Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani
Malunga nemvume yokuziphilisa ngokuloba
Kufanele ufake isicelo semvume yokulobela ukuziphilisa ukuba uhlala ngase lunxwemeni kwaye ufuna ukusebenzisa izilwanyana nezityalo eziphilayo zasolwandle.
Kufanele ufake isicelo kwiikomiti zasekuhlaleni ezilawula ngokubambisana.
Ukuze ufumane imvume, kufanele wanelise yonke imiqathango.
Qaphela: Akukho semthethweni ukulobela ukuziphilisa nokuzilobela ngaphandle kwephepha-mvume. Okwangoku abalobi abaziphilisa ngokuloba balawulwa ngukuloba ngezimvume kude kugqitywe umthetho olawula abalobi bamashishini amancinci.
Imvume yokuloba ivuselelwa ngonyaka. Ngaphambi kokuba kukhutshwe iimvume, abasebenzi besebe bachaza imiqathango nemilinganiselo yengxowa.
Ukungahambisani nale miqathango kungakhokelela ekubeni kuthathwe amanyathelo omthetho aquka ukunqunyanyiswa, ukosulwa okanye ukurhoxiswa kwemvume.
Ofanele kukwenza
- Bhalisa ude ufake isicelo kwikomiti yase kuhlaleni elawulayo.
- Chaza ukuba yiliphi icandelo okanye intlobo yokuloba oyifunayo.
- Tyikitya uluhlu ukwamkela ukuthi ufumene imvume yakho yokuloba
Ixesha elimiselweyo
Ukugqitywa kwesicelo kungathabatha inyanga okanye ngaphezulu kuxhomekeka kumthamo wezicelo. Amagosa eSebe azakubiza intlanganiso yoluntu ukukhupha ezi zimvume kubo bonke abalobi ababhalisiweyo.
Ingaba kubiza malini na
Lenkonzo isimahla kude kugqitywe ngomthetho ozakulawula abalobi bamashishini amancinci.
Ungaqhagamshela nabani
Inombolo yomnxeba : 021 402 3911
Inombolo yeFeksi : 021 402 3367
Isixeko/Idolophi: Cape Town
Idilesi yendawo: Fisheries Management, Department of Agriculture, Forestry and Fisheries, Ground floor, Foretrust Building, Martin Hamerschlag Way, Foreshore, Cape Town, 8000.
Idilesi ye Posi: Department of Agriculture, Forestry and Fisheries Private Bag X2, Roggebaai, Cape Town, 8012.
Call Centre:
Centre number: 086 111 2468
Fax: +27 12 359 3609
Email: callcentre@dffe.gov.za
Website: https://www.dffe.gov.za/