Intetho kaMongameli u-Cyril Ramaphosa yokuPheliswa kweMeko yeNtlekele yeSizwe ekuSabeleni kuBhubhane we-COVID-19.

Bemmi boMzantsi Afrika,

Kwezi ntsuku zingama-750 zidlulileyo, uMzantsi Afrika ubukwiMeko yeNtlekele yeSizwe.

Le yimeko engaqhelekanga kakhulu engazange ibonwe kwimbali yelizwe lethu.

Ukubhengezwa kwemeko yentlekele yaba kukusabela kwingxaki yezempilo yehlabathi eyabangela isigrogriso esikhulu kubomi nakwintlalontle yabantu bethu.

Akuthandabuzeki ukuba ukusabela okunjalo kwakuyimfuneko phantsi kwezi meko.
Isibhengezo seMeko yeNtlekele yeSizwe ngomhla we-15 kweyoKwindla 2020 sixhobise urhulumente ukuba athathe amanyathelo athintele abantu abaninzi ukuba bagule kakhulu kwaye sisindise ubomi obungenakubaleka.

La manyathelo ebesebenza ekwehliseni isantya sosuleleko, ethomalalisa uxinzelelo
kwizibhedlele zethu, kwaye ebonelela ngexesha esilidingayo ukuphuhlisa iziseko zophuhliso, izixhobo kunye namandla okulawula inani elikhulu labantu abaye bagula ngenxa ye-COVID-19.

Imeko yeNtlekele yeSizwe ikwabonelele ngesiseko esisemthethweni sokungeniswa 
kweSibonelelo soNcedo lweNtlalo esikhethekileyo sama-R350 esongezelelweyo, esiqhubekayo ngokuzisa inkxaso efuneka kakhulu kwabo bachatshazelwe kakhulu ngubhubhane we-COVID-19.

Yenze ukuba kusekwe ingxowa-mali ye-COVID TERS, ebonelele ngenkxaso yemivuzo 
kwizigidi zabasebenzi.

Imeko yeNtlekele yeSizwe kwakhona yenze ukuba kubekho inkxaso kumashishini amancinane, ukwandiswa kokwamkeleka kweelayisenisi zenqwelo-mafutha kunye nezokuqhuba, kunye nokulawulwa kobhubhane kumaziko emfundo, phakathi kwezinye izinto.

Onke la manyathelo ebeyimfuneko kungekuphela nje ekusabeleni kwiziphumo ezitshabalalisayo zobhubhane kwimpilo yabantu, kodwa nokuqingqa iindleko ezinkulu kuluntu nakuqoqosho. Le yinjongo echanekileyo ejolise kuyo imeko yentlekele:  ukwenza ukuba kube nokusabela okusebenzayo kwentlekele esindisa ubomi.

Nangona kunjalo, kumxholo woluntu lwentando yesininzi olukhululekileyo noluvulelekileyo, amagunya awongezelelweyo anikezelwa yimeko yentlekele ngawexeshana kwaye aqingqelwe.

Kufanele ukuba zigcinwe kuphela logama ziyimfuneko ngokwenene. Njengoko benditshilo kwiNtetho kaMongameli engoBume beSizwe, ngoku singene kwinqanaba elitsha lobhubhane we-COVID-19.

Ukuguquka kwemeko yobhubhane kwilizwe lethu kwabonakala kakhulu kwityeli lesine 
lobhubhane kweyoMnga nakweyoMqungu.

Nangona sishicilele inani eliphezulu kakhulu losuleleko kwityeli lesine kunawo onke 
amatyeli angaphambili, bekukho iimeko ezimbalwa zokugula kakhulu, ukulaliswa esibhedlele kunye nokufa.

Ngexesha letyeli lesithathu kweyeKhala kulo nyaka uphelileyo, elona nani liphezulu lemihla ngemihla lokusweleka okunxulumene ne-COVID-19 elalishicilelwe lalingama-420.

Kwityeli lesine, kweyoMdumba kulo nyaka, elona nani liphezulu lemihla ngemihla lokusweleka okunxulumene ne-COVID-19 lalingama-240.

Kule veki iphelileyo, eli nani lehle laza kutsho kwishumi elinesibini kuphela.

Sibona umfuziselo ofanayo kumaziko ethu ezempilo.

Kwi-108 000 yeebhedi eziqhelekileyo elizweni, zili-1 805 kuphela ngoku ezinezigulane 
ezine-COVID-19.

Kwiibhedi ezingama-5 600 zamaCandelo Abantu Abagula kakhulu (i-ICU) elizweni, zili-175 kuphela ezinezigulane ezine-COVID-19.

Oku kuyinxalenye yentsingiselo eyehlayo ebangela ukuba sibuyele kwimo yesiqhelo kumaziko ezempilo karhulumente. 

Oku kubonisa ukuba ngelixa intsholongwane iqhubeka ukujikeleza, ayibangeli amanqanaba afanayo okugula kakhulu adinga ukulaliswa esibhedlele okanye inani elifanayo lokufa.

Ngelixa ubhubhane ungekapheli, nangelixa intsholongwane ihleli phakathi kwethu, ezi meko 
azisafuni ukuba sihlale kwiMeko yeNtlekele yeSizwe.

Ukuqhubela phambili, ubhubhane uza kulawulwa ngokwemiqathango yoMthetho wezeMpilo weSizwe. Uyilo lweMigaqo yezeMpilo lupapashiwe ukuze uluntu luhlomle.

Nje ukuba ixesha lokuvakalisa izimvo zoluntu livalwe, ngoMgqibelo, umhla we-16 kuTshazimpuzi 2022 kwaye izimvo ziqwalaselwe, imigaqo emitsha iza kuqukunjelwa ize ibhengezwe.

Ukusukela oko kungahlangatyezwananga neemfuno zokubhengezwa kweMeko yeNtlekele yeSizwe ngokwemiqathango yoMthetho woLawulo lweNtlekele, iKhabhinethi igqibe ekubeni iyiphelise iMeko yeNtlekele yeSizwe ukususela ezinzulwini zobusuku namhlanje.

Umthetho woLawulo lweNtlekele ubonelela ngokuba izinto ezithile zemigaqo zinokuhlala 
zisebenza kangangexesha eliqingqelweyo 'ukuvuselelwa nokubuyiselwa kwisimo sangaphambili emva kwentlekele’.

Ngokufanelekileyo amalungiselelo athile enguqu aza kuhlala esebenza kangangeentsuku ezingama-30 emva kokupheliswa kweMeko yeNtlekele yeSizwe ukuqinisekisa ukuba amanyathelo okhuseleko lwezempilo yoluntu ayimfuneko kwaye ezinye iinkonzo eziyimfuneko aziphazamiseki ngelixa imigaqo emitsha ngokwemiqathango yoMthetho wezeMpilo weSizwe uqalisa ukusebenza.

Oku kuthetha ukuthi yonke imigaqo kunye nemiyalelo ezenziwe ngokwemiqathango yoMthetho woLawulo lweNtlekele kulandela ukubhengezwa kwemeko yentlekele yesizwe ekusabeleni kwi-COVID-19 ziyarhoxiswa ukususela ezinzulwini zobusuku namhlanje, ngaphandle kwamanyathelo ambalwa otshintsho.

La manyathelo otshintsho, aza kuphelelwa ngokuzenzekelayo emva kweentsuku ezingama-30, ngala alandelayo:
Okokuqala, kuza kufuneka ukuba sinxibe isigqubutheli-buso kwindawo yangaphakathi yoluntu. Oku kuyimfuneko ukuthintela usuleleko kwiindawo ezinomngcipheko ophezulu, ingakumbi ngelixa abantu abaninzi behlala bengagonywanga.

Isigqubutheli-buso asifuneki xa ungaphandle.

Okwesibini, izithintelo ezikhoyo ngeendibano ziza kuqhubeka njengenyathelo lotshintsho.
Oku kuthetha ukuba zombini iindawo zangaphakathi nezangaphandle zinokuthatha ukuya kufikelela kwi-50% yomthamo wazo ngaphandle koqingqelo olukhulu, ngaphandle kokuba ubungqina bokugonywa okanye uvavanyo lwe-COVID-19 olungekho ngaphezulu kweeyure ezingama-72 luyafuneka ukuze ungene kwindawo leyo.

Apho kungekho sibonelelo sobungqina bogonyo okanye uvavanyo lwe-COVID-19, ngoko ke uqingqo olukhoyo oluphezulu lwabantu abali-1 000 ngaphakathi kunye nabantu abangama-2 000 ngaphandle luza kuhlala lusebenza.

Okwesithathu, amalungiselelo akhoyo ngoku malunga nohambo lwamazwe ngamazwe ahlala esebenza. Oku kuthetha ukuba abahambi abangena eMzantsi Afrika kuza kufuneka babonise ubungqina bogonyo okanye uvavanyo lwe-PCR olubonisa ukuba awunayo intsholongwane olungekho ngaphezulu kweeyure ezingama-72.

Ukuba umhambi akanaso isatifikethi sokugonywa okanye ubungqina bovavanyo olungenayo i-COVID-19, kuza kufuneka ukuba benze uvavanyo lwentsholongwane ekufikeni kwabo.

Ukuba uvavanyo lwabo lunentsholongwane ye-COVID-19, kuza kufuneka ukuba babekwe bodwa kangangeentsuku ezilishumi.

Okwesine, imiyalelo ebonelela ngentlawulo yeSibonelelo soNcedo lweNtlalo esikhethekileyo sama-R350 iza kuhlala isebenza.

Oku kuza kwenza ukuba iSebe loPhuhliso lwezeNtlalo ligqibezele imigaqo eza 
kuvumela ukuhlawulwa kwesibonelelo-mali ukuba kuqhubeke.

Okwesihlanu, imiyalelo ebonelela ngokwandiswa kokwamkeleka kwelayisenisi yomfundi, ikhadi lelayisenisi yokuqhuba, icwecwe lelayisenisi, iphepha-mvume lokuqhuba ngobuchule kunye nokubhaliswa kwenqwelo-mafutha iza kuhlala isebenza.

Yonke eminye imigaqo yeentlekele izakuphela ezinzulwini zobusuku namhlanje.

Le migaqo iquka ukubekwa bodwa kwabantu, ezikolweni nokufikelela kumakhaya abantu abadala, kwizithuthi zikawonke-wonke, ngeenkqubo zokwaluka, ukuthuthwa kwemithwalo, nokwenza kube lulwaphulo-mthetho ukungathotyelwa kwale mithetho.

Ukuphela kweMeko yeNtlekele yeSizwe kukwathetha ukuba amaNqanaba okuLumkisa ngeNtsholongwane ye-Corona awasayi kusebenziseka.

Amanyathelo ambalwa enguqu aseleyo aqingqwe ngokomda, kwaye avumela phantse yonke imisebenzi yentlalo noqoqosho ukuba aqalise njengesiqhelo.

Abalulekile ekunciphiseni umngcipheko wetyeli le-COVID-19 elongezelelweyo kunye nentlekele eyongezelelweyo.

Akwaqinisekisa ukuba abantu banokuqhubeka befumana iSibonelelo soNcedo lweNtlalo 
kwaye akukho siphazamiso malunga namaphepha-mvume okuqhuba.

Njengoko sendichazile, la ngamanyathelo otshintsho aza kuphelelwa emva kweentsuku ezingama-30. Oku kuza kuvumela ulawulo lobhubhane ukuba kujongwane nawo, ngokufanelekileyo, yiMigaqo yezeMpilo okanye ngamanye amalungiselelo.

Kukho inyathelo lokugqibela eliza kuhlala likhona emva kweMeko yeNtlekele yeSizwe.

Le yiNgxowa-mali yeMbuyekezo yokuNgasoleki koMonzakalo kwiYeza lokugonya i-COVID-19 Vaccine Injury No-Fault Compensation Scheme.

Le Ngxowa-mali yaqalisa ukusebenza kuTshazimpunzi kulo nyaka uphelileyo ukuze ibonelele ngokufikelela ngokukhawuleza nangokulula kwimbuyekezo kuye namphi na umntu owonzakele kakhulu ngenxa yokufumana iyeza lokugonya le-COVID-19.

Le Ngxowa-mali yeMbuyekezo yokuNgasoleki koMonzakalo kwiYeza lokugonya le-COVID-19, elawulwa liSebe lezeMpilo, iza kuqhubeka emva kokuphela kweMeko yeNtlekele yeSizwe. Le ngxowa-mali iza kupheliswa kuphela yakuba iyifezekisile injongo yayo.

Bemmi boMzantsi Afrika,

Ukuphela kweMeko yeNtlekele yeSizwe sisiganeko esibalulekileyo kumlo wethu wokulwa 
nobhubhane.

Luphawu lwenkqubela esiyenzileyo kunye nesikhumbuzo sento isizwe sethu 
esiye sayinyamezela.

Lixesha lokukhumbula abo baphulukene nobomi babo kunye nabantu abaninzi 
abasasokoliswa ziziphumo zesi sifo.

Ikwalixesha lokunika imbeko kubasebenzi bezempilo, amapolisa, amajoni, amavolontiya 
kunye nabanye abasebenzi abaphambili ngokuzinikela nangenkonzo yabo ngamaxesha amabi kakhulu obhubhane.

Isiphelo seMeko yeNtlekele yeSizwe yingxelo eqinileyo yokuzimisela kwethu ukuphila 
ubomi bethu kwaye sakhe ilizwe lethu ngokutsha nanjengoko le ntsholongwane ihleli phakathi kwethu. 

Kufuneka isinike sonke ukuzithemba ukuba sibuyele kubomi ebesibuphila ngaphambi kobhubhane, ngohlengahlengiso olulula lokukhusela abo basingqongileyo.

Kufuneka ibonelele amashishini ethu ngokuqiniseka ukuba anokusebenza kwaye atyale imali ngaphandle kwezinye izithintelo ezinokubakho.

Okubalulekileyo, ngokuphelisa iMeko yeNtlekele yeSizwe sonke sithatha uxanduva lomntu ngamnye lokukhusela impilo yethu kunye nempilo yabanye abantu.

Olona xanduva lwethu lukhulukazi kukuqinisekisa ukuba sigonyelwe i-COVID-19 kunye 
nokukhuthaza abanye abantu ukuba bayokugonywa.

Ugonyo lolona khuselo lwethu lubalaseleyo kwi-COVID-19.

Ugonyo lukwasesona sixhobo sifanelekileyo esinaso sokunciphisa amathuba amatyeli exesha elizayo osuleleko olugubungele amaziko ethu ezempilo - nanokufuna ukuba siphinde sibhengeze imeko yentlekele.

Kufuneka, nangona kunjalo, sihlale silumkile kwaye sihlale siphaphile.

Sifundile ukuba le ntsholongwane ayiqikeleleki, kwaye imeko inokutshintsha ngokukhawuleza. Ngoko ke, siyaqhubeka nokusebenza noMbutho wezeMpilo weHlabathi kunye neminye imibutho ukuqonda ukwanda kweemeko kwezinye iindawo zehlabathi kunye nokuhlola iinkcukacha zezenzululwazi ezifanelekileyo ezivelayo.

Ukusukela oko le ntsholongwane yaqala ukufika kwilizwe lethu kwiminyaka emibini eyadlulayo, sisebenze kunye, ngenjongo kunye nokusombulula, ukuze soyise ubhubhane.

Nangona ubhubhane ungekapheli, kwaye nangona siqhubeka nokuhlala silumkile, 
sinokuqiniseka ukuba sikwindawo engcono ngoku kunokuba besinjalo nangaliphi na elinye ixesha kwezi ntsuku zingama-750 zidlulileyo.

Sinethemba lokuba izinto ezimbi sizishiye ngasemva, kwaye siqinisekile ukuba kukho
iintsuku ezingcono kuphela phambili.

Ngoku lixesha lokukhulisa uqoqosho lwethu kunye nokudala imisebenzi.

Ngoku lixesha lokubuyisela ilizwe lethu endleleni.

Ngoku lixesha lokuphilisa, lokuvuselela kunye nokwakha ngokutsha.

Ndiyabulela. 
 

Share this page

Similar categories to explore