INgxelo yeNtlanganiso yeKhabhinethi ibibanjwe ngonxibelelwano lwevidiyo ngoLwesithathu, umhla we-10 kweyoMdumba 2021

A. Imiba kokusiNgqongileyo

1. Intetho kaMongameli engoBume beSizwe (i-SoNA)
1.1. UMongameli Cyril Ramaphosa uza kwenza i-SoNA yowama-2021 ngoLwesine, umhla we-11 kweyoMdumba 2021 ukususela ngentsimbi ye-19:00. I-SoNA yenziwa ngexesha apho sonke kufuneka sime kunye ukoyisa ifuthe lalo bhubhane wesi Sifo sentsholongwana i-Corona (i-COVID-19), siphucule ubomi babemi boMzantsi Afrika kwaye sikhulise noqoqosho lwethu. IKhabhinethi ikhuthaza onke amacandelo oluntu ukuba asebenze kunye ukuqinisekisa indibaniselwano yoluntu entsha eza kusibeka endleleni yokwenza uMzantsi Afrika ube yindawo engcono yabantu bonke.

1.2. Bonke abemi boMzantsi Afrika bayabongozwa ukuba basebenzise intetho kaMongameli njengendawo yokudibana kuguqulwa uqoqosho lwethu, kupheliswe ubundlobongela obusekelwe kwisini kunye nokubulawa kwabantu ababhinqileyo (i-GBVF) nokujongana nemiceli mngeni emithathu yendlala, ukungalingani kunye nentswela-ngqesho. Emva kwe-SoNA imithombo yeendaba iya kucacisa iNkqubo yokuSebenza kaRhulumente yeminyaka yama-2021/22. 

2. Utyalo mali 
2.1. IKhabhinethi ilwamkele utyalo mali oluzibhiliyoni zeerandi ezili-16 oluvela kwiNkampani i-Ford Motor yaseMzantsi Afrika kumzi mveliso wayo e-Silverton. Olu tyalo mali luza kunyusa imveliso yelizwe yokuthumela impahla kumazwe angaphandle luze ludale malunga nemisebenzi eli-1 200 eza ngqo.

2.2. Le yinxalenye ye-Tshwane Automotive Special Economic Zone eyasungulwa ngowama-2019 ukudala elona ziko likhulu lemveliso e-Afrika. Le ndawo itsale abathengisi becandelo lezithuthi abali-12 kunye nolwakhiwo lwemizi mveliso yabo luqalisile, oku kukwixabiso le-4.33 leebhiliyoni zeerandi. Olu tyalo mali luqinisekisa umtsalane woMzantsi Afrika njengendawo yotyalo mali kwaye lubonisa ingqiniseko abanayo abavelisi beemoto kwilizwe lethu.

3. Isicwangciso sokunikezelwa kwezitofu zogonyo lwe-COVID-19 
3.1. Urhulumente ubeke phambili inkqubo yokugonya kweli lizwe ukuthintela ukusasazeka kwe-COVID-19. IKhabhinethi iyabaqinisekisa abemi boMzantsi Afrika ukuba le nkqubo ihlala isemgceni. Isitofu sokugonya sika-Johnson & Johnson ngoku siza kusetyenziswa endaweni yesitofu sokugonya i-AstraZeneca.

3.2. Olu tshintsho lulandela uphando olubanzi olwenziwe ngoososayensi bezonyango ababonisa ukuba i-AstraZeneca inomsebenzi omncinci ekulweni nentsholongwana ye-COVID-19 i-501Y.V2 eyahlukileyo. Isitofu sokugonya sika-Johnson & Johnson singqiniwe ukuba siyayilwa i-501Y.V2 eyahlukileyo efumaneka ikakhulu kweli lizwe.

3.3. IKhabhinethi iwuncomile umsebenzi woososayensi nabaphandi abathe baphumelela ekufumaneni izitofu zokulwa i-501Y.V2 eyahlukileyo. Oku kungqina ubungcaphephe benzululwazi zakweli lizwe obuqatshelwe kakuhle kwihlabathi lonke. 

3.4. Ukuthengwa kweyeza lokugonya i-AstraZeneca bekusekwe kubungqina bokuthi liyasebenza obangqinyaniswa phambi kokufunyanwa kwe-501Y.V2 eyahlukileyo kweli lizwe. Umthwalo owafunyanwa uvela kwiZiko i-Serum Institute of India ngowo-1 kweyoMdumba 2021 awukaphelelwa kwaye usexesheni lokukhutshwa kwinqanaba lokuqala lenkqubo yokugonya. 

3.5. IKhabhinethi ivakalise ukuzithemba ekuqalisweni kokukhutshwa kwesitofu sokugonya okuza kuqala ngabasebenzi bezempilo abangaphaya kwe-1.2 yezigidi. ISebe lezeMpilo, lisebenzisana noNondyebo weSizwe, liza kuqhuba nokuthenga ezinye izitofu ukuqinisekisa ukuba ilizwe liyaphumelela ekukhuseleni abemi balo. 

3.6. Ukuqinisekisa ukukhutshwa kwezitofu zokugonya okuhamba kakuhle, iSebe lezeMpilo lisungule iSixokelelwano SeeNkcukacha zeChiza Lokugonya ekunokufikelelwa kuso ku https://sacoronavirus.co.za/evds/tscs/. IKhabhinethi ikhuthaza abo bafanelekileyo kwisigaba sokuqala ukuba bazibhalise belungiselela ugonyo lwabo. 

3.7. IKhabhinethi ibongoza bonke abantu eMzantsi Afrika ukuba baqhube nokulandela amanyathelo okhuseleko ukunqanda ukusasazeka kwesifo se-COVID-19 ngokuphepha iindibano ezinkulu, ukuhlamba izandla ngamanzi anesepha okanye ukutshiza izandla ngesibulali ntsholongwane esinama-70% omlinganiselo wotywala, banxibe iimaski kwiindawo zikawonke-wonke kwaye bagcine umgama ongange-1.5 yeemitha phakathi komnye nomnye.

4. Ingxowa mali ejongene ne-GBVF
4.1. IKhabhinethi ikwamkele ukumiliselwa kweNgxowa mali yokuPhendula ye-GBVF esekwe licandelo labucala. Le ngxowa mali iza komeleza impendulo yelizwe kwi-GBVF kunye nenkqubo yokuphunyezwa kwesiCwangciso seqhinga seSizwe esamkelweyo nge-GBVF

4.2. Le ngxowa mali ifezekisa esinye sezigqibo ezavela kwiSibhengezo seNgqungquthela ye-GBVF eyayibanjwe ngowama-2018, ethi ihlabe ikhwelo onke amaqabane kwezentlalo kweli lizwe - kuqukwa urhulumente, imibutho yoluntu nabanye abathathi nxaxheba - ukuba basebenzisane ukufumana ungenelelo oluhlala luhleli lokuphelisa i-GBV.

4.3. IKhabhinethi yamkele izigwebo zobomi ezibini ezinikwe uLungile Nxelelwa kwiNkundla kaMantyi e-Palm Ridge ngokudlwengulwa nokubulawa kuka-Keneilwe Pule oneminyaka engamashumi amabini anesixhenxe (27) e-Sebokeng ngo-2019.

4.4. IKhabhinethi ikwancome ii-arhente zogcino mthetho ngomsebenzi wazo omhle emva kokuba iwise isigwebo seNkundla yeNgingqi yase-Lebowakgomo kwindoda eneminyaka engama-27 yase-Ga-Tamatis eLimpopo ubomi etolongweni emva kokufunyanwa inetyala lokudlwengula intombazana eneminyaka elishumi elinesine (14) ekhubazekileyo. 

4.5. IKhabhinethi iyiphindile into yokuba iza kuqhubeka nokusebenza ngokuzimisela ukomeleza inkqubo yezobulungisa yeli lizwe ukujongana ngqwabalala nabaphuli mthetho be-GBVF, ukuqinisekisa ubulungisa obukhawulezileyo kumaxhoba nokubonelela uluntu olukhuselekileyo. Ikwahlaba ikhwelo kuwo onke amacandelo oluntu ukuba adibane kuliwe ubundlobongela obuqhelekileyo obujoliswe kwabasetyhini nasebantwaneni ngokuchaza izehlo emapoliseni.

5. IManyano yaMave e-Afrika (i-AU)
5.1. Ixesha loMzantsi Afrika njengoSihlalo we-AU liphelile kulandela unyaka ongazange ubonwe kwilizwekazi nakwihlabathi liphela. Ixesha loMzantsi Afrika lichaphazeleke kakhulu yi-COVID-19, ethe yachaphazela onke amazwe ezwekazi. Ngaphandle kwemiceli mngeni emininzi ebangelwe ngulo bhubhane, uMzantsi Afrika uphumelele ngokubhekisa phambili umsebenzi we-AU, ingakumbi indlela ilizwekazi eliye lasabela ngayo kubhubhane we-COVID-19. 

5.2. Ngexesha likaSihlalo woMzantsi Afrika, kwamiselwa uMmandla woRhwebo oluSimahla weLizwekazi laseAfrika, ubhengeza ixesha elitsha kurhwebo lwamazwe aseAfrika kunye nokudityaniswa kwezoqoqosho. UMzantsi Afrika wenze igalelo elibonakalayo kumaphulo okugcina uxolo kwi-AU e-South Sudan nase-Ethiopia.

5.3. IKhabhinethi ivuyisana noMongameli Ramaphosa ngobunkokheli bakhe ngeli xesha lolawulo kunye nokutyunjwa kwakhe ngamxhelo mnye njengoMphathiswa weNgxowa mali yeMpendulo ye-AU kwi-COVID-19. Lakuphela ixesha loMzantsi Afrika kwisikhundla, iKhabhinethi iya kuwuxhasa umlo oqhubayo wokuxhotyiswa kwabasetyhini e-Afrika ngokubhengezwa kweMinyaka eliShumi yokubandakanywa kwabaseTyhini kwiziMali nakwezoQoqosho e-Afrika ukuya kowe-2030.

6. Imozulu embi 
6.1. IKhabhinethi ifumene okutsha nje malunga nokufezekiswa kwesicwangciso sokulawulwa kweentlekele kwisizwe kunye nokusabela okuhlangeneyo kwi-Tropical Cyclone Eloise kunye neemeko zemvula ezinxulumene noko. IKhabhinethi ivakalisa amazwi ovelwano olunzulu kubo bonke abaswelekelwe ngabantu ababathandayo ngexesha lezaqhwithi ezinamandla zakutshanje kwaye inqwenelela abo benzakeleyo ukuba baphile ngokukhawuleza. Urhulumente usaqhuba ukusebenza noluntu kunye nemibutho engekho phantsi kukarhulumente (ii-NGOs) ukunceda abo baphulukana namakhaya abo ngexesha lezantyalantyala zemvula.

6.2. Imvula enkulu ibangele umonakalo kwiziseko zophuhliso kumaphondo ahlukeneyo. INkonzo yezeMozulu yoMzantsi Afrika (i-SAWS) ilumkise ngokuqhubeka kwezikhukula e-Limpopo, eFreystata naseMntla Ntshona kwiintsuku ezizayo. IKhabhinethi icele abantu ukuba balumke kakhulu ngexesha lemozulu embi. Uluntu luyacetyiswa ukuba luhlale ngaphakathi ezindlwini ngexesha lemvula enkulu kunye nemozulu enesiphango. 

6.3. I-SAWS iya kuqhubeka nokungenisa uqikelelo lwemozulu mihla le nangeveki, kwaye yazise iZiko loLawulo lweNtlekele leSizwe (i-NDMC) ngazo naziphi na iimeko zemozulu ezimbi. I-NDMC iya kusasaza olu lwazi kubathathi nxaxheba abachaphazelekayo ukwazisa lonke uluntu. 

6.4. Urhulumente usebenza nee-NGO, iqela labaphathiswa, amalungu ebhunga elilawulayo kunye neenkokheli zengingqi - kubandakanya ne-NDMC - ukulungelelanisa iinkonzo zongxamiseko ezisebenzayo kumaphondo achaphazelekayo.   

B. Izigqibo zeKhabhinethi

1. IMeko yeNtlekele yeLizwe lonke
1.1. IKhabhinethi ivume ukwandiswa kwexesha leMeko yeNtlekele yeLizwe lonke ukuya kwi-15 kweyoKwindla 2021, ngokweCandelo lama-27 (5) (c) loMthetho woLawulo lweNtlekele, wama-2002 (57 wama-2002).

C. IMIYALEZO
1. Umbhiyozo wesikhumbuzo

  
1.1 IKhabhinethi ikhumbule isikhumbuzo seminyaka engama-24 soMgaqo-siseko olawulwa ngokwentando yesininzi weRiphabhliki yoMzantsi Afrika yowe-1996, owaqala ukusebenza ngomhla we-4 kweyoMdumba 1997 emva kokubhengezwa ngowayesakuba nguMongameli u-Nelson Mandela. Lo Mgaqo siseko odume umhlaba wonke uyiqinisekisile inkululeko esiyifumene nzima kunye nedemokhrasi ekufuneka sonke siyixabise.

2. IKhabhinethi ivuyisana kwaye ihambisa iminqweno yayo emihle ku: 
2.1. UMmeli Dumisa Ntsebeza I-SC njengoko onyulwe njengoMgwebi kwiNkundla yase-Afrika yaMalungelo Abantu.

3. Uvelwano
Kuba eli ilityeli layo lokuqala ngo-2021, iKhabhinethi idlulise amazwi ovelwano kwiintsapho nakubahlobo:

3.1. Mnu Jackson Mphikwa Mthembu, obenguMphathiswa kwi-Ofisi kaMongameli kulawulo lwesithandathu. Ebelitshantliziyo elizinikeleyo kwaye esebenza kwi-ofisi karhulumente ngokwahlukileyo.

3.2. Mnu Jonas Gwangwa, ingcisa kwinkcubeko ekwangumqambi owaziwayo kwihlabathi liphela, umcwangcisi, umvelisi kunye nomdlali wexilongo kumculo wejezi.
3.3. UGq Sibongile Khumalo, umdlali weentlobo ngeentlobo notitshala womculo othe wanegalelo kuphuhliso lobugcisa nenkcubeko yaseMzantsi Afrika kwicandelo lomculo wejezi ne-opera. 

3.4. UNksk Rebecca Kotane, owaziwa njengo-MmaKotane, othe wadlala indima ebalulekileyo kumzabalazo wenkululeko welizwe. Uyakhunjulwa ngokuthatha kwakhe inxaxheba kuMngcelele wamaNina ngowe-1956 esiya kwiZakhiwo zoMdibaniso kwaye ebeyinkosikazi yenkokeli engasekhoyo yoMbutho wamaKomanisi woMzantsi Afrika, uMnu Moses Kotane.

3.5. UMgwebi uKhayelihle Kenneth Mthiyane, owayesebenza njengoSekela Mongameli weNkundla ePhakamileyo yeziBheno.

3.6. UNks Thoko Ndlozi, obe ikukuphela kwakhe ilungu eliseleyo leqela labasetyhini lomculo, elenza indumasi ngokuba sekuqaleni kuludwe lweengoma, ngengoma ethi, Paradise Road.

3.7. Mnu Wandi Nzimande, umseki mbumba weleyibheli yempahla yasesitalatweni yoMzantsi Afrika, i-Loxion Kulca, osibonise izimpahla zaseMzantsi.

3.8. UMnu Knowledge Simelane, owayezinikele ekulondolozweni kweelwimi zesintu. Ushiye isikhewu kummandla wokupapasha amaphephandaba.

3.9. UMnu Welcome 'Bhodloza' Nzimande, owaye wajoyina Ukhozi FM ngowe-1978 kwaye ukuthanda kwakhe umculo ka-Maskandi kwavulela iimvumi ezininzi zomthonyama zaseMzantsi Afrika. 

3.10. UMnu Kabelo 'KB' Molopyane, Umsasazi owaziwayo owaqala ukusebenza ngonyaka we-1996 kwaye wabalasela kakhulu xa wayejoyina i-Motsweding FM.

3.11. UGqr Sam Phillips, umdlali weqonga owaziwayo kwilizwe liphela kunye nokuphumelela amabhaso, umbhali, umqambi womculo kunye nomlawuli.

3.12. UMnu Edwin De Lille, Umyeni woMphathiswa wezeMisebenzi yoLuntu kunye neziSeko ezinguNdoqo, u-Patricia de Lille. 

3.13. UMhlekazi Thulare UVictor Thulare III, UKumkani wesizwe saBapedi, owafumana isatifikethi esingqina ukuba unguKumkani kuMongameli Ramaphosa ngowama-2020. 

D. Ukuqeshwa
  Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo kunye  
  nokuqinisekiswa okufanelekileyo.
1. Ummeli u-Doctor Mashabane, UMlawuli-Jikelele weSebe lezoBulungisa noPhuhliso loMgaqo-siseko. 

Imibuzo: Nksk  Phumla Williams - Isithethi seKhabhinethi  
Iselula: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore