INgxelo yeziphumo zeNtlanganiso yeKhabhinethi ebibanjwe ngoLwesithathu, umhla wama-24 kuCanzibe 2023

A.  Imiba enguNdaba-mlonyeni

1.  Ezamandla
1.1.  IKhabhinethi iwuncomile umsebenzi osele wenziwe malunga nokuqaliswa ukusetyenziswa kwesiCwangciso sokuSebenza soMbane, nangona ivumile ukuba iziko lombane lesizwe liseneengxakana elijongene nazo.
1.2.  Njengokuba singena kwixesha laseBusika kweli lizwe, iKhabhinethi ikwamkele ukuqukunjelwa kwesiVumelwano sombane ozimegawathi (i-MW) ezingama-400 eziza kongezwa kulo sinawo ovela kwinkqubo ebizwa i-Standard Offer Programme oza kugalelwa kulo wesizwe phambi kokuphela kukaCanzibe wowama-2023.
1.3.  Ukongeza, iSebe lezeMpilo likhethe izibhedlela ezingama-213 ezingazikuchatshazelwa ngucimi-cimi wombane. Kwezi zibhedlela, ezingama-76 sele zixhamla kule nkqubo yokungachatshazelwa ngucimi-cimi wombane, kwaye sele equkunjelwa amalungiselela ezinye ezingama-46 okuzikhusela kule ngxaki kacimi-cimi wombane.
1.4.  IKhabhinethi iphinde yawamkela nalo msebenzi uzayo wokusekwa kweZiko lezaMandla elinguNtozonke ngomhla wama-31 kuCanzibe 2023 yi-Invest SA ngeenjongo zokukhawulezisa iinkqubo zokuqulunqa imithetho eza kwenza ukuba kube lula kwiinkampani ezintsha ezivelisa umbane ukuba ziqalise umsebenzi wazo wokuvelisa umbane. 
1.5.  Ivile nangomsebenzi osele wenziwe kwiZiko loPhehlo-mbane laseKusile sokuba iphinde ivelise umbane ongama-3 200 MW isebenzisa i-unithi 1, 2, 3 no-5 oza kugalelwa kulo wesizwe phambi kokuba lo nyaka wama-2023 uphele.
1.6.  IKhabhinethi ixhalabile zindaba ezibubuvuvu ezisasazwa ngabantu besebenzisa amakhasi onxibelelwano ezityhola ngokuba iziko lombane leli liza kuwa into leyo eza kubangela ukuba isizwe sonke sibe sebumnyameni. U-Eskom umxelele urhulumente ukuba unazo izicwangciso zokulalelisela xa kunokwenzeka ukuba umbane ucime pam kwizwelonke.
1.7.  IKhabhinethi iyaqhuba nekhwelo eyayilihlabile lokuba bonke abantu abaseMzantsi Afrika mabonge umbane. Iinjongo zethu kukuba sikwazi ukonga umbane oli-1 000 MW yonke imihla, umyinge lowo ulingana nenqanaba elinye lokucinywa kombane ngosuku ngalinye.
1.8.  UMphathiswa wezoMbane, uGq Kgosientsho Ramokgopa, uza kunika ingxelo ngeza kutsha nje malunga nokuqaliswa ukusetyenziswa kwesiCwangciso sokuSebenza sezaMandla ngoLwesihlanu, umhla wama-26 kuCanzibe 2023, kwintlanganiso aza kube eyibambe noonondaba.

2.  Ezempilo
2.1.  Urhulumente useke ikomiti yeengcali, ekhokelwa liSebe lezeMpilo likaZwelonke, eza kujongana nale ngxaki yokuqhambuka kwesifo sotyatyazo e-Hammanskraal kwisiXeko sase-Tshwane, apho sele kusweleke abantu abali-15 ngokweengxelo zomhla wama-24 kuCanzibe 2023.
2.2.  Sithetha nje uyaqhuba umsebenzi omkhulu wokuzingela izinto ezinokuba zizo ezingcolise amanzi, ukusuka emanzini la uqobo, ukuya kwiiloli ezithutha amanzi, iimpompo zamanzi kunye ne-Rooiwal Wastewater Treatment Works (i-WWTW). Ukuza kuthi ga ngoku, akukabikho bungqina bukhomba ukuba intsholongwane yesifo sotyatyazo ifumaneka kwezi zinto zikhankanyiweyo, into leyo ke efuna ukuhambelana nalo mbono uthi kungenzeka ukuba olu qhambuka lubangelwe yile ntsholongwane ethe yangena ngebhaqo emanzini, baze ke aba bantu banaso ngoku babe bosulelwe ngabanye abantu okanye bosulelwe ngabo nabo bosulelweyo.
2.3.  Njengoko la malinge okungenelela eqhuba, abahlali base-Hammanskrral bayacelwa ukuba bawabilise amanzi aphume empompeni baze bawathi chatha intwana yetyuwa phambi kokuba bawasele. Ukongeza, nabani na osesisu esihambisayo, onesicaphu-caphu okanye olunywa sisisu kufuneka aye kwagqirha okanye kwiklinikhi ekufutshane ngokukhawuleza.
2.4.  UMphathiswa wezaManzi noGutyulo, uMnu Senzo Mchunu, uza kubamba intlanganiso noSodolophu wesiXeko sase-Tshwane, uCeba u-Cilliers Brink, ngoLwesihlanu, umhla wama-26 kuCanzibe 2023 apho baza kupheka isicwangciso bobabini esiza kwenza umsebenzi ofanele ukuba wenziwe kudala wokulungiswa kwe-Rooiwal WWTW.
2.5.  Xa ufuna iinkcukacha ezithe vetshe, tsalela umnxemba iZiko leSizwe leziFo ezoSulelayo (i-NICD) elisebenza imini nobusuku kule nombolo: 082 883 9920. Iindlela zokunyanga isifo sotyatyazo ziyafumena ku-intanethi apha: www.nicd.ac.za.

3.  UPhando lweKota lwezeMisebenzi (i-QLFS)
3.1.  IKhabhinethi ichulumancile kukuba i-QLFS yokuqala yowama-2023 ibonakalise ukuba inani lemisebenzi linyuke iikota ezintandathu zilandelana futhi nelabantu abaqeshiweyo abazizigidi ezili-16.2 linyuke lasondela kwela nani lezizigidi ezili-16.4  zabantu ababephangela phambi kokufika kukabhubhane weNtsholongwane ye-Corona (i-COVID-19). Oku kubonisa ngokuphandle ukuba uqoqosho loMzantsi Afrika luyahluma kwakhona emva kokuba luthwaxwe ngula bhubhane.
3.2.  Iinkcukacha-mani zibonakalisa ukuba kudalwe imisebenzi engama-209 000 ngekota yokuqala kwicandelo lemisebenzi ebhaliswe ngokusesikweni yaze yangama-107 000 edalwe kwicandelo lemisebenzi engabhaliswanga ngokusesikweni kwikota yokuqala yalo nyaka.

4.  Ubudlelwane phakathi koMzantsi Afrika ne-United States (i-US) 
4.1.  IKhabhinethi ikubethelele ukuba ubudlelwane phakathi koMzantsi Afrika ne-US busebuhle, bungqingqwa futhi bululutho kuwo omabini la mazwe emva kwentlanganiso ibiphakathi koMphathiswa wezoBudlelwane baMazwe ngaMazwe neNtsebenziswano, uGq Naledi Pandor kunye noNozaku-zaku wase-US eMzantsi Afrika, uMnu Reuben E Brigety, emalunga nezityholo azenzileyo zokuba uMzantsi Afrika uthengisela i-Russia izixhobo.
4.2.  IKhabhinethi ikubethelela ukuba amaqonga afanelekileyo asetyenziswa ngoonozaku-zaku avuleleke kuwo onke amazwe, kuquka ne-US, ukuba avakalise izinto angaziqondiyo eziza kuchaphazela ubudlelwane phakathi kwamazwe.
4.3.  IKhabhinethi isamkele isibhengezo esenziwe nguMongameli u-Cyril Ramaphosa sokuseka ikhomishoni yophando ezimeleyo ize iphande ezi zityholo zokuthengiselwa kwezixhobo kwe-Russia nguMzantsi Afrika. Iinkcukacha zale khomishoni yophando ziza kubhengezwa kungentsuku zatywala.

5.  Ubudlelwane boMzantsi Afrika ne-Singapore
5.1.  UMongameli Ramaphosa ebendwendwelwe yiNkulumbuso u-Lee Hsien Loong weRiphabhlikhi yase-Singapore ngoLwesibini, umhla we-16 kuCanzibe 2023. 
5.2.  I-Singapore ityale imali eninzi apha eMzantsi Afrika, kangangokuba ingaphezulu kweebhiliyoni ezi-R5 iimali etyalwe leliya lizwe kumacandelo afana nelemizi-mveliso, iinkonzo zezimali kunye nezokuthengiselwana komhlaba nezindlu. Izivumelwano ezityikityiweyo ngala mazwe mabini zineenjongo zokuqinisa ubudlelwano bezorhwebo, utyalo-mali, imfundo kunye nokusebenzisana kwimiba yezokhuselo.

6.  Imbizo kaMongameli yaseNtshona Koloni yeNkqubo yoPhuhliso lweziThili (i-DDM)
6.1.  UMongameli Ramaphosa ebebambe Imbizo kaMongameli yesithandathu ye-DDM eNtshona Koloni, kuMasipala weNgingqi wase-Drakenstein, kwiSithili sase-Cape Winelands, ngoLwesihlanu, umhla we-19 kuCanzibe 2023.  
6.2.  UMongameli ebekhokele igqiza lawo omathathu amaqoqo karhulumente phantsi komxholo othi: “Kungashiywa Namnye Ngasemva”. Le Mbizo ibanjwe emva kokuba uMongameli ebetyelele i-Vlakkeland Catalytic Human Settlement Development ekutshane phaya, elelona phulo likhulu likarhulumente lokwakhiwa kwezindlu oko wasekwayo lo Masipala weNgingqi wase-Drakenstein. Lo msebenzi wokwakha waqaliswa ngowama-2017 xa ugqityiwe uza kwakha izindlu ezingama-2 556 eziza kufunyanwa ngabantu abafanelekileyo.
6.3.  Umsebenzi wokwakhiwa kwezindlu ezingama-942 kwiSigaba sokuQala wona sele uqhuba, ezingama-454 zona sele zakhiwe zona ezingama-301 zisakhiwa. Eli phulo libalulekile kuba lakha iintlobo zezindlu ezahlukeneyo ukusukela kwezo zabo bamkela umvuzo oyi-R0 ukuya kwabo bamkela i-R3 500 (phantsi komgaqo-nkqubo obizwa ngokuba yi-Breaking New Ground), ukuya kula nkqubo ibizwa ngokuba yi-Financed Linked Individual Subsidy Programme, yabo bamkela phakathi kwe-R3 501 ne-R22 000 ngonyaka. Le projekthi iza kwakha izindlu ezisiBonelelo sezeNtlalo kunye nezo zilungele amaGqala eeMfazwe.

7.  UTyelelo lokuHlola oluya kuMasipala oMbaxa waseThekwini noweSithili saseMgungundlovu ngomhla we-18 no-19 kuCanzibe 2023
7.1.  USekela-Mongameli u-Paul Mashatile ebebambe indibano yokufakana imilomo kunye namahlakani akwicandelo lezemfundo noqeqesho, ezolimo, ezorhwebo kunye nezoshishino ngethuba ekutyelelo lokuya kuhlola kuMasipala oMbaxa waseThekwini kunye noMasipala wesiThili saseMgungundlovu njengenxalenye yotyelelo lwe-DDM lokuya kuhlola.
7.2.  Ezinye zeeprojekthi ezingundoqo yile yase-Ntshongweni Catalytic Project, apho kuza kwakhiwa isiXeko Sale Mihla phakathi kweTheku noMgungundlovu. Le projekthi iza kuvuselela uqoqosho lwale ngingqi, ize izale namathuba otyalo-mali axabisa imali ezibhiliyoni zeerandi ezili-15 kule minyaka ili-10 ukuya kweli-15 izayo.

8.  Iziseko ezingundoqo zamanzi
8.1.  UMongameli Ramaphosa ebendwendwele i-Lesotho Highlinds Water Project ngoLwesibini, umhla wama-23 kuCanzibe 2023 ngethuba ethatha inxaxheba kumsitho wokuphethulwa kwesoyi wesiGaba 2 sale projekthi. Le projekthi yatyikitywa kule minyaka iliqela igqithileyo futhi nethe yalityaziswa zizinto ezininzi, lo msitho ubuluphawu olubonisa ukuqaliswa komsebenzi okhawulezileyo wale projekthi yamazwe amabini. I-Lesotho Highlands Water Project ibaluleke kakhulu kumalinge okuqinisekisa ukuba kukho amanzi oneleyo e-Gauteng, Freyistatha, Mpumalanga, Mntla Ntshona naseMntla Koloni. 
8.2.  Ukutyala imali kwiziseko ezingundoqo zamanzi ukwenzela ukuphucula iimpilo zabemi boMzantsi Afrika kuqhubelekile ngokuthi kwabelwe oomasipala imali ezibhiliyoni zeerandi ezili-14 eza kusetyenziswa kwiziseko ezingundoqo zamanzi ezisanqongopheleyo, kusetyenziswa isibonelelo esibizwa ngokuba yi-Regional Bulk Infrastructure Grant (i-RBIG) kunye nesibizwa ngokuba yi-Water Services Infrastructure Grant (i-WSIG). Isibonelelo se-RBIG siza kusetyenziswa kwiiprojekthi ezili-130 yona ke i-WSIG iza kusetyenziswa kwiiprojekthi ezingaphezulu kwama-400 kulo lonke eli lizwe.
8.3.  IKhabhinethi ichulumancile kukuba iSebe lezaManzi noGutyulo lisenza umsebenzi obonakalayo kwidabi lokulwa urhwaphilizo kuba imali emalunga nezigidi zeerandi ezingama-600 sele ibuyiselwe kwisebe isuka kwiinkampani ebezixhamle ngokutyikitya izivumelwano nesebe ezingekho mthethweni. IKhabhinethi ivile nangamanyathelo aqulunqwe lisebe okuthintela urhwaphilizo kunye nokulwa inkcitho engekho mthethweni neyilahleko.

9.  IMbasa yeziBonelelo zeNtlalo
9.1.  UMzantsi Afrika uphumele imbasa ephezulu ebizwa ngokuba yi-Good Practice Award in Social Security for Africa 2023 ye-International Social Security Association (i-ISSA) eqhwabela izandla imali etyalwe ngurhulumente kubomi babantwana bethu, ingakumbi abo baphuma kumakhaya asokolayo nangathathi ntweni.
9.2.  UMzantsi Afrika ungenelele olu khuphiswano lwale mbasa phantsi kwesihloko esithi: “Ukwandiswa kancinci kwenani labantwana abasokolayo abaxhamla kwiinkonzo zentlalo: uPhando ngeMali-sibonelelo yaBantwana, eMzantsi Afrika”. Abebengenelele olu khuphiswano bebeli-138 bebonke bephuma kwimibutho engamalungu engama-48 yona evela kumazwe angaphezulu kwama-30 ase-Afrika.
9.3.  Izibonelelo zethu zezentlalo ziyinxalenye yenkqubo karhulumente yokulwa indlala kwaye zibaluleke kakhulu ekubuyiseleni abantu bakuthi izidima zabo. Inkqubo yezibonelelo-mali yoMzantsi Afrika iyenye yezona zinkulu kwihlabathi jikelele, kuba inabantu abaxhamla kuyo abangaphezulu kwizigidi ezili-18.

10.  IVoti zoHlahlo Lwabiwo-mali
10.1.  IKhabhinethi ichulumancile zindaba zokuba iVoti zoHlahlo Lwabiwo-mali zamasebe karhulumente ziqhuba kakuhle. Isicwangciso seeVoti zoHlahlo Lwabiwo-mali ezisezayo kunye neentlanganiso noonondaba:
10.1.1.  NgoLwesihlanu, umhla wama-26 kuCanzibe 2023 ngentsimbi ye-13:00, uMphathiswa woLawulo lweNtsebenziswano neMicimbi yeMveli (i-CoGTA), uNksz Thembi Nkadimeng, uza kubamba intlanganiso namajelo eendaba ngeVoti yoHlahlo Lwabiwo-mali ye-CoGTA apho aza kucacisa ngamanyathelo aza kuthatyathwa okuphucula umsebenzi woomasipala.
10.1.2.  NgoLwesibini, umhla wama-30 kuCanzibe, uMphathiswa woPhuhliso loLuntu, uNksz Lindiwe Zulu kunye noMphathiswa wezoBulungisa neeNkonzo zoLuleko, uMnu Ronald Lamola, baza kuqhuba iiVoti zoHlahlo Lwabiwo-mali zamasebe wabo. Iinkcukacha zeentlanganiso zabo namajelo eendaba ziza kukhutshwa kwalapha exesheni.
10.1.3.  IVoti yoHlahlo Lwabiwo-mali ye-Ofisi kaMongameli iza kwenziwa ngoLwesithathu, umhla wama-31 kuCanzibe 2023 ize intlanganiso noonondaba engoTshintsho kwiNdlela Elimi Ngayo uQoqosho kunye namaPhulo oDalo-msebenzi aququzelelwa yi-Operation Vulindlela, ibanjwe ngoLwesibini, umhla wama-30 kuCanzibe 2023.

11.  USuku lwe-Afrika kunye nesikhumbuzo seminyaka engama-20 yeNkqubo yokuHlolana kwaMazwe ase-Afrika (i-APRM)
11.1.  IKhabhinethi nabemi bonke boMzantsi Afrika baza kubhiyozela uSuku lwe-Afrika njengelizwekazi le-Afrika kunye nehlabathi, ngoLwesine, umhla wama-25 kuCanzibe. Lo nyaka ubaluleke nangakumbi kuba ngunyaka wama-60 wesikhumbuzo sokutyikitywa koxwebhu olwaseka uMbutho woManyano lwe-Afrika (i-OAU), yona eyazala uMbutho weMbumba ye- Afrika (i-AU). Umxholo wemibhiyozo yowama-2023 othi – “Ukukhawulezisa ukuqaliswa koMmandla weLizwekazi le-Afrika ongaHlawulisani iRhafu yoRhwebelwano” – wakhela kulo msebenzi mkhulu sele wenziwe wokuseka nokuqinisekisa ukuba uyenza lo mmandla unguwona mkhulu ungahlawulisani irhafu yorhwebelwano.
11.2.  Imibhiyozo yeNyanga ye-Afrika yalo nyaka ibanjwe kanye ngeminyake engama-20 yesikhumbuzo se-APRM, eneenjongo zokuphucula iindlela zolawulo kweli lizwekazi ngokuthi amazwe alo afundisane aze ahlolane odwa.

B. IziGqibo zeKhabhinethi 

1.  UMmandla oKhethekileyo wezoQoqosho (i-SEZ) wase-Namakwa
1.1.  IKhabhinethi ikuvumile ukuthiywa ngokusesikweni kwe-Namakwa SEZ e-Aggeneys eMntla Koloni. Le ndawo iza kubizwa ngokuba yi-SEZ ngokoMthetho weMimandla eKhethekileyo yezoQoqosho, wowama-2014 (uMthetho uNombl 16 wowama-2014) futhi le SEZ icetywayo iyinxalenye yePhulo likaMongameli loTyalo-mali.
1.2.  I-Namakwa SEZ iza kuvula amathuba kwicandelo lokuxhamlisa kwezemigodi, elokuveliswa kwehaydrojini engeyongozi kokusingqongileyo, uphuhliso lweziseko zophuhliso, amandla ahlaziyekayo kunye nokucolwa kuhlelwa iimveliso zolimo. La macandelo abaluleke kakhulu kumalinge okudala imisebenzi kunye nophuhliso loqoqosho lwaseMntla Koloni nolwelizwe.
1.3.  Imali yotyalo-mali engaphezulu kweebhiliyoni zeerandi ezingama-29 sele ibekelwe bucala ukuncedisa kwisigaba sokuqala sale SEZ. Le mali iquka izithembiso ezazenziwe ngu-Vedanta Zinc (ezibhiliyoni zeerandi ezili-16), ngu-Frontier Rare Earth (ezibhiliyoni zeerandi ezili-13), Hive Energy (ezizigidi zeerandi ezingama-200) kunye no-RRS Trade and Investment (ezizigidi zeerandi ezili-100).

2.  UPapasho lwesiThathu lwesiCwangciso-qhinga seSizwe seMithombo yaManzi (i-NWRS-3) lowama-2023
2.1.  IKhabhinethi iyivumile i-NWRS-3 yowama-2023 ukuba iqalise ukusetyenziswa kwaye esi sicwangciso-qhinga sibophelela onke amaziko namagosa anamagunya ukuba aqalise ukusebenzisa uMthetho waManzi eSizwe, wowe-1998 (uMthetho 36 wowe-1998).
2.2.  Esi sicwangciso-qhinga sisekelwe kuphononongo lweminyaka emithathu le-NWRS-2, oluthe lwabona iindawo eziqhube kakuhle kunye nezo kusekho ukuqhwalela kuzo.
2.3.  I-NWRS-3 inemixholo engundoqo emithathu, owokuba kufuneka amanzi nogutyulo axhase uphuhliso, ukulwa indlala nokungalingani, ukufaka isandla kuqoqosho nokudala imisebenzi, nokuba amanzi kufuneka akhuselwe, asetyenziswe, aphuhliswe, aphathwe aze alawulwe ngendlela engazikuwatshabalalisa nelinganayo.
2.4.  Esi sicwangciso-qhinga senza izindululo ezibambekayo zokuba kwandiswe umthamo wamanzi akhoyo, kuphungulwe isantya asetyenziswa ngaso, ukulawula ngokufanelekileyo kwamanzi nogutyulo, ukuqulunqa imithetho eza kulawula icandelo lezamanzi nogutyulo, ukutshintshwa kwendlela ankinkishwa ngayo kusenzelwa ukwenza iinguqu, ukukhuthaza intsebenziswano namazwe ehlabathi kunye nokukwazi ukulawula amanzi nogutyulo phantsi kwezi meko zokuguqu-guquka kwemozulu.
2.5.  I-NWRS-3 ipapashwe kule webhusayithi ye-DWS: www.dws.gov.za. 

3.  Ingxelo ngamanyathelo athatyathwe liSebe lezoKhuselo (i-DoD) ukulungisa ingxaki yokuziphatha kwamajoni oMkhosi wezoKhuselo weSizwe waseMzantsi Afrika (i-SANDF) atyalwe kumaphulo ogcino-xolo. 
3.1.  IKhabhinethi ifumene ingxelo malunga nomgama osele uhanjwe nguMzantsi Afrika ukulungisa ezi zingxaki zinxulumene nendlela aziphethe ngawo amanye amalungu e-SANDF atyalwe kumaphulo ogcino-xolo kweli lizwekazi lethu.
3.2.  I-SANDF ibisinika iwonga nodumo sisisizwe ngokuthatha kwayo inxaxheba kumaphulo ogcino-xolo kweli lizwekazi ukuqinisekisa ukuba kukho uzinzo noxolo kumazwe ase-Afrika athwaxwa zimfazwe ikwenza oku iyinxalenye yeZizwe eziManyeneyo (i-UN).
3.3.  Ukuvela ngowama-2015 kwezityholo zokuxhaphaza ngokwesondo ezibhekiswa kumajoni ayinxalenye yogcino-xolo kwakhokelela ekubeni kusekwe iKomiti yabaPhathiswa ngowama-2019 ukuze iphande izityholo zokuxhaphaza ngokwesondo nempathombi (i-SEA) kwi-DoD.
3.4.  IKhabhinethi ichulumance kakhulu ngala manyathelo aza kuthatyathwa ukulwa ezi ngxaki zinxulumene ne-SEA kumaphulo ogcino-xolo e-SANDF. I-UN iyawuhlonipha uMzantsi Afrika njengelizwe eliziphatha ngendlela engenasiphako kwaye iliqhwabele izandla eli lizwe ngomsebenzi esele liwenzile wokusiphula neengcambu i-SEA kwi-SANDF.
3.5.  IKhabhinethi ikubethelele ukuba imikhutyana ye-SEA ayizikuvunyelwa ukuba ingcolise igama elihle le-SANDF kweli lizwekazi.

4.  INyanga yoLutsha yowama-2023 
4.1.  IKhabhinethi iyamkele iNkqubo yowama-2023 yeNyanga yoLutsha phantsi komxholo othi: “Ukukhawulezisa amaphulo okuxhobisa ulutsha ngezoqoqosho ukwenzela ikamva eliqaqambileyo”.
4.2.  USekela-Mongameli uMashatile uza kwenza intetho ngoSuku lweSizwe kulo nyaka oluza kuqhuba iintsuku ezimbini ukususela ngomhla we-16 ukuya kowe-17 kweyeSilimela 2023 e-Mangaung Outdoor Sport Centre, e-Mangaung, e-Bloemfontein, eFreyistatha. Eza ntsuku zimbini ziza kunika ulutsha ithuba lokuthatha inxaxheba kwiingxoxo kunye nabaPhathiswa, amaSekela abaPhathiswa kunye namanye amahlakani ezimalunga namathuba amaninzi akhoyo ezoqoqosho, ushishino nophuhliso kurhulumente nakumahlakani ezentlalo.
4.3.  INyanga yoLutsha iza kuphehlelelwa ngokusesikweni ngoLwesine, umhla woku-1 kweyeSilimela nguMphathiswa okwi-Ofisi kaMongameli wezamaNina, uLutsha kunye naBantu abaKhubazekileyo, uGq Nkosazana Dlamini Zuma e-Hector Pieterson Memorial and Museum e-Soweto.
4.4.  IKhabhinethi icele isizwe ukuba siwaqinise amalinge okuqinisekisa ukuba abantu abatsha bayawafumana amathuba aza kubanceda ukuba bakwazi ukudlala indima ebonakalayo kuqoqosho.
4.5.  Urhulumente, njengolona qumrhu liqeshe abona bantu baninzi, uthathe amanyathelo afanelekileyo okusabela kumba wokufuneka kophuhliso lwezakhono kunye nokuqeshwa kolutsha ngokuvumela abo banezidanga bangasebenziyo ukuba bafumane amava omsebenzi ngokusebenzisa i-Public Service Graduate Internship and Leadership Programme. Urhulumente uqalise amaphulo okudala imisebenzi aquka i-Social Employment Fund waze wavuselela ne-National Youth Service (i-NYS) enika amawaka abantu abatsha amathuba okuba bakwazi ukuthatha inxaxheba kuqoqosho.
4.6.  I-Presidential Youth Employment Intervention sele ivule izingxungxo ezizigidi eziyi-1.5 ezinceda ulutsha lwamkele umvuzo, izithuba zokuqeqeshelwa emsebenzini ezisigidi, amathuba okufunda usemsebenzini angama-250 000, amathuba okunikezela ngeenkonzo ezihlawulwayo angama-250 000 futhi abantu abatsha abangama-500 000 baxhamla kumathuba abangenisela imali. Njengoko singena kwinyanga yolutsha, urhulumente ufuna ukukhumbuza abantu abatsha ukuba babhalise kwi-SAYouth.mobi njengoko abanye abantu abatsha abazizigidi ezine sele benzile, apho banokuthi bafumane amathuba.

5.  Ukubamba iNkomfa yesi-8 ye-Agri-Business and Science Week yoMbutho wezoPhando ngezoLimo e-Afrika (i-FARA) kunye neNdibano eNkulu yayo yesi-9.
5.1.  IKhabhinethi ivumile ukuba uMzantsi Afrika ube lelinye lamazwe aza kubamba iNkomfa yesi-8 ye-Agri-Business and Science Week kunye neNdibano eNkulu yayo yesi-9 e-Durban ukususela ngomhla wesi-5 ukuya kowesi-9 kweyeSilimela 2023.
5.2.  I-FARA ngumbutho weli lizwekazi ongumpondo-zihlanjiwe ojongene nomsebenzi wokuququzelela nokukhokela uphando-nzulu kwezolimo nokuphucula ubuchule bokuyila kweli lizwekazi.
5.3.  Ngokubamba lo msitho, uMzantsi Afrika uza kufumana amathuba okuqhuba intsebenziswano nobambiswano kunye namaziko ezolimo nophando kweli lizwekazi ngokwabelana ngezona ndlela zingcono zokusebenza kwezenzulwazi yezolimo ukwenzela uphuhliso, ingakumbi kule meko sijongene nayo yokuguqu-guquka kwemozulu kunye nemiba eyimiqobo ethintela eli elizwe lingabi nakutya kwaneleyo, uphuhliso loqoqosho kunye nemisebenzi. Le nkomfa kulindeleke ukuba izinyaswe ngabathunywa abangama-800 abaza kuya kwiphondo laKwaZulu-Natal nelase-Gauteng, kwaye oku kuza kuba negalelo elihle kuqoqosho lweli lizwe.

6.  Imiba yezorhwebo
6.1.  IKhabhinethi ifumene ingxelo ebonisa ukuba kukho ukuphucuka kwinkqubo yesizwe yezorhwebo kunye neempahla zorhwebo ezithunyelwa kumazwe angaphandle. Le ngxelo ibonise ukuba ngowama-2022 uMzantsi Afrika uthumele iimpahla zorhwebo kumazwe aphesheya ali-12, into ebangele ukuba kubekho imisebenzi evela ngqo kweli candelo engama-57 300.

C.  Izikhundla
Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.

1.  Mnu Bernard Scelo Duma njengeSekela-Mlawuli-Jikelele: ImiSebenzi neNkxaso kaRhulumente weeNgingqi kwiSebe loLawulo ngeNtsebenziswano.   
2.  IBhodi yabaLawuli ye-Council for Mineral Technology
(a)  Nksz Ntombifuthi Zikalala-Mvelase (uSekela-Sihlalo futhi uqeshiwe kwakhona);
(b)  Nksz Pontsho Maruping (uqeshiwe kwakhona);
(c)  Mnu Rudolf Heydenrich (uqeshiwe kwakhona);
(d)  Gq Siyabonga Simayi;
(e)  Gq Takalani Madzivhandila;
(f)  Nksz Azwinndini Mavis Thomani;
(g)  Mnu Livhu Nengovhela; kunye
(h)  noNksz Faith Ntokozo Ngcwabe (ummeli weSebe leMithombo yeziMbiwa naMandla). 

3.  IBhodi yabaLawuli ye-Council for Geoscience 
(a)  Mnu Kelepile Dintwe (uSihlalo);
(b)  Mnu Xolisa Mvinjelwa (uSekela-Sihlalo);
(c)   Adv Ntika Maake;
(d)  Gq Mayshree Singh;
(e)  Gq Siyanda Mngadi;
(f)  Gq Ntombifuthi Nxumalo;
(g)  Nksz Thobeka Njozela;
(h)  Mnu Andries Moatshe;
(i)  Gq Moloko Matlala;
(j)  Mnu Mandla Malindisa; 
(k)  Gq Mmboneni Muofhe; kunye 
(l)  noMnu Mosa Mabuza (i-CEO). 

D.  ImiThetho eYilwayo

1.  Uyilo loMthetho-siHlomelo oYilwayo weCandelo eliziMeleyo likaKhala wamaPolisa (i-IPID) wowama-2023. 
1.1.  IKhabhinethi ilamkele uyilo loMthetho-siHlomelo oYilwayo we-IPID wowama-2023 ukuba lungeniswe ePalamente. 
1.2.  Lo Mthetho uYilwayo wenza izilungiso kuMthetho we-IPID wowama-2011 (uMthetho uNombl 1 wowama-2011), kwaye wenza neziphakamiso ezineenjongo zokuqinisekisa ukuba i-IPID izimele ngenene njengequmrhu kwakunye nendlela esebenza ngayo, into leyo izalisekisa imigqaliselo eyayimiselwe kwisigwebo setyala lika-McBride.
1.3.  Ezi zizilungiso ziza kusabela kanye kwimiba ephakanyiswe yiNkundla yoMgaqo-siseko eyathi amanye amasolotya oMthetho we-IPID wowama-2011 awekho mthethweni, agunyazisa uMphathiswa wezamaPolisa ukuba anqumamise uMlawuli wesiGqeba, ukuba athathele amanyathelo oluleko uMlawuli wesiGqeba emva kokuba enqunyanyisiwe, nokuba amgxothe uMlawuli wesiGqeba kwisikhundla sakhe. 
1.4.  Lo Mthetho uYilwayo uphakamisa ukuba iinkqubo yokuqeshwa koMlawuli wesiGqeba kufuneka iqhutywe elubala futhi ivuleleke nokuba kubekho neenkqubo ecacileyo yokuvavanya ukunyaniseka kwamagosa e-IPID. Lo Mthetho uYilwayo ukwavulela nokuba kwenziwe ezinye izilungiso kuMthetho oyiNtloko, ukuze kuqinisekiswe ukuba i-IPID yenza umsebenzi wayo ewugunyazisiweyo kakuhle nangobuchule. Uyilo lwalo Mthetho uYilwayo luyafumaneka apha: www.policesecretariat.gov.za.

2.  Uyilo loMthetho-siHlomelo oYilwayo weMithetho eBanzi yezoBuntlola (i-GILAB) wowama-2023 
2.1.  IKhabhinethi ivumile ukuba uyilo lwe-GILAB lowama-2023 lungeniswe ePalamente. I-GILAB iphakamisa ukuba kwenziwe izilungiso kuMthetho weSizwe wobuNgcali kwezobuNtlola, wowe-1994 (uMthetho uNombl 39 wowe-1994). Lo Mthetho uYilwayo usabela kanye kwizindululo ezenziwa liGqiza likaMongameli leZinga eliPhezulu lokuPhonononga i-Arhente yoKhuseleko lweLizwe (i-SSA) kwakunye nesicwangciso sokufezekisa izindululo zeKhomishoni yoPhando eKhokelwa yiJaji ngeziTyholo zokuBanjwa ngoBhongwane koMbuso, uRhwaphilizo kunye nobuQhetseba kuRhulumente kuquka namaQumrhu oMbuso.  
2.2.  Phakathi kwezinye izinto, lo Mthetho uYilwayo uzama: (a) ukwenza uhlenga-hlengiso kwiinkonzo zobuntlola ukuze zibe liziko elisebenza kakuhle nangobunono ngokuthi kusekwe i-arhente yezobuntlola yalapha ekhaya kunye necandelo lezobuntlola lezangaphandle; (b) ukulungisa ukuqhwalela okukhoyo kwindlela ebusebenza ngayo ubuXhaka-xhaka bokuQokelela uLwazi lwezoBuntlola njengoko yayitshilo iNkundla yoMgaqo-siseko; (c) ukulungisa iindawo eziqhwalelayo ezabhaqwa ngenxa yemisebenzi yequmrhu lokulwa ukuthutyeleziswa kwemali, i-Financial Action Task Force, kuquka namanyathelo okulwa ukuthutyeleziswa kwemali kunye nokuxhasa ngezimali amaphulo obunqolobi ngokuthi kuxhotyiswe ngezakhono ii-arhente zezokhuselo lwamazwe ukuze zikwazi ukuba ziphande futhi zize zihlole ukuba umntu okanye iqumrhu elithile alizikulubeka mngciphekweni na ukhuseleko lwesizwe; (d) Ukuphucula imithetho elawula nephethe icandelo loonogada babucala njengenxalenye yenkqubo ebanzi yokuqinisekisa ukhuseleko lwesizwe; kunye (e) nokumisela imithetho eza kulawula aba babesakuba ngamalungu ecandelo lezobuntlola kunye nabanye abanolwazi ngeenkcukacha eziyimfihlo zobuntlola. 
2.3.  Lo Mthetho uYilwayo uza kuphinda uqinisekise ukuba iinkonzo ze-SSA azisetyenziselwa iinjongo ezigwenxa ngabantu abathile.
2.4.  Ezi zilungiso ziza kuphucula indlela ezibekwa ngayo phantsi kweliso ii-arhente zobuntlola ngamaqumrhu afana noMlawuli-Jikelele wezoBuntlola, iKomiti eHlangeneyo yezoBuntlola kunye noMphicothi-ziNcwadi-Jikelele woMzantsi Afrika. Lo Mthetho uYilwayo uyafumaneka kwi-www.gov.za. 

3.  UMthetho oYilwayo weKhomishoni yabaSebenzi bakaRhulumente (i-PSC) wowama-2023 
3.1.  IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa koyilo loMthetho oYilwayo we-PSC wowama-2023 ukuze uluntu luhlomle kuwo. Lo Mthetho uYilwayo uguzula uMthetho we-PSC, wowe-1997 (uMthetho uNombl 46 wowe-1997) woMgaqo-siseko weRiphabhlikhi yoMzantsi Afrika wowe-1996.
3.2.  Lo Mthetho uYilwayo ucacise indlela eliza kusekwa ngayo iqumrhu lolawulo le-PSC eliza kuyenza izimele ngakumbi futhi ingathathi cala. Wakuba lo Mthetho uYilwayo utyikitywe wangumthetho ogcweleyo, amagunya e-PSC aza kwandiswa ayenze ifikele nakoomasipala kunye namaqumrhu ombuso.
3.3.  Esi silungiso siza kwenza i-PSC ibe nomsebenzi ocacileyo ize ikwazi ukuba negalelo elibonakalayo kumalinge okwakha urhulumente osabelayo, othembakelayo nokhokelisa imigaqo yokuziphatha esulungekileyo. Lo Mthetho uYilwayo uyafumaneka apha: www.dpsa.gov.za

4.  Uyilo loMthetho-siHlomelo oYilwayo weQumrhu leSizwe eliLawula ezeNyukliya wowama-2023
4.1.  IKhabhinethi ivumile ukuba uMthetho oYilwayo weQumrhu eliLawula ezeNyukliya ungeniswe ePalamente. Lo Mthetho uYilwayo wenza izilungiso kuMthetho weSizwe weQumrhu leSizwe eliLawula ezeNyukliya (i-NNR), wowe-1999 (uMthetho uNombl 47 wowe-1999).
4.2.  Lo Mthetho uYilwayo ufuna ukuvala izikhewu ezikhoyo kulo Mthetho we-NNR ukhoyo wowe-1999. Ngokwale meko uyiyo ngoku lo Mthetho awuhambelani nendlela ekuqhutywa ngayo kwihlabathi kwicandelo lemithetho elawula ukhuseleko lwenyukliya kuba ayithethi nto ngabo bathe banqashwa yimitha yenyukliya basebenza emoyeni.
4.3.  Lo Mthetho uYilwayo wenzelwe ukuba uhambelane noMthetho we-NNR wowe-1999 uze ulandele imigaqo esetyenziswayo ye-Internation Atomic Energy Agency (i-IAEA). UMzantsi Afrika ulilungu le-IAEA.

E.  Imisitho Ezayo

1.  Ukubekwa ngokusesikweni kukaMongameli we-Federal Republic of Nigeria
1.1.  NgoMvulo, umhla wama-29 kuCanzibe 2023, uMongameli Ramaphosa uza kuzimasa umsitho amenywe kuwo wokuBekwa ngokuSesikweni kwalowo uza kuba nguMongameli we-Federal Republic of Nigeria, uMnu Bola Ahmed Tinubu. 
1.2.  Ukuthatha inxaxheba kukaMongameli kulo msitho kubonakalisa ukuba isekhona intsebenziswano emandla phakathi koMzantsi Afrika ne-Nigeria.
1.3.  I-Nigeria ilelona lizwe liliqabane lezorhwebo likhulu loMzantsi Afrika eNtshona Afrika. Iinkampani ezahlukeneyo zoMzantsi Afrika zityale imali e-Nigeria, ngeli thuba likhulayo nenani leenkampani zase-Nigeria ezingena eMzantsi Afrika. 

2.  IVeki yokuKhuselwa kwaBantwana 
2.1  UMzantsi Afrika uza kuphawula iVeki yokuKhuselwa kwaBantwana ukususela ngomhla wama-28 kuCanzibe ukuya kowesi-4 kweyeSilimela 2023 phantsi komxholo othi: “Masikhusele Abantwana ngeThuba le-COVID-19 naseMva Kwalo”. Eli phulo likhuthaza onke amacandelo noluntu ngokubanzi ukuba bancedise ekukhuliseni baza bakhathalele futhi bakhusele abantwana. 
2.2  Iphulo lalo nyaka liza kugxila kwi-RISIHA, inkqubo yoluntu yokuthintela neyokungenelela kusengethuba, eneenjongo zokuxhobisa abantwana abasesichengeni batsho bakwazi ukuzimela. 

3.  UTyelelo lokuHlola kwi-DDM yaseNtshona Koloni
3.1  USekela-Mongameli, uMnu Paul Mashatile uza kubamba uTyelelo lokuya kuHlola lwe-DDM kwiSithili sase-OR Tambo kunye noMasipala oMbaxa wase-Buffalo City, eMpuma Koloni, ngomhla wama-26 nowama-27 kuCanzibe 2023.  
3.2  Olu tyelelo luyinxalenye yephulo likarhulumente lokuqinisekisa ukuba uphuhliso loluntu lwenziwa ngendlela ehlangeneyo njengoko i-DDM nayo isitsho.

4.  IPalamente yesiThandathu yePalamente yaMazwe e-Afrika (i-PAP)
4.1  Iinkokeli eziphuma mbombo zone zeli lizwekazi zidibene ngoMvulo, umhla we-15 kuCanzibe 2023, e-Midrand, eMzantsi Afrika ziye kuthatha inxaxheba kwiPalamente yesiThandathu ye-PAP. Le Palamente iza kuvala ngomhla wesi-2 kweyeSilimela 2023.  
4.2  Iinjongo ze-PAP kukulungisa iingxaki ezisihlupha sonke kweli lizwekazi kwaye imelwe zinkokeli zase-Afrika eziphuma mbombo zone zeli lizwekazi.

5.  I-Intergovernmental Oceanographic Commission (i-IOC)
5.1  UMzantsi Afrika uza kuthatha inxaxheba kwiseshoni yama-56 yebhunga lesigqeba eza kubanjelwa e-Paris, e-France, ukususela ngomhla we-16 ukuya kowama-30 kweyeSilimela 2023.
5.2  I-IOC yoMbutho wezeMfundo, ezeNzululwazi nezeNkcubeko weZizwe eziManyeneyo (i-IOC-UNESCO) liqumrhu le-UN elenza umsebenzi wokunika inkxaso kwiinkonzo nezenzululwazi yeelwandle zehlabathi.
5.3  UMzantsi Afrika uyakuqonda ukubaluleka kophando nolawulo olufanelekileyo lweelwandle kunye namanxwema wawo ukwenzela uphuhliso oluzinzileyo. Uphando ngezaselwandle lukwanceda nokusilumkisa kwangethuba ngeentlekele ezenzeka elwandle luze luncede urhulumente akwazi ukuthatha izigqibo enolwazi olwaneleyo.

6.  UMzantsi Afrika uza kusingatha imidlalo emikhulu
6.1  Abalandeli bezemidlalo abaphuma kulo lonke elimiweyo kufanele balindele ukwamkelwa ngobubele obubonisa Ubuntu kunye nokutendwa ngothando xa beze kuzimasa eMzantsi Afrika iNdebe yeHlabathi yeBhola yoMnyazi kunye ne-Kimura Shukokai International (i-KSI) Karate World Championship. UMzantsi Afrika wazenzela igama ngokugqwesa kwindlela oyisingatha ngayo imisitho emikhulu.
6.2  Uyaqhubeleka nokuvakala umoya wochulumanco njengoko sele kushiyeke isithuba esingaphezudlwana nje kwiintsuku ezingama-60 phambi kokuba iqalise iNdebe yeHlabathi yeBhola yoMnyazi eKapa ukususela ngomhla wama-28 kweyeKhala ukuya kowesi-6 kweyeThupha 2023. Oku iza kuba kokokuqala le tumante ingaka iza kubanjelwa e-Afrika.
6.3  IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kumntu wonke ukuba alixhase iphulo elibizwa ngokuba yi-Netball Friday, ngokuba bavathe izinxibo ezixhasa amaqela abo okanye banxibe isinxibo esifana neseqela lesizwe baxhase iqela leSizwe leBhola yoMnyazi loMzantsi Afrika. 
6.4  I-KSI South Afrika nayo iza kubamba i-KSI Karate World Championship yama-20 eKapa ukususela ngomhla we-10 ukuya kowe-15 kweyeKhala 2023, kwaye silinqwenelela impumelelo iqela loMzantsi Afrika ngoku lenza amalungiselo okuthatha inxaxheba kolu khuphiswano lukhulu kangaka.
6.5  UMzantsi Afrika uza kusingatha i-Table Tennis Championship Finals Championships yowama-2023 e-Durban International Convention Centre. Abadlali abangaphezulu kwama-600 abaphuma kumazwe ahlukeneyo ehlabathi sithetha nje bayaqhuba nale midlalo kwaye le tumente iza kunika abadlali beli ithuba lokuba baqhayise ngezakhono zabo. Le tumente yaqala ngomhla wama-20 kuCanzibe 2023 kwaye iza kuqhubeleka kude kube ngumhla wama-28 kuCanzibe 2023.  

F.  Imiyalezo

1.  Amazwi okuvuyisana
IKhabhinethi ithumela imiyalezo yokuvuyisana kunye neminqweno emihle:

  • kuMphathiswa wezeMali, uMnu Enoch Godongwana, owongwe ngembasa ephezulu ye-Africa Banker 2023 Finance Minister of the Year e-Sharm El Sheik, e-Egypt ngoLwesithathu, umhla wama-24 kuCanzibe 2023 ngenxa yemisebenzi yakhe kulo nyaka yokukwazi ukulawula uqoqosho loMzantsi Afrika ngononophelo phantsi kweemeko ezinzima apha ekhaya nakwihlabathi. Le mbasa ihlonipha isakhono salo Mphathiswa sokukwazi ukusebenzisa umgaqo-nkqubo wolawulo lwezimali zikarhulumente ukuze akhulise utyalo-mali kwicandelo lombane ohlaziyekayo.
  • Ku-Hana Gammon, umbhali woMzantsi Afrika oneminyaka engama-20 ngokuphumelela imbasa yowama-2023 ye-Commonwealth Short Story Prize, kummandla we-Afrika nokuba ngoyena mntu mncinci ezimbalini othe waphumelela le mbasa. 
  • kwiQela loMbhoxo i-Stormers ngokufikelela kumagqibela-kankqoyi kwi-United Rugby Championships. Eli qela le-Stormers liza kuqubisana ne-Irish Musters e-Cape Town Stadium ngoMgqibelo, umhla wama-27 kuCanzibe 2023.  
  • kuMnu Zakes Mda, umbhali weenoveli waseMzantsi Afrika kunye noNjing Tshilidzi Marwala, owayesakuba liSekela-Ngqonyela neNqununu yeDyunivesiti yaseRhawutini, bobabini abatyunjiweyo kwaba baza kuba sethubeni lokuphumelela imbasa yowama-2023 ye-African Genius Award. UMnu Mda kunye noNjing Marwala batyunjwe phakathi kwezinye iinkcubachopho zase-Afrika ezili-19 ezigqwesileyo kumacandelo ahlukeneyo.


2.  Amazwi ovelwano 
IKhabhinethi ithumela amazwi ovelwano kusapho nabahlobo:

  • bakaNozakuzaku woMzantsi Afrika e-Republic of Algeria, uMnu Billy Masetlha, osebenzele uMzantsi Afrika kwizikhundla ezahlukeneyo kurhulumente, eziquka ukuba nguMlawuli-Jikelele weeNkonzo zoBuntlola. Wadlala indima emandla kuMzabalazo weNkululeko yoMzantsi Afrika, kuquka nokuba lilungu loMkhonto we Sizwe. 
  • Baka-Murthi Naidoo, owanikela ngobomi bakhe kwidabi lokulwela inkululeko yeli lizwe. Waye wabanjwa ngamapolisa karhulumente wocalu-calulo ukususela ngenyanga yeNkanga 1965 ukuya kutsho kuTshazimpunzi 1966 engakhange abekwe tyala kwaye wadlala indima ngethuba eli lizwe likwimo yonxunguphalo ngeminyaka yowe-1980.
  • baka-Barry Dwolatzky, onguvulindlela kwicandelo lobuchwepheshe bolwazi nonxibelelwano kweli lizwe. EbeyiNjingalwazi (eseyiHleli Phantsi) kwi-School of Electrical and Information Engineering kwi-Faculty of Engineering and Built Environment kwiDyunivesiti yase-Wits.
  • Nakwezabantu abali-15 ababulewe sisifo sotyatyazo e-Hammanskraal kwisiXeko sase-Tshwane.
     

Imibuzo: Mnu Michael Currin – IsiThethi sikaRhulumente esiliBambela
Iselula: 082 462 7896
 

Share this page

Similar categories to explore