INgxelo yeNtlanganiso yeKhabhinethi yomhla wesi-9 kuCanzibe wowama- 2017

 IKhabhinethi ibibambe intlanganiso ngoLwesithathu, umhla wesi-9 kuCanzibe ngowama-2018 eTuynhuys, eKapa.

A. Imiba Engundaba-mlonyeni

1. Ubundlobongela obujoliswe kwabesini esithile

1.1. IKhabhinethi iyaphinda iyabukhaba ubundlobongela obenziwa kwabasetyhini nasebantwaneni kwaye ihlaba ikhwelo kuthi sonke kwezo ndawo sikuzo ukuba nathi sibukhabe ngawo omane ubundlobongela obenziwa kwabasetyhini, abantwana, abantu abatsalwa zizini zozibini, abantu abathandana nabantu abanesini esifana nesabo kunye neelesbhiyeni.  

1.2. Luxanduva lwethu sisonke njengabemi boMzantsi Afrika ukuba sifundisane ngamalungelo abantu basetyhini nabantwana kunye neentlobo zoncedo ezikhoyo zokunceda amaxhoba obundlobongela.

1.3. IKhabhinethi iyasamkela isigqibo seNkundla ePhakamileyo yaseMzantsi Gauteng sokugweba umbulali uSandile Mantsoe iminyaka engama-32 ethothoza kwesimnyama isisele ngenxa yokubulala lowo wayesakuba sisinqanda-mathe sakhe, uKarabo Mokoena. Ezinye iziganeko ezimanyumnyezi ezifana nokucholwa komzimba wemveku eneminyaka nje eli-10 ubudala uKatlego Joja eMamelodi West, empuma yePitoli nokubulawa kukaZolile Khumalo, obengumfundi eMangosuthu University of Technology eDurban ziyimizekelwana nje embalwa esibonisa intlungu esijongene nayo sisisizwe. IKhabhinethi ithi akuhlanga lungehlanga kusapho lakwaJoja nolwakwaKhumalo.

1.4. Nangona icandelo lezobulungisa kunye nee-arhente zogcino-mthetho zimaxhaphetshu zizama ukuqinisekisa ukuba abenzi bobubi badibana nengalo yomthetho, nathi njengoluntu sinendima esifanele ukuyidlala ukuphelisa obu bundladiya. Abemi boMzantsi Afrika bayacelwa ukuba bathathe inxaxheba kumaphulo okufundisa nokulumkisa ngolu hlobo lobundlobongela kwiindawo abahlala kuzo kunye nasemisebenzini.

1.5. IKhabhinethi icela namaxhoba ukuba azixele kwii-arhente zogcino-mthetho ezi ntlobo zolwaphulo-mthetho zihlasimlisa umzimba. Zona ii-arhente zogcino-mthetho ziza kuziphanda izityholo zobundlobongela obenziwa ebantwini besini esithile nazo zilandela umthetho ukuze kuqinisekiswe ukuba abenzi bobubi bahlangana nengqumbo yomthetho.

1.6. Komnye umba, nawo uhambelana nalo, iNdibano eNkulu yeZizwe eziManyeneyo (i-UN) ibhengeze ukuba umhla we-13 kweyeSilimela luSuku lweHlabathi lokuFundisa nge-Albinism. Eli phulo lineenjongo zokufundisa ngabantu abanebala elimhlophe kwizikhumba zabo (i-albinism) abakhuselwe ngokugcweleyo nguMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi Afrika wowe-1996. Kuluxanduva lwethu sonke njengabemi boMzantsi Afrika ukuba sisizifundise thina buqu futhi sifundise nabanye nge-albinism ukuze siphelise ezi nkolelo zingeyonyani zilahlekisayo ngabantu abanebala elimhlophe esikhumbeni sabo. Oku kuza kuphungula ungcungcutheko abaphila phantsi kwalo abantu abaneli bala kunye neentsapho zabo.

2. Isigqibo soMfelandawonye weMibutho yeHlabathi yezeeMbaleki (i-IAAF)

2.1. IKhabhinethi ivakalise ukuxhalaba ngale mithetho imitsha ye-IAAF.

2.2. IKhabhinethi iyawamkela umsebenzi owenziwa liSebe lezeMidlalo noLonwabo loMzantsi Afrika (i-SRSA), kwaye nokuba konyulwe igqiza eliphezulu leengcali kwicandelo lezonyango nezomthetho. Eli gqiza liza kuphonononga le mithetho lize lihlalutye ubungqina bezenzululwazi i-IAAF ebusebenzisileyo. Liza kuvavanya bonke ubungqina bophando-nzulu nobobunzulwazi kwakunye nemiba yobuntu lize lisebenzise konke elikufumeneyo liyikhabe le mithetho kumaqonga afanelekileyo.

2.3. IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubo bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba baxhase zonke iimbaleki, kweli lizwe nakwihlabathi liphela, ezichatshazelwe yile mithetho.

3. Imeko yaseMntla Ntshona

3.1. IKhabhinethi inikwe ingxelo yiKomiti yabaPhathiswa eJongene noMba (i-IMTT) waseMntla Ntshona. Le ngxelo ibiqulathe iinkcukacha ngomsebenzi wokugabula izigcawu oselwe wenziwe kwezi veki zimbini zidlulileyo. IKhabhinethi yanelisekile ngumsebenzi osele wenziwe yi-IMTT kumalinge ayo okuzisa uzinzo kweliya Phondo.

3.2. I-IMTT, ekhokelwa nguMphathiswa okwi-Ofisi kaMongameli, uGq Nkosazana Dlamini Zuma, iza kujongana nale miba ithe mbende iphondo laseMntla Ntshona. Intlanganiso noonondaba eza kunika iinkcukacha ezigcweleyo ngeziphumo zomsebenzi osele wenziwe yile IMTT iza kubanjelwa eMntla Ntshona kule veki izayo.
 
4. INgqungquthela yezoQoqosho kaRhulumente namaShishini abuCala yeLizwe laseJapan ne-Afrika

4.1. UMongameli Cyril Ramaphosa ebesisithethi sembeko kwiNgqugquthela yokuqala yezoQoqosho kaRhulumente namaShishini Abucala yelizwe laseJapan ne-Afrika ebibanjelwe eSandton Convention Centre ukususela ngomhla wesi-3 ukuya kowesi-4 kuCanzibe ngowama-2018. Le ngqungquthela ibibanjwe nguMzantsi Afrika, kunye norhulumente waseJapan bebambisene neJapan External Trade Organisation.

IKhabhinethi iyakwamkela ukuzibophelela okuqhubekayo okwenziwe kwiNkomfa yamaZwe ngamaZwe engoPhuhliso lwe-Afrika ebibanjelwe eNairobi, eKenya ngowama-2016 apho ilizwe laseJapan lathi lazibophelela ukuba liza kutyala imali ezibhiliyoni ezingama-30 zedola zase-United States (i-US$) phakathi konyaka wama-2016 nowama-2019. Iinkampani zaseJapan ezingaphezulu kwe-100 zirhweba zishishina kweli lizwekazi le-Afrika.

5. Ukunyuswa kweRhafu yoRhwebelwano yeNtsimbi neSinyithi yi-United States (i-US)

5.1. IKhabhinethi ivakalise udano sisigqibo esithathwe yi-US sokuwuquka uMzantsi Afrika kumazwe aza kubhatala irhafu yorhwebelwano yentsimbi nesinyithi.

5.2. URhulumente woMzantsi Afrika uza kuqhubeleka nokufakana imilomo norhulumente wase-US ukuze kukhangelwe isisombululo esiza kwamkeleka kula mazwe omabini. IKhabhinethi ikwakhuthaza nabarhwebi abathumela isinyithi nentsimbi kumazwe angaphandle ukuba bacenge iinkampani zase-US ezithenga ezi mveliso ukuba zifake izicelo zokuba ezi mveliso zingahlawuliswa irhafu yorhwebelwano, njengokuba ezi izimveliso ezifumaneka eMzantsi Afrika ikakhulu kwaye izimveliso ezingasetyenzwanga zagqitywa eziza kugqityezelwa ukusetyenzwa kwelase-US.

6. Ukuhlaziywa kwamaZiko eMizi-mveliso

6.1. IKhabhinethi iyakwamkela ukugqitywa kwesigaba sokuqala sokuhlaziywa kweZiko leMizi-mveliso lasePhuthaditjhaba eFreyistatha njengomsebenzi omkhulu kwiphulo lokuqalisa iNkqubo yokuHlaziya amaZiko eMizi-mveliso.

6.2. Lo msebenzi utyabule imali ezizigidi zeerandi ezingama-50 uza kwenza oosomashishini bale ngingqi ukuba babe nomdla kweli ziko baze bavule ezabo iindawo zokusebenzela njengoko ziphuculiwe iziseko ezingundoqo kunye nokhuseleko.

7. Utyalo-mali

7.1. IKhabhinethi isiqhwabela izandla isivumelwano sokusebenzisana esityikitywe liSebe lezoRhwebo noShishino (i-dti) no-Aspen Pharmacare, esibangele ukuba kubhengezwe ukuba imali eyibhiliyoni yeerandi iza kutyalwa kumzi-mveliso wamachiza eBhayi kwiphondo laseMpuma Koloni. Le nkampani yakwa-Aspen Pharmacare ixhamla kwisiBonelelo seRhafu i-12I se-dti apho ithe yafumana isaphulelo serhafu esizizigidi zeerandi ezingama-209.

7.2. Ukuvulwa kwalo mzi-mveliso kuza kudala imisebenzi emitsha engama-500. Lutyalo-mali olusisixa esihle olu futhi luza kubeka uMzantsi Afrika kwizinga eliphezulu, lize lidale nemisebenzi efunwa ngabomvu kweli.

8. Amaxabiso aphantsi e-data

8.1. IKhabhinethi iyazamkela ezi zindululo zitsha zize neZiko eliziMeleyo lezoNxibelelwano loMzantsi Afrika (i-Icasa) zokuba kuphuculwe imithetho emalunga ne-data, ii-SMS kunye nonxibelelwano ngomlomo ngeeselula.

8.2. Olu tshintsho lilinyathelo eliya phambili kumalinge okuqinisekisa ukuba indlela ekurhwetywa ngayo ayidleleli abathengi ngokumalunga namaxabiso e-data kunye nasekuqinisekiseni ukuba abathengi abalahlekelwa yi-data abangekayisebenzisi. UPhando kweli Candelo oluqhutywa yiKhomishini yezoKhuphiswano liza kucacisa futhi ligxininise namanye amanyathelo, ukuqinisekisa ukuba amaxabiso e-data eMzantsi Afrika enza kube lula ukuba abantu abaninzi bakwazi ukuyisebenzisa i-intanethi futhi asenza ukuba sikwazi ukuwaxhamla amathuba eza neli xesha lobomi noqoqosho oluxhomekeke kubuxhaka-xhaka bale mihla be-intanethi neekhompyutha.

9. Icandelo lezeMigodi

9.1. IKhabhinethi nayo njengoMongameli Ramaphosa ivakalisa ukudandatheka kweentliziyo ngokusweleka kwabasebenzi-mgodini boMgodi iSibanye-Stillwater waseDriefontein kufutshane naseCarlentonville eNtshona Randi, kwaye ithi tutwini kwiintsapho nezalamane zabo bathe basutywa kukufa. UMphathiswa wemiThombo yeziMbiwa uMnu Gwede Mantashe, ulindeleke ukuba amele urhulumente kwinkonzo yesikhumbuzo eza kubanjwa kule veki.

9.2. IKhabhinethi icela icandelo lezemigodi ukuba likhawulezise uphando eliluqhubayo eliza kusinceda ukuba sibone kwangethuba iimeko zokunyikima komhlaba emigodini ngolo hlobo sisindise ubomi babantu.

10. INgxowa-mali yaBantwana ye-UN (i-UNICEF)

10.1. IKhabhinethi nayo njengoMongameli Ramaphosa iwubulela ngokungazenzisiyo umsebenzi owenziwa yi-UNICEF wokuxhasa kunye nokuncedisa kumaphulo okuxhobisa ulutsha loMzantsi Afrika.

10.2. UMlawuli oPhezulu we-UNICEF, uNksz Henrietta Fore, ebebambe intlanganiso noMongameli Ramaphosa ngoMvulo, umhla wesi-7 kuCanzibe ngowama-2018. Uye wamnika amagqabantshintshi ngengxelo ye-UNICEF emalunga namaphulo oMzantsi Afrika ezemfundo, okuphuhlisa izakhono zomsebenzi kunye namathuba ezoqoqosho abantu abatsha, ingakumbi abo baneminyaka yobudala ephakathi kweli-10 neli-18. I-UNICEF iwuqhwabele izandla umsebenzi owenziwa nguMzantsi Afrika wokudalela abantu abatsha amathuba okuba badlale indima ebonakalayo kuqoqosho, yaze yavakalisa nokuba iyafuna ukunceda izikolo zeli ngezibonelelo zamanzi nogutyulo.

10.3. I-UNICEF icela uMzantsi Afrika ukuba ucebise namanye amazwe ngendlela ewaqhuba ngayo amaphulo okuxhobisa ulutsha. Oku ukwenze njengenxalenye yephulo lehlabathi lokudalela abantu abatsha amathuba - into leyo ebonakalisa ukuba ubudlelwane phakathi kweli lizwe ne-UN buya buqina.

B. Izigqibo zeKhabhinethi

1. IKhabhinethi isivumile isiCwangciso sokuSebenza koMgaqo-nkqubo wezoShishino (i-IPAP) sowama-2018/19 - 2020/21. Olu luhlelo lwe-10 lwesicwangciso sokusebenza sonyaka esihambelana nesiCwangciso-sikhokelo seNkcitho sesiGaba esiPhakathi (i-MTEF) esithatha isithuba esiyiminyaka emithathu.

Le IPAP ihlaziyiweyo isisishwankathelo sezinto ezenziwe ngulo mgaqo-nkqubo wezoshishino kule minyaka ilithoba idlulileyo. Inika uhlalutyo olunzulu lwezoqoqosho ngoqoqosho lwehlabathi nolweli lizwe oluhambelana nomgaqo-nkqubo wezoshishino. Ikwanika nesishwankathelo semingeni nemiqobo ethintela ukuba kuqaliswe ngokupheleleyo umgaqo-nkqubo wezoshishino kwakunye nezicwangciso zokusebenza ezisebenza ngexesha ezichaphazela amacandelo amaninzi kunye nezo zichaphazela amacandelo athile kuphela.  

2. IKhabhinethi ivumile ukuba isiVumelwano semiMandla emiThathu engaHlawulisani Rhafu yoRhwebelwano (i-TFTA) sithiwe thaca ePalamente ukuze siqinisekiswe ngokusemthethweni. Esi sivumelwano simisela ngokusemthethweni imiMandla eMiThathu engaHlawulisani Rhafu yoRhwebo equka uMbutho woPhuhliso lwaMazwe e-Afrika eseMpuma neseMazantsi (i-COMESA), uMbutho woPhuhliso lwaMazwe e-Afrika eseMpuma (i-EAC) kunye noMbutho woPhuhliso lwaMazwe e-Afrika eseMazantsi (i-SADC).

Le TFTA yiprojekthi ephambili ekhokelwa ngamazwe ase-Afrika elinyathelo elikhulu lokulungisa umonakalo owashiywa ngoorhulumente bobukholoniyali ababekhuthaza ukuba amazwe angasebenzisani koko azimele ewodwa, ngokuthi ikhuthaze ukuba kubekho utyalo-mali olusuka kwelinye ilizwe lisiya kwelinye kweli lizwekazi futhi kubekho notyalo-mali oluvela kumazwe angaphandle oluza kulo mmandla we-TFTA.
Ngenxa yokuba kukho ukusebenzisana okumandla kumazwe akwingingqi ezahlukeneyo zeli lizwekazi kunye nozinzo kuqoqosho lwawo, uyakhula umthamo wotyalo-mali osuka kwelinye ilizwe lusiya kwelinye kweli lizwekazi lase-Afrika.

3. IKhabhinethi yamkele ukuba iNgxelo yeSizwe yesiThathu yezoNxibelelwano yoMzantsi Afrika ukuba ingeniswe kwisiVumelwano sesiCwangciso-sikhokelo se-UN esingoTshintsho lweMozulu (i-UNFCCC).  
Eyona njongo iphambili ye-UNFCCC kukulwela ukuba kuphungulwe iigesi ezichaphazela amaqondo obushushu emhlabeni zifikelele kwiqondo apho ziza kuthintela ukuba izinto ezenziwa ngabantu zibe nefuthe kwimozulu.   

Ingxelo yoMzantsi Afrika ihlalutya umgama ohanjiweyo ukusuka kwiNgxelo yeSizwe yoNxibelelwano yokuqala ukuya kweyeSibini kude kuzo kutsho kule yesiThathu, njengoko iphononongwe ngamahlakani ethu aphuma kumazwe ehlabathi naphuma apha ekhaya.
 
C. ImiThetho eYilwayo

1. IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa ePalamente koMthetho oYilwayo woPhuhliso lwezoLimo lwaseLwandle wowama-2018. Lo Mthetho uYilwayo, usisiphumo sokufakana imilomo nokubonisana kwawo onke amahlakani achaphazelekayo kwicandelo lezolimo lwaselwandle, ulungiselelwe ukukhuthaza uphuhliso lolimo lwaselwandle kuqoqosho lwaselwandle. Ucacisa imigaqo-nkqubo, imigaqo nemithetho elawula eli candelo; unika imigaqo elandelwayo xa kufakwa isicelo samaphepha-mvume nemvume ezolimo lwaselwandle kunye nokumiselwa kweziza zophuhliso lolimo lwaselwandle.

2. IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa ePalamente koMthetho oYilwayo woKhuseleko, iziFo noMonzakalo eMsebenzini wowama-2018. Lo Mthetho oYilwayo utshintsha uMthetho woKhuseleko, iziFo noMonzakalo eMsebenzini wowe-1993 (uMthetho uNombolo 85 wowe-1993). Wakuba wamkelwe ngokusesikweni lo Mthetho uYilwayo uza kuqinisekisa ukuba abasebenzi bakhuseleke kangangoko kumonzakalo nezifo emisebenzini.

Lo Mthetho uYilwayo umisela iNkqubo yoLawulo lweZifo, uMonzakalo noKhuseleko kwaye uhambelana neendlela ezamkelekileyo ekuqhutywa ngazo kwihlabathi liphela. Ukwanyanzelisa nokuba abaqeshi kufuneka baqhube uhlolo olujonga imeko namathuba okuhla kweengozi kunye nokuba kubekho isicwangciso sokuhlola amathuba okuhla kweengozi nomonzakalo emisebenzini ethile kwaye esi sicwangciso sisetyenziswe ukuze kuphungulwe iziganeko zeengozi emisebenzini.

D. Imiyalezo

1. Amazwi okuvuyisana

1.1. IKhabhinethi iyavuyisana noMongameli Ramaphosa ocelwe liQumrhu loLawulo leNkomfa yeHlabathi yezabaSebenzi ukuba abe ngomnye woosihlahlo beKhomishini yeHlabathi engeMisebenzi yaNgomso.  

1.2. UMongameli ukwacelwe ukuba enze intetho kule nkomfa, eza kube ihlangene isihlandlo se-100. Ngethuba ekule nkomfa uza kudlulisa nomyalezo wembeko nowokukhumbula iminyaka elikhulu yokuzalwa kukaMongameli Nelson Mandela. IKhabhinethi ibulela Amazwe ase-Afrika akwiqumrhu lolawulo loMbutho wezabaSebenzi weHlabathi (i-ILO) ngokukhokela iingxoxo eGeneva kwaye iyazibulela iingxoxo ebezibanjwe liqela elilawulayo leli lizwe kwiinqila zalo.

2. Amazwi ovelwano

2.1. IKhabhinethi ithi tutwini kusapho nezihlobo zongasekhoyo nokwanguMphathiswa wokuqala wezeMali kulo Mzantsi Afrika ulawulwa ngentando yesininzi, uMnu Derek Keys. Wadlala indima emandla kumsebenzi wokunikezelwe ngaphandle kwamagingxi-gingxi kweSebe lezeMali kurhulumente okhethwe ngokwentando yesininzi ngowe-1994.   

3. IRamadan

3.1. IKhabhinethi inqwenelela okuhle kodwa bonke abantu benkolo yobuSilamsi xa beza kuqalisa ixesha lokuzilela inyanga engcwele yeRamadan kule veki izayo. Ngale nyanga yeRamadan, abantu benkolo yobuSilamsi bayazizila izinto ezininzi ukusuka ukuphuma kwelanga ukuya kutsho ekutshoneni kwalo, njengoko bechitha ixesha labo benqula bekwavuselela nokholo lwabo.    

E. Imisitho ezayo

1. UMongameli Ramaphosa namhlanje, umhla we-10 kuCanzibe 2018, uza kuhambela iSebe lezoKhuselo kunye neSebe loLawulo lweNtsebenziswano neMicimbi yeMveli (i-CoGTA) njengenxalenye yamalinge okungqubanisa iintloko nezikhulu zala masebe ukuze aqinisekise ukuba imisebenzi karhulumente iyanxibelana. Ukuya kwakhe kula masebe kuzalisekisa isithembiso awayesenzile ngethuba esenza iNtetho engoBume beSiwe (i-SoNA) yakhe yokuqala ngeyoMdumba wowama-2018 sokuba uza kuya kuwo onke amasebe.

2. USekela-Mongameli uDavid Mabuza namhlanje, umhla we-10 kuCanzibe 2018, uza kwenza intetho kwiNgqungquthela yesiThathu yeBhunga loMzantsi Afrika loPhuhliso lwabaSebenzi e-Emperors Palace eRhawutini phantsi komxholo othi: Intsebenziswano ivuselela imisebenzi nemfundo. Le ngqungquthela iza kuqhuba iintsuku ezimbini iza kuzinyaswa zingcali kumacandelo ahlukeneyo, iingcali zezabasenzi kunye nezifundiswa apho kuza kugwadlwa imiba eyahlukeneyo equka iziphakamiso ngeendlela enokuliwa ngayo ingxaki yolutsha olunqatyelwe yimisebenzi, ukuqinisa amaphulo ophuhliso kunye namacebo okusebenzisa amathuba eza neli xesha siphila kulo ligxininisa kubuxhaka-xhaka bale mihla beekhompyutha ne-intanethi.

3. IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kwakhona kubemi boMzantsi Afrika ukuba bathathe inxaxheba kwiziyunguma eziza kuqhuba unyaka wonke zokubhiyozela imiNyaka eliKhulu yokuzalwa kukaTata uNelson Mandela kunye noMama u-Albertina Sisulu, abadlala indima enkulu ngethuba besilwela le nkululeko yoMzantsi Afrika siyixhamlayo namhlanje. IKomiti yabaPhathiswa esingethe umcimbi wokubhiyozela iMinyaka eliKhulu yokuZalwa kukaNelson Mandela kunye noweMinyaka eliKhulu yokuzalwa kuka-Albertina Sisulu iveze okokuqula eluntwini iNkqubo kaZwelonke kule veki. Iinkcukacha malunga nemisitho yokubhiyoza ziyafumaneka kwiwebhusayithi karhulumente (www.gov.za), apho unokufumana khona nezinye iinkcukacha ngeentlanganiso noonondaba nezinye iziyunguma ezihleliweyo.

F. Izikhundla

Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.
1. UNksz Lerato Mataboge njengommeli kwiBhodi ye-Export Credit Insurance Corporation of South Africa SOC Limited.
2. UNksz RS Mogaladi njengeSekela-Mlawuli-Jikelele: INkonzo zokuXhasa iSebe nokuLungelelanisa kwiSebe loLawulo lweNtsebenziswano neMicimbi yeMveli.

Imibuzo:
Nksz Phumla Williams - UMlawuli-Jikelele oliBambela
Iselula: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore