Ingxelo yeNtlanganiso yeKhabhinethi ibibanjwe kusetyenziswa unxibelelwano ngevidiyo ngoLwesithathu, umhla we-10 kweyeSilimela 2020

1.  Ezamva nje ngentsholongwane i-Corona (i-COVID-19)

1.1.  Kwintlanganiso ebibanjwe kusetyenziswa unxibelelwano ngevidiyo ngoLwesithathu, umhla we-10 kweyeSilimela 2020, iKhabhinethi ifumene ingxelo ehlaziyiweyo evela kwiBhunga leSizwe loLawulo lweNtsholongwane i-Corona (i-NCCC). I-NCCC ithe thaca inani leengcebiso ezimalunga nomngcipheko weNqanaba lesi-3 lesiLumkiso eliqinisekisiweyo lokuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile kwesizwe. Iingcebiso zisekelwe kwiziphakamiso ezenziwe ngamacandelo ahlukeneyo kunye neengxoxo ezenziwa liZiko eliDibeneyo leSizwe lokuSebenza kunye nobuChule.

1.2.  Nangona kunjalo, iKhabhinethi igqibe ekubeni inqumamise ukuvunywa kweziphakamiso kulindelwe ingxelo epheleleyo yovavanyo lwezempilo evela kwiKomiti yabaPhathiswa yeeNgcebiso ngezeMpilo malunga ne-COVID-19. I-NCCC ilindeleke ukuba ifumane ingxelo epheleleyo ekuqaleni kweveki ezayo.

1.3.  IKhabhinethi kwakhona iyacela kwaye idomboza kubo bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba balandele baze bathobele ngokuzithandela amanyathelo abekiweyo okunqanda ukusasazeka kwe-COVID-19. La manyathelo aquka ukuhlamba rhoqo izandla, ukungasondelelani kwabantu kunye nokunxiba izigqubuthelo-buso (iimaski) xa besesidlangalaleni.

2.  Ikampani ye-Petroleum yesizwe

2.1.  IKhabhinethi inikwe amagqaba-ntshintshi ngomsebenzi oqhubekayo ukuhlenga-hlengisa onke amaqumrhu e-petroleum (i-oli kunye negesi) enkampani karhulumente yeentlobo ezahlukileyo zamandla, i-Central Energy Fund.

2.2.  Olu hlenga-hlengiso luza kuzala amaqumrhu amathathu (i-PetroSA, i-Strategic Fuel Fund kunye ne-iGas) ezidityaniswe zayiNkampani enye ye-Petroleum yeSizwe. Oku kuzalisekisa isibhengezo esenziwa nguMongameli Cyril Ramaphosa kwiNtetho yakhe engoBume beSizwe ngomhla we-13 kweyoMdumba 2020, ukutshintsha iinjongo nemibono kunye nokwenza uhlenga-hlengiso kumashishini amaninzi aphantsi kolawulo lukarhulumente ukuxhasa uhlumo kunye nophuhliso.

2.3.  IKhabhinethi ikwamkele ukuqesha okucetywayo kwenkampani enobugcisa bokuhlenga-hlengisa engumakhwekhwetha kwimiba yokudibanisa amaqumrhu ahlukeneyo ukuze iphande eyona ndlela ifanelekileyo inokusetyenziswa ukuseka iNkampani enye ye-Petroleum yeSizwe.
    
3.  INkqubo-sikhokelo yoMgaqo-nkqubo wezoBundlobongela obuBhekiselele kwiSini (i-GBV) yamaBakala yeMfundo ePhakamileyo noQeqesho

3.1.  IKhabhinethi iyamkele iNkqubo-sikhokelo yoMgaqo-nkqubo wezoBundlobongela obuBhekiselele kwiSini (i-GBV) yamaBakala eMfundo ePhakamileyo noQeqesho. Le nkqubo-sikhokelo yomgaqo-nkqubo ifuna ukusabela kwingxaki yokunyuka kwenani lamatyala anxulumene ne-GBV kumaziko emfundo ephakamileyo.     

3.2.  Le nkqubo-sikhokelo yomgaqo-nkqubo ibonelela ngesikhokelo sezixhobo, seentlobo kunye neenkqubo ekufuneka amaziko emfundo ephakamileyo azenze ukunqanda iziganeko ze-GBV kwiikhampasi zawo. Ukongeza ekuboneleleni ngezixhobo zokongamela, ikwanyanzelisa amaziko anjalo ukuba afundise futhi azise abafundi ngemigaqo-nkqubo yawo ye-GBV.

4.  INgxelo yoPhando ngeMfuneko yeMyuziyamu yeMibutho yoMzabalazo neyeNkululeko (i-RLMM)

4.1.  IKhabhinethi iyamkele iNgxelo yoPhando ngeMfuneko yokusekwa kwe-RLMM. IMyuziyamu iza kuba negalelo ekugcineni imbali yedabi lomzabalazo nenkululeko eMzantsi Afrika.

4.2.  Olu phando, iKhabhinethi eyavumayo ukuba luqhutywe kwangowama-2015, lwagunyaziswa kulandelwa kwiProjekthi yePhulo loMzila weMbali yoMzabalazo neNkululeko (i-RLHR). I-RLHR inegalelo kuphuhliso nakwinguqu kwezamafa eMzantsi Afrika.

4.3.  Yakuba igqityiwe, le myuziyam iza kugcina uthotho lwezinto zelifa (ezibonakalayo nezingabonakaliyo) kwaye libonelele ngengxelo eqhelekileyo, inkumbulo kunye namava anxulumene nomzabalazo wenkululeko eMzantsi Afrika.

5.   UMzila weSizwe wamaFa ama-Khoi nama-San

5.1.   IKhabhinethi ikwamkele ukuphunyezwa koMzila weSizwe wamaFa ama-Khoi nama-San, oyiprojekthi yelifa lesizwe. Lo mzila uza kuphawula, ugxininise, ugcine uze uqinisekise ilifa lama-Khoi, ama-Nama, ama-Griekwa, ama-Khorana kunye nama-San. Le projekthi inegalelo ekwamkelweni kwembali yoMzantsi Afrika ebingakhathalelwanga kwaye ebikade ijongelwe phantsi.

5.2.  Ikwazalisekisa uMthetho wobuNkokheli beMveli kunye nama-Khoi-San, wowe-2019 (uMthetho 3 wowe-2019), owenza umthetho kuhlonitshwe iinkokheli zemveli zama-Khoi kunye nama-San.

6.   Uyilo lweengqekembe zesikhumbuzo sowama-2021 kunye nowama-2022  

6.1.  IKhabhinethi ilwamkele uyilo kweengqekembe zomjikelezo zesikhumbuzo sowama-2021 nowama-2022 ezikhutshwa yiBhanka enguVimba yoMzantsi Afrika (i-SARB) kunye ne-South African Mint Company.

6.2.  Ingqekembe yomjikelezo wesikhumbuzo ye-R5 kunye ne-R5 yesilivere ecocisisiweyo, ingqekembe yegolide yomqokeleli iza kukhutshwa ngowama-2021 ukubhiyezela iKhulu leminyaka le-SARB. UThotho lwesine lweNgqekembe yaseMzantsi Afrika, oluya kukhutshwa ngowama-2022 luya kuba neengqekembe ze-10 senti, i-20 senti, i-50 senti, i-R1, i-R2 kunye ne-R5   

Imithetho Eyilwayo

1.  UMthetho-siHlomelo osaYilwayo wowama-2020 weMithetho yeCandelo lezeziMali  

1.1.  IKhabhinethi ikwamkele ukungeniswa ePalamente koMthetho-siHlomelo osaYilwayo wowama-2020 weMithetho yeCandelo lezeziMali. Lo Mthetho uYilwayo uphakamisa ukuba kumiselwe i-SARB njengeQumrhu elineGunya lokuBhangisa, kunye nokuphucula imithetho yokuxhobisa i-SARB ikwazi ukwenza umsebenzi wayo ewugunyaziswe ngokomthetho wokuqinisekisa ukuba kukho uzinzo kwicandelo lezezimali.

1.2.  Lo Mthetho uYilwayo uphakamisa inkqubo-sikhokelo entsha yokusombulula iingxaki zamaziko ezimali, ingakumbi iibhanki, xa zifikelwa ziingxaki zezimali. Iza kuqalisa eMzantsi Afrika isikimu esibanzi sokuqala se-inshorensi sokufaka imali esiza kuthi siqinisekise ukuba abafaki-zimali bahlawulwa iimali zabo xa ibhanki itshona.

1.3.  Isikimu esinjalo siza kukhusela abafaki-zimali abasesichengeni kwaye siqinisekise ukuphazamiseka okuncinci kwicandelo lezezimali kunye noqoqosho ngokubanzi xa amaziko engena kwingxaki yezemali.

Ukuqeshwa     

  • UNks Sekgothadi Kabelo njengoMlawuli ongekho kwiSigqeba soLawulo kuLawulo lwamaChweba kwiBhodi yoMzantsi Afrika.
     

Imibuzo: UNks Phumla Williams – IsiThethi seKhabhinethi
Iselula: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore