INtetho kwiNtlanganiso yeKhabhinethi yomhla wama-28 kweyoMsintsi yowama-2016

1. Ukuphunyezwa kweeNkqubo zikaRhulumente ezinguNdoqo

1.1. Singurhulumente sizinikele kakhulu ekuphuculeni abantu bakuthi, kungoko imfundo ihleli ingowona mba uphambili kuthi. Oku sikubonakalise ngezibonelelo, apho iMfundo ePhakamileyo noQeqesho izezona zixhamle kakhulu kuhlahlo-lwabiwo mali lesizwe, ngokufumana uchatha oyili-18% kunyaka wama-2016/17.  

Nangona kukho ukudodobala kuqoqosho sisaqhubeka ukubonelela ngemithombo njengokubonakalisa inkxaso yethu ekwandiseni inani labo bafumana iMfundo ePhakamileyo, nemfundo nje jikelele. Kulo nyaka urhulumente uhlawule imali eyibhiliyoni yeerandi eyi-1.9  eyinxalenye yentsalela yeebhiliyoni zeerandi eziyi-2.3 ebibangelwe kukuhlawula kukarhulumente imali yokuthintela ukunyuswa kwemali yemfundo kunyaka wama-2016. Imali engaphezulu kweebhiliyoni zeerandi eziyi-4.5 ephinde yabekelwa bucala ukulungiselela unyaka-mali wama-2016/17 ukwenzela ukuba ifunyanwe siSkimu seSizwe soNcedo lwezeZimali yabaFundi (i-NSFAS) ukunceda abafundi abaphuma kumakhaya ahluphekayo ukuze bakwazi ukufumana imfundo ephakamileyo.

1.2. Urhulumente uyiqonda kakuhle into yokuba ukutyala imali kwimfundo yabantwana bethu kuza kunyusa isantya uqoqosho lweli olukhula ngaso, into leyo edingeka kakhulu ukuze kuliwe nomngeni ontlantlu-ntathu wentswela-ngqesho, indlala nokungalingani.

Urhulumente uzivile waza wasabela kwizikhalazo zabafundi kwaye uza kubabhatalela abafundi basezidyunivesiti abaphuma kumakhaya angathathi ntweni nalawo amkela imivuzo ephantsi kulo chatha uza kongezwa kwimali yokufunda yowama-2017.  Abafundi abanabazali okanye abalondolozi abanokwazi ukuyihlawulela imfundo yasedyunivesithi kufuneka kwaye kukwafanele ukuba baqhubekeke ukwenza njalo, kuba imfundo luxanduva lomntu wonke hayi nje urhulumente kuphela.

1.3. Ukunyuswa kwemali yokufunda kuwuthathele ingqalelo umba wokwazi kwabafundi nabazali babo ukuhlawula, kwakunye nemfuneko yokuqinisekisa ukuba amaziko emfundo ephakamileyo azinzile ngokwezezimali.  Ingxelo yexeshana eyenzwe liBhunga leMfundo ePhakamileyo iphakamise ukuba isixa enyuswa ngaso imali yokufunda yonyaka wama-2017 sihambelane nokunyuka kwamandla emali kuwo onke amaziko.

1.4. Urhulumente usamkele isiphakamiso sokuba imali yokufunda inyuswe nge-8% kwiidyunivesithi neekholeji zeMfundo yobuGcisa namaKhondo noQeqesho, ngeli xesha eza kuncedisa ngemali yokubhatala abafundi abangenamali yaneleyo yokufunda abaphuma kumakhaya ahluphekayo kunye nabafundi abaphakathi kwaba basokolayo nabo baphuma kumakhaya afumileyo.

Ngeli xesha iKhomishini yoPhando kaMongameli lweNkxaso-mali yeMfundo ePhakamileyo noQeqesho iwugqibezela umsebenzi wayo, iidyunivesithi zeli kufanele ziqhubekeke zisebenza, ukuvelisela uqoqosho izakhono, nokuxhobisa abemi boMzantsi Afrika abasebatsha nabafundi abavela kumazwe ehlabathi jikelele, ngokukodwa abaphuma kumazwe angamalungu oMbutho woPhuhliso lwe-Afrika eseMazantsi (i-SADC).
   
1.5. IKhabhinethi ibongoza abafundi ingakumbi iinkokheli zabafundi, ukuba bavakalise izikhalazo zabo ngendlela efanelekileyo belandela uMgaqo-siseko, okhokela bonke abemi boMzantsi Afrika.  Udushe lwakutsha nje lungcolisa igama loqhankqalazo lwabafundi, xa eli lizwe libukele ukonakaliswa, ukutshatyalaliswa kwezakhiwo, ukutshiswa kwamathala eencwadi kanti ngoku sithetha nje kwada kwakho nokusweleka komsebenzi wasedyunivesithi.

1.6. UMongameli uJacob Zuma uyalele iNtlanganisela yezobuLungisa, uThintelo loLwaphulo-mthetho noKhuseleko (i-JCPS) ukuba lisebenze ngalo mbodamo utshabalalisa amaziko wethu emfundo ephakamileyo. UMongameli uza kudibana nabaPhathiswa beNtlanganisela ye-JCPS ekuhambeni kwethuba namhlanje. Ii-arhente zogcino-mthetho, zisebenza ngokomthetho, ziza kwenza konke ezinakho ukukhangela abo baphambili ekwenziweni kwezenzo zolwaphulo-mthetho.    

1.7. Ekwamkeleni isimemezo esenziwe liSebe leMfundo esiSiseko sokuba onke  amalungiselelo agqityiwe okubhaliswa kweemviwo zeSatifikethi esiPhezulu seSizwe seBanga le-12 soNyaka wama-2016, sibongoza bonke abadlali-ndima abalulekileyo ukuba basebenzisane ukuqinisekisa ukuba amaziko wethu emfundo ephakamileyo akulungele ukwamkela aBafundi beBanga le-12 kulo nyaka wama-2016 khona ukuze silungiselele abantwana bethu ingomso eliqaqambileyo. Bonke abadlali-ndima ababalulekileyo, ingakumbi abazali nabalondolozi babantwana, kufuneka badlale indima emandla ekufumaneni izisombululo zexesha elide kumngeni wemali yokufunda.

Iimviwo zeBanga le-12 ziqala ngomhla wama-26 kweyeDwarha ukuya kumhla wama-29 kweyeNkanga yowama-2016. UMphathiswa weMfundo esiSiseko uza kupapasha iziphumo zeemviwo zeBanga le-12 zonyaka wama-2016 ngomhla we-4 kweyoMqungu yowama-2017. Kwiimviwo zonyaka wama-2016, sinabafundi abangama-677 141 abafunda behleli edesikeni kunye nabangama-150183 abafunda besebenza, elilinani elingaphezulu ngama-9 000 kwabonyaka wama-2015, okubonakalisa ukuzinikela kukarhulumente ekuqinisekiseni ukuba linyukile inali labantu abatsha beli abawaphumumelelayo amabanga emfundo  esisiseko khona ukuze bakwazi ukuthatha inxaxheba kuqoqosho. IKhabhinethi inqwenela bonke abafundi boNyaka wama-2016 okuhle kodwa xa bengena kwisigaba sokugqibela samabanga abo emfundo esisiseko.  

1.8. Njengokuba ihlabathi libhiyozela uSuku looTitshala lweHlabathi ngomhla we-5 kweyeDwarha yowama-2016, iKhabhinethi iqhwabela izandla bonke ootitshala bethu kwaye ibancoma ngokuzinikela kwabo nokusebenza nzima ekwakheni isiseko seenkokheli zethu zangomso. Ukuzinikela nokunyamezela kootitshala bethu kubaphakamisile abantu bakuthi kwaye kusaqhubekeka ukuqhubela abantwana bethu kwingomso eliqaqambileyo.

Uqoqosho

1.9. IKhabhinethi iyakhuthazwa ziziphumo zeendibano zokufakana imilomo  ezisaqhubekayo phakathi kukarhulumente neenkokeli zezoshishino nezikhokelwa nguMongameli uZuma ngePhulo likaMongameli lamaGosa aziNtloko zesiGqeba (ii-CEO) ngamalinge okuzama ukwenza uqoqosho luzinze, ukuphemba ngokutsha uhlumo lwezoqoqosho nokuthintela ukuthotywa kwezinga eli lizwe elibekwa kulo zi-arhente ezizimeleyo zehlabathi ngokwesakhono salo sokukwazi ukuhlawula amatyala.   
Inkqubela iquka inkqubo yokuqeshwa kolutsha yokufakwa kwabantu abatsha abasisigidi kwinkqubo ehlawulayo yokusebenzela ukufunda amava omsebenzi kule minyaka mithathu izayo kumashishini abucala, kuquka ukusekwa kweNgxowa-mali yamaShishini amaNcinci naPhakathi kutyalwe imali eyibhiliyoni eyi-1,5 kumashishini amancinci. Ngokuhambelana neSicwangciso esimaNqaku aliThoba sikarhulumente, sele wenziwe umsebenzi wokuhlola amacandelo ezoqoqosho asibhozo kwaza kwachongwa iindawo zotyalo-mali olutsha nohlumo lwezoqoqosho.

Ukususela ngoku abezoshishino baza kusebenzisana norhulumente ngezi projekthi zilandelayo: ukusekwa kweNgxowa-mali yoHlumo kwezoLimo;  inkxaso yamaphulo okuthengisa ezokhenketho; ukwandisa inani labongikazi abaqeqeshiweyo; nokuvuselelwa kwemimandla yemizi-mveliso ephelayo, ngokukodwa kuNxantathu weLigwa.

1.10. Inkqubela sele yenziwe ekufezekisweni kwesiCwangciso-qhinga seSizwe soPhandonzulu lobuChwepheshe be-Hydrogen neeSeli zeziBaso, uPhuhliso nobuChule bokuYila (isiCwangciso-qhinga se-HySA). IKhabhinethi yasivuma ngowama-2007 isiCwangciso-qhinga se-HySA ukudala ulwazi nokuvumela uphuhliso lweemveliso ezinokuthengiswa ezinexabiso eliphezulu kwicandelo lobuchwepheshe be-Hydrogen neeSeli zeziBaso ngenkqubo yokuxhamlisa yeqela lemithombo yesinyithi yeplatinamu yeli lizwe. Oku kuza kuphucula namathuba okuqhubela phambili ukusetyenziswa kwemveliso yalapha ekhaya ngeenjongo zokukhulisa oosomashishini abamnyama. Obu buchule bokuvelisa izinto ezintsha baseMzantsi Afrika buquka ukwenza igalelo kubuchule bokuyila behlabathi ngokwenza ukuba iimveliso zobuchwepheshe zithengiseke ngeli xesha iza kuthatha i-25% yabathengi nabasebenzisi bobuchwepheshe be-Hydrogen neeSeli zeziBaso, eyakulingana nebhiliyoni eyi-1.37 yeerandi ngowama-2020.

1.11. IKhabhinethi iyakuvuma ukuphunyezwa komthetho omtsha oza kulawulo ubudlelwane phakathi komqeshi nomsebenzi ngokumalunga nokwenziwa koshishino komsebenzi karhulumente noMbuso. Lo mmiselo ubhengezwe kwiPhephandaba loMbuso wenza ukuba kusebenze uMthetho woLawulo loMsebenzi kaRhulumente, wama-2014 (uMthetho 11 wama-2014).  

1.12. Ukunikezelwa kwezindlu ezingama-500 okuqala kwiProjekthi eDibeneyo yezokuHlaliswa koLuntu eSavanna City, nebikhokelwa nguMphathiswa wezokuHlaliswa koLuntu, uNksz Lindiwe Sisulu, iyinxalenye yamalinge karhulumente ekuboneleleni ngezindlu abantu abasokolayo nokunceda ukubuyisela isidima sabo ngokuqinisekisa ukuba baxhamla ilungelo lokuba neendawo zokuhlala ezifanelekileyo nezisemgangathweni. Kunikezelwe izindlu ezingama-200 kumagqala emfazwe. Xa sele igqityiwe le projekthi kule minyaka mihlanu ilandelayo, iza kuba sele inezindlu ezingaphezulu kwe-18 000, apho ama-500 kuzo ziza kunikezelwa kumagqala emfazwe.

1.13. UMphathiswa weziSeko zoNxibelelwano neeNkonzo zePosi, uGq Siyabonga Cwele noMkomishinala weMbumba yaMazwe ase-Afrika (i-AU) uGq Elham Ibrahim bamisele ngokuyimpumelelo iQonga leSizwe loLawulo lwe-Intanethi kunye neZiko Lokwabelana nge-Intanethi loMbutho woPhuhliso lwamaZantsi e-Afrika.

IQonga lase-Afrika loLawulo lwe-Intanethi (i-AflGF) libhale ingxelo ecacisa uluvo lweli  lizwe, kumalungiselelo e-AflGF yesiHlanu ukususela ngomhla we-16 ukuya kowe-18 kweyeDwarha yowama-2016, eThekwini, KwaZulu-Natal. I-AflGF iza kukholela ekuhleni kwamaxabiso e-Intanethi kulo mmandla ngenxa yokuba uthungelwano lwe-Intanethi luza kujikeleza phakathi kwamazwe ase-Afrika.

La malinge abonakalisa indlela uMzantsi Afrika ne-AU abawuxabise ngayo umba wokuthatha inxaxheba ngendlela ebonakalayo kuqoqosho oluqhutywa nge-Intanethi hayi njengabasebenzisi bayo kuphela. Oku kukwasisondeza ekudaleni uqoqosho oluqhutywa yi-intanethi oluxhanyuwa ngumntu wonke kunye nobomi obuxhomekeke nobuxabise ulwazi, njengoko kucingeleka kwisiCwangciso seSizwe soPhuhliso (i-NDP). Urhulumente uzimisele ekuqinisekiseni ukuba i-Intanethi ifikeleleka jikelele kubo bonke abemi boMzantsi Afrika, okwenza igalelo ekudaleni isizwe esingacaluli mntu.   

1.14. UMnyhadala-mboniso wezoPhapho  nezoKhuselo eMoyeni kunye nomboniso wezoKhuselo osingathwe liSebe lezoKhuselo, i-Armscor, uMbutho woMzantsi Afrika wezoPhapho, ezaManzi nezoKhuselo, uDenel kunye noMbutho waseMzantsi Afrika wezoPhapho kwezoRhwebo. Le miboniso inike  icandelo lezokhuselo laseMzantsi Afrika ithuba lokuba libonakalise izakhono zalo kwihlabathi, kwaye kulo nyaka sikwabone inani elikhulu labantu abenza imiboniso namaqonga okubonisa amelwe ngamazwe awohlukahlukeneyo.

2. Uluvo lweKhabhineti kwimiba engundoqo esematheni

2.1. IKhabhinethi iyavumelena ngokupheleleyo nengxelo ekhutshwe yi-Ofisi kaMongameli ngomhla wama-23 kweyoMsintsi, kumba weGosa leMisebenzi eliyiNtloko  (i-COO) leQumrhu lezoSasazo laseMzantsi Afrika (i-SABC). IKhabhinethi isihloniphile isigwebo seNkundla yeziBheno ePhakamileyo (i-SCA) sokungqina ukuba makurhoxiswe ukuqeshwa kukaMnu Hlaudi Motsoeneng njenge-COO ye-SABC.

IKhabinethi icela iBhodi ye-SABC ukuba iyilandele imiqathango ekwisigwebo se-SCA. Amalinge okuzama ukuphikisa isigwebo se-SCA ngendlela yokutolika umthetho ngokukrokrisayo kubonakalisa ukophula imigomo yezomthetho ngokwakumgaqo-siseko kwaye kucela umngeni kwigunya elinikwe iinkundla zethu ngumgaqo-siseko. Isigqibo sokumqesha kwakhona uMnu Motsoeneng kwisikhundla esitsha kubonakalisa ukungawuthobeli umthetho.

IKhabhinethi ikhumbuze iBhodi ngeCandelo le-165 loMgaqo-siseko: ukuba umyalelo okanye isigwebo esikhutshwe yinkundla sibophelela nabani na okanye naliphi na iqumrhu laseburhulumenteni esibhekisa kulo.  

IKhabhinethi iyalele uMphathiswa wezoNxibelelwano, uNksz Faith Muthambi, ukuba makathathe amanyathelo angxamisekileyo ukulungisa lo mba kunye neBhodi ye-SABC.   

2.2. IKhabhinethi iyazamkela iziphumo zokuthatha inxaxheba koMzangtsi Afrika kwiSeshoni yama-71 yeNdibano eNkulu ye-UN (i-UNGA), nebikhokelwa nguMongameli uZuma.

Le ndibano ibibanjwe ukususela ngomhla wama-20 ukuya kowama-26 kweyoMsintsi yowama-2016 phantsi komxholo othi: “Iinjongo zoPhuhliso eziZinzileyo: Amalinge ethu sonke okuguqula ihlabathi”.  

Kule seshoni iinkokeli zehlabathi zisamkele isiBhengezo sase-New York esivakalisa ukuzimisela ngokwepolitiki nokuzinikela ekukhuseleni amalungelo embacu nabafuduki. Ezi zivumelwano zokuzibophelela zivula indlela eya kuthethathethwano olujongise kwingqungquthela yehlabathi nokwamkelwa kwesivumelwano sehlabathi  sokufuduka okukhuselekileyo, okwenzeka kakuhle nokwenzeka rhoqo ngowama-2018.

Ilizwe lethu kwakhona liyasiphinda isismemo salo sokomelezwa kwamaziko olawulo lwehlabathi, kuquka iZizwe eziManyeneyo (i-UN), ingakumbi iBhunga loKhuselo kwaye icebisa ukuba kwenziwe uhlengahlengiso olukhawulezileyo kula maziko ngenjongo zokulungisa umonakalo wangaphambili wokudlelelela i-Afrika ngezobulungisa into leyo ubungqina bayo bubonakala ngamabhunga namacandelo ayo aphelelwa lixesha.

UMongameli uZuma ngokuphathisana noMongameli Francois Hollande waseFrance usingathe iKhomishini ye-UN ekwiNqanaba eliPhezulu kwiNgqesho kwezeMpilo noHlumo lwezoQoqosho  ngomhla wama-20 kweyoMsintsi yowama-2016. Le khomishini yasekwa nguNobhala-Jikelele we-UN kwaye ineenjongo zokubonisana neenkokeli ezikwelona nqanaba liphezulu ukukhuthaza ukudalwa kwamathuba amatsha empangelo kwicandelo lezempilo ehlabathini jikelele. INgxelo yeKhomishini neyamkelwe yiNdibano Enkulu, yenza izindululo kuMazwe angamaLungu, ukususela kwingxaki yokufuneka koqeqesho, imfundo eqhubekayo kunye nomba wokuba kugxilwe kwiinkonzo zezempilo. Oku kuquka isibhambathiso sokuba kuqeqeshwe abasebenzi bezempilo abazizigidi ezingama-40 ngowama-2030.

Ukunikezelwa ngokusesikweni kwesikhundla sikasihlalo okhokelayo woMbutho wooRhulumente abaVulelekileyo (i-OGP) kwiFrance kwenziwe nguMongameli uZuma ngexesha lomsitho wokubhiyozela iminyaka emihlanu ububanjwe ecaleni ngethuba kuqhutywa i-UNGA. Ngexesha ibisenguMzantsi Afrika usihlalo we-OGP siye saxhasa isiBhengezo sooRhulumente abaVulelekileyo ekufezekisweni kwe-Ajenda yowama-2030 yoPhuhliso oluZinzileyo, noluza kwenza ukuba amazwe angamalungu e-OGP afake iiNjongo zoPhuhliso oluZinzileyo kwezicwangciso zawo zokusebenza. UMzantsi Afrika ukwakubeke phambili ukusebenza koMthetho ngokungafihlisiyo, iinkcukhacha eziselubala, nokwandiswa ukuthatha inxaxheba koluntu ukuquka imibutho yabahlali kunye namaqela abuthathaka ngaphakathi kwi-OGP.

3. Izigqibo zeKhabhinethi ezingundoqo

3.1. IKhabhinethi yazisiwe ngohlolo olwenziwa liZiko loQeqesho kwezeNzululwazi yaseMzantsi Afrika ngokumalunga nokulungela kobuchwepheshe baseMzantsi Afrika ukuxhasa ushishino lwegesi ephuma ekuqhushunjisweni kwamatye, isheligesi, kuquka nezindululo ngamanyathelo ekufanele efezekisiwe ngamasebe afanelekileyo.

Kweli xesha lokutshintshela kubuchwepheshe obukhupha umoya ongcolileyo omncinci ngeli xesha uphucula ukubakho kwamandla ombane, uMzantsi Afrika uyayiqwalasela into yokuba isheligesi inganegalelo ukongeza kwiintlobo ezahlukeneyo zamandla kwixesha elizayo kweli lizwe.

Ingxelo, eza kukhutshelwa ukuba ifunyanwe luluntu, ibalula imiba eliqela efuna ukuhoywa khona ukuze eli lizwe libe kwisimo esipheleleyo sokulungela. Oku kuquka: ukomeleza ulawulo, oogunyaziwe belayisenisi nabovavanyo, ukuqinisekisa ukuba uMzantsi Afrika unezakhono ezifunekayo; ukuxhasa iinkampani ezifanelekileyo ukuba isebenzise amathuba ezoqoqosho, ukumiselwa amanyathelo aza kukhusela imithombo yendalo, nokuqalisa ngophandonzulu. Le ngxelo iza kusetyenziswa njengesiseko sokuphuhlisa uphandonzulu ngegesi ephuma ekuqhushunjisweni kwamatye, isicwangciso sophuhliso nesobuchule bokuvelisa izinto ezintsha.

3.2. Sele yenziwe inkqubela kwiphulo i-Operation Phakisa wezoLimo, uBuyekezo lweMihlaba noPhuhliso lwamaPhandle. Ngephulo i-Operation Phakisa urhulumente wandisa uhlumo, ngenjongo yokwenza uMzantsi Afrika isizwe esinokutya kuwo onke amazinga.

Ukususela kuCanzibe wama-2016, kubanjwe iiseshoni zofakwano-mlomo nabantu abaninzi kwisithuba seenyanga ezine. Eyona LAB yenzeka isithuba seeveki ezintlanu ukususela ngomhla wama-25 kweyoMsintsi ukuya kowama-28 kweyeDwarha yowama-2016. Ezona njongo ziphambili kukuqinisekisa ngokuqulunqwa kongenelelo olufunekayo nolufezekisekayo olujongise ekubandakanyekeni okukhulu kwezoqoqosho kweli candelo. Iphulo i-Operation Phakisa: kwezoLimo noBuyekezo lweMihlaba lizimisele ukudala imisebenzi esisigidi, lize lilime iihektare ezisisigidi ngowama-2019, njengoko i-NDP ilindele njalo.

3.3. IKhabhinethi iyivumile iNkqubo-sikhokelo yobuChule yokuXhotyiswa ukwenzela ooMasipala beSithili nabeNdawo ukuxhasa iNkqubo yeePaka zezoLimo.    

INkqubo yeePaka zezoLimo ibe yintsika yemiba ephambili yokuVuselela ngoKutsha ezoLimo namaQumrhu aSebenzisanayo ukuHlela nokuCola iiMveliso zezoLimo, neyiyenye yemiba ephambili kwisiCwangciso esimaNqaku aliThoba. Onke lama-44 oomasipala afakiwe kule nkqubo. Oku kuza kubeka iiPaka zezoLimo endaweni efanelekileyo ukuba zisebenze njengendlela ebalulekileyo ukufezekisa isicwangciso-qhinga sophuhliso lwamaphandle olucetyiswa yi-NDP ngenxa yamandla azo okuxhasa ukuveliswa kweemveliso zezolimo ngemiyinge emincinci nokuvuselela ukuhlelwa kweemveliso zezolimo kwiindawo zasemaphandleni.   

3.4. IKhabhinethi ikwavume iPhepha lokuCacisa uMgaqo-nkqubo wobuChwepheshe boNxibelelwano loLwazi (i-ICT) oluDibeneyo leSizwe, nelithatha indawo yePhepha eliCacisa uMigaqo-nkqubo weziSeko zezoNxibelelwano (lowe-1996) nePhepha eliCacisa uMgaqo-nkqubo weeNkonzo zePosi (lowe-1998).

Lo mgaqo-nkqubo we-ICT udibeneyo ucacisa ukuba urhulumente uza kuqinisekisa njani ukuba eli candelo liyawafezekisa amandla walo okuququzelela inguqu edibeneyo kwezentlalo noqoqosho eMzantsi Afrika. UMphathiswa weziSeko zoNxibelelwano  neeNkonzo zePosi, uGq Cwele, uza kubamba iindibano noonondaba ukuze awucacise ngakumbi lo mgaqo-nkqubo.

3.5. IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa kweSivumelwano sowe-1999 seManyano yezoNxibelelwano loMnxeba ye-Afrika (i-ATU) ePalamente ukuze sigunyaziswe ngokweCandelo 231 (2) loMgaqo-siseko.

I-ATU liqumrhu elikhuthaza ufikelelo nokusetyenziswa kwe-ICTs – njengokufezekiswa kweziseko ezingundoqo, ububanzi bamaza osasazo koonomathotholo nomgangatho wokusebenza ngokudibeneyo – kwilizwekazi.

Ukuthatha inxaxheba koMzantsi Afrika kuhambelana nenjongo ze-NDP nenjongo zomgaqo-nkqubo wamazwe angaphandle wokumisela ilizwe endaweni engcono ehlabathini jikelele nokomelelza i-AU khona ukuze kufezekiswe iinjongo eziphuhlayo zomgaqo-nkqubo wamazwe angaphandle.

3.6. IKhabhinethi iyivumile inkqubo-sikhokelo ecetyiswayo yokusekwa kwe-Multi-Purpose Administrator ye-Digital Object Architecture (i-DOA), negama elicetyisiweyo elibizwa i-Arhente iMISIVA ye-Digital Identifier.  

Ukufezekiswa kwe-DOA kunamandla okubeka uMzantsi Afrika endaweni ngokomeleza ukumelana nokhuphiswa ekulungeleni ukuthatha inxaxheba kwiiNtlobo zokuSebenza zale Mihla eziSekelwe kubuXhaka-xhaka beKhompyutha.

3.7. IKhabhinethi ikuvumile ukuhlaziywa kwesigqibo esithathwe nguMzantsi Afrika kwisiphakamiso soMbutho wokuPhuhlisa i-Afrika eseMazantsi (i-SADC) sokuqulunqwa kwesivumelwano sokuqondana malunga nokusekwa kweZiko loLawulo loMzila oHlanganisa uMntla noMzantsi (i-NSCMI).

AbaPhathiswa bezoThutho be-SADC bavumile ukuseka i-NSCMI ukuze kubangulwe izinto ezibangela ukungasebenzi kakuhle kuze kususwe nemiqobo kuMzila woMntla noMzantsi. IKhabhinethi ikwavume ukuba uMphathiswa wezoThutho asingathe intlanganiso yabaPhathiswa bezoThutho boMzila woMntla noMzantsi ngowama-2016/17.

3.8. IKhabhinethi yazisiwe ngokuqulunqwa koluhlu lweengqekembe zemali zesikhumbuzo neziza kuhanjiswa eluntwini eziza kubonakalisa inkcubeko, inkululeko nolawulo lwentando yesininzi, yiNkampani yokuXonxa iMali yaseMzantsi Afrika kunye neBhodi yabaLawuli bawo, isebenzisana, noMphathiswa wezeMali.

IKhabhinethi ikuvumile ukuveliswa nokuyilwa kweengqekembe yePonti yesilivere yesikhumbuzo entsha ye-R10 ne-R5; ingqekembe entsha esisikhumbuzo yegolide ene-24-carat kuLuhlu lweeNgqekembe zeNdalo zowama-2017; kunye

a. Noyilo lolu luhlu lulandelayo lweengqekembe zesikhumbuzo:

  • ULuhlu lweeNgqekembe zeNdalo lowama-2017;
  • ULuhlu lweNgqekembe zePonti yesilivere lowama-2017; kunye
  • noLuhlu lwePonti yesilivere  lwe-R2 Crown  kunye noluhlu lweTiki eyi-2½ c.

b. Zezi zilandelayo iingqekembeo ze-Krugerrand zowama-2017:

  • Ukukhutshwa ngokutsha kwe-Krugerrand endala yowe-1967 ngowama-2016;
  • kunye nokuveliswa kwe-Krugerrand kwingqokelela yowama-2017.

4. Imithetho eYilwayo

4.1. IKhabhinethi ikuvumile ukushicilelwa koMthetho-siHlomelo ongoNcedo lwezeNtlalo wama-2016 ukwenzela ukuba uluntu luhlomle kuwo. Oku kuhlomela uMthetho woNcedo lwezeNtlalo, wama-2004 (uMthetho onguNombolo 13 wama-2004).

Lo Mthetho-siHlomelo iinjongo zawo kukubonelela ngentlawulo eyongezelelweyo okanye namaqithiqithi ahambelana noncedo lwezentlalo. Ezi ziHlomelo ziza kwenza kukwazi ukusekwa izibonelelo zomngcwabo nezinye izibonelelo ezongezelelweyo zeenkedama nabantwana bamakhaya angenabantu badala.

5. Imisitho ezayo

5.1. IKhabhinethi yazisiwe ngamalungiselelo oMzantsi Afrika yaza yasivuma isicwangciso-qhinga esiza kusetyenziswa xa kuthathwa inxaxheba kwiNgqungquthela ye-BRICS yesi-8 ezayo, nekhokelwa yiKomiti yabaPhathiswa be-BRICS. Le Ngqungquthela ye-BRICS yesi-8 iza kubanjwa phantsi komxholo othi “UKwakha iziSombululo eziPhendulayo, eziQukayo neziDibeneyo (i-BRICS)” ukususela ngomhla we-15 ukuya kowe-16 kweyeDwarha yowama-2016 e-Goa, e-India.

IKhabhinethi iphinde yanikwa amagqabantshintshi ngobume bokusebenziseka kweBhanki yoPhuhliso eNtsha yeZiko loMmandla we-Afrika. UMzantsi Afrika uza kuqhubeka uxhasa amalinge okulwela ukuba isebenze iBhanki yoPhuhliso eNtsha ye-BRICS, oku kuquka ukuba ii-ofisi zeZiko loMmandla we-Afrika zibe seRhawutini.

Amaziko ezezimali e-BRICS amiselwe kuqala, afana neBhanki yoPhuhliso eNtsha kunye neZiko loVimba woluLalelisela, asebenza njengamaziko axhasayo ukuxhasa iinkqubo zokuvulwa kwemizi-mveliso nezeziseko ezingundoqo eMzantsi Afrika nakweli lizwekazi.  

5.2. IKhabhinethi iwavumile amanqaku aza kukhokela uluvo loMzantsi Afrika kwiingxoxo kwiNtlanganiso yamaZwe angaMalungu yama-28 kwisiVumelwano saseMontreal ngeZinto eziPhelisa iSaleko esiKhusela uMhlaba kwiMitha yeLanga eyiNgozi (i-Montreal MOP 28) eza kubanjwa ukususela ngomhla we-10 ukuya kowe-14 kweyeDwarha yowama-2016, eKigali, eRwanda. IsiVumelwano sase-Montreal sisebenze ngokuvakalayo kakhulu ngokumalunga nokususa iZinto eziPhelisa ISaleko esiKhusela uMhlaba kwiMitha yeLanga eyiNgozi. Oku kuhambelana ngqo noMgaqo-siseko weli othi ukupheliswa kwendlala nophuhliso lwezoqoqosho nentlalo kufanele kuqhutyelwe phambili ngendlela ekhuthaza uphuhliso oluzinzileyo.  

5.3. INgqungquthela yesiThathu ye-UN engeZindlu nokuFudukela eziXekweni ngokuZinzileyo (i-Habitat III) iza kusingathwa yi-UNGA e-Quito, e-Ecuador ukususela ngomhla we-17 ukuya kowama-20 kweyeDwarha yowama-2016.  Ijonge ekwamkeleni  i-Ajenda eNtsha engeziXeko; ixwebhu eligxile koko makwenziwe neliza kumisela imigangatho yehlabathi jikelele lempumelelo kuphuhliso lwezixeko oluzinzileyo, ukucinga ngokutsha indlela esakha ngayo, ukulawula, nokuhlala ezixekweni ngokudala intsebenziswano kunye nabehlulelani abazinikeleyo, abadlali-ndima ebalulekileyo abafanelekileyo, kunye nabasebenzi basezixekweni kumanqanaba onke aseburhulumenteni kwakunye nabecandelo lezoshishino.

5.4. INgqungquthela yeHlabathi kwiZiseko ezinguNdoqo zoPhando-nzulu (i-ICRI 2016) iza kubanjelwa eKapa  ukususela ngomhla we-3 ukuya kowe-5 kweyeDwarha yowama-2016 liSebe lezeNzululwazi nobuChwepheshe neKhomishini yaseYurophu.

Le ngqungquthela ineenjongo zokuqaqambisa indima ebaluleke kakhulu iziseko ezingundoqo zophando-nzulu lwehlabathi jikelele eziyidlalayo ekuhlangabezaneni nemingeni emihle namaziko okuvelisa izinto ezintsha; ukukhangla iimfuno, uphuhliso  nozinzo lweziseko ezingundoqo zophando-nzulu ehlabathini jikelele/kummandla; nokuxoxa ngokuba kungenzeka na ukuba kubhekelwe kwicala lomlimandlela wezizwe-ngezizwe.

UMzantsi Afrika uzibonakalisile amandla wawo kuphandonzulu lezenzululwazi nobuchwepheshe, kwaye uvunyiwe njengekhaya lemveli kwezona zibalulekileyo kwiziseko ezingundoqo zezophandonzulu. Ukusingatha i-ICRI 2016 kuza kuhlomela kwinkqubela phambili yeli ekubeni libe luqoqosho olugcwele lulwazi njengoko kucwangcisiwe kwi-NDP.

5.5. IKhabhinethi iyasamkela isibhengezo sesigaba sokuqala sempumelelo esibhekisele ekucinyweni kwesixhobo sokusasaza se-analogu ngomhla wama-28 kweyeDwarha yowama-2016 nguMphathiswa wezoNxibelelwano uFaith Muthambi, kwidolophu ezinkulu zoMmandla weSiza esiyiKhilomitha uBude nobuBanzi (i-SKA) eMntla Koloni, kwidolophu yaseCarnavon ekuMasipala weNgingqi iKareeberg. Ngamakhaya angaphezulu kwama-86% kummandla we-SKA aqhaganyishelweyo kwaye axhamla iinkonzo zikamabonakude zedijithali emakhayeni.

Olu fuduko lukwahambelana ne-NDP ukudala iziseko ezingundoqo ze-ICT ezidlamkileyo, ezithembakeleyo, ezikhuselekileyo nezifikelelekayo. Luza kuqhagamshelanisa amaphandle nezixeko, abatyebileyo nabahluphekileyo luqinisekise ukuba abemi boMzantsi Afrika bayarhweba baze banxibelelane ngokusebenza ngakumbi ngokusebenzisa ubuchwepheshe.

5.6. Urhulumente uza kubhiyozela iNyanga yoPhuhliso loLuntu kwinyanga yeDwarha phantsi komxholo othi: “Sisonke siqhubela uMzantsi Afrika Phambili kuPhuhliso lwezeNtlalo noQoqosho” kwaye ngokusebenzisa iSebe loPhuhliso loLuntuo (i-DSD), uza kubamba iindibano zokubonisana  kweli lizwe jikelele ukuze aqonde ngcono izidingo ezahlukeneyo zoluntu.

I-DSD, ndawonye ne-Arhente yeSizwe yoPhuhliso (i-NDA) ne-Arhente yeziBonelelo zezeNtlalo noMhlala-phantsi yaseMzantsi Afrika (i-Sassa), ziza kwazisa uluntu ngeenkqubo ezahlukeneyo zezibonelelo zezentlalo abanokuzifumana nokuthi bangafikelela njani kuzo. IKhabhinethi ikhuthaza onke amacandelo ukuba ancedise urhulumente ekuqinisekiseni ukuba iimfuno zabona bahlelelekileyo kuluntu lwethu ziyakhathalelwa.

Umhla woku-1 kweyeDwarha yowama-2016 luSuku lweHlabathi lwaBantu abaDala, noluzakubhiyozelwa njengenxalenye yemisitho yeveki yokuqala yenyanga yeDwarha. Lo msitho uza kusetyenziselwa ukuphikisa nokutshintsha indlela abantu abadala nokwaluphala okubonwa futhi kuthathwe ngayo.

5.7. ISebe lezeMidlalo noLonwabo noMbutho weHlabathi weMidlalo Yabo Bonke uza kusingatha uHlelo lwesi-6 lwe-“The Big Walk” ngomhla wesi-2 kweyeDwarha yowama-2016 e-Fountains Valley Resort, ePitoli. IKhabhinethi ikhuthaza abemi baseMzantsi Afrika ukuba bamkele indlela yokuphila ekhuthaza udlamko, nesempilweni ukuze kukwazi ukuliwa nezinga eliphezulu lezifo ezibangelwa yindlela esikhetha ukuphila ngayo nokutyeba kakhulu.

5.8. Umhla we-19 kweyeDwarha yowama-2016 uphawula isikhumbuzo seminyaka engama-30 yokuntlitheka kwenqwelo-moya eyathi yathatha ubomi bukaMongameli wase-Mozambique, uSamora Moises Machel namamadoda nabasetyhini belizwe lakhe abangama-34i, kuquka nomqhubi wenqwelo-moya neentatheli.

Abantu base-Mozambique baba negalelo kwidabi lokulwela inkululeko yaseMzantsi Afrika namanye amazwe asemazantsi kweli lizwekazi. Urhulumente weRhiphabliki yaseMzantsi Afrika, ngokusebenzisana norhulumente weRhiphabliki yaseMozambique, uza kusingatha inkozo yesikhumbuzo seminyaka engama-30 kwindawo yexhwayelo eMbuzini, eMpumalanga ngomhla we-17 kweyeDwarha yowama-2016.

Oku kwenza igalelo kwiSebe lezobuGcisa neNkcubeko ekusekeni indlela yamafa omzabalazo  nenkululeko eza kudibanisa zonke iindlela zeziza zamafa omzabalazo eMzantsi Afrika, kummandla we-SADC nakweli lizwekazi.

IKhabhinethi ithumela amazwi ayo ovelwano kwaba balandelayo:

5.9. Kusapho nabahlobo begqala lomculo laseMzantsi Afrika nomnye woovulindlela bodidi lwethu lomculo we-Kwaito, uMduduzi Tshabalala, obesaziwa ngelikaMandoza. Umculo wakhe ubuthandwa zintlanga ngeentlanga kwaye usonwatyela ngabo bonke abantu baseMzantsi Afrika nanamhlanje.

5.10. Kusapho nabahlobo bentatheli eligqala, umhleli nombhali u-Allister Sparks othe wasweleka eminyaka ingama-83 ubudala. Lo kaSparks usebenzise isikhundla sakhe njengomhleli we-Rand Daily Mail phaya ekuqaleni kweminyaka yowe-1980 ukubhentsisa intswela bulungisa yorhulumente wocalucalulo.  Ube lilungu i-Nieman Fellow kwiiDyunivesithi i-Harvard ekwangumbhali weendaba zaseMzantsi Afrika ebhalela amaphephandaba amaninzi ehlabathi, aquka i-Washington Post ne-The Economist.

5.11. Kubantu base-India, ngokusweleka kweNgcwele-ngcwele uPramukh Swami Maharaj, intloko yomphemfumlo womoya kubalandeli benkolo iSwaminaraya Hindu e-India. UNgcwele-ngcwele lo udume ngegalelo elikhulu alenze kwinkolo yezomoya nenkcubeko e-India ngokwakha iitempile, ii-mandirs namaziko ezemfundo e-India nakwamanye amazwe.

5.12. Kwiintsapho zabo bonke abo bathe baphulukana nobomi babo ngexesha lezehlo zobundlobongela ezithe zenzeka kwi-Democratic Republic of Congo (e-DRC) kunye nabo bonzakeleyo bakwanqwenelwa ukuba bachache ngokukhawuleza. IKhabhinethi imema onke amaqela e-DRC ukuba athathe inxaxheba kwiiNgxoxo zoThethathethwano lweSizwe oluQuka Bonke, noluququzelelwa nguMnu Edem Kodjo egameni le-AU, ekwaxhaswa ngamaziko ommandla nawehlabathi.

5.13. Kusapho nabahlobo baka-Shimon Peres, inkokeli ebalulekileyo nebisele iyingwevu yakwaSirayeli nowathi wawongwa ngeMbasa kaNobheli (i-Nobel Prize) nenye inkokeli ngokuququzelela isivumelwano soxolo phakathi kwamaSirayeli namaPalestina. UMnu uPeres waziwa ngegalelo lakhe kwipolitiki zakwaSirayeli.

IKhabhinethi iyavuyisana naba balandelayo:

5.14. IBhunga lezeNzululwazi noPhando-nzulu kwezoShishino (i-CSIR) ngokuvelisa ubuchwepheshe obutsha bokufunda imizobo yeminwe obuzakunceda abezomthetho nabasebenzi beforenziki ekwenzeni umsebenzi wabo. Esi sixhobo sibizwa i-prototype, sixhaswe ngezimali liSebe lezeNzululwazi nobuChwepheshe, singasetyenziswa ukukhangela size sichole imizobo eshiywe ziimfanta zeminwe kungakhange kusetyenziswe ukugalelwa komgutyana wokuziveza okanye kungakhange kubekho mngcipheko wongcoliseko.

5.15. UGq Ismail Bhorat neqela lakhe ngotyando ebeluqala ukwenzeka kumntwana ongekazalwa kwisiBhedlele Inkosi Albert Luthuli Central. Olu lutyando lokuqala olwenziwe kumntwana ongekazalwa kweli lizwe kwaye oku kunyuse igama loMzantsi Afrika kwalibeka kumgangatho ophezulu kwihlabathi.
 
5.16. IMamelodi Sundowns ngokufikelela kumagqibela kankqoyi we-Confederation of African Football Champions League emva kokubetha i-Zesco United. Le mpumelelo  ayibalulekanga nje kwiSundonws kuphela koko luza kuxhamlisa ibhola ekhatywayo yaseMzantsi Afrika iphela. Lunika abadlali bethu ithuba lokwaziwa namava abawadingayo ukukhuphisana nawona maqela angcono kwilizwekazi le-Afrika nakwihlabathi.   

5.17. IKhabhinethi iyavuyisana no-Brad Binder ngempumelelo yakhe eyimbali yokuphumelela i-Moto3 World Championship. Lo mqhubi wezithuthu zomdyarho uminyaka ingama-21 ube ngowokuqala umntu waseMzantsi Afrika ukususela ngowe-1980 ukuba aphume phambili kwi-Grand Prix emva kokuphumelela ukhuphiswano lwe-Moto3 eqala ukuthatha inxaxheba kuyo.

5.18. IKhabhinethi ivakalisa amazwi ombulelo kubo bonke abantu baseMzantsi Afrika abathe bathatha inxaxheba kwimicimbi ethile ukubhiyozela nokuhlonipha iinkcubeko zethu ezahlukeneyo ngeNyanga yamaFa. Umbono ubumhle ubhanya-bhanya weenkcubeko zethu ezahlukeneyo nokwabelana ngamafa wethu atyebileyo kuvakale mbombo zone zeli.

IKhabhinethi ithumela iminqweno yayo emihle kwaba balandelayo:

5.19. IKhabhinethi inqwenela ukuba uBhishophu oMkhulu oDla uMhlala-phantsi uDesmond Tutu achache ngokukhawuleza kutyando abelenziwe.

5.20. Nayo njengoMzantsi Afrika inqwenelela uMama uWinnie Mandela okuhle kodwa xa egqiba iminyaka engama-80 ezelwe.

6. Izikhundla

Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.

6.1. IBhunga lezokuCebisa leSizwe kwezobuChule:
a. UMnu Mafika Mkwanazi;
b. noMnu Sullivan O’Carroll.

6.2. Iziko loQeqesho leBhunga lezeNzululwazi laseMzantsi Afrika:
a. UNjing. Eugene Cloete;
b. UNjing. Sabiha Essack;
c. UNjing. Shireen Hassim;
d. UNjing. Jonathan Jansen;
e. UNjing. Nancy Phaswana-Mafuya;
f. UNjing. Barney Pityana;
g. UNjing. Stephanie Burton (uqeshiwe kwakhona);
h. UNjing. Norman Duncan (uqeshiwe kwakhona);
i. UNjing. Johann Mouton (uqeshiwe kwakhona);
j. UNjing. Himla Soodyall (uqeshiwe kwakhona);
k. UNjing. Zeblon Vilakazi (uqeshiwe kwakhona);
l. Njing. Brenda Wingfield (uqeshiwe kwakhona); -
m. noGq Shadrack Moephuli (ummeli weBhunga lezokuCebisa leSizwe kwezobuChule noqeshiweyo kwakhona).

6.3. UGq Sarah Mosoetsa kwiBhodi yeZiko loPhando-nzulu leSizwe.

6.4. Iziko lamaJelo eeNdaba e-Elekthronikhi leSizwe laseMzantsi Afrika (i-NEMISA):
a. UNksz Mymoena Williams njengeGosa eliyiNtloko yesiGqeba (i-CEO).
b. UNksz Rahimoonisha Abdool njengeGosa eliyiNtloko kwezeZimali (i-CFO).

6.5. AbaLawuli abaNgengawo amaLungu esiGqeba soLawulo kwi-NEMISA NPC SOC Limited:
a. UNjing. Walter Theophilus Claassen (uSihlalo);
b. UMnu Thami ka Plaatjie (uqeshiwe kwakhona noSekela-Sihlalo); -
c. UNjing. Manoj Maharaj;
d. UNksz Sarienne Rana Kersh;
e. UNksz Nelisiwe Gloria Mkhaliphi;
f. UMnu Phuthi Nehemia Phukubje;
g. UNksz Alina Thandiwe Mfulo; no-
h. noMnu Moraka Lucas Mello (uqeshiwe kwakhona).

6.6. Zolani Kgosie Matthews njengelungu elingelilo ilungu lesigqeba solawulo seBhodi yeePosi yaseMzantsi Afrika.

6.7. UMnu Mahomed Iftekhar Chowan njengo-CFO we-Universal Service and Access Agency of South Africa.

6.8. IBhunga loMzantsi Afrika leMiba yezaseMajuku-jukwini:
a. UNksz Pontsho Maruping (uSihlalo);
b. UNksz Nomfuneko Irene Majaja (uSekela-Sihlalo);
c. U-Adv Lulekwa Makapela;
d. UMnu Themba Beatus Tenza;
e. UMnu Linden Sydney Petzer;
f. U-Ambassador Peter Goosen;
g. UMnu Humbulani Aaron Mudau;
h. UGq Sandile Bethuel Malinga;
i. UMnu William Simon Makwinja;
j. UNksz Nosiphiwo Monica Sonjani;
k. UMnu Lloyd McPatie;
l. noMnu Leeandran Annamalai.

6.9. U-Adv Rory Wayne Voller njengoMkhomishinala weKhomishini yeLungelo-lobuNini neeNkampani (i-CIPC).

6.10. UMnu Jayaseelan Manickum Nair kwiBhodi yoMbutho weeNkampani ze-Inshorensi yeeNgozi eziKhethekileyo, njengomlawuli ongelilo ilugu lesigqeba solawulo.

6.11. Ukuqeshwa kukaNksz Patience Bongiwe Kunene njengoMlawuli wesiGqeba, omele uMzantsi Afrika, i-Angola ne-Nigeria, kwiBhodi yabaLawuli yeNkampani yeBhanki zeHlabathi (iBhanki zeHlabathi).

6.12. UGunyaziwe woKhuseleko lakwaLoliwe:
a. Ukuqeshwa kwakhona kukaMnu Nkululeko Andrew Stephen Poya njenge-CEO.

AmaLungu aNgegawo amaLungu esiGqeba soLawulo seBhodi kaGunyaziwe woKhuseleko lakwaLoliwe:
b. UGq Nomusa Zethu Qunta (uSihlalo);
c. UMnu Boy Johannes Nobunga (uSekela-Sihlalo);
d. UMnu Zacharia Mosothoane (umgqatswa we-South African Transport and Allied Workers Union);
e. UMnu Christiaan Johan de Vos (umgqatswa we-Federation of Unions of South Africa);
f. UNjengele Jikelele Michael Monashi Motlhala (olilungu leSebe lezobuPolisa ngenxa yesikhundla);
g. UMnu Ngwako Makaepea (olilungu leSebe lezoThutho ngenxa yesikhundla);
h. UNksz Hilda Thamaga Thopola;
i. UNjengele Jikelele Willem Adriaan Venter (ilunge elingelilo elesigqeba solawulo elizimeleyo);
j. UNksz Khulekelwe Mbonambi (uqeshiwe kwakhona);
k. UNksz Ntombizine Mbiza (uqeshiwe kwakhona);
l. UMnu Andre Harrison (uqeshiwe kwakhona);
m. noMnu Tibor Szane (oqeshwe kwakhona nolilungu leSebe lezabaSebenzi ngenxa yesikhundla).

6.13. Ukuqeshwa kwakhona kukaMnu Japh Ronnie Chuwe njenge-CEO (uMgcini-Ncwadi oMkhulu) we-Arhente yokoPhulwa kweMithetho yezeNdlela.

6.14. UMnu Skhumbuzo Dennis Macozoma njenge-CEO ye-Arhente yezeNdlela yaseMzantsi Afrika.

6.15. UMnu Sisa Neil Ntshona njenge-CEO yezoKhenketho lwaseMzantsi Afrika.

6.16. UMnu Dhesigen Pydiah Naidoo oqeshwe kwakhona njenge-CEO yeKhomishini yoPhando-nzulu kwezaManzi .

6.17. IKhomishini iLesotho Highlands Water:
a. UMnu Bhekizwe Simon Nkosi njengoMthunywa oyiNtloko weRhiphabliki yaseMzantsi Afrika;  
b. noMnu Vusi Nhlapo njengoMmeli osisiGxina.

6.18. IBhodi ye-Arhente yamaShishini amaNcinci:
a. UNksz Charmaine Groves;
b. UNksz Happy Ralinala;
c. UMnu Kholofelo Molewa;
d. UNksz Nomcebo Dlamini;
e. UMnu Nazir Ahmed Osman;
f. UNksz Nonkululeko Dlamini;
g. UMnu Phakamile Mainganya;
h. UNksz Kate Moloto;
i. UNksz Hlonela Lupuwana (uqeshiwe kwakhona); no-
j. UMnu Lawrence Mavundla (uqeshiwe kwakhona).

6.19. UNksz Cladie Thamo Hloniphile Mzobe njenge-CEO ye-NDA.

Imibuzo:
Donald Liphoko
Inombolo yeselula: 082 901 0766

 

Share this page

Similar categories to explore