INtetho kwintlanganiso yeKhabhinethi yangomhla wama-20 kweyeThupha ngomawa-2014

1. Ukuphunyezwa kweeNkqubo ezinguNdoqo zikaRhulumente

IKhabhinethi ikuqhwabela izandla ukuphehlelelwa kwenye iNkundla yamaTyala ezeSondo eBethlehem, eFreystatha nguMphathiswa uMichael Masutha. Oku kuyinxalenye yenkqubo karhulumente yokufaka isandla kwidabi lokulwa ukuxhatshazwa kwabasetyhini, abantwana nabantu abangenabani ngezesondo.

Ezi nkundla zimiselwe oku zinazo izixhobo zoncedo zokunika inkxaso eyodwa kumaxhoba nto leyo iphinde incede ukunyusa izinga lokubanjwa kwezaphuli-mthetho. Urhulumente uzimisele nangakumbi kwiphulo lokwenza ngqingqwa inkqubo yezobulungisa ukuze ikwazi ukuba gadalala kumkhuba wokunyhashwa kwamalungelo oomama nabantwana.

IKhabhinethi iyakwamkelwa ukumiselwa kweZiko loQeqesho loPhuhliso lwamaShishini elikwiziko i-Gordon Institute of Business Science nguMphathiswa uLindiwe Zulu.

Eli ziko liza kugxininisa kwimfundo exhaswa yingxowa-mali yokufunda nasekuncediseni oosomashishini abancinci nabancinane ngokubanceda ukuba bakhule ngokuzinzileyo baze badale amanye amathuba emisebenzi kwixa elizayo. Eli ziko liyinxalenye yamacebo okusombulula ingxaki yentswela-ngqesho kulutsha nokwakha isizwe esikhuthaza oosomashishini abazisebenzelayo. Eli ziko likwaneenjongo zokuxhobisa oosomashishini abasakhulayo ngemfundo efanelekileyo nenokusebenziseka kwezoshishino kunye noqeqesho ngobunkokheli, kuze oku kulandelwe luludwe olubanzi lweenkonzo zoncedo. Oku kuza kuqinisekisa ukuba okufundwe esikolweni kuyasetyenziswa emsebenzini kwaye kwenza nomahluko obonakalayo.

UMzantsi Afrika ufanelwe liphulo elibanzi lokukhuthaza oosomashishini abasakhulayo ukuze kubekho utshintsho kwindlela esiyihambayo, sijike sithande ushishino sikhuthaze amashishini amancinci naphakathi (ii-SME) aza kukwazi ukuqhubela eli lizwe phambili. Urhulumente, amashishini amakhulu kunye namaziko emfundo ephakamileyo kufuneka basebenzisane kumbandela wokuxhasa iphulo lokudala imisebenzi ngophuhliso lwamashishini asakhulayo. Ukuze amashishini aqhube kakuhle afuna iimeko ezikukhuthazayo oku apho oosomashishini abasakhulayo banako ukuyifumana inkxaso ngemali, izixhobo ezikumgangatho ophezulu kunye nophuhliso lwezakhono. 

2. Izigqibo ezingundoqo zeKhabhinethi

IKhabhinethi ikuvumile ukuqinisekiswa ngokusesikweni kweSivumelwano i-Grand Inga esityikitywe nguMzantsi Afrika ne-Democratic Republic of Congo (i-DRC) nokuba sithiwe thaca ePalamente.

Esi siVumelwano sinika isicwangciso-sikhokelo sokuqaliswa komsebenzi wokuveliswa kwamandla kwi-Grand Inga Project nokuba la mandla athuthelwe kumda ophakathi kwe-DRC neZambia. Ukuqinisekiswa ngokusesikweni kwesi siVumelwano kuza kunceda ukuba kwakhiwe isiGaba soku-I salo msebenzi, esiza kuzisa iimegawathi ezingama-2 500 zombane eMzantsi Afrika kwaye oku kuza kunceda nakwintsebenziswano kwingingqi, amandla, ukufumaneka kwamandla ombane kunye nakuhlumo loqoqosho ngendlela engenabungozi kokusingqongileyo.

Lo msebenzi wolwakhiwo unganako ukuzisa amandla (ombane) acacokileyo aveliswa ngamanzi nafikelelekayo asuka ngaphandle ukuze anezise iimfuno zombane zase-DRC, ezaseMzantsi Afrika nezamazwe angabamelwane. Lo msebenzi wolwakhiwo uquka ukuveliswa kwamandla ombane wamanzi ozimegawathi ezimalunga nama-40 000 kuMlambo iCongo kwizigaba ezisixhenxe ezizayo. Lo msebenzi wolwakhiwo unganakho ukukhawulezisa uphuhliso lommandla we-SADC, ulwe ukunqongophala kwamandla, ukhuthaze uhlumo loqoqosho ukhokele nophuhliso lweziseko ezingundoqo. 
Lo msebenzi we-Grand Inga ujolise ekukhuseleni amandla oMlambo iCongo, ongowona mlambo mkhulu okwi-Afrika esemazantsi e-Sahara. Lo msebenzi wokwakha ungowona msebenzi mkhulu nofuna isibindi owakhe waqhutywa kweli lizwekwazi i-Afrika, kwaye uza kuba ngumzekelo oqaqambileyo obonisa ukuba i-Afrika nama-Afrika  abafikanga bagalelekile.

IKhabhinethi inikwe amagqabantshintshi ngeNkomfa ezayo yaMazwe ngamazwe engoBuni, Amanzi noPhuhliso. Le nkomfa iza kusingathwa liSebe lezaManzi noGutyulo, uPhando ngaManzi kwakunye namahlakani abo kwezamanzi. Le nkomfa iza kubanjwa ukusuka ngomhla wesi-3 ukuya kowesi-7 kweyoMnga ibanjelwa eMonti phantsi komxholo othi: “Imithombo Engakaphathwa”.

Le nkomfa ilandela iingxoxo ezininzi ezaziqale emva kweNkomfa yaMazwe ngamazwe yoLawulo lwaManzi abalekayo eyayibanjwe ngeyoMnga kowama-2012. Le nkomfa iza kuba liqonga lokukhuthaza intsebenziswano nobudlelwane obuza kusabela kwimiceli-mingeni ejamelene neli candelo. Le nkomfa iza kunika kwanethuba lokuba kuqaliswe ngesiCwangciso-sikhokelo seBhunga labaPhathiswa base-Afrika ngoMbandela waManzi noBuni.

3. Uluvo lweKhabhinethi kwiMiba eGqubayo

IKhabhinethi inikwe amagqabantshintshi nguMphathiswa wezeMpilo, uGq-Aaron Motsoaledi, ngezamva nje ngombandela wesifo e-Ebola kwakunye namanyathelo asele ethathiwe nguMzantsi Afrika. IKhabinethi ifuna ukubethelela ukuba akukabikho mntu ofunyenwe enesi sifo kweli.  Amaqulo namalungiselelo eli lizwe okulwa nesifo i-Ebola kufuneka abe ngawona angqingqwa kummandla we-SADC nakwilizwekazi jikele uMzantsi Afrika onawo. UMzantsi Afrika usazimisele ukuncedisa ummandla we-SADC ngokuhlola, uqeqesho neenkonzo zelebhu. uMphathiswa uMotsoaledi uza kunika ingcaciso egcweleyo ngalo mba nge-14:30 namhlanje. 

IKhabhinethi iyazamkela izicwangciso zeBhanki enguVimba yoMzantsi Afrika kunye nequmrhu labatyali-zimali abaphuma kwicandelo lezezimali zokuhlangula i-African Bank Limited (i-ABL). Oku kuza kunceda abo bagcinise imali zabo kuze kuphungule nelahleko yabo batyale imali kwa-ABL. Oku, futhi, kuza kuqinisekisa ukuba icandelo lezezimali leli lizwe liluqilima kwaye lizinzile.
IKhabhinethi iyakugxininisa ukubaluleka kwecandelo lezezimali kuhlumo loqoqosho kwaye iyakubethelela nokuba urhulumente, ekhokelwa nguNondyebo weSizwe, uza kuqhubekeka elixhobisa kangangoko eli candelo, elikhuthaza kumsebenzi walo wokuba liliso kwaye aphucule nendlela esebenza ngayo imithetho elilawulayo.

IKhabhinethi ivile yaye ibuxhalaba lulwazi olulahlekisayo olungeengunqu ezahlukeneyo ezicetywayo kwiingxowa-mali zomhlala-phantsi (le umntu ayinikwa yonke isisixa xa ethatha umhlala-phantsi (i-providenti) okanye le anikwa isinye esithathwini sayo ize eshiyekileyo inkinkishwe ngezavenge ngenyanga (ipenshini)). Kukho amarhe athi abanye abasebenzi bayalahla emisebenzini kuba bexhalele ukuba urhulumente kulo nyaka uzayo uza kubalela ukuba bayifumane imali yabo yomhlala-phantsi xa betshintsha imisebenzi, nokuba urhulumente ufuna ukuzilawula ngokwakhe iingxowa-mali zomhlala-phantsi. Nangona urhulumente efuna ukubakhuthaza abasebenzi ukuba bayigcine imali yabo abayibekele umhlala-phantsi, akukho mthetho utshintshiweyo othintela abantu ukuba bangayikhuphi imali yomhlala-phantsi xa betshintsha imisebenzi.

Endaweni yoko, ezi iziphakamiso zeenguqu zifuna:
a) Ukukhathaza abantu ukuba batye bebeka ukulungiselela umhlala-phantsi wabo kunye neemfuno zabo baxhomekeke kubo nokuba kubekho imalanyana abayigcinayo yomhlala-phantsi kwimali yabo yomfuzo.
b) Ukwenza ukuba amalungiselelo okufaka imali kumhlala-phantsi angabinalahleko kakhulu, alawulwe ngobunono, acace gca kwaye angakrokrisi.
c) Ukuphucula umgangatho wolawulo lwengxowa-mali yomhlala-phantsi, kuquka ulwazi nendlela abaziphethe ngayo abo balawula ingxowa-mali, ukukhuselwa kweemali zamalungu, ukuphendula nokudandalazisa ulwazi olululutho kumalungu nakwabo bahlawula imali.

IKhabhinethi ifuna ukuqinisekisa uluntu ukuba iimali zabantu zomhlala-phantsi ziselugcinweni. Akukho sizathu saye nawuphi na umsebenzi (abo basebenza kumashishini abucala nabo bakurhulumente) ukuba alahle emsebenzini ukuze akwazi ukukhupha iimali zakhe zomhlala-phantsi. Makuqatshelwe ukuba abo bakhupha imali yabo yepenshini okanye yeprovidenti phambi kokuba lifike ixesha lokuthatha umhlala-phantsi abazukufumana mali incinci kuphela kunaleyo bebeza kuyifumana ukuba bebeyigcinile koko bangatsalelwa nerhafu ngenxa yokuba beyikhuphe phambi kwexesha kwaye abazikuxhamla kwizaphulelo zerhafu.

4. Imisitho ezayo

UMphathiswa uNathi Mthethwa uza kuphehlelela iNyanga yaMafa eGauteng ngomhla wama-31 kweyeThupha phantsi komxholo othi: “Ukubhiyozela iMinyaka engama-20 yoRhulumente wentando yesininzi: Balisa iBali Lakho eliQhubela uMzantsi Afrika Phambili”. Phakathi kwamaphulo achongiweyo ukuba aza kusetyenziswa ukuqhubela phambili iphulo i-“Balisa iBali Lakho” kukufihlwa kwakhona kwamathambo kaNat Nakasa noMoses Kotane. Ukubuyiswa kwamagorha angazange anikwe ndumasi kunika uMzantsi Afrika ithuba lokuba ufunde banzi ngamahla-ndinyuka obomi bawo, iimeko ezabangela ukuba aye kuhlala elubhacweni kunye negalelo lawo kumzabalazo wenkululeko yeli lizwe.

Eminye imisitho iquka: iVeki yeSizwe yeeNcwadi ukusuka ngomhla woku-1 ukuya kowesi-7 kweyoMsintsi phantsi komxholo othi: “Siyakunqandwa Zinkwenkwezi”. Yona iza kugxininisa kwifuthe leencwadi nendlela ezinokuqhubela ngayo uMzantsi Afrika emajukujukwini ngokwenyani nangokomzekelo. Iindibano zicetyiwe kumaphondo onke kwaye ziza kuquka ufundo ngeelwimi zomthonyama, ukubalisa amabali neentetho zenkuthazo, ukhuphiswano ngesigama, izifundo ngemibongo kunye neengxoxo-mpikiswano ngeencwadi.

Ngomhla wesi-3 kweyoMsintsi uMzantsi Afrika uza kuba nesiKhumbuzo seMinyaka engama-30 seziDube-dube zaseLigwa apho uluntu lommandla woNxantathu weLigwa laliqhankqalazela ukunyuswa kwemali yerenti, ukungahanjiswa kweenkonzo ngokukuko kunye norhulumente wasekhaya ongekho mthethweni nongasebenziyo. IziDube-dube zaseLigwa zeza nohlobo lokuqhankqalaza oluzingileyo olaphela lugubungela iindawo ezininzi zeli lizwe, nto leyo yabangela ukuba abasemagunyeni kurhulumente wocalu-calulo bamisele imo yonxunguphalo.

UMphathiswa uDerek Hanekom uza kuphehlelela iNyanga yoKhenketho ngomhla wama-26 kweyeThupha kuMasango aseMaboneng, eRhawutini, phantsi komxholo othi: “UKhenketho luphucula Impilo yabantu”, elisukela kuSuku loKhenketho lweHlabathi (olungomhla wama-27 kweyoMsintsi) kwaye liza kugxila kwixabiso lezokhenketho kwintlalo, ezenkcubeko, ezopolitiko nakuqoqosho lweli lizwe.

Abemi boMzantsi Afrika bayakhuthazwa ukuba nabo bazikhuphe bajikeleze eli lizwe lethu ngexesha leNyanga yoKhenketho kwaye baziqhelanise nendlela elibaluleke ngayo ukhenketho kuqoqosho.

IVeki yeSizwe yoTyalo-mthi iza kubhiyozelwa ukusuka ngomhla woku-1 ukuya kowesi-7 kweyoMsintsi phantsi komxholo othi: “Abantu naMahlathi: Ukutyalela ikamva eliqaqambileyo”. Abemi boMzantsi Afrika bayakhuthazwa ukuba batyale i-Vepris lanceolata (ebizwa ngokuba nguMzane) okanye i-Heteropyxis Natalensis Harvey (ebizwa ngokuba yiNkunzi), eyimithi ekhethiweyo kulo nyaka wama-2014.

ISebe lezoLimo, amaHlathi nezokuLoba (i-DAFF), lisebenzisana nezokusiNgqongileyo noLawulo loLonwabo kunye nabakwa-Total South Africa, liza kubamba ukhuphiswano leMbasa yesiXeko yoTyalo-mithi leSizwe. Injongo yoku kukukhuthaza ooMasipala baseMakhaya ukuba batyale uhlaza kwimimandla yabo.

IVeki yeSizwe yoTyalo-mithi kunye neMbasa yesiXeko yoTyalo-mithi leSizwe ziqhutywa ngokwesicwangciso-qhinga se-DAFF sokutyala uhlaza esichaza utyalo lohlaza njengendlela edityanisiweyo kutyalo-mithi, ukukhathalela nolawulo lwalo lonke uhlaza ezidolophini nasemaphandleni.

5. Izikhundla

Ikhabhinethi ikwamkele ukuqeshwa kwaba balandelayo:
UMnu Themba Stanley Kojana njengeSekela Mlawuli-Jikelele: OoTitshala, Abasebenzi kunye noPhuhliso lweZiko, kwiSebe leMfundo esiSiseko.
UMnu Clifford Abraham Appel njengeGosa eliPhezulu lezeziMali kwiSebe loPhuhliso loLuntu.

IKhabinethi nayo iyakuvuma ukuqeshwa kwaba balandelayo njengamalungu oMlawuli weSizwe weziThuthi zikaWonke-wonke
a) UMnu Lesedi Dinte,
b) UNksz Divhani Edzisani Tshivhase.
c) UNjing  Ntombizozuko Dyani-Mhango
IKhabhinethi ikuvumile ukuqeshwa kukaSemira Mohammed njengeLungu elingekho kwiSigqeba soLawulo kwiBhodi ye-Arhente yeziThuthi eziNqumla iMida.

IKhabhinethi ikuqaphele ukuqeshwa koMnu Tshediso Matona njengoMlawuli oyiNtloko wakwa-Eskom SOC Limited nangokuba lilungu leBhodi yabaLawuli yakwa-Eskom ngenxa yesikhundla sakhe.

Imibuzo: Phumla Williams (ISithethi seKhabhinethi esiliBambela)
Qhagamshelana: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore