INgxelo engeNtlanganiso yeKhabhinethi ebibanjwe ngoLwesithathu, umhla wesi-8 kweyeSilimela 2022

A.    Imiba engundaba-mlonyeni

1.    Ezoqoqosho  
1.1.    IKhabhinethi izamkele indaba ezincumisayo zakutsha nje ezimalunga namanyathelo esizwe okungenelela ngeenjongo zokukhwezela uhlumo loqoqosho. Ngokweengxelo zakutsha nje zeZiko leeNkcukacha-manani zoMzantsi Afrika (i-StatsSA), inani labantu abangasebenziyo lehlile lisuka ku-35.5% kwikota yesine yowama-2021 laya kutsho ku-34.5% kwikota yokuqala yowama-2022. Inani labantu abangasebenziyo bebonke lehlile kwiikota ezimbini zilandelelana. Amacandelo adale eyona misebenzi mininzi leleenkonzo zoluntu nentlalontle, elemizi-mveliso kunye nelorhwebo.

1.2.    Imveliso yonyaka yelizwe (i-GDP) kwikota yokuqala yowama-2022 ikhule ngo-1.9% into leyo eyenze ukuba uqoqosho lweli lizwe lubuyele kwela nqanaba lalikulo phambi kwalo bhubhane siphuma kuye. Kule kota, icandelo lemizi-mveliso lilo eliqhube kakuhle kakhulu nelithe landisa imveliso yepetroli neekhemikhali, ukutya neziselo, kunye nesinyithi kunye noomatshini.

1.3.    Lo mnconwana siwubonayo ubonakalisa ukuba uqoqosho lweli lizwe lusemi ngeenyawo kwaye amanyathelo okungenelela afana nesiCwangciso soKwakha Ngokutsha nokuVuselela uQoqosho (i-ERRP) ayaqalisa ukwenza umahluko. IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kuye wonke umntu ukuba axhase amashishini kunye nemizi-mveliso yalapha ekhaya ngokuthi athenge iimveliso kunye neenkonzo eziveliswe apha ekhaya. 
1.4.    IKhabhinethi isamkele isigqibo se-arhente ehlela isakhono sokukwazi ukubhatala izikweliti, u-S&P Global ngokuthi ayitshintshe indawo ebebeka kuyo uMzantsi Afrika ngokwesakhono sokukwazi ukubhatala izikweliti – isuke kwimeko ezinzileyo iye kwimeko encumisayo. U-S&P Global usibeke kwizinga ngokwesakhono sokubhatala amatyala exesha elide abalwe ngezimali zangaphandle waze wasibeka ku-BB minus naku-BB kweletyala elibalwe ngemali yalapha ekhaya.

2.    Iindleko zokuphila
2.1.    Ubhubhane weSifo seNtsholongwane ye-Corona (i-COVID-19) kunye nongquzulwano oluqhubayo kwihlabathi zenze iindleko zokuphila zenyuka kakhulu kwihlabathi liphela. Abemi boMzantsi Afrika bathwaxwa ngamaxabiso okunyuka kwamafutha ezithuthi, ukutya kunye nezinye izinto ezisisiseko.
2.2.    Kufuneka sibambisane, sincedane sange ubutyebi beli lizwe ngala maxesha anzima. Urhulumente wenza konke okusemandleni ukuzama ukunika uncedo kumntu wonke, ingakumbi abantu abasweleyo.
2.3.    IBhanki enguVimba yoMzantsi Afrika esebenza kakuhle, ezinzileyo futhi nezimeleyo ifaka isandla izama ukuncenda isizwe singathwaxwa ngamandla kukunyuka kwamaxabiso ngokuthi igcine izinga lokunyuka kwamaxabiso lilawuleka; lingaphantsi kakhulu kweli lamanye amazwe. 
2.4.    IKhabhinethi isamkele isigqibo sikaNondyebo weSizwe sokwandisa kwexesha lokungatsalwa kwerhafu yawo onke amafutha ezithuthi, i-General Fuel Levy (i-GFL). I-GFL yophulwe nge-R1.50 ilitha ngenyanga kaTshazimpunzi noCanzibe, kwaye iza kuphinda ingatsalwa ukususela ngomhla woku-1 kweyeSilimela ukuya kowesi-6 kweyeKhala 2022.
2.5.    IKhabhinethi iphinde yasamkela isigqibo seKhomishini yezoKhuphiswano sokubeka phantsi kweliso elibukhali amaxabiso okutya, ingakumbi ela solotya linyanzelisa amashishini ukuba anike izizathu ngokunyusa amaxabiso ezinto.

3.    INgqungquthela yezoShishino yoMzantsi Afrika ne-Japan
3.1.    IKhabhinethi izamkele iziphumo zeNgqungquthela yezoShishino yoMzantsi Afrika ne-Japan yakutsha nje, ethe yavumelana ngenkqubo yomsebenzi ende equka ukusebenzisana kumaphulo okwakha imizi-mveliso engenabungozi kokusingqongileyo, ubuchwepheshe beemoto ezihamba ngombane kunye nehaydrojini engenabungozi kokusingqongileyo.
3.2.    Le ngqungquthela iphinde yavumelana ukuba kubanjwe umboniso oza kuqhutywa ngonxibelelwano lwevidiyo oza kubonisa ngamathuba akhoyo eMzantsi Afrika kumashishini ase-Japan, uphuhliso lwezakhono kwicandelo lezithuthi lalapha kweli, amaqela ajongene namathuba akhoyo kwicandelo lemizi-mveliso kunye nokwabelana ngolwazi olumayelana nobuchwepheshe.
3.3.    I-Japan lelinye lamazwe abalulekileyo esirhweba nawo kwaye lelinye lamazwe atyala imali eninzi kumacandelo amaninzi eMzantsi Afrika, ukusuka kwelezeemoto ukuya koomatshini bale mihla basemgodini, kwezolimo ukuya kwiinkonzo zezimali.
3.4.    IKhabhinethi ikwamkele ukusekwa kwe-Black Exporters Network liSebe lezoRhwebo, uShishino noKhuphiswano (i-DTIC), eza kudibanisa amashishini abantu abantsundu aqhuba ushishino lokuthumela kumazwe ehlabathi iimveliso zeli. Lo mbutho uza kunceda la mashishini akwazi ukwabelana ngolwazi, ngemingeni agagana nayo kunye nobuchule, kwaye wakhele kumsebenzi omhle osele wenziwe yiNkqubo yooSomashishini Abantsundu.

4.    Ezamandla 
4.1.    Umbono wethu wokuqinisekisa ukuba sinombane owaneleyo uye wasondela ekubeni ufezekiswe emva kokuba kuye kwanikezelwa ngokusesikweni kukaYunithi 4 weZiko loPhehlo-mbane laseKusile, eliseMpumalanga. Ukunikezelwa kwale Yunithi kubaluleke kakhulu kumalinge ka-Eskom okuqinisekisa ukuba kukho uzinzo kwezombane kwaye le Yunithi iza kugalela umbane ozimegawathi (i-MW) ezingama-800 kwiziko lophehlo-mbane lesizwe. 
4.2.    IKhabhinethi ivile nokuba sele ugqityiwe umsebenzi wokwakha iiyunithi zokuphehla umbane ezine kwezintandathu kwiZiko loPhehlo-mbane laseKusile.
4.3.    IKhabhinethi iyakwamkela ukongezwa kweYunithi entsha yokuvelisa umbane kwiziko lombane lesizwe, into leyo ethe yenzeka ngenxa yesigqibo esathathwayo sokuvumela abavelisi bombane abazimeleyo ukuba bavelise umbane. Urhulumente usanda kutyikitya isivumelwano sokuthenga umbane oyi-150 MW kwa-Scatec ASA, inkampani evelisa umbane ohlaziyekayo.

5.    IBhunga labaCebisi ngokuXhotyiswa Banzi kwabaNtsundu ngezoQoqosho (i-B-BBEE)
5.1.    IKhabhinethi iyakwamkela ukonyulwa kweBhunga labaCebisi le-B-BBEE nguMongameli Cyril Ramaphosa.
5.2.    Eli bhunga lenziwe ngabantu abahlukeneyo abaphuma kwezoshishino, kwimibutho yabasebenzi, kwimibutho yoluntu kunye nakumaziko emfundo ephakamileyo, abaza kwenza umsebenzi wokukhokela urhulumente kwimizamo yakhe yokwenza iinguqu kuqoqosho.
5.3.    Nangona umde umgama osele uhanjiwe ukulungisa umonakalo owenziwa ngurhulumente wocalucalulo wokuba uqoqosho lube sezandleni zegcuntswana, kusekuninzi ekufuneka kwenziwe ukwandisa inani labantu abantsundu kwizikhundla zolawulo, ukuphuhlisa izakhono kunye nokwandisa amaqumrhu ekuthengwa kuwo ukuze kunikwe amanina antsundu kunye nolutsha amathuba. 

6.    Izikhukhula
6.1.    Amalinge aqhubayo karhulumente okunikezela ngoncedo kumaphondo ebechatshazelwe zizikhukhula ezimandla enza umahluko obonakalayo. Urhulumente uwukhokelise phambili umba wokunikezela ngokutya, amanzi kunye neendawo zokufihla iintloko ebantwini abaphulukene namakhaya abo kunye nokulungisa iziseko ezingundoqo ezonakeleyo. Uyaqhuba, sithetha nje, umsebenzi omkhulu wokubuyisela kwimo yesiqhelo iinkonzo ezisisiseko ezifana namanzi, umbane, ugutyulo kunye nokuthuthwa kwenkunkuma. 
6.2.    Imali emalunga nezigidi zeerandi ezingama-189.217 iyasebenza ngoku kwiNkqubo yokuPhucula iiNdawo ezingamaTyotyombe ngeenjongo zokuphucula ubomi babantu abahlala kwezi ndawo.
6.3.    Enye imali ezizigidi zeerandi ezingama-733.086 ibekelwe isiBonelelo soPhuhliso lweziNdlu ukuze incede ukwakha iindawo ezizinzileyo nezihlangeneyo zokuhlala abantu.
6.4.    IKhabhinethi iyalamkela uncedo lwezentlalontle oluvela kwilizwe lase-Qatar ebelikukutya, iimpahla, iijenereyitha, oomatshini bokucoca amanzi, iintente kunye namayeza. Esi sipho siza kuxhanyulwa ngabemi abangama-4 000 abasahlala okwethutyana kumaziko oluntu. IKhabhinethi ikwalamkele noncedo lwezentlalontle oluvela e-United Arab Emirates obelukukutya kunye namanzi okunceda amaxhoba ezi zikhukhula bezi thwaxe eli kwezi veki ziphelileyo.

7.    Ukusekwa kweNgxowa-mali yoPhuhliso lweMisebenzi
7.1    IKhabhinethi ikwamkele ukusekwa ngokusesikweni kweNgxowa-mali yoPhuhliso lweMisebenzi yi-Industrial Development Corporation (i-IDC) isebenzisana ne-Ofisi kaMongameli kunye ne-DTIC. Le Ngxowa-mali iza kunika abantu abatsha abanokude bafikelele kuma-50 000 amathuba emisebenzi ezizingxungxo eluncedo ekuhlaleni neyenziwa kwasekuhlaleni.
 7.2    Ezi zingxungxo ziza kuquka ukuncedisa kwicandelo lezempilo nonakekelo loluntu, ukuncedisa kwezokutya nesondlo kumaziko abonelela abantu abangathathi ntweni ngento esiwa phantsi kwempumlo, ukuncedisa kumaphulo okufundisa ukubhala nokufunda, ukutyala imithi namanye amalinge okulwa uguqu-guquko lwemozulu kunye namaphulo okunceda ulutsha. Le Ngxowa-mali iza kuxhasa imibutho yoluntu kunye nengenzi ngeniso engama-26.

8.    Ulwaphulo-mthetho norhwaphilizo
8.1.    IKhabhinethi iyakubulela ukubanjwa kwabantu abaninzi ngezityholo ezinxulumene nobuqhetseba, ukuthutyeleziswa kwemali kunye norhwaphilizo. Aba bantu baquka abo babesakuba zizikhulu kurhulumente nakumaqumrhu akhe, futhi abanye babo babekwe amatyala anxulumene nokwaphula uMthetho wokuLawulwa kweziMali zikaRhulumente (i-PFMA), wowe-1999 (uMthetho uNombl 1 wowe-1999). Aba bantu babanjiweyo – abaquka igosa leSebe leMicimbi yezeKhaya kwiziko leembacu, i-Desmond Tutu Refugee Reception Centre, ePitoli elityholwa ngokuthatha imali yokunyoba kummi wangaphandle – babubungqina bokuba ngenene umthetho awuthengi buso nokuba abasebenzi abanganyanisekanga abafuneki kurhulumente. 
8.2.    IKhabhinethi iyavuyiswa nangumsebenzi osele wenziwe malunga nokubuyiselwa eMzantsi Afrika kwabafo bakwa-Gupta, u-Rajesh no-Atul. Oku kulandela ukubanjwa kwabo e-Dubai e-UAE emva kokuba uMbutho weHlabathi wamaPolisa oLwaphulo-mthetho (i-Interpol) uye yakhupha umgqaliselo wokuba babanjwe apho babonwe khona. Aba bafo bakwa-Gupta bayafunwa ngabakwantsasana eMzantsi Afrika ngokunxulumene nendima ekutyholwa ukuba bayidlala kumkhuba wokubanjwa kombuso ngobhongwane, kuquka ubuqhetseba nokuthutyeleziswa kwemali. Luyaqhuba uthetha-thethwano phakathi kwee-arhente zogcino-mthetho zoMzantsi Afrika kunye nezase-UAE malunga nokubuyiselwa kwabo kweli lizwe. Ukubanjwa kwabo kubonakalisa ukuba urhulumente uzimisele ngenene ukulwa ulwaphulo-mthetho norhwaphilizo ngaphandle koloyiko nokujonga ubuso bomntu.
8.3.    Ukubanjwa kwaba bantu kubonakalisa ukuba ziyasebenza iinkqubo namanyathelo okuqinisekisa ukuba abenzi bobubi bayaphendula ngezenzo zabo ezihambisa umzimba kwaye zikwabubungqina bokuba umthetho awuthengi buso.
8.4.    IKhabhinethi iligxibhe kabukhali ilinge lokuzama ukusengela phantsi uqoqosho lweli lizwe nokudelela ilizwe uqobo emva komonakalo ombi owenziwe kwikheyibhuli ekuYunithi 1 kwisiKhululo soPhehlo-mbane sika-Eskom, iMatla esiseMpumalanga. Eli ibilityeli lesine kusenziwa amalinge okonakalisa ngabom isikhululo sophehlo-mbane elilandela amanye amatyeli amathathu alo mkhuba kwezi veki zimbalwa zidlulileyo.
8.5.    Iinkcukacha-manani zolwaphulo-mthetho zibonakalisa ukuba kusekuninzi ekufuneka sikwenzile sisisizwe ukuqinisekisa ukuba abantu bakuthi bakhuselekile. Oku kusikhumbuza ukuba idabi lokulwa amazinga aphezulu olwaphulo-mthetho lelesizwe kwaye nathi sonke – kuquka amapolisa, iinkokeli zezopolitiko, uluntu ngokubanzi, iintsapho, oosomashishini, abasebenzi kunye nemibutho yoluntu – kufuneka sidlale indima yethu ekulweni ulwaphulo-mthetho.
8.6.    IKhabhinethi inethemba elikhulu ukuba le mali ibekelwe bucala yi-Ofisi yoMphathiswa wezamaPolisa ilungiselela izikhululo zamapolisa ezinamanani aphezulu abantu ababuleleyo, abadlwenguleyo kunye nezinye izenzo zolwaphulo-mthetho olunobundlobongela iza kunceda kakhulu ukulwa ulwaphulo-mthetho ize yenze zikhuseleke kumntu wonke iindawo esihlala kuzo. 

9.    Ezakutsha nge-COVID-19
9.1.    IKhabhinethi ikhumbuza wonke umntu ukuba i-COVID-19 ayikapheli kwaye amathuba okuba lande inani labantu abosulelwe yiyo aza kunyuka ngeli xesha lasebusika. Masiqhubeleke ngokuthatha amanyathelo afanelekileyo okuzikhusela thina kunye nabanye abantu. La manyathelo aquka ukuhlamba izandla rhoqo ngamanzi okanye ngesibulala-ntsholongwane, ukunxiba izifonyo xa ungaphakathi kwizakhiwo, ukungasondelelani, ukuvula iifestile ukuze kubethe umoya kunye nokugonya. 

10.    INgqungquthela yeMbumba ye-Afrika (i-AU)
10.1.    IKhabhinethi isamkele isibhambathiso kunye nezithembiso ezamkelwe kwiNgqungquthela eNkulu ye-AU engezoBunqolobi kunye noTshintsho Olungahambi ngokoMgaqo-siseko e-Afrika ebibanjelwe e-Malabo, e-Republic of Equitorial Guinea, ngoMgqibelo, umhla wama-28 kuCanzibe 2022. 
10.2.    Iinkokeli ze-Afrika zahlola izinto eziyingozi ezihleli zijinga, zaqwalasela amanyathelo athatyathwayo ukusabela kwezi zinto zaze zazibophelela ukuba ziza kuqinisekisa ukuba ukhuseleko lungqingqwa kumazwe angamalungu e-AU onganyelwe yingxaki yobunqolobi nabavukeli-mbuso.

11.    Isifo i-Monkeypox
11.1.    IKhabhinethi ibaqinisekisile abemi boMzantsi Afrika ukuba amagosa ezempilo achophe ezithendeni ngeenjongo zokubeka phantsi kweliso nokuthintela i-Monkeypox, emva kokuba ithe yaqhambuka kumazwe amaninzi angaqhelanga ukuba nayo. Nangona kungekho mntu sele ebonwe okanye efunyaniswe enayo ukuza kuthi ga ngoku apha eMzantsi Afrika, amagosa ezempilo kweli lizwe asibeke phantsi kweliso lokhozi esi sifo. 

B.    Isigqibo seKhabhinethi
1.    Indibano zoluntu zovakaliso-zimvo ngamanyathelo okulwa ukuthengiswa ngokungekho mthethweni kwezinto ezindala zesinyithi
1.1.    IKhabhinethi izivumile ukuba zibanjwe iindibano zoluntu zovakaliso-zimvo ngesiphakamiso sokubhangisa ukurhweba ngezinto ezindala zesinyithi nezisele zibotyoziwe ezingafunyanwanga ngendlela esemthethweni. Ukubiwa kwezinto zesinyithi ezindala kunye nekheyibhule zekopolo kwiziseko ezingundoqo zoluntu kuyaluphazamisa uqoqosho kuba kulutyabula imali eninzi.
1.2.    Olunye uphazamiseko olukwenzayo oku luquka ukuqhawuka kweentambo zombane kunye nokungahambi koololiwe ngenxa yokuba isiporo sonakalisiwe. Oku kwenza abakhweli bahlawule imali eninzi ngenxa yokuba ezinye izithuthi zikawonke-wonke ziphazamiseka. Iintambo zombane ezonakalisiwe neziqhawuliweyo ziyingozi kakhulu ebantwini, ingakumbi ebantwaneni.
1.3.    IKhabhinethi iyalele i-DTIC ukuba ikhokele amaphulo okufakana imilomo noluntu ngokukhawuleza, ukuze ifumane izimvo zabo kunye nezamanye amacandelo afanelekileyo malunga namanyathelo urhulumente ekufuneka awathathe ukunqanda ukonakaliswa kwezi ziseko zingundoqo kuqoqosho lweli. Emva koko, iKhabhinethi iza kubhengeza amanyathelo avunyiweyo ukuba aza kuthatyathwa.

C.    Umsitho ozayo
1.    INkomfa yeHlabathi yesiVumelwano seZizwe eziManyeneyo (i-UN) sokuSebenzisana ngobuChwepheshe boGcino-xolo (i-PTPS)
1.1.    UMzantsi Afrika uza kusingatha i-PTPS yesi-6 e-Council for Scientific and Industrial Research ePitoli, ngoLwesibini, umhla wama-21 ukuya kutsho ngoLwesihlanu, umhla wama-24 kweyeSilimela 2022. Kulindeleke ukuba lo msitho uzinyaswe ngabathunywa abangama-300 aphuma kumazwe angamalungu e-UN angama-50.
1.2.    Le nkomfa iza kudibanisa bonke abanomdla kwezomkhosi, ubupolisa kunye nabantu abaphuma kuMazwe angamaLungu e-UN bazokubonisana ngeendlela zokusetyenziswa kobuchwepheshe bale mihla obukudidi oluphezulu kumaphulo ogcino-xolo akhokelwa yi-UN. Le nkomfa iza kusetyenziswa njengendibano yokucweya nokwabelana ngolwazi yamazwe angamalungu e-UN athatha inxaxheba kumaphulo ogcino-xolo. Olo lwazi lumalunga neentlobo zobuchwepheshe ezikudidi oluphezulu ezisetyenziswa kumaphulo ogcino-xolo.

2.    UKhuphiswano Lwesizwe Lwezakhono Zehlabathi lwesiNe elinguNyaka-mbini (i-WSZA)  
2.1.    Olu Khuphiswano lweSizwe lwesiNe linguNyaka-mbini i-WSZA libanjelwe e-Inkosi Albert Luthuli International Convention Centre kwiphondo laKwaZulu-Natal ukususela ngomhla wesi-7 ukuya kowe-10 kweyeSilimela 2022 phantsi komxholo othi: “Ukukhawulezisa Umsebenzi wokuVelisa Amagcisa eNkulungwane yama-21”.
2.2.    Lo msitho uza kusetyenziselwa ukugqamisa ukubaluleka kwezakhono zobugcisa njengekhondo elibalulekileyo kwaye nokukhangela amathuba entsebenziswano kweli candelo. Futhi, uza kusetyenziselwa ukuhlola umgangatho wamachule eli kunye nowophuhliso lobugcisa ukongeza kweli khwelo likhuthaza ukulandelwa kwezobugcisa njengekhondo eliphambili abafundi beli abanokulikhetha.

D.    Umyalezo
1.    Amazwi ovelwano

    IKhabhinethi nayo njengoMongameli Ramaphosa ithi malilale ngenxeba iKhaya lakoMkhulu kunye nesizwe samaMpondo ngokukhothama koMntan’egazi uKumkani uZanozuko Tyelovuyo Sigcau (Ah Zanozuko!). 

E.    Izikhundla
Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.

1.    UMnu Jacob Ganny Mbele njengoMlawuli-Jikelele (i-DG) weSebe leMithombo yeziMbiwa naMandla.
2.    UNksz Pumeza Nwabisa Nodada njengeSekela loMlawuli-Jikelele: ULawulo lwamaHlathi kwiSebe lezamaHlathi, ezokuLoba nezokusiNgqongileyo.
3.    UNksz Susan Mafanedza Masapu njengoMcebisi oyiNtloko wezoMthetho kaRhulumente kwiSebe lezoBulungisa noPhuhliso loMgaqo-siseko.
4.    UNksz Doris Tshepe njengeMkhomishinara kwiKhomishini yezoKhuphiswano.
5.    UGq Alex Mahapa njengoMcebisi oKhethekileyo osisigxina woMphathiswa oBambeleyo wezabaSebenzi bakaRhulumente noLawulo.
6.    Igqwetha Rams Ramashia njengoMcebisi oKhethekileyo wethutyana woMphathiswa oBambeleyo wezabaSebenzi bakaRhulumente noLawulo.

Imibuzo: uNksz Phumla Williams – IsiThethi seKhabhinethi
Iselula: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore