INgxelo engeNtlanganiso yeKhabhinethi ebibanjwe ngoLwesithathu, umhla wama-15 kweyoMdumba 2023

A. Imiba enguNdaba-mlonyeni

1. INtetho engoBume beSizwe (i-SoNA)

1.1. IKhabhinethi isigxininisile isicelo esenziwe nguMongameli Cyril Ramaphosa kwiNtetho yakhe engoBume beSizwe yowama-2023 sokuba abemi boMzantsi Afrika basebenze ngokubambisana futhi kungashiywa namnye ngasemva xa kusiliwa ezi ngxaki sijamelene nazo.

1.2. La manyathelo angqingqwa kaMongameli akhokelisa umba wezamandla phambili kwisicwangciso sokusebenza sikarhulumente salo nyaka ukuze iliwe iphele tu ingxaki kacimi-cimi wombane size isizwe sibe necandelo lombane elizinzileyo.

1.3. IKhabhinethi ibongoze onke amacandelo esizwe ukuba axhase la malinge andlalwe nguMongameli kwi-SoNA, malinge lawo aza kunceda kwimizamo yethu yokuphungula inani labantu abangasebenziyo kunye neendleko zokuthenga izinto ezisisiseko zokuziphilisa, ukulwa indlala, ulwaphulo-mthetho kunye norhwaphilizo.

1.4. Urhulumente uzimisele ukukhawulezisa lo msebenzi sele uqhuba ukuze konyuswe umthamo wombane esinawo ngolo hlobo kususwe nayo yonke imiqobo eyenza ukuba singasebenzi kakuhle.

1.5. Kwezi veki zimbalwa zizayo, iintlanganisela zamasebe ziza kubamba iindibano noonondaba apho ziza kunika iinkcukacha ezithe vetshe malunga neNkqubo yokuSebenza (i-PoA) karhulumente yalo nyaka siya kuwo, njengoko ibinyathelwe nguMongameli Ramaphosa kwi-SoNA. Intetho yoHlahlo Lwabiwo-mali lwesizwe eza kwenziwa ngoLwesithathu, umhla wama-22 kweyoMdumba 2023 iza kunika iinkcukacha ezityebileyo nge-PoA karhulumente.

2. INkomfa Yezemigodi Yelizwekazi i-Afrika yowama-2023

2.1. IKhabhinethi ivile ngeziphumo zeNkomfa Yezemigodi Yelizwekazi i-Afrika ebibanjelwe e-International Convention Centre eKapa ukususela ngomhla wesi-6 ukuya kowesi-9 kweyoMdumba 2023 phantsi komxholo othi: Ukuvula amaThuba oTyalo-mali kwimiGodi yase-Afrika: Uzinzo, uKhuseleko nokuThengiselana”.

2.2. Le Nkomfa Yezemigodi Yelizwekazi i-Afrika ibidibanise oosomashishini beli candelo abaphuma kulo lonke eli lizwekazi kunye nehlabathi, yaze yangqinisisa ukuba ngenene yinkomfa yotyalo-mali kwezemigodi ekudidi oluphezulu kweli lizwekazi. Imigodi isadlala indima enkulu kuphuhliso nokwakhiwa kwemizi-mveliso kweli lizwekazi. Ilicandelo elidala futhi neligcina imisebenzi, kangangokuba abantu abasebenza ngqo kweli candelo baphantse bafike kwisiqingatha sesigidi baze abo basebenza namanye amacandelo asebenzisana nalo nabo babe malunga nesigidi apha eMzantsi Afrika.

2.3. Kulo nyaka uphelileyo imveliso yemigodi apha eMzantsi Afrika ifikelele kwiqondo engazange yafikelela kulo eliyitriliyoni yeerandi eyi-1.18, ngolo hlobo lenyuse isambuku semveliso yelizwe yonyaka (i-GDP), iimpahla ezithunyelwa kumazwe angaphandle kunye nengeniso. IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kuwo onke amahlakani eli candelo ukuba aqhubeleke esebenzisana norhulumente ukuze eli candelo lihlale lilicandelo elingumakhwekhwetha okwaziyo ukumelana nokhuphiswano kwihlabathi elinceda kuhlumo loqoqosho, elidala imisebenzi kunye neliqhuba uphuhliso oluzinzileyo.

3. Izikhukhula 

3.1. IKhabhinethi ithumele amazwi ovelwano kwiintsapho zabo bathe basweleka kwizikhukhula zakutsha nje ezenze umonakalo omkhulu ebezithwaxe iindawo ezithile kweli lizwe lakuthi.

3.2. Sibamba ngazibini kwabo becandelo leenkonzo zikaxakeka nohlangulo mbombo zone zeli abasebenze imini nobusuku benceda abantu. Masifunquke sisonke sisisizwe sincede abo basezingxakini bafuna inkxaso nokunakekelwa. 

3.3. IKhabhinethi ibongoza abantu ukuba bahlale ezindlini xa kunetha iimvula ezinkulu kukho nezichotho, yaze futhi yakhumbuza nabo banezindlu ezikufutshane nemilambo kunye nemijelo yamanzi ukuba bahlale belumkile. 

3.4. Abantu bayacetyiswa ukuba bangahambi, badade okanye bawele ngezithuthi amanzi esikhukhula alwatyuzayo okanye bawele iindlela, iibhulorho kunye nemilambo egcweleyo. IKhabhinethi ibongoza uluntu ukuba luqinisekise ukuba abantwana abakho mngciphekweni wokumka namanzi ngethuba lezikhukhula. 

4. Ubundlobongela obenziwa ngemipu 

4.1. IKhabhinethi ithi akuhlanga lungehliyo kusapho kunye nezihlobo zemvumi yomculo we-hip-hop uMnu Kiernan Forbes, obedume ngelokuba ngu-AKA, kunye nembalasane eyingcali yezokupheka, uMnu Tebello Motsoane, abadutyulwe eThekwini basweleka kwezi ntsukwana zimbalwa zidlulileyo.

4.2. IKhabhinethi ithi tutwini nakusapho kunye nezihlobo zetshantliziyo elalichasene nolwaphulo-mthetho uMnu Ayob Mungalee, naye ebesanda kudutyulwa abulawe e-Eldorado Park eRhawutini. Ebengumlawuli kazwelonke we-People Seeking Justice Action Group, umbutho ubukhuthaza uluntu ukuba luzimele ngokwalo lulwe ingxaki yamaqela emigulukudu nokuthengiswa kweziyobisi.

4.3. IKhabhinethi ithi mazilale ngenxeba iintsapho kunye nezihlobo zabo babulewe ngethuba kudutyulwana eNtshona Koloni, KwaZulu-Natal naseMpuma Koloni. Le ntlungu yokubulawa ngolunya kwabantu, esaphandwayo sithetha nje zi-arhente zogcino-mthetho, ibonisa ukuba ubundlobongela obuqhutywa ngemipu buthathe unyawo kunye nomonakalo owenzekayo kubantu bakuthi.

4.4. IKhabhinethi ithembisa abemi boMzantsi Afrika ukuba uMbutho wamaPolisa oMzantsi Afrika (i-SAPS) uxhotyiswe ngezakhono ukuze ukwazi ukulwa ulwaphulo-mthetho. Oku kuquka ukuba namapolisa amaninzi ezitalatweni ukuseka amabutho azingcali zolwaphulo-mthetho aza kujongana neentlobo ezithile zolwaphulo-mthetho. UMzantsi Afrika uza kulandela iinkqubo ezikhokelisa phambili iinkcukacha eziphandisisiweyo ngendlela ephucukileyo ukuze kukhangelwe kuze kugxininiswe kwiindawo ezidume ngolwaphulo-mthetho.

4.5. I-SAPS iwenza ngqingqwa amaphulo wayo okuzingela nokuthatha imipu neembumbulu ezingekho mthethweni kwizaphuli-mthetho. Kwezi nyanga zili-12 zidlulileyo amapolisa sele ethathe aze atshabalalisa imipu ibisebantwini engama-65 519.

4.6. Urhulumente ucela bonke abemi kunye nemibutho yoluntu ukuba basebenzisane ne-SAPS kuliwe ulwaphulo-mthetho ekuhlaleni. Ukuba unolwazi olunokunceda kudizwe abantu abaphula umthetho, tsalela abakwa-Crime Stop kule nombolo: 0800 10111.

5. UMasipala weNgingqi wase-Enoch Mgijima (i-EMLM)

5.1. UMphathiswa woLawulo lweNtsebenziswano neMicimbi yeMveli uNkosazana Dlamini Zuma kunye noMphathiswa wezeMali u-Enoch Godongwana bayinike amagqabantshintshi iKhabhinethi ngeendibano zokufakana imilomo ebezibanjwe namahlakani aphambili e-EMLM.

5.2. NgekaTshazimpunzi 2022, iKhabhinethi yasamkela isigqibo sokungenelela e-EMLM kulandelwa iCandelo 139(7) loMgaqo-siseko weRiphabhlikhi yoMzantsi Afrika wowama-1996, elifundwa kunye neCandelo 150 loMthetho woLawulo lweziMali zikaMasipala, wowama-2003 (uMthetho 56 wowama-2003). Bekusele kulithuba i-EMLM ineengxaki zezimali nezokungahanjiswa kweenkonzo phambi kokuba kungenelelwe.

5.3. IKhabhinethi itshilo ukuba iyayiqonda into yokuba ibalulekile ngenene le miba iphakanyiswa ngamahlakani yaze yaqinisekisa abahlali base-EMLM ukuba isigqibo ngamanyathelo aza kuthathwa ngezi ngxaki bajamelene nazo siza kubhengezwa kungeentsuku zatywala. 

6. Ukhuseleko ezikolweni 

6.1. Ukhuseleko ezikolweni eMzantsi Afrika lusengumba okhokheliswa phambili ngulo rhulumente kwaye iingxelo zobundlobongela obuphakathi kwabafundi nootitshala ziyaxhalabisa kakhulu.

6.2. Nangona iSebe leMfundo esiSiseko lithathe amanyathelo okulwa lo mkhuba, luxanduva lwabazali nabagcini-bantwana ukusebenzisana namagosa esikolo kunye nabafundi ukuze kuqinisekiswe ukuba izikolo zihlala zizindawo ezikhuselekileyo apho abafundi beza kukwazi ukufunda bakhule babe ngabemi abangumzekelo. Ukhuseleko lootitshala ezikolweni nalo lubaluleke kakhulu. 

7. Ukhuseleko ezindleleni

7.1. IKhabhinethi inxubile yinyhikityha eyenzeka ezindleleni zezwe lakuthi. Urhulumente uza kuqulunqa imithetho emitsha enokuncedisa kweli dabi lokulwa iingozi zezigadla ezindleleni, imithetho leyo iza kuquka ukuba kuyekwe ukuhanjiswa kwemithwalo emikhulu ezindleleni endaweni yoko ihanjiswe ngoololiwe, ngethemba lokuba oku kuza kuphungulwa imithwalo ehanjiswa zizigadla ezikhulu ezindleleni.

7.2. IKhabhinethi icela bonke abantu abasebenzisa indlela ukuba bathobele imithetho yendlela ngokuthi bahlale bevule amehlo, bacingelane futhi babe nomonde. Iingozi ezininzi ezindleleni zibangelwa ngabaqhubi abasele iziselo ezinxilisayo okanye abasebenzise iziyobisi kwakunye nabo baqhuba kakubi nangokungakhathali, kuquka ababalekisa ngesantya esigqithileyo kumlinganiselo.

B. ImiThetho eYilwayo

1. UMthetho oYilwayo weZibuko elinguNtozonke (i-OSBP) wowama-2022

1.1. IKhabhinethi iwuphumezile uMthetho oYilwayo we-OSBP ukuba uluntu luhlomle kuwo. Lo Mthetho uYilwayo ulandela emva kokuvunywa koMgaqo-nkqubo we-OSBP kunye nesicwangciso sokuwufezekisa ngeyoKwindla 2022. Ifuna ukuba ihambe lula inkqubo yokunqumla kweempahla kunye nabantu kwimida esemhlabeni yoMzantsi Afrika besingise okanye bebuya kumazwe angabamelwane.

1.2. Oku kuza kuphungula le ngxaki yokugcwala kakhulu ngabahambi nabarhwebi kumazibuko asemhlabeni okungena kweli. La manyathelo okungenelela akwabalulekile kumalinge eli lizwe okuqinisekisa ukuba siyimpumelelo isiVumelwano soMmandla weliZwekazi i-Afrika ongaHlawulisana iRhafu yoRhwebo (i-AfCFTA).

1.3. Izivumelwano ekucingwa ukuba ziza kutyikitywa ngenxa yalo Mthetho uYilwayo ziza kuqinisekisa ukuba ayinamagingxi-gingxi futhi iyakhawuleza inkqubo yokuhlolwa kujongwa ubucukubhede obufunekayo xa iimpahla, izithuthi kunye nabantu bengena kweli. Lo Mthetho uYilwayo uhambelana nezivumelwano zamazwe ehlabathi ezinxulumene nokuqhuba urhwebo, ukuhamba-hamba kwabantu kunye nokuthuthwa kweempahla. 

2. UMthetho oYilwayo weSazisi noBhaliso lweSizwe wowama-2022 

2.1. IKhabhinethi iwuvumile uMthetho oYilwayo weSazisi noBhaliso lweSizwe wowama-2022 ukuba upapashwe ukuze uluntu luhlomle kuwo. Lo Mthetho uYilwayo uzalisekisa uMgaqo-nkqubo woLawulo lweSazisi esiseSikweni kwaye uzama nokuba kubekho inkqubo enye, equka konke nehlanganeyo yedijithali yesazisi sesizwe yomntu wonke ohlala okanye owayehlala kweli lizwe. 

2.2. Lo Mthetho uYilwayo ungekaqukunjelwa uza kunika iinkcaza ngendlela yokuqulunqwa kunye nokugcinwa kweregista yabemi beli kunye nabo banesazisi sokuba ngabemi abasisigxina. Ukwakhululela ukuba kuvulwe umthombo oneenkcukacha zezazisi zabantu abathile abangabemi bangaphandle abahlala kweli okwethutyana. Ukwavumela nokuba kubekho iNkqubo yeSazisi seSizwe (i-NIS) esebenza ngemizobo yeminwe eza kwenza ukuba zonke iinkcukacha zomntu zivele kwikhasi le-intanethi elinye kwirejista yabemi kunye novimba wezazisi. 

2.3. I-NIS iza kukwazi ukunxibelelelana nobunye ubuxhaka-xhaka bezazisi obusetyenziswa ngurhulumente kunye neenkampani zabucala.

2.4. UMthetho oYilwayo we-OSBP kunye noMthetho oYilwayo weSazisi noBhaliso lweSizwe wowama-2022 yomibini iza kupapashwa kule iwebhusayithi yeSebe leMicimbi yezeKhaya: www.dha.gov.za. Abantu bayacelwa ukuba bangenise izimvo zabo ezibhaliweyo kule dilesi: The Director-General of Home Affairs, Private Bag X114,Pretoria,0001. Umnxeba: 012 406 4353.

C. Imisitho ezayo

1. INgqungquthela yeMbumba ye-Afrika (i-AU)

1.1. UMongameli Cyril Ramaphosa uza kuzimasa iSeshoni yesiQhelo yama-36 yeNdibano yeeNtloko zemiBuso nooRhulumente ye-AU eza kubanjwa ngomhla we-18 nowe-19 kweyoMdumba e-Addis Ababa, e-Ethiopia.

1.2. INdibano ye-AU, eza kubanjwa phantsi komxholo othi: “Ukukhawuleziswa kwenkqubo yokuzalisekiswa kwe-AfCFTA”, iza kubanjwa emva kweSeshoni yesiQhelo yama-42 yeBhunga lesiGqeba yona eza kuqala ngomhla we-15 ize iphele ngowe-16 kweyoMdumba 2023. IiNtloko zemiBuso nooRhulumente ze-AU ziza kusebenzisa lo mxholo ukubonisa ukuzibophelela kwazo kumba wokuzalisekiswa ngokugcweleyo kwe-AfCFTA.

2. UTyelelo lwasebuRhulumenteni lukaMongameli wase-Uganda

2.1. OHloniphekileyo uMongameli Yoweri Kaguta Museveni wase-Uganda uza kubamba utyelelo lwaseburhulumenteni oluza eMzantsi Afrika ngoLwesibini, umhla wama-28 kweyoMdumba 2023. Olu tyelelo ulwenza kuba emenywe ngugxa wakhe, uMongameli Ramaphosa. Injongo yolu Tyelelo lwasebuRhulumenteni kukuqinisa ubudlelwane phakathi kwala mazwe mabini. Luza kuqukunjelwa ngeNdibano yezoShishino yona eza kugwadla imiba enxulumene nezivumelwano zorhwebo notyalo-mali phakathi kwala mazwe mabini. 

3. I-SADC Media Awards  zowama-2023

3.1. IKhabhinethi ikhumbuza onke amajelo eendaba ukuba ithuba lokungeniswa kwamagama aza kungenela kwi-2023 SADC Media Awards, eliza kuvalwa ngoLwesibini, umhla wama-28 kweyoMdumba 2023, livulelekile kuzo zonke iintatheli eziphuma kumazwe angamalungu oMbutho woPhuhliso lwaMazwe aseMazantsi e-Afrika (i-SADC).

3.2. I-SADC Media Awards zezokuhlonipha umsebenzi wezobuntatheli ophume izandla, kwicandelo lamaphepha-ndaba, elezokufota, elikamabonakude kunye nelikanomathotholo kwezokusasazwa kolwazi kummandla we-SADC ngeenjongo zokuxhasa intsebenziswano nokukhuthaza ubumbano kulo mmandla

D. Amazwi okuvuyisana

1. IKhabhinethi ithi huntshu:
• kuNomcebo Zikode, Zakes Bantwini kunye no-Wouter Kellerman ngokuphumelela imbasa yokubalasela kumculo wehlabathi ngengoma yabo ethi, Bayethe, kumsitho wama-65 we-Annual Grammy Awards. 

E. Amazwi ovelwano 

IKhabhinethi ithi akuhlanga lungehliyo kusapho kunye nezihlobo:
• zabantu abasweleke kutsha nje ngethuba ibhasi kunye nemoto ethutha imali zingqubana ngokweenkunzi zegusha kuhola wendlela u-N1 eLimpopo. IKhabhinethi inqwenelela abo bathe bafumana umonzakalo ukuba bachache ngokukhawuleza. 
• zikaJohn Moeti (obeneminyaka engama-56), owasakuba ngumdlali weBafana Bafana kunye ne-Orlando Pirates, owadlala indima enkulu kwiqela elaphumelela i-African Cup of Nations yowe-1996.
• IKhabhinethi iyangqukruleka sisithwakumbe esehlele urhulumente kunye nabantu base-Türkiye nase-Syria sokusweleka kwabantu abaninzi kunye nomonakalo ongathethekiyo kwiziseko ezingundoqo zezentlalo nezoqoqosho emva kwenyikima embi kakhulu ngomhla wesi-6 kweyoMdumba 2023 ebilinganiselwe ku-7.8 kwi-Richter Scale. Siza kuzibeka emithandazweni iintsapho eziphantsi kwelifu elimnyama okanye ezisakhangela izihlobo zazo. IKhabhinethi ibamba ngazibini kwimibutho yesisa yoMzantsi Afrika nayo eyokuncedisa kweliya lizwe isabela kwikhwelo lamazwe ehlabathi. IKhabhinethi iliqhwabela izandla icandelo le-K-9 loMbutho wamaPolisa oMzantsi Afrika (i-SAPS), umsebenzi walo wobugorha owenze ukuba likwazi ukuhlangula inkondekazi eneminyaka engama-80 ebicinezelwe phantsi kobugoxo iintsuku ezisibhozo zonke e-Türkiye.

F. Izikhundla

Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo

1. UNks Azola Mayekiso njengeGosa eliyiNtloko yesiGqeba (i-CEO) ye-National Housing Finance Corporation. 
2. UMnu Lucas Thabiso Thiti njengeSekela-Mlawuli-Jikelele (i-DDG): ICandelo loPhuhliso lweZiko kwiSebe lezoBulungisa noPhuhliso loMgaqo-siseko.
3. UNks Boitumelo Mosako njenge-CEO ye-Development Bank of Southern Africa. 
4. UMnu Kabelo Rikhotso njengoMlawuli wesiGqeba weBhodi ye-Public Investment Corporation. 
5. UMnu Matsemela Moloi njengoNobhala oMkhulu we-Road Traffic Infringement Agency.
6. U-Adv Sonwabile Mancotywa njengoMlawuli ongeyonxalenye yesiGqeba soLawulo kunye noSihlalo weBhodi we-Cross-Border Road Transport Agency. 

Imibuzo: uMnu Michael Currin – IsiThethi seKhabhinethi esiliBambela
Iselula: 082 462 7896

Share this page

Similar categories to explore