Ingxelo ngeNtlanganiso yeKhabhinethi yangoLwesithathu, umhla wama-30 kweyeThupha 2023

A.    Imiba enguNdaba-mlonyeni
1.    INgqungquthela ye-XV ye-BRICS kunye nesiBhambathiso seSibini saseRhawutini


1.1.    UMzantsi Afrika ubusingethe iNgqungquthela ye-XV ye-BRICS ebeyimpumelelo kakhulu ethe yatyikitya isiBhambathiso seSibini saseRhawutini esiyimbali.
1.2.    IKhabhinethi ibamba ngazibini kwiGqiza loMzantsi Afrika ebelikhokelwe ngobuchule nguMongameli weSizwe, oHloniphekileyo u-Cyril Matamela Ramaphosa, othe waqinisekisa ukuba le Ngqungquthela iqhuba kakuhle kakhulu ngokwemiba ibigwadlwa nangokwamalungiselo wayo.
1.3.    UMongameli uza kuthetha nesizwe ngale Ngqungquthela ye-XV ye-BRICS ibeyimpumelelo kakhulu kunye nangeminye imiba ebalulekileyo.

2.    UTyelelo lwasebuRhulumenteni nguMongameli wase-China 
2.1.    UMzantsi Afrika ubusingathe umsitho woTyelelo lwasebuRhulumenteni ngoHloniphekileyo, uMongameli Xi Jinping wase-People’s Republic of China, ngoLwesibini, umhla wama-22 kweyeThupha 2023 phambi kweNgqungquthela ye-BRICS. Olu Tyelelo lwasebuRhulumenteni beluphawula iminyaka engama-25 yobudlelwano bezozakuzo phakathi kweRiphabhlikhi yoMzantsi Afrika kunye ne-People’s Republic of China.
2.2.    I-People’s Republic of China sithetha nje ililelona lizwe liliqabane elikhulu lezorhwebho noMzantsi Afrika. 
2.3.    I-People’s Republic of China yayikhe yanikela ngezixhobo zezombane ongxamisekileyo ezixabisa imali ezizigidi zeerandi ezili-167 kwaye ukususela ngoko sele inikele ngesibonelelo esisizigidi zeerandi ezingama-500 sokuncedisa kuphuhliso.
2.4.    IKhabhinethi ikwamkele ukutyikitywa kweziVumelwano kunye neeMemorandam zokuQondana ezahlukeneyo phakathi korhulumente woMzantsi Afrika kunye nelizwe lase-People’s Republic of China kwicandelo lezorhwebo, elezamandla kunye nelemfundo ephakamileyo.
2.5.    Phakathi kwezinye izivumelwano ezityikityiweyo, yi-China-Africa Development Fund phakathi kwe-IDC kunye ne-Bank of China. Le Ngxowa-mali iza kunyusa amaphulo otyalo-mali eMzantsi Afrika.
2.6.    IKhabhinethi ikwamkele ukuvulwa kwakhona kwelizwe lase-China ukuba livume ukuba kuthunyelwe inyama yenkomo yoMzantsi Afrika kweliya lizwe, ukongeza kwii-avocado zoMzantsi Afrika ezithunyelwa e-China. La mathuba okuthumela iimveliso zoMzantsi Afrika kweliya lizwe aza kunceda amafama angabavelisi eli lizwe kuquka namafama asakhasayo.
2.7.    UMzantsi Afrika uqhuba iingxoxo ne-BYD, inkampani yase-China eyenza iimoto futhi neyiyeyona nkampani inkulu kwihlabathi ivelisa izithuthi ezihamba ngombane ngeenjongo zokukhangela amathuba okuvulwa komzi-mveliso eMzantsi Afrika. Oku kuza kongeza kumba wokuvulwa komzi-mveliso wakwa-BAIC (enye iinkampani eyenza iimoto yase-China) eMzantsi Afrika.

3.    Amagqabantshintshi ngoQoqosho
3.1.      UPhando lwezeMisebenzi lweKota 

3.1.1.    IKhabhinethi iyazamkela iziphumo zoPhando lwezeMisebenzi lweKota yeSibini ezikhutshwe liZiko lezeeNkcukacha-manani loMzantsi Afrika (i-StatsSA), ezibonise ukunyuka kancinci kwezinga lengqesho lisuka ku-32.9% kwikota yokuqala laya kutsho ku-32.6% kwikota yesibini.
3.1.2.    IKhabhinethi iyayamkela le misebenzi mitsha ingama-154 000 idalwe kwikota yesibini, into leyo ethe yenyusa inani labantu abasebenzayo laya kutsho kwizigidi ezili-16.3. Ngoku zikota zisixhenxe zilandelelana linyuka inani labantu abasebenzayo into leyo isondeza uMzantsi Afrika kwinani labantu ababesebenza phambi kobhubhane we-COVID-19, ababezizigidi ezili.16.4.
3.1.3.    IKhabhinethi ikuqaphele nokuthukuza kwethemba apho lithe laphunguka ngama-131 000 inani labantu abatsha abangasebenziyo laze lenyuka ngama-105 000 inani labantu abatsha abasebenzayo laya kutsho kwizigidi eziyi-5.7
3.2.    UNyuko-maxabiso eeMpahla (i-CPI)
3.2.1.    IKhabhinethi iphinde yazamkela iingxelo ezikhutshwe si-StatsSA sokuba i-CPI yonyaka yehle ngo-4.7% ngeyeKhala 2023, isuka ku-5.4% ngeyeSilimela 2023.
3.2.2.    Izinga lokunyuka kwamaxabiso eempahla ngonyaka ibingu-5.5% ngeyeKhala 2023 lisuka ku-6.3% ngeyeSilimela 2023, ngeli thuba lona izinga lokunyuka kwamaxabiso eenkonzo belingu-4.0% lehle lisuka ku-4.5% kwangeli xesha linye.

4.    I-Agro-Energy Fund yokuxhasa ezolimo namashishini akwicandelo lezolimo.
4.1.    Ngomhla wama-27 kweyeThupha 2023, iSebe lezoLimo, ukuBuyekezwa kweMihlaba noPhuhliso lwamaPhandle, lisebenzisana neBhanki yezeMihlaba, liphehlele i-Agro-Energy Fund enemali eyibhiliyoni yeerandi eyi-1.21 eza kuxhasa icandelo lezolimo kunye namashishini akwicandelo lezolimo ukuba afakele umbane ohlaziyekayo ukuze akwazi ukuqhubeleka evelisa ukutya, iintlobo zokutya ezincedisa ekucoleni ukutya (i-fibre) kunye neziselo.
4.2.    Eli candelo lelinye elisebenzisa umbane kakhulu kwaye libalulekile ekuqinisekiseni ukuba uMzantsi Afrika unokutya okwaneleyo, uyaxhamla kurhwebo namazwe angaphandle, udala imisebenzi, into leyo eyenza ukungenelela kukarhulumente kubaluleke kakhulu kumalinge okuqinisekisa ukuba kukho uzinzo.
4.3.    Le Ngxowa iquka wonke umntu kwaye iza kuxhasa amashishini amafama nokuba mancinci okanye makhulu ngokusebenzisa iiNkxaso-mali eziNtlobo ezaHlukeneyo. IBhanki yezeMihlaba iza kulawula le Ngxowa. Le Ngxowa iza kuncedisa kuyo yonke imisebenzi yezolimo neyamashishini ezolimo esebenzisa umbane kakhulu.

5.    Ukuzalisekiswa kwezindululo zeKhomishini yokuBanjwa koMbuso ngoBhongwane 
5.1.    Iimpahla ezithinjwe liGunyabantu lezoTshutshiso (i-NPA) zixabiso imali ezibhiliyoni zeerandi eziyi-10.2 kule MTEF yalo nyaka, futhi kwezi mpahla ezixabisa iibhiliyoni zeerandi eziyi-2.5 zinxulumene namatyala okuBanjwa koMbuso ngoBhongwane. 
5.2.    IKhabhinethi izivumile yaze yazandlala ePalamente izihlomelo ezisibhozo kwezili-14 ekuthethwe ngazo kwisicwangciso sokuzalisekisa. Uyaqhuba nomsebenzi wokuqinisekisa ukuba abo babephambili kwimikhuba yokubamba umbuso ngobhongwane basiwa kwabasemagunyeni baphendule ngezenzo zabo.
  
6.    Idabi lokulwa ulwaphulo-mthetho, urhwaphilizo nokungena kweli ngokungekho mthethweni
6.1.    IiNkcukacha-manani zoLwaphulo-mthetho zeKota zakutsha nje zibonisa ukuba kuninzi ekufuneka sikwenzile njengesizwe ukulwa esi sihelegu solwaphulo-mthetho. IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kuthi sonke ukuba sibe yinxalenye yeli dabi futhi sisebenzisane ukuze senze amakhaya wethu, iindawo esisebenza kuzo kunye neendawo zikawonke-wonke zikhuseleke kumntu wonke. 
6.2.    IKhabhinethi ikwamkele nokwandiswa kwephulo elihlangeneyo lokulwa ulwaphulo-mthetho, i-“Operation Shanela” liye nakwamanye amaphondo, aquka uMntla Koloni, iMpuma Koloni kunye neKwaZulu-Natal.
6.3.    IKhabhinethi ivile nangokuvunywa kwetyala kunye nokugwetywa kwamadoda amathandathu ebetyholwa ngokubulala udiza-mahlebo owayechasene urhwaphilizo, uNks Babita Deokaran, ngeyeThupha ngowama-2021. Imemelele ii-arhente zogcino-mthetho ukuba ziqhubeleke ziphande zize ziqinisekise ukuba abona ngqondo-ngqondo babangela ukubulawa kweli tshantliziyo baziswa ngaphambili.
6.4.    IKhabhinethi iyiqhwabela izandla indlela ehlangeneyo yokulwa ulwaphulo-mthetho ebikhokelwa liSebe leMicimbi yezeKhaya kutsha nje apha lithe labamba abemi base-Pakistan abangama-67 ebebezama ukungena kweli lizwe ngokungekho mthethweni kwisiKhululo seeNqwelo-moya saMazwe ngaMazwe i-OR Tambo, ngeCawe, umhla we-13 kweyeThupha 2023.

7.    I-Transforming MENtalities Summit yowama-2023
7.1.    Le Transforming MENtalities Summit isanda kuqukunjelwa ibafundise lukhulu abantu abebeyisizimasile abali-1 500, kwiingxoxo zalo ebezityebile kunye neendibano zokugwadla imiba etshisayo ebezenzelwa ukukhuthaza utshintsho kwindlela amadoda nabantwana abangamakhwenkwe abaziphethe ngayo. Le Ngqungquthela ibibanjelwe e-Birchwood Hotel e-OR Tambo Conference Centre, idibanise amaSekela-Ngqonyela eeDyunivesiti, iiNtloko zamaCandelo, iiNqununu kunye nosiHlalo bamaBhunga eeKholeji ze-TVET, amaQumrhu okuXhasa abaFundi kunye nezoBunkokeli, ii-CEO zee-SETA, amaqumrhu eSebe leMfundo ePhakamileyo, ezeNzululwazi noYilo, abo babengamaxhoba, abaqeqeshi abangoontangandini, iingcali zoqulunqo lwemigaqo-nkqubo, kunye nabo baphambili kumaphulo otshintsho, bonke abo bedityaniswa ngumoya wokufuna ukulwa ubuNdlobongela obuSekelwe kwiSini (i-GBV) kwicandelo leMfundo ePhakamileyo noQeqesho (i-PSET).
7.2.    Le Ngqungquthela ibisingathwe yi-HIGHER HEALTH kunye ne-Human Science Research Council (i-HSRC) egameni leSebe leMfundo ePhakamileyo noQeqesho kunye neSebe lezeNzululwazi noYilo. Iinjongo yayo ibikukudibanisa iintloko neenkokeli zeli candelo malunga nokutshintsha iindlela zokucinga kuze kuliwe ezona zinto zingunobangela we-GBV.
7.3.    Ubungqina nolwazi olunzulu bubonisa ukuba indlela aziphethe ngayo amadoda izezinye zezinto ezinguyena nobangela we-GBV futhi le Ngqungquthela iye yahlaba ikhwelo kumadoda kunye nabantwana abangamakhwenkwe ukuba babe yinxalenye yabo baza kuza nesisombululo.
7.4.    Le ngqungquthela icele ukuba kuqeqeshwe abaqeqeshi abangoontangandini abathe chatha kunye namatshantliziyo kuwo onke amaziko emfundo ephakamileyo, ukuze ibe ngawo aphambili kumaphulo okuza notshintsho kwiindlela zokucinga zamadoda, kubanjwe iindibano zocweyo zamadoda rhoqo kuwo onke amaziko emfundo ephakamileyo, kuqukwe izifundo ngezesini eziquka i-GBV, ulingwano ngokwesini, izini ezahlukeneyo kunye nokutshintshwa kwendlela amadoda acinga ngayo njengenxalenye yoluhlu lwezifundo eziza kuhamba nezi zecandelo leMfundo ePhakamileyo noQeqesho (i-PSET).

8.    EzoMbane
8.1.    IKhabhinethi ifumene ingxelo ngezakutsha ngemeko yombane kweli lizwe yaze yaziqaphela nezo zithetha ngokunyuka komthamo wombane okhoyo kweli lizwe.
8.2.    Nangona kwezi zintsuku zimbalwa zidlulileyo sibone ukunyuka kwamanqanaba okucinywa kombane aya kutsho kwinqanaba le-4, imeko kodwa iye yangcono emva kokulungiswa kweeyunithi zokuvelisa umbane, futhi no-Eskom uyaqhubeleka nokuwathoba amanqanaba okucinywa kombane.
8.3.    IKhabhinethi iye yachazelwa ukuba zikhona iindawo ezingenambane ngenxa yokucima kombane hayi ngenxa yokucinywa kwawo unkinkishwa. Oku kucima kombane kwezi ndawo kubangelwa kukusindwa kweziko lombane ngenxa yokuba kukho abawufake ngokungekho mthethweni, ubusela kunye nokonakaliswa kweentambo zokuhambisa umbane. Ezi ndawo zichatshazelwe yile ngxaki ziquka iThembisa, KwaThema, kuKomane, eTaung naseDitsobotla.
8.4.    UMphathiswa wezoMbane kunye neSebe le-COGTA baqalisile ngenkqubo yokufakana imilomo nabantu bezi ndawo zichaphazelekileyo ukuze kuvunyelwane ngamanyathelo aza kuvumela ukuba kulungiswe ezi ntambo zombane zonakeleyo kodwa oku kuhambelana nokupheliswa kokufakwa kombane ngokungekho mthethweni, intsebenziswano noluntu kumalinge okukhusela iintambo nobuxhaka-xhaka bombane, kunye nokubhatalwa kombane.
8.5.    IsiVumelwano soMzantsi Afrika kunye neenkampani zase-China, kwezi zivumelwano bezisanda kutyikitywa kutsha nje, ziza kudlala indima enkulu ekwakhiweni kobuxhaka-xhaka bombane obukwaziyo ukuzilungisa kwangokwawo.

9.    UMthetho oYilwayo wamaGunya ePhondo laseNtshona Koloni
9.1 IKhabhinethi inikwe ingxelo malunga noMthetho oYilwayo wamaGunya ePhondo laseNtshona Koloni oseluyilo onxamnye nomgaqo-siseko.
9.2 Lo Mthetho uYilwayo useluYilo uchasene namasolotya kaShedyuli 4 noShedyuli 5 woMgaqo-siseko acacisa amagunya nemisebenzi kuquka namagunya ekwabelwana ngawo sisigqeba solawulo sephondo nesikaZwelonke.
9.3 IKhabhinethi iqaphele ukuba lo Mthetho uYilwayo useluyilo lilinge lokubuyela kula ndlela yolawulo yobufederali yayithandwa yi-Democratic Party (eyazala i-Democratic Alliance) eneenjongo zokudelela uMzantsi Afrika omanyeneyo noquka wonke umntu.
9.4 Into eqaphelekayo kulo Mthetho uYilwayo we-WC useluyilo kukuba awuyithatheli ngqalelo into yokunganikwa kweenkonzo kwiindawo ezininzi ezihlala abantu abantsundu eziquka iKhayelitsha, Gugulethu, Nyanga, Langa, Cape Flats, Delft, Central Line, phakathi kwezinye. 
9.5 IKhabhinethi igunyazise uMphathiswa wezoBulungisa kunye nowe-COGTA ukuba babambe iingxoxo norhulumente wephondo laseNtshona Koloni besebenzisa iinkqubo ezifanelekileyo zokusombulula iimbambano ezicaciswe kwicandelo 146 loMgaqo-siseko kunye nezinye izikhokelo ezilawula oorhulumente abahlukeneyo.

B.    IziGqibo zeKhabhinethi

1.    Ukwandiswa kwexesha leNtlawulo esisiBonelelo sooNoteksi
1.1.    IKhabhinethi ikuvumile ukwandiswa kwexesha lokubhatalwa kweNtlawulo esisiBonelelo sooNoteksi ngezinye iinyanga ezili-12. Ukwandiswa kweli xesha kuza kunika iSebe lezoThutho ixesha elaneleyo lokunceda oonoteksi abaninzi abangekasifumani isibonelelo sabo. Ukuza kuthi ngoku, ngoonoteksi abangama-88 580 asele besifumene. 
1.2.    Le mali yenzelwe ukunceda oonoteksi, abaqhubi bee-cabs kunye neeteksi ze-e-hailing ababethwaxwe kakhulu ngethuba kuvaliwe ngenxa yesiFo seNtsholongwane ye-Corona, kusetyenziswa le migaqo ibhaliweyo.
2.    IPhepha loGayo-zimvo ngoKhenketho oluPhuhlisayo eMzantsi Afrika
2.1.    IKhabhinethi ivumile ukuba kupapashwe iPhepha loGayo-zimvo ngoKhenketho oluPhuhlisayo eMzantsi Afrika ukuze uluntu luhlomle. Lo mgaqo-nkqubo uzama ukukhuthaza ukhenketho eMzantsi Afrika, uze ususe imiqobo ethintela ukukhula kwezokhenketho.
2.2.    Lo mgaqo-nkqubo uza kukhuthaza ukhenketho emaphandleni nakwiindawo ezingqonge iidolophu ngokuthi ugxininise ekunikweni kwengcaciso ngeemveliso zasemaphandleni nokuzenza zihlale nazo zisemehlweni. Lo mgaqo-nkqubo ukwathetha nangolawulo kwezokhenketho kunye nentsebenziswano; imiba yezokhuselo nokhuseleko; iinguqu; ukwamkela ukusetyenziswa kobuchwepheshe, phakathi kwezinye izinto.
2.3.    Abantu banikwe iintsuku ezingama-90 ukuba bangenise izimvo zabo ngalo mgaqo-nkqubo. Eli Phepha loGaqo-zimvo liyafumaneka kwi-www.tourism.gov.za. 
3.    UMgaqo-nkqubo weSizwe wemiDlalo yeQonga neMidaniso
3.1 IKhabhinethi iwuvumile uMgaqo-nkqubo weSizwe wemiDlalo yeQonga neMidaniso. Lo mgaqo-nkqubo uzama ukulungisa iingxaki yangaphambili yokungalingani, eyayijonga ibala lomntu kunye nokufuma kweepokotho yakhe ukuze akwazi ukuthatha inxaxheba kwimidlalo yeqonga nakwimidaniso.
3.2 Lo mgaqo-nkqubo uneenjongo zokuqulunga umbono kunye nemigaqo-nkqubo evakalayo, izicwangciso-qhinga, amacebo okuwuphumeza kunye nokumisela amaxesha aza kukhokelela kwicandelo lemidlalo yeqonga nemidaniso elinika umdla kuwo olithoba amaphondo, apho amagcisa ezomdaniso nemidlalo yeqonga eza kumela eli ngokuzithemba kweli lizwekazi nakwihlabathi liphela. 

4.    IiNgxelo zokuBeka iLiso kuMaxabiso okuTya okunguNdoqo
4.1 IKhomishini yezoKhuphiswano oko ibiwabeke esweni amaxabiso okutya emva kwemikhutyana ekrokrisayo yokuphekwa kwamaxabiso emva kokubhengezwa kweMeko yeNtlekele ngeyoKwindla yowama-2020. 
4.2 Ukuhlala kwamaxabiso okutya okungundoqo ebekwe esweni kwenzelwa ukuqinisekisa ukuba abathengi bayakwazi ukukuthenga ukutya okufikelelekayo. 
 4.3 Le Khomishoni ivile ngalo mkhuba wokunyuswa kwamaxabiso kakhulu ngokukhawuleza xa iindleko zokuvelisa zinyukile aze athotywe kancinci xa iindleko zokuvelisa zehlile. Iyakhele umkhanyo nengxaki yeevenkile ezinkulu nezokutya ezixinene ndawonye njengesinye sezizathu ezibangela ukuphekwa kwamaxabiso.
4.4 IKhabhinethi iziqaphele iziphakamiso ezenziwe yile Khomishini zamanyathelo ekufuneka athatyathwe aquka nokuphanda eli candelo ukuze kulungiswe le ngxaki lime ngayo eli candelo ikhokelela kumaxabiso aphezulu okutya nokungabikho lukhuphiswano lumandla. 
4.5 IKhabhinethi ivumile ukuba iNtlanganisela yezoQoqosho iqulunqe isicwangciso sokusebenza samaxabiso okutya, ukulwa ukunqongophala kokutya kunye nokufumaneka kokutya.

C.    Izikhundla
Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.

1.    Nks Nosiphiwo Mzamo njengeGosa eliyiNtloko yesiGqeba (i-CEO) ye-State Diamond Trader. 
2.    Mnu Loyiso Tyabashe njenge-CEO ye-South African Nuclear Energy Corporation (uqeshiwe kwakhona). 

3.    Ukuqeshwa kwabalawuli abangengoMalungu esiGqeba soLawulo e-Ports Regulator Board isithuba seminyaka emithathu
3.1 Mnu Aubrey Ngcobo njengoSihlalo
3.2 Nks Lauriette Lynne Sesoko
3.3 Adv. Derrick Jeffrey Block
3.4 Nks Thembela Beryl Taboshe
3.5 Mnu Abdul Qadir Chogle
3.6 Gq Percy Derrick Manzini
3.7 Nks Princess Mangoma 
3.8 Nks Sizakele Makhanya
3.9 Nks Ntebaleng Rolland Setlako
3.10 Nks Marcia Xolisile Mkhari
3.11 Nks Leanda Marsha Mtshali – uqeshiwe kwakhona

4.    Ukuqeswa kwabaLawuli AbangengoMalungu esiGqeba soLawulo be-South African Maritime Safety Authority (i-SAMSA) Board isithuba seminyaka emithathu
4.1 Mnu Mahesh Fakir – uSihlalo
4.2 Mr Tau Morwe – USekela-sihlalo
4.3 Adv Aurelia Nosipho Sobekwa
4.4 Gq Natalie Skeepers 
4.5 Nks Nogolide Feziwe Nojozi
4.6 Mnu Sihle Nguse

D.    Imisitho Ezayo

1.    INyanga yezaMafa
1.1.    INyanga yezaMafa iza kubhiyozelwa phantsi komxholo othi: “Ukuhlonipha iintlobo ezahlukeneyo zenkcubeko kuMzantsi Afrika olawulwa ngokwentando yesininzi”. Abantu bayacelwa ukuba basebenzise iNyanga yezaMafa ngenyanga yoMsintsi bamanye isizwe sakuthi, njengoko siza kube sibhiyozela futhi sihlonipha iintlobo zamafa ezahlukeneyo nezityebileyo zesizwe sakuthi.

2.    INyanga yeeNkonzo zikaRhulumente (i-PSM)
2.1.    Urhulumente uza kube ehlonipha i-PSM phakathi komhla woku-1 nowama-30 kweyoMsintsi 2023. Le nyanga iyasikhumbuza ukuba kuyintoni na ukusebenzela uluntu, futhi isinika ithuba lokuba setyise izinto ezinokwenziwa ngabasebenzi bakarhulumente ukuze benze umahluko notshintsho kwiimpilo zabantu.

3.    IVeki ye-Thusong Service Centre
3.1.    IVeki yoNyaka ye-Thusong Service Centre yalo nyaka iza kubanjwa ukususela ngomhla we-18 ukuya kowama-22 kweyoMsintsi 2023. Abemi boMzantsi Afrika bayamenywa ukuba bafunde ngeentlobo zeenkonzo ezahlukeneyo ezinikezelwa yi-Thusong Service Centre yabo, eliziko elinguntozonke elisondeza ulwazi kunye neenkonzo zikarhulumente kufutshane nabantu.

4.    USuku lweSizwe lwesiKhumbuzo samaPolisa
4.1.    Njengelinge lokuhlonipha amagorha namagorhakazi athi aswelekela emsebenzini, uSuku lweSizwe lwesiKhumbuzo samaPolisa loMbutho wamaPolisa oMzantsi Afrika (i-SAPS) luza kubanjelwa kwiZakhiwo zoMdibaniso ngeCawe, umhla wesi-3 kweyoMsintsi 2023. IFlegi yeSizwe iza kuthotywa ngalo mhla wesikhumbuzo.
E.    Imiyalezo

1.    Amazwi okuvuyisana
IKhabhinethi ithumela amazwi okuvuyisana kunye neminqweno emihle:  

  • kuNks Natasha Joubert, osanda kubekwa njengo-Miss South Africa wowama-2023, njengoko eza kuqalisa umsebenzi wakhe wokuba ngu-Miss South Africa.
  • kuMnu Brad Binder, ophume kwindawo yesibini kwi-Austrian MotoGP.
  • kwi-Springboks ngokubetha i-All Blacks kwaye sibanqwenelela okuhle kodwa kule Ndebe yeHlabathi yoMbhoxo izayo.
  • kwi-India, ngokuba lilizwe lokuqala ukuchophisa isipheke-pheke kufutshane nencam esemazantsi yenyanga.
  • Unyulo lwase-Zimbabwe

IKhabhinethi ibaqhwabela izandla abantu base-Zimbabwe ngokusebenzisa ilungelo labo lombuso olawulwa ngokwentando yesininzi ngokuthi bavote kwaye iyaphinda iyazibophelela ukuba iza kusebenzisana nelizwe lase-Zimbabwe ukwenza lo mmandla kunye neli lizwekazi zibe ngqingqwa. 

2.    Amazwi ovelwano
IKhabhinethi ivakalisa amazwi ovelwano kusapho nezihlobo:

  • zikaMnu Derek Watts (obeneminyaka engama-74), umsasazi kamabonakude (i-TV) obeligqala kunye nentatheli eza kukhunjulwa ngenkqubo yayo ye-TV ethi Carte Blanche kunye nokuzinikela kwakhe kuhlobo lobuntatheli olukhokelisa uphando-nzulu.
  • zikaNks Sylvia Ncediwe Mdunyelwa, imvumi yomculo womngqungqo (i-jazz), umdlali weefilimu, nowayesakusebenza no-Victor Ntoni, amadodana akwaNgcukana, u-Winston Mankunku, Nick Carter no-Merton Barrow.
  • Intsapho nezihlobo zabantu abangama-64 abathi basweleka kwisakhiwo esitshileyo e-Marshaltown, eRhawutini.


Imibuzo - Nks Nomonde Mnukwa – isiThethi seKhabhinethi esiliBambela
Iselula: 083 653 7485

Share this page

Similar categories to explore