Ukufaka isicelo sokukhulisa umntwana ongengowakho odinga inkathalo nokhuselo

Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na 
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga ukufaka isicelo sokukhulisa umntwana ongengowakho odinga inkathalo nokhuselo

Ukuba ufuna ukukhulisa umntwana odinga inkathalo kunye nokhuselo, faka isicelo sokukhulisa loo mntwana kwi-ofisi yeSebe loPhuhliso lwezeNtlalo okanye kumbutho ogunyazisiweyo wokukhusela abantwana.

Ukukhulisa umntwana ongengowakho odinga inkathalo nokhuselo kukubekwa komntwana okwethutyana odinga inkathalo kunye nokhuselo phantsi kolawulo lwakho. Umntwana ubekwa kwinkathalo yomntu ofanelekileyo ongenguye umzali wakhe.

Ngubani onelungelo lokuba ngumntwana okhuliswa kuba edinga inkathalo kunye nokhuseleko?

Umntwana kufuneka:   

  • abe ngaphantsi kweminyaka eli-18 kwaye/okanye
  • abe ebelahliwe okanye uyinkedama kwaye akanalo naluphi na uhlobo lwenkxaso alufumanayo
  • ubonakalisa ukuziphatha abazali okanye abamkhathalelayo abangakwaziyo ukukulawula   
  • abe uhlala ezitalatweni okanye uyangqiba ukuze aphile   
  • uzinikele ekuxhomekekeni kwisidodobalisi ngqondo kwaye akanayo nayiphi na inkxaso yokuba afumane unyango loko kuxhomekeka  
  • uxhatshaziwe okanye uvuleleke kuxhatshazo 
  • usemngciphekweni ukuba angabuyiselwa kubazali bakhe okanye abo bamkhathalelayo  
  • ukwimeko yokungahoyeki ngokwasemzimbeni okanye engqondweni, akaphethwanga kakuhle, uyaxhatshazwa ngumzali, ngulowo umkhathalelayo, ngumntu onoxanduva nelungelo lokuba ngumzali okanye ilungu losapho lomntwana okanye ngumntu umntwana lowo aphantsi kolawulo lwakhe.

Ngubani onelungelo lokukhulisa umntwana odinga inkathalo kunye nokhuselo?

Ukuze ukulungele ukuba ngumntu okhulisa umntwana odinga inkathalo nokhuselo, kufuneka:

  • ube neminyaka eli-18 okanye ngaphezulu
  • uphile qete kwaye ufaneleke 
  • ube uyakuthakazelela kwaye uyakwazi ukumxhasa umntwana 
  • ube uyakwazi ukwenza okumngqongileyo kube yindawo elungele ukukhula nokuphuhla komntwana

Ungakwazi ukukhulisa umntwana odinga inkathalo nokhuselo kangangexesha elimiswe yinkundla. Kanye nje ukuba liphele ixesha elimiswe yinkundla, igosa elongameleyo, emva kokuphonononga ingxelo nokuthethelelwa lingakwazi ukulandisa ixesha lomyalelo wenkundla.

Ofanele kukwenza

  • Faka isicelo sokukhulisa umntwana odinga inkathalo nokhuselo kwi-ofisi yeSebe loPhuhliso lwezeNtlalo okanye kumbutho ogunyazisiweyo wokhuselo lwabantwana.
  • Uya kuthunyelwa kunontlalontle oya kuqhuba uphando.  
  • Unontlalontle uya kuhlola iimeko zomntwana. 
  • Nawe uya kuhlolwa kwaye kukhangelwe ukuba ukulungele na ukuba ngumzali womntwana odinga inkathalo nokhuselo.
  • Faka ezi zilandelayo:
    • isifungo esichaza ukuba umntwana ulahliwe (ukuba sikhona)    
    • iziqinisekiso zokufa kwabazali (ukuba zikhona)
    • isiqinisekiso sokuzalwa somntwana (ukuba sikhona) – Ukuba umntwana akanaso isiqinisekiso sokuzalwa, unontlalontle uya kukuncedisa ukuba usifumane
    • isazisi sakho  
  • Abazali abamzeleyo umntwana kunye nomntwana kufuneka babandakanywe kule nkqubo. 
  • Kwiimeko apho umntwana elahliwe okanye eyinkedama, unontlalontle uya kukuncedisa ukufaka intengiso  kumaphephandaba nize nilinde impendulo evela kuluntu kangangenyanga enye.
  • Unontlalontle uya kuqulunqa ingxelo ethethelelayo aze ayithi thaca kwiNkundla yabaNtwana.
  • Ngokusekwe kwingxelo kanontlalontle, igosa elongameleyo enkundleni lingafumanisa ukuba umntwana udinga inkathalo nokhuselo.
  • Igosa elongameleyo liya kukhupha umyalelo wenkundla ovumela ukubekwa komntwana kumzali oza kumkhulisa ngenkathalo nokhuselo. Umyalelo wenkundla uya kubonisa amagama abazali, elomntwana oza kukhuliswa kunye nexesha aza kuhlala lona.

Qaphela: Kanye ukuba umyalelo wenkundla ukhutshwe, ungafaka isicelo sokukhulisa umntwana odinga inkathalo nokhuselo kwi-ofisi yeSASSA. Umntwana angakhululwa ekuhlawuleni imali yesikolo nakumaziko oluntu ezempilo. Ukuze umntwana akhululwe ekuhlawuleni imali yesikolo, kufuneka uzalise uXwebhu lokuKhululwa olufumaneka esikolweni uze ufake nekopi yomyalelo wenkundla.

Ixesha elimiselweyo

Uphando kunye nokuqosheliswa kwemibuzo kuyohluka kwimeko nganye.

Ingaba kubiza malini na

Le nkonzo isimahla.

Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa

Onke amaxwebhu ayafumaneka kwi-ofisi yeSebe loPhuhliso loLuntu ekufutshane nawe.

 

Share this page