UMongameli u-Jacob Zuma: INtetho engoBume beSizwe 2016

INtetho engoBume beSizwe eyenziwe nguMongameli weRiphabliki yoMzantsi Afrika uJacob G Zuma kumsitho weNdibano Ehlanganeyo yeziNdlu zoMbini zePalamente, eKapa

Somlomo weNdlu yoWiso-mthetho yeSizwe (i-NA),
Sihlalo weBhunga leSizwe lamaPhondo (i-NCOP),
Sekela-Somlomo we-NA noSekela-Sihlalo we-NCOP,
Sekela-Mongameli Cyril Ramaphosa,
Owayesakuba nguMongameli uThabo Mbeki,
Jaji eyiNtloko Mogoeng Mogoeng nawo onke amalungu ahloniphekileyo eCandelo leeNkundla,
Mongameli wePalamente yaMazwe e-Afrika, Mnu Roger Nkondo Dang,
Baphathiswa nooSekela-Baphathiswa,
ZiNkulumbuso nooSomlomo beziNdlu zoWiso-mthetho zamaPhondo,
Sihlalo woMbutho wooMasipala baseMzantsi Afrika (i-SALGA) nooSodolophu,
Ntloko zamaZiko karhulumente axhasa ulawulo lwentando yesininzi,
Sihlalo weNdlu yeSizwe yeeNkokheli zeMveli,
Zinkokeli zemibutho yeemvaba ngeemvaba,
Owasakuba nguSomlomo we-NA, uGq Frene Ginwala,
Zindwendwe ezimenyiweyo,
Magqala omzabalazo wenkululeko,
Malungu weenkonzo zezozakuzo,
Bemi boMzantsi Afrika,

Molweni, good evening, sanibonani, , riperile, dumelang, lotjhani, goeie naand, ndi madekwana.

Ndiyabulela ngeli thuba lokuthetha nePalamente nesizwe.

Namhlanje yiminyaka engama-26 kwakhululwa entolongweni uMongameli uNelson Mandela, into leyo eyayisesinye seziganeko ezibalulekileyo kwimbali yeli lizwe.

Namhlanje futhi sisikhumbuzo seminyaka engama-50 sokubhengezwa ngumbuso weNational Party ukuba iDistrict Six iza kuba yindawo yabamhlophe bodwa, nto leyo yakhokelela ekususweni ngesixhanti kwabantu ababehlala apha abangaphezulu kwama-60 000.

Kulo nyaka wama-2016 sikwaphawula nesikhumbuzo sama-20 sokutyikitywa nguMadiba koMgaqo-siseko weRiphablikhi wangumthetho eSharpville ngomhla we-10 kweyoMnga 1996.

Siyazingca ngombuso wethu wolawulo lwentando yesininzi nangomsebenzi esiwenzileyo kwisithutyana nje esifutshane. Umbuso wolawulo lwentando yesininzi weli uyasebenza, awuhexi futhi uzinzile.

Mawethu, uMgaqo-siseko, osekelwe kuMqulu weNkululeko, uthi uMzantsi Afrika ngowabo bonke abahlala kuwo. Kuninzi osele kwenziwe ukukhuthaza ukubandakanywa kwabantu bonke kunye nesizwe esingacaluli ngobuhlanga.

Noko kunjalo, indlela eya kwisizwe esingacaluli ngobuhlanga inameva kwaye inde.

Isizwe sothukile kule nyanga iphelileyo xa ubuhlanga buye bavukelwa likakade labo kwiimbalelwano ezilumezayo kumakhasi amajelo oluntu eendaba nakwi-intanethi, into leyo ibangele ingqumbo nentlungu engathethekiyo.

Kunyanzelekile ngoku ukuba uSathana wobuhlanga kuliwe naye ngqo. USuku lwamaLungelo oLuntu, ngomhla wama-21 kweyoKwindla, luza kukhunjulwa njengosuku lesizwe oluchasene nobuhlanga. Luza kusetyenziswa njengesiqalelo senkqubo yexesha elide yokwakha isizwe esingacaluli ngobuhlanga.

Mawethu, ndifuna nokunikhumbuza ngezinye izikhumbuzo ezimbalwa ezibalulekileyo.

Unyaka wama-2016 uphawula isikhumbuzo seminyaka engama-60 emva komngcelele wamanina owawusiya kwiZakhiwo zoMdibaniso ukuya kunyanzelisa ukupheliswa kwemithetho yamapasi. Siyavuyiswa bubukho phakathi kwethu kukaNksz Sophie de Bruyn, owayelelinye la maqhawe ayekulo mngcelele oyimbali.

Sifuna nokubulela ubukho kowayesakuba nguMongameli weBlack Sash, uNksz Mary Burton. Siwuqhwabela izandla umsebenzi walo mbutho ekulweleni amalungelo oluntu, ubulungisa nolingwano.

Kulo nyaka siphawula iminyaka engama-40 yezidube-dube ezazibandakanya abafundi zomhla we-16 kweyeSilimela, eSoweto.

Samnkela nomakhwekhwetha womfoti, uSam Nzima, owafota umfanekiso odume kwihlabathi liphela kaHector Peterson efunqulwe nguMbuyisa Makhubu enodade wabo u-Antoinette.

Sothulela umnqwazi nabafundi bowama-1976 ngobugorha babo bokuthatha izikrweqe balwe nombuso wocalucalulo owawukhohlakele. Sibulela ubukho belinye lamatsha-ntliziyo elo xesha, uSekela-Nobhala wePalamente, uNksz Baby Tyawa, naye okhoyo apha phakathi kwethu.

Kulo nyaka sikwaphawula neminyaka engama-30 yokuqutyulwa kwabulawa ngolunya i-Gugulethu Seven ngamapolisa ombuso wocalucalulo ngeyoKwindla ngowama-1986.

IDyunivesiti yaseFort Hare ibhiyozela iminyaka elikhulu ikho, into leyo isisiganeko esibalulekiyo kwimbali yenkululeko hayi nje eyeli lizwe lethu kuphela koko neyeli lizwekazi. Imisitho kazwelonke yokubhiyoza iza kubanjwa ngomhla wama-20 kuCanzibe.

Mandikhahlele nakwiNkosana, oHloniphekileyo uMangosuthu Buthelezi, inkokeli ye-IFP, owayengumfundi kula dyunivesiti.

Kulo nyaka wama-2016 sikwaphawula iminyaka elikhulu yeDabi laseDeville Wood eFrance, olwenzeka ngethuba leMfazwe yeHlabathi yokuQala.

Amajoni aNtsundu amaninzi alwa kule mfazwe kodwa aphathwa kakubi gqitha ngexa yebala lawo.

Ilitye lesikhumbuzo esiza kubuyisa isidima nesithunzi sawo njengabantu sicetywe ukutyhilwa ngeyeKhaya kulo nyaka eFrance.

Mawethu, ndivumeleni ndamnkele ezinye iindwendwe ezixabisekileyo ezintathu nazo ezilapha phakathi kwethu namhlanje,

  • usihlalo weQonga leSizwe leeNkokeli zeCawa nokwakunguBishophu oMkhulu waseKapa, uBishop oMkhulu uThabo Makgoba.
  • uBishophu oMkhulu uDaniel Matebesi, onguMongameli weBhunga leSizwe loMzantsi Afrika leMvaba ngeMvaba kunye
  • noBishophu Zipho Siwa, uBhishophu owoNgameleyo weCawa yaseWesile ye-Afrika eseMazantsi nonguMongameli weBhunga leeCawe zoMzantsi Afrika.

Somlomo oHloniphekileyo kunye noSihlalo oHloniphekileyo,

Uqoqosho olukwaziyo ukumelana neenzima namaqhwa kunye nolukhula ngokukhawuleza lungundoqo kwinkqubo yethu yeenguqu ezimandla kuqoqosho nakwisiCwangciso seSizwe soPhuhliso (i-NDP).

Xa uqoqosho lukhula ngokukhawuleza ludala imisebenzi. Abasebenzi bamnkela imivuzo namashishini enza inzuzo.

Inani labantu abahlawula irhafu liyanda lo nto yenze urhulumente andise imali echithwa kwiinkonzo zezentlalo, zemfundo, zempilo, kwizibonelelo zezentlalo, izindlu kunye neenkonzo ezisisiseko ezisimahla – ngokukhawuleza nangendlela ezinzileyo.

Uqoqosho lweli oko lujongene neenzima ukusukela ngethuba lombhodamo kuqoqosho lwehlabathi wama-2008. Saqalisa inkqubo enkulu yophuhliso lweziseko ezingundoqo ngeenjongo zokukhwezela uhlumo.

Iingxaki esijongene nayo ngoku kukuba uhlumo kuqoqosho lwehlabathi lumi ndawonye. Iimarike zezimali azizinzanga. Iimali ezisetyenziswa ngamazwe asahlumayo azinaxabiso liphucukileyo futhi namandla azo ehla enyuka.

Amaxabiso egolide, iplatinam, amalahle kunye nezinye izimbiwa esizithengisela ihlabathi liphela ehle kakhulu kwaye asahleli ezantsi.

Uqoqosho lwamazwe amabini angamanye amahlakani ethu kwi-BRICS: iBrazil neRussia – kulindeleke ukuba lunciphe kulo nyaka. Iqabane lethu lesithathu, iChina, nayo uqoqosho lwayo alizikukhula ngesantya esele isaziwa ngaso.

Ngenxa yokuba uqoqosho lweli luluncinci xa luthelekiswa nolwamanye amazwe futhi luvulelekile, luyachatshazelwa kuko konke oku.

Uqoqosho lweli lukwachatshazelwa nayimiba yalapha ekhaya ngaphakathi efana nokunqongophala kombane kunye nobudlelwane phakathi kwabasebenzi nabaqeshi obuthanda ukungabibuhle ncam ngamanye amaxesha.

INgxowa-mali yeHlabathi yeziMali (i-IMF) kunye neBhanki yeHlabathi ziqikelela ukuba uqoqosho loMzantsi Afrika luza kukhula ngezinga elingaphantsi kwe-1% kulo nyaka. Uqikelelo neziphumo zezinga eliphantsi lokukhula koqoqosho zithetha ukuba imali yerhafu eza kuqokelelwa iza kuba ngaphantsi kule ibilindelwe.

Kodwa okubaluleke kakhulu kukuba eli lizwe likhangeleka ingathi lisemngciphekweni wokuphulukana nezinga lotyalo-mali elibekwa kulo zi-arhente ezihlelayo. Ukuba oko kungenzeka, kuza kusitya imali eninzi ukuboleka imali kumazwe nee-arhente zangaphandle ukuze sihlawulele iinkqubo zethu zokwakha ubomi obungcono babo bonke abantu ingakumbi abo abangathathi ntweni.

Le meko ifuna size nezicwangciso zokuyitshintsha.

Oku kufuna sitshintshe indlela izinto esizenza ngayo futhi sithathe amanyathelo ngokukhawuleza okulungisa izinto ekunokwenzeka ukuba sasiziphosile ngaphambili.

Ndiza kukhe ndinyathele amanqakwana ambalwa esikholelwa ukuba aza kwenza umahluko.

Okokuqala, eli lizwe lilizwe elinomtsalane kakhulu kubatyali zimali. Lingasengxingweni ngokwangoku, kodwa izinto ezintle elaziwa ngazo zingaphezulu ngokuphindwe kalikhulu kwezi ngxaki lijongene nazo ngoku.

Kufuneka siqhubeleke sibabaza eli lizwe njengelizwe elithandwa ngabatyali zimali. Oku kufuna ukuba sithethe ngazwinye sisonke njengamashishini, imibutho yabasebenzi kunye norhulumente.

Ukuba kukho ukungaboni ngasonye okanye iingxakana ezikhoyo phakathi kwethu, kufuneka siziqhuwulele sizisombulule zingade zidale ujamelwano. Oku kuyimfuneko kuba kuza kunceda eli lizwe.

Besineentlanganiso ezibe neziphumo ezincumisayo nabecandelo lamashishini, kunye nentlanganiso ekwiqondo eliphezulu namaGosa aPhezulu eziGqeba zoLawulo (ii-CEO) ngoLwesibini kule veki.

Sizivile iingcebiso zabecandelo lamashishini ngeendlela zokutshintsha le meko sibuyisele uqoqosho emzileni wokuhluma kwakhona.

Siwavile amanqaku ngesidingo sokwakha iziseko ezingundoqo zokuxhasa utyalo-mali.

Urhulumente uqulunqa ilinge leZiko Elinako Konke/Invest SA ukubonisa ukuba ngenene uMzantsi Afrika unamathuba amaninzi otyalo-mali. Siza kukhawulezisa ukuqaliswa kokusebenza kwale nkonzo, sisebenzisana namashishini abucala. 

Ilinge elifana neli lifuna ukuba urhulumente asuse bonke ubucukubhede obusokolisayo kwaye aqwalasele kwakhona imithetho eyimiqobo.

Simisele iKomiti yabaPhathiswa engokuKhuthaza uTyalo-mali eza kuqinisekisa ukuba amalinge okukhuthaza utyalo-mali ayimpumelelo.

Mawethu, sizivile izikhalo eziphakanyisiweyo ngendlela aqhuba ngayo amashishini neenkampani zikarhulumente.

Uninzi lweenkampani zikarhulumnte (ii-SOC) zeli ziqhuba kakuhle.

I-Arhente yeeNdlela zeSizwe yoMzantsi Afrika (i-Sanral) yenze iindlela eziphakathi kwezinye ezikumgangatho ophezulu eGauteng nakwiindawo ezininzi kweli lizwe. Oku kwenza ukuba amazwe amaninzi kwihlabathi anqwenele ukufana nathi.

I-Trans-Caledon Tunnel Authority yakhe amadama angalinganayo ngemithamo, into yenze ukuba abantu beli bakwazi ukufumana amanzi aselwayo acocekileyo.

U-Transnet wakhe iziporo zikaloliwe into leyo incede imigodi yeli ikwazi ukuthutha imithwalo emikhulu yezimbiwa isiwe kumazibuko kuba iza kuthunyelwa emazweni mbombo zone zehlabathi.

U-Eskom, nangona ejongene nemingeni, usaqhubela phambili uqoqosho lweli, phantsi kwezi meko zimaxongo.

Amaziko ophuhliso ezimali eli afana neQumrhu loPhuhliso lwamaShishini (i-IDC), iBhanki yoPhuhliso yaseMazantsi e-Afrika kunye namanye athe gqolo encedisa ngezimali kwiziseko ezingundoqo, kumacandelo oshishino ahlukeneyo kunye namashishini ezolimo, nasemva kombhodamo wokudodobala kuqoqosho lwehlabathi.

Ukuze amashishini aphantsi korhulumente ancedise kwiphulo lokuphumeza ngempumelelo i-NDP kufuneka iimeko zawo zezimali zizinze.

Kufuneka angalawulwa futhi aphathwe gwenxa. Siza kuqinisekisa ukuba ziyaphunyezwa izindululo zeKomishini kaMongameli yokuPhonononga amaShishini aPhantsi kukaRhulumente ecacisa indlela ekufuneka aphathwe ngayo la maziko.

USekela-Mongameli ungusihlalo weKomiti yabaPhathiswa enikwe umsebenzi wokuqinisekisa ukuba ezi zindulululo ziyaphunyezwa.

Kufuneka siyicacise futhi siyitsolise imisebenzi yezi nkampani kwaye siqinisekise ukuba kukho ukuthungelana kwimisebenzi yawo, kunye nohlenga-hlengiso kwindlela asebenza ngayo.

Amashishini angasenagalelo liluncedo kwiinkqubo zethu zophuhliso aza kuthengiswa okanye abhangiswe.

Amasebe karhulumente la mashishini aphendula kuwo, aza kugqiba ngeenkqubo ekuza kugxininiswa kuzo aze achonge iiprojekthi ezingundoqo emaziphunyezwe ngamashishini aphantsi koMbuso ngexesha elisekiweyo. Indlela aqhuba ngayo iza kubekwa phantsi kweliso futhi ivavanywe ngokufanelekileyo.

La manyathelo okungenelela abalulekile ukuze kubekho uhlumo futhi kuphungulwe nezinga lwamatyala esizwe.

Mawethu,

Masilisebenzise eli thuba lamandla erandi asezantsi kunye notshintsho lakutsha nje kwimithetho ye-visa, sinyuse amanani abakhenkethi abangena kweli.

IQumrhu lezoKhenketho loMzantsi Afrika liza kutyala imali ezizigidi zeerandi ezili-100 ngeenjongo zokukhuthaza ukhenketho lwalapha ekhaya, ukukhuthaza abemi boMzantsi Afrika ukuba bazikhuphe bakhenkethe ilizwe labo.

Sizivile izikhalo ezivela kwiinkampani ezininzi malunga nokulibaziseka ekufumaneni ii-visa ngabantu abasuka ngaphandle abanezakhono ezinqabileyo. Nangona sikhetha ukuba abaqeshi baqale ngokujonga kubasebenzi balapha ekhaya, umgaqo-nkqubo wezokufuduka kufuneka wenze kube lula ukukhuthaza abantu abanezakhono ezinqabileyo abasuka ngaphandle ukuba baze kweli.

Idrafti yomgaqo-nkqubo wofuduko iza kuthiwa thaca phambi kweKhabhinethi kwalapha enyakeni wama-2016.

Sizivile izikhalo ezicela ingcaciso engqalileyo ngomgaqo-nkqubo kwicandelo lezemigodi, ingakumba ngokumayelana noMthetho osaYilwayo woPhuhliso lweMithombo yeziMbiwa nePetroliyam.

Lo Mthetho usaYilwayo wabuyiselwa ePalamente kulo nyaka uphelileyo. Ngoku silinde iPalamente ukuba iqukumbele iinkqubo zayo, esithembayo ukuba oku kuza kwenzeka ngokukhawuleza.

Mawethu,

Kufuneka sixhobise amashishini amancinci aphakathi nasakhasayo (ii-SMME) ukuze senze uhlumo loqoqosho lukhawuleze. Ukufumana inkxaso ekumgangatho ophezulu nehlakaniphileyo kungaliphucula kakhulu izinga lempumelelelo lamashishini aqalayo.

ISebe loPhuhliso lwamaShishini amaNcinci lasekwa ngeenjongo zokuba ligxininise kanye kule nkxaso ijoliswe ngqo kumashishini mancinci.

Iinguqo kwezoqoqosho kunye nokuxhotyiswa kwabaNtsundu ngezakhono ihleli iyimiba ephambili kuzo zonke iinkqubo zezoqoqosho zikarhulumente. Amanye amalinge ethu okungenelela siSikimu soSomashishini abaNtsundu esiza kumiselwa ngenjongo yokukhuthaza ukuthatha inxaxheba koosomashishini abasakhulayo abaNtsundu kwicandelo lezemveliso.

Siyawacela amashishini amakhulu ukuba afake phantsi kwamaphiko awo oosomashishini abakwimizi-mveliso esaqalayo kuquka namashishini angawabantu basetyhini nabantu abatsha, njengelinge lokuqinisekisa ukuba bayanda abo baphethe futhi balawula uqoqosho lwesizwe.

Mawethu,

Siyavuyiswa kukuba sibekwe phakathi kwamazwe aPhambili ali-10 kwingxelo yeQonga leHlabathi lezoQoqosho (i-WEF) yokukwazi ukumelana nokhuphiswano ngokuphathelene nezeenkonzo zezimali. 

Ukuzigcina sikule ndawo futhi sinyukele ngasentla kubalulekile kwimizamo yelizwe yokuzenza likwazi ukumelana nokhuphiswano.

Kukwabaluleke nangakumbi kwiphupha lethu lokuba lilizwe eliphambili ngeenkonzo zezimali kwi-Afrika.

Iibhanki, zisebenzisa uMbutho weeBhanki woMzantsi Afrika, ziza kuphehlelela iphulo elineenjongo zokuseka iziko lokuqeqesha leenkonzo zezezimali nezakhono zobunkokeli.

Oku kuza kuqinisekisa ukuba njengelizwe siyakwazi ukutsala umdla, sikhulise, siqeqeshe futhi sigcine abantu abanezakhono ezikwiqondo eliphezulu kwezeenkonzo zezimali kweli lizwe nakweli lizwekazi liphela.

Baza kusebenza noMphathiswa wezeMali kunye noNondyebo weSizwe ukuqinisekisa ukuba oku kuyenzeka. Siyazi ukuba oku kuza kuthi ethubeni kuqinisekise ukuba siyabandisa abantu abanezakhono kwezezimali ngolo hlobo sibe sandisa izithuba zomsebenzi zabantu abatsha abaninzi.

Eli phulo libalulekileyo labecandelo lezebhanki lineenjongo ezintle kwaye sesinye seziphumo ezincumisayo zentlanganiso ebesinayo nabezoshishino kule veki.

Sisonke siqhubela uMzantsi Afrika Phambili!

Mawethu,

Sithathe isigqibo sokuba sisebenzise imali karhulumente ngobunono kwaye sikuyeke ukusebenzisa imali kungekho mfuneko kodwa singamisi imisebenzi namaphulo karhulumente engundoqo kunye nokuhanjiswa kweenkonzo ebantwini.

Ngowama-2013, uMphathiswa wezeMali wabhengeza amanyathelo amaninzi okonga imali.

Ukusebenzisa imali ngokudyhiwaza nangokugqithisileyo kuphungulwe, kodwa kusekuninzi ekufuneka kwenziwe ukuphungula ingxaki yokusetyenziswa kwemali kakubi.

Ndifuna ukwazisa amanye amanyathelo ngolu rhatya.

Iihambo zokundwendwela phesheya zikuza phungulwa kwaye abo bafaka isicelo sokunikwa imvume kuza kufuneka banike izizathu ezivakalayo kwaye bachaze nokuba isizwe siza kuvuna ntoni na kolo hambo.

Inani labo baza kuba yinxalenye yohambo olunje liza kuphungulwa kakhulu kwaye kuza kumiselwa imiqathango ngenani labo banokuba yinxalenye yegqiza eliza kuhamba.

Kuza kumiselwa nemiqathango engqingqwa malunga neenkomfa, iindleko zokutya, ezolonwabo kunye nezamatheko.

Aza kupheliswa amatheko eevoti zohlahlo lwabiwo-mali zamahlakani abanjwa ngamasebe karhulumente ePalamente emva kokuba kwenziwe iintetho zohlahlo lwabiwo-mali.

UMphathiswa wezeMali uza kwazisa amanye amanyathelo kunye neenkcukacha ezithe vetshe kwintetho yohlahlo lwabiwo-mali ngomhla wama-24 kweyoMdumba.

Izigqeba zolawulo kunye neebhodi ze-arhente zikarhulumente kunye neenkampani eziphantsi kukarhulumente kufuneka zithathe amanyathelo afana nala.

Ndifuna nokucela iiNkulumbuso zawo osithoba amaphondo kunye noosodolophu ukuba nabo bazeke mzekweni bancedise kweli phulo lokulwa inkcitho eyilahleko kurhulumente.

Ndiyathemba ukuba iPalamente kunye neCandelo leeNkundla nabo baza kulivela ilizwe balandele amanyathelo afana nala.

Mawethu,

Eyona nto ivula isikroba esikhulu kwipokotho karhulumente nesifuna iPalamente ukuba ikhe iyiqwalaselisise ngumba wezixeko ezingamakomkhulu ezibini, iPitoli njengekomkhulu lolawulo kunye neKapa njengekomkhulu elinendlu yowiso-mthetho.

Sikholelwa ukuba lo mba ufuna ukuqwalaselwa yiPalamente ngokukhawuleza.

Mawethu,

Sonke kuninzi ekufuneka sikwenzile ukuphucula uqoqosho siphungule ilahleko. Kuza kuba lithuba sikwesi sithokothoko, kodwa xa uqoqosho luqalisa ukuhluma kwakhona, siza kuzingomba izifuba sizibulela ngokuba sithathe amanyathelo afanelekileyo.

Mawethu,

Ndifuna ukunika ingxelo ngezithembiso esasizenze kulo nyaka uphelileyo.

KwiNtetho engoBume beSizwe ngeyoMdumba kowama-2015 ndazisa isiCwangciso esinaManqaku aliThoba okusabela kwingxaki yohlumo olutsitsithekayo.

Esi sicwangciso sinamanqaku alithoba siquka:

  1. Ukuvuselela ezolimo nababandakanyeka kwicandelo lokuhlela nokucola iimveliso zolimo;
  2. Ukuqhubela phambili iphulo lokuxhamlisa okanye ukunika ixabiso kubutyebi bezimbiwa;
  3. Ukuphunyezwa ngokungqingqwa kwesiCwangciso sokuSebenza koMgaqo-nkqubo wezoShishino;
  4. Ukuvulela amathuba ii-SMME, ookopolotyeni, amashishini asezilokishini nawasemaphandleni;
  5. Ukusombulula ingxaki yamandla ombane;
  6. Ukuzisa uzinzo kwezabasebenzi;
  7. Ukunyusa izinga lotyalo-mali ngamashishini abucala;
  8. Ukukhulisa uQoqosho lwaseLwandle
  9. Amacandelo aThungelanayo ukuze kuziswe iiNguqu, kuKhuthazwe futhi kweNziwa uQoqosho lube ziNtlobo ngeeNtlobo ngala alandelayo:
  1. Ezenzululwazi, ezobuchwepheshe kunye nezokuyila
  2. Ezamanzi nezogutyulo
  3. Iziseko ezingundoqo zezothutho
  4. Ukuqaliswa kwuka-intanethi okhawulezayo
  5. Inkampani zikarhulumente

Uyabonakala umgama osele uhanjiwe malunga nokuphunyezwa kwesi sicwangciso.

Indima iyabonakala kwilinge lokuzisa uzinzo kwezombane. Akukabikho ukucinywa kombane unkinkishwa ukusukela ngeyeThupha kulo nyaka uphelileyo into leyo yenze umtyhi kubantu emakhaya nakumashishini ngokunjalo.

Urhulumente ugalele imali ezibhiliyoni ezingama-83 zeerandi kwa-Eskom into leyo ilincedileyo eli ziko ukuba liqhubeleke lityala imali eMedupi naseKusile, ngeli thuba lithe ngcembe liqhuba neenkqubo zalo zokukhanda nokulungisa ubuxhaka-xhaka balo bokuphehla umbane.

Ezinye iiyunithi kwiziko lokuphehla umbane i-Ingula ziza kudityaniswa kweli likhulu ngowama-2017, nangona ezinye zazo ziza kuqala ukufudunyezwa zilungiselelwa ukusebenza kulo nyaka.

Izihlandlo ezahlukeneyo zokuba kunikwe futhi kuthelekiswe amaxabiso amaqumrhu ahlukeneyo ngokweNkqubo yeeNkampani eziZimeleyo eziPhehla uMbane Ohlaziyekayo kutsale utyalo-mali oluzibhiliyoni zeerandi ezingama-194.

Eli lilinge ngumzekelo ophilayo wendlela urhulumente anokusebenzisana ngayo nenkampani zabucala ukuza nezisombululo eziphathekayo kwiingxaki ezingxamisekileyo elijongene nazo eli lizwe lethu.

Ngowama-2016, urhulumente uza kukhetha iinkampani eziphumeleleyo eziza kuba zinkampani ezizimeleyo eziza kuvelisa amalahle.

Izicelo zokuNgeniswa kweziCwangciso-ziphakamiso zezigaba zokuqala zokuthelekiswa kwamaxabiso eenkampani eziza kutshintsha igesi ibe ngumbane ziza kukhutshwa.

Inkqubo yokwandisa amandla enyukliya iseyinxalenye yezicwangciso zethu zelixa elizayo zokuba neentlobo ezahlukeneyo zamandla.

Izicwangciso zethu kukuqalisa amandla enyukliya azimegawathi ezingama-9 600 kule minyaka ilishumi izayo, ukongeza kwiZiko laMandla eNyukliya i-Koeberg.

Siza kuqhuba uphando ukukhangela elona xabiso lokwenene lokwakha iziko lenyukliya lale mihla.

Mandikubethelele ukuba siza kuthenga inyukliya ngomthamo nangesantya esilingene ipokotho yethu sililizwe.

Mawethu,

Urhulumente wethu esebenzisa iSebe lezoRhwebo noShishino waqalisa izibonelelo ezininzi kule minyaka imbalwa idlulileyo ukukhuthaza utyalo-mali kwicandelo lezemveliso ingakumbi elamalaphu, elofele olusukiweyo kunye necandelo lezeemoto.

Indima iyabonakala kula macandelo.

Izibonelelo zecandelo lezeemoto zitsale utyalo-mali olungaphezulu kweebhiliyoni zeerandi ezingama-25 kule minyaka mihlanu idlulileyo. Siyawabulela amaphulo amakhulu otyalo-mali enziwe ngabakwaMercedes, General Motors, Ford, Beijing Auto Works, Metair Group, BWM, Goodyear kunye no-VW.

Amanyathelo okungenelela ngeenjongo zokuzisa uzinzo kwicandelo lezempahla namalaphu abe yimpumelelo.

Iinkampani ezinkulu zamazwe ngamazwe ezifana noNestle, Univelever, Samsung kunye no-Hisense nazo ziyakungqina futhi zikhethe uMzantsi Afrika njengelizwe eliphambili kwezemveliso kule ngingqi.

Ezi nkampani ziyigcinile imizi-mveliso yazo kwaye zakhe neminye emitsha.

Kuyinene ukuba inkqubela eyenziwe kwicandelo lezemveliso ibonakalisa ngokungathandabuzekiyo ukuba le nkqubo yezibonelelo iyasebenza kwaye iyathandwa ngabatyali-zimali.

Mawethu,

Kulo nyaka uphelileyo ndazisa inkqubo yokuvuselelwa kwezolimo. Saqalisa ngenkqubo yePaki zezoLimo, ezinjongo zazo yayikukwandisa inani lamafama asakhasayo athatha inxaxheba kwiinkqubo zezolimo.

Ulwakhiwo lwepaki ezintlanusele luqalile. Ezo paki zezi: eNtshona Randi eGauteng, eSpringbokpan eMntla Ntshona, eWitzenberg eNtshona Koloni, eNcora eMpuma Koloni nase-Enkangala eMpumalanga.

Iinkqubo zezolimo kufuneka zixhobise nabalimi abangabantu basetyhini. Ndivumeleni ndazise ophumelele iMbasa yokuba nguSomashishini waseTyhini oGqwesileyo woNyaka wama-2015, uNksz Julia Shungube, ophuma kuMasipala waseNkomazi eMpumalanga.

Somlomo noSihlalo oBekekileyo,

Ukubuyekezwa koMhlaba kusahleli kungumba ophambili njengoko sisilwela iinguqu.

Ndandithethe ngesicwangciso-sikhokelo somgaqo-nkqubo owaba umhlaba ngokulingana, oko kukuthi nge-50/50, ophakamisa umba wamalungelo athile abantu abahlala futhi besebenza ezifama.

Iziphakamiso ezingama-27 sele zifunyenwe ezisuka kumafama arhwebayo, ezine kuzo sele ziqalisiwe ukuphunyezwa eMpuma Koloni naseFreystatha.

Ndaya ndazisa noMthetho oSayilwayo wokuLawulwa kobuNikazi Mhlaba oza kumisela ubukhulu bomhlaba ubani anokuba ngumnikazi wawo ukuba ube ziihektare ezingama-12 000, kwaye noza kuphelisa ukuba abemi bamazwe angaphandle babe ngabanikazi mhlaba. Abemi bangaphandle baza kuvumeleka ukuba bangene kwizivumelwano zokuwuqesha ixesha elide umhlaba. Lo mthetho usaqulunqwayo uza kuthiwa thaca phambi kweKhabhineti kwisiqingatha sokuqala salo nyaka.

Saphinda sazisa ngokuba kuza kuvulwa kwakhona ukuba kufakwe amabango omhlaba ngabo bawuphosayo umhla owawumisiwe ngowe-1998. Inani lezicelo zamabango omhlaba ezifakiweyo zimalunga nama-120 000 ngokweengxelo zeyoMnga kulo nyaka uphelileyo.

Mawethu,

Njengoko sisazi ukuba, amaphondo amahlanu athwaxwe kanobom yimbalela. Loo maphondo nguMntla Ntshona, KwaZulu-Natal, Freystatha, Limpopo kunye neMpumalanga.

Urhulumente uzibonelele ngoncedo iindawo ezichaneke ngamandla. Imbalela ixakile ngenene kumaphondo amaninzi. Imfuyo iyafa kanti nezolimo zishiyekela emva. Lixesha elinzima eli.

Urhulumente uza kuqhubeka nokuxhasa abalimi kunye nokunceda uluntu ngeemoto ezithwala amatanki amanzi.

Mandithathe eli thuba ndibulele ilinge loluntu, i-Operation Hydrate, kunye namanye ancedise ngokubonelela ngamanzi kwimimandla emininzi echatshazelwe kakhulu yimbalela.

Ukwakhiwa kweziseko ezingundoqo zamanzi kusahleli kungumba ophambili ukuze senze inani labantu namashishini afumana amanzi lande.

Isigaba sokuqala seprojekthi ye-Mokolo and Crocodile Water Augmentation eLephalale eLimpopo sele sisebenza ngokupheleleyo. Le projekthi iza kubonelela ngamanzi azityhubhikhi-mitha ezizigidi ezingama-30 ngonyaka.

Ukunyuswa kodonga leDama laseClan William eNtshona Koloni kuquke ukunyusa ubude bedonga ledama ngeemitha ezili-13 ukuze libe namanzi athe chatha.

Ukunqanda ukusebenziseka kakubi kwamanzi, iSebe lezaManzi noGutyulo liqalise ngenkqubo yalo yokuqeqesha abantu abatsha abangama-15 000 ukuze babe zingcibi zamanzi.

Somlomo oHloniphekileyo,

Sihlalo oHloniphekileyo,

Malunga nokuphuculwa kobudlelwane emisebenzini, siyasixhasa isivumelwano ekufikelelwe kuso ngamahlakani ethu esiqhuba nawo kwi-Nedlac ngomba womyinge wesizwe womvuzo ofanalekileyo.

Iingxoxo ziyaqhuba malunga nenqanaba umyinge womvuzo ofanelekileyo ekufuneka ubekwe kulo.

Kubalulekile ukugxininisa ukuba umba womyinge wesiziwe womvuzo ofanelekileyo awusetyenziswa ngendlela yokuba uza kubeka uxinzelelo kumaphulo okudala imisebenzi, ukukhula nokuphumelela kwamashishini amancinci okanye uhlumo loqoqosho oluzingileyo.

Ziyasikhuthaza neengxelo ezisuka kwi-Nedlac zokuba siyaqukunjelwa isicwangciso-sikhokelo sokuphucula ubudlelwane phakathi kwabasebenzi nabaqashi ngokuphungula ixesha elithathwa lugwayimbo kunye nokuphelisa ubundlobongela xa kukho imingcelele yogwayimbo siyaqukunjelwa.

Sizivile nezikhalo zemibutho yabasebenzi ngoMthetho-sihlomelo wezeRhafu endiwutyikitye yangumthetho ngeyoMnga, kulandela ukuphunyezwa kwawo yiPalamente.

Urhulumente ufakana imilomo ne-COSATU ngalo mba kwaye kusafunwa isisombulo.

Nakurhulumente iingxoxo ziyaqhuba, zikhokelwa liSebe loPhuhliso loLuntu noNondyebo weSizwe, malunga nokuqukunjelwa komgaqo-nkqubo ozeleyo wezibonelelo zoluntu.

Mawethu,

Kwiminyakana nje embalwa edlulileyo, icandelo leli lezemigodi, ingakumbi kummandla weplatinam, belithwaxa zizidube-dube.

Izinto zingcono ngoku kwaye sibulela icandelo lamashishini kunye nemibutho yabasebenzi ngalo msebenzi mhle kangaka.

Ezinye iindaba ezincumisayo ngecandelo lezemigodi sisiVumelwano seeNkokeli sokuNqada ukuLahleka kweMisebenzi esatyikitywa ngamahlakani akwicandelo lezemigodi ngeyeThupha kowama-2015.

Siyawacela amaqela achaphazelekayo ukuba aqalise ukulandela iziphakamiso zesi sivumelwano aqhubeke ezama ukukhangela iindlela sokuthintela ukulahleka kwemisebenzi.

Siyabacela abecandelo lezamashishini kwakhona ukuba xa kukho iingxaki ukudenda abasebenzi mayingabi sisisombululo sokuqala ababhenela kuso.

Mawethu,

Ngowama-2014, samisela iphulo elidumileyo le-Operation Phakisa elaligxininisa kwiziPhumo eziKhawulezayo neziBonakalayo saze saliqalisa kuqoqosho lwaselwandle, kwezempilo, ezemfundo nakwicandelo lemigodi.

Imali ezibhiliyoni zeerandi ezisixhenxe ibekelwe bucala ukulungiselela iziseko sokusebenza ezitsha zamazibuko, oku emva kokuba kuqaliswe ngecebo lezivumelwano zentsebenziswano phakathi kukaRhulumente namaShishini abuCala zokuphuhlisa iziseko ezingundo zamaziko nguTransnet, uGunyaziwe weSizwe wamaZibuko.

Mawethu, besixhalabile kuba uMzantsi Afrika ubungenazinqanawa zizezawo kodwa ujikelezwe lunxweme olumalunga neekhilomitha ezingama-3000 ubude.

Sisebenzisa icandelo lezoqoqosho lwaselwandle lwe-Operation Phakisa, ukuzama ukulungisa le ngxaki.

Kuyandivuyisa ukwazisa isizwe ukuba iinqanawa ezimbini ezilayisha imithwalo emikhulu zibhalisiwe eBhayi yaze enye yabhaliswa eKapa nayo phantsi kwegama loMzantsi Afrika.

Ezinye iindaba ezimnandi nge-Operation Phakisa zezokuphehlelelwa kweziko lokugcina ipetroli apha eKapa, into ize notyalo-mali oluzizigidi zeerandi ezingama-660.

Icala lezolimo zaselwandle libonakala ingathi lingummandla okhula ngokukhawuleza kwicandelo lezoqoqosho lwaselwandle kwi-Operation Phakisa.

Ukuza kuthi ga ngoku imali emalunga nama-350 000 eerandi igalelwe ngamashishini abucala kwicandelo lezolimo zaselwandle. Amaziko asithoba olimo lwaselwandle sele esebenza ngoku. La maziko aseMpuma Koloni, KwaZulu-Natal, eNtshona Koloni naseMntla Koloni.

Siyaqhubeka ukukhuthaza ukuyila nokuqamba izinto ezintsha kwinkqubo yesiCwangciso esinaManqaku aliThoba.

ISebe lezeNzululwazi nobuChwepheshe liza kuqukumbela isivumelwano sengxowa-mali i-Sovereign Innovation, esisisivumelwano phakathi kukaRhulumente namashishini abucala ngenjongo zokwenza izinto ezintsha eziyilwe okanye eziqanjwe ngurhulumente okanye ngamashishini abucala kube nokurhwetywa ngazo.

Urhulumente uza kukhawulezisa ukuqaliswa kwesigaba sokuqala se-intanethi ehamba ngesantya esiphezulu ngokuthi kufakelwe i-intanethi kumaziko karhulumente angama-5 000 koomasipala bezithili abasibhozo kwisithuba seminyaka emithathu.

Kubekelwe bucala imali ezizigidi zeerandi ezingama-740 kwisithuba seminyaka eminyaka emithathu ukulungiselela lo msebenzi.

Mawethu,

Mkhulu umsebenzi owenziwayo kwicandelo lezoluntu kulo nyaka uphelileyo.

Urhulumente uthathe amanyathelo wancedisa kwingxaki yesikroba esivele ngenxa yokuba iidyunivesiti zingakhange zinyuse imali yokufunda, njengoko kwakuvunyelenwe kwintlanganiso nabafundi kunye neenqununu zeedyunivesiti kulo nyaka uphelileyo.

UMphathiswa wezeMali uza kunika iinkcukacha ezithe vetshe ngethuba lentetho yoHlahlo Lwabiwo-mali ngendlela eliza kubhatalwa ngayo eli tyalo livele ngokunganyuswa kweemali zokufunda zidyunivesiti.

Ndanyule iKomishini yoPhando eza kukhokelwa yiJaji ukuze iqwalasele icandelo lezemfundo ephakamileyo. Sibongoza onke amahlakani achaphazelekayo ukuba asebenzisane nale Komishini ancede nasekuqinisekiseni ukuba isebenza ngempumelelo.

Kwimiba yezempilo, iminyaka ekulindeleke ukuba iphilwe ngabemi boMzantsi Afrika abangamadoda nabangabantu basetyhini inyuke kakhulu ngoku, ingama-62 kumadoda nakubafazi, into leyo ithetha ukuba inyuke ngeminyaka esibhozo enesiqingatha ukusukela ngowama-2005.

Utshintsho olwenziwayo kumgaqo-nkqubo weNtsholongwane kaGawulayo (i-HIV) ngowama-2009 lwakhokelela ekubeni kuqaliswe ngamandla amaphulo okuvavanyela i-HIV kunye namachiza okuyithomalalisa kubantu abazizigidi eziyi-3.2 abaphila nale ntsholongwane.

Oku kuncede kakhulu kuba kwenze abo basulelekileyo babenempilo entle futhi baphile ixesha elide.

Siyalibulela igalelo lamahlakani akwiBhunga leSizwe loMzantsi Afrika likaGawulayo, uSekela-Mongameli angusihlalo wayo.

Inyathelo lethu elilandelayo kukuvuselela amaphulo okuthintela ingakumbi kulutsha. UMphathiswa wezeMpilo uza kwazisa iphulo elikhulu ngalo mba kungekudala.

Kuluvuyo nokwazisa ukuba inkampani yamachiza ephantsi kombuso, iKetlaphela, sele isebenza. Le nkampani iza kuncedisa kwinkqubo yokukhupha amachiza okuthomamalalisa i-HIV, iwakhuphela iSebe lezeMpilo ukusukela ngonyaka-mali wama-2016/17.

Ngaxeshanye, iPhepha eliCacisa i-Inshorensi yezeMpilo yeSizwe (i-NHI) likhutshwe ngeyoMnga. Iinjongo zalo kukuphucula imeko yezempilo yomntu wonke eMzantsi Afrika.

Mawethu,

Unyulo loorhulumente basekhaya luza kubanjwa zingaphelanga iinyanga ezintathu emva komhla we-18 kuCanzibe, umhla wonyulo lokugqibela.

Siyababongoza bonke abemi abaneminyaka engaphezulu kweli-18 baye kubhalisela ukuvota ngala mpelaveki yokuqala yokubhalisa, umhla wesi-5 nowesi-6 kweyoKwindla ngowama-2016.

Siyalubongoza ulutsha ingakumbi abo baza kube begqiba iminyaka eli-18 bezelwe kulo nyaka, ukuba baphume ngobuninzi baye kubhalisela eli thuba lokuqala ngqa kubo lokuvota.

Isicwangciso sethu sokuBuyela kuNdalashe sokuvuselela oorhulumente basekhaya saphehlelelwa ngeyoMsintsi ngowama-2014. Ngonyaka wama-2015 sonke besibhinqe omfutshane siqalisa ukusisebenzisa.

Kwesi sigaba sesibini sokusetyenziswa kwaso, urhulumente kazwelonke uza kubandanyeka kumanyathelo okuyibeka phantsi kweliso nokuqinisekisa ukuba amagosa ayaphendula ngemisebenzi yawo.

Oku kuquka ukundwendwela oomasipala singaxelanga, ukuhlolwa kweenkqubo zolawulo lwentengo, ukuqaliswa kokusetyenziswa kwezindululo ezikwingxelo yophando, ukutyelela iiprojekthi ezixhaswa ngemali yeSibonelelo sooMasipala seziSeko ezinguNdoqo, futhi kungenelelwe rhoqo xa kukho oomasipala abasezingxakini.

Isicwangciso esimanqaku ali-10 samanyathelo aphambili senkqubo yokuBuyela kuNdalashe siqulunqiwe ngeenjongo zokuba sibe sisikhokelo sesigaba esilandelayo.

Esi sicwangciso siquka ukukhuthaza ukuba uluntu malubhinqe omfutshane luzibandakanye, nto leyo ibaluleke kakhulu ukunceda uluntu ukuba linike ingxelo ngeendlela eliziva ngayo ngoorhulumente basekhaya.

Ndikhe ndahamba-hamba erenkini yeebhasi neeteksi eMarabastad ePitoli ngoMvulo ngeengongo zokuthetha nabakhweli kunye nabantu abathengisa ezitalatweni.

Uninzi lwezikhalazo nemiba abayivezileyo imalunga neenkonzo zikamasipala. Bafuna ukuba uMasipala waseTshwane acoce kule ndawo futhi alungise nemibhobho yokuhambisa ilindle evuzayo. Aba bathengisi basezitalatweni bade abathi bayazifuna ezi nkonzo kwaye abanangxaki nokuzibhatalela.

Bandixelele nokuba abantu abaninzi e-Elandspoort bafumana izindlu zesibonelelo sikharhulumente kodwa endaweni yokuba bahlale kuzo, basuka bazithengise okanye baqeshise ngazo kwabanye abantu.

UNkskz Baloyi othengisa esitalatweni ukhalaze ngabantwana abasele bezincamele kwi-Nyaope abeba izinto zabo.

Abanye abakhweli bathe kufuneka ndikhe ndityelele eKwaggafontein kwindawo eyayisakuba liphandle laKwaNdebele ndiyokuzibonela ngokwam ukusilela kokuhanjiswa kweenkonzo. Ndiza kuya kula ndawo kungekudala.

Ndiye ndafumana nethuba lokuthetha nabemi bamazwe angaphandle abathe bema emigceni imihla nezolo besiya kufaka izicelo zamaxwebhu afanalekileyo kwii-ofisi zeSebe leMicimbi yezeKhaya. Siza kuqhubeka sisiya kubantu bakuthi sive izinto ezibaxhalabisayo kunye neziphakamiso zabo. Imiba ephakanyiswe ngabantu ngeli thuba ndiphaya iza kulandelelelwa ngamasebe afanelekileyo.

Mawethu,

UMbutho wamaPolisa aseMzantsi Afrika (i-SAPS) uza notshintsho kwaye nawo ulandela inkqubo yokuBuyela kuNdalashe kwindlela olawula ngayo ngeenjongo zokwakha kwakhona kunye nokuphucula umgangatho womsebenzi wezikhululo zamapolisa ezingaqhubi kakuhle.

Sifuna nokunyathela kwindaba ezibuhlungu zokuba amapolisa angama-57 sele egetyengiwe ukuza kuthi ga ngoku kulo nyaka-mali wama-2015/16. Sizigxeka kabukhali ezi zenzo zokubulawa kwamapolisa.

Sikhuthaza amapolisa ukuba azikhusele xa ehlaselwa, kodwa akwenze oko ngokusemthethweni.

Mawethu,

Eli lizwekazi le-Afrika silibeka phambili xa siqulunqa imigaqo-nkqubo yethu yezangaphandle.

UMzantsi Afrika uyaqhubeka ukuxhasa amaphulo oxolo nokhuseleko kunye nokuhlanganiswa koqoqosho ngokuthatha inxaxheba kumaphulo eMbumba ye-Afrika (i-AU) kunye noMbutho wezoPhuhliso wamaZantsi e-Afrika (i-SADC).

Siyaqhubeka nokunceda amanye amazwe ukuba akhangele izisombululo kwiingxaki ahlutshwa zizo umzekelo, iLesotho neSouth Sudan.

UMkhosi woKhuselo weSizwe woMzantsi Afrika (i-SANDF) wenza umsebenzi omhle futhi noncomeka kakhulu kumaphulo ogcino-xolo kweli lizwekazi. Siyazidla ngenene ngamajoni ethu. Aza kube ebambe umboniso wezakhono nobunganga bawo eBhayi ukusuka ngomhla we-13 ukuya kowama-21 kweyoMdumba, ukubhiyozela uSuku loMkhosi weeMfazwe.

IsiVunelwano samazwe angamalungu e-BRICS ngeBhanki eNtsha yoPhuhliso okanye i-BRICS Bank siqalile ukusebenza kwaye kulindeleke ukuba ibhanki iphumeze iiprojekthi zayo zokuqala ngekaTshazimpunzi kulo nyaka.

Sathathe inxaxheba kwiNgqungquthela ye-Afrika ne-India kwakunye nakwiQonga lokuSebenzisana phakathi kwe-Afrika neChina njengoko besizama ukomeleza amatyathanga entsebenziswano.

Ilizwe laseChina lazise ngokutyalwa kwemali ezibhiliyoni ezingama-50 zeedola zaseMelika, imali leyo uMzantsi Afrika uza kufumana kuyo iibhiliyoni ezili-10 zeedola zaseMelika eza kusetyenziswa kwiziseko ezingundoqo, ukukhulisa amashishini kunye nophuhliso lwezakhono.

Malunga nokusebenzisana kwamazwe aseMazantsi naseMntla we-Ikweyita, siyaqhubeka nokubamba iindibano neMbumba yeYurophu (i-EU) njengombutho omnye futhi ongowona mkhulu sirhweba nawo noliqumrhu elingumtyali-mali  omkhulu wangaphandle.

Zingaphezulu kwama-2 000 iinkampani eziphuma kwi-EU ezishishina apha eMzantsi Afrika futhi oko kudale imisebenzi engaphezulu kwama-350 000.

Ubudlelwano boMzantsi Afrika ne-USA kunye neCanada buyaqhubeka ukukhula nokubangqingqwa, ingakumbi kwicandelo lezoqoqosho, ezempilo, ezemfundo, ezamandla, ezamanzi, ezokhuselo nezokhuseleko, ezokuxhotyiswa ngezakhono kunye nokuxhotyiswa kwabasetyhini.

Ukuhlaziywa kunye nokwandiswa koMthetho wokuHluma kwe-Afrika namaThuba (i-AGOA) kunika iqonga lokuba kuphuculwe ngamandla amaphulo okuphuhlisa amashishini kunye nobambiswano kule ngingqi. Yonke imiba engekaqosheliswa ye-AGOA isezandleni zabafanalekileyo.

Mawethu,

Sizinqwenelela okuhle kodwa iimbaleki zeli eziphumeleleyo ukuba zithathe inxaxheba kwiMidlalo ye-Olimpikhi eza kubanjelwa eRio de Janeiro.

Sikhuthaza abantu ukuba bathathe inxaxheba kwiinkqubo ezahlukeneyo ezenzelwe ukukhuthaza ukuphila ubomi obunempilo nokwakha isizwe.

Ezi nkqubo ziquka uSuku leSizwe lezoLonwabo, uSuku lweMidlalo neNkcubeko iNelson Mandela; uSuku lweHlabathi lokuShukumisa uMzimba, iMidlalo yaBantu Abadala kunye noSuku loPhuhliso lweGalufa i-Andrew Mlangeni.

Mawethu,

Kumiselwe ikomiti yokuququzelela indlela abaza kuthatha ngayo inxaxheba oomakhwekhwetha bemisebenzi yobugcisa kumalinge okwakha isizwe kweli lizwe.

Usihlalo weKomiti yooMakhwekhwetha abaPhilayo ngumbhali wemidlalo, uMnu Welcome Msomi, osebenzisana negqala lezomculo, uNksz Letta Mbulu, njengosekela-sihlalo.

Siyavuya nokuba iimvumi kunye nabadlali beqonga nemiboniso-bhanyabhanya balisabele ikhwelo lethu lokuba bamanyane ngokwenza oko batsho bakwazi nokuseka uMfelandawonye woMzantsi Afrika wabakwiCandelo lobuGcisa. I-Ofisi kaMongameli iseke iQela likaMongameli Eliza Kujongana neCandelo lezobuGcisa ukuze lixhase amagcisa eli.

Mawethu,

Ukuze sikwazi ukuzalisekisa iinjongo zethu zokudala imisebenzi, sinciphise umsantsa wokungalingani futhi sigxothe nekati eziko sifuna uqoqosho olukhula ngokukhawuleza.

Kwi-NDP, silicacisile izinga nesantya esiyi-5% esifuna uqoqosho lukhule ngalo, nebesinethemba lokuba singafikelela kuso ngowama-2019.

Ngenxa yeemeko zoqoqosho esijongene nazo njengoko ndicacisile apha ngasentla, kucacile ukuba asizukufikelela kweli zinga ngexesha ebesicinga ukuba siza kufikelela kulo ngalo.

Iimeko zoqoqosho ezinzima kwihlabathi nalapha ekhaya kufuneka sizihlupheze sisebenze kakhulu nangokuzimisela, futhi sisebenzisane singawo onke amacandelo. Ngokuhambelana noku, kubalulekile ukuba sithathe amanyathelo angqingqwa size sisuse imiqobo elapha ngaphakathi ethintela uhlumo loqoqosho.

Asinakukwazi ukuzitshintsha iimeko zoqoqosho zehlabathi, kodwa kuninzi esinokwenza ukutshintsha iimeko zalapha ekhaya.

Masisebenzisana silwe ezi meko sijongene nazo. Loo nto ingenzeka.

Enkosi.

Share this page

Similar categories to explore