INtetho kwiNtlanganiso yeKhabhinethi ebibanjwe umhla ama-27 kweyoKwindla yowama-2019

A. IMiba enguNdaba-mlonyeni

1. Utyalo-mali

1.1 IKhabhinethi iyasamkela isigaba sesibini sokwandiswa koMmandla oKhethekileyo wezoQoqosho kwiZibuko lezoShishino laseDube (SEZ) KwaZulu-Natal. Utyalo-mali olulingana neshumi elinesibhozo leebhiliyoni zeerandi (R18 yeebhiliyoni) luzisa ama-45 eehektare ezongezelelweyo kumhlaba we-SEZ. Luza kusebenza njengesiseko sokutsala utyalo-mali oluthelekelelwa kumashumi amabini eebhiliyoni zeerandi (R20 zeebhiliyoni) kule minyaka mihlanu izayo.

1.2 IKhabhinethi yamkele notyalo-mali olungamashumi asixhenxe anesibini eebhiliyoni zeerandi lomzi-mveliso wakwa-Hisense wase-China ovelisa izixhobo zombane kuluhlu lwawo lweemveliso zezikhenkcezi noomabona-kude kumzi-mveliso yawo ese-Atlantis eNtshona Koloni, nodale amathuba emisebenzi kwezokuvelisa eli-150. Olu tyalo-mali luzisa utyalo-mali olupheleleyo lakwa-Hisense olukwisikhululo sase-Atlantis olufikelela kumakhulu amane anamashumi amane eebhiliyoni zeerandi (R440 eebhiliyoni). 

2. Imbuyekezo yomhlaba

2.1 UMongameli uCyril Ramaphosa unikezele eyokuqala ngqa imbuyekezo yomhlaba kwisizukulwana somnombe woluntu lwama-Grikwa (Uluntu lwase-Ebenhaeser) e-Vredendal eNtshona Koloni. Olu nikezelo luqhubela phambili iNkqubo yokuHlengahlengiswa koMhlaba yokuphucula iimeko zoluntu olwalusakuhleleleka ngaphambili.

2.2 IKhabhinethi iyayamkela inkxaso yasemva kokuhlaliswa ebonelelwa liSebe lezoPhuhliso lwaMaphandle noHlengahlengiso loMhlaba ngeendidi-ngeendidi zeeteletele emazisetyenziswe ngamafama kulo mmandla, nezizakuqinisekisa ngokugcinwa nokusetyenzwa komhlaba ukwenzela izizukulwana zangoku nezexesha elizayo.

3. UHlolo lweMisebenzi lwangeKota

3.1 IKhabhinethi iyakwamkela ukukhutsha kweenkcukacha zengqesho zakutsha nje ezivela kwiZiko leeNkcukacha-manani laseMzantsi Afrika (StatsSA) kule veki, ezingqina ukukhula kwengqesho okupheleleyo kowama-2018. UHlolo lweMisebenzi lwangeKota, olunye kuhlolo olwenziwe kabini liZiko leeNkcukacha-manani laseMzantsi Afrika, lubonisa ukuba ingqesho kwicandelo elisesikweni ikhule nge-158 000 kwiinyanga ezili-12 zowama-2018. Kwiinyanga ezintathu zokugqibela zowama-2018, ingqesho ikhule ngama-87 000. Olu hlolo aluziqukanga iinkcukhacha zezolimo nezoqoqosho olungekho sesikweni.

3.2 Le ntshukumo yokwamkela ilandele ukukhutshwa kweziphumo zoHlolo lwaBasebenzi beBonke lwaRhoqo ngeKota (QLFS)  oludibeneyo kule nyanga, noluquka onke amacandelo ezoqoqosho, asesikweni nangekho sesikweni, nokukwabonakalisa ukukhula kwengqesho okuncomekayo ngowama-2018.

3.3 Oku kwanda kwemisebenzi kubonakalisa inxalenye yokukhula kwentembeko abatyali-zimali abanayo nokwanda kotyalo-mali lwamazwe angaphandle oluthe ngqo kuqoqosho, oku kubonakalisa ukuphumelela kwelinge likaMongameli lokunyusa uMzantsi Afrika njengendawo ekunokutyalwa kuyo imali. INgqungquthela yoTyalo-mali kaMongameli ebibanjwe kweyeDwarha yonyaka ophelileyo itsale izithembiso zamakhulu amathathu eebhiliyoni zeerandi (R300 zeebhiliyoni). Kule minyaka mine izayo, urhulumente uza kusebenza nabatyali-zimali, uluntu lwalapha ekhaya kunye nemibutho yabasebenzi ukuvumela olu tyalo-mali luthenjisiweyo ukuba lukwazi ukuqhubeka, nokunceda ukudala imisebenzi eyongezelelweyo kunye namathuba ezoqoqosho.   

3.4 Ukususela oko  kwaqalisa olu lawulo lwangoku, i-(QLFS) ibonakalisa ukuba ingqesho ikhule yayokufika kwi-16,5 sezigidi, apho i-1,5 sezigidi semisebenzi emitsha idalwe kwixesha leminyaka emihlanu.

4. INtshabalalo yeNkanyamba i-Idai

4.1 IKhabhinethi ivakalisa uvelwano olunzulu kwiintsapho zamaxhoba eNkanyamba i-Idai ethe yachaphazela imimandla yaseMozambikwe, iMalawi neZimbabwe. Le nkanyamba iye yashiya umzila womonakalo, amawaka wamakhulu wabantu abangena ndawo, yatshabalalisa imimandla emikhulu, yaqhawula uthungelwano lonxibelelwano yaze yenza neendlela ukuba zingahambeki.

4.2 Ngomoya woBuntu (Ubuntu), uMongameli uRamaphosa usabele kwisimemo sokucela uncedo esivela kubamelwane bethu ngokuphumeza amangenelelo aliqela, kuquka namandla oncedo lokufunisa-kuhlangulwe.   

4.3 IKhabhinethi ivakalisa umbulelo wayo ngomsebenzi owenziwe nguMkhosi woKhuselo weSizwe waseMzantsi Afrika (SANDF), iNkonzo yezobuPolisa yaseMzantsi Afrika (SAPS) kunye neSebe lezeMpilo. Iinqwelo-ntaka ze-SANDF zincedise ekuhlanguleni abantu abavalelwe ziimpuphuma yaza i-SAPS yakhupha nezinja eziqeqeshwe ngokukodwa zihamba nabaqhelisi bazo ukuyokwenza umsebenzi  wokufunisa-kuhlangulwe. IKhabhinethi ikwabulela nemibutho engekho phantsi kukarhulumente kunye ne-Gift of the Givers ngokusoloko inikezela ngoncedo lobuntu nolwentlekele.   

5. Eskom

5.1 USekela Mongameli u-David Mabuza unikezela ngengxelo kwiKhabhinethi malunga nokuqhubekayo kwa-Eskom neengxaki zombane. Kweziwe inkqubela encomekayo emva kwethuba yokufumana amalahle awoneleyo nobonelelo lwedizili, kunye noovimba bamanzi kwizikhululo ekugcinwa kumpontshwe kuzo umbane ophehlwa ngokusebenzisa amanzi.

5.2 IGqiza loHlolo lezobuGcisa elichongwe nguMphathiswa wamaQumrhu kaRhulumente uPravin Gordhan  kunye neBhodi yakwa-Eskom ngomhla we-4 kweyoKwindla yowama-2019, liza kugqibezela omnye wemisebenzi yalo ekuqaleni kwale veki izayo kwaye liza kuba selinazo iziphumo zokuqala kuhlolo lwalo lwezikhululo zombane zakwa-Eskom. Oku kuza kunceda u-Eskom norhulumente ukuba bamisele inkqubo ethe chatha ukuba ngqongqo yokugcina izikhululo zombane zilungile, nokuzakunceda  ukuzinzisa inkqubo yokuphehla kwezi veki zizayo neenyanga.

5.3 IKhabhinethi isebenze nangemeko yezezimali ka-Eskom. Kusaqwalaselwa iindlela ezizezinye zokuxhasa eli ziko lobonelelo-mbane. Ukuphehlwa kombane bekuzinzile kule veki nomngcipheko ophantsi noko wokumka kombane. Noxa kunjalo, kusekhona ukucima kombane okungacetywanga okukhulu okudala impembelelo yokuphazamiseka kwinkqubo iphela.

5.4 IKhabhinethi ibancomile abalawuli bakwa-Eskom nabasebenzi ngamalinge wabo okubonelela ngamandla ombane ozinzileyo, oqhubekayo nothembakaleyo kuqoqosho lwethu nakubemi belizwe lethu phantsi kweemeko zokusebenza ezinzima.

5.3 IKhabhinethi igxininisa ukuba bonke abantu baseMzantsi Afrika mababonakalise intsebenziswano baze babe neembono ezintsha – kwakunye neendlela zokonga umbane ezazisetyenziswa ngaphambili – ukunciphisa ukudingeka kombane. Oku kuquka ukucima iigiza, iimpompo zamachibi okuqubha kunye nezibane ezingasetyenziswayo. Enye inkqubela ukuya phambili ngo-Eskom nokuphehlwa kombane, njengoko kubonakaliswe nguMphathiswa wamaQumrhu kaRhulumente, iza kunikezelwa apha kule veki izayo.

6. Ukusweleka kweNkosazana u-Irene Thandekile Buthelezi

6.1 IKhabhinethi ivakalisa uvelwano olunzulu kusapho nabahlobo beNkosazana u-Irene Thandekile Buthelezi, oyinkosikazi weNkosana uMangosuthu Buthelezi. INkosazana u-Irene wazimanya ngeqhina lomtshatho nenkokheli yoMbutho weNkululeko iNkatha (IFP) iminyaka engama-67.

6.2 INkosazana le ibiyintsika nomxhasi weNkosana uButhelezi ngeminyaka yakhe yokuba sisitshovutshovu sezopolitiko eMzantsi Afrika. INkosazana u-Irene ikwashiya ngasemva abantwana babo iNkosana uNtuthukoyezwe Zuzifa, iNkosazana uPhumzile Nokuphiwa neNkosazana uSibuyiselwe, kunye nabazukulwana.  

7. ISkimu soNcedo lwezeZimali saBafundi seSizwe (NSFAS)

7.1 UMphathiswa wezeMfundo ePhakamileyo noQeqesho uNaledi Pandor uye wabhengeza isabelo semali eyongezelelweyo engamakhulu alithoba anamashumi amathandathu anesixhenxe sezigidi zeerandi (R967 sezigidi) esabelwe u-NSFAS. Esi sixa-mali siza kujongana nokucima amatyala asele eyimbali atyalwa iidyunivesithi ngabafundi abangama-52 514 abebexhaswe ngemali ngu-NSFAS abasaqhubekayo ngezifundo zabo. Esi sabelo asibaquki abo bafundi abasele benikwe inkxaso-mali epheleleyo ngokwalo mmiselo uhlaziyiweyo wowona mvuzo mncinci udibeneyo wabazali.

7.2 IKhabhinethi iyawaxhasa onke amalinge enziwayo agxile ekwenzeni ukuba imfundo ifikeleleke ngokukodwa kubafundi abasuka kwiintsapho ezihluphekileyo. Isezakuqhubeka ixhasa umsebenzi ogxile ekuvaleni umsantsa wokungalingani kuluntu lwethu. IKhabhinethi imema bonke abafundi ukuba baqhubeke ukusebenzisana nesebe ekufumaneni isisombululo kwimiba esaseleyo abasajongene nayo.

8. IZiko loSasazo laseMzantsi Afrika (SABC)

8.1 IKhabhinethi iwuqaphele kwaye iwamkela umsebenzi owenziwayo ukunceda i-SABC ukunyusa isithathu seebhiliyoni ezinamakhulu amabini zezigidi zeerandi (R3,2 zeebhiliyoni) njengenkxaso-mali yethutyana evela kwiibhanki zorhwebo. Oku kuza kuqinisekisa ukuba eli ziko lezosasazo liyakwazi ukumelana neemfanelo zalo zenkxaso-mali phakathi kwangoku neyoMsintsi yowama-2019.  

8.2 IKhabhinethi ihleli izibophelele ekuxhaseni i-SABC kwaye oku kulandela isibhengezo ebesenzwe ngaphambili nguMphathiswa wezeZimali uTito Mboweni Kwintetho yakhe yoHlahlo lwaBiwo-mali kwyoMdumba yowama-2019 ukuxhasa amaqumrhu karhulumente (SOCs) akwiingxaki zezezimali, kuquka ne-SABC, ukuba afumane inkxaso-mali ngokwangoku eyabelweyo ekuvimba wokulindela okunokwehla.   

9. INgqungquthela yeMbumba yaManyama yaMazwe aPhuhlileyo e-Afrika eseMazantsi (SADC)

9.1 IKhabhinethi ixolile kuba uMzantsi Afrika uye wasingatha iNgqungquthela yeMbumba yaManyama ye-SADC kunye ne-Sahrawi Arab Democratic Republic phaya ekuqaleni kule nyanga.

9.2 INtshona Sahara kuphela kwelizwe elisephantsi kolawulo lobukoloniyali e-Afrika. INgqungquthela yeMbumba yaManyama ye-SADC kunye neNtshona Sahara phakathi kokunye, ifuna, ukuqinisekisa ngokutsha ilungelo labantu beNtshona Sahara lokuzimela. Oku kuhambelana nemigomo yoMqulu weZizwe eziManyeneyo (UN) kwakunye nowawusakuba nguMbutho weManyano lase-Afrika kunye neManyano ye-Afrika.

B. IZigqibo zeKhabhinethi

10. UMkhomishinala omtsha weNkonzo yezeRhafu yaseMzantsi Afrika (SARS)

10.1 IKhabhinethi iyakwamkelwa ukuqeshwa kukaMnu Edward Christian Kieswetter njengoMkhomishinala omtsha wakwa-SARS ukususela ngomhla wo-1 kuCanzibe yowama-2019. 

10.2 Mnu Kieswetter ufumene isidanga sakhe se-Honours kwezeNzululwazi yezeMfundo ngowe-1988, isidanga se-Masters kwezeNzululwazi yezeMfundo ngowe-1996 kunye nesidanga se-Masters kwi-Business Administration ngowama-2001, phakathi kwezinye. Uzisa kwa-SARS ubutyebi bamava kwezolawulo awafumene kwicandelo labucala nakwelikarhulumente. Ukuqukunjelwa kokuqeshwa kwakhe kufezekisa izindululo ezenziwe yiKhomishoni yoPhando ngoLawulo noRhulumento lweRhafu ngu-SARS, ebichotshelwe nguJaji Robert Nugent odla umhlala-phantsi.

11. IKhomishoni yoPhando ngoLawulo noRhulumento lweRhafu ngu-SARS (iNgxelo ka-Nugent)

11.1 IKhabhinethi yazisiwe ngeziphumo zomsebenzi weKhomishoni yoPhando ngoLawulo noRhulumento lweRhafu kwa-SARS. UMongameli uRamaphosa uchonge le khomishoni ngomhla wama-24 kuCanzibe yowama-2018, phakathi kokunye, kukuzinzisa u-SARS, ukubuyisela intembeko nokomelela kwamandla  wakhe ukuze akwazi ukufezekisa injongo ephambili yengeniso yerhafu. Ingxelo yayo yethutyana yangeniswa ngomhla wama-27 kweyoMsintsi yowama-2018 yaza eyokugqibela yangeniswa ngomhla we-11 kweyoMnga yowama-2018. 

11.2 IKhabinethi iyazibulela iziphumo zekhomishoni zokuba ukusilela okuninzi kwa-SARS kususela kwinto eyibiza “ukusilela okukhulu kurhulumento nokubamba isidima” phantsi koMkhomishinala wangaphambili. IKhomishoni yenze izindululo ezingama-27 ezicace ngokukodwa zokwenza izilungiso ukulungisa izigqibo zangaphambili ezidale umonakalo, zifaka imiba emininzi equka nokuthengwa kweenkonzo, ukuyilwa kweziko nokomelezwa kobunkokheli beziko. Esinye sezindululo ezingundoqo ibe kukuqeshwa ngokungxamisekileyo koMkhomishinala wakwa-SARS.  

11.3 IKhabhinethi ivakalisa inkxaso yayo ebanzi kwizindululo ezenziwe yile Khomishoni kwaye uMphathiswa wezeZimali uza kongamela ukufezekiswa kwezindululo zayo, kuquka nokukhokela inkqubo yokufakana imilomo noluntu ukuze kuhlonyelwe umThetho ka-SARS (SARS Act) ukuphucula urhulumente nokuphendula, nendima enokudlalwa nguMhloli Jikelele kunaleyo yeBhodi.

11.4 IKhabhinethi ivakalisa umbulelo wayo kuJaji Nugent, kumalungu egqiza lakhe kunye neqela labasebenzi abangabancedisi beKhomishoni, ngengxelo yayo ekumgangatho nezinga eliphezulu, kunye nesantya nobuchule bokuyivelisa. Le ngxelo ibe sesidlangalaleni kumntu wonke ukususela ukukhutshwa kwayo, kwaye iyafumaneka kwiwebhusaythi ye-Ofisi kaMongameli: www.thepresidency.gov.za

12. UkuVavanywa kwesiCwangciso esiyiNtloko seziYobisi seSizwe (NDMP) sowama-2013 – 2018

12.1 IKhabinethi iyamkele ingxelo yokuvavanywa kwesicwangciso i-NDMP yowama-2013 ukuya kowama-2018 njengomboniso wokuzinikela okuqhubekayo kukarhulumente ukulwa ukusetyenziswa nempembelelo yeziyobisi eluntwini kweli lizwe jikelele.

12.2 Olu vavanyo luveze ukuba ngeli xesha isicwangciso i-NDMP ibonelela ngenkqubo-sikhokelo esisikhokelo kweli candelo, ukufezekiswa kwayo kwenziwe buthathaka kukuhambelanisa okubuthathaka kwezicwangciso-qhinga zamasebe awohlukeneyo aphathelene nayo. 

12.3 Icebisa ngenani lamangenelelo afana nezicwangciso-qhinga zokungqinelanisa  amasebe ize iphinde icebise ngesiseko esizimeleyo nesixhaswa ngokupheleleyo ngezimali ukulawula ukusetyenziswa gwenxa kweziyobisi nokuthintela ukusetyenziswa kwazo kuluntu lwethu, ingakumbi phakathi kolutsha.

12.4 IKhabhinethi iyayiqonda imingeni uluntu lwethu olujongene nayo yokuba zingedle zeziyobisi. Izindululo ezenziwe luvavanyo ziza kuhamba indlela ende ekuhlangabezaneni nomba weziyobisi ngokugqibeleleyo. IKhabhinethi yamkela nokumiselwa kweBhunga lokuLwa neziYobisi, iziko elifana neBhunga likaGawulayo leSizwe laseMzantsi Afrika, ukulwa ubungedle kwiziyobisi. Isicwangciso esiyintloko esihlaziyiweyo sizakubizwa isiCwangciso esiyiNtloko sokuLwa iziYobisi ngoku.

13. INkqubo-sikhokelo engokuCwangcisa okuHlangabezana nezeSini, uHlahlo lwabiwo-mali, uHlolo loVavanyo noPhicotho

13.1 IKhabhinethi iyamkele iNkqubo-sikhokelo engokuCwangcisa okuHlangabezana nezeSini, uHlahlo lwaBiwo-mali, uHlolo noVavanyo noPhicotho. Le nkqubo-sikhokelo ibeka umba wokubekwa phambili kwezesini phambili kwimigaqo-nkqubo karhulumente ngokubeka phambili isicwangciso-qhinga nesicwangciso sokufezekisa okubhekisele ekuhlangabezaneni nezesini okukhoyo kwinkqubo yesicwangciso, uhlahlo lwabiwo-mali, uhlolo, uvavanyo nophicotho olukhoyo ngoku.

13.2 Isigunyaziso somgaqo-siseko sokuphelisa ucalulo kwezesini, nokufezekiswa amalungelo abasetyhini namantombazana, kudinga ukuguquka kwendlela yokwenza  egqibeleleyo neyobuchule kuzo zonke iinkqubo zikarhulumente.

14. Iingxelo zovavanyo

14.1 IKhabhinethi yamkele nelinye inani leengxelo zovavanyo ebelugunyaziswe ngeSebe loCwangciso, uHlolo noVavanyo (DPME) ziquka ezi zilandelayo:

  • Uvavanyo lweNkqubo-sikhokelo zeziCwangciso zobuChule nokuSebenza (FSAPP) ezithatha izigqibo zokuba i-FSAPP isebenze  kakuhle na ukukhokela amasebe ekunikezeleni iinkonzo zawo, ingakumbi ekuhlangabezeni iziphumo eziphambili zikarhulumente, kwakunye nokwenza ukuba amasebe akwazi ukuphendula ngokusebenza kwawo. Olu hlaziyo lulo olungqina ukufaneleka kwendlela awenza ngayo, kodwa ibonakalisa ukuba olu yilo lunemisantsa ngokuthi indlela ekwenziwe ngayo ayihambelani ncam, ingathungelani kwaye ingavumelani nayo yonke eminye imigaqo-nkqubo ebandakanyekayo nemithetho. Le ngxelo icebisa ngenani lamangenelelo okomeleza le ndlela yokwenza.
  • UVavanyo lokuMiselwa koYilo loMgaqo-nkqubo weeKholeji zoluntu, olujonga indlela ukumiselwa koyilo lomgaqo-nkqubo oluhlangabezana ngayo nokusilela kwamathuba ezemfundo noqeqesho kubantu abadala nolutsha oseludlulile kumabanga asesikolweni nokusilela kwabo ekufikeleleni kwizidingo zokungena kwabantu abadala nolutsha kwimpangelo nezakhono zokuphila. Le ngxelo yovavanyo ibalula ukungabikho kwemithombo eyaneleyo ukuvumela le nkqubo ukuba ikwazi ukuvelisa iziphumo ezilindelekileyo.    
  • UVavanyo lweZibonelelo zeNkuthazo yezoShishino kaRhulumente, neyiyo ebonelela ngokumisela ukuba inkqubo iyonke isebenza njani na ukuxhasa amashishini nemibutho yokuxhamlisa. Urhulumente usebenzisa uluhlu lwezibonelelo zenkuthazo ukukhuthaza imizi-mveliso ukuba ibe nento ayenzayo okanye atyale imali kwimisebenzi ecacileyo okanye yenze igalelo kwimiphumela ethile yezentlalo okanye yezoqoqosho. Le ngxelo ibonakalise ukungenana nokuzalana kwizibonelelo zenkuthazo zezoshishino ezahlukeneyo. Lucebisa ukusekwa kwekomiti yokuququzelela iSibonelelo seNkuthazo samaSebe ngamaSebe kaRhulumente.   
  • UVavanyo lweSicwangciso-qhinga esiDibeneyo sokuXhaswa kwabaRhwebi namaShishini amaNcinane, olululo olumisele ukuphunyezwa kakuhle kwesi sicwangciso-qhinga, nesamkelwa ngowama-2005 ukuba sigxile kwiindawo ezibaluleke kakhulu ezifana nokudalwa kwemisebenzi, umakulingwane nokufikelela kurhwebo. La mashishini mancinci adlala indima ebalulekileyo ekudaleni imisebenzi, ubuchule nohlumo. Esi sicwangciso sokuphucuka okucetyiswayo siquka ukuphucula, uququzelelo nokuqoqosha kuwo onke amanqanaba karhulumente nokomeleza ulawulo lweziko nokubeka esweni.

14.2 Olu vavanyo lujongise ekomelezeni iNkonzo kaRhulumente nolawulo lukarhulumente. Olu vavanyo lugunyaziselwe umboneleli-nkonzo ozimeleyo kwaye luza kuxhonywa kwiwebhisaythi ye-DPME: www.dpme.gov.za.

15. Inkqubo yokuququzelela i-UN, AU ne-SADC yeSizwe

15.1 Ngokuhambelana neSicwangciso soPhuhliso seSizwe, nesijongise ekuxhaseni uphuhliso oluzinzileyo ngokuhlwa imingeni yommandla, yelizwekazi nehlabathi jikelele, iKhabhinethi ikwamkele ukusekwa kwenkqubo yokuququzelela i-ajenda yophuhliso oluzinzileyo ye-UN, AU ne-SADC yesizwe.

15.2 Le nkqubo yokuququzelela yesizwe iza kusebenza njengenkqubo esebenza ngeendlela ezininzi nenabadlali-ndima ababalulekileyo abohlukahlukeneyo amabaququzelele ufakano-mlomo noququzelelo ngaphakathi nangaphandle kukarhulumente kwizibophelelo zophuhliso zoMzantsi Afrika kwizizwe-ngezizwe.

15.3 Oku kuza konganyelwa yiKomiti yabaPhathiswa (IMC), ulawulo luvele embindini karhulumente, nenguwo oza kuqinisekisa ukuba ii-ajenda zophuhliso (i-ajenda yoPhuhliso oluZinzileyo yowama-2030 ye-UN, i-ajenda yowama-2063 ye-AU kunye neSicwangciso soPhuhliso soHlobo lokuQondisa loMmandla we-SADC) ziqulathwa ngokupheleleyo kwizicwangciso zesizwe zeli lizwe, kwaye uza kubonelela ngesikhokelo esipheleleyo ekufezekiseni iimfuno zokubeka esweni nokubika.

16. IKomiti yabaPhathiswa (IMC) malunga neNguqu yeSine yezoShishino (4IR)

16.1 Emveni kwesibhengezo sikaMongameli uRamaphosa kwiNtetho kaMongameli engoBume beSizwe yowama-2019, iKhabhinethi yamkele ukusekwa kwe-IMC malunga ne-4IR.

16.2 IKhomishoni iza kucebisa ngezicwangciso-qhinga nemigaqo-nkqubo ukuba ithethe ngophuhliso lobuchwephetshe okubangelwa kukungena kwedijithali ne-4IR. Olona xanduva lungundoqo lwe-IMC kukuququzelela ucwangciso nokufezekiswa kwamangenelelo e-4IR, kuquka nokuzalisekisa umsebenzi weKhomishoni kaMongameli malunga ne-4IR.

17. Ukuphela kwexesha

17.1 Njengokuba iKhabhinethi iqukumbela inkqubo yayo yolawulo lwesihlanu, iyababulela abehlulelani bayo bezentlalo nabemi. Imema abantu baseMzantsi Afrika ukuba mabahlale bezimisele ekwakheni ilizwe elihlumayo.

17.2 IKhabhinethi ivakalisa umbulelo wayo kwiPalamente necandelo leeNkundla ngokugcina izithethe zomgaqo-siseko nokwenza iKhabhinethi ukuba iphendule ngeenjongo zokuphucula ubomi babemi.

17.3 Ikwavakalisa umbulelo wayo nakumahlakani woMzantsi Afrika kwi-SADC; AU; Brazil; Russia; India; China noMzantsi Afrika; Iqela le-G20, UN neminye imibutho, ngokusoloko esecaleni koMzantsi Afrika ukuphucula iimeko zeli lizwe, nokusebenzisana nalo ukwenza uMzantsi Afrika ongcono, i-Afrika engcono nehlabathi elingcono.

17.4 IKhabhinethi inikezela imbeko kumalungu eKhabhinethi athe asweleka ngeli xesha lolawulo lwesihlanu, abaPhathiswa u-Collins Chabane no-Edna Molewa, kwakunye neenkokheli kwamanye amanqanaba aseburhulumenteni ezithe zalikhonza eli lizwe ngokugqwesileyo zaze zaqhubela phambili iimfuno zoMzantsi Afrika ngokwalapha ekhaya nangokwehlabathi jikelele. 

C. Imisitho esezayo

18. UbuNdlobongela obuGxile kwezeSini (GBV) nokuBulawa kwabasetyhini

18.1 Enye impumelelo enkulu ukulwa ubundlobongela obugxile kwezesini (GBV) iza kufezekiswa ngoLwesine, umhla wama-28 kweyoKwindla yowama-2019, ngokuvulwa kweNkundla kaMantyi yase-Booysen’s eRhawutini. INkundla kaMantyi yase-Booysen’s ekumgangatho wehlabathi ibonelela ngoludwe lweenkonzo kwaye ixhotyiswe ngokupheleleyo ukuba ikwazi ukuxhasa amaxhoba e-GBV nokubulawa kwabasetyhini.

18.2 Ukuvulwa kwale nkundla kuza kusibonisa noMongameli uRamaphosa, kunye nemibutho eyahlukeneyo yabahlali, isingatha ukumiselwa kwesiBhengezo sikaMongameli se-GBV nokuBulawa kwabaseTyhini esiqalisa ukuzibophelela ekufezekisweni kwezigqibo zeMbizo ye-GBV noBulawa kwabaseTyhin yeSizwe ebibanjwe kweyeNkanga yowama-2018.

18.3 Ezi nkundla zilandelayo ezineeNkundla zamaTyala ezeSondo ziza kunikezelwa kwezinyanga zintathu zilandelayo:

  • INkundla kaMantyi yase-Plettenberg Bay eNtshona Koloni iza kuvelisa amagumbi eenkundla alithoba, enye kuwo yiNkundla yamaTyala ezeSondo.
  • INkundla kaMantyi yaseDimbaza neBitji iza kumiselwa eMpuma Koloni.
  • INkundla ePhakamileyo yaseMpumalanga eMbombela kunye nendala iNkundla kaMantyi yaseMiddleburg, nebikhe yalungiswa kancinci ngokusebenzisa amabanjwa ukuba isebenze njengeNkundla ePhakamileyo.

18.4 Xa kuphela ulawulo lwesihlanu, iza kuba zinkundla ezintsha ezingama-59 esezakhiwe ukususela kunyaka wowe-1994, oku kugqithisile kumthamo urhulumente abezimisele wona wokwakha iinkundla ezimbini ngonyaka ubuncinane.

19. UHambo lweSibini loLutsha loNyaka olungena kuMboniso wamaThuba ezoQoqosho

19.1 ISebe lezoNxibelelwano, uNxibelelwano lwemiNxeba neeNkonzo sePosi – ngokusebenzisana namanye amasebe karhulumente, ii-SOCs nabadlali-ndima ababalulekileyo – liza kuqhuba uHambo lweSibini loLutsha olungena kuMboniso wamaThuba ezoQoqosho ngomhla we-13 kuTshazimpuzi wowama-2019 kuMasipala waseKhaya wakuNtabankulu kwisiThili sase-Alfred Nzo eMpuma Koloni.

19.2 Uhambo lwenkululeko yolutsha, lusisikhumbuzo seminyaka engama-25 yenkululeko, lujongise ekuboniseni ulutsha, abantu abangaphangeliyo noosomashishini abancinane uluhlu lwezemfundo, ubizo namathuba ezoshishino akhoyo kwicandelo lukarhulumente nelabucala.

20. UNyulo lukaWonkewonke lweSizwe lowama-2019

20.1 Njengokuba ilizwe lethu lisondela kunyulo lwesithandathu lwentando yesininzi, iKhabhinetha imema bonke abavoti abaselungelweni lokuvota ukuba basebenzise ilungelo labo elikumgaqo-siseko lokuba bavote ngomhla we-8 kuCanzibe. Ukuthatha inxaxheba kwabavoti kungundoqo wokusebenza kakuhle kolawulo lwentando yesininzi novoto olubanjwa ngexesha elimiselweyo, abemi bangazonyulela abameli babo baze babenze ukuba baphendule.

20.2 IKhabhinethi imema iKhomishoni eziMeleyo yoNyulo (IEC), abameli boluntu noluntu ukuba baziphathe ngendlela eyokwenza ukuba unyulo lube lolukhululekileyo nolungenamkhethe ngoSuku loNyulo. I-arhente zethu zofezekiso-mthetho ziyakusebenza ngokungenalusini kuye nabani na ofunyaniswe esoyikisa, ephembelela okanye esenza izenzo zobundlobongela ngexesha lonyulo.

D. Imiyalezo

21. Eyovelwano

IKhabhinethi ivakalisa imiyalezo yovelwano:

21.1 kusapho nezihlobo zoMbexeshi oyiNtloko woMbutho weSizwe (ANC), uMnu Jackson Mthembu, ngokusweleka kwentombi yakhe uKhwezi, iminyaka ingama-25.

21.2 kurhulumente nabantu base-New Zealand abathe baphulukana nabo babathandayo ngexesha lohlaselo lobunqolobi olwenzeke e-Christ Church.

21.3 kurhulumente nabantu be-Republic of Indonesia emva kweempuphuma ezihamba nemibane. UMzantsi Afrika ne-Indonesia kuphela kwamazwe angamalungu e-G20 e-Afrika nase-Southeast Asia ngokulandelelanayo, omabini abambisene ngokuba ngoosihlalo kubuDlelwane obuTsha bobuChule be-Afrika ne-Asia.

22. Ukuvuyisana

IKhabhinethi ivuyisana:

22.1 noNjingalwai Ncoza Dlova, ugqirha wolusu odume kwizizwe-ngezizwe ophuma kwiDyunivesithi yaKwaZulu-Natal, oncedise ekubhaqweni kweseli yofuzo engoyena nobangela wokuphulukana neenwele ngokusisigxina phakathi kwabantu basetyhini abamnombo wabo use-Afrika. Uthando lukaNjingalwazi Dlova lwemfundo lukhokelele ekuqulunqweni kwencwadi yesikhokelo yalapha ekhaya malunga neemeko zesiqhelo zolusu ezigxile kubo bonke abafundi bezonyango kweli lizwe, kwakunye namaphetshana ezemfundo nezithako zevidiyo zezemfundo ezifundisa izigulana malunga neemeko zolusa zazo.

22.2 neqela lesizwe lebhola ekhatywayo, iBafana Bafana, ngokuphumelela umdlalo wokulungela iNdebe yeZizwe zase-Afrika yowama-2019 (African Cup of Nations). Eli qela lizibandakanye namanye amaqela amane aseMzantsi Afrika – iBanyana Banyana; iQakamba; uMboxo nAmajita, nawo athe aphumelela imidlalo eyahlukeneyo yokulungela. IKhabhinethi ikwamema abantu baseMzantsi Afrika ukuba baxhase iqela lesizwe kulo mnyhadala uzayo. Ikwancoma inkxaso efumaneke kwiZizwe eziManyeneyo (UN) kwityala lika-Caster Semenya kwiManyano yeMibutho yeeMbaleki yeZizwe-ngezizwe.

E. Izithuba

Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.

1. Gqi Fiona Tregenna – Uchongwe ngokutsha njengelungu lethutyana leNkundla yamaTyala ezoKhuphiswano.

2. Mnu Cecil Khosa – iGosa eliyiNtloko yesiGqeba (CEO) soLawulo lweDayimane nesiNyithi esiXabisekileyo lwaseMzantsi Afrika.

3. Mnu Themba Cyril Dlamini njenge-CEO kaGunyaziwe weCandelo lezeMfundo noQeqesho loKhuselo noKhuseleko. 

4. Mnu Mduduzi Eric Zakwe njenge-CEO yaMajelo eeNdaba, kuGunyaziwe weCandelo lezeMfundo noQeqesho lobuChwephetshe boLwazi noNxibelelwano.

5. Amalungu angengawo awesigqeba eBhodi ye-Arhente yoPhuhliso lwamaShishini amaNcinane isithuba seminyaka emithathu:

5.1 Mnu Mbulelo Sogoni (ekuCetywa ukuba abe nguSihlalo);
5.2 Nksz Suzan Nyakale;
5.3 Nksz Matshediso Ndlovu;
5.4 Nksz Nomsa Kana;
5.5 Adv Derick Block;
5.6 Mnu Jim Matsho;
5.7 Nksz Beatrice Nkambule (iNkosazan Tsakani);
5.8 Mnu Charl de Kock;
5.9 Adv Mthokozisi Xulu; kunye no-
5.10 Mnu Mduduzi Sibeko.

6. Nksz Thutukile Skweyiya njengoSihlalo weMbumba yaBenzi beziXhobo yaseMzantsi Afrika (Armscor) kude kubethe wama-30 kuTshazimpuzi yowama-2020.

7. Mnu Malusi Stanley Motimele njengelungu leBhodi elingelilo elesigqeba noSekela Sihlalo we-Armscor isithuba seminyaka emithathu.

8. Mnu Sipho Abednego Mosai – u-CEO we-Rand Water isithuba seminyaka emihlanu.

9. IBhodi ye-Arhente yoLawulo lweNdawo yokuQokelela Amanzi e-Inkomati-Usuthu:

9.1 Mnu Tokozani Patience Nyakane-Maluka (uSihlalo);
9.2 Mnu Mandlakayise Sam Mthembu (uSekela Sihlalo);
9.3 Nksz Shivon Desiree Wiggins;
9.4 Adv Muzikayise Bernard Shabangu;
9.5 Gq Thavamoney M Kelly;
9.6 Nksz Lungile Linda Carol Zulu;
9.7 Nksz Lungile Miranda Sikhakhane;
9.8 Mnu Mashudu Gangazhe; kunye no-
9.9 Mnu Pillay Absalom Tshabangu.

Imibuzo:
Nksz Phumla Williams – uMlawuli Jikelel oliBambela (GCIS)
Iselula: 083 501 0139

 

Share this page

Similar categories to explore