INgxelo yeNtlanganiso yeKhabhinethi yomhla wama-20 kweyeSilimela wowama- 2018

IKhabhinethi ibibambe intlanganiso ngoLwesithathu, umhla wama-20 kweyeSilimela ngowama-2018 kwiZakhiwo zoMdibaniso, ePitoli.

A.  Imiba engundaba-mlonyeni
1.  IBhunga loKhuselo leZizwe eziManyeneyo (i-UNSC)

1.1.  IKhabhinethi ibulela ngokungazenzisiyo kumazwe angamalungu eZizwe eziManyeneyo (i-UN) ngokuxhasa uMzantsi Afrika ngethuba uzigqatsele ukuba ube lilungu elingesosigxina le-UNSC ukusuka ngonyaka wama-2019 ukuya kowama-2020. 

1.2.  Ukonyulwa kweli lizwe ukuba libe kwesi sikhundla kwenzeka xa kanye kuthathwe isigqibo ngabo bonke ebebethatha inxaxheba sokuba kubanjwe iNgqungquthelo yeHlabathi yoXolo yokuhlonipha uMongameli wangaphambili uNelson Rolihlahla Mandela ngeyoMsintsi wowama-2018. Lo nyaka ikwakungunyaka wesikhumbuzo seminyaka elikhulu yokuzalwa kukaMongameli wokuqala woMzantsi Afrika okhululekileyo. Eli wonga lokuba lilungu le-UNSC liza kusetyenziselwa ukuhlonipha imisebenzi negama likaMadiba. 

1.3.  UMzantsi Afrika uza kusebenzisa eli thuba uza kube ulilungu le-UNSC ukulwela nokukhokelisa phambilli imiba ebalulekileyo nengundoqo ye-Ajenda yowama-2063 yeMbumba ye-Afrika (i-AU). I-Ajenda yowama-2063 sisicwangciso-sikhokelo esiqiqisisiweyo sokuzisa iinguqu zezentlalo nezoqoqosho kweli lizwekazi kule minyaka ingama-50 izayo. 

2.   Iingxoxo zemivuzo yabasebenzi bakwa-Eskom
2.1.  IKhabhinethi iyakuxhasa ukungenelela koMphathiswa wamaShishini kaRhululumente kwiingxoxo ezixingileyo zemivuzo eziphakathi kwabalawuli bakwa-Eskom kunye nabasebenzi. Ukuhanjiswa kombane ngomnye umsebenzi obaluleke kakhulu kumaphulo okukhulisa uqoqosho lweli lizwe nawokudala imisebenzi emininzi. 

2.2.  IKhabhinethi icela bonke abachaphazelekayo ukuba bakhawulezise baziqoshelise iingxoxo zokunyuswa kwemivuzo yabasebenzi, oku bakwenze belungiselela uzinzo kunye noqoqosho lweli lizwe. 

3.  Uqhankqalazo koohola bendlela

3.1. IKhabhinethi izigxeka kakhulu izenzo zakutsha nje zokuvalwa koohola bendlela abaninzi ngabaqhankqalazi kwiindawo ezithile zeli. Oohola bendlela bazizisiseko ezibalulekileyo zezothutho kweli lizwe ezinceda kwimisebenzi yokuhanjiswa kweempahla neenkonzo ngamacandelo ahlukeneyo oqoqosho lweli lizwe. Umbuso wethu olawulwa ngokomgaqo-siseko uyawakhankanya amaqonga ahlukeneyo abantu abanokuwasebenzisa ukuvakalisa izikhalo nezikhalazo zabo bengakhange baphazamise abanye.  

3.2.  Izenzo zolwaphulo-mthetho eziquka ukugrogrisa nokwenza izidube-dube azizukunyanyezelwa kwaye iKhabhinethi ihlaba ikhwelo kumagosa ee-arhente zogcino-mthetho ukuba athathe amanyathelo afanelekileyo, ekhokelwa nguMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi Afrika wowe-1996, aqinisekise ukuba umthetho udlala indawo yawo.
 
B.  Izigqibo zeKhabhinethi
4.  IVeki yokwaZisa ngeNkqubo yokuSebenza

4.1. IKhabhinethi yazisiwe ngeengxelo zenkqubelo yokusebenza ezikhutshwa kabini ngonyaka zexesha eliqale ngomhla woku-1 kweyeDwarha ngowama-2017 liphele ngomhla wama-30 kweyoKwindla ngowama-2018. IKhabhinethi iyawuncoma umsebenzi omhle owenziweyo kwiziphumo ezingeneno kwezi zingundoqo eziliqela zeenjongo eziphambili ezili-14 kwaye iyawaxhasa la manyathelo okungenenela acetywayo kweminye imimandla ibibonakalisa ukuqhwalela. Zonke iintlanganisela zamaSebe ziza kubamba iintlanganiso noonondaba apho ziza kucacisa lo msebenzi sele wenziwe kunye nezo ndawana zifuna kungenelelwe.  

4.2. IZiko lezoNxibelelwano nokuSasazwa koLwazi lukaRhulumente (i-GCIS) liza kwenza amalungiselelo ezi ntlanganiso noondaba ziza kubanjwa zintlanganisela zamaSebe kwaye isicwangciso esinamaxesha nezinye iinkcukacha siza kupapashwa ku: www.gov.za kwalapha ethubeni. 

5. Ingxelo ngeendibano ebezibanjwe necandelo lemigodi

5.1. IKhabhinethi inikwe ingxelo nguMphathiswa wemiThombo yeziMbiwa uGwede Mantashe kwintlanganiso entsuku-mbini ebibanjwe ngeyoKwindla ngowama-2018 kunye namahlakani ezentlalo amelwe yimibutho yoosomashishini neyabasebenzi. Onke amahlakani ezentlalo aye avumelana ukuba kuyafuneka ukuba zivuselelwe iindibano zokubonisana kwicandelo lezemigodi kugwadlwe amacebo okungenelela abalulekileyo okuqinisekisa ukuba icandelo lezemigodi lisendleleni yokuzisa uhlumo oluzinzileyo oluza kuxhanyulwa ngumntu wonke. 

5.2. Amahlakani ethu aphinde agwadla nomba wokuhla kwemveliso yezimbiwa kule kota iphelileyo kwakunye nezinye izinto ezenzekayo malunga notyalo-mali, imveliso kunye nemisebenzi kwicandelo lezimbiwa. Amahlakani avumelene ukuba kufuneka kuhlalutywe umbono wethu sonke wecandelo lezemigodi, futhi kuphindwe kubethelelwe ukubaluleka kwentsebenziswano kunye nokuhambelana phakathi kweenguqu nesakhono sokukwazi ukumelana nokhuphiswano. 

5.3. IKhabhinethi inikwe ingxelo ngamaqela amabini anamahlakani asuka kumacandelo ahlukeneyo asekelwe ukuba aqukumbele uMqulu wezeMigodi. Zakuba ziqukunjwele iindibano zokufakana imilomo nokubonisana, lo Mqulu uza kusiwa kwiKhabhinethi uze wamkelwe ngokusesikweni. 

6.  IsiCwangciso-sikhokelo soHlahlo Lwabiwo-mali lweSizwe esiluYilo (iPhepha lokuGunyazisa) 

6.1. IKhabhinethi ivumile ukuba sikhutshwe isiCwangciso-sikhokelo esiHlela iiMfuno ngokokuBaluleka kuHlahlo Lwabiwo-mali soHlahlo Lwabiwo-mali lowama-2019 kunye nesicwangciso esineenkcukacha namaxesha esiza kugqitywa ngawo isiCwangciso-sikhokelo esiHlela iiMfuno ngokokuBaluleka kuHlahlo Lwabiwo-mali soHlahlo Lwabiwo-mali sowama-2020.   

6.2.  Esi sicwangciso-sikhokelo sinika uluhlu lweenkqubo eziphambili zoHlahlo Lwabiwo-mali lowama-2019 eziza kunceda urhulumente ukuba akwazi ukulwa imingeni entlantlu-ntathu eyile: indlala, intswela-ngqesho kunye nokungalingani kusetyenziswa le mali ikhoyo. 

7.  Ezamandla  

7.1 IKhabhinethi ivumile ukuba aValwe futhi aCocwe amaziko ayinxalenye yamaZiko eeMveliso eziBalulekileyo zeNyukliya (iNyathelo 1) kunye nala maziko asebenzayo ngoku (isiGaba 2) ePhelindaba. La maziko asekhona nangoku kwiincwadi zeQumrhu loMzantsi Afrika laMandla eNyukliya. IKhabhinethi ivumile ukuba inkqubo yokuvala la maziko mayiqhutywe kodwa oku kwenziwe kusetyenziswana noNondyebo weSizwe.

C. Imisitho ezayo

8. INdibano yeQumrhu lezoQoqosho lweHlabathi (i-WEF) 

8.1.  UMongameli Cyril Ramaphosa uza kubamba iNdibano ye-WEF ePark Hyatt Hotel eRosebank ngomhla wama-28 kweyeSilimela ngowama-2018 phantsi komxholo othi: "UkuLungiselela uHlaziyo loQoqosho loMzantsi Afrika - indima yeCandelo lezoShishino." Le ndibano iza kuzinyanswa ngoosomashishini balapha ekhaya nabamazwe angaphandle kunye namagosa kaRhulumente woMzantsi Afrika futhi kuyo kuza kuxoxwa ngamathuba otyalo-mali kunye nezivumelwano zokusebenzisana.

8.2.  Le ntlanganiso noosomashishini be-WEF itshayelela iNkomfa yoTyalo-mali eququzelelwa ngurhulumente ecetywe ukubanjwa ekupheleni kwalo nyaka, yona enjongo yayo ikukuqokelela imali yotyalo-mali ezibhiliyoni ezili-100 zeedola zase-United States of America kule minyaka mihlanu izayo.

9.  INgqungquthela yoMbutho weRhafu yoRhwebo wamaZantsi e-Afrika (i-SACU) 
9.1. UMongameli Ramaphosa uza kukhokela igqiza eliza kuzimasa iNgqungquthela ye-SACU eza kubanjwa ngomhla wama-29 kweyeSilimela ngowama-2018 eBotswana. UMongameli uza kusebenzisa eli thuba ukuba ahlangane neQumrhu loLawulo loMbutho woPhuhliso laMazwe aseMazantsi e-Afrika (i-SADC) ukuze baxoxe ngokuqaliswa kweenkqubo zale ngingqi.   

9.2. NjengoSihlalo we-SADC, uMzantsi Afrika uhlala uwaxhasa amaphulo okuhlanganisa le ngingqi ngokubanzi ngokusebenzisa i-SACU kunye ne-SADC, kwaye uhamba phambili kumba wokuphuhlisa amashishini ale ngingqi ngokusebenzisa izixhobo ezahlukeneyo ezinokuqhuba uhlumo. 

10.  INkomfa yeZiko lezaManzi loMzantsi Afrika (i-WISA)
10.1.    UMboniso neNkomfa ye-WISA yowama-2018 eBanjwa eMva kweMinyaka eMibini ziza kubanjwa ngomhla wama-24 ukuya kowama-27 kweyeSilimela ngowama-2018 eKapa. Lo mmandla wamaZantsi e-Afrika ujongene nengxaki yokunqongophala kwamanzi, futhi iindawo ezininzi eMzantsi Afrika bezisanda kuthwaxwa yimbalela eqhube ixesha elide.

10.2. Le nkomfa kulindeleke ukuba izinyaswe ngabathunywa abangama-2 000 abaza kuxovula umba wokufezekiswa kweNjongo yesithandathu ye-UN yoPhuhliso oluZinzileyo, egxininisa kumba wokufakelwa komntu wonke amanzi acocekileyo kunye neziseko zogutyulo xa kufika umnyaka wama-2030. 

D.  Imiyalezo

11. Amazwi ovelwano

IKhabhinethi ithi tutuni:
11.1.  Kusapho nezihlobo zoHloniphekileyo uSibusiso Radebe, iLungu lePalamente le-African National Congress elisuka eMpumalanga, ogetyengwe eGauteng zizaphuli-mthetho ebezizama ukuqweqwedisa imoto yakhe. Ohloniphekileyo uRadebe uza kukhunjulwa ngokuba litshantliziyo elalisilwelwa imiba yolutsha futhi nosebenze nzima ezama ukuphucla ubomi babemi boMzantsi Afrika.  
11.2.  Kusapho nezihlobo zikaNksz Joyce Mashamba, ngethuba esutywa kukufa ebenguMphathiswa wePhondo laseLimpopo wezoLimo. Eli tshazintliziyo lalilijoni lomzabalazo lisebenze njengoMphathiswa wePhondo kumasebe ahlukeneyo ephondo ukususela oko eli lizwe lafumana inkululeko.
11.3.  Kusapho nezihlobo zikaMnu Billy Modise, iNtloko yeCandelo lemiGaqo yokuziPhatha kumaTheko nemiCimbi yeSizwe futhi wawongwa nangembasa yesizwe i-Order of Luthuli. Uza kuhlonitshwa kakhulu ngemisebenzi yakhe yokwakha umbutho owawuchasene norhulumente wocalucalulo kumazwe akummandla obizwa nge-Nordic ngeminyaka yowe-1960.  
11.4.  Kwiintsapho zabasebenzi-mgodini abathathu abasweleke eKloof Ikamva Mine yaseSibanye-Stillwater kufutshane naseWestonaria eGauteng. IKhabhinethi isemi kwizwi lokuba bonke abo bachaphazelekayo kweli candelo ukuba mabawukhokelise phambili umba wokhuseleko kwimigodi yeli.
11.5.  Isizwe samaMpondo ngokukhothama koMama weKumani yesizwe samaMpondo aseNyandeni, uKumkanikazi uFikelephi 'Bongolethu' Ndamase.
11.6.  Kusapho nakwizihlobo zikaMnu Ismail Bassa kunye noMnu Sayaad Hitig, abasweleke ngethuba kuhlaselwa i-mosque eMalmesbury eNtshona Koloni.

12.  Amazwi okuvuyisana
IKhabhinethi ithi huntshu kwaba balandelayo:
12.1. UGq Robert Gess, ingcali yezophando yeli loMzantsi Afrika ephanda ngezidalwa zaselwandle ezazingaselwa so zexesha elibizwa nge-Devonian Period kwakunye nezidalwa zokuqala ezinethambo lomqolo okanye iintlanzi zokuqala kunye nee-tetrapods zakudala kakhulu. Ubhaqe ifosili ekukholelwa ukuba ineminyaka ezizigidi ezingama-360 ubudala. Ezi ntlobo zimbini zezidalwa, ezibizwa ngokuba yi-Tutusius kunye ne-Umzantsia, zezona zidalwa zokuqala zidala zaziwayo kwi-Afrika iphela kangangokuba kukholelwa ukuba zineminyaka zizigidi ezingama-70. Ukubhaqwa kwezi zidalwa kububungqina bokuba ngenene singoomakhwekhwetha kwezenzelulwazi nophando-nzulu kwihlabathi liphela.

12.2. UBongumusa Mthembu ngokuyikhusela intshinga yakhe ye-Comrades Marathon kulo nyaka kunye naku-Ann Ashworth ngokuphumumelela i-Comrades Marathon kwicandelo labasetyhini. IKhabhinethi imqhwabela izandla uXolani Luvuno ngokuzimisela nangokuzingisa ngokubaleka awugqibe lo mdyarho ehamba ngeentonga zabantu abakhubazekileyo.

12.3.  UGq Siyabonga Cwele, uMphathiswa weziSeko zoNxibelelwano neeNkonzo zePosi, kulandela ukubekwa kwakhe njengoSihlalo woMbutho weHlabathi weeSathelayithi zeziSeko zoNxibelelwano (i-ITSO). UMzantsi Afrika uza kuba ngusihlalo we-ITSO okokuqala kwaye eli lizwe liza kubamba esi sikhundla isithuba seminyaka emibini. Eli lizwe liza kusebenzisa esi sikhundla liphakamise izinto ezibalulekileyo nezilulutho kweli lizwekazi le-Afrika kunye namanye amazwe asahlumayo kwimibutho yamazwe ngamazwe.

Imibuzo:
Nksz Phumla Williams - IsiThethi seKhabhinethi esiliBambela 
Iselula: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore