INgxelo yeNtlanganiso yeKhabhinethi yomhla we-19 kweyoMsintsi 2018

IKhabhinethi ibibambe intlanganiso ngoLwesithathu, umhla we-19 kweyoMsintsi 2018 kwiZakhiwo zoMdibaniso, ePitoli.

A. Imiba engundaba-mlonyeni
1. Imiba yezoqoqosho 


1.1. IKhabhinethi iyalamkela uncedo olunikwe ngabezoshishino lokuba bangakhulula abasebenzi abazingcali becandelo labucala ukuba baye kuncedisa kurhulumente. Oku kuvele ngethuba kubanjwe intlanganiso yokuqukumbela amalungiselelo eNgqungquthela yezeMisebenzi kunye neNkomfa yoTyalo-mali ezayo nguMongameli Cyril Ramaphosa kunye neenkokeli zezoshishino, abathunywa abakhethekileyo bezotyalo-mali kunye namalungu e-CEO Initiative.  
1.2. Kule ntlanganiso kuye kwavunyelwana ukuba umba wokuvuselelwa koqoqosho loMzantsi Afrika ufuna siqukunjelwe ngokukhawuleza isicwangciso soncedo lwezezimali oluvela kurhulumente futhi ziqaliswe iinguqu ezikhuthaza uhlumo loqoqosho ebekuthenjiswa ngazo. Kuxoxiwe nangeziphakamiso zokuba kumiselwe iphulo lophuhliso lweziseko ezingundoqo eliza kuxhaswa ngemali licandelo labucala futhi lifumane noncedo lweengcali ngeendlela zokuliphumeza.

2. Iphulo lotyalo-mali

2.1. IKhabhinethi iyalixhasa iphulo lotyalo-mali obeliqhutywa eJapan likhokelwa liSebe lezoRhwebo noShishino. Eli phulo lifuna ukungenisa utyalo-mali oluxabisa imali ezibhiliyoni ezili-100 ze-US$ kuqoqosho loMzantsi Afrika kule minyaka mihlanu izayo.
2.2. IJapan lilizwe ekudala likuluhlu lwamazwe ali-10 aphezulu angamahlakani ethu kwezotyalo-mali. Eliya lizwe lineenkampani ezingaphezulu kwezili-140 ezizinze kweli lizwe. UMzantsi Afrika ubonwa njengelizwe elingumakhonya kwicandelo lezemizi-mveliso kwi-Afrika iphela. IKhabhinethi ikhuthaza iinkampani ukuba zityale imali kweli futhi zandise nobukhulu bazo.

3. Iinkqubo zoqeqesho

3.1. IKhabhinethi iyakwamkela ukuphehlelelwa kweprojekthi yoqeqesho exabise imali ezizigidi zeerandi ezingama-22 nguMphathiswa wezabaSebenzi, uNksz Mildred Oliphant. Le projekthi iza kudala imisebenzi kwicandelo lezophapho, elezokuntywila elwandle usenzela ingeniso kunye nelezolimo. Le projekthi iqhutywa ngentsebenziswano ne-Dr John Langalibalele Dube Institute kunye neNgxowa-mali ye-Inshorensi yabaPhelelwe yimiSebenzi (i-UIF), yona eliqumrhu leSebe lezabaSebenzi. Le projekthi iza kugxininisa kakhulu kwabo babetsalelwa imali ye-UIF baze baphelelwa yimisebenzi. 
3.2. Abantu bokuqala abaza kuxhamla kule projekthi baquka abantu abangama-50 ababetsalelwa imali yi-UIF besebenza eVirginia Airport eDurban; abangama-50 ababeqeshwe kwiprojekthi yokuntywila eScottsburg kwiphondo laKwaZulu-Natal, bona oomama abali-100 belali yaseMadungeni baza kuqeqeshwa kwizakhono zokuseka ukopolotyeni ukuze bakwazi ukulima bashishine ngeziqhamo, imifuno nomqhaphu ongakhuliswanga ngomgquba onamachiza. Olu qeqesho luza kuquka neendlela zokuthatha inxaxheba kwiinkqubo kunye neendlela zokulungisa nokuhlela iimveliso zilungiselelwe ukuthengiswa. Aba kopolotyeni batyikitye isivumelwano noPick n Pay apho baza kumthengisela imifuno kunye neSebe lezoPhuhliso loLuntu, lona eliza kuthenga amalaphu okwenza iiyunifomu zesikolo. 

4. ISebe leMicimbi yezeKhaya 

4.1. IKhabhinethi iyavuyiswa kukuvulwa ngokusesikweni nguMongameli Ramaphosa kwe-ofisi entsha yeSebe leMicimbi yezeKhaya eHluhluwe kwiphondo laKwaZulu-Natal. 
4.2. Amaphulo andisiweyo okuhambisa iinkonzo zisiya kwimimandla ehlelelekileyo adlala indima enkulu ekuqinisekiseni ukuba wonke ubani uyaluxhamla ulawulo lwentando yesininzi kunye nobulungisa bezentlalo. Oku kuyinxalenye yamalinge karhulumente okusondeza iinkonzo ebantwini.

5. INkqubo yokuFudukela kuSasazo lweDijithali

5.1. IKhabhinethi yanelisekile ngomsebenzi osele wenziwe malunga nokutshintsha uhlobo losasazo lwe-analogu kuyiwe kweledijithali kweli lizwe. Njengenxalenye yamalungiselelo omcimbi oza kubanjwa ngeyoMnga kowama-2018 apho kuza kube kukho umsitho waseFreyistata wokuCinywa kweePali eziSasaza nge-Analogu, ipali yokuqala esasaza nge-analogu eseSenekal eFreyistata iza kucinywa ngomhla wama-20 kweyoMsintsi 2018. Oku kuhambelana nesivumelwano esenziweyo noMbutho weHlabathi weziSeko zezoNxibelelwano (i-ITU).
5.2. Liyaqhuba iphulo lokwazisa uluntu ukuze kuqinisekiswe ukuba amakhaya ayazi futhi akulungele ukucinywa kweepali ezisasaza nge-analogu. Amakhaya anoomabonakude (ii-TV) abasasaza nge-analogu afuna ukuthenga oomabonakude abatsha ayacetyiswa ukuba athenge abo banobuxhaka-xhaka obuza kukwazi ukusasaza ngedijithali. Amakhaya amkela umvuzo ongaphezulu kwalo umiselweyo ungama-3 200 eerandi ngenyanga angakhetha ukuthenga oomabonakude abatsha abanobuxha-xhaka obuza kukwazi ukusasaza ngedijithali abaphuma nedikhowuda ye-TV eSasaza ngeDijithali, efumaneka ezivenkileni ezinkulu. 

6. Ukudendwa kwabasebenzi

6.1. Njengoko uMongameli Ramaphosa ebecele ukuba ukhe umiswe umba wokudendwa kwabasebenzi owenzeka ngenxa yeemeko zezoqoqosho ezingentlanga kweli lizwe, iKhabhinethi nayo iyababongoza abaqeshi ukuba umba wokudenda abasebenzi babhenele kuwo njengeqhinga lokugqibela xa sele bezame onke amacebo futhi kuzanywe namanye amacebo okonga imali ukuze kungadendwa abasebenzi. 

7. Iinkcukacha-manani zolwaphulo-mthetho

7.1. IKhabhinethi iyakuvuma ukungenelela kweNtlanganisela yezobuLungisa, uThintelo loLwaphulo-mthetho noKhuseleko ukuze igwadle iqhinga elibanzi eliza kusabela kwimiba emininzi evele kwiinkcukacha-manani zolwaphulo-mthetho ebezisanda kukhutshwa kwezi veki zimbalwa zidlulileyo. 
7.2. La maqhinga aquka iNgqugquthela yeSizwe engoLwaphulo-mthetho noBundlobongela ibisanda kubanjwa kutsha nje phantsi komxholo othi "Ukwakha isizwe esikhuselekileyo ngokusebenzisa iindlela ezihlangeneyo neziphuhlisayo zokulwa ulwaphulo-mthetho nobundlobongela", apho kuthiwe kwaqulunqwa umbono ekubanjiswene ngawo wokhuseleko oluluxanduva lwethu sonke, kwaye le ngqungquthela isebenze njengeqonga apho amahlakani abalulekileyo kunye neengcali athe abonisana ngeendlela zokuphumeza iPhepha lowama-2016 eliCacisa uMgaqo-nkqubo wezoKhuselo noKhuseleko kuwo onke amacandelo. 

8. Izenzo zobundlobongela 

8.1. IKhabhinethi ixhalabe kakhulu ngamazinga obundlobongela kweli lizwe lethu kwaye ihlaba ikhwelo kuwo onke amacandelo, uluntu ngokubanzi kunye nee-arhente zogcino-cwangco ukuba basebenzisane kuze kuqinisekiswe ukuba izikolo kunye namaziko oluntu akhuselekile. 
8.2. Ubundlobongela obenzeke eendaweni ezininzi zeli abamkelekanga kwaphela kwaye bunxamnye futhi bukhabana noMgaqo-siseko. IKhabhinethi iwuqhwabela izandla uMbutho wamaPolisa oMzantsi Afrika (i-SAPS) ngokuba abambe ngokukhawuleza abo kurhaneleka ukuba bathathe inxaxheba kwizenzo zobundlobongela obenziwe esidlangalaleni kunye nabo bafunyenwe beneempahla ekukrokreleka ukuba zibiwe. 

9. Ukuqhambuka kwe-Klebsiella 

9.1. IKhabhinethi ithi akuhlanga lungehliyo kwiintsapho zeentsana ezintandathu ezithe zasweleka ngethuba kuqhambuka isifo i-Klebsiella pneumoniae eThelle Mogoerane Hospital eVosloorus.
9.2. Esi sifo noko ngoku siyalawuleka. UMphathiswa wezeMpilo, uGq Aaron Motsoaledi, sele ebhengezile ukuba ezi ntsana kunye noonina bazo ziza kutshintshwa zithunyelwe eNelson Mandela Children's Hospital naseCharlotte Maxeke Johannesburg Academic Hospital.
9.3. Oku kuza kunika ithuba isebe lezempilo lephondo ukuba licoce lize libulale iintsholongwane zesi sifo kwesi sibhedlela, futhi lilungise neengxaki ezinxulumene nendlela esisebenza ngayo esi sibhedlela ngaphandle kokuphazanyiswa.

B. Izigqibo zeKhabhinethi
10. Isicwangciso soncedo lwezimali 


IKhabhinethi isigwadlile yaze yasamkela isicwangciso soncedo lwezimali esiqulethe amanyathelo okukhwezela uqoqosho lweli asuka kumacandelo namasebe anxulumeneyo. Kuza kubanjwa intlanganiso noonondaba ngoLwesihlanu umhla wama-21 kweyoMsintsi apho kuza kwenziwa intetho ngesi sicwangciso soncedo lwezimali. Le ntlanganiso iza kukhokelwa nguMongameli Ramaphosa.

11. Imithetho enxulumene nee-VISA

IKhabhinethi iyifumene nengxelo yoMphathiswa weMicimbi yezeKhaya nowezoKhenketho, emalunga nemithetho enxulumene nee-VISA eza kwenza ukuba kube lula kubakhenkethi, oosomashishini kunye nezifundiswa ezifuna ukuza eMzantsi Afrika.
 
Le mithetho iquka izilungiso kwimithetho echaphazela abantwana abangabemi bangaphandle abeza eMzantsi Afrika, eziza kufakwa kwigazethi ngenyanga yeDwarha. Ziyaqukunjelwa iingxoxo malunga nomba wokungafunwa kwee-visa kunye nokuphungulwa kobucukubhede bee-visa obufunwa kubemi bamanye amazwe. Ezinye iinkcukacha ziza kubhengezwa kule veki. 

C. ImiThetho esaYilwayo

12. IKhabhinethi ivumile ukuba le Mithetho isaYilwayo ipapashwe ukuze uluntu luhlomle:

12.1. UMthetho-sihlomelo oYilwayo woBulungisa kwezeNgqesho wowama-2017 Ezi zilungiso zenzele ukuphucula iinkqubo zokunyanzelisa ukuthotyelwa komthetho kwaye ziza kuvumela ukuba kubekwe umlinganiselo wecandelo ngalinye wenani labantu ekufanele baqeshwe ngenkqubo yokuzisa ubulungisa kwenzengqesho. UMphathiswa wezabaSebenzi, emva kokuba efakene imilomo namahlakani ecandelo lezabasebenzi, uza kube lo mmiselo uza kuba ngowecandelo ngalinye. 

12.2. UMthetho-sihlomelo oYilwayo weMithetho yeCandelo lezeziMali wowama-2018: Ezi zilungiso zifuna ukucacisa umba wamagosa anyuliweyo ukuba athathe iintambo zolawulo xa ibhanki ibhengezwe njengenolawulo lwezimali oluqhwalelayo, kuquka neebhanki ezibizwa ngokuba zi-mutual bank kunye nezo zaziwa ngokuba zi-cooperative bank kunye namanye amaqumrhu abonelela ngeenkonzo zezimali kodwa engezozibhanki. Ezi zilungiso ziza kuqinisekisa ukuba xa ethe amaziko ezimali aneengxaki akwazi ukufumana uncedo ngendlela eza kukhusela abantu abangathathi ntweni abagcinise imali kuyo kungakhange kubekho phazamiseko lungako kwinkqubo yezezimali kunye noqoqosho ngobubanzi. 

D. Imisitho ezayo
13. USuku lwaMafa  


13.1. Umbihiyozo woSuku lweSizwe lwaMafa lowama-2018 phantsi komxholo othi: Unyaka kaNelson Mandela: Ukuqhubela phambili iinguqu kwezamafa eMzantsi Afrika" uza kubanjelwa eRiverview Stadium eKokstad, KwaZulu-Natal. Lo mbhiyozo uyinxalenye yemisitho eza kuqhuba inyanga yonke eza kube ingemiba equka iinguqu, ukuhlonitshwa nokulondoloza amafa neenkcubeko ezityebileyo nezahlukeneyo zoMzantsi Afrika, igama kunye nobuzwe bethu kunye nomba wokuhlalisana ngoxolo phakathi kweentlanga ezahlukeneyo. 
13.2. Imibhiyozo yoSuku lwaMafa ihlonipha u-Adam Kok kunye nesizwe samaGriqua ngobugorha, isibindi nokukhalipha ngethuba besilwa inkqubo yobukholoniyali.
13.3. IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kuthi sonke lokuba sizidle futhi sibambisane njengabantwana besizwe esineentlanga ezahlukeneyo kodwa ezimanyeneyo kumalinge namaphulo okwakha ilizwe apho abantu bebonakalisa ukukhathalelana nokuhloniphana.

14. INdibano eNkulu yeZizwe eziManyeneyo (i-UNGA)

14.1. Njengelinge lokufaka isandla kumaphulo okubhiyozela iminyaka elikhulu yokuzalwa kukaMongameli wangaphambili uNelson Mandela, ngomhla wama-24 kweyoMsintsi 2019 i-UNGA iza kubamba intlanganiso ephezulu eza kugwadla umba woxolo kwihlabathi ebizwa ngokuba yiNgqungquthela yoXolo kaNelson Mandela. Injongo yale Ngqungquthela kukuhlonipha nokubhiyozela iminyaka elikhulu yokuzalwa kukaMadiba.
14.2. Le ndibano ihlelwe ukuba yamkele isibhambathiso sezopolitiko ekuvunyelenwe ngaso ngaMazwe angamaLungu e-UNGA. Oku kulandela indibano yokufakana imilomo noorhulumente ngomongo wesi sibhambathiso ebiqhutywa nguMmeli oSisigxina kwiZizwe eziManyeneyo (i-UN) woMzantsi Afrika kunye nogxawakhe wase-Ireland, ababambiseneyo njengabaququzeleli bale Ngqungquthela. UMongameli Ramaphosa ulindeleke ukuba athathe inxaxheba kwiNtlanganiso yeGqiza eliPhezulu ye-UN engesifo sephepha (i-TB) ngomhla wama-26 kweyoMsintsi 2010. I-TB sisifo esigqugqisayo e-Afrika kwaye amazwe anabantu abaninzi abane-TB akweli lizwekazi. 

E. Imiyalezo

15. Amazwi ovelwano


IKhabhinethi ithi mazilale ngenxeba iintsapho eziswelekelwe zizihlobo zazo kwingozi yebhasi eyenzeke ku-N1-25 kufutshane naseTobias kuMasipala weSithili saseWaterberg eLimpopo. IKhabhinethi inqwenelela abo bangxwelerhekileyo ukuchacha ngokukhawuleza.

16. Amazwi okuvuyisana

IKhabhinethi iqhwabela izandla uMphathiswa woPhuhliso lwamaShishini amaNcinci, uNksz Lindiwe Zulu uwongwe ngeyona mbasa iphezulu i-Order of Rio Branco (i-Ordem de Rio Branco) kwinqanaba le-Grand Cross nguRhulumente waseBrazil. 

Eli wonga ulifumene ngenxa yemisebenzi yakhe yokuqhubeleka eqinisa ubudlelwane phakathi kweBrazil noMzantsi Afrika. Le mbasa yaseBrazili kuwongwa ngayo abantu abazibaluleyo ngemisebenzi ekwinqanaba eliphezulu negalelo elikhulu kuphuhliso loluntu. UMphathiswa Zulu wayenguNozakuzaku woMzantsi Afrika eBrazil phakathi kowama-2004 nowama-2008.

F. Izikhundla

Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.

17. IBhodi yeRand Water:
a. U-Adv Faith Matshidiso Hashatse (USihlalo);
b. UNksz Massacha Khulekelwe Glynnis Mbonambi (USekela-sihlalo);
c. UMnu LL Makibinyane;
d. UNksz Phindile Sweetness Mbanjwa;
e. UMnu Ahmed Mohammed Pandor;
f. UNksz Mahlatse Martha Kabi;
g. UNksz Mankone Ntsaba;
h. UNksz Nomsa Georgina Mbileni; 
i. UMnu Protas Thamsanqa Phili;
j. UNksz Sophie Fende Molokoane;
k. UNksz Savannah Nonhlanhla Maziya; kunye
l. noMnu Ramateu Johannes Monyokolo.

18. UMnu Percival Sechemane njengeGosa eliPhezulu lesiGqeba soLawulo (i-CEO) yeTrans-Caledon Tunnel Authority. 

Imibuzo:
Nksz Phumla Williams - IsiThethi seKhabhinethi esiliBambela 
Mobile: 083 501 1039

Share this page

Similar categories to explore