INtetho kwiNtlanganiso yeKhabinethi yangomhla we-12 kweyeThupha ngowama-2015

1. Ukuphunyezwa kweenkqubo ezingundoqo zikarhulumente

1.1. IKhabhinethi iyavuyiswa ngumgama osele uhanjwe yi-Project Mikonzo, ilinge lohanjiso lweenkonzo elinjongo zalo ekukwandisa ifuthe negalelo lezibonelelo zikarhulumente kwimimandla ethwaxwa yintsokolo kweli lizwe. Oku kubonakele eDe Doorns eNtshona Koloni apho kunikwe khona uncedo kwiintsapho ezingama-4 021, uninzi lwazo iintloko zawo ezisebenza kwiifama ngexesha lokuvuna. Olu ncedo luquka, phakathi kwezinye izinto, ukubonelelwa ngembewu kunye nezithole ukuze zityalwe kwizitiya zala makhaya kunye nenkxaso ngemali yokuseka imibutho yokuhlala kunye nookopolotyeni. ISebe loPhuhliso loluNtu nalo lisebenzisa eli phulo laseDe Doorns ukuqulunqa umgaqo-nkqubo wabo bafumana izingxungxo ngexesha lokuvuna.

Ukongeza, i-Arhente yoMzantsi Afrika yeziBonelelo zikaRhulumente yaqalisa inkqubo yokuLwa iNtsokolo ekuHlaleni incedisa ngokutya kunye nezinye izinto ezibalulekileyo ezifana neempahla yesikolo yabantwana abaphuma kumakhaya asokolayo. Imali esisibonelelo esi-R1 083 160 esuka kwi-Arhente yeSizwe yoPhuhliso (i-ECD) exhasa amaqela abantwana abakwiSigaba esikuMgangatho Wabasaqalayo (i-ECD) kodwa abangekho kwizikolo-mpeleso, anabantwana abangama-975 ngoku abakwizikolo-mpeleso kulo mmandla kwaye kubo abangama-789 baxhamla kwisibonelelo sikarhulumente sabakwisigaba se-ECD.

1.2. IKhabinethi iyawuncoma kakhulu umsebenzi omhle owenziwa yi-Operation Fiela, omnye wayo kutsha nje obuseMntla Koloni apho iphulo ebekubanjisenwe ngalo ngabeNkonzo yezamaPolisa eMzantsi Afrika (i-SAPS), amasebe karhulumente, i-arhente zogcino-mthetho zamaphondo noomasipala lincedise nangakumbi ekuqinisekiseni ukuba abantu abaziva  nje bekhuselekile, koko bakhuselekile ngenene. IKomiti yabaPhathiswa (i-IMC) yezoFuduko iza kubamba intlanganiso noonondaba kule veki izayo inike ingxelo ezeleyo.

1.3. IKhabhinethi iziqhwabela izandla iimanyano zabasebenzi kunye neenkampani zemigodi ngokusebenzisana norhulumente zizama ukuhlaziya icandelo lezemigodi, elingumqolo woqoqosho leli lizwe kwaye icela bonke abo bachaphazelekayo ukuba bazilandele izibhambathiso ekuvunyelwene ngazo.

Urhulumente, kunye namashishini nemibutho yabasebenzi, kulithuba beqhuba amaphulo okuphucula izindlu neemeko zokuphila kwiidolophana ezimelene nemigodi. Izibhiliyoni zeerandi ezili-18 iyonke imali ebekelwe bucala ukuncedisa kumsebenzi oqhubekekayo wokuphuhlisa imimandla esokolayo emelene nemigodi, isixa esivisayo sayo siphuma kurhulumente zize iinkampani zemigodi zincedise ngesixa esimalunga nesinye esithathwini kule ngxowa-mali.

1.4. IKhabhinethi ikuvumile ukuqukwa kwaBaphathiswa beNtlanganisela yezoKhuselo kwiKomiti yaBaphathiswa (i-IMC) yezoFuduko eyaziswe nguMongameli Zuma.

I-IMC, ekhokelwa nguSekela Mongameli uCyril Ramaphosa, iza kuphonononga iqhiwulele iziphumo ezingezihlanga ezinokuzalwa yile mithetho yezofuduko mitsha kumacandelo ahlukeneyo, kuquka elezokhenketho notyalo-mali. I-IMC iza kuquka aba Baphathiswa: owezeKhenketho; owezoRhwebo noShishino; owoPhuhliso loluNtu; owoPhuhliso lwamaShishini amaNcinci, kunye neNtlanganisela yabaPhathiswa bezoKhuseleko.
 
2. Uluvo lweKhabhinethi kwimiba egqubayo

2.1. IKhabhinethi iyayibulela imibhiyozo yoSuku lwabaseTyhini ebibanjelwe eSasolburg eFreyistata phantsi komxholo: “AbaseTyhini baManyene ekuQhubeleni uMzantsi Afrika Phambili”. Amawaka oomama bebedibene kwiBala iHarry Gwala eSasolburg ukuya kuhlonipha indima ebalulekileyo kwezopolitiko eyadlwa ngoomama ngethuba lomzabalazo wokulwela ukukhululeka kwidyokhwe yobukholoniyali nocalu-calulo.

IKhabhinethi imemelela ukuba sonke sisizwe masizeke mzekweni, siwamnkele ngezishushu lo mxholo weNyanga yabaseTyhini siqhubeleke sisebenzela ukuqinisekisa ukuba wonke umntu wasetyhini, ingakumbi amantombazana, uyaxhotyiswa kwaye akabukulwa acalulwe entlalweni size ngolo hlobo sikwazi ukulwa ukulingani ngokwesini kweli lizwe.

Okunye, uMongameli Zuma ukwakhuphe nengxelo eyeyokuqala ngeMeko yabaseTyhini eMzantsi Afrika. Le ngxelo inyathela nakumba womgama omde osele uhanjiwe kweli lizwe ukusukela ngowama-1994 ukuphucula imeko yabantu basetyhini. Le ngxelo ibhalwe liSebe labaseTyhini emva kokuba lalibambe iindibano zokubonisana mbombo zone zeli lizwe phakathi kweyoKwindla neyeSilimela kulo nyaka (wama-2015). Le ngxelo iza kusebenza njengelona xwebhu lingundoqo kumaphulo okukhuthaza ukuxhotyiswa kwabasetyhini kwezentlalo nezoqoqosho, ulingwano ngokobuni kunye namalungelo oluntu.

Urhulumente uza kusebenzisa ezi nyanga zishiyekileyo ukubalisa amabali nemisebenzi yabasetyhini abaqhuba kakuhle kunye nenxaxheba yabo kuqoqosho, ingakumbi kumacandelo anabantu basetyhini abambalwa kakhulu. La aquka iiMbasa zokuwonga abaseTyhini kwezeNzululwazi (umhla we-13 kweyeThupha) kunye neeMbasa zabaseTyhini kwezaManzi noGutyulo (ngomhla wama-23 kweyeThupha).

2.2. IKhabhinethi iqhwabela izandla iQela leSizwe leBhola yoMnyazi, i-Proteas, ngokwenza uMzantsi Afrika uzive unebhongo kwiMidlalo yeNdebe yeHlabathi yeBhola yoMnyazi ebanjelwe eSydney, e-Australia. Eli qela loMzantsi Afrika lisecicini lokufikelela kwimidlalo eyandulela eyamagqibela kankqoyi yeNdebe yeHlabathi emva kwemidlalo enzima esele liyidlalile ukuza kuthi ga ngoku.

Ngokohlelo loMbutho weHlabathi weBhola yoMnyazi, uMzantsi Afrika ngoku ukwindawo yesihlanu kwihlabathi. IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubo bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba baxhase iProteas njengoko eli qela lilwela ukuphumelela iNdebe yeHlabathi.

2.3. IKhabhinethi nayo, njengoMongameli Zuma ivakalisa amazwi ovelwano kwiintsapho, abahlobo kunye noogxa bamalungu eNkonzo yesiPolisa yoMzantsi Afrika (i-SAPS) agetyengiweyo. Ukubulawa kwamapolisa ngolunya olufana nolu kufanele ukuba kukhalinyelwa kugxekwe kangangoko ngabo bonke abemi boMzantsi Afrika.

Amapolisa alithemba lokuqala nelokugqibela lokukhusela uluntu kwiindladiya zezaphuli-mthetho kweli lizwe. Ukubulawa kwawo kabuhlungu ngolu hlobo akohluthi nje kuphela isizwe amagorha alwa ulwaphula-mthetho, koko kuthatha abantu abangabayeni, amakhosikazi, oobhuti, oosisi, abazali kumakhaya abo.

IKhabhinethi icela abo banolwazi ngokubulawa kwala mapolisa ukuba beze ngaphambili basebenzisane ne-arhente zogcino-mthetho ukuqinikisa ukuba abo bangabenzi bobubi bayabanjwa bajongane nengalo yomthetho.
 
2.4. IKhabhinethi iqhwabela izandla iQela loMzantsi Afrika elithe laqhuba kakuhle kakhulu kwiMidlalo yoKhuphiswano le-16 yoMbutho weHlabathi weeNdadi (i-FINA) ebanjelwe eKazan, eRussia ngokuthi liphumelele iimbasa ezimbini zegolide nezintathu zesilivere.

3. Izigqibo ezinguNdoqo zeKhabhinethi

3.1. IKhabhinethi ikuvumile ukukhutshwa kwePhepha loGayo-zimvo loMgaqo-nkqubo weSizwe woLoliwe ukuze uluntu luhlomle kulo, oluxovula imiba yoololiwe abalayisha iimpala nabalayisha abantu. Lo mgaqo-nkqubo, uhambelana nomsebenzi weKomishini kaMongameli yokuLungelelanisa uLwakhiwo lweziSeko zoPhuhliso, uza kuncedisa kuhlaziyo nakuvuselelo lweziporo zikaloliwe ngamanyathelo athile akhokelwa lutyalo-mali ahambelana nesiCwangciso seSizwe soPhuhliso (i-NDP).

Injongo ephambili kukudala inkqubo yothutho esebenzayo ekwazi ukumelana nokhuphiswano namanye amacandelo othutho apha ekhaya nakwihlabathi, ize ngolo hlobo iphungule iindleko zezothutho. Oku kuza kukhuthaza ukusetyenziswa kobuchwepheshwe obufanelekileyo ngeenjongo zokunyusa isantya sokuvelisa nokufumana izakhono ezibubuchule obufuneka kakhulu kuqoqosho lweli. Iza kuphucula iinkonzo zothutho kwimimandla esemaphandleni, bakwazi ukuhamba-hamba kwaye idale nemisebenzi.

3.2. IKhabhinethi ikuvumile ukukhutshwa koxwebhu olusihloko sithi: “IsiCwangciso-qhinga seSizwe soPhuhliso lweZakhono kunye neCandelo lezeMfundo nooGunyaziwe boQeqesho ezijonge ngaphaya kowama-2016 kwinkqubo yemfundo noqeqesho ehlanganisiweyo kumabanga aphakamileyo”, ukuze uluntu luhlomle ngalo.

Olu xwebhu luxovula indlela asebenza nalulutho ngayo amaziko ophuhliso lwezakhono kunye nendlela anokudityaniswa ngayo kwinkqubo yemfundo noqeqesho yamabanga aphezulu.

Olu xwebhu luphakamisa ukuba isiCwangciso-qhinga seSizwe soPhuhliso lweZakhono esilandelayo sikhokelise phambili amakhondo achazwe ngokuba ngawona afuneka kakhulu ukuze kuqaliswe ukusetyenziswa iinkqubo eziphambili zesizwe. Lukwanyathela nendlela esebenza nelulutho ngayo imiba yolawulo kwicandelo lwemfundo noogunyaziwe boqeqesho ekukhutshweni kwezibonelelo zabo bakumakhondo anqongopheleyo.

3.3. IKhabhinethi ikuvumile ukukhutshwa kwelayisenisi yokusebenza esisigxina inikwa iTransnet Ports Terminal ukuba isebenzise isitishi semanganizi sokwathula kwiZibuko laseNgqura, elikunxweme elisempuma yoMzantsi Afrika, umgama ozikhilomitha ezingama-20 emntla mpuma weBhayi kanye embindini phakathi kweDurban neKapa. Oku kuhambelana kanye nezinto ezibekwe phambili ngurhulumente ngokumayelana ne-Operation Phakisa ngamalinge okukhulisa uQoqosho lwaseLwandle. Oku kuza kukhokelela ekubeni imisebenzi yokusetyenzwa kwemanganizi isuswe kwizibuko laseBhayi nelaseSaldanha isiwe kwiZibuko laseNgqura.

3.4. IKhabhinethi ukuvumile ukuba uMzantsi Afrika usithobele isiVumelwano sowama-2010 saMazwe ngamazwe ngoXanduva neMbuyekezo yoMonakalo oNxulumene nokuHanjiswa ngoLwandle kweZinto ezinobuNgozi nezinokoNakalisa.

Esi sivumelwano siqinisekisa ukuba kukho imbuyekezo ngomonakalo owenziwe ebantwini nakwimpahla, ngeendleko zokucoca nokubuyiselwa izinto kwisimo sangaphambili, kunye nelahleko yezoqoqosho ebangelwe kukuhanjiswa ngolwandlwe kwezinto ezinobungozi nezinokonakalisa ezinokungcolisa ulwandle. UMzantsi Afrika uza kukwazi ukuyifumana le mali yokuncedisa kumonakalo obangwe zizinto ezinobungozi nezinokonakalisa emva kokuba zonke iinkqubo nobunye ubucukubhede basepalamente bokwenza esi sivumelwano sihambelane neemeko zalapha ekhaya zigqityiwe.

4. Imithetho esayilwayo

4.1. IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa ePalamente koMthetho-sihlomelo osaYilwayo weeFilimu noShicilelo, wowama-2015. Lo Mthetho usaYilwayo ulungisa uMthetho weeFilimu noShicilelo wowe-1996 (uMthetho uNombolo 65 we-1996). Ezi zilungiso zicacisa indima yobuchwepheshe bale mihla, ingakumbi, i-intanethi kunye namaqonga oluntu onxibelelwano, ngeenjongo zokukhusela abantwana kuwo onke amaqonga osasazo (i-intanethi namanye) ekubeni babone izinto ezinobungozi nezihlasimlisa umzimba.

Lo mthetho usayilwayo uqinisa uxanduva olubekwe emagxeni eenkampani zeeselula kunye nezo ze-intanethi ukuba zikhusele uluntu nabantwana xa besebenzisa iinkonzo zawo. UGunyaziwe wezoSasazo oziMeleyo woMzantsi Afrika (i-ICASA) akazikuzikhupha iilayisenisi okanye azihlaziye ngaphandle kwesiqinisekiso esivela kwiBhodi yeeFilimu noShicilelo sokuba bonke ubucukujeje bomthetho buyathotyelwa.

5. Imisitho ezayo

5.1. UMongameli Zuma uza kuzimasa iNgqungquthela yeeNtloko zamaZwe yesiQhelo yama-35 yoMbutho waMazwe aseMazantsi e-Afrika (i-SADC) ukusuka ngomhla we-17 ukuya kowe-18 kweyeThupha ngowama-2015 eGaborone, eBotswana. Kule ngqungquthela, uMongameli uza kunikela iintambo zokuba ngusihlalo weCandelo le-SADC leNtsebenziswano kwezoPolitiko, uKhuselo noKhuseleko. Ngethuba uMzantsi Afrika ubambe esi sikhundla uye wakhokela amaQela abaKhi-mkhanyo be-SADC boNyulo izihlandlo ezithandathu, elaya lavuma ukuba kuzo zonke ezi zihlandlo ulonyulo belinoxolo kwaye lingenamakhwiniba.

5.2. USekela Mongameli Ramaphosa uza kuthatha uHambo ngoMsebenzi oluya eJapan ukusuka ngomhla wama-24 ukuya kowama-25 kweyeThupha ngowama-2015. Ngethuba eseJapan uza kuya kubamba nje isandla nakwiNkulumbuso uShinzo Abe futhi athathe nenxaxheba kwindibano, i-South Africa-Japan External Trade Organisation Business Seminar.

IKhabhinethi iyalwamnkela olu tyelelo lomsebenzi luya eJapan, kwaye luza kuqinisa amakhonkco obuhlobo nobudlelwano obukhoyo phakathi kwala mazwe mabini. UMzantsi Afrika neJapan babona ngasonye ngomba wokubaluleka kwemibutho yamazwe ngamazwe kunye nemfuneko yokwenza iinguqu kwiBhunga loKhuselo leZizwe eziManyeneyo (i-UN) kunye nenkqubo ye-UN kwintlanganiso eyiNdibano eNkulu yama-70 kule nyanga izayo.

5.3. UMongameli Zuma uza kubamba iMbizo kaMongameli e-Eersterust, ePitoli ngomhla wama-21 kweyeThupha ngowama-2015 apho aza kuthetha ngemiba enxulumene nookusetyenziswa gwenxa kweziyobisi. IsiCwangciso esinguNdoqo seSizwe seziYobisi, sowama-2013-2017, silungelelanisa amalinge karhulumente okulwa nokusetyenziswa kakubi kotywala neziyobisi.

IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kuluntu ukuba lusebenzisana norhulumente nee-arhente zogcino-mthetho kuliwe ukusetyenziswa kakubi kweziyobisi, okungunobangela weengxaki ezininzi ekuhlaleni, kuquka nokuxhatshazwa kwabasetyhini nokuphathwa kakubi kwabantwana. Abazali neempelesi badlala indima ebaluke kakhulu ekuqinisekiseni ukuba abantwana bakhuselekile kwaye bakhula kumakhaya anobubele nemfudumalo.

5.4. IKhabhinethi iyawamkela umsebenzi omhle kwisikolo esilungiswe ngokutsha, i-Makgatho Lewanika Mandela Primary School, esiseMvezo eMpuma Koloni, nesiza kuvulwa nguMongameli Zuma ngomhla wama-25 eyeThupha 2015.

Esi sikolo siyanxalenye yomsebenzi oqhubekekayo karhulumente wokubuyisela abafundi zixhobise nezikolo ezikwimimandla esemaphandleni ngobuxhakaxhaka bale mihla. Esebenzisa iPhulo lokuKhawulezisa ukuHanjiswa kweziSeko zoPhuhliso zeziKolo (i-ASID) leSebe leMfundo esiSiseko, urhulumente uziphelisile izikolo ezingakhiwanga kakuhle waze wazitshintsha ngezikolo ezizindawo ezifanelekileyo zokufundela. Ukuza kuthi ga ngoku, i-ASIDI sele yakhe yagqiba izikolo ezili-116 yafaka amanzi kwizikolo ezingama-499, iziseko zogutyulo kwezingama-425 kunye nombane kwezingama-298.

5.5. USekela Mongameli Ramaphosa uza kuzimasa iNkongolo engoLwazi namaThala eeNcwadi eHlabathi yoMfelandowenye weHlabathi wemiButho yamaThala eeNcwadi eza kubanjelwa kwiZiko leeNgqungquthela laMazwe ngamazwe laseKapa, (i-CTICC) ukusuka ngomhla we-15 ukuya kowama-21 ngeyeThupha kowama-2015 phantsi komxholo othi: AmaThala eeNcwadi Anako Konke: Ukufikelela, uPhuhliso neeNguqu”.

Le nkongolo ibanjwe kanye ngexesha urhulumente akhe amathala eencwadi ezikolo angaphezulu kwe-1 000 mbombo zone zeli lizwe phakathi komhla we-18 kweyeKhala ngowama-2015 ukuya kumhla we-18 kweyeKhala kowama-2016 ngeenjongo zokukhuthaza abafundi abaninzi ukuba bafunde. ISebe leMfundo esiSiseko likwafaka nezicelo kumashishini abucala kunye nemibutho engekho phantsi kukarhulumente ukuba alixhase eli phulo ngokuliza ngeencwadi nokwakha amathala eencwadi, phakathi kwezinye.

IKhabhinethi iyabacela abazali nootitshala ukuba benze kangangoko banakho ukuqinisekisa ukuba ulutsha luyakwazi ukuzifumana iincwadi, kwaye ikwahlaba nekhwelo kuluntu ngobubanzi ukuba luncedise ngeencwadi luseke namaqela okufunda iincwadi kuba isizwe esithanda iincwadi sisizwe esinenkqubela.

5.6. UMphathiswa wezoKhenketho uDerek Hanekom uza kuphehlelela iNyanga yezoKhenketho ngomhla we-16 kweyeThupha kowama-2015 e-Euphoria Golf Estate, eMookgophong eLimpopo phantsi komxholo othi: “Isigidi samathuba amatsha sisilindile”, osuselwe kumxholo woSuku lweHlabathi lezoKhenketho (ngomhla wama-27 kweyoMsintsi) othi: “Ibhiliyoni Yabakhenkethi – Ibhiliyoni Yamathuba”.

Imixholo yalapha ekhaya neyamazwe ngamazwe ineenjongo zokufundisa abakhenkethi ngokubaluleka kokhenketho olunenkathalo. Njengenxalenye yoku, abakhenkethi bayakhuthazwa ukuba bahloniphe iinkcubeko, bakhusele izinto ezingamafa, bonge amandla namanzi, baze bathenge iimveliso zalo ndawo bakhenkethele kuyo ukuxhasa amaphulo okudala imisebenzi kuyo, nto leyo iyeyona ibaluleke kakhulu.

IKhabhinethi ikhuthaza abemi boMzantsi Afrika ukuba balityhutyhe eli lizwe lethu lihle, ngokwenza oko banceda ukuba imisebenzi ingapheli futhi baxhasa iimveliso zalapha ekhaya.

5.7. Isebe lezeMidlalo noLonwabo kunye nelabaseTyhini libambisene nabakwa-G-Sport ngeenjongo zokuhlonipha abasetyhini boMzantsi Afrika abathatha inxaxheba kwezemidlalo.

ISebe lezeMidlalo noLonwabo kunye nabakwa-G-Sport baza kuwonga iimbaleki zabasetyhini ezifanelekileyo kunye nabo basebenza kwezemidlalo abasebenza phantsi kweemeko ezinzima zokucinezelwa besenzela ukuzisa udumo kweli lizwe.

Uhleli uthe tha engqondweni yeSebe umsebenzi osafuna ukwenziwa ukubeka phambili umba wolingwano kubo bonke abasetyhini abakwicandelo lezemidlalo, abo badlalayo buqu nabo bakulawulo lwezemidlalo. Nangona iSebe likuqonda ukuba usemkhulu umsebenzi osafuna ukwenziwa, lizimisele ukubambisana nabo bazimiseleyo ukwenza umahluko kwimeko yabasetyhini.

5.8. IKhabhinethi ikhuthaza bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba baphakamise amagama abo banokuba sethubeni lokuwongwa ngeeMbasa zeSizwe, ezi zimbasa ezikwizinga eliphezulu uMzantsi Afrika owonga ngalo abemi beli kwakunye nabo bazizithwalandwe bamazwe angaphandle abancedise kakhulu kwidabi lokubethelela ulawulo lwentando yesininzi nababenegalelo elikhulu ekuphuculeni impilo yabantu boMzantsi Afrika.

IiMbasa zeSizwe yi-Order of Mendi for Bravery, i-Order of Ikhamanga, i-Order of the Baobab, i-Order of Luthuli, i-Order of Mapungubwe, kunye ne-Order of the Companions of OR Tambo.

Umhla wokuvalwa wokungeniswa kwamagama ngama-31 kweyeThupha. Iifomu zokungenisa amagama ziyafumaneka kule webhusayithi: www.presidency.gov.za kwaye kufuneka zikhatshwe sisicantshulwana esiliphepha nje elinye sinika izizathu zokuphakamisa igama lalo mntu umphakamisileyo.

6. Izikhundla

Zonke ezi zikhundla ziza kuxhomekeka ekuqinisekisweni kobunyani beziqinisekiso zemfundo nobunye ubucukubhede obufuna ukuqondisisiswa.

6.1. Amalungu angekho kwisigqeba solawulo eBhodi yePosi yoMzantsi Afrika

a. UGq Simosezwe Dugmore Lushaba – (USihlalo);
b. UNksz Bulelwa Patricia Soci – (USekela Sihlalo);
c. UMnu Robert Nkuna;
d. UMnu Mduduzi Eric Zakwe;
e. UMnu Zibuse Comfort Ngidi;
f.  UNksz Nomahlubi Victoria Simamane;
g. UGq Lynette Moretlo Molefi;
h. UNksz Marion Lesego Dawn Marole;
i. UMnu Joel Sihle Ngubane; kunye
j. noMnu Phetole Elvis Rabohale.

6.2. Abalawuli abangekho kwisigqeba solawulo se-South African Forestry SOC Ltd

a. UMnu Lungile Rudolph Mabece – (USihlalo);
b. UMnu Stanley Mandla Mnguni;
c. UMnu Gabriel Christiaan Theron;
d. UGq Petros Mbiji Mahlangu;
e. UMnu Maroale Jacob Rachidi;
f. UNksz Sakekile Baduza;
g. UNksz Caroline Phumzile Mavasana Ngwenya;
h. UNksz Nazia Carrim; kunye
i. noGq Pulane Elsie Molokwane.

6.3. Abalawuli abangekho kwisigqeba solawulo seBhodi ye-Alexkor:

a. UNksz Hantsi Bhetilda Mayeza – (USihlalo);
b. UNksz Mamoroke Lehobye;
c. UMnu Vimal Bansi;
d. UMnu Tshediso John Matona;
e. UMnu Trevern Marais Haasbroek;
f. UMnu John Sembie Danana;
g. UGq Roger Paul (reappointment); kunye
h. noNksz Zukiswa Zandile Ntlangula (uqeshiwe kwakhona).

6.4. UMnu Mathanzima Hubert Mweli – UMlawuli-Jikelele (i-IDG) weSebe leMfundo esiSiseko

6.5. UMnu Petrus Mduduzi Shabane – ukwandiswa kwesivumelwano sengqesho se-DG yeSebe loPhuhliso lwamaPhandle noBuyekezo lwemiHlaba.

6.6. UGq Nontsikelelo Tshayingca-Mashiya – iSekela DG leCandelo loMsebenzi weSebe, uHlolo noVavanyo kwiSebe lezokuCwangcisa, ukuHlola nokuVavanya.

6.7. UMnu Nkhumeleni Victor Tharage – i-DG kwiSebe lezoKhenketho.

Imibuzo:
Nksz Phumla Williams (IsiThethi seKhabhinethi esiliBambela)
Inombolo yoqhagamshelwano: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore