Bhalisa imanyano yabasebenzi

Ukubhalisa imanyano yabasebenzi, kufuneka ufake isicelo kuMbhalisi wobuDlelwane babaSebenzi kwiSebe leNgqesho nabaSebenzi.

Imanyano yabasebenzi ngumbutho wabasebenzi okhuthaza nokhusela izidingo zamalungu ayo kwimiba efana nemivuzo kunye neemeko asebenza phantsi kwazo, ingakumbi ngokuthethathethana nabaqeshi. Iimanyano zabasebenzi akunyanzelekanga ukuba zibhalise neSebe leNgqesho nabaSebenzi, kodwa iimanyano ezibhalisileyo zinamalungelo ongezelelekileyo.

Thumela isicelo sakho (Registration as a Trade Union, LRA 6.1) ku-Registrar of Labour Relations, Department of Employment and Labour, Private Bag X117, Pretoria, 0001.

Ukufumana iinkcukacha ezithe vetshe, qhakamshelana neSebe lezeNgqesho nezabaSebenzi.

Share this page