Ingxelo yeNtlanganiso yeKhabhinethi yomhla wama-21 kweyeSilimela 2023

A.  Imiba enguNdaba-mlonyeni

1.  Iziphakamiso ezenziwe yiKomishoni yoPhando eKhokelwa yiJaji emalunga neziTyholo zokuBanjwa ngoBhongwane koMbuso, uRhwaphilizo noBuqhetseba kuRhulumente, kuquka nakumaQumrhu oMbuso


1.1.  Namhlanje, umhla wama-22 kweyeSilimela 2023, usisithuba esingangonyaka ngqo emva kokuba i-Ofisi kaMongameli yafumana ingxelo yokugqibela yeKomishoni yoPhando eKhokelwa yiJaji emalunga neziTyholo zokuBanjwa ngoBhongwane koMbuso, uRhwaphilizo noBuqhetseba kuRhulumente, kuquka nakumaQumrhu oMbuso.
1.2.  NgeyeDwarha ngowama-2022, uMongameli Cyril Ramaphosa wangenisa ePalamente isicwangciso sikarhulumente samanyathelo aza kuthatyathwa okuphumeza iziphakamiso ezenziwe yile Komishomi. IKhabhinethi ilinde ingxelo malunga nomgama osele uhanjiwe malunga nokuphunyezwa kweziphakamiso zale Komishoni.

2.  IsiVumelwano seNtsebenziswano ne-France malunga nokuxhobisa ngezakhono iCandelo eliKhethekileyo lezoPhando (i-SIU) 

2.1.  UMzantsi Afrika, umelwe nguMphathiswa wezoBulungisa neeNkonzo zoLuleko kunye ne-France, yona imelwe nguMphathiswa wezase-Europe neMicimbi yangaPhandle, uNks Catherine Colonna, utyikitye isivumelwano sentsebenziswano esiza kuxhobisa ngezakhono i-SIU.
2.2.  Esi sivumelwano sentsebenziswano siza kuxhobisa ngokungaphaya i-SIU nangezakhono zophando olunzulu ngolwaphulomthetho olukwi-intanethi, ulwaphulomthetho ngezezimali kunye nezakhono zokuhlalutya.
2.3.  Le ntsebenziswano iza kukhokelela ekubeni kusekwe iziko loqeqesho elibizwa ngokuba yi-Anti-Corruption Academy ePitoli. Eli ziko loqeqesho liza kusetyenziswa ngamalungu e-SIU, ezinye ii-arhente zogcinomthetho nezichasene norhwaphilizo zamazwe angamalungu oMbutho woPhuhliso lwaMazwe aseMazantsi e-Afrika (i-SADC), amazwe ayesakuba ngamaThanga kunye nalawo angeyonxalenye yalawo ayesakuba ngamaThanga.
2.4.  Ezi zakhono zitsha ziza kuxhobisa eli lizwe likwazi ukusabela kwimiba ebhentsiswe yiKomishoni yokuBanjwa ngoBhongwane koMbuso.

3.  Utyelelo lokuSebenza ebeliQhutywe ngokuBambisana yiNkulumbuso yase-Netherlands kunye neyase-Denmark

3.1.  IKhabhinethi izamkele iingxoxo ebeziphakathi kukaMongameli Ramaphosa, kunye neNkulumbuso yase-Netherlands u-Mark Rutte kunye neyase-Denmark u-Mette Frederiksen, ngethuba bekutyelelo lokusebenza eliza ePitoli kule veki. Olu tyelelo luqhutywe ngokubambisana ibilelokuqala ezimbalini kweli lizwe lakuthi.  
3.2.  Ubudlelwane bezoqoqosho phakathi kwala mazwe mathathu namhlanje bususela kubudlelwane obuhle bakudala phakathi koMzantsi Afrika kunye nala mazwe mabini ayinxalenye yoMbutho wase-Europe (i-EU) nanika inkxaso emandla imibutho yoMzantsi Afirka eyayisilwela inkululeko futhi ancedisa nakwidabi lokulwa ucalucalulo.
3.3.  Ngethuba lolu tyelelo lokusebenza, uMzantsi Afrika utyikitye iSivumelwano Sokusebenzisana nala mazwe mabini kwicandelo lehaydrojini kunye namandla ombane angenabungozi kokusingqongileyo.
3.4.  Iinkampani kunye namaqumrhu aphuma kula mazwe mathathu zibhengeze izivumelwano zotyalomali nezentsebenziswano, kuquka nesithembiso semali eyibhiliyoni yeeDola zase-United States yokusekwa kwe-SA-H2 Fund eza kusetyenziselwa ukuqokelela imali eza kutyalwa kumaphulo ehaydrojini engenabungozi kokusingqongileyo.
3.5.  INgxowamali yezaKhiwo zikaRhulumente zaManzi naMandla oMbane: i-Invest International inenjongo zokuseka ingxowa yezibonelelo eziza kuxabisa imali ezizigidi ezingama-300 ee-Euro kunye nezibonelelo eziza kuxabisa imali ezizigidi ezili-100 zee-Euro eziza kunceda uMzantsi Afrika kumalinge awo okwakha iziseko ezingundoqo zezamanzi kunye namandla.

4.  UHambo lwePhulo le-Afrika loXolo
 
4.1.  IKhabhinethi iyamkele ingxelo enikwe nguMongameli Ramaphosa malunga noHambo lwePhulo le-Afrika loXolo obeluye e-Ukraine nakwi-Russian Federation apho uMongameli kunye nezinye iinkokeli kunye nabameli abaphuma kurhulumente wase-Senegal, owase-Comoros, owase-Zambia, owase-Egypt, owase-Congo-Brazzaville kunye nowase-Uganda. Eli Phulo ligxininise uluvo loMzantsi Afrika lokungathathi icala kolu ngquzulwano kunye nokufuna ukukhokelisa phambili ukuba olu ngquzulwano malusonjululwe ngoxolo.
4.2.  IKhabhinethi ivile nokuba uMongameli wase-Ukraine u-Volodymyr Zelensky kunye noMongameli we-Russian Federation u-Vladimir Putin balibulele kakhulu eli phulo loxolo likhokelwa yiAfrika nokuba zombini ezi nkokeli ziye zavuma nokuthatha inxaxheba kwezinye iindibano zokubonisana neenkokeli zaseAfrika ngale miba ithe yaphakanyiswa imalunga nokusonjululwa ngoxolo kolu ngquzulwano.
4.3.  Eli Phulo liye lakugxininisa ukuba kufuneka kubekwe phantsi izixhobo kuze kunikwe ithuba lokuba luqalise uthethathethwano ngokukhawuleza, kubuyiswe abantwana base-Ukraine, kukhululwe amabanjwa emfazwe kuze kuvulelwe imibutho yesisa ukuba inikele ngeenkonzo zentlalontle yoluntu.
4.4.  IKhabhinethi iyawamkela amazwi ombulelo avakaliswe zinkokeli zehlabathi malunga neli Phulo loXolo leeNkokeli ze-Afrika lokulwela ukuba olu ngquzulwano lusonjululwe ngoxolo. La mazwi ombulelo avakaliswe yiNkulumbuso yase-Denmark kunye neyase-Netherlands, kwakunye noMphathiswa wezangaPhandle wase-France, kunye nabanye.
4.5.  Kulandela eli phulo loxolo, uMzantsi Afrika uza kuthatha inxaxheba kwiNgqunquthela yeMbumba ye-Afrika kunye ne-Russia eza kubanjelwa e-Moscow ngeyeKhala, nalapho urhulumente weli eza kusebenzisa eli thuba abambe indibano ne-Russia apho kuza kugwadlwa imiba aba Bongameli babini ababevumelene ngayo ukuba baza kukhe bayixoxe.
4.6.  UMcebisi wezoKhuseleko weSizwe kaMongameli Ramaphosa, uNjing Fholisani Sydney Mufamadi, uza kuzimasa iNgqungquthela yoXolo, ebizwe nguMongameli Zelensky, eza kubanjelwa e-Copenhagen, e-Denmark, ngenyanga yeThupha.
4.7.  Ngokumalunga nenqwelo-moya eyayithwele oonogada bakamongameli woMzantsi Afrika kunye neentatheli efikele e-Poland ngethuba bona besiya e-Ukraine nase-Russia, iKhabhinethi ivile ngezinto eziphazamisayo ezithe zenzeka ngethuba le nqwelo-moya ifika e-Warsaw, kwelase-Poland.  
4.8.  IKhabhinethi ivile ukuba iSebe lobuDlelwane baMazwe ngaMazwe neNtsebenziswano liza kuwulandela lo mba lisebenzisa amaqonga ezozakuzo afanelekileyo.

5.  Imiba yezorhwebo

5.1.  IKhabhinethi iqaphele ukuba iinkcukachamanani zezorhwebo zakutsha nje ezikhutshwe liSebe lezoRhwebo, uShishino nezoKhuphiswano zibonise ukuba iimpahla zorhwebo ezithunyelwe nguMzantsi Afrika e-China ziye zafikelela kwimali ezizibhiliyoni ezingama-33 ze-US$ ngowama-2022, umthamo lowo ungaphezulu ngokuphindwe kabini kulowo we-Germany elilizwe esirhweba nalo elikwindawo yesibini ngokomthamo worhwebo.
5.2.  Xa uwonke, umthamo worhwebo phakathi koMzantsi Afrika ne-China unyuke nge-30% usuka kwimali ezibhiliyoni ezingama-44 zee-US$ ngowama-2018 waya kutsho kwimali ezibhiliyoni ezingama-57 zee-US$ ekupheleni kowama-2022, into ethetha ukuba unyuke ngomyinge oyi-10% (oweempahla ezithunyelwa ngaphandle) nange-4.5% (owezivela kumazwe angaphandle). Umthamo worhwebo woMzantsi Afrika ubungaphezulu kulo ubulindelwe kule minyaka mihlanu sithetha ngayo.

6.  Ezamandla ombane

6.1.  IKhabhinethi isamkele isivumelwano esiza kubangela ukuba uMzantsi Afrika ufumane umbane ozimegawathi (MW) ezili-100 ovela e-Mozambique kwezi nyanga zintathu zizayo emva kokuba utyikitye isiVumelwano sokuThengwa koMbane. Ezi nyanga zintathu ukuya kwezi zili-12 zizayo uMzantsi Afrika uza kuthenga umbane oli-1 000 MW e-Mozambique.
6.2.  IKhabhinethi ivuyiswa kakhulu kukuqhubeleka kuka-Eskom enyusa uMthamo woMbane oKhoyo (i-EAF) ekungoku nje ongaphezulu kwama-60%.
6.3.  IKhabhinethi ibamba ngazibini kubemi boMzantsi Afrika abathe banegalelo ekunciphiseni indlela abawusebenzisa ngayo umbane, into leyo ethe yanceda u-Eskom watsho wakwazi ukuphungula amanqanaba kacimi-cimi wombane. Ukonga umbane luxanduva lwethu sonke futhi kusinceda sonke. 
6.4.  IKhabhinethi ibulela kakhulu ngomnikelo uMzantsi Afrika owufumene kwi-People’s Republic of China wesixhobo sokuvelisa umbane ongxamisekileyo ongumthamo omncinci esixabisa imali ezizigidi zeerandi ezili-167. Sithetha nje kusakuqukunjelwa isicwangciso sendlela eza kusetyenziswa ukuqinisekisa ukuba esi sixhobo kunikelwe ngaso siyafakelwa kumaziko karhulumente, into leyo iza kubangela ukuba angachatshazelwa yingxaki kacimicimi wombane. Umsitho wokunikezelwa kwesi sixhobo ngokusesikweni uza kubanjwa sakuba esi sixhobo sithe saqinisekiswa ngokusesikweni ngamagosa okuqinisekisa iimpahla ezingenayo neziphumayo kweli lizwe. 

7.  Ezamanzi

7.1.  IKhabhinethi isifumene isishwankathelo samanyathelo aza kuthatyathwa liSebe lezaManzi noGutyulo ukulwa ezi ngxaki zezamanzi nezogutyulo lijongene nazo eli lizwe. 
7.2.  Esi sishwankathelo sibalule ukukhawuleziswa kweeprojekthi zamanzi aphezu komhlaba athi anengxaki ngaphambili ezifana nezi:
7.2.1.  Ukwakhiwa kwesiGaba sesi-2 esixabisa imali ezibhiliyoni zeerandi ezingama-40 se-Lesotho Highlands Water Project esiza kunceda iphondo lase-Gauteng kunye namanye amaphondo ayingqongileyo. Lo msebenzi uza kugqitywa ngowama-2027.
7.2.2.  IsiGaba 2A esiza kutyabula imali ezibhiliyoni zeerandi ezine se-Mokolo Crocodile Water Augmentation Project eMntla Ntshona naseLimpopo. Kusaqokelelwa enye imali yesinye isigaba sona esiza kuqala ngoCanzibe wowama-2024, uze wona umsebenzi uwonke ugqitywe ngowama-2030.
7.2.3.  Kwiphulo lentsebenziswano phakathi kukarhulumente kunye necandelo lezemigodi, uyaqhuba umsebenzi oza kutyabula imali ezibhiliyoni zeerandi ezingama-24 wokwakha i-Olifants River Water Resource Development Project eLimpopo. Lo msebenzi kulindeleke ukuba ugqitywe ngowama-2030.
7.2.4.  Kwesinye isivumelwano sentsebenziswano esifana nesi kunye nemigodi eseMntla Koloni, umsebenzi oza kutyabula imali ezibhiliyoni zeerandi ezili-10 we-Vaal Gamagara eza kuqala ekupheleni kwalo nyaka kwaye kulindeleke ukuba uqukunjelwe ngowama-2030.
7.2.5.  Umsebezi oza kutyabula imali ezizigidi zeerandi ezingama-500 wokwakha i-Groot Letaba Water Augmentation Project eLimpopo uqalise kule nyanga yeSilimela 2023, kwaye uquka ukunyuswa kodonga lwe-Tzaneen Dam. Lo msebenzi uza kugqitywa ngowama-2025.
7.2.6.  ENtshona Koloni, umsebenzi oza kutyabula imali eyibhiliyoni yeerandi eyi-1.2 wokwakha i-Voëlvlei Augmentation Scheme uza kuqalisa ngowama-2024, kwaye kulindeleke ukuba ugqitywe ngowama-2026.
7.3.  Ezi projekthi zenzelwe ukubonelela isizwe ngamanzi kwaye ziza kudalela amawaka abantu imisebenzi, zivulele amathuba amashishini kwezi ndawo kuza kwakhiwa kuzo kuba abasebenzi kunye neenkampani ziza kuthenga kula mashishini futhi iziseko ezingundoqo eziphuculwe ziza kunceda uqoqosho lwezo ngingqi zikuzo.

8.  Ukusekwa kwe-South Africa Isotope Facility (i-SAIF)

8.1.  IKhabhinethi isamkele isivumelwano sentsebenziswano phakathi kweSebe lezeNzululwazi noYilo kunye ne-IThemba LABS, esithe sakhokelela ekuvulweni kwe-SAIF, iziko elikudidi lwehlabathi eliza kusabela kule ngxaki ikhulayo yomhlaza osesisinye sezifo eziphambili ezibulala abantu. Eli ziko liza kuqhuba uphando olunzulu noqeqesho lize nobuxhaka-xhaka bokuveliswa kwe-radioisotopes. Unyango lwe-radioistope lulwa iiseli zomhlaza lize lungenzi monakalo mkhulu kwiiseli ezikufutshane eziphilileyo. 
8.2.  Kungoku nje ngabemi boMzantsi Afrika abanesi sifo abangama-5 000 abaza kuxhamla kweli chiza ngonyaka, kwaye kulindeleke ukuba eli nani liphinda-phindeke kahlanu ukuya kasixhenxe, xa kuthe kwanyuswa umthamo oveliswa yi-SAIF nangezi isotopes zintsha. 

9.  Ukuphunyezwa koMthethosiHlomelo oYilwayo we-Postbank Limited

9.1.  IKhabhinethi ikwamkele ukuphunyezwa koMthethosiHlomelo oYilwayo we-Postbank Limited yiPalamente (yiNdlu yoWisomthetho yeSizwe kunye neBhunga leSizwe lamaPhondo), into leyo evula indlela yokuba kuvulwe ibhanki yombuso.
9.2.  Lo Mthetho uYilwayo usabela kwezi ngxaki zikhoyo kwindlela eyakheke ngayo i-Postbank, ngokwenza utshintsho kubanikazi bayo kunye noluhlu lwezikhundla ukuze kusekwe inkampani eza kulawula i-Postbank.
9.3.  IKhabhinethi iza kulinda kuMongameli ukuba atyikitye lo Mthetho uYilwayo ube ngumthetho into leyo eza kuvumela ukuba kubhaliswe i-Postbank njengenkampani elawula ibhanki, i-Bank Controlling Company. 

10.  Ukuxhotyiswa koLutsha ngezaKhono

10.1.  IKhabhinethi ibambe ngazibini kubo bonke abemi boMzantsi Afrika ngokuthatha inxaxheba kwimibhiyozo yomhla we-16 kweyeSilimela 2023 phantsi komxholo othi: “Ukukhawulezisa umba wokuxhotyiswa kolutsha ngezoqoqosho ukwenzela ikamva elizinzileyo.”
10.2.  IKhabhinethi ikwamkele ukusekwa kweBhasi engumaHamba-nandlwana yeNgqesho kaRhulumente  yale mihla liSebe leMfundo esiSiseko, eleMfundo ePhakamileyo, ezeNzululwazi noYilo kunye nelezeNgqesho nezaBasebenzi, esebenzisana nenkqubo ebizwa ngokuba yi-Education for Employability ye-EU. Ezi bhasi ziza namathuba zihamba zide ziye kufika kwiindawo ezisemagqagaleni ukuya kunceda abafundi kunye nabantu abafuna imisebenzi kumalinge abo okufumana imisebenzi ngokuthi ingqinelanise izakhono kunye neendawo abalasela kuzo umntu kunye namakhondo afanelekileyo nezithuba zemisebenzi. 
10.3.  IKhabhinethi iwamkele namalinge eSebe lezoLimo, ukuBuyekezwa kweMihlaba noPhuhliso lwamaPhandle okuxhasa ulutsha ukuba luthathe inxaxheba kwicandelo lezolimo kumaphulo okuhlaziyo iindawo zasemaphandleni ezifana nokopolotyeni obizwa yi-Marapyane-Bakgatla primary cooperative. Lo kopolotyeni udale imisebenzi engaphezulu kwe-100 kwezi lali ukuzo kwaye abantu batsha uninzi lwabo ngabalimi bombona nojongilanga. 

11.  INkqubo yokuSebenza ekuCimeni uMlilo

11.1.  IKhabhinethi ibothulela umnqwazi abacimimlilo boMzantsi Afrika abangama-400 abatyalwe e-Canada ukuya kunceda kumaphulo okusindisa abantu, amakhaya, amashishini kunye nohlaza; kwiPhondo i-Alberta lase-Canada. 
11.2.  Ukutyalwa kwaba bacimimlilo kulo nyaka wama-2023 kwenziwe emva kokuba kuthunyelwe isicelo esingxamisekileyo liziko loMlilo lee-Arhente ezohlukeneyo lase-Canada. Eli phulo lesihlanu lentsebenziswano phakathi koMzantsi Afrika ne-Canada libubungqina bobudlelwane obungqingqwa phakathi kwala mazwe mabini kunye negalelo loMzantsi Afrika kumalinge okulondoloza okusingqongileyo, nokuba ubungozi obubeka okusingqongileyo emngciphekweni kwenzeka phi na kwihlabathi.

12.  ImiDlalo yee-Olimpiki eziKhethekileyo zeXesha laseHlotyeni
12.1.  Iqela loMzantsi Afrika liyaqhuba nokuphakamisela phezulu igama loMzantsi Afrika kwimiDlalo yee-Olimpiki eziKhethekileyo zeXesha laseHlotyeni yowama-2023 ebanjelwe e-Berlin, e-Germany, ukususela kowe-17 ukuya kowama-25 kweyeSilimela 2023. Iqela loMzantsi Afrika lakhiwe zimbaleki ezingama-64 kunye nabaqeqeshi abangama-21 abaza kukhuphisana nezinye iimbaleki ezingama-7 000 eziphuma kumazwe ali-180. Ezi mbaleki zingoompondo zihlanjiwe bezwe lakuthi kwaye zibubungqina obubonisa ukuba akukho nto ingaphezulu kozimisela emntwini. 

B.   Izigqibo zeKhabhinethi

1.  Ukutyikitywa ngokusesikweni nguMzantsi Afrika kwe-Luxembourg Protocol to the Convention of International Interests in Mobile Equipment on Matters Specific to Railway Rolling Stock


1.1.  IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa ePalamente kwe-Luxembourg Rail Protocol ukuze ityikitywe ngokusesikweni. I-Luxembourg Rail Protocol incedisa kuhlumo loqoqosho ngokukhuthaza ukuba icandelo labucala lityale imali kwicandelo lezoololiwe. 
1.2.  I-Luxembourg Rail Protocol izalwe yimpumelelo ye-Cape Town Convention on International Interests in Mobile Equipment eyayibanjwe ngowama-2007. UMzantsi Afrika utyikitye esisivumelwano ngowama-2022 ukubonisa indlela eli lizwe elizimisele ngayo ukwenza iinguqu kwicandelo lezoololiwe. 

C.  Izikhundla

Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.
1.  Mnu Evert Potgieter njengeGosa eliyiNtloko leziMali (i-CFO) le-Property Practitioners Regulatory Authority.
2.  Mnu Sandile Psychology Mkhize njengeGosa eliyiNtloko lesiGqeba soLawulo (i-CEO) kwezaManzi e-Magalies (isivumelwano sengqesho sandisiwe). 
3.  Amalungu eBhunga loPhando lwezoLimo:
(a)  Nks Joyene Isaacs (uqeshiwe kwakhona);
(b)  Gq Poncho Mokaila (uqeshiwe kwakhona);
(c)  Gq Jonty Tshipa;
(d)  Mnu Neo Harrison Masithela;
(e)  Nks Clarinda Elizabeth Simpson;
(f)   Gq Hilke Maartens;
(g)   Mnu Goodman Gcaba (uqeshiwe kwakhona);
(h)   Gq Troy Govender; 
(i)    Gq Konanani Liphadzi (uqeshiwe kwakhona);
(j)    Gq Pieter Naude Malan (uqeshiwe kwakhona); kunye
(k)   noGq Owen Horwood.

4.  Ukuvalwa kwezithuba kwi-Cross-Border Road Transport Agency:
(a)  Nks Bukeka Mahlutshana; kunye
(b)  noMnu Leroy Nsibande. 

5.  Ukuvalwa kwezithuba kwiBhodi ye-South African Civil Aviation Authority:  
(a)  Adv Mpati Lebakeng; kunye 
(b)  noMnu Tshepo Peege. 

D.  ImiThetho eYilwayo

1.  UYilo loMthetho oYilwayo weMitshato wowama-2022


1.1.  IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa koYilo loMthetho oYilwayo weMitshato wowama-2022 ukuze uluntu luhlumle kulo. 
1.2.  Lo Mthetho uYilwayo uzalisekisa iPhepha leNgcaciso Nkqubo  kwiMitshato eMzantsi Afrika, elavunywa yiKhabhinethi ngeyoKwindla ngowama-2022. Lo Mthetho uYilwayo ugunyazisa iSebe leMicimbi yezeKhaya ukuba liqulunqe uMthetho wezeMitshato omnye welizwe. 
1.3.  Lo Mthetho uYilwayo uzama ukuqinisekisa ukuba imitshato ityikitywa ngokwemigaqo yolingwano, ukungacaluli kunye neyesidima somntu njengoko kutshiwo kuMgaqo-siseko weRiphabhlikhi yoMzantsi Afrika wowe-1996. 
1.4.  Lo Mthetho uYilwayo useluyilo uza kuvumela abemi boMzantsi Afrika kunye nabahlali beli lizwe kungajongwa isini azikhethele ukuphila ngokwaso umntu, kwakunye neenkolo kunye neentlobo zenkcubeko ukuba batshate ngokwemithethosiseko  yomgaqo-siseko. 
1.5.  Lo Mthetho uYilwayo unika ingcaciso ngamanyathelo okuthintela imitshato efana nokutshatiswa ngenkani kwabantwana kunye naleyo ityikitywe lingekho elinye iqabane. 

2.  UMthetho oYilwayo we-Arhente yeSizwe yeZakhiwo zeMithombo yaManzi (i-NWRIA) wowama-2022

2.1.  IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa ePalamente koyilo loMthetho oYilwayo we-NWRIA. Lo Mthetho uYilwayo uphakamisa ukuba kusekwe i-NWRIA eza kwenza umsebenzi wokucwangcisa, ukuxhasa ngemali kunye nokuphuhlisa iziseko ezingundoqo zezamanzi zeli lizwe. Iza kwenza nomsebenzi wokukhanda nokulungisa ezi ziseko zingundoqo zamanzi zikhoyo ngoku zidlale zisemgangathweni.  
2.2.  Le arhente iza kuqinisekisa ukuba amanzi awapheli esithubeni, ankinkishwa ngokulinganayo futhi awaqhawu-qhawuki njengoko umgaqo-siseko wathembisayo ukuba amanzi aza kufumaneka futhi kuza kubakho indalo engenabungozi kwiimpilo zabantu. Le arhente iza kusekwa njengeQumrhu loMbuso phantsi koShedyuli 2 woMthetho woLawulo lweziMali zikaRhulumente, wowe-1999 (uMthetho uNombl 1 wowe-1999). Le arhente iza kwenza le misebenzi yenziwa yi-Trans-Caledon Tunnel Authority. 

3.  UMthetho-siHlomelo oYilwayo woQhawulomtshato wowama-2023

3.1.  IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa ePalamente koyilo loMthethosiHlomelo oYilwayo woqhawulomtshato wowama-2023. 
3.2.  Lo Mthetho uYilwayo wenza izilungiso kuMthetho woQhawulomtshato, wowe-1979 (uMthetho uNombl 70 wowe-1979) ukuze uvumele ukuba kubekwe imiqathango eza kukhusela intlalontle yabantwana okanye abo basebancinci basondliwayo abazalwe kwimitshato benkolo yobuSilamsi. Ezi zilungiso zikwacacisa nendlela yokwabiwa kweempahla kunye nokuchithwa kwemitshato yabo benkolo yobuSilamsi; ukunika ingcaciso ngendlela yokuthinjwa kweempahla zelifa kumtshato waba benkolo yamaSilamsi. 
3.3.  NgeyeSilimela wowama-2022, iNkundla yoMgaqo-siseko yafumanisa ukuba uMthetho woQhawulomtshato ngale ndlela uyiyo unxamnye noMgaqo-siseko kwaye awuyiquki imitshato yabo benkolo yobuSilamsi. Le nkundla yafumanisa ukuba icandelo loMthetho woQhawulomtshato alihambisani nomgaqo-siseko kuba libadlela indlala abantwana babazali abatshatileyo kunye nabo babazali abangatshatanga.

4.  UMthetho-sihlomelo oYilwayo weNgxowamali wokuZalwa ngokuTsha kwe-Afrika  neNtsebenziswano yeHlabathi (i-ARF)

4.1.  IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa koyilo loMthetho-sihlomelo oyilwayo we-ARF ukuze uluntu luhlomle kuwo. Injongo yalo Mthetho uYilwayo kukwenza izilungiso kuMthetho we-ARF (uMthetho uNombl 51 wowama-2000). Ezi zilungiso ziza kuthetha nokuba i-ARF ngoku iza kubizwa ngokuba yi-Arhente yeNtsebenziswano kuPhuhliso yoMzantsi Afrika. Le arhente iza kusetyenziswa njengesixhobo sokulawula, ukuxhasa nokukhokela amaphulo oMzantsi Afrika aya kumazwe angaphandle entsebenziswano noncedo.
4.2.  I-ARF ibaluleke kakhulu ekulweleni izinto ezilulutho nezinexabiso zoMzantsi Afrika, ukuZalwa ngokuTsha  kweAfrika kunye nokudalwa kwehlabathi elingcono lomntu wonke. 
4.3.  I-ARF ikwabalulekile kuMzantsi Afrika nanjengoko iphucula intsebenziswano phakathi kwelizwe lakuthi namanye amazwe, ingakumbi amazwe aseAfrika, ngokulwela ukuba kubekho ulawulo lwentando yesininzi, ulawulo olufanelekileyo, ukuthintela kunye nokusombulula ungquzulwano, uphuhliso lezentlalo nelezoqoqosho kunye nokuhlanganiswa, uncedo lwezentlalontle kunye nokuphuhliswa kwezakhono zabasebenzi.

5.  Ezintsha malunga nokuNyulwa kwakhona koMzantsi Afrika ukuba ube liLungu leBhunga loMbutho oNxulumene nezokuBhabha eMoyeni weHlabathi

5.1.  IKhabhinethi ikuqaphele ukunyulwa kwakhona koMzantsi Afrika ukuba ube liLungu leBhunga loMbutho oNxulumene nezokuBhabha eMoyeni weHlabathi.

F.  Imisitho Ezayo

1  INyanga kaMandela

1.1  UMzantsi Afrika nehlabathi uza kubhiyozela iNyanga kaMandela ngenyanga yeKhala phantsi komxholo othi “iMozulu, ukuTya noBumbano”. Ngale nyanga abemi boMzantsi Afrika baza kukhumbula izinto ezazibalasele ngobomi bukaMongameli wangaphambili u-Nelson Mandela, imisebenzi yakhe baze bathathe amanyathelo aza kunceda enze utshintsho kwiindawo abahlala kuzo zitsho zibe ngcono, bafunquke bonke ngokubambisana balwe indlala nokungalingani 
1.2  IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubo bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba basebenzise le nyanga benze into eza kwenza umahluko kwiindawo abahlala kuzo baze baqinisekise nokuba sakha uMzantsi Afrika ofana nqwa nalo umongameli wokuqala weli wayewunqwenela.

2  Ingqungquthela yeSivumelwano seNkxasomali yeHlabathi esitsha

2.1  UMongameli Ramaphonsa uza kuthatha inxaxheba kwingqungquthela yeSivumelwano seNkxasomali yeHlabathi etsha ngomhla wama-22 ukuya kowama-23 kweyeSilimela 2023 e-France.
2.2  UMzantsi Afrika uza kuthetha ngemiba engundoqo efana nokwenziwa kweenguqu kumaziko ezimali ehlabathi, ingxaki yamatyala amazwe, indlela zokuxhasa ngemali eziqiqileyo, iirhafu zehlabathi kunye nelungelo lokurhoxa ngezizathu ezithile ezizodwa.

3  INkomfa yemiButho yamaBhunga aMele abaFundi (i-RCL)

3.1  INkomfa ye-RCL iza kubanjwa ngomhla wama-29 nowama-30 kweyeSilimela kwiDyunivesiti yasePitoli ngeenjongo zokuphucula ii-RCL ezikolweni.
3.2  Le nkomfa yalo nyaka iza kugxininisa kumba wokuxhotyiswa kwabafundi ngezakhono, ukuchongwa kweemfuno zabafundi kunye nokuphucula indlela ezisebenza ngayo ii-RCL. Le nkomfa iyindibano ebalulekileyo eza kukhulisa iinkokeli zangomso zeli lizwe. 

4  ITumente yowama-2023 yeNdebe yeHlabathi yeBhola yoMyazi

4.1  Njengoko ngoku sele kushiyeke iintsuku ezingama-36 phambi kokuba iqale iNdebe yeHlabathi yowama-2023 yeBhola yoMyazi eza kubanjelwa e-Cape Town International Convention Centre ukususela ngomhla wama-28 kweyeKhala ukuya kumhla wesi-6 kweyeThupha 2023, iKhabhinethi ibamba ngazibini kubo bonke abemi boMzantsi Afrika ngokwamkela ngobuntu igqiza elikhenketha eli lizwe lihamba libonisa ngeNdebe yeHlabathi.
4.2  Olu khenketho lwendebe luyinxalenye yamalungiselo okugqibela omdlalo wokuqala wokuvula le tumente. Olu khenketho lwendebe luqale kwiphondo laKwaZulu-Natal, kwaye ngoku lisendleleni eya e-Gauteng, eMpumalanga, eLimpopo, eMntla Ntshona, eFreyistata, eMntla Koloni naseMpuma Koloni. Olu khenketho lwendebe luza kuphelela eNtshona Koloni njengephondo eliza kube lisingethe le midlalo, phambi kokuba iqale itumente ngomhla wama-28 kweyeKhala 2023.

5  IBanyana Banyana iyanduluka ilisingise kwiNdebe yeHlabathi ye-FIFA yamaNina

5.1  Egameni lesizwe, iKhabhinethi inqwenelela okuhle kodwa iqela lesizwe lamanina lebhola ekhatywayo, iBanyana Banyana, njengoko lilungiselela ukunduluka ngoLwesihlanu, umhla wama-23 kweyeSilimela 2023, lisiya kwiNdebe yeHlabathi ye-FIFA yamaNina, eza kubanjelwa eAustralia nase-New Zealand ngeyeKhala.
5.2  Indlela eliqhube ngayo eliqela kwiitumente ezingaphambili ibangele ukuba ihlabathi liwuthathele ingqalelo umba wokuphuhliswa komdlalo wamanina eMzantsi Afrika, njengenxalenye yephulo elibanzi lokuziphuhlisa bona buqu nokuxhotyiswa kwamanina sisizwe kweli lizwe. 

G.  Imiyalezo

1.  Amazwi okuvuyisana


IKhabhinethi ithumela amazwi okuvuyisana kunye neminqweno emihle:

  • Kubadlali bentenetya abahamba ngezitulo ezinamavili boMzantsi Afrika u-Donald Ramphadi kunye noKgothatso Montjane abazintshatsheli ze-Grand Slam kwiindidi abadlala kuzo kwitumente ehlonitshwe kakhulu ye-Roland Garros ebanjelwe e-France.
  • Kubo bonke abaphumelele kwi-Comrades Marathon yowama-2023 kunye neembaleki ezithathe inxaxheba kulo mdyarho womgama omde kulo nyaka, ubusuka kwicala laseMgungundlovu usiya eThekwini. Asithi huntshu kuTete Dijana kuba ephumelela kwicandelo lamadoda kunye no-Gerda Steyn ngokuphumelela kwelamanina, kodwa bobabini nangokophula irekhodi kumacandelo abo kulo mdyarho ubusuka eMgungundlovu usiya eThekwini. 
  • Asinakulibala ukukhankanya noTata u-Johannes Mosehla, waseLimpopo, othe wayeyona mbaleki indala ukubaleka ayigqibe i-Comrades Marathon, eneminyaka engama-81. Kule Nyanga yoLutsha, abemi boMzantsi Afrika, abadala nabancinci, kufuneka bafunde kule nkonde ukubaluleka kokuphila ngendlela engagxagxisi ubomi bakho.
  • IKhabhinethi ithi ukwanda kwaliwa ngumthakathi kuNomhle Ngwenya ngokuba nguyena mntu mncinci futhi ekwangumntu wokuqala omnyama wasetyhini ukuphumelela isidanga se-PhD kwicandelo lezenzululwazi e-Wits, eneminyakana nje engama-25 ubudala.
  • kuNks P Khoza okhethwe njengoMongameli we-ICAO Assembly yama-42 ebibanjelwe e-Montreal e-Canada ukususela ngomhla wama-27 kweyoMsintsi ukuya kowesi-7 kweyeDwarha 2022.
     

2.    Amazwi ovelwano

IKhabhinethi ithi tutwini, akuhlanga lungehliyo kusapho nezihlobo:

  • zeLungu lePalamente, uNks Tina Joemat-Pettersson, obenguSihlalo weKomiti yeMicimbi yeSebe lezamaPolisa yeNdlu yoWisomthetho yeSizwe, futhi nowayenguMphathiswa wezoLimo, amaHlathi nezokuLoba, kunye noMphathiswa wezaMandla. WayenguMphathiswa wePhondo wezeMfundo eMntla Koloni. Wayelilo neLungu yeKomiti yesiGqeba seSizwe (i-NEC) ye-African National Congress (i-ANC) kunye neCandelo lezamaNina le-ANC. Wayelitshantliziyo lomzabalazo wenkululeko kwi-United Democratic Front.
  • zikaKgoshi Kgagudi Kenneth Sekhukhune, i-Kgoshi ya Marota Mohlaletse, Hlabirw’a a Bauba futhi nebambela-nkosi leminyaka emininzi leSizwe saBapedi. IKhabhinethi ilibeke emithandazweni uSapho lwaKomkhulu kunye nesizwe saBapedi njengoko kusenziwa amalungiselelo okuqukumbela okubeka umntan’egazi kwikhaya lakhe lokugqibela. 
  • zomakhwekhwetha womqeqeshi weBafana Bafana, u-Clive Barker, eyayinguye owayeqeqesha iqela lebhola ekhatywayo ngethuba isizwe lisenza imbali liphumelela i-African Cup of Nations yowama-1996 eyayibanjelwe kweli lizwe okokuqala ezimbalini. 


Imibuzo: Mnu Michael Currin – ISithethi sikaRhulumente esiliBambela 
Iselula: 082 462 7896

Share this page

Similar categories to explore