Isicelo sokuhlaziya ukubhalisa izityalo ezibulalala iintsholongwane

Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga nokubhalisa indawo apho kutshatyalaliswa iintsholongwane kwiimveliso zezilwanyana

Ukusebenzisa indawo apho kutshatyalaliswa iintsholongwane kwiimveliso zezilwanyana, kufuneka ubhalise neGosa loBhaliso loMthetho wama-36 we-1947 (Act 36 of 1947). Indawo apho kutshatyalaliswa iintsholongwane kwiimveliso zezilwanyana isetyenziselwa ukutshabalalisa iintsholongwane kwiimveliso zezilwanyana okanye kuzo naziphi na izilwanyana ezinethambo lomqolo okanye ezingenalo ezichazwe nguMphathiswa.
Ukuze ube selungelweni:

  • indawo apho kutshatyalaliswa iintsholongwane kwiimveliso zezilwanyana kufuneka ibe seMzantsi Afrika
  • kufuneka ufumane iingxelo zokuhlolwa kwiGosa likarhulumente leMfuyo kunye namaGosa ezeMpilo yokusiNgqongileyo kwiphondo lakho.
  • Indawo leyo kufuneka:
    • Ithobele iimfuneko zezempilo
    • Ithobele iimfuneko zemimiselo yendawo apho kutshatyalaliswa iintsholongwane kwiimveliso zezilwanyana 
    • Ibe nendawo yokugcina izinto elungele lo msebenzi
    • Ilungiselele iimveliso zezilwanyana ezingenazo izinto ezithwala iintsholongwane ezibangela izifo process animal products that are free from pathogenic organisms.

Xa iGosa loBhaliso lifumene isicelo sakho kunye neengxelo zokuhlolwa, umhloli ovela kwicandelo loMthetho wama-36 we-1947 uya kuhlola ukuba indawo apho kutshatyalaliswa iintsholongwane kwiimveliso zezilwanyana izithobele na iimfuneko zalo mthetho (Act 36 of 1947).

Ukuba iGosa loBhaliso lonelisekile yingxelo yokuhlola, indawo apho kutshatyalaliswa iintsholongwane kwiimveliso zezilwanyana iya kubhaliswa kuze kukhutshwe isiqinisekiso. Isiqinisekiso sendawo apho kutshatyalaliswa iintsholongwane kwiimveliso zezilwanyana sisemthethweni iminyaka emithathu. Kufuneka ufake isicelo sokuhlaziya phambi komhla wama-31 kweyoKwindla kunyaka ubhaliso oluphelelwa ngawo.

Qaphela: IGosa loBhaliso loMthetho wama-36 we-1947 liya kucima ubhaliso ngalo naliphi na ixesha ukuba:  

  • Wophule okanye akuphumelelanga ukuthobela imiqathango yoMthetho weziChumiso, uKutya kweMfuyo, amaChiza ezoLimo kunye namaChiza aselugcinweni we-1947  (Act 36 of 1947)
  • Awuphumelelanga ukuthobela imimiselo yobhaliso 
  • Indawo apho kutshatyalaliswa iintsholongwane kwimveliso zezilwanyana ayiyithobeli imimiselo ebekiweyo okanye ayisenazo ngokwanelisayo izixhobo zokutshabalalisa iintsholongwane 
  • Indawo yokutshabalalisa iintsholongwane kwiimveliso zezilwanyana ayiwutsali umdla woluntu 

Ofanele kukwenza

  1. Qhagamshelana neSebe lezoLimo lephondo uze ucele iGosa likaRhulumente leMfuyo kunye neGosa lezeMpilo yokusiNgqongileyo kummandla wakho.
  2. Cela iGosa likaRhulumente leMfuyo kunye neGosa lezeMpilo yokusiNgqongileyo ukuba baze kuhlola indawo yokutshabalalisa iintsholongwane kwiimveliso zezilwanyana ukuze ufumane iingxelo zokuhlolwa kwemfuyo kunye nokusingqongileyo.
  3. Emva kokuba uzifumene iingxelo, kufuneka ukope uxwebhu lwesicelo sokubhalisa indawo yokutshabalalisa iintsholongwane kwiimveliso zezilwanyana phantsi kwamaxwebhu ekufuneka uwazalise. Okanye, ungalufumana uxwebhu kwi-Ofisi yeGosa loBhaliso kule dilesi: Agriculture Place 20 Steve Biko Street, Arcadia, Pretoria.
  4. Hlawula umrhumo omiselweyo ngetsheki, iphetshana eliyimali laseposini, iphetshana elingumyalelo wemali kuMlawuli-Jikelele: iSebe lezoLimo, amaHlathi nokuLoba. Ukuba isicelo sakho uza kusizisa kunye nomrhumo wesicelo, kufuneka uqinisekise ukuba ufumana iphetshana elibubungqina bentlawulo. Ukuba umrhumo wakho uza kuwuhlawula ngokuthumela imali ngekhompyutha, kufuneka uyihlawule kule akhawunti ilandelayo:
    Igama le-akhawunti: NDA-ACT36 of 1947
    Inombolo ye-akhawunti: 11 2031 02
    Inombolo yesazisi: 13SP1 kunye negama lendawo yokutshabalalisa iintsholongwane kwizilwanyane, Inombolo yesebe: 01 0845,
    Igama lebhanki: Standard Bank.
  5. Kufuneka uqhoboshele oku kulandelayo kwisicelo sakho:
    • Ubungqina bentlawulo
    • Iingxelo zokuhlolwa kwezempilo yemfuyo kunye nokusingqongileyo
    • Isicwangciso sendawo yokusebenza kunye ne(e)nkqubo zokwenza
  6. Thumela amaxwebhu esicelo sakho ngeposi kule dilesi: The Registrar Act 36 of 1947, Private Bag X343, Pretoria 0001 okanye uwazise ngesandla kule dilesi: The Registrar Act 36 of 1947, Agricultural Building, 20 Steve Biko Street, Pretoria

Ixesha elimiselweyo

Kuthatha ukuya kwiinyanga ezine.

Ingaba kubiza malini na

Imali ehlawulwayo yowama- 2024/25

Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa

Application for registration of a sterilising plant (Isicelo sokubhalisa indawo yokutshabalalisa iintsholongwane kwiimveliso zezilwanyana)

Ungaqhagamshela nabani

 

Administration

Lindinkosi Lembethe
Tel: 012 319 6863
E-mail: LindinkosiL@daff.gov.za

National office
Tel: 012 319 6657
Fax: 012 319 7179
Physical address: Agriculture Place, 20 Steve Biko Street, Arcadia, Pretoria
Postal address: Private Bag X343, Pretoria 0001
Web address: http://www.dalrrd.gov.za/

Share this page