufanayo lwekhondo lamagwetha kwilizwe liphela kwaye ziza kuqinisa ulawulo lwekhondo lezomthetho kwezi ndawo zikhankanyiweyo.

3.4 IKhabhinethi ikuvumele ukufakwa koMthetho-siHlomelo wamaGqwetha kaRhulumente wama-2013 ukuba ufakwe ePalamente. Injongo yalo Mthetho osaYilwayo kukuhlomela uMthetho wamaGqwetha kaRhulumente, we-1957 (uMthetho 56 we-1957). Ezi zihlomelo zibonelela ngesicwangciso-qhinga sesikhokelo sokulawulwa nokubekwa esweni kweeNkonzo zezoMthetho zikaRhulumente. Unenjongo zokuququzelela ukuqeshwa kweGqwetha eliyiNtloko eliza kujongana nawo onke amaGqwetha kaRhulumente lize libonelele ngemiba enxulumeneyo, njengenyathelo lokuqala ekufezekiseni iNkqubo-sikhokelo yeNguqu kwiiNkonzo zezoMthetho zikaRhulumente.

3.5 IKhabhinethi ikuvumele ukufakwa koMthetho osaYilwayo wokuXatyiswa kwePropati wama-2013 ukuba ufakwe ePalamente. UMthetho osaYilwayo wenza isibonelelo sokuSungula i-Ofisi yoMniki xabiso-Jikelele. Le ofisi iza kubonelela ngenkonzo yokuxabisa ipropati echongelwe ngoweenjongo zokuba ihluthwe nobuyiselo lomhlaba, kwanenkonzo yokuxabisa ngokuzithandela kwamasebe anokuthi acele i-ofisi ukuba yenze umsebenzi wokuxabisa.

3.6 IKhabhinethi iluvumile uyilo oluhlaziweyo loMthetho oYilwayo woPhuhliso lweZiseko ezingundoqo ePalamente. Lo Mthetho uYilwayo usungula emthethweni i-PICC neSicwangciso seZiseko ezinguNdoqo seSizwe njengezixhobo ezibalulekileyo zokuququzelela nokuqhuba uphuhliso lweziseko ezingundoqo eMzantsi Afrika. UMthetho osaYilwayo woPhuhliso lweZiseko ezinguNdoqo ubonelela ngenkqubo-sikhokelo yenkqubo yokwakha nokunceda ukuphucula iziphumo zawo zokuphuhlisa nokusebenza kwayo.

3.7 IKhabhinethi ivume uMthetho osaYilwayo wokuXhotyiswa kwabaseTyhini nokuLingana ngokweSini wama-2013 ukuba waziswe ePalamente. Lo Mthetho uYilwayo ufuna ukusungula inkqubo-sikhokelo yezomthetho yezinto ezibalulekileyo zokungacalucaluli, zokungakhethi ngokwesini nokulingana njengeko kucwangcisiwe kuMgaqo-siseko. Ukwafuna ukukhuthaza ukuxhotyiswa kwabasetyhini, ukumelwa kwabo ngokulinganayo kumaqonga athatha izigqibo nokukhuselwa kwabo nokuqhubela phambili njengoko kucwangcisiwe kwiCandelo le-9 (2) loMgaqo-siseko.

3.8 IKhabhinethi ikuvumele ukufakwa koMthetho osaYilwayo wezoLawulo loLuntu wama-2013 ukuba ufakwe ePalamente. Lo Mthetho uYilwayo yinkqubo-sikhokelo efuna ukubonelela ngokukhuthazwa kwezinto ezibalulekileyo ezingundoqo nemigomo ekuthethwa ngayo kwicandelo le-195 (1) loMgaqo-siseko kulawulo loluntu; ubonelele ngokutshintshwa nokuthunyelwa kwabasebenzi bakarhulumente kwamanye amacandelo ngenjongo zokunceda; ulawule ukuthintelwa kwabasebenzi bakarhulumente ukuba baqhube ushishino norhulumente; ubonelele ngamanyathelo eendlela zokuziphatha nokunyaniseka aquka ukusungulwa kweCandelo leeNdlela zokuziPhatha zoLawulo loLuntu, ukuNyaniseka noNcedo lwezoLuleko. UMthetho oYilwayo usebenza kubasebenzi bakarhulumente kuwo onke amabakala aseburhulumenteni.

4 Izikhundla

4.1 IKhabhinethi ikuvumele ukuqeshwa kwaba balandelayo kwiBhodi ye-Arhente yoPhuhliso lwamaShishini amaNcinane (i-Seda) isithuba seminyaka emithathu:

a) uGq. Ivor Mzwandile Zwane (uSihlalo)
b) uGq. Tebogo Job Mokgoro (ilungu elingekho kwisigqeba solawulo)
c) uMnu. Thakhani Makhuvha (umlawuli ongekho kwisigqeba solawulo)

4.2 IKhabhinethi ikuvumile ukwandiswa kwesivumelwano sokusebenza sikaNks. TE Radebe njengeGosa eliyiNtloko yesiGqeba leZiko lokuPhucula iiNkonzo zasebuRhulumenteni (i-CPSI).

4.3 IKhabhinethi ikuqaphele ukwandiswa kwexesha lokusebenza lamalungu angama-21 eBhunga laseMzantsi Afrika lobuNgcali  kwiNzululwazi yezeNdalo isithuba seenyanga ezintandathu:

a) uGq. CJ Augustyn
b) uMnu. N Baloyi
c) uNjing. ELJ Breet
d) uNjing. NH Casey
e) uGq. F Dilika
f) uGq. MM Dyasi
g) uGq. JF Eloff
h) uGq. I Gledhill
i) uMnu. OSD Garegae
j) uMnu. P Govender
k) uMnu. TP Govender
l) uGq. G Henry
m) uGq. BH Koch
n) uMnu. BS Maloka
o) uGq. P Matutu
p) uGq. S Naidoo
q) uNjing. BK Reilly
r) uNjing. HJ Siweya
s) uGq. ME Stalmans
t) uNjing. C Van der Westhuizen
u) Gq. G Botha.

Imibuzo:
Phumla Williams (ISithethi seKhabhinethi esiliBambela)
Umnxeba woqhagamshelwano: 083 501 0139

Issued by: Government Communications

Share this page

Similar categories to explore