Ingxelo engeNtlanganiso yeKhabhinethi ebibanjwe kwi-Intanethi ngolwesiTthathu, umhla we-10 kweyoKwindla 2021

A.    Imiba kokusiNgqongileyo
1.    Ukukhalinyelwa kokuhlaselwa nokubulawa kwamapolisa 


1.1.    IKhabhinethi ikukhalimele ukuhlaselwa nokubulawa kwamapolisa okuqhubekekayo isithi akwanelanga nje ukuba yinkqantosi, kodwa kukwagrogrisa ukhuseleko lwesizwe. Amalungu eNkonzo yesiPolisa yoMzantsi Afrika (i-SAPS) nezinye ii-arhente zonyanzeliso-mthetho, kuquka iinkampani zabucala zokhuseleko, abeka ubomi bawo emngciphekweni yonke le mihla ukusigcina sikhuselekile; kwaye kumelwe ukuba siwaxhase siphinde siwakhusele.
1.2.    IKhabhinethi ilwamkele uphando lwamapolisa olukhawulezileyo oluye lwakhokelela ekubanjweni komrhanelwa malunga nokubulawa kwamapolisa amabini aseNtshona Koloni ngeCawa, umhla we-28 kweyoMdumba 2021, aye ebelwa nemipu yawo. Zonke izenzo zolwaphulo-mthetho, kuquka ukubulala, azizi kunyanyezelwa, kwaye abenzi bazo baza kuzingelwa bafunyanwe ukuze bajongane nengalo yomthetho ngokupheleleyo.
1.3.    IKhabhinethi iphinde yancoma umsebenzi we-SAPS wokoxutha isiyobisi esiyi-cocaine esinexabiso lase sitratweni elizizigidi ezingama-R500 kwisikhepe sokuloba kunxweme lwase-Saldanha. Lo msebenzi ubukhokelwa ngabacuphi abasuka kwiYunithi yoLwaphulo-mthetho oluHleliweyo neZiyobisi, isebenzisana nezinye iiyunithi ze-SAPS.
1.4.    I-SAPS iphinde yanconyelwa ukoxutha iibhotilana ezingama-400, ezilingana namathamo amalunga nama-2 400 echiza lokugonyela iSifo sentsholongwane ye-Corona (i-COVID-19) lomgunyathi kwindawo yokugcina imithwalo emikhulu e-Germiston, eRhawutini. Amapolisa aphinde afumana nezigqubuthelibuso zomgunyathi aza abamba abantu abathathu.
1.5.    IKhabhinethi ibongoza uluntu ukuba lulumkele ukuthenga amachiza okugonya omgunyathi kubathengisi abangamaxoki ababeka ubomi babemi abangalindelanga ebungozini. Esebenzisa iSebe lezeMpilo, urhulumente uqalise ukuhambisa inkqubo yasimahla yokugonya kubo bonke abemi boMzantsi Afrika abazinikelayo ukuba bagonywe. Ukuza kuthi ga ngoku, isiGaba sokuQala senkqubo yokugonya kwiindawo zokugonya ezichongiweyo kwilizwe liphela sele ifikelele kubantu abangama-100 000.

2.    Usizi lokusweleka kwendoda e-Braamfontein, eGoli

2.1.    IKhabhinethi ibuhlungu ngokusweleka kalusizi kwendoda ebulewe ngethuba logwayimbo lwabafundi kwiYunivesithi yase-Wits e-Braamfontein, eGoli, ngoLwesithathu, umhla we-10 kweyoKwindla 2021, kwaye igqithisa uvelwano lwayo kusapho nabahlobo bomfi.
2.2.    ICandelo eliziMeleyo lamaPolisa loPhando sele liqhuba uphando ukufumanisa iimeko eziye zakhokelela ekuswelekeni kwale ndoda.
2.3.    IKhabhinethi ikhuthaza amapolisa ukuba azibambe xa eqinisekisa ucwangco kuluntu xa kukho ugwayimbo nokuba angaze asebenzise iimbumbulu zokwenyani.

3.    UMkhuhlane weeHagu wase-Afrika (i-ASF)

3.1.    Kukho iingxelo ezithi kuqhambuke i-ASF kwiifama ezimbini eziseMfuleni, eNtshona Koloni. ISebe lezoLimo laseNtshona Koloni linyanzelise ukuthintelwa kokuthengiswa kweehagu eziphilayo ezisuka eMfuleni ukunciphisa ukusasazeka kwesi sifo.
3.2.    I-ASF sisifo esosulelayo esichaphazela iihagu zasekhaya nezasendle, kodwa asibachaphazeli abantu. Kodwa, iKhabhinethi ihlabe ikhwelo lokuba kunyathelwe ngononophelo olukhulu ukuthintela ukusasazeka kwesi sifo siye kweminye imimandla yelizwe.
3.3.    Amafama acetyiswa ukuba aqale akupheke ukutya kweehagu phambi kokuba akutyise iihagu, ukuqinisekisa ukuba intsholongwane ye-ASF nezinye izifo eziyingxaki azisabi nabungozi.

4.    Amanani eMveliso yeLizwe yoNyaka (i-GDP) ekota yesine ka-2020

4.1.    IKhabhinethi iwaqaphele amanani e-GDP ekota yesine ka-2020 akhutshwe zezeeNkcukacha-manani zoMzantsi Afrika ngoLwesibini, umhla we-9 kweyoKwindla 2021. I-GDP yokwenyani ikhule nge-6.3%, ikakhulu ngenxa yokunyenyiswa kwakhona kwezithintelo ze-COVID-19. Isiphumo sibonise ukukhula okomeleleyo kwiindleko ezipheleleyo zekhaya neemveliso. Ngenxa yoko, kunyaka wonke ka-2020, i-GDP yokwenyani inciphe nge-7.0% - isiphumo esibhetele kuneso ebesilindelekile. 
4.2.    Icandelo lemveliso likhule nge-21.1% kwikota yesine ka-2020. Amacandelo aphantsi kwamanye alithoba kwalishumi abonise ukukhula (ekhokelwa kukutya neziselo, izithuthi nezinto zokuzenza, kunye neemveliso zesinyithi), ngethuba ukukhula korhwebo (9.8%) kukhokelwe lurhwebo lweevenkile, olwezithuthi, ukupheka neendawo zokuhlala. Ulimo lubonakalise okona kukhula okukhulu kwalo konyaka (13.1%) ngenxa yeemeko zemozulu ezintle nokuphucuka kweemeko kumacandelo aphantsi kwamanye kwiinkozo, ukulinywa kwemiyezo kunye nemfuyo.
4.3.    Ngokwenkcitho, iindleko ezipheleleyo zenkcitho yekhaya zonyuke ngezinga le-7.5%, likhokelwa ziirestyu neehotele; ukutya neziselo ezinganxilisiyo; kunye namacandelo aphantsi kwamanye olonwabo nenkcubeko. Uyilo lwemveliso yenkunzi ezinzileyo lonyuke nge-12.1%, lukhokelwa lutyalo-mali kwizixhobo zezothutho nolwakhiwo njengoko abakhweli abahamba ngendlela neentshukumo zothutho ziye zaphucuka kwaye nobunjineli bezendlela buphinde baqalisa.
4.4.    IKhabhinethi isenethemba lokuba uqoqosho luza kuchacha kwakhona ngenxa yeengenelelo zezempilo ezihanjiswa phambili kunye neenzame zentsebenziswano eziqhubekayo phakathi kukarhulumente, amashishini, abasebenzi noluntu ekuphumeleliseni isiCwangciso soKwakhiwa ngokuTsha nokuVuselelwa koQoqosho.

5.    INgqungquthela noMboniso wokuziNgca ngoMzantsi Afrika nokuThenga iiMveliso Zeli

5.1.    UMongameli Cyril Ramaphosa wenze iNtetho ePhambili nge-Intanethi ngoLwesibini, umhla we-9 kweyoKwindla 2021 kwiNgqungquthela noMboniso wokuziNgca ngoMzantsi Afrika nokuThenga iiMveliso Zeli, ebibanjwe phantsi komxholo othi: “Ukusebenzisa iimveliso zeli ngumqhubi wokuKhula koQoqosho”. I-Proudly South African yi-ahrente yeSebe lezoRhwebo, uShishino noKhuphiswano.
5.2.    Le ngqungquthela isasazwe ngqo kumaqonga amaninzi e-intanethi namakhasi onxibelelwano ukuze abantu abaninzi bakwazi ukuthabatha inxaxheba kwiingxoxo. Umboniso we-intanethi uye wavumela iinkampani ukuba zibonise iimveliso neenkonzo zazo ngevidiyo emfutshane eye yanika abo bafuna ukurhweba indawo engumbindi yokudibana kwi-intanethi. 
5.3.    IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubo bonke abemi boMzantsi Afrika namashishini ukuba baxhase iimveliso neenkonzo eziphuma kweli, ingakumbi ngeli xesha lokuchacha koqoqosho, ukonyusa ukukhula koqoqosho nokwakhiwa kwemisebenzi.

6.    Utyelelo kwiziko lokuGcina eliyi-Biovac

6.1.    USekela-Mongameli uDavid Mabuza uye watyelela iziko lokuGcina eliyi-Biovac e-Midrand, eRhawutini ngoLwesibini umhla we-2 kweyoKwindla 2021 njengenxalenye yomsebenzi weKomiti yabaPhathiswa eNgamachiza okugonyela i-COVID-19, eyongamele ukuqhutywa kwenkqubo yokugonya ngokuyimpumelelo.
6.2.    Iziko i-Biovac, eyinkampani yobugcisa bamayeza esekelwe eKapa, yekarhulumente necandelo labucala. Yasekwa ngo-2003 ukuze ibe noxanduva lokulawula iinkqubo zokugonya zoMzantsi Afrika ekuveliseni amachiza okugonya, kunye nolokugcina nokuhambisa amachiza okugonya kwiindawo ezahlukeneyo zokugonya.
6.3.    Kule minyaka igqithileyo, i-Biovac izuze isakhono esaneleyo sokugcina nokuhambisa amachiza okugonya. IKhabhinethi iye yoneliseka ngumnikelo wayo ngakwinkqubo yokuqaliswa kokugonywa nongumsebenzi owenziwa nezinye iinkampani zoveliso-mayeza ukuvelisa amachiza e-COVID-19.
6.4.    IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kuthi sonke ukuba sihlale sithe qwa nokuba siqhubeke nokulandela imithetho yezempilo yokunxiba isigqubuthelibuso xa sisesidlangalaleni, ukuhlamba izandla rhoqo ngesepha namanzi okanye ukusebenzisa isibulali-ntsholongwane esisekelwe kwi-70% ye-alcohol, ukugcina umgama wobuncinane obungaka ngemitha enehafu phakathi kwethu nokulumkela ukuba kwiindibano ezineenginginya.

B.    IziGqibo zeKhabhinethi
1.    INkqubo yeSizwe yeNkxaso-mali yaBafundi (i-NSFAS) 


1.1.    IKhabhinethi ifumene ingxelo kuMphathiswa weMfundo ePhakamileyo, ezobuNzululwazi nobuChwepheshe, uGqr Blade Nzimande, malunga nemiceli-mingeni yokusilela okukhoyo njengangoku kwinkxaso-mali ejongene ne-NSFAS. Le miceli-mingeni ilibazise ukugqitywa kokubhaliswa kwabafundi bonyaka wokuqala waseyunivesithi.
1.2.    Ubhubhane we-COVID-19 uyenze mandundu imiceli-mingeni yale nkqubo. Eminye yayo ngunyaka wemfundo owandisiweyo nenani labafundi abaselungelweni lokuzuza kule ngxowa-mali ngenxa yokuba abazali babo belahlekelwe yimisebenzi. Ukusombulula le miceli-mingeni, iKhabhinethi ivume ukuba kongezwe imali kule ngxowa-mali kwaye iinkcukacha zoku ziza kuchazwa ngokupheleleyo nguMphathiswa uNzimande emveni kwale ngxelo.
1.3.    IKhabhinethi inike umyalelo othi kufuneka kwenziwe umsebenzi owongezelelekileyo ukufumana indlela ezinze ngaphezu kwale yokuxhasa abafundi ngemali yezifundo zabo eziphakamileyo. IKhabhinethi isazinikele ekuqinisekiseni ukuba bonke abafundi abaselungelweni abakhutshelwa bucala ngenxa yokuba kungekho nkxaso-mali.

2.    IPhepha eliYilwayo leziMvo ezimalunga noLawulo loMhlaba kunye noHlaziyo lweNgqesho yoMhlaba kwiiNdawo eziyiNdibanisela yoLuntu 

2.1.    IKhabhinethi ipasise iPhepha eliYilwayo leziMvo ezimalunga noLawulo kunye noHlaziyo lweNgqesho yoMhlaba kwiiNdawo eziyiNdibanisela yoLuntu ukuba liphononongwe nangakumbi ngabo bachaphazelekayo. Olu hlaziyo lucetywayo lunika inkqubo-sikhokelo yomthetho yokuqalisa inkqubo yokutshintshela umhlaba woluntu kubantu okanye uluntu olungqesho yalo yomhlaba ingakhuselekanga ngokusemthethweni.
2.2.    Olu hlaziyo luza kuphinda lwandise isiseko zezinto olunazo uluntu ukunika uluntu amandla okwenza izinto zenkcubeko, ezolonwabo nezoqoqosho abazithandayo. Isiphelo sothethathethwano siza kuba kukuhlala kweNgqungquthela yeSizwe yezoMhlaba ecingwayo.

3.    Ukuthengwa kwechiza lokugonya

3.1.    IKhabhinethi ifumene ingxelo kuMphathiswa wezeMpilo uZwelini Mkhize noMphathiswa wezeziMali uTito Mboweni malunga nothethathethwano lwezivumelwano zokuthenga amachiza okugonya kunye neenkampani ezahlukeneyo zoveliso-mayeza. IKhabhinethi iye yajonga eminye yemimiselo enzima kwizivumelwano engahambelaniyo noko kuthethwa nguMthetho woLawulo lweziMali zoLuntu, 1999 (uMthetho 1 ka-1999) yaza yavuma ukuba kukho iziphambuko esele zivunyelwe nguNondyebo weSizwe esenzela ubomi babemi boMzantsi Afrika. 
3.2.    Ezi ziphambuko ziquka amalungiselelo okuhlawula phambi kwexesha ukuqinisekisa ukuba abemi boMzantsi Afrika bafumana amachiza okugonya ngokukhawuleza okukhulu. IKhabhinethi izixhasile iinzame zikaNondyebo weSizwe neSebe lezeMpilo leSizwe zokuqhubeka nothethathethwano nokuqinisekisa ukuba sonke sifikelela kumachiza okugonya ngokukhawuleza.

4.    IMeko yeSizwe yeNtlekele

4.1.    IKhabhinethi ivume ukwandiswa kwexesha leMeko yeSizwe yeNtlekele ukuya kutsho kumhla we-15 kuTshazimpuzi 2021. Oku kwenziwa ngokweCandelo 27(5) (c) loMthetho wokuLawulwa kweeNtlekele, 2002 (uMthetho 57 ka-2002). Uluntu luyakhuthazwa ukuba luqhubeke nokulandela onke amanyathelo nezithintelo ze-COVID-19 ukuthintela ukusasazeka kwale ntsholongwane.

C.    IMithetho esayilwayo
1.    UMthetho osayilwayo woKhuseleko neMpilo eMsebenzini ka-2020 (i-OHS)


1.1.    IKhabhinethi ivume ukuba uMthetho osayilwayo we-OHS ka-2020 ungapapashwa ukuze uluntu lunike izimvo zalo ngawo. Lo Mthetho osayilwayo ufuna ukwenza izilungiso kuMthetho we-OHS, 1993 (uMthetho 85 ka-1993) ze uwoyamanise neendlela ekwenziwa ngazo kwihlabathi jikelele. Ukwafuna ukomeleza amanyathelo okhuseleko lwabasebenzi kwiindawo abasebenza kuzo.
1.2.    Lo Mthetho osayilwayo wazisa amalungiselelo anika abasebenzi amandla okungasebenzi xa bebona ngathi indawo abakuyo inobungozi kwaye ayikhuselekanga, ngaphandle kokwenziwa amaxhoba ngabaqeshi.

2.    UMthetho oyilwayo wokuKhusela abaThengi beziNdlu

2.1.    IKhabhinethi ivume ukuba uMthetho oyilwayo wokuKhusela abaThengi beziNdlu ungangeniswa ze wondlalwe ePalamente. Lo Mthetho oyilwayo urhoxisa uMthetho waManyathelo okuKhusela abaThengi beziNdlu, 1998 (uMthetho 95 ka-1998). Izilungiso ezicetywayo ziquka ukwandiswa kokhusekelo olunikwa abathengi bezindlu – kuquka izilungiso, izihlaziyo, utshintsho kunye nezongezo kwikhaya esele likhona. Lo Mthetho oyilwayo ukwaphakamisa iinkqubo zotshintsho kwishishini lolwakhiwo lwezindlu.
2.2.    Sekufunyenwe amagalelo aliqela asuka kwabo bachaphazelekayo kweli shishini ngokuthethathethana noluntu. Lo Mthetho osayilwayo uza kuphononongwa kwakhona ngenkqubo yasepalamente phambi kokuba upasiswe wenziwe umthetho.

D.    Imisitho Ezayo
1.    USuku lwaManzi lweHlabathi


1.1.    UMzantsi Afrika uza kuzibandakanya noluntu lwehlabathi ukuphawula uSuku lwaManzi lweHlabathi ngoMvulo, umhla we-22 kweyoKwindla 2021. Olu suku lwenza ukuba abantu bayithabathele ingqalelo ingxaki yamanzi ekwihlabathi kwaye lugxila ekufikeleleni kwiNjongo eZinzileyo yoPhuhliso yesi-6: Amanzi aCocekileyo noCoceko lo mntu wonke engafikanga u-2030.
1.2.    ISebe lezaManzi noCoceko lisungule iphulo le-#SaveWater ukukhumbuza bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba ithontsi ngalinye liyabala. Nangona kukho imvula eninzi kutsha nje, eli lizwe linqatyelwe ngamanzi lisesemngciphekweni wokuba neembalela ezizinzileyo ezenziwa mandundu kukutshintsha kwemozulu.
1.3.    IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubemi boMzantsi Afrika ukuba basebenzise amanzi ngendlela ewongayo kuba ukuziphatha kwethu ngendlela enemosharha namhlanje kungaba nefuthe kwizizukulwana ezizayo. Masibeni sisizukulwana esinenkathalo esathi sacingela ingomso salibeka ezandleni zethu sonke ngokuthi sivale itephu yokumoshwa kwamanzi.

E.    Imiyalezo
1.    Uvuyiswano


IKhabhinethi igqithise amazwi ovuyiswano ku:

  • Nks Tshepho Faith Koopa, oyinzululwazi yobuyeza yeli esuka e-Pathology LabOne othe wafumanisa into eyenza ukuba amajoni omzimba avelise izilwa-buhlungu zovavanyo lwe-COVID-19. Le nto eyenza ukuba amajoni omzimba avelise izilwa-buhlungu yinxalenye yeekiti zokuvavanya i-COVID-19 ezikhutshwa ziilabhoretri ze-LabOne eKhayelitsha, eNtshona Koloni nase-Midstream, eRhawutini.

2.    Amazwi ovelwano 
IKhabhinethi igqithise amazwi ovelwano kusapho nabahlobo baka:

  • Nks Karima Brown (54), unondaba omdala obehamba phambili nobelitshantliziyo.
  • Mnu Peter Matlare (61), usomashishini noSekela Mlawuli-oyiNtloko wase-Absa obekwasezikhundleni ezahlukeneyo zolawulo kumashishini aliqela ahamba phambili eMzantsi Afrika nase-SABC.
  • Mnu Azwifarwi Dick Ralushi (71) ixhego lemfazwe yomzabalazo wenkululeko. URalushi wayelilungu le-Black Peoples Convention (i-BPC) waza wasebenza njengoNobhala wokuNika uLwazi. Wayelilungu leKomiti yeNtshukumo i-Northern Transvaal Action Committee eyayimanyene ne-UDF, kunye netshantliziyo laphantsi komhlaba loMkhonto weSizwe owawuliphiko lomkhosi le-African National Congress phantsi kwe-Northern Transvaal Rural Machinery.
     

F.    Izikhundla

Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo.
1.    Nks Mamogala Jennifer Musekene – Sekela Mlawuli-Jikelele: ULawulo lweeKhemikhali neNkunkuma, kwiSebe lezeNdalo, amaHlathi nezokuLoba.

Imibuzo:
Nks Phumla Williams – USomlomo weKhabhinethi 
ISelula: 083 501 0139
 

Share this page

Similar categories to explore