Isicelo sokungenisa elizweni izilwanyana nezinto zofuzo

Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga nesicelo semvume yokungenisa izilwanyana kunye nezihluma zemvelo zemfuzo

Faka isicelo semvume kwiGosa loBhaliso lokuphucula izilwanyana ukuze ungenise izilwanyana okanye izihluma zemvelo zemfuzo eMzantsi Afrika. Kufuneka ufake isicelo iintsuku ezingama-30 phambi kokuba uzingenise.

Ukuba ungenisa izilwanyana:

  • Kufuneka ube nesiqinisekiso esivela kwigosa lobhaliso elaziwayo kwilizwe apho zivela khona izilwanyana. Isiqinisekiso kufuneka sibonise uhlobo lweDNA yegazi  lesilwanyana kunye nebalana ngobomi besilwanyana.

Ukuba akuphumelelanga ukufumana isiqinisekiso:

  • Uya kunyanzeleka ukuba usivavanye isilwanyana apha eMzantsi Afrika. Kufuneka usivavanye kwiintsuku ezingama-30 emva kokuba sifikile.

Ukuba ungenisa isihluma, (embryo) kufuneka ube nesiqinisekiso seDNA yesilwanyana esetyenzisiweyo ukuchumisa isihluma.Ukuba ungenisa izihluma zemvelo zemfuzo, kufuneka ufumane:

  • Igosa lokungenisa izihluma zemvelo zemfuzo lithathe izihluma zemvelo zemfuzo. Awukwazi ukuzithatha ngokwakho. Igosa kufuneka lizifake, lizibhale kwaye liziphawule.
  • Isiqinisekiso seDNA yesilwanyana esisetyenzisiweyo ukuchumisa izihluma esineenkcukacha ezipheleleyo. Kufuneka usifumane isiqinisekiso kwigosa lobhaliso elaziwayo kwilizwe apho isihluma sivela khona.

Ukuba ungenisa iinkukhu okanye amaqanda achumileyo, kufuneka ubhale incwadi echazayo uyibhalela uMlawuli: iiNkonzo zeZilwanyana. Incwadi yakho kufuneka ichaze izizathu zokuba kutheni ufuna ukungenisa amaqanda kunye neenkukhu eMzantsi Afrika. Kufuneka ufumane:

  • Isiqinisekiso esivela kumthengisi wamaqanda okanye iinkukhu welizwe langaphandle. Isiqinisekiso kufuneka siqinisekise imeko yesizukulwana saloo maqanda kunye neenkukhu.

Kwizibuko lokungena, iinkukhu kunye namaqanda ziya kuthuthwa phantsi  kweliso likagqirha wezilwanyana okanye kwisithuthi esivalwe ngugqirha wezilwanyana karhulumente.

Ofanele kukwenza

  1. Faka isicelo semvume yokungenisa izilwanyana iintsuku ezingama-30 phambi kokuzingenisa.
  2. Ukungenisa isilwanyana, kufuneka:
    • Ufumane isiqinisekiso seDNA esivela kwigosa lobhaliso elaziwayo kwilizwe esivela kulo isilwanyana osingenisayo. Ukuba akuphumelelanga ukufumana esi siqinisekiso,  Kufuneka ufumane isiqinisekiso eMzantsi Afrika kwiintsuku ezingama-30 emva kokuba sifikile.
    • Kopa uze uzalise uxwebhu lwesicelo ngezantsi. 
    • Qhoboshela isiqinisekiso seDNA ( ukuba ukwazile ukufumana isiqinisekiso). 
    • Hlawula umrhumo omiselweyo kuMlawuli Jikelele: ISebe lezoLimo, amaHlathi kunye nokuLoba: Standard Bank, Branch: Arcadia, Account no: 011219556m, Branch code: 000845/ 010845
    • Thumela isicelo sakho ngeposi kule dilesi:  The Registrar of Animal Improvement, Private Bag X138, Pretoria, 0001
  3. Ukungenisa isihluma (embryo), kufuneka:
    • Qhagamshelana negosa lobhaliso kwilizwe onqwenela ukufumana kulo oko ufuna ukungenisa
    • Igosa lobhaliso kufuneka likunike isiqinisekiso se-DNA yesilwanyana esisetyenzisiweyo ukuchumisa eso sihluma. Akunakho ukusivavanya eMzantsi Afrika isihluma.
    • Kopa uze uzalise uxwebhu lwesicelo ngezantsi.
    • Qhoboshela isiqinisekiso sedan.
    • Hlawula umrhumo omiselweyo kuMlawuli Jikelele: ISebe lezoLimo, amaHlathi kunye nokuLoba:: Standard Bank, Branch: Arcadia, Account no: 011219556m, Branch code: 000845/ 010845
    • Thumela isicelo sakho ngeposi kule dilesi: The Registrar of Animal Improvement, Private Bag X138, Pretoria, 0001
  4. Ukungenisa izihluma zemvelo zemfuzo:
    • Qesha igosa lokungenisa izihluma zemvelo ukuthatha, ukubhala nokuphawula izihluma zemvelo zemfuzo ofuna ukuzingenisa
    • Qhagamshelana negosa lobhaliso elaziwayo kwilizwe onqwenela ukufumana kulo oko ufuna ukungenisa.
    • Ukubhalisa kufuneka unike isiqinisekiso seDNA kunye neenkcukacha ezipheleleyo zesilwanyana ngasinye isihluma semvelo semfuzo esichunyiswe ngaso. Awukwazi ukuvavanya izihluma zemvelo zemfuzo eMzantsi Afrika.
    • Kopa uze uzalise uxwebhu lwesicelo ngezantsi.
    • Qhoboshela isiqinisekiso seDNA
    • Hlawula umrhumo omiselweyo kuMlawuli Jikelele: ISebe lezoLimo, amaHlathi kunye nokuLoba:: Standard Bank, Branch: Arcadia, Account no: 011219556m, Branch code: 000845/ 010845
    • Thumela isicelo sakho ngeposi kule dilesi: The Registrar of Animal Improvement, Private Bag X138, Pretoria, 0001
  5. Ukungeisa iinkukhu okanye amaqanda achumileyo, kufuneka:
    • Bhala incwadi ephembelelayo uyibhalela uMlawuli: iiNkonzo zeMfuyo.
    • Incwadi yakho kufuneka ichaze izizathu zokunqwenela kwakho ukungenisa amaqanda kunye neenkukhu eMzantsi Afrika.
    • Qhagamshelana nomthengisi welizwe langaphandle othenga kuye amaqanda okanye iinkukhu.
    • Umthengisi welizwe langaphandle kufuneka akunike isiqinisekiso samaqanda neenkukhu, esingqina izizukulwana zamaqanda kunye neenkukhu.
    • Kopa uze uzalise uxwebhu lwesicelo ngezantsi.
    • Qhoboshela incwadi ephembelelayo kunye nesiqinisekiso esivela kumthengisi welizwe langaphandle.
    • Hlawula umrhumo omiselweyo kuMlawuli Jikelele: ISebe lezoLimo, amaHlathi kunye nokuLoba: Standard Bank, Branch: Arcadia, Account no: 011219556m, Branch code: 000845/ 010845
    • Thumela isicelo sakho ngeposi kule dilesi: The Registrar of Animal Improvement, Private Bag X138, Pretoria, 0001

Ixesha elimiselweyo

Kuya kuthatha iintsuku ezingama-30 ukuchophela isicelo sakho.

Ingaba kubiza malini na

R220

Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa

Isicelo semvume yokungenisa izilwanyana kunye nezihluma zemvelo (Application for the importation of animals and genetic material)

Ungaqhagamshela nabani
 

 

Registrar of Animal Improvement

Tel: 012 319 7424/34
Fax: 012 319 7570/7425
Physical address: Delpen Building, Cnr Annie Botha Avenue and Union Street, Riviera, Pretoria
Postal address: The Registrar of Animal Improvement, Private Bag X138, Pretoria, 0001

 

Share this page