Vuselela isicelo sokubhalisa ukubulalala iintsholongwane kwisakhiwo

Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga nesicelo sokuvuselela ukubhaliswa kokubulala iintsholongwane kwisakhiwo

 

Kufanele ufake isicelo ukuze uvuselele ubhaliso lokubulala iinntsholongwane kwisakhiwo rhoqo emva kweminyaka emithathu. Isicelo sakho ungasithumela kuNobhala woMthetho 36 we-1947 phambi komhla wama-31 kweyoKwindla wonyaka lowo umjikelo wokubhaliswa kwakho uphela ngawo.
Kufanele uqhagamshelane nesebe lezoLimo kwi phondo lakho ukuze ufumane ugqirha wezilwanyana karhulumente enginqini yakho ukuze azohlola ukubulawa kweentsholongwane kwisakhiwo sakho. Ugqirha wezilwanyana uzakunika isatifikethi emva kohlolo uze esosatifikethi usifake kwisicelo sakho.
Isatifikethi kufanele siqinisekise okubana:

  • isakhiwo sakho sakho siyayithobela iimeko zococeko
  • abaphathi besakhiwo sakho bayazithobela iimfuno zommiselo wokubulawa kweentsholongwane kwisakhiwo
  • isakhiwo sakho sinendawo eyoneleyo yokugcina izinto
  • imveliso zezilwanyana azinabungozi bentsholongwane engadala izifo.

Ukuba awukwazanga ukuvuselela ngomhla okanye ngaphambi komhla wama-31 kweyoKwindla wonyaka wokugqibela wokuphelelwa kokubhaliswa kwakho uNobhala woMthetho 36 we-1947 uzakusula ukubhaliswa kwakho kokuqala nesatifikethi sakho aszukusebenza.

Ofanele kukwenza

1.    Qhagamshelana nesebe lezolimo lephondo ucele inkcukacha zogqirha wezilwanyana enginqini yakho.
2.    Qhagamshelana nogqirha wezilwanyana umcele azokuhlola ukubulawa kweentsholongwane kwisakhiwo sakho ukuze ufumane isatifikethielisuka kuye.
3.    Emva kokuba ufumene isatifikethi sikagqirha wezilwanyana, kufuneka ufumane ifomu lokufaka isicelo sokubhalisa ukubulawa kweentsholongwane kwisakhiwo uligcwalise. 
4.    Ifomu yakho yesicelo kufuneka ikhatshwe koku okulandelayo:

  • intlawulo yesicelo
  • isatifikethi okanye ingxelo yohlolo evela kugqirha wezilwanyana
  • ingxelo efungelweyo engqina ukuthi iinkcukacha zakho owazifaka kwisicelo sakho sokuqala azika jiki.

5.    Kufanele uhlawule imali yesicelo ngetsheki, i-postal order okanye i-money order ku: Director-General: Department of Agriculture, Land Reform and Rural Development, i-reference: Sterilising Plant. Ukuba uzakuzisa isicelo sakho ngesandla nemali yesicelo, qinisekisa ukuthi uza nobungqina bokuthi uhlawulile. Ukuba uhlawula nge-Electronic Transfer Account, nceda uyifake kule-akhawunti:
Igama le-account: NDA-ACT36 of 1947
Inombolo ye-account: 11 2031 02
I-reference: 13SP1 kunye negama lesakhiwo
Ikhodi ye-branch: 01 0845
Igama lebhanki: Standard Bank
6.    Thumela ifomu yakho nobungqina bokuthi uhlawulile ku: The Registrar Act 36 of 1947, Private Bag X250, Pretoria 0001 okanye ungalihambisa ngesandla ulise ku: The Registrar Act 36 of 1947, Agriculture Building, 20 Steve Biko Street, Pretoria.

Ixesha elimiselweyo

Iinyanga ezintathu.

Ingaba kubiza malini na

Imali ehlawulwayo yowama- 2024/25

Ungaqhagamshela nabani

 

 

National office
Tel: 012 319 6657
Fax: 012 319 7179
Physical address: Agriculture Building, 20 Steve Biko Street, Arcadia, Pretoria
Postal address: Private Bag X343, Pretoria 0001
Web address: https://www.dalrrd.gov.za/

Share this page