INgxelo engeNtlanganiso yeKhabhinethi ebibanjwe ngonxibelelwano lwevidiyo ngoLwesithathu, umhla wama-25 kuCanzibe 2022

A.    Imiba enguNdaba-mlonyeni
1.    Amalinge okuhlangula nokwakha ngokutsha emva kwezikhukhula

1.1.    IKhabhinethi ibulela futhi ibamba ngazibini kubo bonke abantu kunye nemibutho ethatha inxaxheba kumalinge ohlangulo nokwakha ngokutsha emva kwezikhukhula zakutsha nje ezenze umonakalo omkhulu kwiindawo ezithile zezwe lakuthi, ingakumbi kwiphondo laKwaZulu-Natal. Iye futhi yabulela nayo yonke imibutho engekho phantsi kukarhulumente (ii-NGO), imibutho yezenkolo, uluntu, oosomashishini kunye nemibutho yoncedo ethe yabonelela iintsapho ebezingamaxhoba ezikhukhula ngokutya, iimpahla, iingubo kunye nezinye izinto eziluncedo ukuze ezi ntsapho zikwazi ukuqhawulisa izinto ezincinci zemihla ngemihla. 
1.2.    Iziko leSizwe loLawulo lweeNtlekele liyaqhubeleka nokukhokela amaphulo adibanisa onke amaqoqo karhulumente okunikezela ngoncedo lwezentlalonte kuwo onke amakhaya achaphazelekileyo. Abantu abangaphezulu kwama-7 000 abaphuma kwizithili ezine ezithwaxwe ngamandla zaKwaZulu-Natal babonelelwe ngeendawo zokufihla iintloko.
1.3.    Sele uqalile umsebenzi wokwakhela amakhaya achaphazelekileyo izindlu zethutyana kumhlaba wombuso ofunyenwe kwiphondo laKwaZulu-Natal. La makhaya asenokufuduselwa kwezi ndawo. IKhabhinethi iphinde yakubethelela ukuzinikela kukarhulumente ekulawuleni ngobunono nangendlela eselubala imali yokunceda kwizikhukhula. UMphicothi-zincwadi-Jikelele woMzantsi Afrika lelinye lamaqumrhu aza kubeka iliso kwindlela eza kusetyenziswa ngayo le mali kwaye le mali ixulwe ngokwemigaqo karhulumente yokuhlahla nokwaba imali.

2.    Eza kutsha nje ngesiFo seNtsholongwane i-Corona (i-COVID-19)
2.1.    IKhabhinethi ibongoza bonke abantu eMzantsi Afrika ukuba bazikhusele ukuze bathintele ukunwenwa kwe-COVID-19 emva kokuba iingxelo zakutsha nje zibonakalisa ukuba kweli lizwe lenyuke kakhulu inani labantu abosulelwe yile ntsholongwane kunye nabo banezifo ezinxulumene nexesha lasebusika. 
2.2.    IKhabhinethi isikhumbuzile ukuba masiqhubeleke sizikhusele thina buqu kunye nabanye abantu ngokuthi sihlambe izandla ngesepha okanye ngesibulala-ntsholongwane rhoqo, sinxibe izifonyo xa singaphakathi kwizakhiwo, singasondelelani nabanye abantu, sivule iifestile ukuze kubethe umoya endlini size sigonye. 
2.3.    Ukugonya isesesona sixhobo sinaso sokulwa i-COVID-19 njengoko kuthintela ukugula kakhulu, ukulaliswa esibhedlela kunye nokubulawa yile ntsholongwane. Akunyanzelekanga ukuba ube nendawo ohlala kuyo enedilesi esesikweni ukuze ugonye. Nabani na, futhi nokuba akanayo incwadi-sazisi, angagonywa simahla kumaziko okugonya karhulumente akho kulo lonke eli lizwe. 

3.    Phantsi ngobuhlanga!
3.1.    IKhabhinethi izigxibhe kabukhala izenzo zobuhlanga kweli lizwe, eziquka iziganeko ezisematheni sithetha nje, e-Good Hope Seminary High School nakwiDyunivesiti yase-Stellenbosch eNtshona Koloni. Lo mkhuba mbi unxamnye nemimiselo yomgaqo-siseko eli lizwe lethu lilawulwa ngentando yesininzi elasekelwa phezu kwayo, equka isidima somntu, ukungacaluli ngobuhlanga, ukungacaluli ngesini, ubulungisa entlalweni, ulingwano kunye nentlonipho. 
3.2.    UMgaqo-siseko weRiphabhlikhi yoMzantsi Afrika wowe-1996 nguwo osisikhokelo esisisebenzisayo ukusiphula neengcambu iyantlukwano engakhiyo kunye nezenzo ezingenabulungisa zangaphambili. Abazali bayacelwa ukuba bafundise abantwana babo ukuba babukhabe ubuhlanga, bamkele iintlanga ezahlukeneyo zeli, njengenxalenye yephulo lokwakha isizwe nokukhuthaza ukuhlalisana ngoxolo.
3.3.    Masisebenzisane sibhentsise imikhuba yobuhlanga naphina apho buthathwa njengento eqhelekileyo ngolo hlobo sitsho phandle ukuba ubuhlanga abamkelekanga kwaphela kweli lizwe lethu lilawulwa ngentando yesininzi.

4.    Ubudlelwano phakathi koMzantsi Afrika ne-Germany
4.1.    IKhabhinethi iyalwamkela uTyelelo lwasebuRhulumenteni olube yimpumelelo lweNgqonyela ye-Federal Republic of Germany, oHloniphekileyo u-Olaf Scholz, eMzantsi Afrika ngomhla wama-24 kuCanzibe 2022.
4.2.    Olu Tyelelo lwasebuRhulumenteni lweNgqonyela u-Scholz lwenziwe emva kokuba uMongameli Cyril Ramaphosa wathi wamema le Ngqonyela, futhi noqhuba iphulo lokuqinisa amatyathanga obudlelwano amazwe engingqi nawehlabathi nawokutsala utyalo-mali olufunwa ngabomvu kweli.
4.3.    Ezi nkokeli zimbini zigwadle iindlela zokuqinisa ubudlelwane kumacandelo afana nelezamandla kunye noguqu-guquko lwemozulu, urhwebo notyalo-mali kunye namacebo okulwa i-COVID-19 kunye nokwanda kwabantu abadinga ichiza lokugonya, phakathi kwezinye izinto. Iingxoxo zabo ziquke nezinye izinto ezingundaba-mlonyeni kweli lizwekazi le-Afrika nakwihlabathi liphela, kuquka ungquzulwano olwenzeka e-Ukraine kwakunye nomonakalo oluwenzayo kuqoqosho lwehlabathi kunye nokutya namandla. 
4.4.    I-Germany ayilolizwe likwindawo yesibini ngobukhulu njengehlakani lezorhwebelwano nje kuphela koko likwakwindawo yesithathu ngokwamanani abakhenkethi abangena kweli, likwalilizwe eliphambili kwezotyalo-mali nehlakani eliluncedo kwezophuhliso.

5.    INkomfa yeHlabathi yesiHlanu yokuLwa ukuSetyenziswa kwaBantwana
5.1.    IKhabhinethi iyakwamkela ukuqukunjelwa ngempumelelo kweNkomfa yeHlabathi yesiHlanu yokuLwa ukuSetyenziswa kwaBantwana ebibanjelwe eThekwini ukususela ngomhla we-15 ukuya kowama-20 kuCanzibe 2022. Amahlakani aphuma bombo zone zehlabathi azimase le nkomfa, ibibanjwe ngentsebenziswano noMbutho weHlabathi wezaBasebenzi (i-ILO).
5.2.    Emva kokuba kuxoxwe iindlela ezifanelekileyo ezisetyenziswa ngamazwe ahlukeneyo kunye nokubona iindawo ezinezikroba ezifuna kuthathwe amanyathelo akhawulezileyo afunekayo ukuze ipheliswe ngokukhawuleza le ngxaki yokusetyenziswa kwabantwana kunye nokusetyenziswa kwabantu ngenkani, kuye kwamkelwa umgaqo othi ‘Durban Call to Action’ okulwa le ngxaki yokusetyenziswa kwabantwana. 
5.3.    Ukusetyenziswa kwabantwana ngumkhuba ombi kakhulu kwaye kubabeka emngciphekweni abantwana. Ukwenza oku kukuxhaphaza abantwana kwaye kubenza bangakwazi ukuya esikolweni futhi baxhamle namanye amathuba okuziphuhlisa. Wonke umntwana eMzantsi Afrika unelungelo elingenakuthathwa mntu lokuba akhuselwe ekubeni lixhoba lokuxhatshazwa ngokusetyenziswa. 
5.4.    Ilungelo lokufumana imfundo esisiseko likuMgaqo-siseko kwaye ngokoMthetho weziKolo zoMzantsi Afrika, wowe-1996 (uMthetho uNombl 84 wowe-1996), “wonke umzali makavumele wonke umfundi ophantsi kwakhe ukuba aye esikolweni ngosuku lokuqala lokuvulwa kwezikolo xa eneminyaka esixhenxe ubudala ade abe neminyaka eli-15 ubudala okanye afikelele kwibanga lesithoba, nokuba yeyiphi efike kuqala kwezi”. 
5.5.    NgokoMthetho waBantwana, wowe-2005 (uMthetho uNombl 38 wowe-2005), “akukho mntu uvumelekileyo ukuba asebenzise, afune uncedo, anike okanye aqeshe umntwana njengomsebenzi”.

B.    Izigqibo zeKhabhinethi
1.    Ukuvuma ukutyikitya isiVumelwano seHlabathi sokuKhusela Bonke Abantu Ukuba baNyanyalaliswe ngeNkani (i-ICPPED) 

1.1.    IKhabhinethi ivumile ukuba kungeniswe ePalamente i-ICPPED ukuze kuqwalaselwe umba wokuvuma koMzantsi Afria ukutyikitya esi sivumelwano. I-ICPPED sisivumelwano esibophelela amazwe ehlabathi seZizwe eziManyeneyo (i-UN) nesimalunga nokunyhashwa kwamalungelo abantu ngokuba banyanyalaliswe ngenkani.
1.2.    Esi sivumelwano sikuchaza ukunyanyalaliswa komntu ngenkani, njengokuxhilwa, ukubanjwa, ukuvalelwa okanye nawaphi na amanyathelo anokukhokelela ekubeni umenzi wobubi angavumi ukuba uyalazi apho likhoyo ixhoba okanye ayifihle le ndawo likuyo.
1.3.    Sakuba esi sivumelwano sivunyiwe ukuba sibe yinxalenye yemithetho yeli, uMzantsi Afrika uza kulindeleka ukuba unike ingxelo kwi-UN rhoqo emva kweminyaka emibini ngendlela oqinisekisa ngayo ukuba esi sivumelwano siyasebenza. Esi sivumelwano sicacisa amanyathelo ekufuneka amazwe awutyikityileyo awalandele ukuthintela ukunyanyalaliswa ngenkani kwabantu kumazwe wabo. 

2.    INgxelo yeLizwe yesine yokuKhuselwa nokuLwelwa kwamaLungelo oLuntu yoMzantsi Afrika

2.1.    IKhabhinethi ivumile ukuba kungeniswe iNgxelo yeLizwe yesine yokuKhuselwa nokuLwelwa kwamaLungelo oLuntu kwiBhunga lamaLungelo oLuntu leZizwe eziManyeneyo (i-UNHRC). I-UN Universal Periodic Review iza kuhlaziya le ngxelo ekupheleni kwalo nyaka. Oko watyikitya isiVumelwano samaLungelo oLuntu se-UN, uMzantsi Afrika sele uphononongwe izihlandlo ezithathu. Wagqibela ukuphononongwa ngenyanga yoMsintsi ngowama-2017.
2.2.    Le ngxelo inika iinkcukacha ngomsebenzi osele wenziwe malunga nezindululo ezivunyiweyo ezili-187 zophononongo lowama-2017. Iinkcukacha zithatywathwe kulwazi oluqinisekisiwe, amasebe karhulumente afanelekileyo, amaziko axhasa ulawulo lwentando yesininzi kunye nemibutho yoluntu efanelekileyo.
2.3.    IKhabhinethi yonelisekile ngumsebenzi osele wenziwe mayelana nezi zindululo kwakunye nazezo ndawana zisaphethweyo. Le ngxelo iza kupapashwa esidlangalaleni emva kokuba ingeniswe kwi-UN ngenyanga yeThupha kowama-2022.

3.    UMgaqo-nkqubo wowama-2022 wokuLawulwa kwaManzi eMigodi 
3.1.    IKhabhinethi iwuvumile uMgaqo-nkqubo wowama-2022 wokuLawulwa kwaManzi eMigodi ukuba uqalise ukusetyenziswa. Lo mgaqo-nkqubo ucacisa amacebo okukhusela nokonga amanzi. Uqinisekisa ukuba imisebenzi yemigodi yezoqoqosho iyahambelana nephulo leli lizwe elikhuthaza ukusetyenziswa kwamanzi ngobunono.
3.2.    Phakathi kwezinye izinto, lo mgaqo-nkqubo ucacise indima kunye noxanduva lwala maqoqo mathathu karhulumente ngokumayelana nomba wamanzi emigodini. Ezi zilungiso zicetywayo ziza kusombulula iingxaki ezinxulumene nezohlwayo ezinikwa abo bangcolisa amanzi futhi ziza kwenza kube lula ukunyanzelisa ukuba kuhanjwe ngalo mgaqo uthi iqumrhu elingcolisileyo malibhatale. Lo mgaqo-nkqubo uyahambelana noMthetho waManzi eSizwe, wowe-1998 (uMthetho uNombl 36 wowe-1998).

4.    INgxelo ngesiCwangciso-sikhokelo soCwangciso, uHlahlo-mali, uHlolo, uVavanyo kunye noPhicotho oluSekelwe kwiSini
4.1.    IKhabhinethi ifumene ingxelo malunga nomsebenzi osele wenziwe malunga nokuqaliswa kwesiCwangciso-sikhokelo soCwangciso, uHlahlo-mali, uHlolo, uVavanyo kunye noPhicotho oluSekelwe kwiSini.
4.2.    IKhabhinethi iyawuncoma umsebenzi osele wenziwe ngamasebe karhulumente awahlukeneyo okusebenzisa esi sicwangciso-sikhokelo samkelwa ngowama-2019 ukuba siqaliswe ukusetyenziswa, njengenxalenye yezikhokelo zawo.
4.3.    Amasebe amaninzi sele eqalise imigaqo-nkqubo eza kuba neenkqubo ezingundoqo eziza kugxila kumanina, ulutsha kunye nabantu abakhubazekileyo. IKhabhinethi imemelele ukuba kubekwe iinkqubo ezingqingqwa zokuhlola nokunika iingxelo, ingakumbi kwamanye amasebe la angekaniki zingxelo. 

5.    INgxoxo zoLutsha zika-Nelson Mandela (i-NMYD)
5.1.    IKhabhinethi iyivumile i-NMYD eza kubanjwa rhoqo ngonyaka. I-NMYD yokuqala iza kubanjwa ngomhla wesi-7 ukuya kowama-20 kweyeKhala 2022. Eli liphulo likaMongameli lokunika ulutsha lweli Lizwekazi ithuba lokubamba iingxoxo ezakhayo ngemiba echaphazela lona. 
5.2.    Ezi ngxoxo – eziza kusekelwa kwimbalasane yeli ehlonitshwa kwihlabathi jikelele uMongameli wangaphambili uNelson Rolihlahla Mandela – ziza kuqala iingxoxo-mpikiswano eziza kukhuthaza ukubaluleka kweenkokeli ezinyanesekileyo e-Afrika. 
5.3.    Ziza kunika abantu abatsha ithuba lokuba bafundisane ngeenkcubeko zabo ezahlukeneyo nezityebileyo. Eli linge liza kukhuthaza nobudlelwano obushushu phakathi kwabantu abatsha beli lizwekazi. ISebe lamaNina, uLutsha naBantu abaKhubazekileyo liza kunika iinkcukacha ezithe vetshe ngenkqubo yalo msitho apha ekuhambeni kwexesha. 

6.    INgxelo yoNyaka wama-2021/22 yokuHlola uMsebenzi wokuXhotyiswa kwamaNina noLingwano ngokweSini, uPhuhliso loLutsha nokuLwelwa kwamaLungelo Abantu abaKhubazekileyo
6.1.    IKhabhinethi ifumene ingxelo yonyaka wama-2021/22 yokuhlola umsebenzi wokuxhotyiswa kwamanina nolingwano ngokwesini, uphuhliso lolutsha nokulwelwa kwamalungelo abantu abakhubazekileyo. Le ngxelo inyathela imiba ephambili emalunga nokukhuthazwa kolingwano, umgangatho wengqesho kunye nobunini kunye nokuthatha inxaxheba kwaba bakhankanyiweyo kwimisebenzi yamasebe kunye namaqumrhu karhulumente. 
6.2.    Le ngxelo ibhalwe kusetyenziswa isicwangciso-sikhokelo socwangciso, uhlahlo-mali, uhlolo, uvavanyo kunye nophicotho olusekelwe kwisini esamkelwa yiKhabhinethi ngowama-2019.

C.    ImiThetho eYilwayo
1.    UMthetho-sihlomelo oYilwayo weMpilo noKhuseleko eMgodini

1.1.    IKhabhinethi ivumile ukuba uMthetho-sihlomelo oYilwayo weMpilo noKhuseleko eMgodini upapashwe ukuze uluntu luhlomle. Lo Mthetho uYilwayo ufuna ukuphucula impilo nokhuseleko lwabasebenzi-mgodini, kuquka nezi ndawo kwembiwa kuzo izimbiwa. Lo Mthetho uYilwayo wenza izilungiso kulo Mthetho ukhoyo weMpilo noKhuseleko eMgodini, wowe-1996 (uMthetho uNombl 29 wowe-1996).
1.2.    Ezi zilungiso zitsha zinika ingcaciso malunga nesigama esithile salo Mthetho, zenza ngqingqwa imithetho elawula impilo nokhuseleko zize ziwenze uhambelane nemithetho yehlabathi elawula impilo nokhuseleko emigodini, phakathi kwezinye izinto.  

2.    UMthetho oYilwayo wowama-2022 wokuHlonyelwa okweShumi elinesiBhozo koMgaqo-siseko 
2.1.    IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa koMthetho oYilwayo wowama-2022 wokuHlonyelwa okweShumi elinesiBhozo koMgaqo-siseko ukuze uluntu luhlomle nokuba uMphathiswa wezoBulungisa neeNkonzo zoLuleko, uMnu Ronald Lamola, akhuphe isaziso esineenkcukacha ngesi silungiso sifuna ukwenziwa kuMgaqo-siseko.
2.2.    Lo Mthetho uYilwayo wenza izilungiso kwiCandelo 6(1) loMgaqo-siseko weRiphabhlikhi yoMzantsi Afrika wowe-1996, elibhengeza ngokusesikweni ukuba iilwimi ezisemthethweni ezili-11 zoMzantsi Afrika zezi: Sepedi, Sesotho, Setswana, Siswati, Tshivenda, Xitsonga, isiBhulu, isiNgesi, isiNdebele, isiXhosa kunye nesiZulu.
2.3.    Ezi zilungiso ziza kubeka uLwimi lweZandla loMzantsi Afrika (i-SASL) njengolwimi olusemthethweni lwe-12 kweli lizwe kwaye ziza kucacisa igalelo lwalo njengenxalenye yenkcubeko futhi zibethelele namalungelo alinganayo kubo bonke abemi boMzantsi Afrika, kuquka nabo bakhubazekileyo. ISebe leMfundo esiSiseko sele layamkela i-SASL njengolwimi lwenkobe.

D.    Imisitho Ezayo
1.    IVeki yokuKhuselwa kwaBantwana

1.1.    UMzantsi Afrika uza kuphawula iVeki yeSizwe yokuKhuselwa kwaBantwana ukususela ngomhla wama-29 kuCanzibe ukuya kowesi-4 kweyeSilimela phantsi komxholo othi: ‘Masikhusele Abantwana ngeXesha le-COVID-19 Nasemva Kwawo”.
1.2.    Kule veki, kuza kugxininiswa kakhulu kumba oxake isizwe wokukhulelwa kwamantombazana asafikasayo, ingxaki leyo ethe yathatha unyawo ngethuba le-COVID-19 kuba amantombazana asafikasayo amaninzi athi afumana abantwana ngowama-2020.
1.3.    IKhabhinethi imemelele ukuba kubanjiswane ngabazali, imibutho yoluntu, imibutho yenkolo kunye noluntu ngokubanzi kuliwe le ngxaki yokukhulelwa kwamantombazana aselula. 

2.    INgqungquthela yezoQoqosho yeHlabathi (i-WEF)
2.1.    UMzantsi Afrika uza kuthatha inxaxheba kwi-WEF e-Davos-Klosters, e-Switzerland ukususela ngomhla wama-22 ukuya kowama-26 kuCanzibe 2022, phantsi komxholo othi: “Sisebenzisana, Masibuyisele ukuThembana”.
2.2.    UMzantsi Afrika uyakwazi ukubaluleka kweli thuba lokuba yinxalenye yabo bagwadla izisombululo nokwabelana nehlabathi ngeengxaki nawo ojamelene nazo. Ukuthatha inxaxheba kwezwe lakuthi kule ngqungquthela kunceda igama lelizwe lakuthi elihlonitshwe nangakumbi kwihlabathi njengelizwe elinamathuba amaninzi otyalo-mali, futhi kuza kusinika nethuba lokwazisa ihlabathi ngombono wethu ngendlela eliya kuyo eli lizwe kwaye siza kuthetha nangezinto ezintsha ezenzekayo kwizwe lakuthi. 

3.    INyanga yoLutsha
3.1.    IKhabhinethi iyamkele iNkqubo yeNyanga yoLutsha yowama-2022 phantsi komxholo othi: “Ukukhuthaza indlela yokuziphilisa nokomelela kolutsha okuzinzileyo ukwenzela ikamva elingcono”. Umsitho osesikweni woSuku loLutsha oza kubanjelwa eMpuma Koloni.
3.2.    Lo ngunyaka wama-46 emva kwezidube-dube zabafundi zomhla we-16 kweyeSilimela 1976 ezazise-Soweto apho abantu abatsha bathi baqhankqalazela ukunyanzeliswa ngurhulumente wocalucalulo ukuba bafunde ngolwimi lwesiBhulu.
3.3.    Besebenzisa la moya mnye wawuboniswe ngabafundi ngenyanga yeSilimela ngowe-1976, iKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubantu abatsha beli lizwe ukuba balwe ingxaki yabantu abatsha abangenamisebenzi ngokuthi bathathe inxaxheba kwiinkqubo zophuhliso ezifana nokufunda umsebenzi usemsebenzini kunye nawokuqeqeshwa emsebenzini. 
3.4.    Urhulumente uqulunqe iinkqubo zokuncedisa kumaphulo okuqesha ulutsha nawokudala imisebenzi ezizingxungxo zexeshana. Amashishini ayakhuthazwa ukuba aqeshe abantu abatsha abaninzi ngokuthi adalele ulutsha amathuba. 
3.5.    Inkqubo yolutsha yale nyanga yeSilimela yonke iquka izinto ezininzi eziquka ukuphehlelela iphulo lolutsha olungamatshantliziyo, ukusekwa kweNkqubo ye-NYDA Brand Ambassador kunye namaphulo okuvuselelwa kweNkonzo yeSizwe yoLutsha (i-YES) kulo lonke eli.
3.6.    UMphathiswa okwi-Ofisi kaMongameli wezamaNina, uLutsha naBantu abaKhubazekileyo uza kunika ingcaciso egcweleyo kungekudala ngeenkqubo epheleleyo. Yonke imisitho yolutsha kulindeleke ukuba ithobele imiqathango yezempilo ye-COVID-19.

4.    INgqungquthela yoMhlaba woLuntu
4.1.    Urhulumente, ebambisene neNdlu yeSizwe yeeNkokeli zoMthonyama, uza kubamba iNgqungquthela yoMhlaba woLuntu ngoLwesihlanu, umhla wama-27 nangoMgqibelo umhla wama-28 kuCanzibe 2022 apho baza kuxoxa ngemiba enxulumene nobunini-mhlaba. 
4.2.    Le miba iquka inkqubo yokukhutshelwa komhlaba woluntu usuka kuMbuso uye kubanikazi bawo abafanelekileyo, into leyo ibalulekileyo kumaphulo okuphuhlisa abantu basemaphandleni. Ukungabi namaphepha afanelekileyo obunikazi mhlaba kwindawo eziphantsi koluntu akunyhashi nje kuphela amalungelo okuba ngabanikazi balo mhlaba bahlala kuwo koko kunciphisa amathuba wabo okuphucula iipokotho zabo. 

E.    Imiyalezo

1.    Amazwi okuvuyisana
IKhabhinethi ithumela amazwi okuvuyisana kunye neminqweno emihle:

  • kuNksz Leanne Manas, umsasazi we-SABC Morning Live, othe wawongwa nge- Knight of the French National Order Merit ngoLwesibini, umhla we-17 kuCanzibe 2022, ngegalelo lakhe kwicandelo lezobuntatheli, elezamajelo eendaba nakwamanye amaphulo okunikela ngamalizo.

2.    Amazwi ovelwano
IKhabhinethi ithi malilale ngenxeba usapho nezihlobo zika:

  • Mnu Mpho Moerane (52), owasekuba nguSodolophu wesiXeko saseRhawutini, kunye netshantliziyo lezopolitiko elaziqala ezopolitiko kwasebuntwaneni kunye nobesebenzela abantu baseRhawutini. Phambi kokuba onyulwe njengoSodolophu, wayesebenza njengeLungu leKomiti kaSodolophu (i-MMC) elijongene neeNkonzo zokusiNgqongileyo neziSeko zoPhuhliso.
  • Gq Deborah Fraser (56), imvumi yomculi wenkolo eyaphumelela iimbasa eziliqela nebisandula ukuwongwa ngesiDanga sobuGqirha, i-Doctor of Philosophy in Sacred Music yi-Christian Leadership Academy.
  • Gq Namane Magau (70), obesisifundiswa esifunde sayityekeza futhi elilungu elihlonitshiweyo leBhodi yeTrasti yeBhunga leSizwe loMzantsi Afrika likaGawulayo (i-SANAC).
  • Mnu Mike Schüssler (60), usoqoqosho odumileyo woMzantsi Afrika nobengumakhwekhwetha kweli candelo futhi enika ingxelo zohlalutyo ezityebileyo ngemeko yoqoqosho loMzantsi Afrika.
  • Mnu Jamie Bartlett (56), umlinganisi woMzantsi Afrika kamabonakude nomdlali weqonga odumileyo nowawongwa ngothotho lweembasa, futhi nobesaziwa ngokudlala indima yokuba ngu-Mike O’Reilly kwi-Isidingo neyokuba ngu-David Genaro kwi-Rhythm City. 
  • IKhabhinethi nayo njengoMongameli Ramaphosa ithi tutwini kurhulumente kunye nabantu base-United Arab Emirates (i-UAE) emva kokusweleka koHloniphekileyo, uMntan’egazi, uSheikh Khalifa bin Zayed Al Nahyan (73), uMongameli wase-UAE.

 
F.     Izikhundla 
Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo

1.    UMnu Bongani Sinenhlanhla Dladla njengeGosa eliyiNtloko yesiGqeba soLawulo le-Construction Industry Development Board. 
2.    UMnu Shabeer Hamid Khan njengoMcwangcisi-zimali-Jikelele kuNondyebo weSizwe.
3.    UNksz Mendoe Ntswahlana njengeGosa eliyiNtloko lezeNtengo kuNondyebo weSizwe.
4.    IKhabhinethi iyavumelana nokuqeshwa kwaba bangezantsi kwizithuba ebezikwiBhodi yabaLawuli ye-Central Energy Fund:
(i)    UMnu Mosimaneotsile Jim Besnaar; 
(ii)    uNksz Unati Nombakuse-Figlan. 

Imibuzo:
uNksz Phumla Williams – IsiThethi seKhabhinethi
Iselula: 083 501 0139
 

Share this page

Similar categories to explore